Ukwamnkelwa esikolweni

Uyazikhethela ukuba umntwana wakho ufuna ukumbhalisa kwisikolo sikarhulumete okanye kwesizimeleyo. Izikolo zikarhulumente zilawulwa ngumbuso ukanti zona ezizimeleyo ziyazilawulwa ngokunokwazo.

Izikolo ezizimeleyo kufuneka zibhaliswe kwisebe lezemfundo lephondo logama zona izikolo zikarhululumente zisekwa nguMphathiswa wePhondo wezeMfundo kwelo phondo.

Kufuneka ubhalise umntwana wakho esikolweni phakathi komhla woku-1 kweyeThupha nowama-31kweyoMsintsi kunyaka ongaphambili.

Umntwana ofaka isicelo sokufunda iBanga R kufuneka abe neminyaka emine ubuncinane kwaye futhi abe uza kuba eneminyaka emihlanu okanye ngaphezulu ubudala ngowama-30 kweyeSilimela kunyaka ozayo. Umntwana ofaka isicelo sokufunda iBanga lokuQala kufuneka abe neminyaka emihlanu okanye ngaphezulu ubudala futhi abe uza kuba enemithandathu okanye ngaphezulu ngowama-30 kweyeSilimela kunyaka ozayo.

Ngeenkcukacha ezithe vetshe ngendlela yokubhalisa umntwana wakho kwisikolo sikarhulumente okanye esizimeleyo qhagamshelana neSebe leMfundo esisiSeko

 

Share this page