A Erwin: Public Enterprises Dept Budget Vote 2007/08 (isiXhosa)

Isishwankathelo Isebe Lamashishini Oluntu, Ivoti 30 Intetho
Kamphathiswa U-Alec Erwin Kwingqungquthela Yesizwe

17 May 2007

AmaShishini aPhantsi kukaRhulumente [State Owned Enterprises (SOE)] anefuthe
abaluleke gqitha kwimpumelelo yokuphuhliswa kwakhe nawuphi na urhulumente.
Ukuntsonkotha namandla oqoqosho lwehlabathi lonke, amandla eemarike, nokuntinga
kweendlela zokutyala imali ehlabathini lonke kucela umngeni kuwo onke amazwe
njengoko etyhalela phambili enenjongo echuliweyo yokuphuhlisa uqoqosho. Nathi
ke sigqibe kwelokuba sisebenzise ubunini bukarhulumente kwimimandla yezoqoqosho
ephambili ukuqinisekisa injongo echuliweyo nezinzileyo.

I-SOE kufuneka ibe sengqiqweni ngokwezimali ize izinze ukuze kuququzelelwe
ubuncwane kwiimarike ezinkulu zesizwe nezehlabathi lonke. Nangona isizwe
sisenokubek’ umnwe kwi-SOE ekuqaleni nakwezinye iimeko ezichaziweyo eziya kuthi
ke zikwazi ukwandiswa ngokusuka kubugcisa bazo bezemali nakwiimarike
eziphambili. Oku kufuna ukuba izimali zingahexi nobuchule bokubambisana kunye
nemali yabucala.

Ukusebenza kakuhle kweenkqubo zokusebenza yenye into ebalulekileyo kwi-SOE.
Ukusebenza kakuhle kweenkqubo zokusebenza kufuna isakhono sokulawula, senkqubo
yabasebenzi nezobugcisa ekumgangatho omnye noqheliselo olusemagqabini. Xa ezi
zinto zihamba kunye i-SOE inganefuthe elimandla kuqoqosho ngokutyalwa kwemali,
iinkqubo zabasebenzi kunye nophando neenkqubo zophuhliso.

I-Alexkor

Kuba uRhulumente enqwenela ukukhuthaza inzuzo ngedayimani eMzantsi Afrika,
iAlexkor sisixhobo sokwenza oku. Kodwa ke, ineendima ezimbini emele izidlale
kwaye zombini zibalulekile ngenxa yezizathu zophuhliso. Eyokuqala kwezi kukuba
yona njengesixhobo sezoqoqosho iquke i-Richtersveld Community kuphuliso lwayo
lulodwa. Eyesibini yinjongo entsha kodwa ethi yona inxulunyaniswe nenjongo nto
leyo eza kuzama iindlela zokuqoqoshwa kwamathafa edayimani eNamaqualand. Kodwa
ke, ukuthingaza okujikeleze amabango omhlaba kubeka i-Alexkor kwingxingongo
ezimalini nakwindlela yokusebenza. Ngoku lixesha lokuba kucac’ icala kungenjalo
kuya kunyanzeleka ukuba sibulale eminye yemisebenzi size sichithe iiasethi
ezingengondoqo kwezoqoqosho.

I-Infraco Ebanzi

Kuye kwamiselwa i-Infraco ukuze kuqinisekiswe ukuba siphuhlisa intsika
yonxibelelwano ebalulekileyo. Asisakwazi ukukhuphisana nolwazi lomhlaba wonke
lwezoqoqosho ngendlela ebiza kancinane, ethembekileyo kunye nefumaneka ngokuthe
gabalala. Kukho amashishini engesinawo kuqoqosho lwethu kodwa ke awekho kuba
sineendleko ezinabileyo angenakukwazi ukuzisingatha. Ukukhula koqoqosho
lwaseMzantsi Afrika kugangatha ndawonye ngenxa yeendleko ezinabileyo
ezigqagqeneyo nezixhomileyo.

I-InfraCo yona, kunye namanye amaqabane, afana neSouth African Research
Network kunye neSouth African Square Kilometre Array (SKA) baza kubumba imbumba
eza kuvula amathuba okunatyiswa kwezinto nokuba zifikeleleke.

I-Denel

Imali engangezigidi ezi-R400 iye yafunyanwa ngokuchithwa kweeasethi
ezingengondooqo. Ukuchithwa kwempahla engengondoqo esaseleyo kaDenel iza
kuqukunjelwa kunyaka-mali ka-2007/08. Ukuzinziswa kukaDenel kuseyeyona njongo
iphambili kwaye iSebe lam, uDenel neSebe lezoKhuselo sibambisene kulo mba.
Ngokuphathelele inzuzo kwezomkhosi, kukho iikontraka eziliqela ezinikelwe
kushishino lwasekuhlaleni, kuquka ikontraka yeHoefyster Infantry Fighting
Vehicle nokwakhiwa kwentolo mlilo ye-5th generation A-Darter. Ukuphuculwa
kweOryx kubomi bangaphakathi nako kusendleleni. Iikontraka zokuphumza
ezingaphantsi kwe-A400M ziyaqhubeka zinikela amathuba kwishishini lezomoya
ngokubanzi.

Xa kuthethwa ngekamva, uDenel uza kuqhuba ukumiselwa kwamacandelo ezemveliso
aza kuba ngoonozala bobugcisa bokuvelisa obuthe vetshe nolwazi olubanzi kwicala
lezokuvelisa.

Amandla, u-Eskom, iPBMR

UEskom ukhuphe umlomo wenkqubo yotyalo mali ye-R150 lewaka lezigidi
kwiminyaka emihlanu ezayo. NgoJuni kulo nyaka, xa izitishi ebezibuthile ziye
zasebenza kwakhona, uEskom uza kuba nesakhono sokunikela amandla ezingaphaya
kwama-38 000 MW, nto leyo eya kwenza ukuba ajongane neemfuno zaphakathi
ebusika, eziqikelelwa kuma-36 300 MW, nakuba oko kushiya umnyinyiva omncinane.
Isebe liza kuqhubeka liyibek’ esweni inkqubo yokwakha kunye nokhuseleko
lwezibonelelo. Sikwingxoxo noEskom, uDME neNERSA ukuba kupapashwe ingxelo
yokwanela kwenkqubo.

KwiPBMR elandelayo kuza kuyiwa kwisiza sokwakhiwa kwePilot Fuel Plant
ePelindaba kuze kuqhutyelwe phambili ukunconyelwa kokwakhiwa kweZiko laMandla
lokuqala eNtshona Koloni.

Umdla wezizwe ngezizwe uqhubeka ukhula kwaye apha ekuhlaleni uSASOL uye
wathi thupha elokuba uqhuba iingxoxo nePBMR kwizicelo eziliqela ezitshis’
ebunzi. Kuye kwenziwa inkqubela encomekayo ekuvisisaniseni iplani yenkqubo
kaEskom PWR kunye neeplani zethu zeGeneration IV. Oku kuza kwandisa ukuba
ubugcisa obubalulekileyo buziswe ekuhlaleni nto leyo eza kuvumela ukuba
uMzantsi Afrika ukhuphisane uze ubambisane kweli xesha lamandla enyukliya
litsha.

Amacandelo amatsha aza kwakhiwa e-Eskom ukuze ajongane namandla enyukliya,
isakhono sobunjineli esithe vetshe nesakhono sokwenza uphando neDME, DST kunye
neNECSA. UThulani Gcabashe uza kukhokela iqela leprojekthi eliza kusebenza
ne-Eskom Board kunye neDPE ukuze kuqhutywe lo msebenzi ungaka.

I-SAA/SAX

Amehlo onke ngoku aza kujolisa kwiimfuno zezimali nokwakhiwa ngokutsha
kwecebo lokuguqulwa kukaSAA, loo nto eza kwenza uSAA azimele ngokwakhe
exhomekeke kwingeniso yakhe. Ukuhlahlwa kwendlela enza ngayo izinto kuza
kufuneka kona kwenziwe. Oku kuya kuquka ukwenza lula indlela eyakhiwe ngayo
inkampani, kufakwe amahlakani kuze kuchithwe imisebenzi engengondoqo.
Sekulungiselelwe indlela yokubonisana nemibutho yabasebenzi.

Kulo nyaka isebe liza kukhupha iSouth African Express (SAX) kwiincwadi
zikaTransnet lize liyiguqule ibe nguzimele-geqe. Nangona uSAA noMango wakhe
obiza amaxabiso aphantsi beza kujolisa kakhulu kwimizila exakeke kakhulu, iSAX
iza kuqhagamshelanisa imizila engaxakekanga kakhulu.
I-SAFCOL
Nangona le nkampani ine-30% yonke kwimveliso yezinto ezisarhwayo, sithetha nje
ivela malunga ne-2,5% kwifuthe loqoqosho lolu shishino, kwaye abantu abaqeshwe
yiyo bayi-3.5%. Ngoko ke ikhabhinethi ilamkele elokuba inxalenye esaseleyo
kaSafcol, iKomatiland Forests, ifanele itshatyalaliswe.

ITRANSNET

Ngowe-2006/07 iBhodi yabaLawuli yamkele iplani yokutyalwa kwemali eyi-R64,5
yewaka lezigidi yeminyaka emihlanu. Le plani yemiyaka emihlanu yokuqhutywa
kwezinto iye yaphononongwa kwakhona ngowe-2007/08 kwaye imalunga ne-R78 yewaka
lezigidi. Olu tyalo mali lwalujoliswe ekulondolozeni iinkqubo zokusebenza
ezikhulayo ngokuthi kukhuliswe isikhono kwintsimbi yethu nemizila yamalahle,
kuphuculwe ukwakhiwa kweziseko iindawo ekukhweliswa kuzo nokuphucula imibhobho
esuka eThekwini isiya eRhawutini.

Sisebenza nale Bhodi sixakeke ngoku kukuqulunkqa ubuqabane kwindlela eliza
kusebenza ngayo izibuko elitsha leekhonteyina elakhiwayo ngoku sithethayo
kwizibuko laseNgqura kwaye siza kukhupha isaziso esineenkcukacha ngakumbi ngako
oku kungekudala.

IIPROJEKTHI ZOKUBAMBISANA

Ukukhula okukhawulezileyo ehlabathini lonke kwempahla yokusebenza kuphumela
ekubeni kubekho ukuqhwalela ekunikeleni ngezinto. Kusetyenziswa inkqubo
yokhuphiswano yokuphuhliswa kwababoneleli [competitive supplier development
programme (CSDP)] sijolise ekulungiseleleni ukuphuhliswa kwecandelo lezemveliso
eMzantsi Afrika.

Sifuna ukukhusela icala labanikezeli ngezixhobo ezibalulekileyo nendlela
engcono yokwenza oko ukuze kuphuhliswe isakhono salapha ekuhlaleni. Kodwa ke,
loo mveliso yasekuhlaleni kuya kufuneka ibe iyamelana nokhuphiswano lwezizwe
ngezizwe ngokuphathelele iindleko nomgangatho. Umzamo oyindibanisela phakathi
kukaJPF, iSebe lezeMfundo, iSebe lezabaSebenzi kunye neeSETA ezithile kunye
neSOE limaxhaphetshu likhangela izifundo, iikholeji nee-graduates eziya kukwazi
ukugqibezela uqeqesho lwazo lwasemisebenzini kwiSOE yethu ngaphambi kokuba ziye
kwiimviwo zobugcisa ezibufundeleyo.

Imibhobho enodaka esuka ePhalaborwa iyahlolwa sithetha nje.

IProjekthi yaseAfrika iza kukhangela amathuba aphambili kweli lizwekazi apho
i-SOE eMzantsi Afrika inganceda inkqubo yophuhliso.

Issued by: Department of Public Enterprises
17 May 2007
Source: Department of Public Enterprises (http://www.dpe.gov.za)

Share this page

Similar categories to explore