INtetho kwintlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-23 kweyeKhala kowama-2014

1. Uluvo lweKhabhinethi kwiimeko ezigqubayo

1.1 IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kwe-Operation Phakisa nguMongameli Jacob Zuma, eenjongo zayo ikukukhawulezisa ukuhanjiswa kweenkonzo ngokuthi kusetyenziswa izicwangciso zokuphumeza ezicacileyo, amanyathelo abonakalayo nasombulula iingxaki ukukhuthaza uhlumo. ISebe lezeNdalo liza kuba lisebe lokuqala ukukhokela intsebenziswano namashishini, abasebenzi, imibutho yoluntu kunye namaziko emfundo ephakamileyo ukuze kusetyenziswane nabo ukukhangela ubutyebi obunokufumaneka kwiilwandle zethu.

Ngowama-2010, ubutyebi obuselwandle bagalela malunga nama-R54 eebhiliyoni Isamba seMveliso yeLizwe Lonke (i-GDP), kwaye badala imisebenzi emalunga nama-316 000. Ubungqina bubonisa ukuba iilwandle zoMzantsi Afrika zingagalela kwi-GDP imali enokufika kwi-R177 leebhiliyoni ngowama-2033. Kwaye iilwandle zeli kuzo zinakho ukudala imisebenzi ephakathi kwama-800 000 nesigidi. Eli zinga lokukhula lubonakalisa inxaxheba kwi-GDP nasekudaleni imisebenzi ekhula ngeepesenti ezine ngonyaka. 

Ufuyo nonakekelo lwezityalo nezilwanyana zaselwandle, iinqanawa nemikhumbi, ukombiwa kwee-oli negesi elwandle kunye nokhuselo lweelwandle zonke ezi zichongwe njengemimandla ekuza kugxininiswa kuyo ubutyebi beelwandle. Sele kusekwe iziko phantsi kommandla ngamnye kule ukunceda ukusombulula imicelimingeni ephambili.

1.2 IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika kunye nehlabathi ngokufaka isandla kuSuku lukaNelson Mandela lweHlabathi lalo nyaka. Abemi boMzantsi Afrika bephuma mbobo zone zeli lizwe balisabela ikhwelo lokunikela ngexesha labo nangoko banako besebenzela ukwenza umahluko.

Iphulo lokucoca lenza iindawo zethu zibukeleke kwaye luncedisa nakulondolozo lwendalo. Njengenxalenye yeli phulo, iSebe loLawulo lweNtsebenziswano nezeMicimbi yeMveli  lakhupha amagosa ezoBugcisa kaMasipala kubo bonke oomasipala amalunga nama-150 ukuba athathe inxaxheba kweli phulo lokucoca, nokuba ancedise oomasipala unyaka wonke.

Amaphulo afana ne-“War on Leaks” awokulwa nemibhobho yamanzi evuzayo aza kuqhubeleka kwaye aza kuqiniswa nangakumbi kuba abantu abatsha abangasebenziyo kunye nabanye abantu ekuhlaleni baza kukhuthazwa ukuba basebenzisane norhulumente kucikwe imibhobho yamanzi evuzayo.

IKhabhinethi iyalucela uluntu ukuba lugcine imilambo nemilanjana icocekile, njengoko oku kusiza neemeko zokuphila ezisempilweni, ezikhuselekileyo nezinesidima. Imilambo nemilanjana engcolileyo ingayingozi kubantu abangasemazantsi omlambo.

1.3 IKhabhinethi iyasamkela isivumelwano sokuphehlelelwa kwe-Bhanki yezoPhuhliso eNtsha (i-NDB) kwiNgqungquthela yesiThandathu ye-BRICS ibibanjelwe eBrazil nesokumiselwa kwe-ofisi yale bhanki yalo mmandla eRhawutini. I-NDB iza kukhuthaza imvano nentsebenziswano phakathi kwamazwe angamalungu e-BRICS kwaye iza kongeza kumalinge amanye amaziko ezezimali amazwe ngamazwe nawemimandla ngemimandla, nto leyo iza kunceda kwizigqibo ezithathwe ngamazwe angamalungu eBRICS ewonke okufikelela kuhlumo olungqingqwa, oluzingileyo noluzinzileyo.
 
Le ofisi iyeyommandla iza kudlala indima ebalulekileyo ekuncediseni ngezimali kumaseko ophuhliso nakumanye amaphulo ophuhliso abalulekileyo e-Afrika. Kukho ingxowana yemali esekelwe kule ndlela i-NDB iza kusebenza ngayo eza kunceda kumaphulo amaninzi olwakhiwo lweziseko zophuhliso kweli lizwekazi. La maphulo olwakhiwo awakaqaliswa ngenxa yeengxaki zezimali zokulungiselela ukwakhiwa kwazo, inyathelo elibaluleke kakhulu xa kuza kuqaliswa ulwakhiwo kuba lulutho xa kuza kufunwa inkxaso-mali nokuze ulwakhiwo luqalise.

1.4 IKhabhinethi ivakalise ukukhathazeka kakhulu yimeko yezoxholoxholo ezathathe unyawo phakathi kommandla wakwaSirayeli nowamaPalestina. IKhabhinethi iyalibethelela ikhwelo elihlatywe nguMongameli Zuma kurhulumente wakwaSirayeli ukuba ayeke ukuhlasela emoyeni nasemhlabeni, okubangela ukufa kwabantu neemeko ezimasikizi zokunyhashwa kwamalungelo abantu. Iyalicela neqela leHamas ukuba liyeke ukuhlasela abemi bakwaSirayeli ngokubadubula ngeerokethi.

IKhabhinethi iyawakhaba amacetyana kaRhulumente wakwaSirayeli okwenza ngathi ufuna ukuhlasela iGaza kuphela kanti ujonge ukudelela uRhulumente woBumbano lwasePalestina. Ingxaki yasePalestina nakwaSirayeli ayinakusonjululwa ngezigalo. Isisombululo kule ngxaki sinye kuphela luthetha-thethwano olungahana-hanisiyo phakathi kwawo onke amaqela achaphazelekayo, UMzantsi Afrika uhambisana noSosiba Jikele weZizwe eziManyeneyo, uMnu. Ban Ki-moon, kwelokuba mawabeke phantsi izixhobo omabini amacala, kusiwe uncedo kubantu baseGaza abasempenge-mpengeni kungokunje. Imeko yabantu kulaa mazwe iyixhalabisa kakhulu iKhabhinethi. URhulumente umemelela abasemagunyeni eJiphethe ukuba babavumele abantu abonzakeleyo nabachaphazelekieyo baseGaza baye eJiphethe.

1.5 Egameni labantu baseMzantsi Afrika, iKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho nezihlobo zawo onke amaxhoba Enqwelomoya ye-Malaysia Airlines ewe e-Ukraine ngomhla we-17 kweyeKhala ngowama-2014.

1.6 IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zombhali owawongwa ngeMbasa ye-Nobel, uNadine Gordimer, osandula ukusandulela kutsha nje. UMzantsi Afrika uyakuhlala umkhumbula uNksz Gordimer njengegorha elikhaliphileyo elasebenzisa usiba nelizwi ukuphikisana neenkohlakalo karhulumente wocalucalulo.

UNksz Gordimer ngomnye wabantu abaseka umbutho i-Congress of South African Writers (i-COSAW) njengelungu le-African National Congress ngowe-1989, wanika ubungqina kwityala lokuthandazela ukuthotywa kwesigwebo seenkokheli ezili-11 ze-United Democratic Front nakumagorha e-Vaal Civil Association. Incwadi yakhe, eyadlala indima enkulu kumzabalazo wokulwa ucalucalulo, yayingefuthe lobuhlanga obenziwe basemthethweni kubomi babantu boMzantsi Afrika.

1.7 IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kumzali wenkwenkwana eminyaka mine uTaegrin Morris obulewe kwisihelegu sokuqweqwedisa eReiger Park eMazantsi eRhawuti. IKhabhinethi nayo icula iculo elinye nabanye aba bakhalimela le nkohlakalo ingakumbi isenziwa ebantwaneni. IKhabhinethi kwakhona ithi maz’enethole kumapolisa nakuluntu oluncedisileyo ukuba abuyiswe engenziwanga nto uMongezi Phike obexhwilwe kutsha nje emva kokuqweqwediswa kwemoto kayise.

1.8 IKhabhinethi ikhumbuza abemi boMzantsi Afrika ukuba iNgqonyela yamaWonga imema uluntu, imibutho engekho phantsi korhulumente, imibutho yoluntu neyenkonzo, ukuba bafake amagama abantu abacinga ukuba bafanelwe ukufumana amaWonga eSizwe.

Uluntu luyacelwa ukuba lufake amagama abantu abazibaluleyo kwiindawo abahlala kuzo basebenzise uxwebhu olufumaneka kwi-www.thepresidency.gov.za.

Olu xwebhu malukhatshwe yileta enika izizathu phantsi kwale miba ilandelayo:

  • umhlathi wokuvula onesishwankathelo semisebenzi yalowo igama lakho liphakanyisiweyo;
  • uluhlu  lwezinto ezibalulekileyo azenzileyo lowo igama lakhe liphakanyisiweyo emsebenzini wakhe okanye nakwihlabathi; kunye
  • nenkcazelo ngenkonzo okanye umsebenzi wobugorha ogqibeleleyo nobalaseleyo owenziwe ngulowo igama lakhe liphakanyisiweyo.

Ukufaka amagama kuza kuvalwa ngomhla wama-31 kweyeKhala ngowama-2014.

2 Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

2.1 IKhabinethi inikwe amagqabantshintshi ngokufezekiswa kweCandelo 100 (1) (b) longenelelo kwiPhondo laseLimpopo kwaye yakuvuma nokutshintshwa kongenelelo lusuka kwicandelo 100 (1) (b) laya kwicandelo 100 (1) (a) lunemigqaliselo ecacileyo enikwe isiGqeba sePhondo ukuze siyizalisekise ukuze kugqitywe ukuba kurhoxwa ngokupheleleyo.

Njengoko uMgaqo-siseko usitsho, iBhunga leSizwe lamaPhondo kudityenwe nalo. Enye intlanganiso yokunika amagqabantshintshi eza kucacisa ngomgama ohanjiwe kwakunye nendlela eza kuhanjwa ukusuka ngoku iza kubanjwa ekuqaleni kule veki izayo.

2.2. IKhabinethi isamkele isiCwangciso-nkqubo sobuChule seXesha eliPhakathi (i-MTSF) sowama-2014 ukuya kowama-2019 esiza kusebenza njengenyathelo lokuqala leminyaka emihlanu elisebenzela kumbono wowama-2030 yesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP). Le MTSF inesicwangciso sokuphumeza esicacisiweyo se-NDP, esineenjongo, izalathisi, iindima noxanduva kunye namaxesha okuphunyezwa kwamabakala abalulekileyo – oku kuza kunceda ukusebenzisa indlela yokuhlola esekelwe kwiziphumo nenkqubo ye-NDP.

I-MTSF isekelwe kumava nokufundwe ngurhulumente ngesithuba bekulawula umbuso owaqala ukulawula ngowama-2009 ukuya kowama-2014, ngethuba kwaqaliswa okokuqala ukusetyenziswa kwenkqubo yokuhlola nokuvavanya esekelwe kwiziphumo. Ngesi sithuba kwaqaliswa ukusetyenziswa izivumelwano zokusebenza, zahlolwa zaze zavavanywa ngokweziphumo eziphambili ezili-12 zikarhulumente eziquka imfundo esisiseko esemgangathweni, ubomi obude kubo bonke abemi boMzantsi Afrika, ukhuselo nokhuseleko, uhlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke nemisebenzi endilisekileyo kunye nophuhliso lwamaphandle nobuyekezo lwemihlaba.

 Ngesithuba kulawula umbuso oqale ukulawula ngowama-2014 uza kuyeka ngowama-2019, inani leziphumo zandisiwe zaya kutsho kwi-14, kongezwe iziphumo ezitsha ezibini – ukhuseleko loluntu  nentsebenziswano yoluntu kunye nokwakhiwa kwesizwe. Zizonke, ezi ziphumo zili-14 zizinyathela zonke izicatshulwa ezikwi-NDP. I-Ofisi yoMphathiswa wezokuHlolwa kokuSebenza noVavanyo iza kubamba intlanganiso enge-MTSF nonoondaba kungekudala.

2.3 IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe ingqungquthela i-Global Smart Partnership Dialogue ngeyeDwarha kowama-2014 phantsi komxholo othi: “Ukuphakamisa izinga lezeNzululwazi, ubuChwepheshe kunye noYilo (i-STI) kulungiselelwa iiNguqu kwezeNtlalo nezeQoqosho kusetyenziswa iMigaqo yoThelelelwano lweeKhompyutha”.

Le ngqungquthela iza kunika iiNtloko zaMazwe, iinkokheli zezoshishino, oosonzululwazi, izifundiswa kunye neenkokheli zabafundi ithuba lokuba babelane ngezimvo nangamava anxulumene ne-STI. Ukanti le ngqungquthela ijonge nokukhuthaza inguqu kwintlalo noqoqsho, uphuhliso kunye nohlumo lwe-Afrika.

Ukusingatha le ngqungquthela kuza kusabela nakwiinjongo ze-NDP ngendlela ekunokuphuculwa ngayo inzululwazi nobuchwepheshe kulungiselelwa iinguqu kwintlalo noqoqosho eMzantsi Afrika kwakunye nasekuphuculeni izakhono zethu zokuyila kwingingqi, kwilizwekazi nakwihlabathi jikelele.

3. Imisitho ezayo

3.1 UMongameli Jacob Zuma uza kuphehlelela iNyanga yabaSetyhini kwizaKhiwo zoMdibaniso ngomhla wama-31 kweyeKhala ngowama-2014 phantsi komxholo othi: “Isikhumbuzo sama-60 soxwebhu lwamalungelo abaSetyhini njengenxalenye yeminyaka engama-20 yeNkululeko, ukuQhubela Phambili iMiba yabaSetyhini!” Olu phehlelelo luza kuzinyaswa nayiPalamente ye-Afrika nayo eza kunika imbeko kuMbutho wabaSetyhini be-Afrika iYonke kwakunye nendima yawo ekukhululeni abasetyhini baseMzantsi Afrika.
    
Mininzi imisitho ecetyelwe le nyanga yeThupha yokubhiyozela umgama osele uhanjwe nguMzantsi Afrika kwidabi lokuphucula ubomi babasetyhini baseMzantsi Afrika. Owona msitho mkhulu uza kuba ngomhla wesi-9 kweyeThupha uza kubanjelwa eThekwini. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko, njengesebe eliza kukhokela imibhiyozo yeNyanga yabaSetyhini, liza kuphehlelela eZona zakhe zaGqama zabaSetyhini kule nyanga yeThupha. Ezi ziganeko zibalulekileyo ziza kuphawula imisebenzi yabasetyhini abakhethekileyo beli kwakunye nendima esele ihanjwe ngabo bonke abasetyhini boMzantsi Afrika. Iinkcukacha ezithe vetshe ngezi ziganeko ziza kwaziswa kwalapha ethubeni.

3.2 Kulindeleke ukuba uMongameli Jacob Zuma akhokele igqiza eliza kuthatha inxaxheba kwiNgqungquthela yeeNkokeli zaseMerika nezase-Afrika, phantsi komxholo othi: “Ukuphuhliswa kwesiZukulwana esiZayo”, eza kuqala ngomhla wesi-5 iye kowe-6 kweyeThupha kowama-2014. Le ngqungquthela kulindeleke ukuba ihlanganise abalawuli nezikhulu zezoshishino kuxoxwe ngamathuba otyalo-mali nawoshishino e-Afrika.

Kuza kubakho neentlanganiso eziza kubanjelwa emacaleni zamaGosa oLawulo aPhezulu aseMerika nawalapha e-Afrika kunye neNtlanganiso yaBaphathiswa yoMthetho woHlumo namaThuba we-Afrika (i-AGOA). Iinjongo zezi ntlanganiso kukuqinisa ubudlelwane phakathi kweMerika ne-Afrika ingakumbi ngezorhwebo notyalo-mali.

Iziphumo ezilindelekileyo zezi: ukukhuthazwa kwentsebenziswano phakathi kwemimandla kweli lizwekazi; ukuxhaswa kweenkqubo ezahlukeneyo zophuhliso loqoqosho zeMbumba ye-Afrika, uxolo nokhuseleko, kuquka nokwandiswa kwe-AGOA; ukuguqu-guquka kweemo zezulu nemibandela yokukhuselwa kwendalo; kunye nenkxaso ukuze zifezekise imibono yeenjongo ze-Afrika 2063.

3.3 ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe liza kuphehlelela iVeki yeNzululwazi yeSizwe (i-NSW) ngomhla wesi-2 kweyeThuba ngowama-2014 phantsi komxholo othi: “ INzululwazi yanamhlanje, ihlabathi langomso”. I-NSW yowama-2014 iza kuqhuba kude kube ngumhla wesi-9 kweyeThupha ngomawama-2014 kulo lonke ilizwe. Kula veki kuza kube kukho iintlanganiso zocweyo ezininzi kulo lonke eli. Ezi ntlanganiso ziquka imiboniso, iinkqubo zenzululwazi, iintlanganiso zocweyo kunye nezifundo. Iinkcukacha zezi ntlanganiso ziza kwaziswa kwalapha ethubeni. IKhabhinethi imemelela abazali, ootitshala, abafundi kunye nabemi boMzantsi Afrika gabalala ukuba babe yinxalenye ye-NSW yowama-2014.

4. Izikhundla

4.1 IKhabhinethi ikuqaphele ukwandiswa kwesithuba sokuphatha sala malungu alandelayo kwiBhodi yokuNgcakaza yeSizwe, njengoko inkqubo yokonyulwa koza kufumana amaphepha okungcakaza isagqityezelwa.
a) UNjing Ntshengedzeni Alfred  Nevhuṱanḓa(USihlalo),
b) UNksz Mathukana Mokoka,
c) UNjing Govin Reddy,
d) uNksz Zodwa Paulina Ntuli (ummeli weSebe lezoRhwebo noShishino ), kunye
e) noNksz Ndileka Eumera Portia Loyilane.

4.2 IKhabhinethi iyakwamkelwa ukuqeshwa kwaba baLawuli bangekho kwiSigqeba soLawulo balandelayo kwiBhodi yeGunyabantu loKhuseleko laseLwandle (i-SAMSA)
a) USekela Mphathi-mikhosi uJohannes Mudimu (uSihlalo),
b) uGq. Michael Harry Hendricks,
c) u-Adv Motsehoa Brenda Madumise (uSekela Sihlalo),
d) uMnu Frederick Andrew Jacobs,
e) UNksz Nomsa Margaret Cele, kunye
f) noMnu Brett Naidoo

4.3 IKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa kwaba baLawuli bangekho kwiSigqeba soLawulo balandelayo kwiBhodi ye-Arhente yabaBakhweli bakaLoliwe yaseMzantsi Afrika (i-Prasa).
a) UNksz Zodwa Penelope Manase,
b) UGq Popo Molefe (uSihlalo),
c) UNksz Carol (Roskruge) Cele,
d) UMnu William Solomon Steenkamp,
e) UNksz Nonduduzo Samukeliswe Kheswa,
f) UNksz Mashila Jemina Matlala,
g) UMnu Sfiso Buthelezi (uqeshiwe kwakhona),
h) UMnu Xolile George (uqeshiwe kwakhona njengonyulwe yi-Salga),
i) UMnu Landon McMillan (ummeli kaNondyebo weSizwe), kunye
j) noMnu Clement Manyungwana (ummeli weSebe lezoThutho).

4.4 IKhabhinethi ivumelene ngokuqeshwa kwamalungu amatsha eBhunga labeCandelo lezoKwakha.
Ummeli weSebe lemiSebenzi kaRhulumente
a) UMnu Sam Themba (Clive) Mtshisa,
Abameli bamaSebe eziSeko zoPhuhliso
b) UMnu Zukile C Mvalo,
c) UNksz Martina Mapula Tshangela,
d) UNksz Itumeleng Sizwe Kgomo,
Abameli bamaBhunga eCandelo lezoKwakha
e) UNksz Christina Alida Breed,
f) UNksz Ancunel Anna-Lucia Steyn,
g) UNjing Kathleen Anne Michell,
h) UMnu Thembinkosi Matunda,
i) UNksz Ezodidi Gugu Makongwana,
j) UMnu Jerry Leigh Margolius,
k) UNksz Anna-Marie Sassenberg,
l) UGq Zwanani Titus Mathe,
m) UMnu Nicolaas Daniel Lombard,
n) UMnu Sithiwe Thubane,
o) UMnu Douglas Michell,
p) UMnu Isaac Mzumara Nkosi (uSihlalo),
Abameli boLuntu
q) UNksz Niniza Fortunate Sithole (uSekela Sihlalo),
r) U-Adv (uGq) Nalini Maharaj,
s) U-Adv Derick Jeffrey Block, kunye
t) noMnu Reginald Gaolatlhe Sefotlho.

4.5 IKhabhinethi ivumelene ngokuqeshwa kwala malungu alandelayo kwiBhodi yoPhuhliso leCandelo loLwakhiwo.
a) UNksz Lindelwa Teresa Myataza (uSihlalo),
b) UMnu Christopher Siphiwe Jiyane (uSekela Sihlalo),
c) UNksz Nazreen Sekao Pandor,
d) UMnu Gonasagran Maduray,
e) UNksz Nomsa Jacobs-Skweyiya,
f) UMnu Sipho Abednego Mosai,
g) UMnu Lefadi Lucas Makibinyane,
h) UNksz Natalie Carol Skeepers,
i) UMnu Selaelo Michael Makhura,
j) UNksz Vuyiswa Victoria Sidzumo,
k) UNksz Mandisa Fatyela-Lindie,
l) UMnu Hareesh Lakha Patel, kunye
m) noMnu Nico Maas.

4.6 IKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa kwaba baLawuli bangekho kwiSigqeba soLawulo balandelayo kwiBhodi yeBhanki yezoPhuhliso yamaZantsi e-Afrika (i-DBSA).
a) UNksz Busisiwe Abigail Mabuza (uqeshiwe kwakhona),
b) UGq Lungile Ntombifuthi Nokuthula Bhengu-Baloyi (uqeshiwe kwakhona),
c) UNksz Mary Vilakazi (uqeshiwe kwakhona),
d) UNksz Dawn Marole (uqeshiwe kwakhona),
e) UNksz Gugu Mtetwa,
f) UMnu Mabotha Arthur Moloto,
g) uNksz Anuradha Sing,
h) UNjing Mark Swilling.

Imibuzo:
Phumla Williams, ISithethi seKhabhinethi esiliBambela
Umnxeba woqhagamshelwano: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore