Intetho yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu umhla wama-30 kweyeThupha kowama-2017

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso yayo eTuynhuys eKapa.

1. Imiba Engundabamlonyeni

1.1. IKhabhinethi izamkele iziphumo zeNgqungquthela eQhelekileyo yama-37 yeeNtloko zooRhulumente nemiBuso yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe akuMazantsi e-Afrika ebibanjwe eMzantsi Afrika ukususela kumhla we-9 ukuya kowama-20 kweyeThupha kowama-2017 phantsi komxholo othi: “Ukusebenzisana neCandelo laBucala kuPhuhliso loShishino namaCandelo oNgeza iXabiso kwiiMveliso”.

Le ngqungquthela igxininisa ekuqalisweni kwesiCwangciso soBuchule soRhwebo noMkhombandlela se-SADC ukukhawulezisa uhlumo loqoqosho kunye nokuphuhla kwengingqi.

Esi sicwangciso sobuchule sijolise ekuguquleni ubume boqoqosho lwengingqi kwaye sixhasa ukongezwa kwexabiso kwiimveliso kugxininiswe kwicandelo lokuhlelwa nokulungiswa kweemveliso zolimo, ukuxhamlisa ngezimbiwa kunye nokuthengiswa kwamayeza. Le ngqungquthela igxininise imfuneko yokufumana iziphumo ezibambekayo ukuze zisetyenziselwe ukuphucula ubutyebi belizwe lethu.

IKhabhinethi nayo njengoMongameli uJacob Zuma ibulela uMhlekazi, uKumkani uMswati III, onguSihlalo ophumayo we-SADC, ngegalelo lakhe elihle kunye nobunkokheli bakhe, njengokuba uMzantsi Afrika uza kuthatha intambo zokuba ngusihlalo we-SADC ukususela kweyeThupha kowama-2017 ukuya kweyeThupha kowama-2018.

1.2. IKhabhinethi ikhahlela kubo bonke abasetyhini, kwaye idlulisa umbulelo ongazenzisiyo kwabo bathathe inxaxheba ekubhiyozeleni kunye nokukhumbula abasetyhini njengokuba sifikelela esiphelweni seNyanga yooMama, ebibhiyozelwa phantsi komxholo othi: “UNyaka ka-OR Tambo: OoMama beManyene ekuQhubeleni uMzantsi Afrika Phambili”.

Nangona abasetyhini kukuninzi abasele bekuzuzile eMzantsi Afrika, kusekuninzi ekufuneka kwenziwe kwaye iinkqubo zikarhulumente ziza kuqhubeka ukukubeka endaweni ephambili ukubandakanyeka kwabasetyhini kuphuhliso lweendawo abahlala kuzo, uqoqosho kunye nelizwe ngokubanzi. Abasetyhini basaqhubeka ukujongana neqondo eliphakamileyo nelingamkelekanga lokuxhatshazwa nokuphathwa gadalala kunye nobundlobongela, intlupheko nokungaphangeli.

1.3. IKhabhinethi iqaphele iNgxelo engeNkcukacha zeNtlupheko ekhutshwe lizikoleeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stats SA) kwaye iza kuyifunda iyihlalutye. IKhabhinethi iyakubethelelea ukuzinikela kwayo kwiinkqubo ezijolise ekulweni nentlupheko, ingakumbi xa oko kunxulumene nabantwana abavela kumakhaya ahluphekayo.

Kwiminyaka engama-23 edlulileyo, urhulumente wandise inkqubo yezibonelelo yabantu abahluphekayo kunye nabasesichengeni ukususela kubantu abaziizigidi eziyi-2,7 ukuya kwabazizigidi ezili-17.

Le nkqubo ifikelela kubantwana abanelungelo lezibonelelo abangama-91% kunye nabantu abadala abangama-95,5%. Izikolo ezingaphezulu kwama-20 000 zibhengezwe njengezikolo ekungekho ntlawulo yemali yokufunda kuzo, ezinabantwana abangaphezulu kwezigidi ezilithoba abaxhamla kwinkqubo yokutyiswa ukutya okunezakha-mzimba ezikolweni.

