INgxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla wama-26 kuTshazimpunzi 2023

Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    INkomfa yoMzantsi Afrika yoTyalo-mali yowama-2023

1.1.    IKhabhinethi ikuchulumancele ukufikelela kumyinge wemali yotyalo-mali oyitriliyoni eyi-1.2 yerandi owawubekwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngowama-2018. Izithembiso zotyalo-mali ezenziwe kwiNkomfa yesi-5 yoMzantsi Afrika yoTyalo-mali zincede urhulumente ukuba agqithe kula mlinganiselo wayezibekele wona wemali ezibhiliyoni zeerandi ezingama-300.

1.2.    Nangona usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe ukuqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika ubuyela kwindawo yawo yokuba lilizwe elithandwa kakhulu ngabatyali-mali, ukufikelela kumyinge wemali eyitriliyoni eyi-1.2 yeerandi kungqina ukuba abatyali-zimali balapha ekhaya nabamazwe angaphandle bayawabona la mathuba otyalo-mali uMzantsi Afrika uthetha ngawo.

1.3.    Ukuza kuthi ga ngoku, iiprojekthi ezingama-82 ezixabisa imali ezibhiliyoni ezili-170.7 zeerandi sele ziqukunjelwe; ezingama-70 ezixabisa imali ezibhiliyoni ezingama-514 zeerandi zisaqhuba, zize ezingama-28 zona ezixabisa imali ezibhiliyoni ezili-132 zeerandi zibe kumanqanaba okuqala okuqaliswa komsebenzi. Ezi projekthi ziquka ukwakhiwa kweefektri ezintsha, ukuthengwa kwezixhobo zokusebenza, ukuvula imigodi emitsha kunye nokufakela iziseko ezingundoqo ze-intanethi ehamba ngesantya esiphezulu.

1.4.    Urhulumente akalali, imini nobusuku ezama ukususa le miqobo iphazamisana notyalo-mali kweli lizwe njengoko singena kwisigaba sesibini sokuqokelela utyalo-mali oluxabisa imali ezitriliyoni ezimbini zeerandi.

2.    Inkundla yoLwaphulo-mthetho yeHlabathi

2.1    IKhabhinethi iyakubethelela ukuba uMzantsi Afrika uselilungu leNkundla yoLwaphulo-mthetho yeHlabathi (i-ICC), kwaye iyaqinisekisa nokuba useyinxalenye yamazwe atyikitya isiVumelwano sase-Rome.

2.2    UMzantsi Afrika uza kuqhubeleka nokulwela ukuba amaqumrhu ehlabathi ezolawulo abe nolwamvila, kwaye siyaqhubeleka nokulwela ukuba kunyanzeliswe wonke umntu ngokufanayo nangokulinganayo ukuba athobele imithetho yehlabathi.
 
2.3    UMongameli useke iKomiti yabaPhathiswa (i-IMC), osihlalo wayo enguSekela-Mongameli eza kuqwalasela izinto eziliqela eziza kwenziwa ngurhulumente ngalo mba.

3.    INdibano yezoShishino yoMandla we-Afrika ongaHlawulisani iRhafu yoRhwebelwano

3.1    UMzantsi Afrika ubusingathe ngokubambisana iNdibano yezoShishino ye-AfCFTA eKapa ukususela ngomhla we-16 ukuya kowe-18 kuTshazimpunzi 2023 ngenjongo zokukhawulezisa ukuphunyezwa kwe-AfCTA kunye nokuqalisa urhwebo kunye notyalo-mali. Lo msitho ubuzinyaswe ngabathunywa abamalunga ne-1000 abebephuma kweli lizwekazi.

3.2    Iingxoxo kulo msitho uqhube iintsuku ezintathu bezichankcatha phezu kwemiba enxulumene namacandelo ezoqoqosho abalulekileyo afana nelezithuthi, elezamachiza, elezolimo nezokucolwa kweemveliso zolimo, elezethwathwa nezihlangu, elezothutho nokuhanjiswa kwemithwalo, kunye nelezoqoqosho oluqhuba nge-intanethi kunye norhwebo oluqhutywa nge-intanethi.

3.3     Ukuphucula isakhono se-Afrika sokuvelisa kuwo onke amacandelo oqoqosho kuvunyiwe ngabaninzi ukuba yinto yokuqala efunekayo ukuze i-AfCFTA ibe yimpumelelo. Icandelo labucala liye lacelwa ukuba likhangele amathuba elinokuwasebenzisa ukunyusa umthamo wotyalo-mali kumashishini engingqi kunye nokuvuselela imizi-mveliso yeli ukuze kunyuswe umthamo weemveliso neenkonzo ekurhwetywa ngazo ngamazwe e-Afrika, apha e-Afrika.

4.    IPhulo lokuLawula iSantya sokuSetyenziswa koMbane

4.1  Enye yeendlela zokuqinisekisa ukuba asihlutshwa yingxaki kacimi-cimi wombane kukuthoba isantya esi usetyenziswa ngaso umbane, ingakumbi ngamaxesha afuna kusetyenziswe umbane kakhulu, ela xesha liphakathi kwentsimbi yesihlanu malanga kunye neyesithoba ngongcwalazi, njengenxalenye yephulo lokuLawula iSantya sokuSetyenziswa kwawo. Ukuthoba isantya esiwusebenzisa ngayo umbane kungasinceda sonke kuba kuza kwenza ukuba iziko eliphehla umbane lesizwe lingabi phantsi konxinzelelo olugqithisileyo futhi kunceda namakhaya angasebenzisi imali eninzi, yonke loo nto yenziwe engakhange achaphazeleke amashishini okanye iimpilo zabantu.

4.2 IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kumntu wonke ukuba ancedise kumalinge okonga umbane ngokuwusebenzisa ngobunono ngeli thuba u-Eskom esebenza neeNkampani eziziMeleyo eziVelisa uMbane bezama ukuvelisa omnye umbane omtsha oza kugalelwa kulo wesizwe.

4.3 Amanyathelo okuLawula iSantya sokuSetyenziswa koMbane asetyenziswa kwihlabathi liphela kwaye aluncedo kakhulu ukuphungula umthamo wombane osetyenziswayo ngela xesha ufuneka kakhulu ngalo kunye nokukhuthaza ukulondolozwa kombane. 

4.4 Sabonisa ukuba siyakwazi ukwenza oku ngethuba leNdebe yeHlabathi yowama-2010. Eyona njongo kukuba sonke songe umbane ngokucima izinto zombane ezingabalulekanga kakhulu, sisebenzise igesi xa sipheka, sifakele iibhalbhu ezingatyi mbane kakhulu, size sizicime izinto ezifana neegiza xa singazisebenzisi.

4.5 Injongo yethu kukonga umbane omalunga ne-1000 MW, umyinge lowo ulingana nenqanaba elinye likacimi-cimi wombane. 

4.6 IKhabhinethi iyakuqonda ukuba iinkampani ezinkulu eziliqela sele zithatha inxaxheba kula malinge ka-Eskom okuLawula iSantya oSetyenziswa Ngaso ngaBathengi, kwaye icela onke amahlakani ukusuka kumashishini, imizi-mveliso kunye nabahlali ukuba alisabele eli khwelo abe yinxalenye yeli phulo.

5.    Ukufumaneka kwaManzi

5.1 IKhabhinethi ivuyisiwe kukuvulwa kwe-Spring Grove Water Treatment Plant egqityiweyo ese-Rosetta kunye ne-Bruntville Reservoir njengenxalenye ye-Greater Mpofana Bulk Water Supply Scheme e-Mooi River, kwisiThili saseMgungundlovu esikwiphondo laKwaZulu-Natal.

5.2  Le projekthi iza kuzisela amanzi angasoze aphinde atshe abahlali abangama-130 000 kwesi sithili, futhi ibanike nesidima, kunye namanye amaqithi-qithi ezentlalo nawezoqoqosho aza kuvela ngenxa yokuba kukho amanzi.

5.3 IKhabhinethi ivile nangomsebenzi osele wenziwe kwi-Giyani Water Project, apho iilali ezingama-24 kwezingama-55 eziza kuxhamla sele kuchaziwe kuba ziza kufumana amanzi kungekudala.

6.    UMthetho-siHlomelo wezoLonyulo

6.1 IKhabhinethi ikwamkele ukutyikitywa koMthetho-siHlomelo oYilwayo wezoNyulo wowama-2022 nguMongameli Ramaphosa ukuba ube ngumthetho ogcweleyo. Lo mthetho wenziwe izilungiso uqinisekisa ukuba kukho umthetho ongqingqwa okhoyo oza kwenza ukuba eli lizwe lililungele uNyulo Jikelele lowama-2024.

