INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-26 kweyeThupha ngowama-2015

1. Imiba egqubayo

1.1. IKhabhinethi iyamkele iYunithi 6 leSikhululo soMbane iMedupi eLephalale eLimpopo eliza kusebenza ngokupheleleyo, kwaye ligalele iimegawathi (ii-MW) ezingama-800 zombane kuvimba wombane wesizwe. Iprojekthi yeSikhululo soMbane iMedupi yeyombane ophehlwa ngamalahle eneeyunithi ezintandathu ezikumgangatho wee-MW ezingama- 4764 ngokwamandla. UMongameli Jacob Zuma uza kuyiphehlelela ngokusesikweni le yunithi ngomhla wama-30 kweyeThupha ngowama-2015.

Ukwakhiwa kweMedupi kwaqala ngoCanzibe kowama-2007, kwaye zontandathu ezi yunithi ziza kuqala ukusebenza kwinyanga ezintandathu zokuqala ngowama-2019. Sakuba sigqityiwe esi Sikhululo, siza kuba sesesine kwezona zikhulu ezisebenza ngamalahle kwanesona sikhulu sohlobo olupholiswa ngomoya owomileyo ehlabathini. Kucetywa ukuba esi sikhululo sisebenze iminyaka engama-50.

IYunithi 6 yaqala ukudityaniswa neziko lombane lesizwe ngomhla wesi-2 kweyoKwindla kulo nyaka, kwaye belisoloko linikela ngombane kwiziko lombane lesizwe ngamaxesha athile ngelixa lisoloko livavanywa  malunga nokuba nesakhono. Ngeli xesha iYunithi  6 ibe nako ukudambisa uxinzelelo kumbane wesizwe, nto leyo ethe yanceda ukuba ukunkinkishwa kuphephele mpela okanye isithonga sako sincitshiswe. Ukusebenza kweli candelo kuzalisekile, kanye ngokwelixesha limiselweyo lesiqhelo eliziinyanga ezintandathu emva kokudityaniswa okokuqala.

Ukusebenza ngokorhwebo kweYunithi 6 leSikhululo soMbane iMedupi sisigaba esibalulekileyo kwimizamo yethu yokuveza iindlela ezintsha zokuba nombane.

1.2. IKhabhinethi iphinde yayiqonda imiqobo ekhoyo elisajongene nayo ilizwe malunga nokubakho kombane. Noxa ukunkinkishwa kombane iyinto edanisayo, abakwa-Eskom bazinikele ekugcineni amaziko ethu ombane ngale ndlela ifunekayo ukuze ahlale ixesha elide kungekho kuphithikezwa kungako. Kulo Mvulo uzayo (umhla wama-31 kweyeThupha), iYunithi  2 yeSikhululo soMbane iKoeberg eNtshona Koloni iza kuvalwa ukuze ilungiswe njengoko kucetyiwe.

1.3. Le Yunithi kulindeleke ukuba iphinde isebenze emva kweenyanga ezintathu. Eli xesha limiselweyo lokuvalwa kweYunithi 2 yaseKoeberg yinxalenye yenkqubo yakwa-Eskom yokulungisa amaziko ngamaziko ayo. Rhoqho emva kweenyanga ezili-16 ukuya kwezi-18, iyunithi nganye kwezi zimbini zaseKoeberg iyavalwa ukuze ithiwe amafutha, lihlolwe kwaye lilungiswe. Oku kuvalwa ngokwesiqhelo kwenziwa ngamaxesha athile ukuze zombini ezi yunithi zikwazi ukusebenza ngokushiyana kwazo futhi zingavalwa zombini ngaxeshanye ngethuba leenyanga ezibandayo zobusika unyaka nonyaka.

1.4. Noxa siqhubeleka ukuba nempumelelo ekuphuculeni kwethu amandla okuba nombane, iKhabhinethi imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba bathi gqolo ukuwusebenzisa umbane ngononophelo nangendlela ewuqoqoshayo.  

2. Intlanganiso yeeNtloko zaMazwe noRhulumente

2.1. IKhabhinethi yamkele iziphumo zeNgqungqthela yesiQhelo yama-35 yeeNtloko zaMazwe noRhulumente yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC) apho uMongameli Zuma wayekhokeele igqiza labathunywa laseMzantsi Afrika.

Kule ngqungquthela kwamkhelwa isiCwangciso soPhuhliso lweziKhombisi zesiCwangciso-qhinga leNgingqi sowama- 2015-2020 esihlaziyiweyo. Ngaphezu koko, kule ngqungquthela kwatyikitywaiintlobo ezahlukeneyo zezivumelwano okanye imimiselo emithathu eza kwenza ingingqi ibe nako ukujongana nemingeni engundoqo yokungaqeshwa nokuncothula intlupheko ngendlela enozinzo.

  • Isivumelwano esilungisa uMmiselo malunga neNtsebenziswano kwezoPolitiko, uKhuselo noKhuseleko neSivumelwano esilungisa isiVumelwano esinguMnqophiso we-SADC (uMnqophiso). Ezi zivumelwano ziza kuvumela iKomiti yaMazwe ngaMazwe yezoKhuselo noKhuseleko yeSebe leNtsebenziswano kwezoPolitiko, uKhuselo noKhuseleko ukuba isebenze njengeqonga lokulungelelanisa leeNtloko zoLuleko neeNtolongo zaMazantsi e-Afrika.  
  • Isibhengezo soPhuhliso nokuXhotyiswa koLutsha sithi makuqwalaselwe ngokukhawuleza ukuphuhliswa nokuxhotyiswa kolutsha kwimeko yentsebenziswano, ukumanyana, uphuhliso, uxolo nokhuseleko kwingingqi.
  • Ummiselo weeNkonzo zoRhwebo ukhulula urhwebo phakathi kwamazwe e-SADC ukuze kudaleke ummandla omnye wokurhwebelwana n ngeenkonzo kwingingqi. Ukwamkelwa kwesiCwangciso soPhuhliso lweziKhombisi zesiCwangciso-qhinga leNgingqi sowama- 2015-2020 kube linyathelo elibaluleke kakhulu kwimizamo ye-SADC yokukhuthaza urhwebo phakathi kwamazwe engingqi.  

IKhabhinethi yaphinda yamkela isigqibo sentlanganiso ye-Double Troika ye-SADC eyayibanjwe ngelixa kubanjwe neNgqungquthela ye-SADC apho kwakukho uSekela Mongameli Cyril Ramaphosa nokwanguMlamli we-SADC kuyo. Le yona intlanganiso yayiza kuqinisekisa imiqathango yomsebenzi weKomishini ye-SADC yoPhando ejongene neLizwe laseLesotho.

3. Utyelelo lukaSekela Mongameli lwaseJapan

3.1. IKhabhinethi yamkele utyelelo olube yimpumelelo lwaseJapan lukaSekela Mongameli Ramaphosa. Wayephelekwe ligqiza eliphezulu labaphathiswa noosomashishini ukuze bakhuthaze ukukhethwa koMzantsi Afrika njengelizwe ekunokutyalwa kulo imali.

USekela Mongameli uqinisekise abatyali-mali baseJapan ukuba uMzantsi Afrika uvulelekile ukuba kungenziwa urhwebo nawo, kwaye wabazisa ngokuzinza koqoqosho lweli lizwe, kwanangokukulungela kwalo ukuba kungatyalwa imali kulo, ngokukodwa kumalinge okudala imisebenzi.

Usekela Mongameli Ramaphosa uphinde walusebenzisa olu tyelelo ukuze enze iJapan izinikele ekusebenzeni noMzantsi Afrika kumalinge awo okulwa isibetho seSandulela-ngculazi (i-HIV) neNgculazi (i-AIDS), isifo sephepha (i-TB) nesifo esibangwa ziingcongconi (imalariya).  

4. Izigqibo ezingundoqo zeKhabhinethi

4.1. IKhabhinethi isivumile isicelo soMzantsi Afrika neSixeko sase-Durban sokuba iMidlalo yeZizwe ezazingamaThanga yeyowama-2022 ibanjelwe apha. Lityeli lokuqala eli e-Afrika lokubamba le midlalo, kwaye oku kuza kwenza uMzantsi Afrika ube sendaweni entle yokutsala ukhenketho malunga nemidlalo unike neQela loMzantsi Afrika amathuba.

Ukubambela le midlalo apha kuza kusebenzisa iziseko zophuhliso ezazalwa yi-2010 FIFA World Cup™. Le Midlalo yeyoyama-2022 yeZizwe ezazingamaThanga ekulindeleke ukuba ingenise kuqoqosho imali eya kutsho kwiibhiliyoni zeerandi ezingama-20, nto iza kwenza iSambuku seMveliso yeSizwe (iiGDP ikhule ngokengezeleleke ngeR11 billion.

4.2. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kweNgxelo yesiHlanu yamaXesha Athile (yowama-2009-2014) ngokuQaliswa ukuSetyenziswa kwesiVumelwano sokuSiphula neeNgcambu zonke iiNtlobo zokuCalula abaseTyhini kwiPhephandaba likaRhulumente ukuze uluntu luphefumle ngayo.

Le ngxelo inika amagqabantshintshi malungi nokusebenza kothotho lwemithetho, imigaqo-nkqubo neenkqubo ezisetyenziswa eMzantsi Afrika kwaye iqaqambisa impumelelo yeli lizwe malunga nokuxhobisa abantu ababhinqileyo nokulingana ngokwesini. Ingxelo le iphinda iyibone imingeni esoloko ikho nemiqobo ethintela ukoyisa ukungalingani nocalucalulo kweli lizwe.

4.3. IKhabhinethi ivume ukuba uMzantsi Afrika ube yinxalenye yeZiko leeNgcebiso ngoMthetho woMbutho woRhwebo weHlabathi (i-WTO) kwelaseGeneva.
Lo ngumbutho wamazwe ngamazwe ocebisa ngezomthetho malunga nomthetho we-WTO, inkxaso kwiinkqubo zokusombulula  imbambano nokufundiswa ngomthetho we-WTO  kumazwe asakhulayo nalawo angekakhuli kakhulu.

Njengelungu uMzantsi Afrika uza kuba nako ukufumana uncedo malunga  nokuhambelana kwamanyathelo ezorhwebo achaphazela ukuthunyelwa kweempahla kwamanye amazwe nguMzantsi Afrika namanyathelo ezorhwebo afunwa nguMzantsi Afrika. Iziko eli lingaphinda lincedise uMzantsi Afrika ekusombululeni amatyala embambano mayelana ne-WTO.

4.4. IKhabhinethi yazisiwe ngesikhundla sonyaka omnye anyulelwe kuso uMphathiswa wezeziMali uMnu Nhlanhla Nene, sokuba nguMongameli weBhunga leQela labaPhathiswa beMpuma naMazantsi e-Afrika abaLwa ukuThutyeleziswa kweMali.Ngenxa yoko, uMphathiswa uza kusingatha intlanganiso yonyaka yowama-2015 yeli bhunga.

Eli bhunga lengingqi loorhulumente ngoorhulumente lilwelwa ukusetyenziswa ngokungenamkhethe kwemithetho  yokulwa ukuthutyeleziswa kwemalinokuxhaswa ngemali kwemibutho yabanqolobi, mibutho leyo ekuyo yonke ingingqi esemazantsi nasempuma ye-Afrika.

Injongo yokuba uMzantsi Afrika ube lilungu kukuqinisa amanyathelo apha kwingingqi okulwa ukuthutyeleziswa  kwemali  kunye nokuthintela ukuxhaswa ngemali kwamaphulo obunqolobi, nto leyo ekhuthaza ukhuseleko lwesizwe ekhaya nakwingingqi.
    
4.5. IKhabhinethi ayikuyekanga ukugxeka impambano yokubulala amapolisa. IKhabhinethi imemelela uluntu ukuba lusebenzisane namapolisa luwancedise ekubambeni abaphembeleli boku kubulawa. Ii-arhente zogcino-mthetho zisebenza imini nobusuku ziqinisekisa ukuba bonke abaphembeleli bezi zenzo zolwaphulo-mthetho  bayabanjwa. IKhabhinethi ibulela bonke abantu ababenegalelo ekubanjweni kwabantu abathathu abanxulumene noku kubulawa kwamapolisa.

5. Imithetho esayilwayo

5.1. IKhabhinethi ivume ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo weNkonzo yokuSebenza kuMazwe angaPhandle, , yowama-2015. Lo Mthetho ubonelela ngenkqubo enye yeNkonzo yaseMazweni angaPhandle nemo yasemthethweni ekuza kuthi ngayo le Nkonzo yaseMazweni angaPhandle iphathwe ilawulwe liSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano.

UMthetho lo osaYilwayo uza kusetyenziswa ngokoMgaqo-siseko, imithetho ekhoyo yeNkonzo yaBasebenzi bakaRhulumente, iinkonzo zokhuseleko, kwaye inxulunyaniswe nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) ekuqiniseni ukunikezelwa kweenkonzo.
 
Oku kuza kuqinisa ukusebenza kakuhle, ukuphendula  nokonga iindleko malunga nokusebenzisa kangangoko amathuba okuqhubela phambili umgaqo-nkqubo wezangaphandle woMzantsi Afrika kunye nenkqubo yophuhliso yeli.

5.2. IKhabhinethi ivume ukuthiwa thaca ePalamente koMthetho osaYilwayo wobuNkokheli beMveli nobamaKhoisan,, yowama-2015.

Lo Mthetho osaYilwayo wenza igalelo kweyona nto ingundoqo ye-NDP ekujoliswe kuyo nekukuvulela ukunamathelana koluntu kunye nobunye ngelixa kujongenwe nokungalingani kwamandulo. Oku kuza kwenzeka ngokubonelela ngomthetho ovuma wamkele amaKhoisan neenkokheli zawo.

Uceba ukuseka iKomiti eCebisayo ngeMicimbi yamaKhoisan, nto leyo eza kunceda urhulumente kwinkqubo yokuvuma nokwamkela amaKhoisan neenkokheli zawo.

UMthetho osaYilwayo ukwamanya imithetho ekhoyo yobunkokheli besizwe bemveli, nto leyo eza kunceda ekurhoxisweni koMthetho weNdlu yeSizwe yeeNkokeli zeMveli wowama-2009 (uMthetho uNombolo 22 wowama-2009) kunye noMthetho weeNkokeli zeMveli nesiCwangciso-sikhokelo soLawulo, wowama-2003 (uMthetho uNombolo 41 wowama-2003).

6. Imisitho ezayo

6.1 UMongameli Zuma uza kwazisa iprojekthi yoKulwa ukuVuza kwaManzi nathi wayazisa ngowama-2015 kwiNtetho yakhe yoBume beSizwe. Oku uza kukwenza eBhayi ngomhla wama-28 kweyeThupha ngowama-2015, njengenxalenye yenkqubo karhulumente yokujonga ilahleko yamanzi eyenziwa kukuvuza.

Le projekthi iza kuqeqesha abantu abatsha abangama-15 000 babe ngamagcisa nabatywini abalungisa ukuvuza kwamanzi kwiindawo abahlala kuzo. Iza kubanika izakhono zokuqala amashishini abo okanye ukufumana ingqesho efanelekileyo. Abokuqala abangama-3 000 sebefunwa kulo nyakamali sikuwo.
Ukuvuza kwamanzi kuiphantse kube ngama-40% amanzi esizwe achithekayo, kwaye atya ilizwe iibhiliyoni zeerandi ezisi-7 ngonyaka.

6.2. UMongameli Zuma uza kuya kwindibano yeMinyaka engama-70 yokuPhela kokuThinjwa kweChina nokuPhela kweMfazwe yesiBini yeHlabathi kwilizwe laseChina ukususela ngomhla we-2 ukuya kowe-4 kweyoMsintsi ngowama-2015, kwaye uza kudibana noMongameli Xi Jinping bathethe bobabini.

Ubudlelwane boMzantsi Afrika neChina ngokweSivumelwano seNtsebenziswano esiBalulekileyo esiBanzi esisekelwe kwisiBhengezo saseBeijing ngokuSekwa kweSivumelwano seNtsebenziswano esiBalulekileyo esiBanzi, esiquka onke amasolotya obudlelwane phakathi kwala mazwe mabini.  

6.3. IKhabhinethi imemelela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babhiyozele imbali yethu neenkcubeko ezahlukeneyo xa ilizwe likhumbula iNyanga yaMafa kweyoMsintsi phantsi kwesihloko esithi, “Ulwazi lwethu lwemveli, ilifa lethu: Umcimbi wokuchonga, ukukhuthaza nokugcina ilifa eliphilayo loMzantsi Afrika”.
Imibhiyozo yesikhumbuzo yalo nyaka iza kuba ngumboniso wezenkcubeko kwaye abahlali bakhuthazwa ukusebenzisa amafa abo aphilayo anjengokutya, umsebenzi wobugcisa, umngqungqo nomculo ukukhuthaza ukungafani kwenkcubeko, amalungelo abantu, ukwakha isizwe nophuhliso loqoqosho.

6.4. UMzantsi Afrika uza kuphinda ubhiyozele iNyanga yoKhenketho kweyoMsintsi. Eli lithuba elililo lokuba iintsapho zityelele iindawo zamafa zeli lizwe ukuze ziphinde zizidibanise nexesha eladlulayo.

NgeNyanga yaMafa, iSebe lezobuGcisa neNkcubeko liza kuguqula isoyi kwiSiza seSizwe samaQhawe ePitoli ukwenza umqondiso wokuqalisa kokwakhiwa kwelitye lesikhumbuzo eliza kubonisa ixesha laphambi kobukoloniyali, umzabalazo wenkululeko nawo onke amagorha alwela inkqubela-phambili yoluntu.

1.5. USuku leSizwe lesiKhumbuzo soMbutho woMzantsi Afrika wezamaPolisa (i-SAPS) saminyaka le kulo ngomhla wesi-6 kweyoMsintsi ngowama-2015 kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli, luza kukhumbula ubugorha nokuzinikezela kwamapolisa abhubhayo ukuze akhusele abahlali.

Ngephulo le-SAPS lokuqesha amalungu amatsha kuqeshwe amanye amalungu ongezelekileyo angama-6252 kulo nyakamali wowama-2015/16 ukuqinisa inkonzo yabacuphi, ukwenza amapolisa abonakale phakathi koluntu, ubuntlola kwezolwaphulo-mthetho, ukuphandwa kusetyenziswa ubunzululwazi kuquka iinkonzo zokhuselo nokhuseleko.  

IKhabhinethi imemelela ulutsha ukuba licinge ngomsebenzi wobupolisa onamathuba amaninzi. Ezinye iinkcukacha ungazifumana kule webhusayithi: www.saps.gov.za.

6.6. Inyanga yaBasebenzi bakaRhulumente yaminyaka le iza kukhunjulwa ngabo bonke aBasebenzi bakaRhulumente ngenyanga yoMsintsi phantsi kwesihloko esithi, “Moving South Africa forward: Taking the Public Service to the people” (Ukuqhubekisela uMzantsi Afrika phambili: Ukusa iNkonzo kaRhulumente ebantwini)
Inyanga iza kugqamisa iinkonzo zikarhulumente, ukuzinikezela, ukuzinikela nokugqwesa ekunikezeleni iinkonzo zoluntu. Ingxelo iza kunikwa mayelana nenkqubela eyenziweyo emva kweentlanganiso zokubonisana nokufakana imilomo kunye zonyaka wama-2014 nabasebenzi bakarhulumente abasebenza ngqo noluntu  mayelana “nokuguqula indlela abasebenza ngayo abasebenzi bakarhulumente.”  

Inkonzo karhulumente esebenza ngokunemagingx-gingxi ngundoqo wento efunekayo ukuze kuzalisekiswe i-NDP. IKhabhinethi imemelela abasebenzi bakarhulumente ukuba baphinde bazinikele kwimithetho-siseko yeBatho Pele ngokunikezela iinkonzo ezikumgangatho ophezulu, eziyibabalayo imali nezinobuchule kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.

6.7. IKhabhinethi yazisiwe ngenkqubela malunga neNgqungquthela yeHlabathi ye-XIV yezamaHlathi yoMbutho woKutya noLimo eza kubanjelwa eInkosi Albert Luthuli Convention Centre, KwaZulu-Natal, ngomhla we-7 ukuya kowe-11 kweyoMsintsi kowama-2015.

Umxholo othi,“Amahlathi naBantu: Ukutyala imali kwikamva elizinzileyo” ubonisa amahlathi olungqiyame ngabantu, indima yawo kuphuhliso loluntu noqoqosho, iimfuno namathuba otyalomali kwanendima yamahlathi ekuphuhliseni uqoqosho. Oku kuphathelele ngqo kwimiba ephambili karhulumente mayelana nokuncothulwa kwentlupheko, ukuphuhliswa kweelali nokudala imisebenzi. Ingqungquthela iza kuphinda igxile ekunqongophaleni kwamanzi nokuguquka kwemozulu.

Le yiNgqungquthela yeHlabathi yezamaHlathi yokuqala ebanjelwe e-Afrika kwaye inika ithuba lokwazisa ilizwekazi eli ngezamahlathi kwihlabathi ngokubanzi. Inkqubo yokufikelela ebantwini iza kwazisa uluntu, kuquka amaqela asemngciphekweni, malunga nokuba nako ukuthatha inxaxheba.

Ingqungquthela iza kulandela iVeki yokuTyalwa kweMithi (1 ukuya kowe-7 kweyoMsintsi) phantsi komxholo othi, “Halala! Hlathi elitsha” kwaye imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba batyale umthi omnye nje, ngaloo ndlela  babe banceda ekulungiseleleni ikamva elizinzileyo.

7. Umyalezo wovuyiswano

7.1 IKhabhinethi inqwenelela impumelelo iimbaleki zeli lizwe ezikhuphisana kwiMidlalo yeHlabathi ye-15 yeeMbaleki ekungoku nje ibanjelwe eBeijing, eChina. Ikwanqwenelela impumelelo abo bathatha inxaxheba kwiMidlalo yamaZwe ase-Afrika ye-11th phakathi komhla we-4 nowe-19 kweyoMsintsi kowama-2015 eBrazzaville, Congo.

IKhabhinethi imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba bamanyane baxhase iimbaleki zethu xa iflegi yethu beyiphakamisele phezulu besenza isizwe sizingce.

7.2. IKhabhinethi itsho ngazwi-nye noMongameli Zuma xa evuyisana neentatheli zeQumrhu loSasazo laseMzantsi Afrika (i-SABC) uDennis Tshetlhane noSam Msibi ngokuphumelela kwiCandelo likaMabonakude leeMbasa zooNondaba ze-SADC, kunye nomfundi wesikolo esiphakamileyo u-Imbelani Matibe ngokuphumelela kuKhuphiswano lwe-SADC lweZikolo lweZincoko.

7.3. IKhabhinethi ibulela bonke abemi boMzantsi Afrika ababe yinxalenye yemibhyozo yeNyanga yabaseTyhini. Imisitho ibibanjwe yimibutho ngemibutho nangurhulumente kubhiyozelwa impumelelo esiyenzileyo yokujongana nokungalingani ngokwesini entlalweni yethu. Le nyanga isetyenziselwe ukucamngca nokuhlalutya imingeni esisajongene nayo mayelana nabasetyhini nabantwana

7.4. IKhabhinethi inqwenelela uMphathiswa wezeMpilo u-Aaron Motsoaledi ukuba aphile msinya. Ungeniswe kwisibhedlele iSteve Biko Academic Hospital ePitoli ngempelaveki. Selephumile esibhedlele phofu kwaye uchacha ekhaya.  

8. Izikhundla

Ukuqeshwa kuzo zonke izikhundla kuxhomekeke ekuqinisekisweni kwezifundo nokuba msulwa okufaneleyo.

8.1. IBhodi yeeNkonzo zeMozulu zoMzantsi Afrika:

a) UNksz Ntsoaki Mngomezulu – (uqeshiwe kwakhona, kwaye nguSihlalo);
b) UGq Nolulamo Nobambiswano (Lulu) Gwagwa – (uqeshiwe kwakhona kwaye nguSekela Sihlalo);
c) UMnu Rowan Graham Nicholls – (uqeshiwe kwakhona);
d) UMnu Jonty Tshipa – (uqeshiwe kwakhona);
e) UNjing Elizabeth Mokotong – uqeshiwe kwakhona);
f) UNksz Kea Modimoeng;
g) U-Adv Derek Block;
h) UNksz Sowbakiam Mudly-Padayachie;
i)  UNksz Nandipha Daphne Madiba;
j) UGq David Jasper Gilbert Rees;
k) UMnu David Lefutso;
l)  UNksz Judy Beaumont – (umele uMlawuli-Jikelele weSebe lezeNdalo);
m) UGq Linda Makuleni – (iGosa eliPhezulu leSigqeba soLawulo (i-CEO)).

8.2. IBhodi ye-iSimangaliso:

a) UMnu Paul Ndukuzempi Buyani Zwane – (uqeshiwe kwakhona, kwaye nguSihlalo);
b) UNksz Barbara Schreiner – (uSekela Sihlalo);
c) UNjing Antonia Thandi Nzama – (uqeshiwe kwakhona);
d) UNksz Poppy Senelisiwe Dlamini – (uqeshiwe kwakhona);
e) UMnu Zwelenzima Thwalizwe Gumede – (uqeshiwe kwakhona);
f)  uNksz Thobile Etherfrida Mhlongo – (uqeshiwe kwakhona);
g) UNksz Sibongile Daphne Nene;
h) UMnu  Satish Roopa;
i) UNksz Thumeka Sharon Ntloko – (umele uMlawuli Jikelele weSebe lezeNdalo);
j) UMnu Andrew  Zaloumis – (i-CEO);  
k) UMnu  Bhekithemba Langalibalele – (umele iSebe lezoKhenketho).

8.3. Amagosa angekho kwisigqeba solawulo aqeshwe yiBoard of the Cross-Border Road Transport Agency:
a) UNksz  Reitumetse Masemola;
b) UBarend Christoffel Deysel.

8.4. Amalungu angekho kwisigqeba solawulo aqeshwe yiPorts Regulator:
a) UMnu Thaba Mufamadi – (uSihlalo);
b) uNksz Anjue Hirachun;
c) UMnu Riad Khan;
d) UMnu Lindelwe Mabandla;
e) UNksz Gerdileen Taylor;
f)  UAdv Gugulethu Abigail Thimane;
g) UNksz Patricia Ntombizodwa Mazibuko – (uqeshiwe kwakhona);
h) UMnu Aubrey Bongani Ngcobo – (uqeshiwe kwakhona);
i) UNksz Thato Abegail Tsautse – (uqeshiwe kwakhona)
j) UMnu Andile Mahlalutye – (uqeshiwe kwakhona).

8.5. Amagosa angekho kwisigqeba solawulo aqeshwe yiBoard of the Air Traffic Navigation Services:

a) UNksz Phindile Riba – (uSihlalo);
b) UMnu President Qiniso Dhlamini;
c) UGqirha Bridget Ssamula;
d) UMnu Bennet Phonthana Malebo;
e) UMnu Isaac Nkama;
f) UNksz Shaila Hari;
g) UMnu Daniel Gray Mwanza;
h)  U-Adv Edwin Matane Mphahlele;
i) UMnu Sfiso Norbert Buthelezi;
j) UNksz Nwabisa Mtshali;
k) UMnu Arthur James Bradshaw;
l) UNksz Hlengiwe Thandeka Makhathini – (uqeshiwe kwakhona).

8.6. Amagosa angekho kwisigqeba solawulo aqeshwe yiBhodi ye-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinci:
a)    UNksz Anjue Hirachund; kunye
b)    noNksz Zanele Monnakgotla.

8.7. IBhodi yeTrans-Caledon Tunnel Authority:
a) UNksz MW Hlahla – (uSihlalo);
b) UMnu JRD Modise – (uSekela Sihlalo );
c) UMnu SN Khondlo;
d) UGqirha MJ Ellman;
e) UNksz ZP Manase;
f) UNksz SFS Makhathini;
g) UNksz M Nakene;
h) UMnu S Roopa.

8.8. UMnu Ian van Niekerk – iGosa eliPhezulu kwezeZimali leBroadband Infraco.

8.9. UMnu Zukile Christopher Mvalo –uSekela Mlawuli Jikelele woPhuhliso lweZakhono kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho.   

8.10. UNksz Xolelwa Mlumbi-Peter – uSekela Mlawuli Jikelele: URhwebo lwaMazwe ngaMazwe noPhuhliso loQoqosho kwiSebe lezoRhwebo noShishino.

8.11. UMnu Tshediso John Matona – uNobhala weSicwangciso seSizwe kwiSebe lezoCwangciso, ukuHlola nokuVavanya.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (iSithethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore