Ungasifaka njani isicelo sephepha-mvume lokuba nompu

Ungasifaka njani isicelo sephepha-mvume lokuba nompu
Ukuba ufuna ukuba nompu, kufuneka uqeqeshwe kwiziko elisemthethweni uze ufumane isiqinisekiso sokukwazi ukusebenzisa umpu.

Wakuba usifumene isiqinisekiso sokukwazi ukusebenzisa umpu, ungafaka isicelo sephepha-mvume lokuba nompu kwisikhululo samapolisa esikufutshane  nawe. Kufuneka ube nephepha-mvume lokuba nompu ngamnye onawo.

Uluhlu lwamaziko oqeqesho asemthethweni lukhona kwiwebhusayithi yabeNkonzo yamaPolisa yoMzantsi Afrika (i-SAPS).

Ukuhlaziya iphepha-mvume lokuba nompu

Kufuneka uhlaziye iphepha-mvume lompu wakho kwiintsuku ezingama-90 ubuncinane phambi kosuku lokuphelelwa kwalo. Ithuba lokusebenza kwephepha-mvume  lokuba nompu liphakathi kweminyaka emibini nelishumi, kodwa oku kuxhomekeka kuhlobo lwamaphepha-mvume onawo.

Fumana ezinye iindlela zokufaka isicelo sephepha-mvume elitsha lompu okanye qhagamshelana neZiko loNxibelelwano lemiPu leSizwe le-SAPS (012  353 6111/cfrenquiry@saps.gov.za).

 

Share this page