Xitatimente hi mayelana na Nhlengeletano ya Khabinete ya Ravunharhu, 5 Mawuwani 2023

A. IMiba enguNdaba-mlonyeni 
1. Ezamandla 

1.1. IKhabhinethi iyamkele inkqubela yoMba wokuFumaneka koMbane kwa-Eskom, ngoku isondele kuma-70%. Malunga neemegawathi ezingama-400 (i-MW) zongezwe kuthungelwano lombane kwaye ugcino olucwangcisiweyo luye lwaphucuka ngethutyana elifutshane. 
1.2. Kwakhona iKhabhinethi yaqaphela ukuba isigqibo seGosa leSizwe elijonge ukuCoceka koMoya leSebe lezaMahlathi, ezokuLoba kunye nokusiNgqongileyo sokunika u-Eskom elinye ithuba lokuhlangabezana neMithetho yokuKhutshelwa kweGesi eMoyeni kwiSikhululo soMbane iKusile eMpumalanga, ngokulawulwa yimiqathango engqongqo ethile. 
1.3. Oku kuhlehliswa kuza kuvumela u-Eskom ukuba aqhube nokulungisa isakhelo esonakele ngomhla wama-23 kweyeDwarha 2022. Iziko lombane liza kwakha kwakhona izakhelo zexeshana ezintathu ekulindeleke ukuba zibuyisele i-2 100 MW yombane kuthungelwano lombane lwesizwe kunye nokunciphisa ukucinywa kombane ngamanqanaba amabini.
1.4. IKhabhinethi iphinde yagxininisa ukuba urhulumente uzibophelele kwiNguqu yezaMandla (i-JET) kwaye uzimisele ukuthomalalisa ifuthe lokutshintsha kwemozulu. I-JET, eyasekwa ngonyaka wama-2020, ijolise ekuphumezeni ukukhutshwa kwekhabhoni "ye-Net Zero" ngonyaka wama-2050.
1.5. IKhabhinethi ibulela abemi boMzantsi Afrika abaqhubekayo nokusebenzisa umbane ngononophelo, ngakumbi ngamaxesha aphezulu. Iinzame zethu zamandla ezidityanisiweyo ziye zanceda ukuzisa amanqanaba asezantsi okucinywa kombane. 
1.6. IKhabhinethi kwakhona yamkela ukuzibophelela okwenziwe kwiNgqungquthela yesiVumelwano esiTsha seMali yeHlabathi eyayibanjelwe e-Paris, eFransi ukususela kumhla wama-22 ukuya kowama-23 kweyeSilimela 2023. UMongameli u-Cyril Ramaphosa wayizimasa lo ngqungquthela, eyayijolise ekwakheni ikontraki entsha phakathi koMntla kunye noMzantsi ukunceda ukushukuxa imiba yokutshintsha kwemozulu, uphuhliso kunye netyala.

2. Iimeko ezimandla zemozulu
2.1. IKhabhinethi ivakalise umbulelo kumaqela oLawulo lweNtlekele kwiPhondo ngokukhawulezisa ekuncedeni uluntu oluchatshazelwe zizikhukula kutsha nje KwaZulu-Natala naseMntla Koloni. Sonke sibuhlungu ngokusweleka kwabantu KwaZulu-Natala, kwaye sivakalisa uvelwano kwiintsapho nezihlobo zabo bathe baphulukana nobomi babo.
2.2. Iziseko ezingundoqo zeendlela, unikezelo lombane, iinkqubo zogutyulo lwelindle kunye nezindlu kwiindawo ezichaphazelekayo KwaZulu-Natala zonakaliswe kakhulu ngelixa iindlela kwezinye iindawo zoMntla Koloni ziye zonakala.
2.3. Urhulumente kunye nemibutho yoncedo iyaqhubeka nokubonelela ngoncedo olukhawulezileyo kuluntu oluchaphazelekileyo KwaZulu-Natala, kuquka iipasile zokutya, iingubo zokulala, iingubo zeplasitiki kunye neebhokisi zikaxakeka.
2.4. U-Eskom kunye namasebe ombane kamasipala nawo avuliwe ukuze kubuyiselwe umbane kwiindawo ezichaphazelekayo.

3. Utyelelo lokuSebenza ebeliQhutywe ngokuBambisana yi-Netherlands ne-Denmark 
3.1. IKhabhinethi ilwamkele uTyelelo lokuSebenza ngokuManyeneyo olube yimpumelelo phakathi kweNkulumbuso yase-Netherlands, uMnu Mark Rutte kunye neNkulumbuso yase-Denmark, uNks Mette Frederiksen oluqinise ubudlelwane boMzantsi Afrika nala mazwe mabini kwimiba yehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo, amandla ahlaziyekayo kunye ne-JET.
3.2. Utyelelo kwakhona lwazisa iqela labatyali-mali eMzantsi Afrika ukuqinisa amanqanaba aphezulu entsebenziswano kunye nobudlelwane obuhle phakathi kwelizwe kunye namaqabane amabini abalulekileyo aseYurophu.
3.3. Ngexesha leengxoxo ezisemthethweni ezidibeneyo, isiVumelwano sokuSebenzisana kuMmandla weHaydrojini Engenabungozi kokusiNgqongileyo satyikitywa phakathi koMzantsi Afrika ne-Netherlands, ngelixa isivumelwano phakathi koMzantsi Afrika ne-Denmark malunga neNtsebenziswano yoPhuhliso enxulumene neNkqubo yeNtsebenziswano yezaMandla yonyaka wama-2017 salungiswa.

4. Imbizo kaMongameli yeNkqubo yoPhuhliso lweZithili yaKwaZulu-Natala (i-DDM) 
4.1. UMongameli Ramaphosa, edibene neenkokheli eziphuma kuwo omathathu amanqanaba oburhulumente (kuzwelonke, kwiphondo nakwingingqi), bathabathe iMbizo kaMongameli yesiXhenxe ye-DDM yoLawulo lweSithandathu ngoLwesihlanu, umhla wama-30 kweyeSilimela 2023 kuMasipala weSithili uThukela KwaZulu-Natala. Iinkokheli zikarhulumente zisebenzise eli thuba ukunxibelelana nabahlali ngemingeni yonikezelo lweenkonzo kunye nezicwangciso zophuhliso lwesithili. 
4.2. IKhabhinethi icele abahlali ukuba badlale indima ebonakalayo ekumiseleni ikamva loluntu lwabo ngokuthatha inxaxheba kwinkqubo ye-DDM yeeMbizo zikaMongameli.  
4.3. Bonke abemi bayabongozwa ukuba badlale indima kuphuhliso loluntu lwabo ngokuba ngabemi abakhutheleyo. Ngokusebenzisana, sinokubona imiba exhalabisayo kwaye sivule imiqobo ekunikezelweni kweenkonzo okuhlangeneyo. 

5. Uqoqosho 
5.1. IKhabhinethi icinge ngeeNkcukacha-manani zeKota zamva nje ezikhutshwe liZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA) ezibonise ukuhla kwengqesho kumacandelo ahlukeneyo kunye neenzuzo kwamanye. Nangona  ukukhula kuhleli kuthotyiwe, uqoqosho lwethu oluzinzileyo luyaqhubeka nokudala imisebenzi, nangona lungekho ngesantya esisifunayo.
5.2. Ungenelelo olufana nenkqubo kaMongameli yoVuselelo lweNgqesho luyanceda ukuguqula imeko. IKhabhinethi ikhuthazekile ukuba kwinyanga yoKwindla 2023, bangaphezu kwesigidi esi-1.2 abantu abathe baxhamla ngokuthe ngqo kule nkqubo ukususela oko yathi yasekwa ngonyaka wama-2020. Ukuza kuthi ga ngoku, malunga nama-800 000 emisebenzi yexeshana elifutshane, ingakumbi elungiselelwe ulutsha, edalwe kwimimandla ebalulekileyo, kwezemfundo, uphuhliso lwabantwana abaselula nokhuseleko loluntu. 
5.3. Le nkqubo iqinisekise ukuba abemi boMzantsi Afrika abaninzi abasesichengeni bathatha inxaxheba kumsebenzi onentsingiselo kwaye bafumana umvuzo ozinzileyo. Iye yanceda ekuthomalaliseni ubunzima bezoqoqosho kumawakawaka eentsapho.

6. IHaydrojini Engenabungozi kokusiNgqongileyo 
6.1. IKhabhinethi iphinde yasamkela isibhengezo esihlangeneyo senjongo yokuseka uMbutho waBasebenzi beHaydrojini eMzantsi Afrika naseJamani, esatyikitywa nguMphathiswa okwi-Ofisi kaMongameli ojongene noMbane, uGq Kgosientsho Ramokgopa kunye noSekela-Tshansela waseJamani u-Robert Habeck. Umbutho wabasebenzi uza kujonga indlela imakhethi yehaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo eya kwenziwa ngayo kwaye iphuhliswe, kunye nokudala amathuba oshishino ukuya kumashishini phakathi kwamazwe amabini. Ihaydrojini engenabungozi kokusingqongileyo iveliswa ngamandla ahlaziyekayo kwaye inokukhutshwa kwekhabhoni esezantsi kakhulu kunehaydrojini yemveli. 
6.2. Urhulumente sele equlunqe izicwangciso zenkqubo ye-Hydrogen Valley, ekulindeleke ukuba iqale eLimpopo, inqumle eRhawutini, iye kutsho eThekwini. Le nkqubo iza kuseka amathuba eeprojekthi eziya kuqalisa amaphulo ehaydrojini kwiindawo zokuhlala ngenjongo yokukhulisa uqoqosho nokudalwa kwemisebenzi.

7. INgqungquthela yeeNtloko zeMibuso noRhulumente woMbutho woRhwebo e-Afrika eseMazantsi (i-SACU)
7.1. IKhabhinethi iluqaphele uTyelelo loMsebenzi lukaMongameli u-Ramaphosa oluya kwiNgqungquthela yeSibhozo yeeNtloko zeMibuso nooRhulumente ye-SACU ebibanjelwe eBukhosini baseSwatini ngoLwesine, umhla wama-29 kweyeSilimela 2023. I-SACU eyasekwa ngo-1910,  yeyona Manyano yezoRhwebo endala ehlabathini.
7.2. Le ngqungquthela yaxoxa yaza yanikezela ngohlaziyo ngobume bokuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga se-SACU sonyaka wama-2022 ukuya kowama-2027. IsiCwangciso-qhinga se-SACU samkelwa ngenyanga yeSilimela ngonyaka wama-2022 njengomgaqo wokwenza nzulu ukudityaniswa kommandla kuManyano yezoRhwebo kunye nokwakha ubudlelwane obuluqilima phakathi kwamazwe amahlanu angamalungu kwakunye nokusebenzisa amathuba aveliswe ngukuRhwebelana koMmandla we-Afrika okungaHlawulisi iRhafu.

8. Ukwembiwa kwemigodi 
8.1. IKhabhinethi inenkxalabo ngomkhwa wokwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni kwaye urhulumente uthatha amanyathelo okuwuphelisa esebenzisa i-National Coordination and Strategic Management Team (i-NCSMT). I-NCSMT ijonge ukulungelelanisa iinzame zikarhulumente zokulwa nokwembiwa kwemigodi ngokungekho mthethweni kunye nokurhweba ngezimbiwa zexabiso. 
8.2. Ukwembiwa kwesinyithi kunye nokurhweba ngokungekho mthethweni kuyalonakalisa uqoqosho lwethu, kwaye kunempembelelo embi kukhuseleko nempilo yoluntu. 

9. Uqhankqalazo loluntu 
9.1. IKhabhinethi iphinde yathi ubundlobongela ayisosisombululo kwiingxaki zoluntu kwaye icela uluntu ukuba lusebenzise imijelo esele ikhona ukusombulula iingxaki zalo. IGqiza laBaphathiswa eliSebenzayo lithe latyalwa e-Diepsloot; e- Gauteng ukuze lisebenze neenkokheli zabahlali ukulungisa imiba ebaxhalabisayo.
9.2. IKhabhinethi icele abahlali base-Diepsloot kunye nezinye iindawo ukuba basebenzisane norhulumente, ooceba basekuhlaleni kunye namapolisa ukusombulula imiba efana nolwaphulo-mthetho. 

B. Izigqibo zeKhabhinethi 

1. UYilo lwesiCwangciso soTyalo-mali seLizwe (i-CIS) 
1.1. IKhabhinethi iluvumile uyilo loMzantsi Afrika lwe-CIS ukuba luphunyezwe.  
1.2. I-CIS, eyapapashwa ngonyaka wama-2022 ukuze uluntu luhlomle ngalo, ifuna ukubeka eli lizwe njengendawo ephambili ekhethwayo yotyalo-mali e-Afrika ngokunyusa umgangatho wotyalo-mali oluthe ngqo lwangaphandle nolwasekhaya. 
1.3. Esi sicwangciso sisekelwe kutyalo-mali oluphambili lwelizwe kunye neenjongo zophuhliso loqoqosho ezifana nokwanda kwengqesho, ukunciphisa intlupheko, kunye nokuxhasa utshintsho olunobulungisa kuqoqosho lwekhabhoni ephantsi kunye nokhuseleko lwamandla.
1.4. Sibonelela ngeendlela zotyalo-mali ukutsala amashishini amancinci, aphakathi kunye nasakhasayo kwiphulo lohlumo loqoqosho, ngakumbi ukutshintshela kuqoqosho olungenabungozi kokusingqongileyo. Esi sicwangciso sikwachaphazela inani lezivumelwano zamazwe ngamazwe, zommandla kunye namazwe amabini atyikitywe nguMzantsi Afrika.
1.5. Esi sicwangciso silungelelaniswe neenjongo zesiCwangciso soPhuhliso seSizwe malunga nenguqu kwezoqoqosho kunye nesiCwangciso seZiseko ezinguNdoqo seSizwe sonyaka wama-2050 esamkelwe kutshanje.
1.6. Amaphondo esizwe kunye noomasipala bawo abambaxa aza kuba sembindini ekuqhubeni esi sicwangciso, esiya kuthi rhoqo silungelelaniswe kwimeko yezoqoqosho eguqukayo. 

2. Ingxelo yelizwe yesithathu phantsi kwesiVumelwano seZizwe ngezizwe esichasene neNtuthumbo kunye nezinye iiNkohlakalo kunye neMpatho engenabuntu okanye iSohlwayo (i-CAT). 
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwengxelo yesithathu ye-CAT yoMzantsi Afrika kuNobhala-Jikelele weZizwe eziManyeneyo (i-UN). Ingxelo ichaza amanyathelo athathwa nguMzantsi Afrika ukuthintela ukungcungcuthekiswa kunye nokuphathwa kakubi kwabemi.
2.2. UMzantsi Afrika utyikitye isiVumelwano ngonyaka wama-2000 waza ngonyaka wama-2008 wasiqinisekisa. Ngokuhambelana neNqaku le-17 loMthetho wokuZiphatha ongaNyanzelisiyo (i-Optional Protocol) kwi-CAT, enye yezibophelelo ezinyanzeliswe kumaQela kaRhulumente kukuseka iindlela zasekhaya zokuthintela intuthumbo eyaziwa ngokuba yiNkqubo yoThintelo yeSizwe.
2.3. Kule minyaka ingama-29 idlulileyo, urhulumente wentando yesininzi eMzantsi Afrika uye wayisusa imithetho namaziko amadala ocalu-calulo, wakha amaziko amatsha entando yesininzi, waza wasungula imithetho esekelwe kumalungelo omgaqo-siseko kunye nenkululeko.
2.4. Uluntu luyakwazi ukuxela izityholo zokungcungcuthekiswa kunye nempatho-mbi kwiCandelo loPhando lwaMapolisa eliZimeleyo ukuze ziphandwe. Kwakhona uMzantsi Afrika ukwaneKomishoni yamaLungelo oLuntu esebenza kakuhle, iziko lesizwe elimiselwe ukuxhasa intando yesininzi yomgaqo-siseko.

C. Izikhundla 
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

  1. UNks Ntomboxolo Mbengashe njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) yeBhanki yePosi yoMzantsi Afrika ixesha leminyaka emihlanu. 
  2. UMnu Sibusiso Bukhosini njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba ye-Isimangaliso Wetland Park Authority (uqeshiwe kwakhona).
  3. UNks Tamlyn Bouwer njengeGosa eliPhethe i-Ofisi yeMali yeBhunga leSizwe lokuBhalisa abaKhi bezindlu. 
  4. UMnu Morongwa Calvin Molongoana njengoSekela Mlawuli-Jikelele (u-DDG): kwicandelo le-Statistics Support and Informatics kwiZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika. 
  5. UNks Daphne Yandiswa Morudu njengo-DDG: INkqubo yeeNkcukacha-manani yeSizwe yaseMzantsi Afrika kwiZiko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika 
  6. UMnu Rory Gallocher njengeGosa eliPhezulu leMisebenzi kuBongameli. 
     

D IMithetho eYilwayo

1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo wonyaka wama-2023 weeNkampani  
1.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-siHlomelo oYilwayo weeNkampani wonyaka wama-2023 ukuze uqwalaselwe.   
1.2. Izindululo ezikulo Mthetho uYilwayo zijolise ekunciphiseni umthwalo wommiselo nowolawulo kubanini bamashishini kwaye ziza kukhulisa umtsalane woMzantsi Afrika kwabo banokuba ngabatyali-zimali. Uninzi lwezihlomelo bezinobugcisa ngokwendalo, kwaye bezijongene nohlenga-hlengiso kunye nokucacisa imiba yolawulo.
1.3. Enye yezinto ezingundoqo eziphambili kulo rhulumente wentando yesininzi kukudala imisebenzi kwaye oku akunakufezekiswa ukuba ukukhululeka kokwenza ushishino eMzantsi Afrika akushukuxwa. 
1.4. Ezi zihlomelo zikwanika ingcaciso ethe kratya kwinani lamagatya akulo Mthetho uYilwayo, zifuna ukunciphisa inkqubo yommiselo kumashishini; ziqinisa izikhewu ezichasene nokuthutyeleziswa kwemali; ukomeleza iimfuno zokubhengeza kunye nokwandisa amagunya abanini-zabelo kwinkampani. 
1.5. Umvuzo ogqithisileyo, ngakumbi kumanqanaba aphezulu enkampani, ngumcimbi oxhalabisa kakhulu kumazwe ngamazwe kunye nalapha eMzantsi Afrika. 
1.6. zihlomelo ezikulo Mthetho uYilwayo ziza kukhuthaza ukwenziwa kwezinto elubala kwaye zicacise uxanduva phakathi kwabalawuli nabaphathi abaphezulu kwelinye icala, nabanini-zabelo kwelinye, kunye nokulungisa iinkxalabo zoluntu malunga namazinga aphezulu okungalingani eluntwini. 

2. UMthetho oYilwayo wonyaka wama-2022 wokuBeka esweni, iNkxaso kunye namaNgenelelo kuRhulumente (i-IMSI) 
2.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koyilo loMthetho oYilwayo we-IMSI wonyaka wama-2022 ukuze uluntu luveze izimvo zalo. 
2.2. Lo Mthetho uYilwayo uza kusetyenziswa njengesisombululo kwimingeni emininzi efunyenwe xa urhulumente ebesebenzisa icandelo le-100 nele-139 loMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yoMzantsi Afrika yonyaka we-1996 xa kunyanzeleke ukuba enze njalo ngenxa yokusilela kwamanye amacandelo karhulumente. 
2.3. ICandelo le-100 lixhobisa urhulumente ukuba angenelele ukuba iphondo liyasilela ukuhlangabezana nezibophelelo zalo zolawulo nonikezelo lweenkonzo ngelixa iCandelo le-139 lixhobisa isigqeba sephondo esinolawulo oluphezulu ukuba singenelele ukuba umasipala akalufezi uxanduva ngokoMgaqo-siseko okanye ngokomthetho. 
2.4. UMthetho oYilwayo we-IMSI waziswa njengesixhobo sokulawula ukujongana nemingeni ekunyanzeliseni iCandelo le-139, ukubeka iliso novavanyo, kunye nefuthe longenelelo. 
2.5. Lo Mthetho uYilwayo uya kulawula ukuphunyezwa kweCandelo le-139 loMgaqo-siseko, kuquka neenkqubo ezifanelekileyo.Uza kubonelela ngenkxaso ekujoliswe kuyo koomasipala abafuna uncedo, kwaye ukwabonelela ngokubeka iliso koomasipala ukuze bafezekise izibophelelo zabo zolawulo ngokoMgaqo-siseko okanye ngokomthetho. 

E.  Imisitho Ezayo 
1. Ixesha leRhafu 

1.1. IKhabhinethi ikhumbuza wonke umntu ukuba ixesha lokufakwa kwerhafu lonyaka wama-2023 liza kuvulwa ngoLwesihlanu, umhla wesi-7 kweyeKhala 2023 liqhube kude kube ngumhla wama-23 kweyeDwarha 2023. Abahlawuli berhafu bayakhuthazwa ukuba bafake iingxelo zabo kwi-eFiling okanye kwi-MobiApp yeNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (u-SARS). 
1.2. Inkqubo yokufakwa kwerhafu ngoku ilula ngakumbi kwaye u-SARS uza kuqhubeka novavanyo oluzenzekelayo kulo nyaka. Phakathi komhla woku-1 kunye nowe-7 kweyeKhala 2023, abahlawuli berhafu baza kwaziswa nge-SMS okan nge-imeyile ukuba bakhethelwe ukufumana uvavanyo oluzenzekelayo. Ukuba uthe wayifumana i-SMS, inyathelo elilandelayo lakho liya kuba kukuhlola uvavanyo oluzenzekelayo kwi-MobiApp yakwa-SARS okanye kwi-eFiling. Ukuba novavanyo oluzenzekelayo, akukho mfuneko yokuba wenze nantoni na. 
1.3. Ukungeniswa kwangethuba nangokuchanekileyo kweengxelo zerhafu kuqinisekisa ukuba abahlawuli berhafu bahlala bethobela umthetho, kwaye kunceda urhulumente ukuba anikezele ngeenkonzo kubemi boMzantsi Afrika nokukhulisa uqoqosho. 

2. INdebe yeHlabathi yabaseTyhini ye-FIFA yowama-2023 
2.1. IBanyana Banyana, iiNtshatsheli ze-Afrika ezilawulayo, kunye neqhayiya lesizwe, iza kuthwala amathemba namaphupha oMzantsi Afrika xa ithatha inxaxheba kwiNdebe yeHlabathi yabaseTyhini ye-FIFA yowama-2023 e-New Zealand nase-Australia ukusuka ngomhla wama-20 kweyeKhala ukuya kowama-20 kweyeThupha 2023. 
2.2. IKhabhinethi ibanqwenelela okuhle kodwa njengoko bekwiphulo lokufuna udumo. UMzantsi Afrika unabo inyathelo ngalinye, kwaye sijonge phambili kubo ukuba benze imbali entsha kunye nokukhuthaza izizukulwana ezizayo. 

3. INdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi yowama-2023 
3.1. Kwezi ntsuku zimbalwa zizayo, amehlo ehlabathi lezemidlalo aza kujonga eKapa, eMzantsi Afrika, xa kuqalwa iNdebe yeHlabathi yeBhola yoMnyazi yowama-2023 ukusuka ngomhla wama-28 kweyeKhala ukuya kowe-6 kweyeThupha. Kukokokuqala ukuba lo mboniso ubalaseleyo kwihlabathi ubanjelwe e-Afrika. 
3.2. IKhabhinethi imemelela wonke umntu kweli lizwe ukuba axhase amantombazana ethu njengoko ezama ukwenza imbali ngokuphumelela igolide e-Afrika. 

F.  Imiyalezo 
1. Amazwi okuvuyisana 

IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:

  • IYunivesithi yoMzantsi Afrika ngokufikelela kwinqanaba elibalulekileyo leminyaka eli-150 yokugqwesa kwimfundo ephakamileyo, nokuba lelona ziko likhulu nelona lidala kwi-Afrika ekuMazantsi ye-Sahara elizinikele kwimfundo esemgangathweni nakwihlabathi liphela. 
  • UMnu Edward Kieswetter, uMkomishinala wakwa-SARS, emva kokuchongwa kwakhe njengosihlalo woMbutho woRhwebo weHlabathi kunye nokuba ngummi woMzantsi Afrika wesibini ukuba ngusihlalo walo mbutho. 
  • UMmeli Pansy Tlakula ekunyulweni kwakhona kwakhe kwiKomiti yeZizwe eziManyeneyo yokupheliswa kocalu-calulo ngokobuhlanga. Ixesha lakhe liza kuqhuba ukusuka kunyaka wama-2024 ukuya kunyaka wama-2028. 
  • UMmeli Thembile Joyini ekonyulweni kwakhe njengeJaji yeNkundla yaMazwe ngaMazwe yoMthetho woLwandle ukusuka kunyaka wama-2023 ukuya kunyaka wama-2032. 
  • iBhodi yeFilimu noPapasho (i-FPB) ngokuchongwa njengelungu elipheleleyo le-Global Online Safety Regulators Network. Ubulungu buvumela i-FPB ukufumana inkxaso yehlabathi jikelele ukulwa nokulimala ngenxa ye-intanethi kunye nokukhuthaza ukhuseleko kwi-intanethi kunye nabalawuli base-Australia, e-United Kingdom, e-Fiji, e-Ireland nakwamanye amazwe. 
     

2. Amazwi ovelwano 
IKhabhinethi ithi tutwini kwezi ntsapho nezihlobo zaba balandelayo: 

  •  uMama Sally Motlana (96), igqala lomzabalazo kunye nelungu elibekekileyo leMbasa yeSizwe ye-Baobab yeSilivere. 
  • UNkskz Maggie Mathabatha (61), inkosikazi yeNkulumbuso yaseLimpopo, uMnu Stanley Mathabatha.
     

Imibuzo: uNks Nomonde Mnukwa
IBambela leSithethi sikaRhulumente 
Iselula: 083 653 7485

Share this page

Similar categories to explore