INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngowe-18 kweyoMsintsi 2019

INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe ngowe-18 kweyoMsintsi 2019. IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla we-18 kweyoMsintsi 2019 eTuynhuys eKapa.

A. Imiba engundaba-mlonyeni

1. INkqubo yoPhuhliso eQhutywa ziziThili

1.1. IKhabhinethi ichulumancile kukuphehlelelwa ngokusesikweni nguMongameli Cyril Ramaphosa, kweNkqubo yoPhuhliso eQhutywa ziziThili kuMasipala weSithili sase-OR Tambo, eMpuma Koloni. Le nkqubo intsha idibanisa omathathu amaqoqo karhulumente ukuba asebenzisane, abambisane aze aqhube kunye imisebenzi yawo, kodwa ibe zizithili ezikhokelayo ukuze kulungiswe iingxaki ezinxulumene nophuhliso kukhuthazwe ukuhanjiswa kweenkonzo nokuthengwa kweenkonzo neempahla kwizithili kunye nokudalwa kwemisebenzi. Le nkqubo intsha ivunywe yiKhabhinethi, urhulumente wephondo, iinkokeli zemveli kunye neBhunga loQuquzelelo likaMongameli (i-PCC). 
1.2. Nangona isiThili sase-OR Tambo ibe sesokuqala ukuphehlelela ngokusesikweni le nkqubo, kweli lizwe iza kuqaliswa kuzo zonke izithili ezingama-44 kunye noomasipala abambaxa abasibhozo. Le nkqubo isondeza urhulumente kufutshane nabantu ngokuthi ibandakanye abemi kunye nabathathi-nxaxheba ngethuba kuqulunqwa isicwangciso esinye esiza kukhokelela ekubeni kuhanjiswe iintlobo ezahlukeneyo zeenkonzo kuze kudalwe namathuba ezoqoqosho kwizithili.  
1.3. UMongameli Ramaphosa uvule iklinikhi yasezilalini eLusikisiki ekwisimo esilungele ukusebenzisa i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI), yona eza kukhokela amaphulo okuqinisekisa ukuba wonke umntu ufumana iinkonzo zezempilo ezisemgangathweni. Le klinikhi ifakelwe ubuxhaka-xhaka bale mihla, iza kukwazi ukunikezela uncedo lweenkonzo ezingxamisekileyo futhi inalo negumbi lokubelekela elivula imini nobusuku, phakathi kwezinye izinto.  
1.4. UMongameli Ramaphosa uye wathetha nabantu base-OR Tambo ngomba wobuNdlobongela obuJoliswe kwiSini waze wabona ukuba iiThuthuzela Care Centre zifuneka ngamandla kulo mmandla futhi kufuneka nokuba kuvulwe ngokungxamisekileyo ilebhu yokuvavanya imiba yofuzo-libo (i-DNA) eMpuma Koloni. 

2. Amaphulo okuLwa ubuNdlobongela obuJoliswe kwiSini (i-GBV)

2.1 IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane kuliwe ubundlobongela nokubulawa kwabantu basetyhini nabantwana. KwiNdibano yeziNdlu zoMbini izolo, uMongameli uye wathi thaca amanyathelo angxamisekileyo okulwa ubundlobongela obujoliswe kwabesini esithile nokuqinisekisa ukuba kuhanjwa ngesantya esiphezulu kumaphulo okufezekisa izithembiso ezazenziwe kwiNgqungquthela kaMongameli yowama-2018 ye-GBV. 
2.2 La manyathelo angxamisekileyo abhengezwe nguMongameli aza kuqaliswa kwezi nyanga zintandathu zizayo aquka ukuphunyezwa kwemithetho ngokungxamisekileyo yokulwa i-GBV, ukuqaliswa ngokukhawuleza koqeqesho lwamapolisa, abatshutshisi kunye neemantyi okanye neejaji ezichophela amatyala e-GBV, ukwenziwa kwamalinge akhawulezileyo okuxhobisa icandelo lezobulungisa, ukufakwa ngokukhawuleza kwezifundo ezinxulumene ne-GBV kwikharityhulam yezikolo, ukuvulwa ngokukhawuleza nokunikwa izixhobo ezifanelekileyo kweeThuthuzela Care Centre. La manyathelo okungenelela aquka nokugxila ngamandla kumadoda njengoko ingawo adlwengula, axhaphaze aze abulale abantu basetyhini nabantwana.  
2.3 La manyathelo angxamisekileyo aza kuqhutywa yile Komiti iza kuKhokela imiBa yezeSini, iza kuba phantsi kwe-Ofisi kaMongameli futhi iza kuba namalungu aphuma kurhulumente nakwimibutho engekho phantsi korhulumente (ii-NGO) wona aza kubeka iliso kwindlela ewenza ngayo umsebenzi wayo. 
2.4 UMongameli ubhengeze ukuba izixhobo zokusebenza ezifunekayo, eziza kufunyanwa ngokuthi kuhlenga-hlengiswe izimali zamasebe, ziza kuqinisekisa ukuba la manyathelo ayaqaliswa kwezi nyanga zintandathu zizayo.    
2.5 IKhabhinethi ibongoza uluntu ukuba luqhubekeke nokudlala indima yalo ekuqeqesheni nasekufundiseni abantwana abangamakhwenkwe ukuba babathande futhi babahloniphe abantu ababhinqileyo namantombazana.

3 Ukuhlaselwa ngobundlobongela kwabemi bangaphandle kunye nabanye abemi boMzantsi Afrika 

3.1 IKhabhineithi kwakhona izigxeka kabukhali izidube-dube nobundlobongela obenziwa esidlangalaleni obenziwa ngenxa yezikhalazo ezikhoyo nezingekhoyo zabantu bakuthi. Sililizwe elinemithetho nelilawulwa ngokwentando yesininzi esekelwe kumgaqo-siseko.
3.2 Nangona iKhabhinethi izazi iinzima zezentlalo nezoqoqosho abantu bakuthi abajamelene nazo, intiyo nobundlobongela obenziwa kubemi bamazwe angaphandle nabanye abemi boMzantsi Afrika ayisosisombululo sezi ngxaki.
3.3 Simamkela ngezandla ezishushu wonke umntu ongena kweli lizwe ngokusemthethweni aze futhi athobele nemithetho yalo. Futhi, sililizwe elinabantu ababumbeneyo nangona siziintlanga ezahlukeneyo kwaye nantoni na elumezayo nembi eyenziwa kweminye imidaka eNtsundu ayizukwamkelwa konke konke.
3.4 IKhabhinethi izimisele ukuzilungisa kube kanye iingxaki ezikhokelela ekubeni kuhlaselwe abemi bangaphandle kunye nabanye beli loMzantsi Afrika. Futhi siza kuyiphula neengcambu imikhutyana engekho mthethweni efana nokuthengisa iziyobisi ngokungekho mthethweni, ukurhweba ngeemveliso ezingekho mthethweni, ukutyhuthula iivenkile zabantu, ukonakalisa iimpahla zabantu kunye norhwaphilizo futhi oku siza kwenza oku singathengi buso bamntu. Ngamanye amazwi, nokuba le mikhuba yenziwa ngabantu beli okanye ngabangaphandle asizikuba nalusini. Ukuphathwa kabuhlungu kwabemi bangaphandle zezinye iinkampani nako kugxekwa kabukhali. IKhabhinethi ibongoza wonke umntu ukuba abhinqe omfutshane asebenzisane namaQumrhu esiPolisa oLuntu (ii-CPF) kunye noMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) ukuze kuliwe ulwaphulo-mthetho neminye imikhuba engekho mthethweni.  
3.5 UMthetho oYilwayo we-Arhente yoLawulo lweMida (i-BMA) uyaqukunjelwa kungokunje kwiBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP); oku kuza kunceda kulungise ngokukhawuleza iingxaki zokhuseleko ezikwimida yeli. 
3.6 UMongameli, ukongeza koku, uthumele neqela labathunywa abakhethekileyo kumazwe amaninzi ase-Afrika ukuya kuthoba izibilini zamanye ama-Afrika bewaqinisekisa ukuba ilizwe lakuthi lisazibophelele kumaphupha nombono wobumbano nobambiswano kwi-Afrika iyonke, kuquka nokubaqinisekisa ukuba uMzantsi Afrika uya kuhlala ulilizwe elilawulwa yimithetho futhi nelizibopheleleyo kukhuselo lwamalungelo oluntu abo bonke aba bangaphakathi kwimida yeli. 
3.7 UMongameli utyumbe kunye neqela labantu abahlonitshwa jikelele ukuba babe kwikomishini yokuphanda. Eli qela liquka uMongameli wangaphambili waseTanzania, uMnu Jakaya Kikwete kunye noMongameli wangaphambili waseMozambique uMnu Joaquim Chissano. Baza kusebenzisana namaqela awahlukeneyo kweli lizwe lethu ngeenjongo zokuvumbulula eyona into ibubunyani yenzekayo ngethuba kuhlaselwa kabuhlungu abantu bangaphandle nabalapha. Abanye bathi olu hlaselo luphenjelelwa yintiyo yabantu bangaphandle nentiyo yama-Afrika. Iziphumo zophando lwale khomishini ziza kuthunyelwa nakwiMbumba ye-Afrika (i-AU) futhi ziza kusinceda sikwazi ukujongana nohlaselo olubi njengolu xa lunokuthi luphinde luvumbuluke, kuhlaselwe kwakhona abemi bangaphandle nabeli loMzantsi Afrika. 

4. Ukuhlaselwa kwezindlu zooCeba. 

4.1 IKhabhinethi ikugxeka kabukhali ukutshiswa kwezindlu zoCeba besiXeko saseMatlosana, eKhuma, kwiPhondo laseMntla Ntshona. Imikhuba enje ayamkelekanga kweli lizwe lethu lisanda kukhululeka. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwi-SAPS ukuba yenze konke okusemandleni kubanjwe abenzi boku. IKhabhinethi ibongoza nabahlali baseKhuma abathanda uxolo ukuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho ukuze kubanjwe abenzi bobubi. Abo banento abayaziyo bangatsalela le nombolo yomnxeba ingahlawulelwayo futhi ingafuni nokuba uzichaze igama lakho, ithi: 0860 10111.
4.2 Njengabemi boMzantsi Afrika kufuneka sime ngeenyawo siwukhabe ngawo omane lo mkhuba wolwaphulo-mthetho kwiindawo esihlala kuzo. Ilizwe lethu lilizwe elinomthetho ovumela wonke umntu ukuba onyule okanye asuse esikhundleni naye nawuphi na ummeli woluntu engakhange asebenzise ubundlobongela. Ke ngoko kufuneka sifunquke ngobuninzi bethu sikhusele umbuso olawulwa ngokwentando yesininzi owalwelwa ngegazi neenyembezi.
4.3 IKhabhinethi icela abantu ngokubanzi ukuba bazilwe izenzo zolwaphulo-mthetho ezifana nezi baze beze ngaphambili abo banento abayaziyo nolwazi olunokunceda ii-arhente zogcino-mthetho ngophando lwazo. UMzantsi Afrika lilizwe elilawulwa ngokwentando yesininzi ke ngoko abo baphembelela izenzo zobundlobongela, nokuba ziloluphi uhlobo, kufuneka bazi ukuba umthetho uza kudlala eyawo indawo futhi ngokungenalusini. 

B. IziGqibo zeKhabhinethi 

1. INgxelo yemiNyaka engama-25 yoHlaziyo 

1.1 IKhabhinethi ivumile ukuba ikhutshwe iNgxelo yemiNyaka engama-25 yoHlaziyo yowe-1994 – 2019. Le Ngxelo ijonga ize ihlalutye lo msebenzi sele wenziwe ngurhulumente (esebenzisana namaqabane akhe ezentlalo) ekufezekiseni izithembiso zakhe zobomi obungcono kuye wonke uMmi woMzantsi Afrika.  
1.2 Olu hlolo belukhokelwa liSebe lezoCwangciso, uHlolo noVavanyo (i-DPME) luquka iindibano zokufakana imilomo ebezibanjiwe ukuze kuviwe izimvo nemibono yamahlakani ahlukeneyo. La mahlakani aquka amashishini, imibutho yabasebenzi, izifundiswa, imibutho engekho phantsi korhulumente kunye namasebe awahlukeneyo karhulumente. Bekubanjwe neendibano zokubonisana nala mahlakani, ebezizinyaswe nangabantu abahlonitshwa jikelele kweli lizwekazi.  
1.3 Le ngxelo ichaphazele imiba ekukho inkqubela kuyo efana nokuba bonke abantu bakwazi ukufumana imfundo yamabanga aphantsi; ukunyusa inani labantu abafunda kumaziko emfundo ephakamileyo, ukufumaneka kweenkonzo zezempilo ezisimahla kumaziko ezempilo karhulumente kunye nokuqaliswa ngokumandla kwenkqubo yemali-zibonelelo. Ikwanyathele nemiba ekukho iingxakana kuyo, ephazamisa amalinge okudala imisebenzi, ukulwa indlala nokungalingani phakathi kwabantu. Eyona nto ingumqobo omkhulu yingxaki olumi nolwakheke ngayo uqoqosho lweli lizwe.   
1.4 IKhabhinethi iyikhuphile imvume yokuba amasebe ahlukeneyo kazwelonke kunye namaPhondo ukuba nawo akhuphe iingxelo zawo zohlaziyo zeminyaka engama-25.  
1.5 UMongameli Cyril Ramaphosa uza kuyiphehlelela ngokusesikweni le ngxelo yoHlaziyo loMzantsi Afrika lwemiNyaka engama-25 yowe-1994-2019 kwalapha ethubeni.

2 INgxelo yeSizwe yowama-2019 yeeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo (ii-SDG) 

2.1 IKhabhinethi ivumile ukuba iNgxelo yeSizwe yowama-2019 yeeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo ikhutshwe isiwe kwiZizwe eziManyeneyo (i-UN). Le Ngxelo iza kunikezelwa kwiNgqungquthela ye-SDG ngethuba kubanjwe iNdibano eNkulu yama-74 yeZizwe eziManyeneyo (i-UNGA) ngeyoMsintsi 2019. 
2.2 Le ngxelo isisiphumo sezimvo ezifunyenwe ngokubonisana nokufakana imilomo namacandelo karhulumente, iziko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-StatsSA), izifundiswa nemibutho yoluntu. Inike iinkcukacha ngomgama osele uhanjwe leli lizwe ekufezekiseni ii-SDG, ezihambelana nesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP). Emva kokuba eli lizwe liyingenise kwi-UN, iza kufumaneka kuye wonke umntu oyifunayo kwiwebhusayithi ye-UN. 
2.3 UMzantsi Afrika uzimisele ukufaka isandla kumaphulo okuzalisekisa inkqubo yehlabathi yowama-2030 yophuhliso oluzinzileyo kwihlabathi. Ii-SDG zineenjongo ezili-17 kunye nezinto ekufuneka zizalisekisiwe ezili-169 ezinyathela imiba emininzi esuka kwimfundo, indlala ukuya kwimiba yezokusingqongileyo, uhlumo loqoqosho kunye nomsantsa omkhulu phantsi kwamadoda nabasetyhini kwihlabathi. 

3 IsiVumelwano soKhuseleko lweNdalo saseCartegena 

3.1 IKhabhinethi iyivumile ingxelo yeSizwe yeSine yoMzantsi Afrika yokuba kuzalisekiswe isiVumelwano soKhuseleko saseCatergena soKhuseleko lweNdalo. Le ngxelo iza kungeniswa kwi-Ofisi kaNobhala yesiVumelwano seyaNtlukwano kwezeNdalo ngomhla woku-1 kweyeDwarha 2019.
3.2 IsiVumelwano saseCartegena silawula unaniselwano ngeziphili ezingakhuliswanga ngokwendalo, ezibizwa ngokuba ziziPhili ezineeSeli ezingezozeNdalo (ii-GMO), ngaphakathi kweli lizwe kunye namanye amazwe.  
3.3 UMzantsi Afrika uyawathobela onke amasolotya esiVumelwano saseCartagena. Imithetho elawula ukhuseleko lwendalo ilawula iimveliso ze-GMO eziphuma nezingena kweli lizwe. UMzantsi Afrika uyancedisa nakuqeqesho lwabo bonke abo basebenzisa i-GMO kweli lizwe nakumazwe angabamelwane. 

4 IsiCwangciso sokuNikezelwa kweeTawuli zooMama (i-SDIF) 

4.1 IKhabhinethi isivumile isiCwangciso esihlaziyiweyo sokuNikezelwa kweeTawuli zooMama. Ukuqaliswa kwesi sicwangciso kuzalisekisa ilungelo elikumgaqo-siseko lokuhlonipha isidima kunye nelungelo lokuphila loomama namantombazane aphuma kumakhaya angathathi ntweni.    
4.2 I-SDIF isisikhokelo esinceda xa kuthengwa iitawuli zoomama; indlela zokunikezelwa kwetawuli zoomama; iindlela zokulahla iitawuli zoomama esele zisetyenzisiweyo kunye nohlobo lequmrhu eliza kubeka iliso kwindlela ezinikezelwa nezihanjiswa ngayo iitawuli zoomama. Ikwacacisa neendlela zokufundisa nokukhathalela impilo yabo baxhamla kweli phulo leetawuli zomama.
4.1 Emva kokuba kusetyenziswe iindlela zohlenga-hlengiso lwemali zikaNondyebo weSizwe, ikhona imali ebekelwe bucala kulo nyaka kunye nale minyaka izayo. Ukususela ngomhla woku-1 kwekaTshazimpunzi 2019, iitawuli zomama zaya zafakwa kuluhlu lweemveliso ezingafakwa irhafu-ntengo (i-VAT). 

5  Ezorhwebo

5.1 IKhabhinethi ifumene ingxelo ngeziphumo zothetha-thethwano ne-UK malunga nesivumelwano esiza kulawula urhwebo xa i-UK inokuthi iyishiye iMbumba yaseYurophu (i-EU), oko kukukuthi, i-Brexit.
5.2 I-UK ikwindawo yesine ngokobukhulu bomthamo worhwebo kuluhlu lwamazwe arhweba noMzantsi Afrika. Ngowe-2018 umthamo worhwebo phakathi kwala mazwe mabini ubuzibhiliyoni ezili-142 zeerandi.
5.3  IKhabhinethi iqaphele ukuba esi sivumelwano sicetywayo sinemiqathango efanayo nale ikhoyo yorhwebo icaciswe kwisiVumelwano seNtsebenziswano sezoQoqosho (i-EPA) se-EU esikhoyo namazwe amathandathu angamalungu oMbutho woPhuhliso laMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC). Esi sivumelwano siza kuba sisiVumelwano esitsha seNtsebenziswano yezoQoqosho phakathi kwe-UK noMzantsi Afrika, Namibia, Botswana, Lesotho Eswatini kunye neMozambique. Esi sivumelwano siza kuqala ukusebenza ukuba i-UK ingathi iyishiye i-EU kungekho sivumelwano sityikityiweyo sokuphuma kwi-EU. 
5.4 Emva kokuba le ngxelo ithe yaqwalaselwa, iKhabhinethi iye yasivuma isiVumelwano seNtsebenziswano yezoQoqosho. Le EPA intsha iza kuyigcina le mithetho yenza isaphulelo kwirhafu yorhwebo, umyinge omiselweyo womthamo weemveliso zorhwebo, imigangatho yezempilo nokhuseleko kunye neminye imiqathango ephambili futhi iqinisekise ukuba urhwebo phakathi koMzantsi Afrika ne-UK luyaqhuba ngaphandle kophazanyiso. Oku kuza kukhusela zonke izinto ezilulutho kuMzantsi Afrika.  
5.5 IKhabhinethi isivumile esi sivumelwano sicetywayo, kwaye emva kokuba onke amazwe athe asityikitya siza kungeniswa ePalamente ukuze siphunyezwe sibe ngumthetho. 

6. Iingqekembe eziyilwe yiSouth African Mint Company

6.1. IKhabhinethi izivumile ezi ngqekembe zintsha zenziwe yi-South African Mint Company ezizingqekembe ezingasasazwa eluntwini zowama-2020 – i-R2 ye-Krugerrand yowama-2020 eyenziwe ngesilivere ecoleke kakhulu (i-2oz.) kunye nengqekembe ye-R25 eyenziwe ngesilivere ecolekileyo ye-Nature. Imixholo yezi ngqekeme ithi “Ixesha lokuKhonya kweedayinaso – i-Archosauria. Isibhengezo esisemthethweni siza kufakwa kwigazethi ukuze ezi ngqekembe zisisikhumbuzo ziqalise ukufumaneka.  

C. Imisitho Ezayo 

1. INyanga yezoThutho

1.1  IKhabhinethi isivumile isiCwangciso sokuSebenza seNyanga yezoThutho ngeyeDwarha kowama-2019 kunye nePhulo lweeNtsuku ezingama-365 phantsi komxholo othi: Sibambisene Masiqhubeleke noNikezelo lweeNkonzo ngesiSantya Sihamba Ngaso kunye noPhuhliso loQoqosho”. Umba wokhuseleko ezindleleni zeli ufuna ukuba wonke umntu osebenzisa iindlela, oko kukuthi, abaqhubi nabahambi ngeenyawo, aqhubeleke ethetha ngawo, futhi sifundisana ngawo. 
1.2 Eli phulo liza kwazisa nangamaphulo karhulumente okuphucula icandelo lezothutho leli lizwe, utyalo-mali olucetywayo oluza kwenziwa kwiziseko ezingundoqo kunye noxanduva loluntu ekukhuseleni iziseko ezingundoqo zoluntu. 

D.  Imiyalezo 
1.  Amazwi ovelwano


IKhabhinethi ithi tutwini:
1.1. Kusapho nezihlobo zikaSekela-Mphathiswa weziMbiwa, uNksz Bavelile Hlongwa, osutywe kukufa kabuhlungu kwingozi yemoto kwakunye neentsapho zabantu abane nabo abathe basweleka kule ngozi ngethuba bebezama ukunceda abakhweli abebekwenye ingozi. 
1.2. Kubantu kunye norhulumente weRepublic of Zimbabwe emva kokusweleka koMongameli wangaphambili uRobert Gabriel Mugabe. Umzabalazo wokulwa ubukholoniyali owaqhutywa ngesibindi nobugorha ukhokelwa nguMongameli Mugabe waba ngumzekelo omhle esawusebenzisayo kowethu umzabalazo wokulwa umbuso wocalu-calulo futhi wasinika nethemba lokuba uMzantsi Afrika nawo uza kukhululeka ngenye imini.
1.3. Kusapho nezihlobo zalowo wayengumdlali wasephikweni weSpringboks, uChester Mornay Williams, owafumana udumo kweli lizwe nakwihlabathi jikelele ngenxa yegalelo lakhe ngethuba uMzantsi Afrika usenza imbali uphumelela iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo ngowe-1995. Igalelo lakhe kumdlalo wombhoxo lavuselela amaphupha abantu abatsha abaninzi. UMongameli Cyril Ramaphosa eli qhawe uliwonge ngokuthi malikhatshwe ngoMngcwabo wePhondo wasebuRhulumenteni oKhethekileyo okwiNqanaba 2. 
1.4. Kusapho nezihlobo zalowo ungasekhoyo wayevalelwe eSiqithini, e-Robben Island, nokwaligqala laseNtshona Koloni, uVincent Diba. UMongameli Ramaphosa ubhengeze ukuba eli gqala liza kukhatshwa ngoMngcwabo wePhondo oKhethekileyo (okwiNqanaba 2), oquka inkonzo esesikweni yokunika uzuko nesihomo eza kuqhutywa yi-SAPS.
1.5. Kusapho nezihlobo zetshantliziyo elalichasene nocalu-calulo u-Adelaine Hain – ongumama wegqala lezepolitiki laseBritain isidwangube esikhulu uMhlekazi uHain – osweleke sele eyinkonde eneminyaka engama-92 ubudala. U-Adelaine Hain wazenzela igama ngokulwa nombuso wocalu-calulo ngokuthi akhethe ukuba kwicala labantu ababephantsi kwengcinezelo – into leyo yenza ukuba avalwe umlomo nguMbuso woCalu-calulo yena nomyeni wakhe ongasekhoyo, phambi kokuba banyanzelwe ukuba mabaye elubhacweni e-United Kingdom.

2. Amazwi okuvuyisana

2.1.  IKhabhinethi nayo njengesizwe kunye ne-Afrika iphela iyaphinda kwakhona iqhwabela izandla ikwayala i-Ndlovu Youth Choir, ngokufikela kumagqibeka kankqoyi kukhuphiswano olubizwa i-America’s Got Talent. Le kwayala ilenze laziva linelunda eli lizwe kunye neli lizwekazi ngokuthatha inxaxheba kolu khuphiswano. 
2.2. U-Oratilwe AJ Hlongwane owaziwa ngokuba ngu-DJ Arch Jnr owaphumelela ukhuphiswano olubizwa ngokuba yi-South Africa’s Got Talent ngowama-2015. I-Guinness World Records yambhengeza ngokusesikweni njengeyona DJ mncinci ngowe-2017. Ufumene izimemo ezininzi zokuya kudlala umculo nokubonisa isakhono sakhe kumazwe ahlukeneyo kwaye uliphakamisele phezulu igama loMzantsi Afrika ngendlela aqhube ngayo kukhuphiswano olubizwa: Britain’s Got Talent: The Champions. Simnqwenelela okuhle kodwa. 

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – UMlawuli-Jikelele oliBambela (e-GCIS)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore