INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla we-19 kweyoMdumba kowama-2013

1. Uluvo lweKhabhinethi kwimiba ebalulekileyo kwiimeko ezigqubayo nezingundabamlonyeni

1.1 INtetho yama-24 engoBume beSizwe oko kwathi kwakho inkululeko yentando yesininzi inike ithuba lovavanyo olubalulekileyo lokuphela kwexesha lePalamente yesine ngokuphunyezwa kweenkqubo zikarhulumente eziphambili zeminyaka wama-2009 ukuya kowama-2014. Ukuqaliswa kwenkqubo esekelwe kwiziphumo ngowama-2009 kwanika ithuba indlela yokuhlola esekelwe kubungqina negxininisa kwiziphumo zokuphumeza ukuqinisekisa ukuba urhulumente usebenza ngokukuko nangokubonakalayo.

1.2 Kulandela iNtetho engoBume beSizwe kwakunye neNgxoxo-mpikiswano ngeNtetho engoBume beSizwe, olu thotho lukhoyo lweeNtlanganiso zabaPhathiswa namajelo eendaba lunika ithuba lokudlana indlebe naBaphathiswa abohlukeneyo abaza kuyicacisa ngakumbi iNtetho kaMongameli. Ingxelo yokuphela kwexesha lePalamente yesine ukususela kunyaka wama-2009 ukuya kowama-2014 iza kutyetyiswa yiNgxelo yokuHlola yeMinyaka engama-20 esekelwe kubungqina eyinxalenye yephulo lethu lokubhiyozela iMinyaka engama-20 yeNkululeko.

Bonke abemi boMzantsi Afrika bamenyelelwa kwiphulo elisihloko sithi Dlala Indima Yakho ngeenjongo zokulwa umonakalo wemisebenzi karhulumente wocalucalulo ngokubhiyozela iMinyaka engama-20 yeNkululeko, ebonisa ukuba uMzantsi Afrika ngokungathandabuzekiyo lilizwe elingcono kunento elaliyiyo ngowama-1994.

IKhabinethi iyawubethelela kwakhona umyalezo kaMongameli uJacob Zuma ngoqhankqalazo. Uqhankqalazo olubeka emngciphekweni ubomi nempahla nolutshabalalisa iziseko zophuhliso ezibalulekileyo zokunceda uluntu, ludelela kwale nkululeko yentando yesininzi ekhusela ilungelo elo lokuqhankqalaza. Njengabemi boMzantsi Afrika sonke sinoxanduva lokwakha isizwe esiwuthobelayo umthetho, esihloniphanayo omnye nomnye kunye nesihlonipha ubomi nempahla.

IKhabinethi iyaluqinisekisa uluntu ukuba ukubulawa kwabantu ngenxa yokungabinankathalo kwamapolisa ngethuba ejongene nezixholoxholo ezihamba noqhankqalazo akuzi kubethiswa ngoyaba okanye kukhuthazwe. Kananjalo, abaqhankqalazi abaphethe izixhobo okanye abafunyenwe betshisa izakhiwo zoluntu okanye bebeke ubomi babanye abantu emngciphekweni baza kujongana nengalo yomthetho.

Urhulumente uza kusebenzisana noluntu ukuphucula iimeko zabo zokuhlala mbombo zone zeli lizwe. Uluntu luyacelwa ukuba lusebenzisane nooceba ngeenjongo zokusombulula iingxaki neengxabano zokuhanjiswa kweenkonzo ngokusebenzisana nangaphandle kokujongana ngezikhondo zamehlo.

1.4 Iingxoxo ngemivuzo phakathi kwemigodi yeplatinam kunye nombutho i-Association of Mineworkers and Construction Union (i-AMCU) zingenelelwe yi-CCMA. I-CCMA yonyule ookomishinala abaphezulu ukuba bachophele ezi ngxoxo.

Ikhabinethi iqinisekile ukuba onke amaqela aza kuza nesivumelwano esiza kuba lulutho macala onke nesiza kukhusela amalungelo abasebenzi sikhusele noqoqosho lwelizwe.

1.5 IKhabinethi ikwamkela ngochulumanco ukubhaliswa kwabantu abanelungelo lokuvota abangaphezu kwama-80% ngenxa yephulo lokubhalisa elibe yimpumelelo leKomishoni eziMeleyo yoNyulo. Ngomoya wokubhiyozela nesikhumbuzo seMinyaka engama-20 yeNkululeko, iKhabinethi iyothulela umnqwazi i-IEC, imibutho yezopolitiko kunye noluntu abathe ngeenzame zabo bebonke baqinisekisa ukuba abantu abaselungelweni lokuvota babhalisile.

IKhabinethi isekwabamba ngazibini kwabo bemi baye baqinisekisa ukuba amagama abo akuluhlu labavoti.

Abemi abaselungelweni lokuvota abasafuna ukuqinisekisa iinkcukacha zabo abazibhalisileyo kunye nabo basafuna ukubhalisa mabaye kwii-ofisi zabo ze-IEC ezisekuhlaleni phambi kokuba uluhlu lwabavoti luvalwe. Uluhlu lwabavoti luza kuvalwa xa uMongameli ebhengeza (epapasha kwiGazethi kaRhulumente) ukuba umhla we-7 kuCanzibe lusuku lokuvota. Bonke abemi boMzantsi Afrika abanelungelo lokuvota bamenyelelwa ukuba baze kuxhamla ilungelo labo lokuvota kuNyulo lweSizwe lwesihlanu. IKhabinethi icela iinkokheli zezopolitiko ukuba zikhuthaze unyamezelwano ngezopolitiko kumaqela kunye nakubalandeli bazo. Oku kubalulekile ukuze sibe nonyulo olukhululekileyo kwaye sihlonele negunya loMgaqo-siseko wethu.

1.6 IKhabinethi iyawamkela umjikelo wokuqala wephulo lokugonyela intsholongwane ebangela umhlaza i-Human Papilllomavirus Vaccination  (i-HPV), oza kuqala ngomhla we-7 kweyoKwindla kowama-2014. Abantwana abangamantombaza abaneminyaka ephakathi kwe-9 ne-10 baza kugonyelwa umhlaza womlomo wesibeleko. Abazali babantwana abangamantombazana abakwiBanga 4 abaminyaka ili-9 neli-10 bayakhuthazwa ukuba baxhase eli phulo ngokunika imvume kunye nokuncokola nabantwana babo ngokubaluleka kolu gonyo.

Lo msebenzi mkhulu kangaka wezempilo yoluntu, ohambelana neziphakamiso zoMbutho wezeMpilo weHlabathi, ulindeleke ukuba ube negalelo kangangoko kwiphulo lokunciphisa umhlaza womlomo wesibeleko kunye nenani lababhubhayo ngenxa yawo.

1.7 IKhabinethi kananjalo yamkele ukuphehlelelwa koMgaqo-nkqubo woCwangciso-ntsapho nokuCwangciswa kokuQhama neziKhokelo zokuHanjiswa kweeNkonzo ngomhla wama-27 kweyoMdumba kowama-2014 nguMphathiswa wezeMpilo. (Oku kuza kunceda amantombazana aselula ukuba agqibe ukufunda alandela amaphupha awo engaphazanyiswa luxanduva lokuba ngabazali bengakucwangcisanga oko. UMphathiswa wezeMpilo uza kuphehlelela uhlobo locwangciso-ntsapho ngotyando olufakelwa phantsi kwesikhumba. Olu luhlobo locwangciso-ntsapho loomama olusebenza ixesha elide.

1.8 UMongameli uJacob Zuma, njengoMphathi weMikhosi Jikelele woMkhosi wezoKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika, uza kuzimasa uSuku lwezoMkhosi eBloemfontein ngomhla wama-21 kweyoMdumba kowama-2014.
Lo mbhiyozo waminyaka le uhlonipha umsebenzi wokuzinikela kwamajoni eli kwaye unika imbeko kwabo bawele edabini. Usekwanika ithuba nakuluntu ukuba luzibonele ngokwalo lufunde nangomsebenzi noxanduva lomkhosi weli, i-SANDF.

IKhabinethi ichulumancile linani lamaphulo ayimpumelelo athatyathwe yi-SANDF kweli lizwekazi, umzekelo, eBurundi ekunamhlanje nayo inorhulumente ozinzileyo; impuma ye-DRC apho i-SANDF, njengenxalenye yeButho loMkhosi lokuNgenelela, yatywatyusha kanobomi amaqela axhobileyo, kwakunye nendima yayo ukuhlanguleni amakhulu-khulu amawaka abantu kummandla waseDarfur eSudan.

Ngaphezulu, iKhabinethi ikuqaphele ukuthintelwa ngempumelelo yi-SANDF kophango elwandle olufuna ukugonyamela ummandla oseMazantsi e-Afrika ngokutyala amajoni okugada umjelo waseMozambique.

1.9 UMongameli uJacob Zuma uza kuthatha uhambo ngomsebenzi oluya e-United Kingdom ukusuka ngomhla we-2 ukuya kowe-4 kweyoKwindla kowama-2014, apho aza kuthi azimase iNkonzo yeSizwe yoMbulelo yokubhiyozela ubomi nemisebenzi yowayesakuba nguMongameli uNelson Mandela e-Westminster Abbey, eLondon ngomhla we-3 kweyoKwindla kowama-2014.

1.10 USekela-Mongameli uKgalema Motlante uza kuzimasa isiKhumbuzo semiNyaka eli-100 sokuDityaniswa koMntla noMzantsi weNigeria e-Abuja ngomhla wama-27 kweyoMdumba kowama-2014. IKhabinethi iqhwabela izandla abantu base-Federal Republic of Nigeria ngeli theko libaluleke kangaka liza kubanjwa ngonyaka omnye neloMzantsi Afrika libhiyozela imiNyaka engama-20 yeNkululeko.

1.11. INyanga yamaLungelo oLuntu iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi: “Ukubhiyozela iminyaka engama-20 yokutshintsha ubomi babantu kusetyenziswa amalungelo oluntu”.

UMongameli uJacob Zuma uza kunika intetho ephambili ngoSuku lwamaLungelo oLuntu (ngomhla wama-21 kweyoKwindla kowe-2014) kowona msitho mkhulu e-Sharpville.
Inkqubo kaRhulumente iza kuxhasa iphulo leMinyaka engama-20 yeNkululeko ngokuqaqambisa imiba ekhuthaza uzinzo ekuhlaleni, eyakha isizwe kunye nomanyano kuMzantsi Afrika wethu.

1.12. ISebe lezoPhuhliso loQoqosho, I-Arente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha kunye ne-ofisi yobuMongameli ziza kusingatha iNtlanganiso kaMongameli ngezoLutsha engeMisebenzi nezaKhono kwiZiko leeNkomfa iBirchwood, eBoksburg, ukususela ngomhla wama-28 kweyoMdumba ukuya kowe-3 kweyiKwindla kowama-2014 phantsi komxholo othi: “Sisebenza sisonke ukuxhobisa kunye nokunika ithemba kulutsha loMzantsi Afrika.”

Kule minyaka ingama-20 idlulileyo urhulumente usebenzisa iqhinga elimbaxa ukulwa nentswelo-misebenzi kulutsha. Izivumelwano zeZakhono zeSizwe, iMfundo esiSiseko kunye nokuQeshwa koLutsha zigxininisa ukuzibophelela okungqingqwa ngamahlakani okuhlala, zincediswa ziNkqubo zokuQeshwa koLuntu ezohlukeneyo kwakunye nomthetho ofana noMthetho weNkuthazo weRhafu yeNgqesho, uMthetho Nombolo 26 wowama-2013.

1.13. IKhabhinethi iyakwamkela ukubizelwa kwamaqela akwicandelo lezentlalo onke kwiNkomfa yeMisebenzi kaRhulumente eyaNdisiweyo yeCandelo lezeNtlalo ezayo ukuhlola inkqubela ye-EPWP nokuba ingandiswa njani ngakumbi.

Le nkomfa iza kubanjelwa phantsi komxholo othi: “Sisebenza sonke simanyene ukunyusa isantya sokudalwa kwemisebenzi kwicandelo lezentlalo le-EPWP.”

I-EPWP yaphehlelelwa ngowama-2004 kwaye iselelona phulo likarhulumente lidalela izigidi zabantu boMzantsi Afrika amathuba emisebenzi yexeshana elifutshane ukuya kweliphakathi.
  
1.14. IKhabinethi inqwenelela aBafana Bafana okuhle kumdlalo wabo wamazwe ngamazwe wobuhlobo ozayo bedlala nabo baza kusingatha iNdebe yeHlabathi iBrazil noza kube ukwibala lezemidlalo i-FNB ngomhla we-5 kweyoKwindla kowama-2014.
IKhabinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bamkele ezi ndwendwe ngezandla ezishushu noBuntu kwaye baxhase iqela lethu lesizwe.

2. Iingxoxo kunye nezigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1. Ikhabinethi yamkele ukuqulunqwa komgaqo-nkqubo weeNkonzo zokuPhuhliswa kwamaKhondo eSizwe, iqhinga lokuwuphumeza kunye nenkqubo yokudlana indlebe nawo onke amanqanaba karhulumente.

Inkqubo yeenkonzo zokuphuhlisa amakhondo elungelelanisiweyo ifuneka ngokungxamisekileyo ukuqinisekisa ukuba ulutsha, abafundi, abasebenzi abangasetyenziswa ngokwaneleyo kwakunye nabemi beli abangaphangeliyo kufuneka bakwazi ukulufumana ulwazi neenkonzo ezisemgangathweni ngamakhondo.
Oku kuza kubanceda bakwazi ukukhetha amakhondo afanelekileyo nabalungeleyo aza kuwaphucula amathuba abo okufumana umsebenzi kwaye oku kuncede ukukhulisa uqoqosho oluzinzileyo kweli lizwe.

2.2. IKhabinethi iyakuxhasa ukuzalisekiswa kwenkqubo yokuXela ngekhompyutha kwabasebenzi bakarhulumente kwiSebe leeNkonzo zabaSebenzi basebuRhulumenteni noLawulo ukususela kuTshazimpunzi wowama-2014, engena endaweni yenkqubo esetyenziswayo yokufaka ngezandla, ukuhlela kunye nokuqinisekisa ezo zinto zixeliweyo. Inkqubo yokuxela ngekhompyutha sisixhobo sobuxhaka-xhaka bale mihla sokubhalisa ngokufaka nokugcina iingxelo ezixeliweyo zezimali abasebenzi abakhethiweyo (amalungu olawulo akwizikhundla eziphezulu SMS) ekufuneka bexele konke abanako okunokubhaliswa kubaPhathi abasemaGunyeni ngomhla wama-30 kuTshazimpunzi unyaka nonyaka.

Inkqubo yokuxela yeKhompyutha ikwiwebhusayithi yeSebe leeNkonzo zabaSebenzi basebuRhulumenteni noLawulo – www.dpsa.gov.za – kwaye ikwadibene nabanye oovimba beenkcukacha abafana neKomishoni yeeNkampani kunye noLwazi lweNgqondo, ii-ofisi zokubhalisa umhlaba kunye nenkqubo i-eNatis ngeenjongo zokuqinisekisa nokungqinisisa.

Le nkqubo ijonge ukwenza ngqingqwa uxanduva lokuphendula ngokuhambelana nephulo likarhulumente lokulwa ubuqhophololo. 

2.3. IKhabinethi iqaphele ukusindlekwa kweNgqungquthelo yooNozikhalazo base-Afrika kwakunye neminye imisitho ehambelana nayo eGauteng ukususela kumhla wama-24 ukuya kowama-27 kweyoMdumba kowama-2014. IZiko loPhando looNozikhalazo base-Afrika liza kusindleka ingqungquthela phantsi komxholo othi: “UkuQinisa uLawulo oluLulo e-Afrika ngeNdima kaNozikhalazo.”

Injongo yale ngqungquthela kukuphendla igalelo nendima amaziko ezikhalazo ayidlalayo ekukhuthazeni ulawulo lwentando yesininzi kunye nolawulo lukarhulumente olufanelekileyo, ngolo hlobo encedisa kuxolo nozinzo kweli lizwekazi. Isekwabonelela ngeqonga lokuxoxa ngeendlela zokuqinisa le nto kuthiwa nguNozikhalazo e-Afrika.

Le ngqungquthela ibanjwa kanye ngexesha kugxininiswa kakhulu kulawulo lukarhulumente olufanelekileyo, ukuphendula uthatha uxanduva kwakunye nokuhanjiswa kweenkonzo ngobulungisa kubantu jikelele kumazwe ase-Afrika.

3. IMithetho esaYilwayo

3.1. IKhabinethi iphumeze ukuba uMthetho siHlomelo osaYilwayo woRhwebo ngeeNqanawa wowama-2014 uthiwe thaca ePalamente.

Lo Mthetho usaYilwayo ujolise ekutshintsheni uMthetho woRhwebo ngeeNqanawa, uMthetho Nombolo 57 wowe-1951 wona waphunyezwa phambi koMgaqo-siseko wowe-1996, owenze ukuba ulungelelaniswe neenqobo nezibonelelo zoMgaqo-siseko kwakunye nokuwulungelelanisa neziVumelwano ezikhoyo zaMazwe ngaMazwe.

Lo Mthetho-sihlomelo usaYilwayo uzalisekisa isiVumelwano seMisebenzi yezaseLwandle, sowama-2006 kunye nesiVumelwano sokuSebenza ngokuLoba sowama-2007. Zombini ezi zivumelwano zamkelwa nguMbutho weZizwe eziManyeneyo wezaBasebenzi waMazwe ngaMazwe .
Ukulungelelaniswa kwemithetho yalapha ekhaya ukuze ihambelane neziVumelwano zeHlabathi kunika uMzantsi Afrika isixhobo sokumelana nezinto zehlabathi ukuqinisekisa ukuba amalungelo abalobi kunye neemeko ezinesidima zokusebenza nezokuphila zikhuselwa lihlabathi liphela. Oku kuza kunceda uMzantsi Afrika ukuba ungenelele kwiimeko apho iinqanawa zangaphandle ezingena kumazibuko ethu zinyhashe amalungelo abalobi.

Ukuphunyezwa koMthetho osaYilwayo kuza kuphucula umsebenzi kwakunye negama labasebenza ngezasemanzini, nto leyo ibalulekileyo kurhwebo noqoqosho lwamazwe ngamazwe..

4. Izikhundla

IKhabinethi ikuphumezile ukuqeshwa kwaba balandelayo kwezi zikhundla:

4.1 UNks Carlize Catherina Elizabeth Strydom – Igosa loBhaliso eliyiNtloko kwezeMihlaba (inqanaba le-DDG) kwiSebe lwezoPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoMhlaba

4.2 UMnu Eugene Malcholm Southgate – USekela Mphathi-Jikelele: Iinkonzo zezoShishino kwiSebe lweoPhuhliso lwamaPhandle noHlengahlengiso lwezoMhlaba.

4.3 IKhabinethi isekwaphumeze ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Mohammed Riaz Jawoodeen njengelungu eliNgekho kwisiGqeba soLawulo le-Central Energy Fund (i-SOC) Ltd.

4.4. IKhabinethi ikuphumezile ukuqeshwa kwaba bantu balandelayo njengemalungu alawulayo kwiziko eliLawula amaNdla leSizwe loMzantsi Afrika.
Abangesosigxina:
a) UMnu Jacob Rasetlhake Daniel Modise (USihlaloi)
b) UNks Maleho Margaret Nkomo (uSekela Sihlalo)
c) UMnu Fungai Khumbulani Sibanda
d) UNks Khomotso Ramasela Mthimunye

Osisigxina:
e) UNks Nomfundo Maseti

Ikhutshwe ngabeeNkonzo zezoNxibelelwano neNkqubo yoLwazi kaRhulumente (GCIS)
Imibuzo: Phumla Williams (ISithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore