Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe kwi-intanethi, ngoLwesithathu ngomhla wesi-6 kuTshazimpunzi 2022

A. Imiba enguNdabamlonyeni

1. Inkomfa yeSine yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika (i-SAIC)
1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa okubeyimpumelelo kwe-SAIC yesine ebibanjelwe kwiZiko leNgqungquthela lase-Sandton, eRhawutini ngoLwesine, umhla wama-24 kweyoKwindla 2022, nalapho abatyali-mali basekhaya nabamazwe ngamazwe bethembise ngotyalo-mali olutsha kwilizwe lethu.
1.2. Ilizwe lethu lifumene izithembiso zotyalo-mali ezitsha ezingama-80 ezixabisa i-R332 yeebhiliyoni. Ezi zethembiso zintsha  zotyalo-mali  zisibeka kwixabiso lemali engange R1.14 yetriliyoni yezethembiso xa zizonke. Ezi zethembiso ke azimelanga nje kuphela umyinge wama-95 epesenti yotyalo-mali ebesijolise kulo kodwa zikwasibeka ngokuzinzileyo  endleleni yokuluqongqotha ngaphaya utyalo-mali lwethu lwe-R1.2 yetriliyoni ebesijolise  ukuluphumeza kwiminyaka emihlanu.
1.3. Ezi zibophelelo zotyalo-mali ziqinisekisa ubume belizwe lethu ukuba liyindawo yokutyala imali ngokukhululekileyo.
1.4. Ukuza kuthi ga ngoku, iibhiliyoni zeerandi ezingama-316 zezibophelelo zityalwe kwiiprojekthi ezingama-46 esele zigqityiwe kunye nezinye ezingama-57 ezisaqhubayo. Kanajano ikhabhinethi iyayiqaphela impumelelo yezibhambathiso ezigqithileyo  njengoko bekuchaziwe kwiNkomfa, phakathi kwamanye oku kuquka amacandelo amandla emveliso amatsha ahlukeneyo njengeemoto, imveliso yokutya, amayeza kunye namaziko edijithali.
1.5. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuwo onke amacandelo oluntu ukuba axhase olu ngenelelo lubaluleke kangaka njengoko sisebenza kunye ukunciphisa izinga lentswela-ngqesho, ngokweziphumo  zoPhando lwaBasebenzi olwenziwa rhoqo ngeKota olukhutshwe kutsha nje liZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika, izinga lentswela-ngqesho sele lonyuke laya kutsho kuma-35.3 eepesenti.

2. Ukushenxiswa koBume beNtlekele kuZwelonke
2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukushenxiswa koBume beNtlekele kuZwelonke okubhengezwe nguMongameli u-Cyril Ramaphosa ngoMvulo, umhla we-4 kuTshazimpuzi 2022. Esi sigaba sempumelelo sibaluleke kangaka  sifikelele kuso ngenxa  yokunyameka kwabantu baseMzantsi Afrika abathe  bathobela zonke iindlela zokuziphatha ukuze bakhuseleke kwintsholongwane ye-COVID-19, ndlela ezo ebeziyilwe ngurhulumente ngeenzame zokusindisa ubomi kunye neendlela zokuphila.
2.2. Lo bhubhani uza kulawulwa ngokuthi kulandelwe uMthetho wezeMpilo weSizwe, ka-2003 (uMthetho wama-61 wama-2003). UYilo lwemithetho yezempilo eliza kwazisa ngalo Mthetho wezeMpilo weSizwe wama-2003 livuliwe ukuze uluntu lukwazi ukuhlomla kude kube ngumhla we-16 kuTshazimpuzi 2022.
2.3. IKhabhinethi ikhumbuze bonke abantu elizweni ukuba baqhubeke nokuthatha amanyathelo ayimfuneko okuthintela usulelo lwe-COVID-19 ukuze sizozikhusela thina kunye nabanye kolu sulelo. Oku kubandakanya ukuhlamba izandla zethu rhoqo ngamanzi kunye nesepha okanye ukusebenzisa isicoci sandla esine-alkhoholi engama-70%, ukunxiba isigqubutheli esogquma impumlo kunye nomlomo xa usendaweni engaphakathi, ukugcina umgama obuncinane bawo buyi mitha phakathi komnye nomnye, ukuvula iifestile ukuze kungene umoya kwakunye nokugonya.
2.4. Ugonyo lwe-COVID-19 luyasebenza ekuthinteleni ukugula ngamandla, ukulaliswa esibhedlele kwakunye nokufa. Zikhusele wena kunye nabo ubathandayo ngokundwendwela indawo yogonyo ekufutshane nawe ukuze ufumane ugonyo simahla, ungadange wabe wenza idinga kuqala.  

3. Ukufudukela kusasazo lwedijithali
3.1. Ukurhoxiswa koMhla wokuCima kwe-Analogu ukusuka ngomhla wama-31 kweyoKwindla ukuya kowama-30 kweyeSilimela 2022 kunika urhulumente ixesha elaneleyo lokuba agqibezele ukufakela iibhokisi zokusetha (ii-STB) kumakhaya abhalise kwangethuba kwaye anelungelo lokuzifumana phambi kokucinywa kwe-analogu.
3.2. ISebe lezoNxibelelwano nobuChwepheshe beDijithali liza kuqinisekisa ukuba onke amakhaya angama-507 251 abesele ebhalisile ngomhla wama-31 kweyeDwarha 2021 ayaqhagamshelwa ungadlulanga umhla wama-30 kweyeSilimela 2022. Ze kuthi amakhaya angama-260 868 abhalise phakathi komhla wama-31 kweyeDwarha 2021 nowe-10 kweyoKwindla 2022 aza kuqhagamshelwa kwii-STB zawo kowama-30 kweyoMsintsi 2022.
3.3. IKhabhinethi iqinisekile ukuba ukuqukunjelwa kwale nkqubo kuza kuxhasa inkqubo yokufudukela kwidijithali kunye nokukhutshwa komthamo we-intanethi ohamba ngesantya esiphezulu.

4. Ukulwa ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo
4.1. IKhabhinethi ithi huntshu! kuMkomishinala omtsha wamaPolisa Welizwe, uNjengele Sehlahle Fannie Masemola, oku kuza emva kokuqeshwa kwakhe kwakutsha nje nguMongameli Ramaphosa. UNjengele Masemola unembali ebalaseleyo yempumelelo kumsebenzi wamapolisa kuMzantsi Afrika uphela.
4.2. IKhabhinethi iyamkele imiyalelo yogcino enikwe iYunithi yokuThinjwa kweMpahla yeGunyabantu lezoTshutshiso leSizwe (i-NPA) yiNkundla ePhakamileyo yase-Gauteng ngokuchasene nabo babandakanyekayo ‘ekuxhaseni ngemali’ ukuze kuthengwe uMgodi wamalahle i-Optimum Coal Mine ngebhiliyoni ezi-R2.1 ngonyaka wama-2016 uthengwa yinkampani yosapho lakwa-Gupta i-Tegeta Exploration and Resources.
4.3. Ezi zigwebo, zibonisa ulungelelwaniso lwendlela esebenza ngayo i-NPA kunye neCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluPhambili leNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika, ezi zigwebo zikwathumela umyalezo oqinileyo wokukhula kwamandla karhulumente okujongana nezenzo zokuBanjwa koMbuso Ngobhongwane  kunye nokuqinisekisa ukuphendula kwabo babandakanyekayo - kunye nokuhlutha, kwano kubuyisela imali ebiweyo.
4.4. Ngelokubamba nokuphendulisa abo babandakanyeka kurhwaphilizo, iKhabhinethi isamkele ngezandla ezishushu isigwebo seNkundla yamaTyala aKhethekileyo ezoRhwebo e-Palm Ridge e-Gauteng achasene nalowo owayesakuba ngumlawuli wezimali kwa-Eskom ngokurhwaphiliza le nkampani yombane izigidi ezingama-R35 ngokuthumela ii-invoyisi zomgunyathi zokuthuthwa kwamalahle, kananjalo iKhabhinethi iwamkele namanyathelo eenzame zokubuyisela iimali ezibiweyo.
4.5. Kwakhona iKhabhinethi ikwamkele ukunikezelwa kwenxalenye yesine yeNgxelo yokuBanjwa koMbuso Ngobhongwane ephandwa yiKhomishini yezoBulungisa. Oku kulinqanaba elibaluleke kakhulu kumlo wokulwa norhwaphilizo esizweni. Xa ethumela ingxelo epheleleyo ngomhla wama-30 kweyeSilimela 2022, uMongameli Ramaphosa uza kuthi thaca ePalamente iindlela zokungenelela ekuphumezeni izindululo zale komishoni.

5. Ingqungquthela yaMazwe Amathathu i-Troika yeCandelo loPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (i-SADC).
5.1. Ikhabhinethi izamkele iziphumo zeNgqungquthela yaMazwe Amathathu i-Troika ye-SADC ebibanjelwe ePitoli ngoMvulo, umhla wesi-4 nangoLwesibini, umhla wesi-5 kuTshazimpuzi 2022. UMzantsi Afrika usingathe le ngqungquthela njengoSihlalo weZiko le-SADC lezoPolitiko, uKhuselo kunye neNtsebenziswano yoKhuselo. Ixesha lokuxhuzula imikhala yokuba ngusihlalo loMzantsi Afrika liqale ngenyanga yeThupha 2021 ukuya kweyeThupha 2022.
5.2. Phakathi kwezinye iingxelo eziye zathiwa thaca phambi kwale ngqungquthela yingxelo yenkqubela phambili yoMsebenzi we-SADC e-Mozambique (i-SAMIM). I-SAMIM yamiselwa ukuze ixhase i-Mozambique ekulweni nobunqolobi kunye nezenzo zobundlobongela obugqithisileyo.

6. Uqoqosho
6.1. Ikhabhinethi ikwamkele ukuphuculwa kwendlela yokujongwa koMzantsi Afrika yi-arhente ehlela amatyala i-Moody ngokwale arhente uMzantsi Afrika uthe chu ngcembe  ujolise kuzinzo oluhle nto leyo eyenze le arhente yathatha isigqibo sokuqinisekisa umlinganiselo wamatyala exesha elide emali yangaphandle neyasekhaya  eMzantsi Afrika wabakwizinga eliku-‘Ba2’.
6.2. Olu hlaziyo lunika isiqinisekiso somsebenzi karhulumente wokubuyisela uzinzo kwiimali zelizwe, nto leyo exhaswa nangakumbi kukuqokelelwa kwengeniso ebhetele kunaleyo ibilindelwe.
6.3. Iziphumo zengeniso kwisithuba esisuka kwinyanga kaTshazimpuzi ngowama-2021 ukuya kweyoKwindla ngowama-2022, zibonise ukuba iNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika iqokelele ngaphezulu kwe-R1.5 yetriliyoni. Le ngeniso ibonisa ukuphucuka kweepesenti ezingama-25 kunonyaka ophelileyo kunye nokwanda kwe-15 leepesenti kulo nyaka uphelileyo phambi kobhubhani we-COVID-19.
6.4. Urhulumente usebenzisa ingeniso eyongezelelweyo ukukhawulezisa ukuzinzisa amatyala kunye nokujongana neemfuno ezingxamisekileyo zoluntu, ukukhuthaza ukudalwa kwemisebenzi ngePhulo likaMongameli lokuQeshwa koLutsha, kunye nokuxhasa icandelo lezempilo likarhulumente.

7. INyanga yeNkululeko
7.1. Kulo nyaka uMzantsi Afrika ubhiyozela iNyanga yeNkululeko kwinyanga kaTshazimpuzi sinethemba  lengomso elingcono, emva kokuba besinyamezele iminyaka emibini enzima phantsi kobhubhani  we-COVID-19 obugqugqisa ihlabathi. USuku lweNkululeko lwaminyaka le luza kukhunjulwa ngoLwesithathu, umhla wama-27 kuTshazimpuzi 2022.
7.2. INyanga yeNkululeko ikhumbula kwaye yothulela umnqwazi bonke abo bathi bazincama ukuze kube kanti namhlanje sonwabela iziqhamo zokuba namalungelo oluntu kunye nenkululeko equlethwe nguMgaqo-siseko wethu woMzantsi Afrika odume lihlabathi lonke wowe-1996.
7.3. Ikhabhinethi imemelele bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane njengoko sisaqhubeleka nomzabalazo wethu wokoyisa ifuthe le-COVID-19. Sonke kufuneka sidlale indima ekubuyiseleni uqoqosho lwethu, sisebenzisa isiCwangciso soKwakha ngokutsha nokuVuselela uQoqosho, kananjalo sikhulise amashishini amaninzi ukuze akwazi ukudala imisebenzi emininzi.

8. INyanga eNgcwele ye-Ramadan
8.1. IKhabhinethi inqwenelele uluntu lwenkolo yamaSilamsi oMzantsi Afrika iNyanga eNgcwele nesikelelekileyo ye-Ramadan. I-Ramadan iphawulwa minyaka le kwihlabathi liphela ngomthandazo, ukuzila ukutya kunye nezenzo zesisa. Uluntu lwamaSilamsi luyinxalenye ebalulekileyo yokuba midibi mininzi kwethu esizweni kwakunye nobume bethu besizwe.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

1. UYilo lweSicwangciso esinguNdoqo seSizwe soPhuhliso lwamaShishini amaNcinane  (i-NISED)
1.1. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa koyilo lwecebo elikhulu i-NISED ukuze uluntu luhlomle. Isicwangciso-qhinga sokuqala esiDityanisiweyo soShishino namaShishini amaNcinane samkelwa ngowama-2005. Oku kunika ukusebenza kwePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo weSizwe soPhuhliso nokuPhakanyiswa kwamaShishini amaNcinci eMzantsi Afrika langowe-1995.
1.2. Yakube yamkelwe i-NISED iza kuthatha indawo yeSicwangciso esiHlangeneyo esikhoyo ngoku soShishino namaShishini amaNcinane. Iza kubonelela ngesakhelo solungelelaniso kubo bonke abathathi-nxaxheba abangundoqo kwinkqubo yophuhliso lwamashishini amancinane. Ivula indlela yonxibelelaniso eza kukhokela zonke iinkqubo ezixhasa amashishini amancinane.
1.3. Esi sicwangciso-qhinga sijonge ukwandisa uthatho-nxaxheba lwamashishini amancinane kuqoqosho olusesikweni, luphelise imiqobo nokukhuthaza ukwenza lula ushishino, ncakasana koosomashishini abancinane.
1.4. I-NISED sisiphumo esiphuhle emva kothethathethwano olubanzi namasebe achaphazelekayo kurhulumente kazwelonke, wephondo nowengingqi, amashishini, abasebenzi, izifundiswa kunye namaziko ngamaziko afanelekileyo.


2. Ukudityaniswa kwe-Arhente yoNcedo lwezeMali lwamaShishini amaNcinane (i-SEFA) kunye ne-Arhente yoPhuhliso lweeBhanki eziManyeneyo (i-CBDA) kwi-Arhente yoPhuhliso lwamaShishini amaNcinane (i-SEDA)
2.1. IKhabhinethi ikwamkele ukwandiswa kwexesha lokudityaniswa kwamaqumrhu amabini, i-SEFA kunye ne-CBDA, zibeyi-SEDA ngeenyanga ezingama-20. Olu dibaniso lwalumiselwe ukuba luqalise ukusebenza ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2022. Oku kwakusemva kokuba iKhabhinethi yakwamkela oku kudityaniswa kwala maqumrhu ngelokuqinisekisa ukuba urhulumente ubonelela ngequmrhu elinye eliza kwenza umsebenzi walo wokuxhasa amashishini amancinane ukuya kwaphakathi.
2.2. Oku kwamkelwa kokwandiswa kwexesha  luza kunika ixesha eloneleyo kwiSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci ukuze ligqibezele uphononongo lomthetho nto leyo ezakukwenza kubonelelwe ngobume obusemthethweni nomgaqo-nkqubo olungele ukusekwa kwequmrhu elinye – i-SEDA. Kwakuba kukhona iqumrhu elinye elinezibonelelo ezifanelekileyo lizakukwazi ukubonelela ngenkxaso elungelelanisiweyo ingakumbi kumashishini amancinane ukuya kwaphakathi. Kananjalo iKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa kwaBalawuli beeBhodi bethutyana be-SEFA kunye ne-SEDA.

3. Imigaqo enxulumene noKhuselo, ukuKhuthazwa, uPhuhliso kunye noLawulo loLwazi lweMveli (imigaqo ye-IK)
3.1. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kwemigaqo ye-IK ukuze uluntu luhlomle. Imimiselo ye-IK iza kuvumela ukuqalisa kokusebenza koMthetho we-IK wowama-2019 (uMthetho wesi-6 wama-2019).
3.2. Lo Mthetho ubonelela ngokhuseleko, ukukhuthazwa, uphuhliso nolawulo lolwazi lwemveli. Ibonelela ngokusekwa kweenkqubo ze-IK zesizwe; ulawulo lwamalungelo e-IK oluntu. Ukwabonelela ngokusekwa kwegqiza leengcebiso; ukuqatshelwa kwezifundo zangaphambili; ukuququzelela kunye nolungelelwaniso lwe-IK.
3.3. Le mimiselo icetywayo, phakathi kwezinye izinto, ijongene nokusekwa kwePhaneli yeeNgcebiso; iinkqubo zokuvunywa; ukubhaliswa kobuchule babasebenzi be-IK; indlela yokufikelela okanye yokusebenzisa i-IK kunye nokugcinwa ngokukhuselekileyo kweerejista ze-IK. Kwakhona le migaqo ikwabonelela ngeendlela zokusombulula iingxabano.
3.4. Le migaqo iza kufakwa kwiphephandaba lakwarhulumente kwaye inokufumaneka nakwiwebhusayithi yeSebe lezeNzululwazi neZinto Ezintsha:www.dsi.gov.za. Iza kufumaneka ngazo zonke iilwimi ezisemthethweni.

4. Inkqubo-sikhokelo yeNtsebenziswano yoPhuhliso oluZinzileyo yeZizwe eziManyeneyo (i-UNSDCF) yowama-2020-2025
4.1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphunyezwa kwe-UNSDCF yowama-2020-2025 yoMzantsi Afrika. Le nkqubo-sikhokelo ibonelela ngentsebenziswano yokuphendula phakathi kukarhulumente, uluntu ngokubanzi kunye ne-ofisi yelizwe ye-UN eMzantsi Afrika.
4.2. I-UNSDCF icacisa ngeentsika ezine eziphambili kwisicwangciso-qhinga ukujongana (1) nokubandakanyeka komntu wonke, ubulungisa kunye nokukhula okuzinzileyo; (2) amandla oluntu kunye nenguqu kwezentlalo; (3) ulawulo olusebenzayo, noluguqulayo; kwano (4) kumelana nemozulu kunye nemithombo yendalo elawulwa ngokuzinzileyo.
4.3. Ezi ntsika zesicwangciso-qhinga zithungelana nesiCwangciso soPhuhliso lweLizwe: Umbono wama-2030 kunye neNkqubo-sikhokelo yesicwangciso-qhinga yesiGaba esiPhakathi, kunye neeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo ze-UN eziqhutywa yi-ofisi yelizwe le-UN eMzantsi Afrika. Ukuphunyezwa kwezi zicwangciso-qhinga kuza kwenziwa ngesicwangciso esihlanganyelweyo sokuhlanganisa izixhobo zokusebenza.

5. Ungenelelo lwesizwe kuMasipala oMbaxa wase-Mangaung kunye noMasipala weNgingqi wase-Enoch Mgijima
5.1. IKhabhinethi iluvumile ungenelelo olungqinelana neCandelo le-139(7) loMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996, elifundwe kunye neCandelo le-150 loMthetho woLawulo lweMali kaMasipala, wama-2003 (uMthetho wama-56 wama-2003) kuMasipala oMbaxa wase-Mangaung kunye noMasipala weNgingqi wase-Enoch Mgijima. Kubo bobabini aba masipala sele kulixesha elide besilela kakhulu kwezemali kunye nokuhanjiswa kweenkonzo.
5.2. ISigqeba sePhondo saseFreyistata sibeke uMasipala oMbaxa wase-Mangaung phantsi kongenelelo olusisinyanzelo ngokwemigaqo yeCandelo le-139(5) (a) no-(c) loMgaqo-siseko kweyoMnga yowama-2019. Isicwangciso esisisinyanzelo sokubuyisela imali sathi sanyanzeliswa kulo masipala ngowama-2020. Emva kokusilela kwisithuba esingaphezulu kweminyaka emibini ukuphumeza isicwangciso sokubuyisela imali ngexesha longenelelo lwephondo, ngoku  lo Masipala oMbaxa ubekwe phantsi kongenelelo lwesizwe ngokwemigaqo yeCandelo le-139(7) loMgaqo-siseko.
5.3. UMasipala weNgingqi wase-Enoch Mgijima naye wathi wabekwa phantsi kongenelelo olusisinyanzelo sisiGqeba soLawulo lwePhondo leMpuma Koloni ngokweCandelo le-139(5) (a) loMgaqo-siseko ngowama-2018. Nangona kunjalo, emva kokuba lo masipala esilele ukwenza inkqubela ekuphuculeni indlela asebenzisa ngayo imali nonikezelo lweenkonzo, iKhabhinethi igqibe ekubeni iwubeke phantsi kongenelelo lwesizwe.
5.4. Ukusetyenziswa kongenelelo lwesizwe ngokwemigaqo yeCandelo 139(7) loMgaqo-siseko kuthetha ukuba kubo bobabini aba masipala, urhulumente kazwelonke ngoku uza kuthatha inyathelo endaweni yesiGqeba sePhondo. Olu hlobo longenelelo lusisinyanzelo kwaye lulandela inkqubo efanayo neCandelo le-139(5) loMgaqo-siseko, qha umohluko ngoku kukuba urhulumente kazwelonke uza kuthwala uxanduva ngokuthe ngqo ngolu ngenelelo.
5.5. Ukuphumeza kokuthathwa kolu xanduva, aBameli beKhabhinethi yeSizwe (i-NCR) kungekudala baza kutyalwa kubo bobabini aba masipala. UMphathiswa wezeziMali uza kunikezela ngamagunya kwi-NCR xa esenza oku uzakube exhaswa liqela leengcaphephe ezisebenza ngeendlela ezininzi. Okwangoku akukabikho sigqibo sithathiweyo sokuchitha ibhunga likamasipala ngokwemigaqo yeCandelo 139(5)(b) loMgaqo-siseko.
5.6. Ungenelelo lwesizwe luya kuqala ukusebenza ngokusesikweni emva kopapasho kwiPhephandaba lakwaRhulumente, nangona kunjalo, ungenelelo lwangoku lweCandelo 139(5) liza kuhlala lisebenza kude kube ngulo mhla. Ungenelelo lweCandelo le-139(1) kuMasipala weNgingqi wase-Enoch Mgijima nalo liza kutshintshwa liCandelo le-139 (5) (a) kunye no-(c) longenelelo, eliya kuthi kananjalo lithwale ukusilela kukamasipala ekufezekiseni izibophelelo zakhe zolawulo. UMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uMnu Mondli Gungubele – ekunye noMphathiswa wezeMali, uMnu Enoch Godongwana noMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumente neMicimbi yezeMveli, uGq Nkosazana Dlamini Zuma – bazakube bebambe indibano noonondaba kwiveki ezayo yokuchaza nokucacisa ngolu ngenelelo lwesizwe.

C. Umsitho Ozayo
1. IMbizo yeNkqubo yoPhuhliso lweZithili (i-DDM) kaMongameli

1.1. UMongameli Ramaphosa uzakube ebambe iMbizo kaMongameli ye-DDM e-Petrus Molemela Sports Complex e-Mangaung, eFreystata ngoLwesihlanu, umhla wesi-8 nangoMgqibelo, umhla wesi-9 kuTshazimpunzi 2022.
1.2. Le Imbizo, ibizwe phantsi komxholo othi: “Ungashiyi mntu ngasemva”, iza kuvavanya inqanaba lonikezelo lweenkonzo kwiphondo, ilandelele inkqubela kwi-DDM, kwaye yongamele ungenelelo nezicwangciso ezingundoqo.
1.3. Imbizo kaMongameli ye-DDM liqonga elibalulekileyo lentatho-nxaxheba yoluntu njengoko inika abemi ilizwi ikwanika noMongameli ithuba lokumamela abantu nokusabela kwiinkxalabo zabo. Abemi boMzantsi Afrika bangalandela kwaye bathathe inxaxheba kwiingxoxo kumakhasi onxibelelwano phantsi kwesihloko esithi #PresidentialImbizo.

D. Ukuvuyisana neminqweno emihle
IKhabhinethi igqithise amazwi ombulelo kunye neminqweno emihle ku:

  • Umnu Nkosinathi Maphumulo, owaziwa kakhulu ngelika-DJ Black Coffee, osanda kuphumelela i-Grammy yakhe yokuqala kudidi lwe “Best Dance/Electronic Album” kwicwecwe lakhe i-Subconsciously, kumsitho wama-64 we-Grammy Awards obubanjelwe e-Las Vegas, eMelika.

E. Ukuqeshwa

Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha emfundo kunye nokunye ukuqinisekiswa okufanelekileyo.

  1. Mnu Mpumelelo Tyikwe njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba kunye noMlawuli wesiGqeba soMbutho we-Inshurensi yoMngcipheko oKhethekileyo waseMzantsi Afrika.


Imibuzo:
Nks Phumla Williams – iSithethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore