Isicelo kwi ETQA sokugunyanizwa njengonikela imfundo noqeqesho

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

 

 

 

Inkcazelo

Imigaqo ekuhanjwa ngayo kwaba Qinisekisa nge zinga eliphezulu lemfundo noqeqesho (ETDQAs) phantsi kwAbalawuli beziphumo base Mzantsi Afrika (SAQA) ifuna ukuba abo banikezela ngemfundo noqeqesho bafake izicelo zokugunyaziswa. Ukuze ugunyaziswe, abo bangabefundisi-ntsapho nabaqeqeshi kumele babhalise phantsi kowiso-mthetho ofanelekayo. Uwiso-mthetho malunga neMfundo Ephakamileyo kunye neMfundo enomsila kufuna ukuba bonke abanikela ngayo babhaliswe kunye neSebe lezeMfundo.

Onikela ngenkonzo yoqeqesho nemfundo umele abe neziphumo ezihambisana nenjongo engundoqo yesigqeba esiQinisekisa nge zinga eliphezulu lemfundo noqeqesho (ETQA) yecandelo lababathi bemfuno noqeqesho (SETA) okanye isiqu sabaphume izandla.

Oko kufunekayo ukuze ugunyaziswe:

  • Okufunekayo ukuze ugunyaziswe kuqulathwe kuxwebhu olubhalwe - Criteria and Guidelines for Providers nolufumaneka kwi webhusaythi ye-SAQA.
  • Iinkqubo (kunye/okanye uvavanyo) ezinikezelwa ngulowo ufuna ukugunyaziswa njengo mfundisi nomqeqeshi ziphumela kumacandelo amazinga kunye/okanye inckukacha zezifundo ezibhaliswe kwi- National Qualifications Framework (NQF)
  • Uhlelo lwemfundo (uhlobo iziqulatho kunye neencwadi okanye iizixhobo zokufunda) luhambisana namazinga wecandelo kunye/okanye nenkcazo ngeziphumo. 
  • Kukho abantu abaqeqeshiweyo abafanelekayo (abaququzeleli kunye nabavavanyi ababhalisiweyo). 
  • Abafundi bayafikelela kwiinkonzo ezixhasa imfundo yabo. 
  • Indlela zokuvavanya kunye nezixhobo ezisetyenziswayo ziyonelisa, zisemthethweni kwaye ziyathembakala yaye zisetyenziselwa ukunyusa izinga  lezifundo/indlela yemfundo.

    Inkqubo emayilandelwe

    • Thumela ileta yeenjongo zakho zokugunyaziswa njengonikela izifundo noqeqesho kwi ETQA eyiyo.
    • Faka ixwebhu lokuzivavanya kunye neyesicelo sakho kwi - ETQA
    • Ukuba awukasifumani isigunyaziso kwaye uvakalelwa ukuba indle esiphathwe ngayo isicelo sakho asikho sikweni, unelungelo lokubhena. 
    • Uludwe lwee ETQA kunye neenkcukacha zoqhakamshewano zifumaneka kwi-SAQA website.

      Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

      Ingathabatha iinyanga ezintandathu.

      Iindleko

      Inkonzo noko imahala.

      Iifom ezigcwaliswayo

      Iifomu zezicelo zabanikezeli ngemfundo noqeqesho kunye namaxwebhu ayeyeleleyo angafunyanwa kwiETQA eyiyo.

      Iinkcukacha zonxulumano

       

      National office
      Tel 012 431 5070
      Helpdesk 0860 111 673
      Fax 012 431 5147
      E-mail verifications@saqa.co.za
      City/town Pretoria
      Province Gauteng
      Physical address South African Qualifications Authority, Quality Assurance and Development, Hatfield Forum West, 1067 Arcardia Street, Hatfield, Pretoria
      Postal address Postnet Suite 248, Private Bag X06, Waterkloof, 0145
      Website https://www.saqa.org.za/

       

      Share this page