Ingxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla wesi-4 kweyeThupha 2021

A.  IMIBA ENGUNDABAMLONYENI

1.  Ukukhutshwa kweyeza lokugonya leSifo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)

1.1.  Inkqubo yesizwe yokugonya yoMzantsi Afrika iqokelele ngokupheleleyo isantya kwaye icandelo lezempilo (likarhulumente kunye nelabucala) ligonya isigidi esinye sabantu ubuncinane ngeentsuku ezintathu.  Ukuza kufikelela ngoku, bangaphezulu kwezigidi ezisibhozo abantu baseMzantsi Afrika abagonyiweyo. Kwisantya esikhoyo, uMongameli kufuneka kungekudala abhengeze umhla ohlaziyiweyo ekujoliswe kuwo wokuba ilizwe lifikelele kuwo ekugonyweni koluntu oluninzi.
1.2. Ikhabhinethi iyaqhubeka nokucela abemmi boMzantsi Afrika ukuba bagonye, njengoko kusesona sixhobo sisebenzayo kwidabi lokulwa ne-COVID-19. Abantu ngoku bangaya nakweyiphi na indawo yokugonya kunye neencwadi zabo zezazisi, nangaphandle kwedinga, ukuze babhaliswe kwaye bagonywe.
1.3.  Ikhabhinethi ikwamkele ukuhanjiswa kwamayeza okugonya e-Pfizer ayi-5.6 yezigidi kule veki anikezelwe yiMelika, aza kuqinisekisa ukubakho kwamayeza okugonya aneleyo ukomeleza inkqubo yethu yokukhutshwa kweyeza lokugonya. 
1.4.  Ngomhla woku-1 kweyoMsintsi 2021, abantu abaphakathi kobudala beminyaka eli-18 kunye nama-34 baza kufaneleka ukuba bagonywe.
1.5.  Ikhabhinethi ikuqaphele ukwehla okubonakalayo kweemeko ezintsha zosuleleko eMzantsi Afrika emva kokuba eli lizwe liye layigqitha ngokusesikweni inkcochoyi yetyeli lesithathu. Nangona kunjalo, amaphondo amane – iNtshona Koloni (nangona isandula ukubhengezwa njengesenkcochoyini), uMntla Koloni, uMntla Ntshona kunye neFreyistata - bezikade zichaza ukwanda kwamazinga osuleleko lwemihla ngemihla. 
1.6.  Ikhabhinethi iye yasiphinda isicelo sayo kubo bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokubambelela kwiinkqubo ezilandelwayo zothintelo lokuNxiba isigqubutheli-buso, Ukuhlamba izandla, ukugcina umgama wasekuhlaleni oyi-1.5 yeemitha kunye nokuphepha iindibano ezinkulu. 

2.    Ukuvulwa kwezikolo  

2.1.  Ikhabhinethi ikwamkele ukuvulwa kakuhle kwezikolo, ingakumbi ukubuyela ezifundweni kwemihla ngemihla kwabo bonke abafundi abakumabanga aphantsi.  Ikhabhinethi ibongoze zonke izikolo ukuba ziqhubeke nokusebenza ngokweenkqubo ezilandelwayo zempilo ezisekiweyo ze-COVID-19. 
2.2.  Isigqibo sokubuyisela bonke abafundi bamabanga aphantsi kwizifundo zemihla ngemihla sithathwe emva kokuthathela ingqalelo yemfuno elungileyo yomntwana kwaye siza kunceda ukubuyisa ixesha lokufunda elilahlekileyo ngexesha elinzima lesizwe lokuma ngxi kweentshukumo.

3.  Isivumelwano semivuzo yaBasebenzi bakaRhulumente

3.1.  Ikhabhinethi ibulele abasebenzi bakarhulumente kunye nabo babandakanyeka kwiingxoxo zemivuzo ngokubeka isizwe sethu nabantu baso phambili, kulandela ukutyikitywa kwangoku kwesivumelwano esihlangeneyo sokunyuswa kwemivuzo yaBasebenzi bakaRhulumente.
3.2.  Ikhabhinethi ichulumancile kukuba onke amaqela abonise ubunkokheli obuhlangeneyo nobuzimiseleyo obungagungqiyo ekufumaneni isisombululo esixhamlisa abasebenzi bakarhulumente kunye nabemmi, kwaye icela bonke abantu ukuba baqhubele phambili kwangalo moya mnye wobambiswano  nowokuthanda ilizwe labo.

4.   Iinkcukacha zakutsha nje ngemeko yezokhuseleko 

4.1.  Ikhabhinethi yamkele iinzame zogcino-mthetho ukubuyisela ngokukhawuleza uzinzo kumaPhondo aKwaZulu-Natal nase-Gauteng. 
4.2.  Ikhabhinethi kananjalo izincomile ii-arhente zogcino-mthetho ngenkqubela-phambili eziyenzayo ekubambeni abo banoxanduva lokuphembelela ubundlobongela kwaye sithanda ukuqinisekisa abemmi boMzantsi Afrika ukuba asizukushiya ngasemva nabani na ekubambeni abo babangele izidubedube ezenzeke kulamaPhondo mabini.
4.3.  Ukuza kufikelela ngoku, bayisithandathu abarhanelwa abasele bebanjiwe kwaye bavelile kwiinkundla zamatyala ezahlukeneyo ngokuphembelela izidubedube zasesidlangalaleni kwaye ii-arhente zogcino-mthetho kunye neGunya lezoTshutshiso leSizwe zixakekile ngokuqinisekisa ngotshutshiso oluyimpumelelo. 
4.4.  Ikhabhinethi iqwalasele ukuba inani labantu abaswelekileyo ngenxa yobundlobongela lihlaziyiwe layakufikelela kuma-354, ngamanani abantu abaswelekileyo abhengeziweyo adityaniswa nezidubedube zase-Gauteng ezingatshintshanga elikuma-79 kunye nama-275 e-KZN ukusukela izolo, umhla we-4 kweyeThupha 2021.
4.5.  Kumanani abantu abaswelekileyo abhengeziweyo e-KZN, kwiSixeko  esimbaxa saseThekwini enza elona nani liphezulu elikwi-122. Kubantu abaswelekileyo ababhengezwe eThekwini, abangama-36 babhengezwe e-Phoenix (ukubulawa kwabantu abangama-29 namaphando ayisixhenxe, kwaye ukuza kufikelela ngoku, abarhanelwa abangama-22 babanjiwe ngenxa yokubulala e-Phoenix kwaye bavele enkundleni yamatyala). 
4.6.  Ikhabhinethi ibongoza uluntu lwase-KZN ukuba lusebenze kunye kwaye luxhase iinzame zikarhulumente zokulungisa iinkxalabo kunye neemvakalelo zobuhlanga ezigrogrisa ukujongela phantsi iimfundiso zookhokho bethu boMzantsi Afrika olinganayo wentando yesininzi, ongenabuhlanga abanikezela ngenkululeko yabo nangobomi babo. 

5.    Ukwakha ngokutsha uqoqosho

5.1.  Ikhabhinethi yamkele izigidigidi ezingama-36 eeRanti zenkxaso yoncedo loqoqosho ezivela kurhulumente njengonikezelo lwesibini lwesindululo samangenelelo okubuyisela ilizwe kwisimo sangaphambili ngenxa yefuthe lobhubhane we-COVID-19 nelenziwe mandundu zizidubedube nakukonakaliswa kweempahla zamashishini okwenzeke KwaZulu-Natal, e-Gauteng nakwezinye iindawo zaseMpumalanga (nangona bezincinane kakhulu). 
5.2.  Ubuninzi bolu ncedo luNcedo lweNtlalo lweSibonelelo soNxunguphalo olungama-R350 okunciphisa ubuhlwempu kunye nendlala kwabona bantu bahlelelekileyo eluntwini kunye nezindululo zokuxhasa abasebenzi kunye namashishini. Urhulumente usaqhubekeka nokufuna isindululo senkxaso eyongezelelweyo ukuqinisekisa ukuvuseleleka koqoqosho ngokukhawuleza ngokuhambelana nesiCwangciso sokuVuselela noKwakha ngokutsha uQoqosho.
5.3.   Umsebenzi wokwakha ngokutsha uqoqosho ngowabantu bonke boMzantsi Afrika. Ikhabhinethi icele bonke abemmi kunye necandelo labucala ukuba bazibandakanye neenzame zethu zesizwe zokwakha ngokutsha ngokuhlangeneyo, ngokungcono nangokukhawulezileyo ukwenzela uMzantsi Afrika onempumelelo, olinganayo kunye nongcono. 

6.  Amandla ombane
 
6.1.  Ikhabhinethi ikwamkele ukugqitywa kweSitishi Sombane seMedupi esinazo zonke iiyunithi ezintandathu zokuvelisa umbane ngokupheleleyo kwiziko lamandla ombane lesizwe.  Oku kuyakuthatha ixesha elide ukunciphisa uxinzelelo kwiziko lamandla ombane lesizwe kwaye urhulumente uhlala egxile ekuqinisekiseni ukufumaneka kwamandla ombane. 
6.2.   Ikhabhinethi inqwenela ukuvuyisana noNks Zandi Shange, uMlawuli weProjekthi yeSitishi Sombane seMedupi ngokuzisa eli ziko likhulu lamandla ombane ukuba lisebenze ngokupheleleyo. Njengokuba kubhaliwe kwimbali yobunjineli bokwakha, abasetyhini belizwe lethu baza kumelwa ngokupheleleyo njengoko uNks Shange engowasetyhini wokuqala wase-Afrika ukufezekisa le projekthi inkulu kangaka.
6.3.   Urhulumente ubongoze abaphathi kunye nabasebenzi base-ESKOM ukuba basebenze kude kubesekugqibeleni kwaye bagqibezele izitishi zombane ezingekagqitywa kuquka nezivuselelekayo.

7.    Iwonga lokuba nguMakhi-mkhanyo wakwa-Sirayeli kwiKhomishini yeManyano yase-Afrika (i-AUC) 

7.1.  Ikhabhinethi iyasichasa ngamandla isigqibo esingenabulungisa nesesomntu omnye esenziwe nguSihlalo we-AUC sokunika uSirayeli iwonga lokuba ngumakhi-mkhanyo kwi-AU. I-AU ngummeli osemthethweni wawo wonke amazwe angamalungu e-Afrika ekufuneka kuboniswene nawo ngezigqibo ezinjalo. 
7.2.  I-AU iquka iminqweno yabo bonke abantu base-Afrika kwaye ithwele uphawu lokuzithemba kubunkokheli bayo babantu base-Afrika. Ngoko ke, kufanele ukuba izame ukuthatha izigqibo ezingangqubaniyo nemigaqo yoMqulu we-AU.
7.3.  Ukuqhubeka kokuhlala koSirayeli ePalestina kuhlala kungenabulungisa kwaye kulihlazo ngokupheleleyo, kwaye kuhlutha amalungelo oluntu lwasePalestina. Esi sigqibo somntu omnye silandela ukuhlaselwa ngokungenabulungisa kwakutsha nje kwamaPalestina amsulwa ngamaSirayeli eMpuma Jerusalemu nase-Gaza.
7.4.  Ikhabhinethi icela i-AU ukuba iphinde iqwalasele isigqibo sayo sokunika uSirayeli iwonga lokuba ngumakhi-mkhanyo kwi-AU. Ihlala izinikele ngokungathandabuzekiyo kwiinzame ezijolise ekuvuseleleni inkqubo yezopolitiko ezakukhokelela ekumisweni kwelizwe lasePalestina elinokubakhona, elihlalisana ngemvisiswano kunye noSirayeli. 

B.     IZIGQIBO ZEKHABHINETHI 

1.    Isikhumbuzo seNyanga yaBasetyhini
 
1.1.  Ikhabhinethi iwuvumile umxholo kunye nemisebenzi yesikhumbuzo seNyanga yaBasetyhini yalo nyaka, onika imbeko kwabasetyhini abangaphezulu kwama-20 000 abamatsha besiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ezisePitoli ngomhla we-9 kweyeThupha 1956 beqhankqalazela ukwandiswa kweMithetho yamaPasi kwabasetyhini. 
1.2.  Imisitho yalo nyaka iza kubhiyozelwa phantsi komxholo othi:  “Unyaka ka-Charlotte Maxeke: Ukufezekisa Amalungelo Abasetyhini”.  Umxholo uhambelana nombhiyozo wonyaka wonke wesikhumbuzo seminyaka eli-150 seqhawe loMzabalazo u-Charlotte Mannya Maxeke. 
1.3.  Izenzo zesibindi zaba bantu basetyhini ziyasikhuthaza ukuba sakhe ngokutsha isizwe sethu ukuze somelele emva kobundlobongela basesidlangalaleni kutshanje KwaZulu-Natal nase-Gauteng, nakwimpembelelo yezentlalo nezoqoqosho kunye neyezempilo ye-COVID-19. Ezi ziganeko zisibonisile ukuba xa sibambisene njengesizwe esithanda uxolo nesithobela umthetho, singawoyisa nawuphi na umceli-mngeni osichaphazelayo.
1.4.  Ngelixa ilizwe lethu lenze imigudu emikhulu yamalungelo abasetyhini, kuninzi ekufuneka kwenziwe ukuzinzisa ukulingana ngokwesini kunye nokulwa imbandezelo yobundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokuxhatshazwa kwabasetyhini kuluntu lwethu. 
1.5.  Ikhabhinethi icela onke amacandelo oluntu ukuba enze imigaqo-nkqubo yethu yokulingana ngokwesini ibe yinto eyenzeka ngokwenyani kwaye bathathe amanyathelo okulwa ubundlobongela obujoliswe kwabasetyhini ngokuthi baxele abenzi bobubi kwisikhululo samapolisa esikufutshane.

2.    Ingxelo yoPhando lweKomiti yabaPhathiswa abohlukeneyo (i-IMC) ngeNkqubo yeSizwe yoNcedo lwezeMali yaBafundi (i-NSFAS)

2.1.  Ikhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kwengxelo yoPhando lwe-IMC kwi-NSFAS.  Le komiti yamiselwa ngoCanzibe ngowama-2020 ukuba ijonge iinkqubo zeshishini, iinkqubo kunye namandla e-NSFAS ekufezekiseni igunya layo. 
2.2.  Uphando lujolise konobangela beengxaki ezifunyenwe yi-NSFAS kunye nokuphunyezwa kwenkqubo entsha yebhasari ukususela ngowama-2018. Olu phando lunikezele ngeengcebiso ezixabisekileyo zokuphucula ukusebenza kwe-NSFAS.  
2.3.  Ikhabhinethi iyivuyele into yokuba ezinye zezi ngcebiso sele ziphunyeziwe.  Ingxelo ingafunyanwa kwiwebhusayithi yeSebe leMfundo ePhakamileyo kunye noQeqesho ku: www.dhet.gov.za.


3.  IsiCwangciso seZiseko zophuhliso zeSizwe (i-NIP) sowama-2050

3.1.  Ikhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwe-NIP yama-2050 ukuze uluntu luhlomle.  Esi sicwangciso siqhuba iphulo lotyalo-mali kwiziseko zophuhliso lwelizwe, esikwahlanganisa uqoqosho lwase-Afrika ngokusebenzisa ezinye zeeprojekthi zalo zengingqi.
3.2.  Ukongeza ekuqhubeni ukukhula koqoqosho, siza kujongana neengxaki zexesha lobandlululo zokuhlaliswa koluntu ngendlela engenabulungisa.  Esi sicwangciso sisekwe ekuthatheni inxaxheba kukarhulumente, amashishini, amaziko aseburhulumenteni kunye noluntu. 
3.3.  Amacandelo aso aphambili aquka amandla ombane, uthutho lweempahla, amanzi kunye nonxibelelwano lwedijithali. I-NIP 2050 izakufakwa kwigazethi kungekudala ukuze kudliwane indlebe noluntu. 

4.  Ukuhlanganiswa kwe-Arhente yoNcedo lwezeMali lwamaShishini amaNcinane (i-SEFA) kunye ne-Arhente yoPhuhliso lweeBhanki zeNtsebenziswano (i-CBDA) kwi-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinane (i-SEDA) 

4.1.  Ikhabhinethi ikuvumile ukufakwa kwe-SEFA kunye ne-CBDA kwi-SEDA. Ukudityaniswa kwala maziko kuza kubangela inkxaso karhulumente ohlanganiswe kumashishini amancinane, kwamancinane kakhulu, kunye naphakathi kunye nomanyano lwamashishini ukususela ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2022. 
4.2.   I-arhente enye esisindululo iza kubonelela ngazo zombini inkxaso yezemali kunye nengeyiyo eyezemali kula mashishini.  Ngokudibanisa yonke imithombo ndawonye, i-arhente iza kuba nefuthe nangakumbi kwaye ifikeleleke kuzo zonke izithili nakwizixeko ezimbaxa. 
4.3.   Ukudityaniswa okuvunyiweyo kuzakukhokelela kuqukaniso ngokutsha kwe-SEDA (okuyakuthi kuthiywe igama ekuhambeni kwexesha) ngokwemiqathango yoMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, ka-1999 (Umthetho woku-1 ka-1999) ukusuka kwiSicwangciso 3A ukuya kutsho kwiziko leSicwangciso sesi-2.
4.4.  Ikhabhinethi ikuvumile ukongezwa kwexesha lokusebenza kweBhodi ye-SEFA ukuya kutsho kumhla wama-31 kweyoKwindla 2022 ukuze kubenakho ukulungelelwaniswa koqaliso lolungiselelo lotshintsho. 

5.    Iindlela zokuziphatha kunye neMigangatho yokusebenza ngokukhuselekileyo kwezokhenketho ngexesha le-COVID-19 kunye nabanye oobhubhane  

5.1.  Ikhabhinethi izivumile Iindlela zokuziphatha kunye neMigangatho yokusebenza ngokukhuselekileyo kweCandelo lezoKhenketho ngokwemeko ye-COVID-19 kunye nabanye oobhubhane abanxulumene noko. 
5.2.  Iindlela zokuziphatha kunye neMigangatho zibonelela ngamanyathelo amancinane axhaphakileyo ezempilo kunye nokhuseleko eziza kuqinisekisa ngokulingana kwicandelo lezokhenketho lilonke. Ziza kubandakanya iinkonzo ezinje ngendawo yokuhlala, ukutya, abasebenzi bezokhenketho, iindawo okungcakaza (iikhasino), imitshato kunye neminye imisebenzi enxulumene noko. 
5.3.  Ngoku sikwizinga elinye kunye neemarike zehlabathi kwaye kuzakwenza ukuba icandelo libenakho ukuvuleka ngokupheleleyo ukufika kwabakhenkethi behlabathi.

6.  Inkomfa yeSizwe yokuFuduka kunye nokuHlala kwabantu eziDolophini eMzantsi Afrika

6.1.  Ikhabhinethi ixhase Inkomfa yeSizwe yokuFuduka kunye nokuHlala kwabantu eziDolophini eMzantsi Afrika ebibanjwe ngokubonana kwikhompyutha ngomhla wama-26 ukuya kutsho kowama-30 kweyeKhala 2021. Ukufuduka kunye nokuhlala kwabantu ezidolophini kube yinxalenye yezinto eziphambili zeMigaqo-nkqubo emine yoMzantsi Afrika ukusukela ngowama-2015.
6.2.  Inkomfa ithathe ulwazi olufumanekayo kunye neenkcukacha malunga neentsingiselo zokufuduka kunye nokuhlala kwabantu ezidolophini elizweni. Iinkcukacha ezinjalo zisebenza njengesiseko sobungqina bomgaqo-nkqubo kunye nophuhliso lwenkqubo, kuquka ukucwangciswa kuwo omathathu amanqanaba karhulumente.
6.3.   Le nkomfa ibiququzelelwe ngentsebenziswano kunye namasebe karhulumente afanelekileyo, abaphandi basekuhlaleni kunye noluntu. Le nkomfa ifikelele kuvutho ndaba ekumiseleni iQonga leeNkcukacha noPhando lokuFuduka kunye nokuHlala kwabantu eziDolophini ukuze lisebenze njengomthombo wolwazi wokuxhasa umsebenzi wokufuduka kunye nokuhlala kwabantu ezidolophini.  

7.    Unyulo loMzantsi Afrika njengoMbutho wezoPhapho weHlabathi (i-ICAO) oliZiko leMozulu yoMmandla waseMajukujukwini elichongiweyo

7.1.  Ikhabhinethi ivumile yaza yamkela ukunyulwa koMzantsi Afrika njengeZiko leMozulu loMmandla waseMajukujukwini le-ICAO.  Oku kubhengezwe emva kokuba uMzantsi Afrika ufumene iziphumo zophicotho-zincwadi ezigqwesileyo kwi-ICAO. 
7.2.  UMzantsi Afrika, ngokusebenzisa i-Arhente yeSizwe yaseMajukujukwini yaseMzantsi Afrika, uchongiwe ukuba ubonelele ngeenkcukacha zemozulu yasemajukujukwini ngoku engumgangatho owamkelwe yi-ICAO yazo zonke iimfuno zophapho. 
7.3.  UMzantsi Afrika unikwe iminyaka emithathu ukuba uphucule amandla wawo aqingqekileyo angoku ukuze uhlangabezane neemfuno ze-ICAO. Iimfuno zifuna imisebenzi yeeyure ezingama-24/iintsuku ezisixhenxe kunye neqela elisekiweyo labaqikeleli abaqeqeshiweyo kunye nabaphandi basemajukujukwini abaziingcali.  Ikwanikwe imvume yokusebenzisana neNtlangano yamaqumrhu Onke aseYurophu yeNkonzo yokuSebenzisa iMozulu yoPhapho lwaseMajukujukwini i-Pan-European Consortium for Aviation Space Weather User Service.
7.4.  Eli wonga linika uMzantsi Afrika ithuba lokukhulisa icandelo lalo lezobunzululwazi nelobugcisa bezenjineli kunye nelokuqalisa izinto ezintsha, kwaye libeka ilizwe emephini njengomdlali wehlabathi kwinzululwazi yasemajukujukwini.

8.  IsiVumelwano seNtsebenziswano seMimandla yase-Afrika soPhando, uPhuhliso kunye noQeqesho olunxulumene neNzululwazi kunye noBugcisa beNyukliya (i-AFRA)

8.1.  Ikhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kwesivumelwano esihlaziyiweyo (i-AFRA) kangangeminye iminyaka emihlanu.  I-AFRA sisivumelwano sangaphakathi soorhulumente esisekwe ngamazwe angamalungu e-Afrika ukuqinisa ngakumbi kunye nokwandisa igalelo lezenzululwazi kunye nobugcisa benyukliya kuphuhliso lwezentlalo noqoqosho kwilizwekazi lase-Afrika.
8.2.  UMzantsi Afrika ubelilungu elisebenzayo le-AFRA kwaye uyasebenzisana namanye amazwe angamalungu ukukhuthaza iinjongo zesivumelwano kwilizwekazi lase-Afrika. 

9.  UMgaqo-nkqubo weSizwe wezokuLoba ngokuBanjwa kweNdalo kuManzi acocekileyo (kwiindawo eziphakathi nelizwe)   

9.1.  Ikhabhinethi iwuvumile umgaqo-nkqubo weSizwe weSizwe wezokuLoba ngokuBanjwa kweNdalo kuManzi acocekileyo (kwiindawo eziphakathi nelizwe)  ukuze uphunyezwe.  Umgaqo-nkqubo ubonelela ngolawulo olusebenzayo kwicandelo lokuloba kwiindawo eziphakathi nelizwe. Ikwacwangcisa ngokusesikweni imisebenzi engamiselwanga yangoku kunye nengaziwayo yamashishini abalobi abakhasayo. 
9.2.  Umgaqo-nkqubo, phakathi kwezinye izinto, ubonelela ngokumiselwa kwamaziko olawulo lwamashishini abalobi bophuhliso; inkxaso yokukhulisa imixokelelwano yamashishini abalobi abakwiindawo eziphakathi kwelizwe; ulawulo lokuloba okugcinakalayo kwindawo ephakathi kwelizwe kunye nokulungisa imiba yobulungisa kunye nenguqu yecandelo.

10.  Ikhalenda ekhutshwa kwangaphambili esisindululo sokupapashwa kweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zonyaka-mali wama-2021/22 

10.1. Ikhabhinethi iyivumile ikhalenda ekhutshwa kwangaphambili esisindululo sokupapashwa kweenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zonyaka-mali wama-2021/22. Isindululo esiseleyo seenkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekhalenda ekhutshwa kwangaphambili yeyeThupha wama-2021 yekota yokuqala kunye neyeNkanga wama-2021 yekota yesibini. Iinkcukacha-manani zolwaphulo-mthetho zekota yesithathu nezekota yesine ziza kukhutshwa kweyoMdumba nangoCanzibe wama-2022 ngokwahlukeneyo. 

C.  IMITHETHO-SIHLOMELO
 
1.  UMthetho-sihlomelo Oyilwayo waBantu abaDala wama-2021

1.1.  Ikhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-sihlomelo Oyilwayo waBantu abaDala wama-2021 ukuba uthiwe thaca ePalamente.  Lo Mthetho ulungisa uMthetho waBantu aBadala wangoku, wama-2006 (uMthetho we-13 wama-2006). 
1.2.  Ezi zilungiso zifuna ukomeleza amanyathelo akhusela abantu abadala.  Uphucula iinkonzo ezinikezelwa kubantu abadala ezinje ngenkxaso yezentlalo, eyezempilo, eyezoluntu kunye neyonakekelo olujolise kubahlali.  
1.3.  UMthetho-sihlomelo ophakanyiswayo wazisa ngokubekwa kweliso nangovavanyo lweenkonzo ezinikezelwa kubantu abadala.  Ukwabonelela ngokususwa kwabantu abadala abakhubazekileyo kwindawo enohlaselo okanye engenampilo ngaphandle kokufumana uMyalelo weNkundla.

2.  Uyilo loMthetho-sihlomelo Oyilwayo weMibutho Engenzi Nzuzo (ii-NPO) wama-2021 

2.1.  Ikhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo Oyilwayo we-NPO ukuze uluntu luhlomle.  Lo Mthetho-sihlomelo ulungisa uMthetho we-NPO wangoku, ka-1997 (uMthetho wama-71 ka-1997). Umthetho wawenzelwe ukuvelisa imeko evumela ii-NPO ukuba zisungulwe kwaye zisebenze ngokugqibeleleyo. Izithuba zexesha elongezelelweyo ziye zaziwa, ingakumbi kwii-NPO ezincinane nakwimibutho yoluntu. 
2.2.  Olu yilo luphakanyisiweyo lulungisa imiceli-mngeni ejongene nee-NPO ezincinane; lujongana nokuphatha gadalala kwee-NPO kwaye lwenza lula iinkqubo zokufikeleleka. Lwenza isindululo sokusekwa koMgcini-zincwadi zobhaliso lwe-NPO ukomeleza unikezelo lweenkonzo, ukubeka esweni kunye nokukhuthaza kokwenziwa kwezinto elubala kunye noxanduva lwee-NPO.

D.    UMSITHO OZAKULANDELA

1.  Usuku lwaBasetyhini   
1.1.  UMongameli Cyril Ramaphosa uza kwenza intetho yoSuku lwaBasetyhini ngoMvulo, umhla we-9 kweyeThupha 2021, njengenxalenye yokubhiyozela ilizwe lethu leNyanga yaBasetyhini phantsi komxholo othi:  “Unyaka ka-Charlotte Maxeke: Ukufezekisa Amalungelo Abasetyhini”. 

E.    IMIYALEZO

1.  Uvuyiswano 
Ikhabhinethi ivakalisa ukuvuyisana kunye neminqweno emihle ku: 

  • Tatjana Schoenmaker, ngokufumana imbasa yegolide yokuqala ye-Olimpiki yoMzantsi Afrika e-Tokyo, e-Japan emva kokhuphiswano lokugqibela lomgama oyi-200m lwe-breaststroke kwabasetyhini ngexesha lerekhodi yehlabathi. Ngaphambili uye waphumelela imbasa yesilivere kumgama oyi-100m we- breaststroke.
  • Bianca Buitendag, ngokuphumelela isilivere kukhuphiswano lokugqibela lokutyibiliza ngamaza.  Ezi mpumelelo zibalaseleyo kwii-Olimpiki zase-Tokyo zize nenani leembasa ezintathu kwisizwe sethu.
     

2.    Amazwi ovelwano 
Ikhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka: 

  • Mnu Shona Ferguson (47), umvelisi kamabonakude (i-TV) kunye nemidlalo bhanyabhanya kunye nomdlali weqonga obenegalelo elikhulu kuphuhliso loshishino lwemidlalo bhanyabhanya yeli lizwe. 
  • Mnu Clive Scott (84), igqala likamabonakude kunye nomdlali weqonga odumileyo owababala komabonakude bethu kangange minyaka emininzi.   
  • Mnu Pandelani Jonathan Mudziwa  Makhado (99),  igqala kwezopolitiko nelalingomnye weenkokheli zephulo lokuchasa amapasi ngo-1960, nowathi kananjalo wanikezela ngobomi bakhe kwidabi lentando yesininzi kunye nenkululeko.
  • Mama Thalitha Monica Lebea-Mampuru (87), owayelwela ngokungadinwa inkululeko yeli lizwe kunye noMzantsi Afrika ongacaluli ngokobuhlanga, ongakhethi sini kunye nokhululekileyo.  WayenguMphathikazi wabongikazi wokuqala we-Solomon Mahlangu Freedom College (i-SOMAFCO).
  • Mnu Geoff Makhubo (53), USodolophu weSixeko saseRhawutini; inkokeli engazicingeliyo nekhutheleyo ethe yakhuthaza ukuhanjiswa kweenkonzo.  WayenguSihlalo weNgingqi we-African National Congress.
  • Mnu Luthendo Benedict Sigogo (49), iJaji Ebambeleyo yeNkundla ePhakamileyo yaseMpumalanga kunye noMkomishinala weKhomishini yeNkonzo yezeeJaji, onezifundo ezintle kakhulu kwezomthetho, kwaye ebeyintshatsheli ezimiseleyo kwiinguqu.  WayIekwangu mongameli woMbutho wamaGqwetha aMnyama i-Black Lawyers Association.
  • Iintsapho kunye nezalamane zamalungu ePalamente asandula ukusweleka
     

F.    UKUQESHWA
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Igqwetha uNomalanga Petronella Sithole njengeGosa eliyiNtloko laBaphathi boLawulo lwaMandla ombane weSizwe soMzantsi Afrika.
2.    Nks Danile Nyakale njengommeli weQumrhu loPhuhliso lwezoShishino kwiBhodi yabaRhwebi beDayimani bakaRhulumente. 
3.    IBhodi yaBalawuli beBhodi yeMicimbi yezoMhlaba: 
(i)    Nks Lusanda Nomasongo Netshitenzhe (uSihlalo);
(ii)    Mnu Masopha Moshoeshoe; 
(iii)    Igqwetha u-Anthonie Viviers; 
(iv)    Gqr James Fraser Bourhill; kunye no
(v)    Nks Precious Hlengiwe Makoe.

4.    IBhodi eyongezelelweyo yaBalawuli beDayimani yaseMzantsi Afrika kunye nabaLawuli beZinyithi Ezixabisekileyo: 
(i)    Mnu Virendra Gangaram Magan; kunye no
(ii)    Nks Ndivhuho Munyai. 

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – Isithethi seKhabhinethi
Selifoni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore