INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yangomhla wama-21 kweyeSilimela ngowama-2017

IKhabhinethi idibene ngoLwesithathu umhla wama-21 kweyeSilimela ngowama-2017, eTuynhuis eKapa.

1. Imiba engundaba-mlonyeni

1.1. IKhabhinethi icinge nzulu ngezaziso zakutsha nje ezenziwe zi-arhente ezintathu eziphambili ezihlelayo. Zontathu ezi arhente zihlelayo ziveze imiba efanayo enjengokucotha kwemigaqo-nkqubo kunye neenkqubo zokukhulisa uqoqosho, ukusebenza kweenkampani zikarhulumente (ii-SOC) nemingcipheko yezopolitiko, phakathi kweminye imiba.

IKhabhinethi ivakalise ukukuthemba ukungenelela kwayo ukuze ijongane nemingeni yelizwe kwezoqoqosho kwanomsebenzi owenziweyo ukuqinisa ukusebenza kweenkampani zikarhulumente. URhulumente usesekhondweni lokugcina imiba yakhe yemali, eqinisekisa umgaqo-nkqubo kwaye esebenza ukuqinisekisa ukukhula koqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke neenguqu kwezoqoqosho.

IKhabhinethi iyaphinda ithi isiseko sele sibekiwe sokukhula okukhulu koqoqosho nophuhliso lwezentlalo noqoqosho. Esi siseko sigxile ekuphuculeni ithemba labatyali-zimali nabathengi ngokuthi sikhawulezise ukusebenza kohlaziyo olumileyo lokukhula koqoqosho. .

UMongameli Jacob Zuma ubize intlanganiso yeBhunga eliCebisayo leNkqubo eBanzi yokuPhuhlisa abaMnyama kwezoQoqosho ngoLwesibini umhla wama-20 kweyeSilimela ngowama-2017. Le ntlanganiso igxile kwinguqu yasekuhlaleni neyoqoqosho egqibeleleyo.

Phakathi kwezinye izinto, le ntlanganiso iye yajongana nemingeni ecwangcisekileyo nenesimo yokusebenza yoMthetho wama-2003 weNkqubo eBanzi yokuPhuhlisa abaMnyama kwezoQoqosho (uMthetho wama-23 wama-2003.) kwakunye nezindululo ezicetywayo zokuba urhulumente azifezekise iinjongo zakhe malunga nenguqu yasekuhlaleni neyoqoqosho egqibeleleyo.

Intsebenziswano phakathi korhulumente, amashishini, abasebenzi noluntu kubaluleke kakhulu ekunyuseni amazinga entembeko khona ukuze sithi ngokusebenza kunye sibe nako ukubuyelwa kwiindawo esasibekwa kuyo ngokwesakhono sokukwazi ukuhlawula izikweliti nokuthenjwa ngabatyali-zimali, futhi sihlale kule ndawo.

1.2. Njengoko iNyanga yoLutsha isiya ekupheleni, iKhabhinethi ibulela onke amacandelo athathe inxaxheba kwimisitho nezinye izinto ebezisenziwa elizweni liphela. Iyakhuthaza inxaxheba ethathwe ngamawakawaka abantu abatsha kwizinto ngezinto ebezisenziwa zokubaxhobisa kule Nyanga yoLutsha. Le misitho ibisingethwe ngamasebe, amaziko karhulumente namacandelo azimeleyo. 

Lo nyaka sisikhumbuzo seminyaka engama-41 soVukelo-mbuso ngaBafundi baseSoweto ngowe-1976, kwaye isikhumbuzo sawo kusikhumbuza okokuba abantu abatsha kweli lizwe babephambili kuMzabalazo wethu.

IKhabhinethi imemelela ulutsha okokuba lusebenzise yonke inkxaso nezinto urhulumente azenza zifumaneke ukuze amathuba alo aphuculwe nokuthatha kwalo inxaxheba kuqoqosho kuhambele phambili.

1.3. IKhabhinethi iyabugxeka ubundlobongela nokugrogriswa kwabakhweli-zithuthi ngelixa loqhankqalazo lwabanini-ziteksi. Izinto ezinjengezi azinandawo kulawulo ngokwentando yesininzi. Ukungenelela ngoxolo nakuwuphi na umba kuya kusoloko kubanceda bonke abachaphazelekayo. 
 
Isivumelwano esithe salandela phakathi kwe-South African National Taxi Association ne-SA Taxi Finance Holdings sikwasesinye isiqinisekiso sokuba ingxoxo ngoxolo ingayisombulula imiba enjengale ngaphandle kokuchaphazeleka kwabantu abangenatyala nokuphazamisa uqoqosho. IKhabhinethi iyasivuyela esi sigqibo kuba siluncedo kubakhweli-zithuthi neshishini leeteksi.

IKhabhinethi iyayivuyela ingxoxo ekhoyo kungoku nje phakathi kweSebe lezoThutho neenkokheli zeshishini leeteksi, ngxoxo leyo ejolise ekufumaneni isisombululo esiya kuhlala sihleli. Isebe liza kuthethathethana namaziko ezemali zophuhliso ukuze kubonwe ezinye iindlela zokuncedana neeteksi ngezimali.

1.4. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kubo bonke abathe balahlekelwa zizihlobo zabo ngelixa lentlekele eyenzeke kutsha nje eNtshona Koloni naseMpuma Koloni. Abahlali abaninzi babasentlungwini yokushenxiswa ezindaweni zabo nokulahlekelwa yimpahla.

IKhabhinethi iyakuncoma ukubambisana nokusabela kwangoko kukarhulumente, oosomashishini nabemi ngobubanzi boMzantsi Afrika bancedise iintsapho ezichaphazelekileyo. IKhabhinethi ithulela umnqwazi iqhawe lomcimi-mlilo elilivolontiya uBradley Richards nomqhubi wesigadla uJohn Blaaw abancedisa abacimi-mlilo ngokuthutha amanzi kwaye banikela ngobomi babo babhubha behlangula abahlali. 

IKhabhinethi ibulela kakhulu iqela elisebenzana nemililo elibizwa i-Working on Fire elayilwa ngokukhalipha imililo eyayigquba ngamandla. Baliqhayiya lethu! IKhabhinethi ibanqwenelela ukuba baphile kwakamsinyane abacimi-mlilo ababini abathi balimala kubandakanywa u-Ian Barnard owenzakala ngelixa ezama ukuhlangula uBradley Richards.
 
UMongameli Zuma watyelela abahlali baseWit Lokasie nabaseKnysna Heights  abachaphazeleka kabuhlungu yimililo. UMongameli Zuma waya enkonzweni yesikhumbuzo kaMnumzana Richards. Ngokomoya wenene wokuba ngumcimi-mlilo uMnumzana Barnard waba nako ukuya kwinkonzo yesikhumbuzo sogxa wakhe uMnumzana Richards. 

UMongameli Zuma uthumele uncedo lwezentlalontle kunye nezinye izinto eziyinkxaso kuyo yonke imimandla echaphazelekileyo. La malinge ayekhokelwa liZiko leSizwe leMisebenzi ekuBanjisenwe ngayo loLawulo lweeNtlekele lisebenzisana noRhulumente wePhondo laseNtshona Koloni kunye namaQela ePhondo aLawula iiNtlekele.

IKhabhinethi ibulela yonke imibutho engekho phantsi kukarhulumente, amacandelo labucala, amavoluntiya kunye nabahlali abaxhasa abo bachaphazelekayo.

1.5. IKhabhinethi ibongoza abahlali baseLimpopo abakufutshane nemida yaseZimbabwe okokuba bathi qwa bazinonophele iinkukhu zabo. Oku kulandela ukuqhambuka kwentsholongwane yomkhuhlane weentaka neenkukhu ebizwa i-H5N8. Ushishino ngeentaka neemveliso zeenkukhu ezivela eZimbabwe kusamisiwe. Intsholongwane i-H5N8 idala izifo kakhulu kwaye ikhokhelela kwizinga eliphezulu lokubhubha.

Abanini-zifama abarhwebayo nabo bayakhuthazwa ukuba bandise amanyathelo okukhusela izinto eziphilayo kwiifama zawo.

1.6. IKhabhinethi isamkele isigqibo seNkundla ePhakamileyo esithi iCandelo le-18 loMthetho we-1977 weNkqubo yoLwaphulo-Mthetho (uMthetho wama-51 we-1977) alihambisani nomgaqo-siseko, nto leyo esusa umqathango weminyaka engama-20 okumangala ngolwaphulo-mthetho lwabo batyholwa ngobugwenxa mayelana nesondo. Esi sigqibo senkundla siza kunceda kakhulu ekuqiniseni amandla enkqubo yethu yezobulungisa ukuba ithabathele amanyathelo abo baphembelela ubundlobongela kwabo babhinqileyo nabantwana.

1.7. IKhabhinethi iyayivuyela intlanganiso yabahlali ye-Intanethi kaWonke-wonke eyayibanjelwe eKliptown eSoweto. Le ntlanganiso – ekhokhelwa nguMphathiswa Siyabonga Cwele weziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, isebenzisana neQumrhu leHlabathi lezoQoqosho (i-WEF), amacandelo abucala - isiphumo sayo yaba kukuqeqeshwa kwabantu abasebatsha abangama-500 ngezakhono zolwazi olusisiseko ngonxibelelwano ngezobuchwepheshe.

ISibhengezo se-Intanethi kaWonke-wonke samkela abantu abanyulwe ukuba babe kwizihlalo zokukhokela kwaye sachonga izinto emakujoliswe kuzo nemazisebenze kwezi nyanga zintandathu zizayo.

IKhabhinethi iphinde yamkela ukungenelela kweSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi zingenelela ngeQumrhu eliziMeleyo lezoNxibelelwano loMzantsi Afrika (i-Icasa) neSebe loPhuhliso loQoqosho lisebenzisa iKomishini yoKhuphiswano ukuze kujongwe amaxabiso edata asoloko ethintela ukufikeleleka kubuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano (i-ICT).

1.8. IKhabhinethi ikhathazwa zingxelo zokuphazanyiswa kweenkonzo kumagumbi okugcina izidumbu eGauteng ngenxa yeengxabano zabasebenzi eziqhubekayo. Ngenxa yoko, iintsapho ezisentlungwini azikwazi kufumana imizimba yezizalwane zazo.

Nakuluphi na usapho ukufa kuhamba nokuba nokwenzakala empufumlweni kunye nentlungu kuloo malungu entsapho aphilayo. Njengesizwe akukho ngxabano efanele ukungabi navelwano ngolu hlobo. IKhabhinethi ibongoza bonke ababandakanyekayo ukuba bafumane isisombululo esamkelekayo malunga neengxabano zabo ngaphandle kokuchaphazeleka kweentsapho zababhubhileyo.

1.9. IKhabhinethi yamkela ukusekwa kweQonga loPhuhliso loLutsha likaRhulumente weMimandla. Eli qonga lijonge ekubeni ngumlomo wolutsha wenkqubela xa kusetyenziswa amalinge ngamalinge ophuhliso lolutsha kurhulumente wemimandla. Eli qonga libe nenkomfa yokuqala yokusungulwa kwalo ngamhla wama-20 ukuya kowama-21 kweyeSilimela eMuldersdrift kwintshona yeGoli.

2. Izigqibo zekhabhinethi

2.1. IKhabhinethi yamkele iPhepha eliCacisa uMgaqo-nkqubo malunga ne-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI) okokuba lifakwe kwiphephandaba lombuso njengoxwebhu lomgaqo-nkqubo. Eli Phepha liCacisa uMgaqo-nkqubo lisondeza ilizwe kufuphi nokuqinisekisa okokuba bonke abemi boMzantsi Afrika bafumana iinkonzo zezempilo kungathaliseki nokokuba bakuyiphi na imeko malunga nezentlalo noqoqosho.

I-NHI yindlela ehlawulela unyango eyaba imali ukuze iinkonzo zezempilo zifikeleleke.

Oku kuvumelana nenjongo yeyeSicwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP) esijonge ukuqinisekisa ukuba wonke umntu uyazifumana iinkonzo zezempilo kungakhathaliseki nokokuba umvuzo wakhe uthini.

ISebe lezeMpilo liza kuba nentlanganiso yokucacisa ngomhla wama-29 kweyeSilimela ngowama-2017 apho liza kuchaza ngokupheleleyo amasolotya eli Phepha.

2.2. IKhabhinethi ivume isiCwangciso-qhinga esijonge kowama-2030 esiHlaziyiweyo soPhuhliso lwaBantu Esi sicwangciso-qhinga sihlaziyiweyo silungisa iziphene ezithe zabonwa kule minyaka mihlanu idlulileyo kwiindawo ezithile kwimfundo nakuqeqesho kwaye sikwabone nokungabikho kokuthungelelana phakathi kwemfundo noqeqesho.

Esi sicwangciso-qhinga ngoku silungelelaniswe ne-NDP kunye nesiCcwangciso-sikhokelo esiQiqisiweyo seSigaba esiPhakathi sowama-2014-2019.

Sikwakwenza ukuba onke amahlakani afaneleyo (urhulumente, abasebenzi, imibutho yoluntu namacandelo abucala) agxile kwiimfuno zoqoqosho nokubaluleka kokuxhasa iqhinga lokushishina ukuze kubekho ukukhula koqoqosho ngendlela exhamlisa wonke umntu kunye nophuhliso.

2.3. IKhabhinethi yamkele ukupapashwa kweziphumo ezingundoqo zowama-2015/16 zophando ngemali ehlawulwa ngurhulumente kuMaphulo ezeNzululwazi nobuChwepheshe. IPhepha eliCacisa uMgaqo wezeNzululwazi nobuChwepheshe lowe-1996 lifuna ukuba iSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe libeke iso kwimali ehlawulwa ngurhulumente kumacandelo ezenzululwazi nawobuchwepheshe negalelo lawo ekukhuleni nakuphuhliso loMzantsi Afrika.

Iziphumo zophando lamasebe esizwe angama-30 zibonisa ukuba imali eqikelelwa kwibhiliyoni zerandi ezingama-23.4 zachithwa zivela kwimali karhulumente yesizwe kunyaka-mali wama-2015/16. IKhabhinethi ikuqaphele ukunyuka okungephi nge-6.6% xa kuthelekiswa nonyaka odluleyo phakathi kwaloo miqathango ikhoyo kwimali karhulumente.

Olu tyalo-mali lulonke luyi-1.7% yemali yesizwe yonyaka iyonke. IKhabhinethi iyithakazelele into yokuba inkoliso yale mali isetyenziswe kwiinkonzo zezenzululwazi ezixhasa ukunikezelwa kweenkonzo kwimiba karhulumente engundoqo enjengemfundo, impilo, izimbiwa, amandla, ulimo nokusingqongileyo.

3. Imithetho esayilwayo

3.1. IKhabhinethi ivume ukupapashwa koMthetho osaYilwayo woLwaluko lweSintu ukuze abantu baphefumle ngawo. Lo Mthetho usaYilwayo uza kukhusela, ukhuthaze kwaye ulawule ulwaluko lwesintu. Wakuba uvunyiwe, lo mthetho uza kumisela imiqathango nemigangatho eyamkelekileyo yokuqhuba imicimbi yesintu. Uza kujongana nokuqhutywa gwenxa kolwaluko, nto leyo eyenze kwabhubha amakhwenkwe amaninzi esuthwini.

URhulumente namaziko eenkokheli zemveli agqibe kwelokuba angakunyamezeli konke konke ukubhubha kwabakhwetha ngenxa yemicimbi yolwaluko.

3.2. IKhabhinethi ivume uMthetho-sihlomelo ongekaPhunyezwa weQumrhu leSizwe loPhando (i-NRF) ukuba ungeniswe ePalamente. Lo Mthetho usaYilwayo sele ukhe wagwadla ngawo ngokupheleleyo luluntu. Izihlomelo zicacisa igunya loMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe kweli Qumrhu, kwaye zicacisa kakuhle imisebenzi ye-NRF malunga nezenzululwazi.

Ezi zihlomelo ziza kuqinisa igunya loMphathswa lokukhokhela i-NRF ukuze iphuhlise ukusebenza kwayo ngobuchule.

Ziza kuphinda ziphucule ukusabela nokusebenza kophando, uphuhliso nokubonelela ngezinto ezintsha kumgangatho wobomi wabemi boMzantsi Afrika ngokulungelelanisa nezinto eziphambili zikarhulumente. 

3.3. IKhabhinethi ivume uMthetho-sihlomelo ongekaPhunyezwa wokuHamba koLuntu ngeeNqwelomoya wama-2017 ukuba ungeniswe ePalamente. Lo Mthetho usaYilwayo uqinisa ukhuselo kokuhamba ngeenqwelomoya, ukhuseleko nemithetho yokhuselo kokusingqongileyo ukuqinisekisa ukugcineka nokuzinza kweshishini lokuhamba koluntu ngeenqwelomoya.

Phakathi kwezinto ezibandakanywa zezi zihlomelo kukubonelela ngokusebenza ngokuzimeleyo xa kuthe kwakho ingozi yenqwelomoya nokuphanda ngengozi leyo, ukubonelela ngokusekwa kweBhodi yoPhando ngoKhuseleko kwezokuHamba ngeeNqwelomoya okanye ezoPhapho. Lo mthetho usayilwayo ukwalungisa nokufakela iinkcazelo ezithile kulo Mthetho.

3.4. IKhabhinethi ivume ukupapashwa koMthetho-sihlomelo ongekaPhunyezwa wamaLungelo oMhlaba wama-2017 ukuba uluntu luphefumle ngawo. Izihlomelo zihlaziya ukusebenza, ukusetyenziswa nolawulo lwalo Mthetho wamaLungelo oMhlaba we-1986 (uMthetho wama-95 we-1986). Lo Mthetho we-1986 unika abaninini bamacandelo omhlaba amalungelo athile kulungiselelo lamalungelo amacandelo omhlaba. Lo Mthetho-sihlomelo ungekaPhunyezwa nocetywayo uceba imithetho yala malungelo ngendlela evakalayo.

3.5. IKhabhinethi ivume uMthetho-sihlomelo ongekaPhunyezwa wokuba noMhlaba kwaBantu abaHlala isiKhaya wama-2017 ukuba upapashwe, uluntu luphefumle ngawo. Lo Mthetho ukhusela abanini-mhlaba wabantu abahlala isikhaya, ngokukodwa abangathathi ntweni emaphandleni.

4. Imisitho ezayo

4.1. UMongameli Zuma uza kuya kwiNngqungqthela yesiHlanu oMbutho waMazwe asemaZantsi e-Afrika angaHlawulisani Rhafu yoRhwebelwano (i-SACU) eza kubanjelwa eSwaziland ngomhla wama-23 kweyeSilimela ngowama-2017. Le ngqungquthela yosuku olunye iza kuzinyaswa ziNtloko zeMibuso nooRhulumente zamazwe angamalungu e-SACU aquka uMzantsi Afrika, iBotswana, iLesotho, iNamibia neSwaziland.

Le ngqungquthela iza kuxoxa imibandela ngemibandela  eyayamana norhwebo noshishino kwingingqi kunye nenkqubo yokusebenza. Iza kuphinda ihlaziye imiba ethile yesivumelwano se-SACU nezinto emele ukuzenza ukuze kuncediswe uphuhliso loqoqosho lwamazwe angamalungu e-SACU.

Kungenxa ye-SACU apho kuza kuthi kuqiniswe ukunyuka kwenani leendawo ekuthengiswa kuzo impahla neenkonzo. Loo nto iza kwenzeka ngeengxoxo zorhwebo eziqhubekayo ezinenjongo yokuqhubela phambili ukumanyana ngakumbi kwengingqi nelizwekazi.

4.2. Njengenxalenye yeeMbizo eziqhubayo zokulwa ulwaphulo-mthetho, uMongameli Zuma  ngokweNkqubo kaMongameli yokuHlola, uza kutyelela eLusikisiki, eMpuma Koloni ngoMgqibelo umhla wama-24 kweyeSilimela ngowama-2017.

4.3. IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase umNyhadala i-Knysna Oyster Festival ne-Knysna Marathon ezizayo. Lo ngomnye weminyhadala edume kakhulu nothandwa kakhulu ngabathandi bemidlalo neentsapho. Onke amahlakani asebenza kunye ukuqinisekisa ukuba iKnysna isebenza ngokupheleleyo kwaye namashishini avuliwe.

4.4. USuku lukaMandela, imemelela kuthi sonke, mihla le, ukuba  ihlabathi silenze ngcono. Umxholo woSuku lukaMandela olungomhla we-18 kweyeKhala uthi: #ActionAgainstPoverty.

Ukwenza zonke iintsuku ukuba zibe luSuku lukaMandela  kukhumbula ubomi bukaMadiba negama lakhe ngendlela egcinakeleyo eza kuzisa inguqu ezinzileyo.

5. Amazwi ovelwano

5.1. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Zuma ithumela amazwi ovelwano kwaba balandelayo:

  • uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uGqirha Blade Nzimande nosapho lwakhe, ngokushiywa kwakhe ngumama wakhe uNksk Nozipho Nzimande. UMama Nzimande obethandwa kakhulu ufince iminyaka engama-90 kule nyanga idluleyo. Ngumntu owabamkela ngezandla ezishushu kwakhe abalweli benkululeko beQela lamaKomanisi laseMzantsi Afrika (i-SACP) nele-African National Congress ngexesha elinzima lobundlobongela elaligubungele iPietermaritzburg kwiphondo laKwaZulu-Natal nemimandla eyingqongilweyo phaya ekupheleni kweminyaka yooma-1980 nasekuqaleni kweyoma-1990.
  • usapho lukaMhlekazi uJoel Joffe ngokushiywa nguye. UJoel Joffe ubhubhe eneminyaka engama-85 kwaye wayeligqwetha kumatyala aseRivonia naseLittle Rivonia. Wabalelwa ngobunganga abalweli benkululeko abachasene nenkqubo yocalucalulo ngokwebala. Ngaloo ndlela waba negalelo elikhulu kumcmbi wolawulo ngokwentando yesininzi eMzantsi Afrika.
  • Abantu baseNamibia ngokushiywa nguMnu Toivo ya Toivo, nedela-kufa elalwela umzabalazo wenkululeko yaseNamibia netshantliziyo elalichasane nombuso wocalucalulo. UMphathiswa wezoNxibelelwano u-Ayanda Dlodlo uza kumela urhulumente waseMzantsi Afrika ngokusesikweni emngcwabeni oza kuba ngoMgqibelo umhla wama-24 kweyeSilimela ngowama-2017.

6. Umyalezo wovuyiswano

6.1. IKhabhinethi ivuyisana nengcali yejiyoloji uTsiamo Legoale owenze imbali ngokuba ngummi wokuqala waseMzantsi Afrika wokuthweswa isithsaba sokuba ngogqwesileyo kwiFameLab International ngomsebenzi ophande ngendlela yokusebenzisa ingqolowa ukuhluza igolide emhlabeni owawukhutshwe emigodini. ULegoale ngomnye wabancedwe yinkqubo yeebhasari zikarhulumente, kwaye kutsha nje uphumelele ibhaso kwiCheltenham Science Festival ebibanjelwe e-United Kingdom.

IKhabhinethi inqwenelela impumelelo iQela loMzantsi Afrika kule Midlalo yoLutsha yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga eza kubanjelwa eNassau, eBahamas, ukususela ngomhla we-19 ukuya kowama-23 kweyeKhala ngowama-2017.       

Le Midlalo ibanjwa rhoqho emva kweminyaka emine, kuyo uMzantsi Afrika waphuma kwindawo yesine ngeembasa ezingama-35 kwimidlalo yowama-2015 eyayibanjelwe e-Apia eSamoa.

Le Midlalo yoLutsha yaMazwe Ayesakuba ngamaThanga iya kusoloko ingumsitho obalulekileyo kwiimbalasane zangomso. IQela loMzantsi Afrika liyinkuthazo kulutsha ukuba luthathe inxaxheba kwezemidlalo ukuze ubomi balo bube ngcono.

6.2. IKhabhinethi ivuyisana namaBhokobhoko adlale ngokuncumisayo kakhulu xa ehlasela naxa ekhusela ukuze aphumelele imidlalo emibini kuvavanyo olunemidlalo emithathu oluphakathi kwawo neFrance. Umdlalo olandelayo wolu vavanyo ungowama-24 kweyeSilimela ngowama-2017,  kwaye sithemba okokuba aza kuphumelela.

6.3. IKhabhinethi ivuyisana noMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe uNaledi Pandor ngokuwongwa ngesidanga seMbeko soBugqirha yiYunivesithi yaseNova, ePortugal.

6.4. IKhabhinethi ivakalisa iminqweno emihle kubantu abangamaSilamsi kweli lizwe lethu nakwihlabathi liphela ngomgcobo omhle we-Eid-ul-Fitr ekusongweni kweRamadaan IRamadaan nombhiyozo we-Eid-ul-Fitr unika amaSilamsi ithuba elilodwa lokuqinisa amatyathanga obuhlobo nonxibelelwano neentsapho phakathi kwawo nabalingane babo baseMzantsi Afrika.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – uMlawuli-jikelele oliBamela (we-GCIS)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore