Ukuvavanya imbewu ngeenjongo zesikhalazo nempikiswano

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nesikhalazo kunye nokuchasa uvavanyo lwembewu  

Ukuba ufuna ukuphanda ukungabinyulu okanye ukukhula kwembewu ngokunzathileyo, qhagamshelana noBongameli beeNkonzo zokuHlola kwiSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba ukuze imbewu ivavanywe.

UBongameli beeNkonzo zokuHlola buya kucela iNdlu yoPhando lweNzululwazi eseMthethweni yoVavanyo lweMbewu ngokuseMthethweni iphande ukuchasa kwakho okanye isikhalazo.
                             
Nawuphi na umntu, umbutho, iziko, inkampani okanye umfama angafaka isikhalazo okanye achase.

Ofanele kukwenza

  1. Qhagamshelana noBongameli beeNkonzo zokuHlola uze uchaze ngokucacileyo zonke iinkcukacha malunga nesikhalazo okanye ukuchasa.
  2. Zalisa uxwebhu lwesicelo sesikhalazo uze uluthumele kwi-ofisi yengingqi yoBongameli beeNkonzo zokuHlola ekufutshane kuwe.                                                              
  3. Ohlalutya iisampulu uya kuthatha isampulu evela kwimbewu ekuxoxwa ngayo aze ayifake ukuze ivavanywe kwiNdlu yoPhando lweNzululwazi eseMthethweni yoVavanyo lweMbewu ngokuseMthethweni.     
  4. Ukuba isikhalazo sakho, oko kukuthi ubulunga nomgangatho abuwuthobeli uMthetho wokuPhuculwa kweziTyalo, 1976, akuyi kuhlawula. Ukuba isikhalazo sakho asinasihlahla, uya kufumana iphetshana loludwe lwamaxabiso uze uhlawule umrhumo omiselweyo.  

Iinkcukacha zebhanki zezi:

Ibhanki: Standard Bank
Igama lesebe: Arcadia
Inombolo yesebe: 01-08-45
Inombolo ye-akhawunti: 011244887
Igama le-akhawunti: NDA- Seed Testing Services

Ungahlawula ngekhompyutha okanye kwikhawuntala. 

Khumbula ukubhala inombolo yoludwe lwamaxabiso ukuze kwaziwe ukuba ifakwe ngubani na.

Hlawula ixabiso lokuvavanya imbewu uze uthumele ubungqina bentlawulo kwiNdlu yoPhando lwenzululwazi eseMthethweni yovavanyo lwemMbewu ngokuseMthethweni ngefeksi okanye nge-imeyili ukuze kukhutshwe ingxelo.

Qaphela: Ukuba isikhalazo asinasihlahla, iziphumo zophando ziya kwaziswa kuphela emva kwentlawulo.

Ixesha elimiselweyo

INdlu yoPhando lweNzululwazi esemthethweni yoVavanyo lweMbewu ngokuseMthethweni inika ingqwalasela ephambili kuvavanyo lweesampulu zembewu echaswayo okanye ekhalazelwayo. Ubukhulu bokuchaswa okanye besikhalazo, oko kukuthi inani leesampulu, uhlobo lwesityalo nohlobo lweemvavanyo eziza kwenziwa, ziya kulichaphazela ixesha eliya kuthathwa luphando.  Akukho xesha linokumiswa lokuchophela isikhalazo. Buzisa kwindawo leyo (jonga iinkcukacha zoqhagamshelwano).

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama- 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

UBongameli beNkonzo zoHlalutyo buya kukuthumela amaxwebhu emva kokuba uqhagamshelene nabo.

Ungaqhagamshela nabani

 

Directorate Inspection Services

Phindile Ngesi
Tel: 012 319 6043
E-mail: PhindileN@dalrrd.gov.za  

Lazarus Rachidi
Tel: 011 971 5136
E-mail: LazaruR@dalrrd.gov.za  

Physical address: Official Seed Testing Station, Directorate Plant Production,
Plant Genetic Resources Centre, KwaMhalanga Road, Roodeplaat, Pretoria

Postal address: Official Seed Testing Centre, Directorate Plant Production,
Private Bag X250, Pretoria, 0001

Share this page