Umqashi anga faka isicelo kwikomiti yeenkonzo ezingundoqo (Essential Services Committee (ESC) ukuze afumanise ukba ishishini liyinkonzo engundoqo.
Inkonzo engundoqo yinkonzo apho ukuba ithe yaphazamiseka, ingayingozi kwimpilo okanye impilo yabantu umzekelo isibhedlele nenkonza zamapolisa.
Ngexesha loqhankqalazo, noba ngubani obandakanyekayo ngokuphikisana kokulandelayo angayibhekisa kwikomiti yenkonzo ezingundoqo:
- Ukuba inkzonzo ingundoqo noba hayi
- Ukuba umqashi okanye umsebenzi ukwinkonzo ekhthwe njengenkonzo engundoqo.
Gcwalisa uxwebhu LRA4.2 uthumele impikiswano ukuze icaciswe uze uyithumele kwikomishoni yothethwano, ukubonisana nokuthatha izigqibo (CCMA).
Fumana ngokupheleleyo malunga nomsebenzi wekomiti yenkonzo ezingundoqo okanye qhagamshela i- CCMA.
Call centre: 0861 16 16 16