6.2 Lo Mthetho woNyulo uhlonyelweyo uvulela ukuba kuqukwe nabagqatswa abazimeleyo njengantu abakhankasela ukonyulwa kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo.

6.3 Lo Mthetho-siHlomelo uYilwayo wezoNyulo wandisa inani laba baza kuziqhatsela ukonyulwa kunye neenkokeli eziza kukhethwa ngabemi boMzantsi Afrika ukuya kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe kunye nezindlu zowiso-mthetho zamaphondo wenze ukuba ingabi ngamaqela ezopolitiko odwa.

7.    USuku lweNkululeko

7.1 Iminyhadala eyahlukeneyo yokubhiyozela uSuku lweNkululeko ebibanjiwe izolo, umhla wama-27 kuTshazimpunzi 2023, isikhumbuzile ukuba esi sisizwe esimxhelo-mnye, esisekelwe kumba wokuhloniphana kunye nokuzidla nokuzingca ngelizwe lakuthi.

7.2 Umsitho wesizwe wokukhumbula uSuku lweNkululeko, obubanjelwe kuMasipala wesiThili i-Dr Kenneth Kaunda kwiPhondo laseMntla Ntshona, ububanjwe phantsi komxholo othi “Ukuqinisa nokuKhusela iZinto eSizenzelwe nguRhulumente weNtando yeSininzi”.

7.3 USuku lweNkululeko lowama-2023 ludibene nonyaka wama-27 wesikhumbuzo sokutyikitywa koMgaqo-siseko futhi lukwaphawula nemiNyaka engama-29 yeNkululeko.

8.    EzobuDlelwane baMazwe ngaMazwe

8.1 UMongameli u-Cyril Ramaphosa ebendwendwelwe nguMongameli Hage Geingob wase-Namibia ngethuba ekuTyelelo lwasebuRhulumenteni lokuqinisa ubudlelwano obudala obukhoyo phakathi kwala mazwe mabini.

8.2 Iingxoxo phakathi wezi Nkokeli zimbini kunye namagqiza abaphathiswa bezimalunga nobudlelwana phakathi kwala mazwe, intsebenziswano phakathi kwala mazwe akuthi mabini kwimiba yehlabathi kunye nokubambisana kwezorhwebo nezotyalo-mali. Obu budlelwane buza kuqiniswa nangakumbi kukubanjwa kwendibano yezoshishino e-Namibia zinkampani zala mazwe ekupheleni kwalo nyaka.

8.3 UMongameli u-Cyril Ramaphosa ebendwendwelwe nguMongameli wase-Finland u-Sauli Väinämö Niinistö ngomhla wama-25 kuTshazimpunzi kuTyelelo lwasebuRhulumenteni. Bunzulu ubudlelwane phakathi koMzantsi Afrika nelizwe lase-Finland kuba busukela kwinkxaso eyayinikwe yi-Finalnd kwimibutho yomzabalazo yaseMzantsi Afrika.

8.4 Ubudlelwane phakathi kwala mazwe mabini bukhule kuhle ukususela ngowe-1994, futhi ilizwe lase-Finland lityale imali engaphezulu kweebhiliyoni ezimbini zeerandi eMzantsi Afrika kule minyaka mithathu idlulileyo.

9.    UkuHlangulwa kwaBemi boMzantsi Afrika nabamanye Amazwe e-Sudan

9.1 IKhabhinethi iyamkele ingxelo ecacisa indlela ibinzima kodwa ebeyimpumelelo yokuhlangulwa kwabemi boMzantsi Afrika e-Sudan apho ungquzulwano luchaphazela abemi beliya lizwe kunye nabamanye amazwe. 

9.2 ISebe lezobuDlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano kunye noMkhosi woMoya woMzantsi Afrika baye basebenzisana babuyisela abemi boMzantsi Afrika ekhaya.

9.3 Igqiza loMzantsi Afrika ebeliye kuhlangula lincede nabemi base-Angola, Namibia, Zimbabwe, Lesotho kunye nabase-Brazil.

9.4 IKhabhinethi yenze umbulelo ongazenzisiyo kurhulumente wase-Egypt ngokuxhasa igqiza lethu ebeliye kuhlangula kunye nelizwe lase-United Arab Emirates ngokuhlangula ummi woMzantsi Afrika omnye ngoku ofumana uncedo kwi-ofisi yethu yezozakuzo ese-Jeddah lokuba akwazi ukubuyela ekhaya. Kukho abemi boMzantsi Afrika abahlanu abasese-Sudan kuba ngethuba kusenziwa uhlangulo bebengekaqhakamshelani nendlu yethu yezozakuzo kweliya lizwe. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba kufuneka bazise ii-Ofisi zethu Zozakuzo rhoqo xa bengena kwilizwe langaphandle nokuba bakuhambo lokuya kuchitha iholide.

9.5 IKhabhinethi iphinde yakubethelela ukuba mazibekwe phantsi izixhobo e-Sudan futhi imemelela ukuba kubekho uxolo nenzolo phakathi kwala maqela angquzulanayo, njengoko iMbumbo ye-Afrika (i-AU) nayo ilwela ukuba lupheliswe ungquzulwano ngezixhobo kweli lizwekazi.

10. Utyalo-mali kwiziSeko ezinguNdoqo zeMfundo ePhakamileyo

Ngomhla wama-24 kuTshazimpunzi 2023 uMphathiswa uNzimande wavula ngokusesikweni izakhiwo ezibini kwiDyunivesiti yaseNtshona Koloni (i-UWC) ezixhaswe ngemali yi-Infrastructure and Efficiency Grant yeSebe kunye ne-Sibusiso Bengu Development Programme.

a. ISakhiwo seCandelo lezeMfundo elitsha (esibizwa ngokuba yi-South Campus Education Precinct Project) – kusetyenziswe imali ezizigidi zeerandi ezingama-268.659 evela kwi-IEG ne-SB-DP ukuhlaziya isakhiwo ebesikade sikho kade ebesinecandelo le-Chemistry, Mathematics, Computer Sciences ne-Statistics.

b. Indawo yokuHlala Abafundi ese-Unibell – exhaswe ngemali ezizigidi zeerandi ezingama-670 esuka kwa-IEG kunye neyimali-mboleko yakwa-DBSA yokwakha indawo yokuhlala abafundi eneebhedi ezingama-2720 equka isakhiwo esinemigangatho emine, izakhiwo ezithandathu zayo zakhiwe e-Belhar, emelene nekhampasi yase-Bellville.
Iindawo yokuhlala ese-Unibell yakhiwe ngentsebenziswano ne-IEG yeSebe yona encedise ngemali ezizigidi zeerandi ezingama-235 (i-35%) kunye nemali ephuma e-UWC (eyi-30%) kwaze kwancediswa nangemali efunyenwe ngetyala kwa-DBSA (yona eyi-35%).
 
Ngomhla wama-21 kuTshazimpunzi 2023, uMphathiswa uNzimande wavula ngokusesikweni izakhiwo ezibini kunye ne-IT Hub eMthatha kwiDyunivesiti i-Walter Sisulu (i-WSU) ezakhiwe ngemali ibivela kwi-Infrastructure and Efficiency Grant (i-IEG) kunye ne-Sibusiso Bengu Development Programme (i-SB-DP). Ezi zakhiwo zikwi-Nelson Mandela Drive naseZamukulungisa:


a. I-East Teaching Mall – kusetyenziswe imali ezizigidi zeerandi ezingama-25.971 evela ku-IEG ukugqibezela umsebenzi wokuhlaziya amagumbi okufundisela ali-19 kunye namagunjana etyhuthoriyali ali-13 okufunda nokufundisa kwikhampasi ese-Nelson Mandela Drive.

b.    Indawo yokuhlala abafundi – kusetyenziswe imali ezizigidi zeerandi ezingama-52.799 evela kwi-IEG ukugqibezela umsebenzi wokuhlaziya iindawo zokuhlala abafundi ezibizwa ngokuba yi-KTC nenye ebizwa ngokuba yi-KGB ezineebhedi ezingama-314 xa zidibene kwikhampasi ese-Nelson Mandela Drive.

c. I-IT Hub – kusetyenziswe imali ezizigidi zeerandi ezili-14.135 evela kwi-SB-DP ukugqibezela umsebenzi wokuhlaziya isakhiwo se-IT esitsha esiza kusetyenziswa ngabafundi nabahlohli njengeziko lokwenza izinto ezininzi kwikhampasi eseZamukulungisa.

11. Izigqibo zeKhabhinethi

Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    UMnu Siyabonga Charles Zama njengeSekela Mlawuli-Jikelele (i-DDG): ezoKuphuculwa kweeNdawo ezingamaTyotyombe kunye neziNdlu zikaXakeka kwiSebe lezokuHlaliswa koLuntu. 

2.    UNks Zenkosi Dumile Mhlongo njenge-DDG: uMgaqo-nkubo wezoPhando-nzulu, isiCwangciso-qhinga, kunye nezoCwangciso kwiSebe lezokuHlaliswa koLuntu.

3.    UMnu Jabulani Hugh Hlatshwayo njenge-DDG: ezobuChwepheshe boLwazi noNxibelelwano kwiSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko. 

4.    UMnu Dipepenene Serage njenge-DDG: EzeMveliso yoLimo iMpilo noKhuseleko lokuTya kwiSebe lezoLimo, ezokuBuyekezwa kweMihlaba nokuPhuhliswa kwamaPhandle.

5.    UNks Hlengiwe Bhengu njenge-Chief Financial Officer kwiSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano.

6.    UNks Lucy Bele njenge-CFO kwiSebe lezokuHlaliswa koLuntu. 

IKhabhinethi ivumelene nokuqeshwa kwaba bantu balandelayo

IBhodi yabaLawuli ye-Water Research Commission

(a)     uGq Rethabile Melamu (uSihlalo);
(b)     uGq Harrison Pienaar (uSekela-sihlalo);
(c)    uNjing Nnenesi Kgabi
(d)    uMnu Willem Baird
(e)    u-Adv. Reinette Mary Rosey;
(f)    uNjing Aldo Stroebel;
(g)    uNks Zama Portia Dlamini;
(h)    uGq Tendai Sawunyama;
(i)    uNks Nkuli Mxenge-Mayende; kunye
(j)    noNks Megan Schalkwyk

IBhodi ye-National Lotteries Commission

(a)    uNks Beryl Ferguson;
(b)    uNks Precious Mvulane;
(c)    uMnu Willie Hofmeyr;
(d)    uMnu Tembinkosi Bonakele;
(e)    uMnu Lionel October; kunye 
(f)    noNks Irene Ramafola 

Amalungu e-Mine Health and Safety Council 

(a)    uMnu David Msiza (uSihlalo);
(b)    uMnu Xolile Mbonambi;
(c)    uGq Lindiwe Ndelu;
(d)    uMnu Divhudza Victor Mahwasane;
(e)    uNks Constance Titi Kekana (iLungu elingesosiGxina);
(f)    uGq Dipalesa Mobokoto (iLungu elingesosiGxina);
(g)    uMnu Mthokozisi  Zondi;
(h)    uMnu Thabo Ngwenya (iLungu elingesosiGxina);
(i)    uMnu Masibulele Naki;
(j)    uNks Naledi Tsipane (iLungu elingesosiGxina);
(k)    uNks Melanie Roy;
(l)    uMnu Victor Radebe (iLungu elingesosiGxina);
(m)    uMnu Nicolaas Van Rooyen;
(n)    uMnu J White (iLungu elingesosiGxina);
(o)    u-Adv. Paul Mardon;
(p)    uMnu Johan Du Toit Boning (iLungu elingesosiGxina); 
(q)    uMnu Phuthuma Manyathi;
(r)    uMnu Gabriel Nkosi (iLungu elingesosiGxina);
(s)    uGq Thuthula Balfour;
(t)    uMnu Vijay Nundall;
(u)    uMnu Stuart Sepetla;
(v)    uMnu Ronald Mafoko;
(w)    uMnu Joseph Phakathi (iLungu elingesosiGxina);
(x)     uNks Letisha van der Berg; kunye 
(y)     noGq Joseph Matjila (iLungu elingesosiGxina). 

A.    Imisitho Ezayo 

1.    INyanga ye-Afrika

1.1.    UMzantsi Afrika kunye neli lizwekazi liphela, baza kuphawula iNyanga ye-Afrika kunye noSuku lwe-Afrika ngoCanzibe wama-2023. Ngomhla wama-25 kuCanzibe 2023, i-Afrika iza kubhiyozela iminyaka engama-60 yokusekwa koMbutho weMbumba ye-Afrika (i-OAU).

1.2.    Le nyanga yeyokuba sikhuthaze ubumbano lwe-Afrika, sihlanganise ngamandla loo mmandla size sizibophelele kwakhona kwidabi lokulwela ikamva eliqaqambileyo le-Afrika iphela. IKhabhinethi imemelela abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane bazame ukwakha ilizwekazi elingcono, elimanyene ngamandla kunye neliyokozela ngamathamsanqa.

2.    IiMbasa zeSizwe

2.1.    UMongameli u-Cyril Ramaphosa uza kuwonga abemi boMzantsi Afrika nabemi bangaphandle abazizikhakhamela ngeeMbasa zeSizwe ngomhla wama-28 kuTshazimpunzi 2023. IiMbasa zeSizwe ngawona mawonga aphezulu eli lizwe lakuthi elambesa ngazo abemi balo kunye nezikhakhamela ezihloniphekileyo zamazwe angaphandle ezibenegalelo elimandla kumalinge okubethelela ulawulo lwentando yesininzi futhi zenza nomahluko omkhulu kwiimpilo zabemi boMzantsi Afrika. 

2.2.    IiMbasa zeSizwe zikwasetyenziselwa ukuwonga igalelo elenziwe ngabantu kumalinge okwakha uMzantsi Afrika ongenabuhlanga, ongacaluli ngokwesini, olawulwa ngentando yesininzi nonenkqubela-phambili njengoko kutshiwo kuMgaqo-siseko.

3.    IiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali

3.1 Ngenyanga kaCanzibe, amasebe karhulumente aza kuthi thaca ePalamente iiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali zawo.
 
3.2 IiVoti zoHlahlo Lwabiwo-mali ziquka ukuphonononga indlela eliqhube ngayo kumsebenzi walo isebe kulo nyaka-mali ungaphambili kwakunye nezicwangciso zokufezekisa izithembiso ezenziwe nguMongameli kwiNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA).

3.3. IKhabhinethi icela abemi beli ukuba bazimamele iintetho zeevoti zohlahlo lwabiwo-mali ukuze babone izinto eziza kwenziwa ngamasebe ahlukeneyo ukukhokelisa phambili umba wokuhanjiswa kweenkonzo kulo nyaka-mali ulandelayo.

3.4 Ngomhla wesi-4 kuCanzibe 2023, uMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu, uNks Mmamoloko Kubayi uza kukhokela inkqubo ye-Imbizo kunye ne-Service Fair eza kubanjelwa e-Soweto njengenxalenye yamalungiselelo eVoti yoHlahlo Lwabiwo-mali yesebe lakhe engomhla we-10 kuCanzibe 2023.

3.5. Kulo msitho kuza kuthethwa ngemingeni ekwiSebe lezokuHlaliswa koLuntu echaphazela abahlali balapha kuze kufundiswe nangeenkqubo zecandelo ezikweli sebe ezinceda uluntu.

4.    USuku lwabaSebenzi

4.1 USuku lwabaSebenzi luza kubhiyozelwa ngoMvulo, umhla woku-01 kuCanzibe 2023, kuhlonitshwa indima enkulu edlalwa ngabasebenzi ukwakha uqoqosho nesizwe esichazwe kwisiCwangciso seSizwe sokuPhuhlisa (i-NDP).

4.2 USuku lwabaSebenzi luza kusinika ithuba lokuba sicamngce izinto ezizuzwe ngabasebenzi kule minyaka ingama-29 eli lizwe likhululekile size sihlalutye nemingeni abajamelene nayo abasebenzi kolu qoqosho ludodobalayo.

4.3 Lukwalusuku lokuba sizibophelele ekwenzeni konke okusemandleni ukudalela amathuba izigidi zabasebenzi boMzantsi Afrika abangasebenziyo nabangakwaziyo ukusebenzisa izakhono zabo okanye ukuzizamela into esiwa phantsi kwempumlo bona neentsapho zabo.

4.4 Ukubonakalisa ukuba urhulumente uzimisele ukuphucula iimeko zomsebenzi kunye nokuqinisekisa ukuba kukho ulingwano emisebenzini uye wenza izilungiso ezininzi kuMthetho weMbuyekezo yeziFo noMonzakalo eMsebenzini kunye nakuMthetho woLingwano kwezeNgqesho, etyikitywe kutsha nje nguMongameli Ramaphosa yayimithetho egcweleyo.

5.    USuku lweHlabathi lwamaLungelo amaJelo eeNdaba

5.1 UMzantsi Afrika, njengehlabathi, uza kukhumbula uSuku lweHlabathi lwamaLungelo amaJelo eeNdaba ngomhla wesi-3 kuCanzibe 2023. Olu lusuku luza kusinika ithuba lokuba sibhiyozele size sihlole nemeko yamalungelo oonondaba okusebenza ngokukhululekileyo kwisizwe sakuthi kwakunye nemingeni abajamelene nayo oonondaba kunye neendima edlalwa licandelo leendaba elitshintsha ngokukhawuleza kwesi sizwe sakuthi.

5.2 Amajelo eendaba akhululekileyo nazimeleyo abalulekile kuye nawuphi na urhulumente olawulwa ngokwentando yesininzi, kwaye siza kuqhubeleka siqinisekisa ukuba amajelo eendaba avumelekile ukuba asasaze iindaba ngokuchanekileyo, ngokungenamkhethe nangendlela ekhululekileyo.

6.    INdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi

6.1 Njengoko sele kusele iintsuku ezingaphantsi kwe-100 phambi kokuba kuqale imidlalo yeNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi yokuqala ukubanjelwa e-Afrika ukususela ngomhla wama-28 kweyeKhala ukuya kowesi-6 kweyeThupha, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwisizwe ukuba sizamkele ngezandla ezishushu kwakhona iindwendwe eziza kuzimasa le tumente yamazwe ngamazwe.

6.2 Njengokuba le Ndebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi iza kubanjelwa eKapa, uMzantsi Afrika kwakhona uza kwenza odume ngazo ngokukwazi ukusingatha imisitho emikhulu equka i-Formula E Cape Town ePrix.

6.3 Izinto esizifundileyo ngokusingatha le misitho siza kuzisebenzisa xa sisenza izicwangciso ukuqinisekisa ukuba abalandeli bezemidlalo kunye neendwendwe eziza kuza kweli lizwe ziza konwaba futhi zikhuseleke xa zikweli lizwe. 

6.4 IKhabhinethi icela ukuba wonke umntu axhase iphulo le-Netball Friday elikhuthaza wonke ubani avathe izinxibo zakhe zokuxhasa iqela leSizwe soMzantsi Afrika leBhola yoMnyazi elibizwa ngokuba yi-Spar Proteas. 

7. Indibano ye-16 yeNkomfa yaMazwe aTyikitya (i-COP 16) isiVumelwano sase-Basel  

7.1 UMzantsi Afrika uza kuthatha inxaxheba kwi-COP 16 yesiVumelwano sase-Basel eza kubanjelwa e-Geneva, e-Switzerland ukususela ngomhla woku-01 ukuya kowesi-02 kuCanzibe 2023.

7.2 IsiVumelwano sase-Basel satyikityelwa ukukhusela impilo yoluntu kunye nokusingqongileyo kumonakalo onokwenziwa xa kuhanjiswa inkunkuma enobungozi. UMzantsi Afrika wasityikitya esi sivumelwano ngomhla wesi-5 kuCanzibe 1994.

7.3 IKhabhinethi iyivumile imiba uMzantsi Afrika oza kuxoxela kuyo kwi-COP yesiVumelwano sase-Basel.

7.4 I-COP 16 iza kubanjwa kanye emva kwendibano ye-11 yeNkomfa yaMazwe aTyikitya isiVumelwano sase-Rotterdam esimalunga neNkqubo yesiVumelwano esiThatyathwe kwangaPhambili seeKhemikhali Ezithile eziyiNgozi kunye neziBulala-khula kuRhwebo lweHlabathi.

7.5 Esi sivumelwano sikhuthaza ukuba kubanjiswane ngoxanduva futhi kusetyenziswane ngamazwe atyikitye esi sivumelwano singorhwebo lwehlabathi ngeekhemikhali eziyingozi. UMzantsi Afrika wazamkela ngokusesikweni ezi zivumelwano kuba ziluncedo kokusingqongileyo nakwimpilo yabantu.

Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi ithumela mazwi okuvuyisana neminqweno emihle:

  • Kusapho nezihlobo zegqala lomculo womngqungqo, i-jazz, u-Hugh Masekela. U-Bra Hugh uwongwe sele engesakho ngokuba abe ngabanye abakwi-Ertegun Hall of Fame e-New York. Le mvumi yoMzantsi Afrika ingasekhoyo iza kungena kuluhlu lwezinye izithwalandwe zomculo ezifana no-Louis Armstrong, u-Nat “King” Cole no-Miles Davis.
  • IKhabhinethi iqhwabela izandla i-HOT 102.7FM ngokuwongwa njengabanye abakumagqibela kankqoyi kumanqanaba amane kwiimbasa ezibizwa ngokuba yi-2023 New York Festival’s Radio Awards e-United States, msitho lowo uhlonipha abo bakweli candelo abaphuma kumazwe angaphezulu kwama-30.


2.    Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kusapho nezihlobo:

  • ZikaMnu Harry Belafonte, imvumi, umlinganiswa wemiboniso-bhanya-bhanya kunye netshantliziyo elidume kwihlabathi liphela. Wayelitshantliziyo elingadinwayo elalisilwela amalungu oluntu emiDaka eMnyama yaseMelika futhi waliphakamisela kumgangatho wehlabathi nedabi lokulwa umbuso wocalucalulo.
  • Wadlala indima enkulu ekwenzeni iimvumi zoMzantsi Afrika u-Mirriam Makeba no-Hugh Masekela babezimbalasane zomculo ezidume kwihlabathi jikelele, into leyo eyenza ihlabathi libone imilonji, imingqungqo nezingqi ezibonisa iimpilo yoMzantsi Afrika, futhi neyayibaluleke kakhulu kumzabalazo wenkululeko.
  • LukaMnu Tiego Moseneke, igqwetha nosomashishini owaziwayo kunye nalowo wayesakuba ngumfundi olitshantliziyo.
  • UMnu Mbulelo Musi, owayesakuba lijoni loMkhonto We Sizwe kunye ne-Commissar, futhi eyinxalenye yamatshantliziyo omhla we-16 kweyeSilimela 1976, umsebenzi karhulumente ohlonitshwa jikelele, kunye negqala elingumakhwekhwetha owaphuma izandla elisebenza kwicandelo lezonxibelelwano.
  • INkulumbuso yangaphambili yePhondo laseFreyistata u-Beatrice Marshoff, ozinikele kumsebenzi wokunceda abantu boMzantsi Afrika kwizikhundla ezininzi kuzo zonke iindawo awayexelenga kuzo iminyaka emide ngokugqwesa.
  • lukaLoyiso Nkohla, itshantliziyo loluntu ebelinikele ngobomi balo kwidabi lokuphucula iimpilo zabantu abangathathi ntweni kwiilokishi zaseNtshona Koloni. Wabulawa ekwiphulo lokukhuthaza abantu abahlali phezu kweziporo zikaloliwe ukuba bafuduke kulungiselelwa ukubuyiselwa kukaLoliwe oya kwicala laseKhayelitsha. IKhabhinethi iyalele ii-arhente zogcino-mthetho ukuba zibambe abo babulele uMnu Nkohla. IKhabhinethi ibanqwenelela ukuchacha ngokukhawuleza abo bathe bonzakala kolu hlaselo.
  • Kusapho lukaNqobile Zulu, obeneminyaka emi-5, kunye nelomhlobo wakhe uTshiamo Ramanye, obeneminyaka emi-6, imizimba yabo efunyenwe inqunqiwe e-Soweto ngoLwesine, umhla wama-20 kuTshazimpunzi 2023. IKhabhinethi ikugxeka kabukhali ukugetyenywa ngolunya kwaba bantwana kwaye icela uluntu ukuba luncedise amapolisa kukhangelwe abenzi bobubi. Nabani na onento ayaziyo ngesi sihelegu uyacela ukuba ukuba aqhakamshelane ne-Crime Stop Line kule nombolo: 08600 10111.  
  • Kumalungu asibhozo osapho lakwaMemela lelokishi yase-Imbali e-Pietermaritzburg abadutyulwe basweleka kunye namanye amanina amabini ebendwendwele eli khaya ngoLwesihlanu, umhla wama-21 kuTshazimpunzi 2023.
  • IKhabhinethi iwothulela umnqwazi amapolisa ngokuzingela ngempumelelo abarhanelwa abakrokrelwayo, nangokubhaqa imipu emithathu. Omnye umrhanelwa udutyulwe wasweleka ngethuba bedubulana namapolisa ngoLwesihlanu, umhla wama-21 kuTshazimpunzi 2023. Umrhanelwa wesibini uye yena wonzakala kwaye ngoku useziseleni waze omnye yena wabaleka. 


Imibuzo:
uMnu Tyrone Seale – iBambela leSithethi sikaRhulumente 
Iselula: 083 5757 440

Share this page

Similar categories to explore