Izihlomelo kwirejista yokubhalisa abantu

Ungafaka isicelo sokuba kuhlonyelwe ulwazi kwirejista ekubhaliswa kuyo abantu ukuba:

  • kubhaliswe kwakhona umntwana ozelwe ngaphandle komtshato ukuba ngaba abazali bakhe baye batshata ekuhambeni kwixesha
  • kufakwe iinkcukacha zikatata womntwana ozelwe ngaphandle komtshato kwirejista yokubhalisa abazelweyo
  • kufakwe igama okanye ifani yomntu obebhaliswe ngaphandle kwayo kwirejista yokubhalisa abazelweyo
  • ukujika igama
  • ukujika ifani yomntwana
  • ukuqalisa ukusebenzisa ifani eyahlukileyo
  • ukuyshintsha isini
  • ukulungisa umhla wokuzalwa, isini okanye indawo yokuzalwa.

Fumana ulwazi oluthe vetshe malunga nokufaka isicelo sokwenza isihlomelo okanye qhagamshelana neSebe leMicimbi yezeKhaya.

 

Share this page