INkqubo yeSizwe yoNcedo ngeziMali yaBafundi (i-NSFAS) ukususela kowe-1999 ihlawule imali engaphezulu kweebhiliyoni ezingama-72 zeerandi eyimali-mboleko kunye nemali yebhasari kubafundi abavela kumakhaya ahluphekayo. Oku kube nesiphumo sokuba abafundi abangaphezulu kwezigidi ezibini abavela kumakhaya ahluphekayo bakwazi ukuya kufunda kumaziko emfundo ephakamileyo.

Abantwana abazizigidi ezi-1,7 bafunda kwizikolo-mpeleso, , ezisisiseko esibaluleke kakhulu semfundo. Ngowama-2012 urhulumente wazisa inkqubo yezempilo ezikolweni, eyiyinkqubo yokungenelela kweminye yemiqobo ethintela inkqubela kwimfundo yabanye abafundi.

Ukongeza koku, urhulumente unamanyathelo aliqela okulwa nentlupheko abonelela ngeenkonzo ezisisiseko ezisimahla kwizigidi zamakhaya ahluphekayo ezifana nokufumana amanzi aphuma empompeni simahla, ugutyulo lwelindle, umbane simahla kunye nokuthuthwa kwenkunkuma.

Urhulumente usekwaqalise ngeenkqubo zokuqesha abantu kunye nenkqubo yokunikezela ngezindlu ukuze iintsapho ezihluphekayo zikwazi ukufumana izindlu.

Urhulumente uza kuqhubeka ukufumana iindlela zokomeleza ezinye iinkqubo zezibonelelo zikarhulumente ezenzelwe ukunceda nokukhusela abantu abahluphekayo nabasesichengeni.

1.4. IKhabhinethi incoma ukusungulwa kwesibonakude, i-Ghana Radio Astronomy Observatory,  nguMongameli waseGhana uNana Akufo-Addo kunye noMphathiswa woMzantsi Afrika wezeNzululwazi nobuChwepheshe, uNksz Naledi Pandor.

Oku kubalulekile kumalinge okuthatha inxaxheba kwe-Afrika kwiprojekthi yesibonakude esiyiKhilomitha uBude nobuBanzi (i-SKA). Isibonakude esiseGhana sesokuqala ngaphandle kweso siseMzantsi Afrika, esikwelinye lamazwe angamaqabane.

Njengamazwe esisebenzisana nawo  ase-Afrika e-SKA, iqela  le-SKA South Africa/Hartebeesthoek Radio Astronomy Observatory lisebenzisene neGhana ukuvuselela isibonakude esingasasebenziyo esiseKuntuse. ISebe lezobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe kunye neNtsebenziswano lihlawule inxalenye eninzi yeendleko zokuvuselela esi sibonakude isebenzisa ingxowa-mali yoVuselelo lwe-Afrika neNtsebenziswano yamaZwe ngamaZwe, ejolise ekomelezeni intsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika kunye namanye amazwe ase-Afrika.

Inxalenye ebalulekileyo kwiinzame zokwakha i-SKA kwilizwekazi lase-Afrika kwiminyaka elishumi ezayo kukuphuhlisa izakhono, imimiselo kunye nokuxhobisa amaziko ngezakhono ezifunekayo kumazwe angamaqabane e-SKA ukuze asebenzise kakuhle inxaxheba yelizwekazi i-Afrika kwiprojekthi.

1.5. IKhabhinethi yamkele isaziso esivela kuMphathiswa wezeNdalo, uNksz Edna Molewa sokuba uMzantsi Afrika ugqibezela kumaphondo amathathu asaseleyo, inkqubo yokuqinisekiswa kunye nophicotho-zincwadi malunga nabantu abaneempondo zemikhombe kumakhaya abo. Uphicotho-zincwadi lokuqala olwaqhutywa ngamaphondo luyajongisiswa luqinisekiswa liSebe leSizwe lezeNdalo.

Oku kuza kunceda ekuthinteleni ukuthutyeleziswa kweempondo zemikhombe ezifunyenwe ngokungekho mthethweni okunokwenzeka kwaye kuza kuqinisekisa ukuba ilizwe linolwazi olupheleleyo noluchanekileyo lwenani leempondo zemikhombe eMzantsi Afrika ngalo naliphi na ixesha, kwakunye nomnini obhalisiweyo wophondo ngalunye olunjalo.

Kwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseMntla Gauteng kumba wokukhutshwa kwemvume yokuthengiswa kweempondo zeMikhombe zithengiswa ngumfuyi uMnu John Hume, ekhokelele kwifandesi yokuqala yeempondo zemikhombe ku-inthanethi, iKhabhinethi iyayibethelela kwakhona imiqathango phakathi kwezinye yokuthengisa, ukuba umnini mvume, ekufuneka efumene imvume yokuba ngumthengisi angaluthengisa uphondo lomkhombe kumntu onemvume yokuthenga ekhutshwe ngokwemiqathango yoMthetho weSizwe wokuLawula ukwaHlukahlukana kokusiNgqongileyo wowama-2004 (uMthetho we-10 wowama-2004), ogunyazisa ukuba aluthenge uphondo lomkhombe kulowo unemvume yokuthengisa, kule meko lowo inguMnu Hume.

Le mvume ayigunyazisi ukuthengiswa kweempondo zemikhombe kumazwe ehlabathi. Ukurhweba ngeempondo zemikhombe kumazwe ngamazwe kuthintelwe, ngokwemiqathango ekwisiVumelwano soRhwebo lweHlabathi ngeziTyalo neziLwanyana zaseNdle eziseMngciphekweni wokuTshabalala (CITES). Ngalo lonke ixesha lale fandesi isebe lezendalo kufuneka likwazi ukubona okwenzekayo kule fandesi iqhutywa nge-intanethi ukuze likwazi ukubeka iliso lijonga ukuba imithetho ithotyelwa ngokufanelekileyo na.

UMzantsi Afrika usazinikele kwinkqubo egunyaziswe ngumthetho elawula urhwebo ngezilwanyana nezityalo ezisemngciphekweni okanye ezikhuselweyo ngokuthobela imithetho yasekhaya, kwakunye nemithetho ye-CITES.

1.6. IKhabhinethi isamkele isigqibo seNkundla ePhakamileyo sokubafumanisa benetyala abenzi bobubi ababandakanyeka kwityala lobuhlanga obujoliswe kwindoda engumntu omnyama ngokuyifaka ebhokisini yomngcwabo iphila. Isigqibo senkundla sokubafumanisa benetyala siza kulumkisa abo basaqhubeka nocalulo ngokobuhlanga kweli lizwe. IKhabinethi iqinisekisa abemi baseMzantsi Afrika ukuba naluphina uhlobo lobuhlanga okanye isenzo sentiyo asisayi kunyanyezelwa. Sonke njengoluntu kufuneka sihlale sisakha kwaye sisomeleza umanyano ngokwentlalo.

1.7. IKhabhinethi yamkele isiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko esigwebe ukuba oomasipala abasakwazi ukuthwalisa abaninimzi abatsha bezindlu ityala eliluxanduva lalowo ebengumninimzi waze wayithengisa indlu. Esi sigwebo sinika isiqabu kubaninimzi, abanye babo bebenoxanduva lomthwalo wamatyala eminyaka engama-20 eyadlulayo. Esi sigqibo siza kunceda abaninimzi abatsha bangomso. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo koomasipala ukuba balungelelanise iinkqubo zabo zokuqokelela amatyala nesi sigwebo.

1.8. IKhabhinethi iqaphele ukuba iSebe lezeziMali likhokela uphando olunzulu olutyhola ngokungasetyenziswa kakuhle kweNkqubo eHlangeneyo yoLawulo lwezeziMali (i-IFMS). IKhabhinethi iyalincoma iSebe lezeziMali ngolawulo lwalo lophicotho-zincwadi lwangaphakathi, olubone inkcitho engafanelekanga. Ithemba ukuba kuza kufundwa lukhulu kule mingeni kugaganwe nayo, kwaye nasiphi na isenzo esigwenxa sangabom okanye sokungakhathali siza kuphandwa baze abenzi boko kufuneke baphendule.

IKhabhinethi iwathembe ngokupheleleyo amandla eli ziko liliSebe lezeziMali kunye nokuba ngumgcini walo wemali yesizwe. IKhabhinethi isekwavakalisa ukwaneliseka kwayo zii-arhente eziqalisa iNkqubo eHlangeneyo yoLawulo lwezeziMali - iSebe lezeziMali, iSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo kunye ne-Arhente yobuChwepheshe boLwazi yoMbuso (i-SITA) – ukuba ziqalise le projekthi ngokuyimpumelelo.

1.9. IKhabhinethi iyakugxeka ukukhutshwa ngokungekho mthethweni kweMemo yeKhabhinethi eceba iindlela ekunokukhethwa kuzo ukuze i-South African Airways iphinde izinze ngokwezimali. IMemo yeKhabhinethi luxwebhu oluyimfihlo kwaye ukulikhupha ngokungekho mthethweni kuchasene nenkqubo-sikhokelo yokhuseleko lolwazi lukarhulumente, eYona Migangatho iseZantsi yoKhuseleko loLwazi.

IKhabhinethi inike intlanganisela yezoBulungisa, ukuThintelwa koLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko umsebenzi wokuphanda ngokukhutshwa ngokungekho mthethweni kolwazi oluyimfihlo kwaye ihlaba ikhwelo lokuba kuthathwe amanyathelo okubohlwaya ngokufanelekileyo abo benze eso senzo.

1.10. IKhabhinethi iyakwamkela ukunyuswa kwemali efakwe liQumrhu loPhuhliso lwamaShishini (i-IDC) kumaphulo otyalo-imali kumacandelo eemveliso eMzantsi Afrika, njengoko kuboniwe kwiziphumo zalo zezimali ezikhutshwe kutshanje zonyaka-mali ophele kweyoKwindla kowama-2017. Ngethuba leNyanga yeSizwe yooMama, i-IDC yabekela bucala imali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-3,2 yokuxhasa amashishini axhobisa abasetyhini ngezoqoqosho, oko kunyuke nge-178% xa kuthelekiswa nonyaka odlulileyo.

Oku kuquka inkxasomali encede ukuba umntu wasetyhini ontsundu waseMzantsi Afrika akwazi ukuthenga umgodi omkhulu wemanganizi. Inkxasomali yeenkampani ezixhobisa abantsundu ifikelele kwisixamali esizibhiliyoni eziyi-10,4 zerandi, apho iibhiliyoni zerandi eziyi-4,7 izezeeprojekthi zotyalomali ezikhokelwa ngoosomashishini abantsundu.

La manani agxininisa inkqubela eyenziwe yinguqu kubunini kwezoqoqosho kweli lizwe. Kwadalwa okanye kwasindiswa imisebenzi engama-20 881 iphelele kunyaka opheleleyo wenkxasomali ye-IDC, esisixa esizibhiliyoni ezili-15,3 zerandi, esona sixamali sakhe saphezulu.

Kule minyaka mihlanu idlulileyo ukususela kowama-2013, i-IDC yanikezela ngemali ezibhiliyoni zerandi ezingama-68 zenkxasomali kwiiprojekthi zotyalomali. Idibene nenkxasomali yecandelo lezoshishino lwabucala, oku kwaququzelela utyalomali oluxabisa imali ezibhiliyoni zerandi ezingama-200 kwaze kwadaleka okanye kwasinda imisebenzi engama-99 000. IKhabhinethi iyayincoma i-IDC kunye neSebe loPhuhliso lwezoQoqosho ngalo msebenzi ngexesha apho iinzame zokomeleza utyalomali kunye nokudala imisebenzi zibaluleke kakhulu.

1.11. IKhabhinethi ikwamkelwe ukusekwa koPhando lweCandelo ngamaxabiso aphezulu edatha kwaye iqaphele nokubhalwa ngokwasemthethweni kwemiba ekufuneka iKomishoni yoKhuphiswano icangcathe kuyo. Olu Phando lweCandeloe luzelwe sisicelo esenziwa nguMphathiswa woPhuhliso lwezoQoqosho egunyaziswa nguMthetho woKhuphiswano.

Amaxabiso aphezulu edatha aluchaphazela kakubi kakhulu uqoqosho, anyusa amaxabiso oshishino kwaye anqanda ukuba uMzantsi Afrika ukwazi ukusebenzisa ubuchwepheshe obutsha ngempumelelo. IKhabhinethi iyalixhasa ikhwelo elihlatywe kubaboneleli ngenkonzo beli candelo ukuba banciphise amaxabiso.

1.12. IKhabhinethi ikwamkele ukutyikitywa kweSivumelwano sokuSebenzisana (i-MoU) noRhulumente waseFlanders esingokuxhasa uQoqosho lwezeNtlalo eMzantsi Afrika. Isicwangciso sobuchule soqoqosho sesiCwangciso loHlumo oLutsha esamkelwa kowama-2010 sachonga uqoqosho lwezentlalo njengelinye lamacandelo ali-10 aphambili ekudaleni imisebenzi.

Ngokwale MoU, uMphathiswa woPhuhliso lwezoQoqosho uza kusebenzisana noMbutho weHlabathi wezabaSebenzi (i-ILO) kunye noRhulumente waseFlanders ukwenza ingxelo equlethe iinkcukacha zemizekelo yamashishini ezentlalo ayimpumelelo kwaye uza kubamba iindibano zokubonisana nabachaphazelekayo basekhaya ukuqulunqa ngobuchule inkqubo-sikhokelo yomgaqo-nkqubo wokuhlanganisa kunye nokomeleza umsebenzi woqoqosho lwezentlalo.

URhulumente waseFlanders uza kusebenzisana neSebe lezeNdalo kwiprojekthi yoguquguquko lwemozulu kunye noqoqosho oluxhasa ulondolozo lwendalo, oluza kugxininisa kwizicwangciso zokuziqhelanisa nokusebenzisa iindlela ezintsha zokwenza izinto.

1.13. IKhabhinethi ilusizi ngenxa yokuphulukana nobomi kwabantu ezindleleni zeli lizwe okubangelwa ngabaqhubi abangenanyameko, abangakhathaliyo nabangafuni kuthatha xanduva. Kutshanje abantwana abali-13 benzakele emva kokuba umqhubi otyholwa ngokuqhuba esele utywala ephulukene nolawulo lweteksi yaze yantlitheka emthini.

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo enye ingozi yehle KwaZulu-Natal, apho kusweleke abantu abali-19 kwenzakala abali-9 emva kokuba iteksi intlitheke ebhulorhweni.
IKhabhinethi icela abo bakhathalela abantwana ukuba baqwalasele kakhulu malunga nabaqhubi abathutha abantwana nabakhweli. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba zibaze iindleke futhi ziqwalasele ukuqinisekisa ukhuseleko lwabasebenzisi beendlela.

1.14. IKhabhinethi igxeka ubundlobongela, ukonakaliswa kwezinto ngokuyinkohlakalo, kunye nokutshiswa kweziseko zoluntu ezingundoqo neziluncedo ezifana nokutshiswa kwesikhululo sebhasi i-Rea Vaya eGauteng. Iziseko ezingundoqo neziluncedo zezothutho loluntu ziziseko zophuhliso zesizwe ezenzelwe ukunceda uluntu. Akukho nqanaba lakunganeliseki linokusetyenziswa njengesizathu sokutshabalalisa impahla karhulumente. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba zilwe nolwaphulo-mthetho olunjalo.

1.15. IKhabhinethi iliqhwabela iZiko leSizwe loLawulo lweNtlekele ngemali elincedise ngayo kuRhulumente wePhondo laseNtshona Koloni. Kufumaneke imali engaphezulu kwezigidi ezingama-74 zerandi ukuze kuncediswe kwimingeni enxulumene nembalela, kuquka imililo yakutshanje etshabalalisileyo kunye nokunqongophala kokutya kwemfuyo. IKhabhinethi isaqhuba ngokuhlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba bawasebenzise ngononophelo amanzi.

2. Izigqibo zeKhabhinethi

2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukunyuka kweentlobo zobuchwepheshe obuphuhliswe apha kweli nezinto ezintsha eziqanjwayo ezamkelwayo eMzantsi Afrika. Inzululwazi nobuchwepheshe ngamacandelo abalulekileyo kwiinzame zesizwe ezimbaxa zokuqinisekise ukuba kukho amaqondo aphezulu kuhlumo loqoqosho kwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP).

NgokweNgxelo yowama-2015 yeNzululwazi, ubuChwepheshe kunye nokuQanjwa kweZinto eziNtsha yeBhunga leeNgcebiso leSizwe ngeZinto eziNtsha eziQanjiweyo (i-NACI) inkcitho yobuchwepheshe iphantse yaphindwa kabini njengepesenti yeMveliso yeLizwe yoNyaka (-GDP) ukususela kwi-0.018% kowama-2005 ukuya kwi-0.033% kowama-2015.  

Amasebe amaninzi, icandelo loshishino lwabucala kunye namaziko ophando atyale imali eninzi kwezobuchwepheshe kunye nezinto ezintsha eziqanjiweyo kwiinkqubo zazo zophuhliso ezahlukeneyo.

Njengendlela ekuqhubela phambili ukomelezwa kwezi zinto ziphunyeziweyo, iKhabhinethi ivume amathuba kumacandelo amathathu achongwe liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe ukuxhasa ubuchwepheshe kwezempilo, nobuchwepheshe obunxulumene nokhuselo nokhuseleko kunye neziseko ezingundoqo neziluncedo kwezentlalo ngokubhekiselele kubuchwepheshe.

IKhabhinethi isekwavume umsebenzi owongeziweyo wokulandelela kunye nokulinganisa uphuhliso lobuchwepheshe kunye nokwenziwa kwezinto ezintsha kuphuhliso lwezentlalo noqoqosho.

3. IMithetho esaYilwayo

3.1. IKhabhinethi ivume ukwaziswa ePalamente koMthetho osaYilwayo we-Overvaal Resorts Limited wowama-2017.

Lo Mthetho osaYilwayo ugxininisa ekubhangisweni komthetho wokusekwa kwe-Aventura, uMthetho we-Overvaal Resorts Limited wowe-1993 (uMthetho 127 wowe-1993). Oku kuza kugqibezela ukuthengiswa kwe-Aventura. IKhabhinethi yathatha isigqibo sokuthengisa i-Aventura emva kokucingisisa yafumanisa ukuba ayiloshishini likarhulumente libalulekileyo. Lo Mthetho osaYilwayo ukhutshwe kweyoKwindla kowama-2017 ukuze uluntu luphefumle luhlomle ngawo.

3.2. Ukulungelelanisa umthetho nophuhliso kwimibandela yezemfundo, iKhabhinethi ivume ukupapashwa koMthetho siHlomelo osaYilwayo weMithetho yezeMfundo esiSiseko wama-2017 kwiPhephandaba lakwaRhulumente ukuze uluntu luphefumle luhlomle malunga nawo.

Lo Mthetho osaYilwayo sisiphumo sohlaziyo lwayo yonke imithetho yezemfundo esisiseko kujoliswe ekuqaqambiseni ukusebenza kakuhle kwamaziko ukuze kuphuculwe ulawulo ezikolweni, ubunkokheli kunye nokuphendula, iinkonzo zokutshintsha ezemfundo, kunye nokukhusela abantu asesichengeni ukuqinisekisa intlalontle yabafundi.

Izihlomelo zacetywa ngokubhekiselele kuMthetho weZikolo zoMzantsi Afrika, wowe-1996, kunye noMthetho wokuQeshwa kooTitshala, wowe-1998 (uMthetho 76 wowe-1998).

4. Imisitho Ezayo

4.1. KweyoMsintsi siza kuphawula iNyanga yamaFa eSizwe, iNyanga yoKhenketho, iVeki yokuTyala iMithi, iNyanga yabaSebenzi bakaRhulumente, iNyanga ye-NDP kunye neVeki yeThusong Service Centre. Iinkcukacha ezithe vetshe ngale misitho ziza kunikezelwa ngamasebe afanelekileyo.

4.2. Njengosihlalo we-SADC, uMzantsi Afrika uthembise ngokusingatha iNtlanganiso yaBaphathiswa be-SADC kuLwazi noNxibelelwano ngobuChwepheshe (i-ICT) ukususela kumhla we-4 ukuya kowe-7 kweyoMsintsi kowama-2017 ukuze baxoxe ngenkqubela eyenziweyo ukuqalisa iNkqubo yezoNxibelelwano neye-ICT ye-SADC.

UMphathiswa u-Ayanda Dlodlo kunye noMphathiswa uSiyabonga Cwele baza kukhokhela abathunywa baseMzantsi Afrika kule ntlanganiso. Injongo yale ntlanganiso kukubonelela ngesikhokelo kubuchule bonxibelelwano kunye nemiba yoLwazi noNxibelelwano ngobuChwepheshe kwakunye nokulandelela ukuqaliswa kwezigqibo ezathathwa kwiintlanganiso ezazibanjwe ngaphambili.

UMzantsi Afrika uza kusebenzisa le ntlanganiso ukuxhasa ukufikelela kwiinkonzo zeziseko ezingundoqo neziluncedo ze-ICT ezifikelelekayo, ukuze ubeke eli lizwe kwisikhundla sokuba liziko leziseko ezingundoqo neziluncedolengingqi kunye nokuxhasa amashishini amancinane, aphakathi namancinci (ii-SMME) phantsi kwe-ajenda equkayo ye-SADC yokuphuhlisa ezorhwebo kunye nokumanya ingingqi.

4.3. INgqungquthela yesi-9 yeBrazil, Russia, India, China kunye noMzantsi Afrika (i-BRICS) iza kubanjelwa eXiamen, eChina ukususela ngomhla we-4 ukuya kowe-5 kweyoMsintsi kowama-2017. Umxholo wale ntlanganiso apho iChina inguSihlalo we-BRICS uthi: "I-BRICS: Intsebenziswano yobuQabane eyoMeleleyo yeKamva eliQaqambileyo".

Urhwebelwano phakathi koMzantsi Afrika kunye namanye amazwe eBRICS lwenze imali ezibhiliyoni eziyi-US$29 kowama-2016. Elona lizwe uMzantsi Afrika othumela kulo iimveliso eninzi kumazwe e-BRICS yiChina, kulandele i-India, i-Brazil ize ibe yiRussia emsileni. Oku kunjalo nakwiimpahla yorhwebo engena kweli, iChina lelona lizwe lingenisa iimveliso eninzi kweli ilizwe.

Le Ngqungquthela ye-BRICS yowama-2017 iza kugxininisa kwimiba ephambili emihlanu eyile, intsebenziswano eyandileyo, ukomelezwa kolawulo loorhulumente kwihlabathi, izivumelwano zentsebenziswano phakathi kwabantu, ukuphucula amaziko enkqubela phambili kunye nokwakha ubuqabane phakathi kwamazwe ngokubanzi.

Okuqwalaselwa ngobuchule nguMzantsi Afrika kwi-BRICS kukuxhasa urhwebo olongeza ixabiso kwiimveliso, ukutsala umdla wotyalomali kumacandelo emveliso kweli lizwe kunye nokuqaqambisa intsebenziswano ukuqhubela phambili iinjongo zethu zophuhliso.

4.4. IKhabhinethi iqaphele ukuthatha inxaxheba kweenkampani zoMzantsi Afrika kuMboniso waMazwe ngaMazwe weeMveliso zoRhwebo waseMaputo wama-53, owaziwa kakhulu njenge-FACIM, obanjelwe eMozambique ukususela ngomhla wama-28 kweyeThupha ukuya kumhla we-3 kweyoMsintsi wama-2017.

Lo mboniso weFACIM ngumboniso wamazwe ngamazwe wamacandelo amaninzi ahlukileyo obanjwa qho ngonyaka ukuqhayisa ngeMozambique njengelizwe elinomtsalane kwezorhwebo kunye notyalomali. Ziinkampani ezingama-20 ezaxhaswa ngezimali liSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti) lo gama ezili-10 zixhaswe yi-Arhente yezoHlumo loQoqosho yaseMpumalanga.

Ezi nkampani zazimele amacandelo orhwebo ahlukileyo aquka elemichiza, elokulungiswa nokuhlelwa kweemveliso zezolimo, elezempahla namalaphu, elezobunjineli, ezemigodi kunye nezixhobo inkampani enazo ezinokuthengiswa ize imali yazo ibe yeyenkunzi yeshishini, kunye necandelo lobugcisa beekhompyutha kunye nokwakha.

IMozambique liqabane loMzantsi Afrika lesithathu ngobukhulu kwezorhwebo kwingingqi ye-SADC, lilandela emva kweBotswana neNamibia. Urhwebo phakathi kwala mazwe mabini lukhule ukusuka kwimali ezibhiliyoni ezingama-29 zerandi kowama-2013 ukuya kwezibhiliyoni ezingama-43 zerandi kowama-2016. Ngoku kukho iinkampani zaseMzantsi Afrika ezingama-300 eziqhuba ushishino eMozambique.

Ukuthatha inxaxheba kweenkampani zaseMzantsi Afrika kwi-FACIM kunconyiwe ngethuba leKomishoni yaMazwe amaBini njengelinye lamaqonga anokusetyenziswa ngoosomashishini bala mazwe mabini ukubamba iingxoxo ezixulusha imiba yentsebenziswano enokwenzeka kunye nobuqabane ukuze kwandiswe urhwebelwano kunye notyalomali phakathi kwala mazwe mabini.

4.5. UMphathiswa weMicimbi yaseKhaya, uNjingalwazi Hlengiwe Mkhize, uza kuthatha inxaxheba kwiNgxoxo yaBaphathiswa engeMfuduko kuMazantsi e-Afrika eza kubanjelwa eSwaziland ukususela kumhla we-2 ukuya kowe-4 kweyoMsintsi kowama-2017.

Eyona njongo yalo msitho kukukhuthaza ingxoxo phakathi kwamazwe angamalungu e-SADC aphucule ulawulo lwemfuduko kule ngingqi. Imiba eza kuxoxwa iquka ukungabi nalizwe ungummi walo, ukufudukela kwamanye amazwe, ulawulo lwemida kunye nemfuduko ngenxa yimisebenzi.

5. Imiyalezo

5.1. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwaba balandelayo:

  • UMphathiswa wezamaPolisa uFikile Mbalula kunye nosapho lwakhe kulandela ukusweleka kukamama wakhe, uMama Emma Mbalula. Banga bangafumana amandla okumelana nobunzima kunye nokuxheleka yintlungu ebangelwa kukushiywa ngumama kulo naliphi na ikhaya.
  • Izihlobo zasebenzi-mgodini abathathu abathe baqinisekiswa njengabaswelekileyo kulandela ukudilika komgodi iKusasalethu kufutshane neCarltonville eGauteng, ngenxa yenyikima elinganiswe njenge-1.8 kwisikali i-Richter Scale. IKhabhinethi inethemba lokuba abanye abasebenzi-mgodini ababini abalahlekileyo baza kufunyanwa bahlangulwe ngamaqela ohlangulo ngoku kulo mgodi kwaye iyavuya xa abasebenzi-mgodini abaninzi bekhutshelwe ngaphandle ngokukhuselekileyo ngethuba lale ntlekele.
  • URhulumente kunye nabantu baseSierra Leone kulandela ezona zikhukula zibi kwilizwekazi lethu. Esi sihelegu sendalo sitshabalalise iindawo ezibalulekileyo kweliya lizwe, sibe nesiphumo sokuphulukana nobomi kwabantu abaninzi kakhulu, ukutshatyalaliswa kwezindlu kwaze kwashiywa ngasemva ishwangusha nexesha lobunzima ebantwini. UMzantsi Afrika usebenzisa iSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano, uthembise ngezigidi ezisibhozo zeerandi ukuncedisa kule ntlekele.

5.2. IKhabhinethi ivuyisana nabo bonke abantu benkolo yama-Islam abathe balugqiba ngempumelelo uhambo lwabo olungcwele lwe-Hajj (uhambo olungcwele) kwaye ibanqwenelela usuku lovuyo lwe-‘Eid-al-Adha'.

6. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
6.1. UMnu Mziwonke Dlabantu njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) leBhunga lokuBhalisa aBakhi bamaKhaya bakaZwelonke.
6.2. IBhodi yeeNgcebiso yeMimandla yoQoqosho eKhethekileyo:

  • UNksz Lizeka Valerie Matshekga (ilungu elinyuliweyo le-IDC); kunye 
  • noMnu Sipho Reginald Zikode (ilungu elitshintshanayo leSebe lezoRhwebonoShishino).
     

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – UMlawuli-Jikelele oliBambela (we-GCIS)
Umnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore