Isicelo sokuxuba isiselo esinxilisayo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokuxuba utywala obuthengwe kwamanye amazwe ngobuninzi

Ukuxuba utywala obuthengwe kwamanye amazwe ngobuninzi ngenjongo yokuthengisa kufanele ufumane imvume kwiSebe Lezolimo, Amahlathi nezokuloba. Ungaxuba utywala obusuka kwamanye amazwe neemveliso zeli loMzantsi Afrika, amanzi okanye ezinye imveliso ezisuka phesheya kwezilwandle.

Ofanele kukwenza

  1. Qhagamshela umhloli kwiofisi ye candelo lemveliso zotywala eStellenbosch kule nombolo 0218091660 okanye le  e-mail jeswaynen@nda.agric.za uchaze ukuthi ufuna ukuxuba utywala bakho obuthenge kumazwe angaphandle kwaye uzakubuthengisa.
  2. Tsala isampule yomlinganiselo ofuna ukuwuxuba. Akunyanzelekanga ukuba uthumele umlinganiselo we 750 we ml zamanzi ukuba uzimisele ukusebenzisa wona ukuxuba.
  3. Thumela nge posi isampule kwiofisi yecandelo lemveliso yotywala  kule dilesi, Private Bag X5015, Stellenbosch, 7599 okanye uyihambisa ngesandla kubo kwisitishi sokuthintela ukuthisaa kwezifo zezityalo, FSQA, Polkadraai Road, Stellenbosch.
  4. Umhloli kwiofisi yecandelo lotywala uzakufaka isampule zakho elaboratri  ukuze zihlalutywe.  Wakuba umxube uvunyiwe umhloli uzakukwazisa. Kufanele ulinde umyalelo wokuqhubeka kubahloli ukuze uxube, upakishe ude unike igamalemveliso yotywala.
  5. Wakufumana umyelelo, kufanele uxube imveliso, inike igama lemveliso ude upakishe, uthumele isampule yomlinganisela we 750 ml yemveliso exutyibiweyo kuyo le dilesi ingentla.
  6. Thumela umxube wemveliso wokugqibela noxwebhu olugcwalisiweyo.
  7. Umhloli kwicandelo lezotywala uzakufaka isampule yakho noxwebhu lwesicelo sakho kwiofisi yomhloli weenkonzo ukuze igocwagocwe ukuze kubonwe ukuthi iyahambisana nemigaqo Yotywala yo nyaka ka 1989. Yakonela iofisi yezenkozo zabahloli yimveliso yomxube wakho, izakunika imvume yokuthengisa utywala obuthengwe ngapahndle kweli ngobuninzi emva kwesiqinisekiso sokufaka emabhotileni.

Ixesha elimiselweyo

Akukho xesha elimiselweyo kule nkonzo.

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Application for blending of liquor imported in bulk

Ungaqhagamshela nabani

Umnxeba: 021 809 1660
Fax: 021 887 9457
I-imeyili:jeswaynen@nda.agric.za
Idilesi yesakhiwo: Plant Quarantine Station, Polkadraai Road, Stellenbosch 7600
Idilesi yeposi: SAAFQIS – Stellenbosch, Private Bag X5015, Stellenbosch 7599
Idilesi yomnathazwe: www.dalrrd.gov.za

 

Share this page