INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-4 kweyeNkanga 2015

1. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iyayamkela iprojekthi yokulinga yoPhuhliso lwamaMashishini exabisa izigidi zeerandi ezingama-R20. Le nkqubo yokulinga yeminyaka emibini igxile ekuvuseleleni iipaka zoshishino zaseMzantsi Afrika, iseke iziko lezoshishino elikhethekileyo ize ixhase ukudityaniswa kophuhliso lwezoqoqosho lasekhaya khona ukuze komelele icandelo lamashishini amancinci.

Le projekthi iyintsebenziswano namasebe orhwebo noshishino, uphuhliso lwamashishini amancinci, uNondyebo weSizwe, kunye nesiBonelelo sabaMivuzo iPhantsi seBhanki yezoPhuhliso yase-Afrika. Le projekthi izimisele ukwenza igalelo ekudaleni imisebenzi, inciphise indlala kuluntu oluhlelelekileyo, ize iphucule ukufikelela kubuchwephetshe nezakhono kumashishini amancinci, aphakathi naphuhlileyo (ii-SMME).

Eli phulo liza kunikezela ngenkxaso kwicandelo le-SMME kude kube yinyanga yoMnga yowama-2017. Ngokuxhomekeke kwimpumelelo yayo, urhulumente uza kuyifezekisa kweli lizwe jikelele.

1.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukumiselwa kweZiko leMisebenzi eDibeneyo nguMongameli eSkukuza. Eli ziko liza kuququzelela imisebenzi yokulwa umkhuba wokuzingelwa kwemikhombe ngokungekhomthethweni kula mmandla.

2. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. IKhabhinethi iyawamkela uMgaqo-nkqubo wezoShishino wabaNtsundu, noyinxalenye yesiCwangciso sokuSebenza koMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP). Lo mgaqo-nkqubo uhambisana nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) nesiCwangciso esiManqaku aliThoba nesibhengezwe nguMongameli uZuma kwiNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yowama-2015.

Ikwayinxalenye yephulo likarhulumente elibanzi lokuvelisa imizi-mveliso ukwandisa isiseko sezoshishino nokufaka ifuthe lamandla lamashishini amancinci amatsha kwezoqoqosho. Oku kufuna ungenelelo lomgaqo-nkqubo eliluqilima kwicala likarhulumente ekwandiseni isiseko sezoshishino seli lizwe nokukhulisa uqoqosho ngokuzinikela ekuxhaseni osomashishini abaNtsundu njengoko kukhankanyiwe kwi-IPAP.

Lo mgaqo-nkqubo uza kugxila kuhlumo nokukwazi ukukhuphisana nehlabathi kwamashishini wabaNtsundu. Injongo kukwenza igalelo ekuguquleni ukugquba kohlobo oluthile lwabantu kwicandelo lezoshishino laseMzantsi Afrika nokubandakanya oosomashishini abaNtsundu, nabathathwa njengemithombo engenakusetyenziswa ngokwaneleyo kwimisebenzi, kwingeniso, irhafu nokuvelisa izinto ezintsha. Lo mgaqo-nkqubo uza kwenza ukuba ukuthatha inxaxheba kwamashishini wabaNtsundu neenkampani ezilawulwa ngabo kukwazi ukuba nentsingiselo ebonakalayo kuthotho lwemisebenzi eyenza ukuba imveliso ibe nexabiso kwicandelo loshishino kwezoqoqosho.

UMphathiswa wezoRhwebo noShishino uza kubamba indibano eyahlukileyo noonondaba ukucacisa lo mgaqo-nkqubo.

2.2. IKhabhinethi iyamnkele iNgxelo yesiThathu yeSizwe yoMzantsi Afrika ekufezekisweni koYilo lweSivumelwano sase-Cartagena ngoKhuseleko lweziLwanyana neziTyalo, ukuba inikezelwe kwiCandelo looNobhala leSivumelwano esingokwaHlukana ngokwaseNdalweni kweziLwanyana neziTyalo.

Olu yilo lwesivumelwano lulawula ukuhamba kweziDalwa eziPhilayo eziGuquliweyo, zikwabizwa ngokuba ziziDalwa eziGuqulwe ngokweMfuzo okwenzeke ngobuchwepheshe benzululwazi yezilwanyana nezityalo, ukusuka kwelinye ilizwe ukuya kwelinye.

UMzantsi Afrika lilizwe lesithoba ngobukhulu ehlabathini ekuveliseni izityalo eziguqulwe ngokwemfuzo kwaye ukwanguvulindlela wokwamkelwa kwezityalo eziguqulwe ngokwemfuzo.  Oku kuyahambela neCandelo lama-24 loMgaqo-siseko, nexhasa ukusetyenziswa okuzinzileyo kwezityalo ezahlukahlukeneyo.

2.3. IKhabhinethi iyakwamkela ukuthembisa kokuqala koMzantsi Afrika ngokunikezela kwawo ngeenkonzo zawo ngokwemimiselo yesigqibo seNgqungquthela yabaPhathiswa ye-9 yoMbutho wezoRhwebo weHlabathi (i-WTO) sokuba nedolo kwimpatho yamaZwe aPhuhle kaNcinci (ii-LDC) 

UMzantsi Afrika uzinikele ekufezekiseni isivumelwano se-WTO, esibonelela ngenkxaso enedolo kwii-LDC. Kumazwe angama-34 acwangciswe njengee-LDC, angama-25 ngawase-Afrika. Isithembiso sokuqala sokunikela ngeenkonzo koMzantsi Afrika iza kuba ziinkonzo kwezezimali, kunxibelelwano lwezeminxeba, ukhenketho necandelo lezothutho. Isinikezelo esinjalo siyinxalenye yokwenza kube lula ukufikelela kwiinkonzo zorhwebo nabaniki-zinkonzo kurhwebo lwee-LDC.

2.4. IKhabhinethi iyalwamkela uhlaziyo lwemivuzo oluyi-5.5% uhlenganhlengiso lweendleko zokuphila eziza kuhlawulwa amalungu weKhomishini yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika (i-SAHRC) ukususela ngomhla wo-1 kuTshazimpunzi. Oku kuhambelana neCandelo 9(1) loMthetho we-SAHRC, wama-2013 (uMthetho 40 wama-2013).

2.5. IKhabhinethi iyakwamkela ukunikezelwa kweNgxelo yeSibini efakwa ngamaXesha yoMzantsi Afrika phantsi koMqulu we-Afrika engamaLungelo oLuntu naBantu kunye neNgxelo yasekuQaleni phantsi koYilo lweSivumelwano loMqulu we-Afrika ongamalungelo wabaseTyhini e-Afrika.

Ingxelo kwiKhomishini yeMbumba yamaZwe ase-Afrika (i-AU) luvavanyo lokuphumelela nemingeni yokunika intsingiselo kumalungelo wabemi, wezopolitiko, wezentlalo noqoqosho nawenkcubeko. Oku kuhambelana nokuba uMzantsi Afrika uyinxalenye yeSivumelwano se-AU soMqulu we-Afrika ngamaLungelo woLuntu naBantu ongamaLungelo wabaseTyhini base-Afrika.

2.6. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphunyezwa komthetho omtsha omalunga neLesotho oza kuqalisa ngomhla wo-1 kweyoMdumba yowama-2016. Oku kulandela umthetho ofana nalo owawuqulunqelwe abemi baseZimbabwe ngowama-2010, nolwathi emva koko lwandiswa.

Lo mthetho uza kunceda kwindlela engcono  yokuphatha abasebenzi abangabemi baseLesotho abeza eMzantsi Afrika bengangeni kweli ngokwemithetho ekhoyo yezofuduko.

UMphathiswa weMicimbi yezeKhaya uza kunikezela ngeenkcukhacha ezithe vetshe kwintlanganiso noonondaba ekuhambeni kwethuba.

2.7. UMphathiswa wezeZimali unike iKhabhinethi nje amabalengwe ngokufezekiswa koMthetho-sihlomelo weMithetho yeRhafu yowama-2013 nowama-2014 oza kuqalisa ngomhla wo-1 kweyoKwindla yowama-2016. Olu hlengehlengiso lujolise ekwenzeni ugqinelwano nokwenza ibe lula imithetho yokutsalwa kwerhafu kwimali yomhlala-phantsi neyezibonelelo. Ukwandisa izibonelelo zerhafu ukuba iquke namalungu weprovidenti kuza kuvumeleka abasebenzi abangaphezulu kwesigidi ukuba baxhamle umvuzo ophezulu abaza kugoduka nawo.

Oku kuza kuthintela nemikhwa yokuphepha ukuhlawula irhafu ngabo bamkela imivuzo ephezulu eyokufikelela kuma-27.5% yomvuzo ubuninzi okanye umvuzo okufanele kutsalwe irhafu kuwo ode uyokufikelela kuma-R350 000.

UMphathiswa ukwanike iKhabhinethi amabalengwe ngemigomo yokunikwa komntu imali ngonyaka kuyo yonke imali yakhe yomhlala-phantsi, apho ezo zibonelelo zivela ekutsalweni kwerhafu kufanele zenze ukuba inxalenye yemali abayongileyo kumhlala-phantsi bayinikwe ngonyaka.

Olu hlengahlengiso luyafezekiswa emva kofakwano-mlomo olube nzulu nabo bonke abadlali-ndima ababalulekileyo kwabangaphakathi nabangaphandle kweBhunga loPhuhliso lwezoQoqosho naBasebenzi (i-Nedlac), phakathi kweentlanganiso ezingama-33 ubuncinane ezibanjwe nabasebenzi nabezoshishino ukususela ngowama-2012. Isininzi sabadlali-ndima ababalulekileyo sibonakalise inkxaso yaso epheleleyo ngokuqhuba nale nkqubo yohlengahlengiso ngomhla wo-1 kweyoKwindla ngowama-2016.

3. IMithetho eYilwayo

3.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukunikezelwa koMthetho oYilwayo wezoSasazo wama-2015 ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho wezoSasazo, we-1999 (uMthetho 4 we-1999) ngendlela yokuphuhlisa nokufezekisa ulawulo lwenkqubo yoshishino eqinisekisa uzinzo lwexesha elide nozinzo leZiko loSasazo laseMzantsi Afrika (i-SABC).

Urhulumente uzinikele kwiziko losasazo loluntu elomeleleyo, elizimeleyo nelisemxholweni, nelikwaziyo ukuphendula licacise kumnini-zabelo, kuluntu nePalamente.

Amandla okufezekisa igunya lalo luxhomekeke ekusebenzeni okugqibeleleyo kweBhodi ye-SABC ngokunikela ubunkokheli bobuchule kwiziko losasazo loluntu.

3.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukungeniswa koMthetho oYilwa we-Inshorensi wama-2015 ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo ubonelela ngenkqubo-sikhokelo edibeneyo yokongamela ngobulumko icandelo le-inshorensi oluhambelana nomngangatho wezizwe ngezizwe kulawulo lwe-inshorensi. Lo Mthetho uYilwayo uxhobisa ulawulo lomngcipheko okhoyo ngoku, iimfuno zobutyebi nolawulo. Ithatha indawo ize idibanise inxalenye enkulu yoMthetho we-Inshorensi yeXesha eLide, we-1998 (uMthetho 52 we-1998) noMthetho we-Inshorensi yeXesha eliFutshane, we-1998 (uMthetho 53 we-1998) ebandakanya ukongamela ngobulumko.

3.3. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa koYilo loMthetho oYilwayo wokuHlola uKombiwa kweMigodi nezeZimali e-Afrika kwiPhephandaba likaRhulumente, ukuze uluntu luhlomle ngawo. Lo Mthetho uYilwayo useka iQumrhu lokuHlola uKombiwa kwiMigodi nezeZimali e-Afrika ngomthetho. Ukwacacisa nesigunyaziso sawo nenjongo zobuchule. Womeleza ulawulo nokubekwa esweni kweli qumrhu.

3.4. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa koMthetho-sihlomelo wokuBhengeza okuKhuselweyo wama-2015 ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo unabisa ukusebenza koMthetho wokuBhengeza okuKhuselweyo, wama-2000 (uMthetho 26 wama-2000) ngaphaya kobudlelwane besiqhelo phakathi kwabaqeshi nabasebenzi.

Ezi zihlomelo zilawula uxanduva olusemthethweni oludibeneyo, zivelisa uxanduva lokuphanda ukubhengeza, zibonelela ngoxolelo kuxanduva lwembambano nololwaphuli-mthetho phantsi kweemeko ezithile nokubhengezwa kobuxoki obenziwe ngabom okokuba mabubonakale bululwaphulo-mthetho.

Lo Mthetho uYilwayo unegalelo lokubonisa isibophelelo sikarhulumente sokulwa ubuqhetseba norhwaphilizo ngokuqinisa ukhuseleko loontamnani.

3.5. IKhabhinethi ikwamkele ukuveliswa koMthetho-sihlomelo woLawulo lokuGweba ukoPhulwa koMthetho weNdlela wama-2015 ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo uhlomela uMthetho woLawulo lokuGweba ukoPhulwa koMthetho weNdlela, we-1998 (uMthetho 46 we-1998).

3.6. Lo Mthetho uYilwayo uza kuncedisa i-Arhente yokoPhulwa koMthetho wezeNdlela kwaye ugunyaziwe wokukhutshwa kwesohlwayo kufanele azinze kwezezimali, kwaye ukwavelisa ubuchule ekukhupheleni abophuli balo mthetho izaziso.

4. Imisitho ezayo       

4.1. UMongameli uZuma uza kuya kwiNgqungquthela yamazwe e-G20 ngomhla we-15 nowe-16 kweyeNkanga yowama-2015 e-Antalya, e-Turkey, apho kuza kugxilwa kuhlumo oluquka konke noludlamkileyo ngamanyathelo adibeneyo.

Iinkokheli kule ntlanganiso ziza kuxoxa ukuquka konke, ukufezekisa notyalo-mali ukuze kuzuzwe uhlumo olomeleleyo, oluzinzileyo nolulinganisiweyo kwinqanaba lehlabathi.

4.2. UMongameli uZuma uza kuya kuTyelelo lasebuRhulumenteni e-Berlin, eGermany ngomhla we-10 kweyeNkanga yowama-2015, apho uza kuba esindlekwa ngu-Chancellor Angela Merkel. UMongameli uza kuya kwenza notyelelo lwembeko kuMongameli u-Joachim Gauck.

Kolu tyelelo, la mazwe mabini aza kuqinisekisa kwakhona ukuzinikela kwawo ekomelezeni ubudlelwane bothethathethwano nobezoqoqosho phakathi kwala mazwe amabini.

4.3. UMongameli uZuma uza kwamkela iNkulumbuso u-Mark Rutter waseNetherlands kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla we-17 kweyeNkanga yowama-2015.

Ukulandela oku, iNkulumbuso uRutte uza kukhokela igqiza loosomashishini ukuya eRhawutini naseKapa apho liza kugxila kwezolimo, inkathalelo yezempilo, ezothutho, iziseko ezingundoqo, amanzi nezamandla.

4.4. UMzantsi Afrika uza kusingatha iNgqunguthela yeQonga leNtsebenziswano phakathi kwe-China noMzantsi Afrika eRhawutini ngomhla we-4 nowe-5 kweyoMnga yowama-2015. Iinjongo zale ngqungquthela kukucacisa iNkqubo yobuChule yeNtsebenziswano yemiNyaka emi-5 ukuya kwe-10 phakathi koMzantsi Afrika ne-China (owama-2015 – 2014) nokukhuthaza izivumelwano phakathi kwala mazwe mabini.

4.5. USekela Mongameli uCyril Ramaphosa uza kukhokela igqiza elikwinqanaba eliphezulu kuTyelelo lasebuRhulumenteni kwi-Islamic Republic of Iran ukusuka ngomhla we-7 ukuya kowe-9 kweyeNkanga yowama-2015 , ukuya kuqhubela phambili ubudlelwane bezopolitiko nezoqoqosho phakathi kwala mazwe mabini.

4.6. Ngomhla we-6 kweyeNkanga yowama-2015 uMongameli uZuma uza kuqhuba utyelelo lokuhlola elibizwa iSiyahlola eBushbuckridge eMpumalanga, oluza kugxila kumanzi nogutyulo.

Yimizi engama-16 600 exhamlayo kwiSigaba 1 seprojekthi yamanzi karhulumente kulo mmandla, nebonelela ngamanzi iilali ezingama-24 kuMasipala wasekuHlaleni waseBushbuckridge.

Urhulumente usazibophelele ekuqinisekiseni ukuba bonke abantu baseMzantsi Afrika bafumana iinkonzo ezingundoqo. Phakathi kowama-2002 nowama-2014, imizi efumana amanzi yande ukusuka kuma-80% ukuya kuma-86% , ngeli xesha iinkonzo zogutyulo zande ukusuka kuma-62% ukuya kuma-80%.

4.7. UMongameli uZiuma uza kuzimasa umsitho wokubekwa ngokusesikweni koMongameli oza kumiselwa we-United Republic of Tanzania, oHloniphekileyo uMnu John Pembe Magufuli, ngomhla we-5 kweyeNkanga yowama-2015.

5. Umyalezo wokuvuyisana

5.1. IKhabhinethi iyavuyisana nabasebenzi bakarhulumente abachongiweyo kumsitho wesi-3 weeMbasa zokuGqwesa iBatho Pele. Lo msitho wokuthweswa imbasa uza kuqhubeka ngomhla we-13 kweyeNkanga yowama-2015 e-Emperor’s Palace, eGauteng phantsi komxholo othi: “Batho Pele – Ukubeka Abantu Phambili”.

Kuwongwa ukuziphatha kakuhle, ukusebenza kakuhle nokukhangela ukwaneliseka kwabemi ngendlela urhulumente asebenza ngayo.

5.2. IKhabhinethi iyavuyisana norhulumente nabantu beRepublic of Côte d’Ivoire ne-United Republic of Tanzania ngokubamba unyulo olunoxolo. Ukuthathwa kwenxaxheba kwabemi base-Ivory Coast nabaseTanzania ngobuninzi kunyulo lukawonkewonke kubonakalisa indlela abakuqonda ngayo ukubaluleka kokusebenzisa kwabo ilungelo lobumi nelingundoqo. Liphawu lokubonisa ukuvuthwa kwenkqubo yolawulo lwentando yesininzi kweli lizwekazi.

5.3. IKhabhinethi ivuyisana neqela lamaBhokobhoko ngendlela adlale ngayo kwiNdebe yeHlabathi yeBhodi yeHlabathi yeBhola yoMboxo yowama-2015. Eli qela lisiphathele imbasa yobhedu (ibronzi).

5.4. IKhabhinethi ivuyisana neqela leendadi laseMzantsi Afrika ngokuqukumbela iNdebe yeHlabathu yokuDada i-FINA/airweave eDoha, eQatar.

UCameron van der Burgh uphumelele imbasa yegolide kumdyarho weemitha ezili-100 obizwa i-breaststroke, uChad le Clos kumdyarho weemitha ezili-100 obizwa i-butterfly waphinda waphumelela indawo yesine kumdyarho weemitha ezingama-200 obizwa i-backstroke. UMichael Meyer uphumelele isilivere kumdyarho weemitha ezingama-200 kobizwa i-individual medley. UDouglas Erasmus uphumelele imbasa yobhedu (ibronzi) kwiimetha ezi-50 ezinesantya esikhawuleza kakhulu kobizwa i-freestyle. UKaylene Corbett uphume kwindawo yesibhozo kumdyarho wamagqibela kankqoyi weemitha ezili-50 obizwa i-breaststroke ngeli xesha uCalvyn Justus ekwagqibe kwindawo yesibhozo kumdyarho weemitha ezingama-200 obizwa i-freestyle.

6. Iinkomfa

6.1. IKhabhinethi iyabamkela abathunywa abaze kwiNgqungquthela ye-4 yoKhuphiswano lweZizwe-ngezizwe yamazwe e-BRICS ukususela ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kweyeNkanga yowama-2015 kwiZiko leNgqungquthela Inkosi Albert Luthuli, eDurban phantsi komxholo othi: Ukhuphiswano noHlumo oluquka konke”.

Oku kuhlanganisa ndawonye ingcaphephe kumthetho wokhuphiswano ukuhlola ukuba imigaqo-nkqubo yukhuphiswano ingalenza njani igalelo kuhlumo oluquka konke nophuhliso lezoqoqosho kumaze e-BRICS (i-Brazil, i-Russia, India, i-China noMzantsi Afrika).

Imithetho yokhuphiswano eluqilima yaseMzantsi Afrika iyabavumela abemi ukuba bathathe inxaxheba ngokungenamkhethe kuqoqoshol wesizwe. Ikhuthaza ukubandakanyeka kwabantu abaninzi kwicandelo lokuvelisa lezoqoqosho kwaye yenza ukuba indlela yokwenza ushishino ifane kumntu wonke.

Imithetho yokhuphiswano yaseMzantsi Afrika yenza igalelo lokuba abemi bathathe inxaxheba ngobuninzi kwaye yenza imitsi ebonakalayo ekulweni amaqela afuna ukulawula ushishino nokunyuswa kwamaxabiso. Iyikhokele idlela ekubonakaliseni ukubaluleka kokuqwalaselwa kweemfuno zoluntu kwiindibanisela nasekuzuzeni.

6.2. UMphathiswa wezoThutho uDipuo Peters uza kuzimasa iNkomfa yeSibini yeHlabathi yabaPhathiswa bezoThutho ukususela ngomhla we-18 ukuya kowa-20 kweyeNkanga yowama-2015 eBrazil, apho uMzantsi Afrika uza kuthi thaca khona iNgxelo yeSigaba esiPhakathi yeli liZwe malunga nenkqubela eseyenziwe ekufezekiseni isiCwangciso seHlabathi semiNyaka eliShumi yoMsebenzi woKhuseleko lweNdlela yeZizwe eziManyaneyo sowama-2011 ukuya kowama-2020.

UMzantsi Afrika uzinikele ekunciphiseni ukusweleka ezindleleni ngama-50% ukusuka kuma-13 967 ukuya ngaphantsi kwama-7 000 ngowama-2020. UMzantsi Afrika wenza imitsi encomekayo ekuphumezeni ummiselo omiselweyo kwisiCwangciso seHlabathi semiNyaka eliShumi yoMsebenzi woKhuseleko lweNdlela yeZizwe eziManyaneyo sowama-2011 ukuya kowama-2020, nangona kukhona imingeni elijongene nayo eli lizwe.

7. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba engundoqo

7.1. Ukuhlangabezana nengxaki ekudaleni imisebenzi kohlala kungumba ophambili karhulumente. INtetho yoHlahlo lwabiwo-mali lesiGaba esiPhakathi ibalule uhlumo lwezoqoqosho lwehlabathi oluthobe isantya, namaxabiso emveliso yorhwebo athotyiweyo nokwanda kwentswelo-ngqesho kwindawo ezininzi ehlabathini.  

Oku kubonakaliswe kuPhando-nzulu olwenziwa ngeKota ngezabaSebenzi, noluthe kwikota yesithathu yowama-2015 lwavelisa intswela-ngqesho ukuba imi kuma-25.5%, inyuke nje kancinci ukusuka kuma-25.4% kwikota efanayo kunyaka ophelileyo.  

Oku kugxininisa imfuno yokuba onke amacandelo mawasebenzisane norhulumente ekuxhaseni iphulo lelizwe ekudaleni amathuba emisebenzi nokufaka abantu abaninzi baseMzantsi Afrika emisebenzini.

Urhulumente, ngesiCwangciso esimaNqaku aliThoba, usebenzela ukuchukumisa uhlumo aze adale nimisebenzi ngokuvulela amathuba amatsha kwimimandla yobuchule kwezoqoqosho.

7.2. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe nguMongameli uZuma zokunganyuswa kwemali yokufunda kumaziko emfundo ephakamileyo ngonyaka wokufunda wama-2016. Esi sigqibo siza kuzisa umnyinyivu wezezimali odingeka kakhulu, ingakumbi kubasebenzi abahluphekileyo neentsapho ezifumana imivuzo ephantsi kwephakathi yabafundi basedyunivesithi.

IKhabhinethi ukongeza apho iyasamkela isigqibo sikaMongameli sokusekwa kwekhomishini yokuqwalasela imiba evezwe ngabafundi. UMongameli uza kuyibhengeza le khomishini kunye nomhlaba wayo wamagunya kungekudala.

7.3. IKhabhinethi iyalwamkela ungenelelo lweSebe lezaManzi noGutyulo lokunceda uluntu laKwaZulu-Natal nolwaseFreystata xa luchatshazelwe yimbalela yakutsha nje. Imimandla ebonelelwa ngamanzi ngamadama obonelelo lwemimandla emikhulu yeli lizwe ngamanzi nezikimu zisakhuselekile njengoko ezi nkqubo sithetha nje zisekumlinganiselo wamanzi othembisayo apho zikumyinge ongama-66% ukugcwala ukugcina amanzi wesizwe.  

IKhabhinethi iyakwamkela ukusekwa kweKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) yokuBakho kwaManzi esihlalo wayo inguMphathiswa woLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli uPravin Gordham. I-IMC iquka uMphathiswa woPhuhliso lwaMaphandle  noBuyekezo lweMihlaba;  owezaManzi noGutyulo; nowezoLimo, amaHlathi nezokuLoba.  Le komiti iza kuxoxa ize yenze iziphakamiso olunye ungenelelo emalwenziwe kuluntu oluchatshazelwe ngamandla yimbalela.

7.4. IKhabhinethi ikuqaphele okwenzeke eNigeria kutsha nje ngokumalunga nesohlwayo se-US$5.2 seebhliyoni sika-MTN yiKhomishini yezoNxibelelwano yaseNigeria. IKhabhinethi iyathemba ukuba iingxoxo eziqhubayo phakathi kuka-MTN nabasemagunyeni baseNigeria ziza kuvelisa izisombululo ezikhawulezileyo zale mbambano ukuze kuqinisekiswe ukuqhubekeka kuka-MTN kushishino lokutyala imalim kuqoqosho lwaseNigeria.

8. Amazwi ovelwano

8.1. IKhabhinethi ilusizi ngokusweleka kukaChumani Nqakula, nongunyana woMphathiswa wezoKhuselo namaGqala oMkhosi uNosiviwe Mapisa-Nqakula noCharles Nqakula, olilungu lePalamente. IKhabhinethi idlulisa amazwi ovelwano kusapho lakwaNqakula izihlobo nezalamane.

8.2. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nezalamane zoMphathiswa wezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo uNgoako Ramatlhodi, ngokusweleka komama wakhe obe neminyaka engama-95 ubudala, uMmatlou Elizabeth Ramatlhodi.

9. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emzemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1. UMnu Mogojare Richard Seleka njengoMlawuli Jikelele (i-DG) kwiSebe lamaShishini kaRhulumente; kunye

2. noMnu Robert Moeketsa Ramasodi njengoSekela loMlawuli Jikelele: kwiMveliso zezoLimo, ezeMpilo nokuBakho kokuTya kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba. 

9.1. IBhodi yeQumrhu loLawulo lweziThuthi zaseNdleleni:

a) UNksz Daphline Harridene Charlotte-Ann Ewertse– oliLungu elingekho kwisiGqeba soLawulo; kunye
b) noMnu Thulani Matiki Norman Kgomo– oliLungu elingekho kwisiGqeba soLawulo;

9.2. IBhodi yeQumrhu loTyalo-mali lukaRhulumente:

a) UNksz LindiweToyi– uMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo;
b) UNksz Sandra Beswick– uMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo;
c) UNksz Tantaswa Fubu– uMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo;
d) UGq Claudia Manning – uMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo;
e) UMnu Pitsi Paul Moloto– uMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo; kunye
f) noNksz Matshepo Faith More – uphinde wachongwa njengeGosa eliyiNtloko lezeZimali.

9.3. IBhodi ye-Arhente yoPhuhliso lwezeZindlu:

a) UMnu Mavuso Walter Msimang– uSihlalo;
b) UMnu Maanda Emmanuel Mutheiwana;
c) UMnu Pravin Amar Singh;
d) UMnu Thuthuka Siphumezile Songelwa; kunye
e) noMnu Nkululeko Nkosingiphile Vilakazi– omele uMphathiswa weMisebenzi yoLuntu.

Imibuzo: Nks Phumla Williams (iSithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore