Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla woku-1 kweyeNkanga ngowama-2017

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso eTuynhuys eKapa.   

A. Imiba Esematheni

1. INgxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi yowama-2017 (i-MTBPS)

1.1. IKhabhinethi iyayamkela i-MTBPS eyenziwe nguMphathiswa wezeMali, uMnu Malusi Gigaba, ePalamente, eKapa, kule veki iphelileyo.
1.2. Uhlenga-hlengiso kuhlahlo lwabiwo-mali luyaqhubeka nokukhokela uhlumo loqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke kunye nokuqhubeleka nokubopha ibhanti kwindlela esetyenziswa ngayo imali ngelithuba kukhuselwa futhi kukhuthazwa inkcitho kwiinkqubo ezinceda uluntu kwicandelo lezempilo, iziseko ezingundoqo ezisisiseko kunye nezibonelelo zezentlalo zikarhulumente, abantu abaninzi boMzantsi Afrika abaxhomekeke kuzo ukuze bakwazi ukuxhamla ubomi obungcono.  
1.3. Kwezi meko zoqoqosho zingentlanga, ukuzimisela kukarhulumente ekulweni ezi ngxaki zithwaxa uMzantsi Afrika kubonakala ngemigudu ayenzayo yokuhlumisa uqoqosho lwasezidolophini nolwasemaphandleni, ukuphucula ulawulo kumashishini ombuso, kwakunye nokugalela imali ethe chatha kwicandelo lemfundo ephakamileyo.
1.4. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba babe yinxalenye yala maphulo angqingqwa okuhlumisa uqoqosho.

2. UPhando ngezeMisebenzi

2.1. IKhabhinethi iyayibulela le Ngxelo yeKota yoPhando ngezeMisebenzi yekota yesithathu yowe-2017 isanda kukhutshwa. Le Ngxelo ibonisa ukuba izinga lentswela-ngqesho lisahleli kweli lale kota idlulileyo, lisemi kuma-27,7%. Inani labantu abaqeshiwe kumacandelo adala imisebenzi abhaliswe ngokusesikweni bangama-187 000 kule kota yonke. Abantu abaphulukene nemisebenzi kumacandelo angabhaliswanga ngokusesikweni bangama-71 000 baze babe ngama-25 000 kwicandelo lezolimo. Urhulumente usazimisele ekwenzeni konke okusemandleni ukulwa le ngxaki yentswela-ngqesho kwaye uhlaba ikhwelo nakwinkampani zabucala ukuba nazo zizame kwelazo icalo.

3. Iminyaka eli-100 ka-Oliver Reginald Tambo

3.1. IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ngokuthatha inxaxheba kwibhiyozo yeminyaka elikhulu yegqala loMzabalazo u-OR Tambo, ethe yafikelela kuvuthondaba  kumsitho wokubhiyoza ubumkhulu ubabanjelwe kwilali yaseNkantolo, eMpuma Koloni ngoLwesihlanu, umhla wama-27 kweyeDwarha ngowama-2017.
3.2. Njengenxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu, uMongameli Jacob Zuma uye wathatha inxaxheba kula maphulo ophuhliso, aquka:

  • Ukunikezelwa ngokusesikweni kweLudeke Dam eMbizana, elakhiwe njengenxalenye yeGreater Mbizana Regional Bulk Water Supply Scheme liSebe lezaManzi noGutyulo;
  • Ukutyelela usapho lakwaNyameni kwilali yaseLudeke apho uMongameli walayita umbane, njengenxalenye yenkqubo karhulumente ebanzi yokufakela umbane kwiindawo zasemaphandleni eMbizana nakwimimandla engqongileyo;
  • Ukunikezelwa kweebhayisekile kubafundi base-OR Tambo Technical High School, njengenxalenye yenkqubo i-‘Shova Kalula’ yeSebe lezoThutho, ezincede abafundi abahamba umgama ongaphezulu kwiikhilomitha ezintathu ukuya esikolweni;
  • Umsitho ubukhokelwa nguMphathiswa wezoNxibelelwano uMmamoloko Kubayi-Ngubane wokunikezelwa kweekhompyutha kubafundi besikolo sabantwana abakhubazekileyo iVukuzenzele Special School.
     

4. IiNkcukacha-manani zoLwaphulo-mthetho

4.1. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika kunye noluntu ngokubanzi ukuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho ukuze kuliwe ulwaphulo-mthetho. Ezi nkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zisanda kukhutshwa nguMphathiswa wezaMapolisa, uMnu Fikile Mbalula, zibonise iindawo esiqhubeka kakuhle kuzo kumaphulo ethu okulwa ulwaphulo-mthetho kwakunye nezo izinga lolwaphulo-mthetho lusephezulu kuzo.
4.2. IKhabhinethi iyawungqina umbono othi kungokusebenzisana kuphela apho sonke sinokuthi sixhamle ngokwakha isizwe esikhuselekileyo esikwaziyo ukuphuhla.  
4.3. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zinceda urhulumente kunye noMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ukuba babeke phantsi kweliso iinjongo eziphambili abazibekele zona kwaye zisebenza nanjengesixhobo sokulumkisa kusengethuba sokuqinisa amaphulo namaqhinga okulwa ulwaphulo-mthetho. Ziyinxalenye yezicwangciso zokuthintela ulwaphulo-mthetho ukuqinisekisa ukuba bonke abantu kweli lizwe abaziva bekhuselekile nje kuphela koko bakhuselekile ngenene.

5. Ubundlobongela obusekelwe kwisini (i-GBV)

5.1. IKhabhinethi nangoku isawugxeka kabukhali umkhuba wokuxhatshazwa ngesondo koomama nabantwana, kungathaliseki nokuba abo batyholwa ngezi zenzo bazizikhakhamela ezihlonitshwayo ekuhlaleni okanye bayimixhwitha engaziwa nganto.
5.2. IKhabhinethi iyawakhuthaza amaxhoba ukuba azixele kwii-arhente zogcino-mthetho ezi zenzo zolwaphulo-mthetho zihambisa umzimba, zona eziza kuthi ziziphande ezo zityholo ze-GBV zize zibathathele namanyathelo angqwabalala abo benzi bobubi zikhokelwa ngumthetho ukuze kuqinisekiswe ukuba umthetho uyasebenza.
5.3. Iphulo leeNtsuku ezili-16 zokuLwa ubuNdlobongela oBenziwa kooMama naBantwana liyasondela kwaye iKhabhinethi iwuvumile umxholo walo nyaka othi: Nam ndibale: Sisonke siQhubela uMzantsi Afrika ongenaBundlobongela Phambili”.
5.4. IKhabhinethi ikwahlaba nekhwelo kubo bonke abemi ukuba bafundisane ngamalungelo oomama nabantwana, kunye neendlela kunye namaziko akhoyo okunceda amaxhoba obundlobongela.
5.5. Iphulo leeNtsuku ezili-16 zobuTshantliziyo liphulo leZizwe eziManyeneyo (i-UN), elibanjwa rhoqo ngonyaka ukusuka ngomhla wama-25 kweyoMqungu (uSuku lweHlabathi lokuLwa uBundlobongela Obenziwa kooMama) ukuya kumhla we-10 kweyoMnga (uSuku lweHlabathi lamaLungelo oLuntu).  
5.6. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bathathe inxaxheba buqu kumaphulo okulwa nokufundisa kwiindawo abahlala kuzo nakumacandelo abasebenza kuwo.

6. INgqungquthela yeeNguqu kwezoKhenketho

6.1. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuwo onke amahlakani ukuba axhase amaphulo okuzisa iingunqu kwicandelo lezokhenketho njengoko enegalelo elimandla kuqoqosho kuba exhobisa abantu abaphuma kwiindawo ezisokolayo futhi ephambili kwimizamo yokuhlumisa uqoqosho.
6.2. ISebe lezoKhenketho belibambe iNgqungquthela yeSizwe yeeNguqu kwezoKhenketho ngomhla wama-30 nowama-31 kweyeDwarha ngowama-2017 phantsi komxholo othi: “UKhenketho lwaBo Bonke: Zisa iiNguqu, Khulisa uze uliZinzise”, apho kuye kwakhutshwa iNgxelo engeMo yeeNguqu kwiCandelo kunye nokuphehlelelwa koLuhlu lwezoKhenketho lokuXhotyiswa ngokuBanzi kwaBantu abaNtsundu ngezoQoqosho (i-B-BBEE) kunye neNgxowa-mali yeeNguqu kwezoKhenketho.

7. UTyelelo lwasebuRhulumenteni lukaMongameli Macky Sall waseSenegal

7.1. IKhabhinethi iyalwamkela uTyelelo lwasebuRhulumenteni nguMongameli weRiphabhlikhi yaseSenegal, oHloniphekileyo uMacky Sall ngomhla wama-20 kweyeDwarha ngowama-2017. UMzantsi Afrika nelizwe laseSenegal ubambe iingxoxo ngemiba ehlupha eli lizwekazi nehlabathi liphela aze la mazwe atyikitya izivumelwano ngemiba eyahlukeneyo.
7.2  La mazwe mabini anobudlelwano obushushu bezopolitiko, ezoqoqosho kunye nezentlalo obusukela kwintsebenziswano yakudala yangeminyaka yomzabalazo wenkululeko.
7.3. Ukutyikitywa kwesiVumelwano sokuQondana (i-MoU) esiza kudibanisa iRobben Island (isiqithi esasisetyenziswa ngumbuso wocalu-calulo ukubamba amagorha ayesilwela inkululeko) kunye neGorée Islands (iziqithi ezazingamazibuko ayesetyenziswa ukulayisha imidaka eNtsundu isiya kuba ngamakhoboka phesheya kwezilwandle) kuwaqinisa nangakumbi amakhonkco ezenkcubeko ayimbali njengoko kukhunjulwa iiNgxoxo zaseDakar zangowe-1987.

8.  Utyelelo lwegqiza lase-Indonesia eMzantsi Afrika

8.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuhambela eMzantsi Afrika kukaSultan Husain Abubakar Syah waseTidore e-Indonesia. Eli gqiza laseTidore liquka uMuhammad Amin Farouk, isizukulwana sikaTuan Guru, igorha elalisilwela inkululeko elabanjwa ngurhulumente waseHolland laza lathunyelwa esiQithini (eRobben Island) ngowe-1780. UTuan Guru (Imam Abdullah bin Qadi Abdussalam) kunye namaqabane akhe amathathu bachitha iminyaka eli-12 entolongweni baze emva koko bagcinwa elubhacweni eKapa, apho wathi wadlala indima emandla kuphuhliso loluntu lwale ngingqi kunye nokwakhiwa kwe-mosque yokuqala. Uninzi lwabemi boMzantsi Afrika bawulanda kuye umnombo wabo.
8.2.  Eli gqiza belindwendwele nakwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA) nakwiBhunga lamaPhondo leSizwe (i-NCOP) apho lithe lamkelwa ngamagosa ongameleyo, uSekela-Mongameli uCyril Ramaphosa kunye noMphathiswa woPhuhliso loQoqosho u-Ebrahim Patel.
8.3.  Olu tyelelo lugqamise imbali efanayo yolawulo lobukholoniyali kunye nedabi leenkulungwane ezininzi lokulwela inkululeko elalisiliwa ngabantu base-Indonesia naseMzantsi Afrika. Namhlanje sithetha ngorhwebo, ukhenketho kunye namanye amakhonkco ezoqoqosho phakathi kwala mazwe mabini.

9. Iimviwo zokuphela konyaka
9.1. IKhabhinethi yanelisekile ukuba iimviwo eziqhubayo sithetha nje ezikolweni nakumanye amaziko emfundo ziqhuba kakuhle ngaphandle kweziphazamiso.
9.2. Imfundo sesinye sezixhobo esinokusetyenziswa ukwakha ikamva eliqaqambileyo leli lizwe. Abazali nabagcini-bantwana bayacelwa ukuba babaxhase kangangoko abafundi ngeli xesha leemviwo.
9.3. Iinkqubo kunye namanye amaphulo eSebe leMfundo esisiSeko okunceda abo bebesemva kwizifundo zabo abancedile abafundi ababechatshazelwe yimigushuzo yoqhankqalazo apha enyakeni kwaye kulindeleke ukuba abafundi baqhube kakuhle kwiimviwo zabo.

10. Ukuhlalisana ngoxolo esizweni
10.1.  IKhabhinethi iziqhwabela izandla ii-arhente zogcino-mthetho futhi iyibulela nentsebenziswano yoluntu abathe banceda ekubeni uWillem Oosthuizen noTheo Jackson bafunyaniswe benetyala. Esi sibini safaka ngenkani uVictor Mlotshwa ebhokisini yomngcwabo saze samgrogrisa nangokumgalela ipetroli, simitshise.
10.2. Isigwebo abasifumeneyo sibonakalisa ukuba imithetho yoMzantsi Afrika ayihleki xa kufuneka ikhusele amalungelo abo bonke abemi beli.  
10.3. IKhabhinethi iyaphinda iyakubethelela ukubaluleka kwelungelo labo bonke abemi boMzantsi Afrika lokuthatha inxaxheba kwimingcelele yogwayimbo engenazidube-dube njengenxalenye yalo rhulumente wethu ulawulwa ngokwentando yesininzi nomgaqo-siseko. Kodwa noko kunjalo, amalungelo akuMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996 akuthiwa awanakuphikiswa kwaye akufuneki aphazamisane namalungelo abanye abantu akumgaqo-siseko.
10.4.  IKhabhinethi iyakugxeka ukuvalwa kweendlela zikarhulumente, ukuphatha esidlangalaleni izinto ezazisetyenziswa zimele urhulumente wangaphambili kunye nokutshatyalaliswa kweempawu zesizwe ezimele lo rhulumente ulawulwa ngokwentando yesininzi owalwela ngegazi neenyembezi.
10.5. IKhabhinethi iyazibophelela kwindima yayo yokwakha isizwe esimanyeneyo somntu wonke kwaye icela nabemi ukuba nabo badlale indima yabo ngendlela ebonakalisa inkathalo nangomoya wokusebenzisana ukuze sakhe uMzantsi Afrika omanyeneyo, ongacaluli ngokobuhlanga nangokwesini, olawulwa ngokwentando yesininzi kunye nonamathamsanqa.

B.  Izigqibo zeKhabhinethi

11.1.  IKhabhinethi iyivumile iNgxelo yowama-2015/16 yeSimo sooMasipala eMzantsi Afrika. Le ngxelo inika iinkcukacha ngomgama osele uhanjiwe ekuqaliseni iNkqubo yokuBuyela kuNdalashe (i-B2B), isicwangciso sokusebenza sokuqinisekisa ukuba iinkonzo ezisisiseko ziyahanjiswa, ulawulo olufanelekileyo kunye nokuphathwa kwemali ngendlela eyiyo.
Le ngxelo ichaphazela neendawo ezisanika ubunzima kwaye inika nesikhokelo sokuqaliswa kwenqanaba lesibini leNkqubo ye-B2B.
Le ngxelo iza kuthiwa thaca ePalamente.
11.2. IKhabhinethi iyazixhasa izilungiso ezicetywayo eziza kwenziwa kwiKhowudi zamaCandelo zeB-BBEE. Ezi zilungiso zisabela kanye kwiingxaki ezijamelene namacandelo kunye nemingeni engeenguqu engenakulungiswa ngokupheleleyo zikhowudi ezichaphazela onke amacandelo. La macandelo mathathu ngala: lelezoLimo, ezeMali nelezobuChule boKwakha.  Ezi zilungiso zicetywayo zikhe zagwadlwa namahlakani afanelekileyo. Zonke iikhowudi ezitshintshiweyo ziza kufakwa kwiphepha-ndaba lombuso.

11.3. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga seSizwe seze-Intanethi, yavuma nokuba masipapashwe kwiphepha-ndaba lombuso. Sipapashwe ngekaTshazimpunzi ngowama-2017 ukuze uluntu luhlomle kuso. Isicwangciso-qhinga se-intanethi sicacisa umbono wethu sonke kunye notshintsho kwindlela esizenza ngayo izinto, sisuka kwixesha elixabise nelikhokelisa phambili ulwazi ukuya kwelo xesha nohlobo loqoqosho olusekelwe kulwazi-nzulu nezakhono zobungcali.

Sisabela kwimingeni, equka umahluko omkhulu okhoyo kwindlela abafikelela ngayo kwizixhobo zobuchwepheshe kunye nolwazi abanalo ngobuchwepheshe abantu abangamahlwempu nabaneempokotho ezifumileyo, abantu beentlanga ezahlukeneyo, ngokweendawo abantu abakuzo kunye nangokwesini.
 
Sinika abemi boMzantsi Afrika iqonga lokuba ubuchwepheshe babenze inxalenye yobomi babo, kwaye olu hlobo lobuchwepheshe kufuneka luhambelana nala maxesha, kwaye lube negalelo elikhulu kumaphulo ophuhliso kunye nohlumo loqoqosho ukwenzela ukuba abantu bonke baxhamle. ISebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi liza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngesi sicwangciso-qhinga.

11.4. IKhabhinethi ivumile ukuba isiCwangciso nesiCwangciso-qhinga seSizwe sikaRhulumente oSebenzisa i-Intanethi sipapashwe kwiPhepha-ndaba likaRhulumente. Esi sicwangciso-qhinga siza kuzisa ubuchwepheshe kwiindlela asebenza ngayo urhulumente sincede nasekubeni kunikezelwe ngeenkonzo ezikumgangatho ophezulu ngelithuba silinga iintlobo ezintsha zobuxhaka-xhaka bobuchwepheshe. Esi sicwangciso-qhinga sijoliswe, phakathi kwezinye izinto, ekwahlula-hluleni amaphulo asebenzisa ubuchwepheshe karhulumente kunye nokuthintela ukuphinda-phindwa kweenkqubo, ubukho bezintlu ezifanayo eziphinda-phindiweyo, ingxaki yeenkqubo zobuchwepheshe ezinganxibelelaniyo kunye nengxaki zamalinge angenaziphumo. Siza kwandisa nendlela obusetyenziswa ngayo ubuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano (i-ICT), sikhuthaza nokuyila izinto ezintsha zobuchwepheshe kunye neenkqubo zekhompyutha eziza kusetyenziswa ngurhulumente osebenzisa i-intanethi.

11.5. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-qhinga soPhuhliso lwe-ICT yamaShishini amaNcinci, aPhakathi namaNcinane (ii-SMME). Eli lilinge lokungenelela elijoliswe kwicandelo elithile lokusabela kwimingeni ezijamelene nayo ii-SMME ezisebenza kwicandelo le-ICT.

Esi sicwangciso-qhinga siphakamisa amanyathelo okungenelela anokusetyenziswa ukuba kukhawuleziswe uphuhliso lwamashishini amancinci akwicandelo le-ICT, ngelithuba sikhuthaza amashishini amancinci ngokubanzi ukuba asebenzise ii-ICT.

Injongo yesi sicwangciso-qhinga kukuxhasa amashishini e-ICT asakhasayo, nokuphuhlisa la mashishini akhoyo kunye nokuxhasa ii-SMME ezithembisayo.

11.6  IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kweNgxelo yokuHlolwa kweNkqubo yokuTyiswa kwaBantwana eziKolweni. Le yinkqubo karhulumente enebhajethi yonyaka ezibhiliyoni zeerandi eziyi-5.5 ephekela abantwana besikolo abaphuma kwiindawo ezihlelelekileyo abazizigidi ezilithoba ukutya okunesondlo yonke imihla. Le ngxelo inika iinkcukacha ngeendawo eziqhuba kakuhle zale nkqubo kunye nezo zisakhwinisayo, zifuna kungenelelwe.
Le ngxelo iza kufakwa kwiwebhusayithi yeSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya (i-www.dpme.gov.za).

11.7.  IKhabhinethi iyawuxhasa uMzantsi Afrika ekubeni ngumgqatshwa oza konyulwa esinye isihlandlo sokuba lilungu isithuba seminyaka emibini kwiBhunga leHlabathi loMbutho wezaseLwandle (i-IMO). Olu lonyulo luza kubanjwa ngethuba leSeshoni yeSiqhelo yamaLungu Onke yama-30 ukusuka ngomhla wama-27 kweyeNkanga ukuya kumhla wesi-6 kweyoMnga ngowama-2017, eLondon, e-United Kingdom.

UMzantsi Afrika lilizwe elirhangqwe lulwandle kwaye phantse ama-80% orhwebo lweli lizwe namazwe ehlabathi luhamba ngolwandle. Ukuba lilungu koMzantsi Afrika kwiBhunga le-IMO kuza kudala imisebenzi eza kuvela kwi-Operation Phakisa: uQoqosho lwaseLwandle.

11.8. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kokwamkelwa ngokusesikweni kwesiLungiso sesiVumelwano saseMontreal esingeziNto eziNciphisa uCwambu oluKhusela uMhlaba kwiMitha yeLanga (i-ozone layer) ukuba ziquke ii-hydrofluorocarbons (ii-HFC). Esi silungiso senzelwe ukuphungula ukusetyenziswa kwee-HFC (isiVumelwano saseKigali), ezizezinye zezisi okanye iigesi ezingcolileyo ezinegalelo kwingxaki yokuncipha kocwambu olukhusela umhlaba kwimitha yelanga. UMzantsi Afrika ulelinye lamazwe atyikitya isiVumelwano saseMontreal.  

11.9.  Khabhinethi ikuvumile nokungeniswa ePalamente kokwamkelwa ngokusesikweni kwesiVumelwano saseMinimata ngeMekyuri. Sinika ithuba lokuba kukhuselwe abantu abasemngciphekweni wokuchatshazelwa yimekyuri, ingakumbi abo bahlala kwiindawo ezikufutshane nemigodi, ekubeni bachatshazelwe ngumonakalo owenziwa yimekyuri kokusingqongileyo nakwimpilo yabantu.

11.10. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngeNgxelo yeKomishini yoPhando ngeMfundo ePhakamileyo noQeqesho kwiRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika.  IKomiti kaMongameli yezeMali iza kudibana kungekudala ukuze ixovule ukuba oku kuza kufuna imali engakanani na. ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho kuza kufuneka liphonononge imigaqo-nkqubo kunye nemithetho efanelekileyo, apho kukho imfuneko. UMongameli Zuma uza kuyikhupha le ngxelo iye eluntwini kungekudala. Isithethi sikaMongameli uGq Bongani Ngqulunga uza kukhupha isaziso ngalo mba.

C. ImiThetho eYilwayo

12.1. IKhabhinethi iwuvumile uMthetho oYilwayo woWona Mvuzo Mncinci uMiselweyo weSizwe oqalisa ukusebenzisa owona mvuzo mncinci umiselweyo ubhatalwa abasebenzi abamkela owona mvuzo mncinci eMzantsi Afrika. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ukuba kungabikho msebenzi wamkela umvuzo ongaphantsi kowona mvuzo mncinci umiselweyo wesizwe. Wakuba lo Mthetho uYilwayo uqalile ukusebenza abaqeshi kulindeleke ukuba babhatale abasebenzi umvuzo ongekho ngaphantsi kulo ungowona mncinci umiselweyo wesizwe, nawo oza kutshintshwa rhoqo ngonyaka.

12.2. IKhabbhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weeMeko ezisisiSeko zokuSebenza wowama-2017. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho weeMeko ezisisiSeko zokuSebenza, wowe-1997 (uMthetho 75 wowe-1997) ukuqinisekisa ukuba unalo isolotya elibhekisa kuMthetho oYilwayo woMvuzo oMncinci oMiselweyo.

12.3. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-sihlomelo oYilwayo weMphathwano eMisebenzini. Lo Mthetho uYilwayo usisiphumo samaphulo okufakana imilomo nokubonisana nawo onke amahlakani afanelekileyo. Phakathi kwezinye izinto, ucacisa indlela yokuqhankqalaza ngenzolo, ugwayimbo oluthatha ixesha elide kunye namaqonga okulamla anokusetyenziswa.  

12.4. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamenete koMthetho-sihlomelo oYilwayo wama-2017 wooRhulumente beMimandla: Ukwakheka kooMasipala. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo ulungisa uMthetho wooRhulumente beMimandla: Ukwakheka kooMasipala, wowe-1998 (uMthetho 117 wowe-1998).  Lo Mthetho uYilwayo wenzelwe ukomeleza iindlela amaqoqo karhulumente asebenzisana ngayo kunye nendlela ulawulo lombuso owonyulwe ngentando yesininzi oluqhutywa ngayo. Ukwalungiselelwe ukulungisa imiba emalunga nokulawula kunye nokuphatha ulonyulo loomasipala, kunye nokuqinisekisa ukuba uMthetho usetyenziswa ngendlela efanelekileyo neluncedo, kwakunye nokuba sisixhobo esisetyenziswa ukuphucula umsebenzi wokubeka iliso nokuba liliso koomasipala.

12.5. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo wowe-2017 weNkqubo yokuBhaliswa kwamaLungelo oBunini-mhlaba nge-Intanethi. Lo Mthetho uyilwayo sele uxovulwe luluntu. Wenzelwe ukuba kwenziwe inkqubo yokubhalisa amalungelo obunini-mhlaba nge-intanethi (i-e-DRS), ukwenzela ukuba amalungelo obunini-mhlaba aphicothwe, ukuze kube lula ukubhalisa uluhlu olude lwamalungelo obunini-mhlaba olwenzeka ngenxa yeenkqubo zikaRhulumente zobuyekezo lomhlaba.

12.6. Njengenxalenye yokukhuthaza ukusetyenziswa kwee-ICT ukuze kwakhiwe uqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, iKhabhinethi ivume uMthetho-oYilwayo we-IKamba National e-Skills Institute wowe-2017 (uMthetho oYilwayo we-iNeSI) ukuba fakwe kwiphephandaba likarhulumente ukuze uluntu luhlomle ngawo.
UMthetho oYilwayo we-iNeSI uvuma ukuba kumiselwe i-iNeSI njengequmrhu likarhulumente elinomthetho walo elisekwe ngawo, ukuze kulungiswe ingxaki yokunqongaphala kwezakhono ze-intanenthi eziphazamisa utyalo-mali, uphuhliso lwezentlalo nezoqoqosho kunye nokuxhotyiswa ngezakhono kweli lizwe.
Oku kuza kunceda kutsho kuvulwe amaziko okuvelisa iimveliso ze-ICT kwiphondo ngalinye, into eza kunceda i-iNeSI ukuba iqulunqe iinkqubo ezifanelekileyo ibhale neencwadana ezizizikhokelo zoqeqesho, ukukhuthaza nokuqhuba uphando olungokuyila, ize incede abafundi abenza izidanga ezilandela ezokuqala ngezixhobo ezifunekayo zophando-nzulu.

12.7. IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe uMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkonzo zePosi kwiphephandaba likarhulumente ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo wenza izilungiso kuMthetho-sihlomelo weeNkonzo zePosi, uNombolo 124 wowe-1998.

Lo Mthetho uYilwayo ulungiselwe ukwenza utshintsho kwicandelo lezeposi ngokubanzi ukuze ufake igalelo kumaphulo okuqinisekisa ukuba wonke umntu uyazifumana iinkonzo zoyilo lwe-intanethi ezintsha ngelithuba iinkonzo zesiqhelo ezisemgangathweni nezithembakeleyo ziqhubelekayo ukufumaneka.

Oku kunegalelo kumaphulo okulwela ulingwano kunye nokubuyisela izidima zabantu ngokuthi bakwazi ukufumana ulwazi kunye neenkonzo zeposi ezifikelelekayo, into leyo ethi incede kuphuhliso loluntu futhi iphucule ubomi babantu nesizwe ngokubanzi.

D. Imisitho ezayo

IKhabhinethi iphawule nangeminye imisitho ezayo kuluhlu lwezinto eziza kwenziwa ngurhulumente.

13. INkqubo yokuHlola kaMongameli, i-Presidential Siyahlola Monitoring Programme

13.1. UMongameli uza kutyelela iSteve Biko Academic Hospital eTshwane ngoLwesihlanu, umhla we-3 kweyeNkanga 2017 ukuya kuhlola ukuhanjiswa kweenkonzo zezempilo njengenxalenye ye-Presidential Siyahlola Monitoring Programme.

Esi sibhedlele sesinye sezibhedlele zikarhulumente ezisebenza kakuhle kakhulu kweli lizwe kwaye sithiywe ngoSteve Bantu Biko, iqhawe lomzabalazo elingasekhoyo futhi nelalingumfundi ofundela ubugqirha kwidyunivesiti eyayisaziwa njengeDyunivesiti yaseNatal ngaphambili (ngoku ebizwa ngokuba yiDyunivesiti yaKwaZulu-Natal).

Olu tyelelo lukaMongameli Zuma luyinxalenye yenkqubo eqhubayo karhulumente yokuhlola elungiselelwe ukusabela kwimingeni izibhedlele zikarhulumente ezijamelene nayo ukuze kuphuculwe iinkonzo zezempilo kweli lizwe, eziyenye yezezinto ezingundoqo ezikhokeliswe phambili ngurhulumente.

14. INyanga yeSizwe yokuFundisa ngamaLungelo Abantu abaKhubazekileyo

14.1. IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba bayixhase iNyanga yeSizwe yokuFundisa ngamaLungelo Abantu abaKhubazekileyo ebanjwa phakathi komhla wesi-3 kweyeNkanga nowesi-3 kweyoMnga ngowama-2017, eqhuba ngaxeshanye noSuku lweHlabathi laBantu abaKhubazekileyo. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bafundise futhi bakhusele amalungelo abantu abakhubazekileyo, ngelithuba bawubulelayo nomsebenzi omhle osele wenziwe ukusabela kwiingxaki abantu abakhubazekileyo abajamelene nazo.

15. INkomfa yeSizwe yoPhuhliso loQoqosho lweeNgingqi
15.1. ISebe loLawulo lweNtsebenziswano nezeMicimbi yeMveli kunye neSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci aza kubamba iNkomfa yokuqala yeSizwe yoPhuhliso loQoqosho lweeNgingqi ngomhla wesi-9 nowe-10 kweyeNkanga ngowama-2017 eGauteng.

Le nkomfa liqonga elibalulekileyo lokuba icandelo labucala norhulumente agwadle imiba etshisa ibunzi nesematheni enxulumene nokukhwezela uqoqosho lweengingqi ngokudala iimeko ezikuvumelayo ukuba kubekho uphuhliso loqoqosho oluxhanyuwa ngumntu wonke.

E. Imiyalezo

16.1. IKhabhinethi ichulumancile sisibhengezo esenziwe nguNozakuzaku uHarold Doley, Jr, iRhuluneli yeBhanki yoPhuhliso yase-Afrika sokuba kuza kutyalwa imali eyibhiliyoni yeedola zaseMelika kuQoqoqho lwaseMzantsi Afrika. Le mali iza kutyalwa kwezemfudo, ezobuchwepheshe kunye noshishino lwezolimo.
16.2.  IKhabhinethi iyavuyisana noGq Nono Simelela ngokuba eqeshwe njengoMncedisi-Mlawuli-Jikelele woMbutho weHlabathi wezeMpilo (i-WHO). UGq Simelela uza kukhokela iCandelo le-WHO lezeNtsapho, ezooMama, ezaBantwana nezaBantwana Abafikisayo ukusuka ngomhla we-13 kweyeNkanga ngowama-2017. Ungumntu omnyama wokuqala eMzantsi Afrika ukuba ngugqirha wezifo zabafazi nokumitha, i-gynaecologist.  
16.3. IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe nguMbutho weHlabathi woMbhoxo wokuba uMzantsi Afrika ukwindawo yokuqala kuluhlu lwamazwe akhuphisanayo afuna ukusingatha itumente yowama-2023 yeNdebe yeHlabathi yoMbhoxo. IKhabhinethi iwuncoma kakhulu umsebenzi owenziwe nguMphathiswa wezeMidlalo noLonwabo uMnu Thulas Nxesi, uSekela-Mongameli uRamaphosa kunye neqela loMbutho woMbhoxo woMzantsi Afrika ebelikhokela iphulo lokufaka isicelo sokusingatha le tumente. UMbutho woMbhoxo weHlabathi uza kubhengeza isigqibo osithathileyo malunga nelizwe elikhethiweyo eliza kusingatha le tumente ngomhla we-15 kweyeNkanga ngowama-2017.
16.4. IKhabhinethi iqhwabela izandla bonke abo bathatha inxaxheba kunye nabo baphumeleleyo kumsitho we-15 woNyaka weeMbasa zezokuYila kuRhulumente. Ezi mbasa ziwonga amaphulo abe yimpumelelo noncedo ezokuhanjiswa kweenkonzo enziwe ngokuthi kusetyenziswe iindlela nezixhobo ezitsha eziqanjiweyo.
16.5. IKhabhinethi yothulela umnqwazi i-SuperSport United FC ngokufikelela kwinqanaba lamagqibela kankqoyi kwi-CAF Confederation Cup emva kokuba itywatyushe iqela laseTunisia i-Club Africa ngamanqaku amathathu kwelinye, kodwa eli qela laseTunisia ilibethe ngamanqaku amane kwamabini xa kudityaniswe iziphumo zemilenze yomibini yemidlalo. Eli qela laziwa ngabalandeli nabathandi balo ngokuba nga-Matsatsantsa liza kudlala neqela i-TP Mazembe kumdlalo wamagqibela kankqoyi olu khuphiswano lamaqela ebhola ekhatywayo lulelwesibini ngokubukhulu kweli lizwekazi kule nyanga izayo.
16.6. IKhabhinethi ithi tutwini kusapho nezihlobo zika-Ian McLeod. Ukusweleka kwakhe kushiye isikroba kubathandi nabalandeli bebhola eMzantsi Afrika. Waba ngummi woMzantsi Afrika wokuqala ukuba ngusompempe kwitumente yeNdebe yeHlabathi ye-FIFA, ngethuba engusompepe kwitumente yeNdebe yeHlabathi ye-FIFA eyayibanjelwe eFrance ngowe-1998.

F.  Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

17.1. AbaLawuli beBhodi ye-Export Credit Insurance Corporation of South Africa SOC Limited:
a.  UNksz Lerato Herriette Mothae; kunye
b.  noNksz Sisa Mayekiso.

17.2. Amalungu asisigxina eNkundla yeSizwe yaBathengi:
a. UNksz Hazel Viloshni Devraj; kunye
b. no-Adv John Rinton Simpson.

17.3.  Ukuqeshwa kwakhona kwamalungu asebenza ngamaxesha athile eNkundla yezoKhuphiswano:
a.  UNjing Imraan Valodia; kunye
b.  noMnu Anton Roskan.

17.4.  AmaLungu eBhodi yeBhunga lezoPhando-nzulu ngeNzululwazi ngaBantu (i-HSRC):
a. UNjing Mvuyo Tom – (USihlalo);
b.  UNjing Lindiwe Zungu;
c.  UNksz Nasima Badsha;
d.  UNjing Relebohile Moletsane;
e.  UNjing Haroon Bhorat;
f.  UNjing Shireen Hassim;
g.  UNksz Precious Nompumelelo Sibiya;
h. UNjing Mark Bussain;
i.   U-Adv Roshan Dehal; kunye
j.  noGq Abdalia Hamdok.

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams – uMlawuli-Jikelele oliBambela (we-GCIS)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore