INtetho kwiNtlanganiso yeKhabinethi yomhla we-15 kweyoKwindla yowama-2017

1. IziGqibo zeKhabhinethi

1.1. IKhabhinethi ikhe yaxoxa ngeeNgxelo zoKwazisa ngeziPhumo zoMsebenzi weKota yesiThathu yexesha elisuka kweyeDwarha ukuya kweyoMnga yowama-2016, nengokuhlolwa kokuphunyezwa kweNkqubo yokuSebenza kaRhulumente (i-PoA) ngokuhambelana nemimiselo yeNkqubo-sikhokelo yobuChule yesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) kunye nesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

AbaPhathiswa abangamaLungu eeNtlanganisela ezahlukeneyo, besebenzisa iZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS), baza kubiza iindibano noonondaba zentlanganisela zabo ngeenjongo zokwaziswa ngemisebenzi eyimpumelelo yamasebe abo ngeli xesha.

Kwezi ntlanganiso noonondaba kuza kucaciswa ngale miba ibalulekileyo ilandelayo.

a. INguqu yezoQoqosho

1.2. INguqu yezoQoqosho idinga utshintsho olugqibeleleyo kwiziseko ezivelisayo zaseMzantsi Afrika; ikwadinga nokutshintsha kweendlela zokuthatha inxaxheba kwabo babesakuvinjwa amathuba kwezoqoqosho.  

1.3. Ngokumalunga nesibhengezo sikaRhulumente sokuba uza kuvelisa oosomashishini abamnyama abali-100 kweli xesha lesigaba esiphakathi ukuzisa inguqu yezoqoqosho, ngooSomashishini abaMnyama abali-100 abasebexhasiwe ukususela oko kwasungulwa le nkqubo, abasi-9 kubo baxhaswe kule kota.

1.4. Le nkxaso kaRhulumente ikhokelele kutyalo-mali lwecandelo labucala olulindeleke ukuba libe ngama-956 zezigidi zeerandi ngeli xesha kulindeleke ukuba kudalwe imisebenzi eli-1 053. Ukongeza apho, inkxaso-mali epheleleyo yoosomashishini abamnyana eyenziwe liQumrhu loPhuhliso lwezoShishino (i-IDC) efikelela kwi-4, 575 seebhiliyoni zeerandi, ukususela kwikota yokuqala yowama-2015/16 ukuya kweyesithathu yowama-2016/17.

b. Utyalo-mali

1.5. Kwilinge lokunyusa izinga lentembeko, uRhulumente ngephulo lotyalo-mali elibizwa i-Invest SA uchonge iiprojekthi eziza kwenza umahluko omkhulu ezingama-40 nesezilungele ukuphunyezwa kule minyaka mibini izayo. Inkxaso evela kwiSebe lezoRhwebo noShishino itsale utyalo-mali lwecandelo labucala elingange-4 seebhiliyoni zeerandi, elinamandla okonga nokudala imisebenzi emalunga nama-3 614 kwikota eqala kweyoMsintsi ukuya kweyoMnga yowama-2017. UMmandla woRhwebo waseDube utsale utyalo-mali lwecandelo labucala eli-1.3 seebhiliyoni ngeli xesha uMmandla woQoqosho oKhethekileyo (i-SEZ) weSikhululo seeNqwelo-moya samaZwe  ngemazwe i-OR Tambo utsale utyalo-mali lwecandelo labucala elingama-260 ezigidi zeerandi.  

1.6. Amaphulo okukhangela amathuba ezoqoqosho kumazwe angaphandle enziweyo anyuse izinga lokuthengwa kweemveliso ezenza ingeniso eninzi ezithunyelwa kumazwe angaphandle ngama-247 ezigidi zeerandi ethi xa idibeneyo iyonke ibe zibhiliyoni eziyi--4.105 zeeranndi ngonyaka.

1.7. Utyalo-mali lwaMazwe angaPhandle oluNgqalileyo (i-FDI) luyakungqina ukuba uMzantsi Afrika usahleli uyeyona ndawo yotyalo-mali ithandwayo. Ukongezwa kweengxelo zekota yesithathu   kutyalo-mali olulindelekileyo lulonke kuthetha ukuba kungakho utyalo-mali lwe-FDI oluzibhiliyoni eziyi--4.55 zeerandi ngokukodwa kwicandelo lezamandla nelamachiza. Oku kusibeka kutyalo-mali lwe-FDI olulindelekileyo olukuma-34.892 eebhiliyoni zeerandi luphelele. Amagosa asebenza ngamandla ukuqhuba olu tyalo-mali lusuke ekubeni lolulindelekileyo luye kutyalo-mali lokwenene.

1.8. UMongameli uJacob Zuma uza kumisela iziko elingunto-zonke elibizwa Invest SA National One Stop Shop ngomso ngoLwesihlanu kwiziko le-dti ePitoli, e-Sunnyside.

c. Uphuhliso lwamashishini amancinci

1.9. Njengenxalenye yokuphumeza ukuba kubekelwe bucala ama-30% kwimali iyonke eza kuchithwa ekuthengeni iinkonzo neempahla kuze kuthengwe kumashishini amancinci, aphakathi namancinane (ii-SMME), uNondyebo weSizwe uye wahlaziya iMimiselo yoMthetho weNkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo wokuThenga ngeNdlela eyeNzelelayo waza wapapasha izihlomelo kwiphephandaba lombuso kweyoMqungu yowama-2017.

1.10. Kwikota yokufakwa ingxelo – ISebe loPhuhliso lwaMashishini amaNcinane lixhase ngezibonelelo amashishini asezilokishini ali-1,388 kunye nookopolotyeni abangama-48.

1.11. URhulumente weSizwe nowephondo bayasebenzisana ekuvuseleleni iipaka zezoshishino zasekuhlaleni, ngeenjongo zokuxhasa amashishini akhoyo nokutsala amashishini amatsha. IPaka yamaShishini yaseKomani (eMpuma Koloni) ithwala iinkampani ezingama-30 ize ibe nabantu abangama-555 abangabasebenzi, ngeli xesha ke yona iPaka yaseBotshabelo (eFreystata) ixhasa abantu abamalunga nama-10 000.

d. Ezolimo nophuhliso lwamaphandle

1.12. Nangona iimeko zembalela ezingapheliyo, ukususela kowama-2014, seziqalisile ukuthotha kwikota yesine yowama-2016 njengokuba iimvula zizise ithemba elitsha kuqoqosho lweli, umonakalo owenziweyo yimbalela uza kuthatha iinyanga ezimbalwa. Ukuqhambuka kwakutsha nje kombungu obizwa i-Fall ArmyWorm eLimpopo kubeka izityalo kumngcipheko omtsha.

1.13. Kule kota, iihektare ezingama-374 299 zomhlaba ongasetyenziswanga ziye zalinywa ezifama phantsi kweNkqubo yoPhuhliso nokuHlaziya ngokuTsha. Nangona kubalele nje ibe khona impumelelo engama-50% kwimveliso yokutya emiselweyo xa ithelekiswa neekota ezintathu ezidlulileyo.   

1.14. Ngabantu abangama-244 073 abaxhamlileyo kweli phulo okulwa indlala kuquka nabo bondliwa kumaZiko oPhuhliso lweSondlo soLuntu. ISebe loPhuhliso loLuntu lithenge iimveliso zookopolotyeni basekuhlaleni abangama-43 ngexabiso elifikelela kwi-R1 684 238.21 ngokuhambelana nesiphakamiso sokuthengwa kwama-75% kwiimveliso zasekuhlaleni.    

1.15. Ngabafundi aba-6 784 179 abavela kwizikolo zeprayimari nezesekondari ezingama-10 300 (ze-quintile 1-3) abaxhamlileyo kwiNkqubo yeSizwe yokuTyisa eziKolweni. Ngabaniki-nkonzo abangama--5 408 (i-1 142 ngooKopolotyeni boLuntu, ama-3 112 zi-SMME lize i-1 154 ibe ziivenkile ezinkulu) abatyikitye izivumelwano zokubonelela izikolo ngeemveliso zokutya. Ngabantu abatsha abangama-541 121 nabantu basetyhini abangama-291 304 abaxhamlileyo kumaphulo okungenelela aphunyezwe kwimimandla yasemaphandleni kule kota.

e. Iziseko ezingundoqo

  • Ezamandla

1.16. Ngamakhaya angama-46 382 afakelwe umbane otsalwa kwiziko lesizwe okanye kwisikimu sokubonelela ngombane omncinci aze amakhaya angama-2116 afakelwe umbane otsalwe kubuchwepheshe obungeyonxalenye yeziko lesizwe lombane. Ukongeza apho ngamakhaya asokolayo angama-141 191 akwazileyo ukubonelelwa ngombane wasimahla. Ukwakhiwa kweZiko loMbane eliDibeneyo iNwaabe sele kugqityiwe.

1.17. ISebe lezaMandla likuqukumbele ukuthengwa kwezixhobo zesola ezisetyenziswa emakhaya ezingama-31 100 ukuba zifakelwe (isicwangciso sommiselo wonyaka ngama-20 000). Ukuzifakela kuya kuqalisa kwikota yesine.

1.18. URhulumente usaqhuba ngokusebenzisa iNkqubo yaBavelisi boMbane abaziMeleyo (i-IPP) ebe nale misebenzi iyimpumelelo ilandelayo: (i) ukuvulela ama-201 eebhiliyoni zeerandi kwiNkqubo ye-IPP eHlaziyekayo; (ii) ngoku iintlobo zombane oHlaziyekayo zigalela ama-3 175MW kwiziko lombane lesizwe; (iii)  isimumelwano esinolwazi ngeprojekthi ye-IPP yegesi sigqityiwe so iSicelo seziPhakamiso siza kukhutshwa phambi kokuphela kwalo nyaka-mali; (iv) ama-900MW abe athengwe kwi-IPP yamalahle.  

  • UNikezelo oluKhawulezileyo lweziSeko ezinguNdoqo zeZikolo

1.19. Ekuncothuleni ukusilela kweziseko ezingundoqo kwizikolo zasemaphandleni: sigqityiwe nesinye sezibonelelo zezikolo, nesibonelelwe ngenkxaso-mali yePhulo loNikezelo oluKhawulezileyo lweziSeko ezinguNdoqo zeZikolo, izikolo ezingama-389 zifakelwe amanzi, izikolo ezingama-57 zifakelwe umbane zaza izikolo ezili-157 zafakelwa iziseko zogutyulo ezindilisekileyo.  

Ukongeza apho ezi zilandelayo zinikezelwe kwii-arhente zokuphumeza: iiprojekthi zokwakhiwa kwezikolo ezingama-293; iiprojekthi zokufakelwa kwamanzi ezingama-959; iiprojekthi zokufakelwa kombane ezingama-535 kunye neeprojekthi ezingama-585 zokufakelwa kweziseko zogutyulo.

  • IziSeko ezinguNdoqo zezeMpilo

1.20. Inkqubela ekulweni ukusilela kweziseko ezingundoqo kumaziko ezempilo kuquka: inkqubela ekulungisweni kweekliniki namaZiko ezeMpilo oLuntu angama-70, izibhedlele ezili-18 namaziko ezempilo angama-67 kwizithili ekulingwa kuzo i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI). Ukwakhiwa kwamaZiko eNkathalelo yezeMpilo okuQala ama-3 kunye namaZiko eNkathalelo yezeMpilo oLuntu kugqityiwe; kanti ke ukwakhiwa kwamaZiko eNkathalelo yezeMpilo oLuntu ama-4 kusaqhubeka.     

  • Amanzi noGutyulo

1.21. Ngamakhaya angama-29 626 athe afakelwa manzi etepu kule kota iphethweyo. Ukwakhiwa kwesikhululo sokucoca amanzi saseNcora kunye nokugqityezelwa kwemibhobho yeKhalahari East eya eMier; iJozini Pongolapoort kunye neDama i-Gariep sele ekumanyathelo okugqibela ekwakhiweni. Ukongeza apho ziprojekthi zophuhliso lwamanzi ezingama-98 nezogutyulo ezingama-51 esele zigqityiwe.

1.22. Ngamakhaya angama-611 360 afumene iinkonzo zogutyulo aza amakhaya angama-20 599 afumana uncedo lweSibonelelo seziSeko ezinguNdoqo samaKhaya aseMaphandleni lokuncothula ukusilela kogutyulo: ngamakhaya asebenzisa amabhakethi ali-1 405 afakelwe iinkonzo zogutyulo ezifanelekileyo endaweni yamabhakethi kwiindawo zokuhlala ezakhiwe ngokufanelekileyo.

f. EzeMfundo

1.23. Ekupheleni kweyeNkanga yowama-2016 – ama-89% (ama-4 107 kuma-4 612) wabafundi abathweswe izidanga beFunza Lushaka nabalungele ukuqalisa impangelo ngowama-2016 baye bafakwa ezikolweni, into leyo ethetha ukuba eli zinga linye nge-2% kwelekota edlulileyo kwaye lingaphezulu nge-4% kummiselo wonyaka.

1.24. IBhunga laBefundisi-ntsapho laseMzantsi Afrika (i-SACE) likwazile ukwandisa inani labefundisi-ntsapho abatyikityele ukuthatha inxaxheba kwiNkqubo yoLawulo loPhuhliso oluQhubekayo loBizo lobuTitshala kwinani labefundisi-ntsapho abangama-6 572 bephelele.

1.25. Ukususela oko kwaqaliswa kwesicwangciso-qhinga sokubuyiswa kwemali yeSkimu soNcedo lwezeZimali saBafundi seSizwe, imali eqokelelwayo ngenyanga nganye yandile ngenxa yamanyathelo aliqela kwaye ukuza kutsho ngoku yimali engama-268.4 zezigidi zeerandi esele iqokelelwe xa ithelekiswa nommiselo wonyaka ongama-285 ezigidi zeerandi.

1.26. INkqubo-sikhokelo yeNkxaso-mali yeDyunivesithi ehlaziyiweyo sele iqukunjelwe kwaye kuza kufakwana imilomo kunye nedyunivesithi phambi kokuba ipapashwe.

1.27. Amagcisa angama-14 077 sele eqinisekisiwe yiBhodi yeSizwe yokuHlola amaGcisa.

g. EzeMpilo

1.28. Ukuthintela kubaluleke kakhulu kumalinge karhulumente okulwa iNtsholongwane kaGawulayo (i-HIV) noGawulayo (i-AIDS). Njengenxalenye yeenkonzo zoVavanyo nokuCebisa ze-HIV, ngabantu aba-3 022 988 abavavanyelwe i-HIV bephelele, ngaphezulu kommiselo wekota yesithathu ozi-2 500 000.

1.29. Kunikezelwe ngeekhondom zamadoda ezi-221 201 467 kunye neekhondom zabasetyhini ezi-6 403 730 ngaphezulu kommiselo wekota yesithathu wezamadoda ezi-150 000 000 nezabasetyhini ezi-4 500 000. Koluswe ngogqirhwa abantu abangama-155 188, inani elolingaphantsi kummiselo wekota ongabantu abangama-250 000.

1.30. Izinga lempumelelo yonyango lwabantu abasokulelwa okokuqala sisifo sephepha (i-TB) libe ngama-84.2% lidlulile kummiselo wekota yesithathu ongama-84%.

1.31. Kwikota yesithathu ngama-63.3% abasetyhini abakhulelweyo abatyelele amaziko ezempilo phambi kweeveki ezingama-20 bekhulelwe, nani elo lingaphezulu kummiselo wekota ongama-63%.  

1.32. IKhabhinethi ikuvumile ukumiselwa kweKomiti yabaPhathiswa, nezakuba nosihlalo onguMphathiswa wezabaSebenzi kaRhulumente noLawulo, ukuze iqwalasele ukumiselwa kweemeko ezichaziweyo zempangelo ezifana: nokulungelelaniswa kwemivuzo konyaka, inqanaba okanye izinga lemivuzo, iibhonasi zokusebenza, izibonelelo zentlawulo namaqithiqithi omhlala-phantsi. IKhabhinethi ikwakuvumile ukuba kuqulunqwe isiVumelwano sokuPhunyezwa koThethathethwano lukaRhulumente ukuqinisekisa ngenkqubo eselubala yokusebenzisana kwamasebe karhulumente nokuthatha inxaxheba okufanelekileyo.     

Oku kudala iqumrhu elisebenzayo lokulungelelanisa iimeko zokusebenza kwabasebenzi kumacandelo awohlukeneyo eenkonzo zikarhulumente nokuqinisekiswa ukuba iimeko zemali neminye imiba yezoqoqosho ziyaqwalaselwa xa kuza kunyuswa imivuzo.

1.33. INkqubo yokuSebenza kaRhulumente (i-POA) idlale indima ebalulekileyo kuhlumo lweSambuku seMveliso yeLizwe (i-GDP) njengoko kubonakaliswe kumanani e-GDP nakhutshwe liziko leeNkcukacha-manani loMzantsi Afrika (i-Stats SA). Ngokuxhasa i-NDP, isiCwangciso esimaNqaku aliThoba sicacisa  amanyathelo okungenelela okuhlumisa nokuzisa inguqu kuqoqosho, ukudala imisebenzi nokutsala utyalo-mali.

Awona macandelo enze igalelo elikhulu nelihle ibe lelezorhwebo, abezokwenza ukutya naboshishino leendawo zokuhlala kwakunye nabezezimali, abezokuthengiswa komhlaba nezakhiwo kunye neenkonzo zezoshishino, nezande nge-2,1% ne-1,6% ngokulandelelanayo. Icandelo ngalinye lenze igalelo le-0,3% kuhlumo lwe-GDP.  
 
2. Ukuphunyezwa kweenkqubo zikaRhulumente

2.1 IKhabhinethi njengoSekela-Mongameli uCyril Ramaposa iyakwamkela ukutyikitywa ngokupheleleyo kwesivumelwano sowona mvuzo mncinci umiselweyo ekuvunyelwene ngaso ngabasebenzi, ngurhulumente nabezoshishino phantsi koncedo lweKomiti yeeNkokheli yeBhunga leSizwe loPhuhliso lwezoQoqosho nezabaSebenzi (i-NEDLAC).  

Oku kutyikitywa kuyimpumelelo ebaluleke kakhulu kwinkqubo yokwenza oWona Mvuzo Mncinci uMiselweyo uVunyiweyo weSizwe ube yinyani nozakutshintsha ingxaki yabasebenzi abamkela imivuzo engabonakaliyo into leyo eza kwenza ukuba abasebenzi bakwazi ukubonelela iintsapho zabo ngeemfuno zazo zemihla ngemihla. Ukutyikitywa kwesi sivumelwano kuza kufaka uchatha kwizibonelelo zezentlalo kwabona bahlelelekileyo kweli  loo nto isenze sakhe isizwe esinobuncwane obuxhanyulwa ngumntu wonke.

2.2 URhulumente usaqinisekisa ngokuthembakala kweziqinisekiso nenkqubo yezemfundo ephakamileyo. Isibhengezo esenziwe nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho ngamanyathelo amakathathwe malunga nabo baneziqinisekiso zenkohliso, kuquka nokutshutshiswa nokunkqangazwa kwamagama wabo bade bahlaziswe kuza kwenza igalelo ekupheliseni kokukhula komkhuba weziqinisekiso zenkohliso.

Ekupheleni kweyoMqungu yowama-2017, li-1 276 leziqinisekiso zizonke (ngama-444 eziphunyelelwe kweli kunye nezingama-832 ezifunyenwe kummazwe angaphandle) ezibhaliswe kuluhlu lweziqinisekiso ezingezozenyani likaGunyaziwe weziQinisekiso waseMzantsi Afrika (i-SAQA) – neenkcazelo ezifungelweyo ezingama-78 esezilungele ukunikezelwa kooKhetshe ukuze umthetho odlale indima yawo.

Njengenxalenye lokungenelela ngokomthetho i-SAQA iza kubhalisa amagama wabo baneziqinisekiso zenkohliso kwiiwebhusayithi yabo.

2.3. IKhabhinethi ixolile kukuba umnxeba wesizwe wokulwa urhwaphilizo uyanceda ukwazisa ngamatyala obuqhetseba. Ngokweengxelo zomhla wama-31 kweyoMqungu kulo nyaka, amatyala angama-18 778 athunyelwa kumasebe karhulumente kwaza kwafumaneka iimpendulo ngamatyala angama-17 249. Ngamatyala angama-90% asele evaliwe aza amagosa angama-3 600 afunyaniswa enamatyala okuziphatha kakubi phakathi kowama-2004 neyoMqungu yowama-2017.

Uninzi labasebenzi bakarhulumente lunyanisekile kwaye luyaqhubeka ukunikezela iinkonzo nokwenza umsebenzi walo.

2.4. Kwelinye lamanyathelo amakhulu okulwa urhwaphilizo, urhulumente uthathe amanyathelo okuqinisekisa ukuba abasebenzi bakarhulumente abavumelekanga ukuba benze ushishino namasebe karhulumente kunye namanye amaqumrhu karhulumente. Ixesha elimiselweyo lokuba abasebenzi bakarhulumente bachaze ngezinto abazenzayo phantsi kommiselo wenkonzo karhulumente wowama-2016 liphele ngomhla wama-31 kweyoMqungu yowama-2017. Ngomhla woku-1 kweyoMdumba yowama-2017, abo basebenzi bakarhulumente bebesenza ushishino nequmrhu likarhulumente kufanele babe sele berhoxile kolo shishino, okanye ekusebenzeleni urhulumente.   

ISebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo sithetha nje liqokelela ulwazi neenkcukacha  zabo basebenzi bakarhulumente bathe basilela ukuthobela le mithetho mitsha. Xa sele igqityiwe loo nkqubo kuza kuqalisa inkqubo yezoluleko kubo bonke abo bathe abawuthobela lo mthetho.

3. Imiba engundabamlonyeni

3.1. IKhabhinethi ivakalisa udano olukhulu ngenkxalabo ebangelwe kukungaqiniseki ngokuhlawulwa kwezibonelelo zezentlalo ebantwini abanelungelo lokuzifumana. Singurhulumente okhathalayo kwaye iimfuno zabantu bakuthi zibaluleke kakhulu kuthi. Siyasebenzisana sisonke ukuqinisekisa ukuba abantu abamkela izibonelelo abachatshazelwa zezi zinto zenzekayo.

3.2. IKhabhinethi iyabaqinisekisa abantu baseMzantsi Afrika ukuba lo mba uphethwe kwelona nqanaba liphezulu. Sikuvumile ukusekwa kweQela labaPhathiswa eliThweliswe uXanduva eliquka aba baPhathiswa balandelayo: uMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli ojongene noCwangciso, uHlolo noVavanyo (umququzeleli), owoPhuhliso loLuntu, owezeZimali, owezeNzululwazi nobuChwepheshe, oweMicimbi yezeKhaya, oweziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi kunye nowoKhuseleko lweLizwe.

Eli Qela liThweliswe uXanduva linikwe isigunyaziso sokuba lisebenze ngoku kulandelayo:

  • Ngokulandela isigwebo seNkundla yoMgaqo-siseko – ukuqwalasela izindululo ngenjongo yokuqinisekisa ukuba imiqathango emiselweyo iyathotyelwa kwakunye nokuba kuthathwe amanyathelo aqatha ngokukhawuleza ngabo bathe balala emqokozweni kunye nokusika ixesha elifanelekileyo lokuba kube kusetyenziswa la manyathelo okungenelela ethutyana;
  • Ukuqinisekisa ngentlawulo yezibonelelo ukususela ngomhla woku-1 kuTshazimpuzi yowama-2017;
  • Ukufuna iingcebiso zezomthetho malunga nokuba uMbuso ungakwazi na ukuthatha amanye amanyathelo ezomthetho, ingakumbi ekujongeni ukuziphatha okungekho mthethweni nokungafanelekanga apho kukho khona imfuneko;
  • Ukuhlola ukuziphatha kwe-Arhente yeziBonelelo zezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (i-Sassa) ingakumbi abasebenzi basezi-ofisini kunye nabalawuli kuze kwenziwe izindululo;
  • Ukuqulunqa isicwangciso sokulalelisela; kunye
  • Nokuyila inkqubo yentlawulo yezibonelelo epheleleyo eyiyeyeziko.

3.3. IKhabhinethi ikwamkela ngezandla ezishushu ukuzinikela nomsebenzi okwizinga eliphezului yoMbutho weNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) kwakunye nokuthululeka kwemiyalezo yenkxaso nabemi nabo abathe bema ngeenyawo bezama ukuba kufumaneke usana olunguSimphiwe Mbambo. Oku kubonakalisa ukuba xa besebenzisana abemi baseMzantsi Afrika bangenza umahluko kubomi babona bahlelelekileyo.

UMongameli uJacob Zuma uthembisile ukuba uRhulumente uza kuthatha onke amanyathelo abonakalayo ekuthinteleni ulwaphulo-mthetho kuMasipala waseKhaya wakwaMhlabuyalingana emantla eKwaZulu-Natal nolubangela ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwabantu baseMzantsi Afrika nabaseMozambique.   

IKhabhinethi nayo njengoMongameli ibongoza abantu bakwaMhlabuyalingana kunye nababoomasipala abangqongileyo, owaseMkhanyakude, eHlabisa kunye nowaseJozini ukuba bavuselele ukuwathemba amapolisa baze basebenzisane nawo ukulwa ulwaphulo-mthetho olwenziwa kunqunyulwe imida ngokukodwa ukuqweqwediswa kweemoto kulo mmandla.

Amasebe weSizwe ingakumbi elezobuPolisa, elezoKhuselo, eloKhuseleko lweLizwe, eleMicimbi yezeKhaya, eloPhuhliso loLuntu namanye, ngokusebenzisana norhulumente wePhondo noomasipala aza kwenza amanyathelo okungenelela  angqingqwa emva kotyelelo lukaMongameli.

3.4. Ngeli xesha iindawo ezithile kweli ziyifumene imvula edingeka kakhulu apho izinga lamadama liye lenyuka kakhulu ade amanye agcwala ngokupheleleyo, imbalela egqubayo eNtshona Koloni imbi kakhulu nangona kude kwaphunyezwa izicwangciso-qhinga zokonga amanzi.  

Iindibano zokubonisana phakathi kwamasebe kazwelonke nawamaphondo kwakunye noomasipala ziyaqhubeka ngelinge lokuzama ukunciphisa umonakalo onokwenziwa yimbalela. Amanzi asahleli enqabile eMzantsi Afrika kwaye bonke abasebenzisi bamanzi – abasemakhaya nakumashishini bayabongozwa ukuba baqhubeke ukusebenzisa amanzi ngobunono.

3.5. IKhabhinethi nayo njengoMongameli uJacob Zuma iyavuyisana noMongameli uNana Addo Akufo-Addo weRhiphabliki yaseGhana ngombhiyozo obalulekileyo wokuba ilizwe laseGhana ligqiba iminyaka engama-60 yakhululekayo ngomhla wesi-6 kweyoKwindla yowama-2017.

3.6. IKhabhinethi nayo njengoMphathiswa wezoNxibelelwano yothulela umnqwazi abemi boMzantsi Afrika abaphumeleleyo kwiiMbasa zaMajelo eeNdaba zoMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC Media Awards). Ezi mbasa zihlonipha ukugqwesa kumsebenzi wobuntatheli zikwakhuthaza oonondaba kumazwe angamalungu e-SADC ukuba babhale ngemiba enxulumene nommandla ngenjongo yokukhuthaza ukudibana kommandla nentsebenziswano. Amajelo eendaba aseMzantsi Afrika ayamenywa ukuba angenise amagamo abo baza kuzigqatsa kuKhuphiswano lwee-SADC Media Awards, phambi komhla wokuvala wama-20 kweyoKwindla yowama-2017.

3.7. IKhabhinethi yazisiwe ngenkqubela namalungiselelo eMibhiyozo yemiNyaka eliKhulu ka-O. R. Tambo yowama-2017 phantsi komxholo othi: “Ubomi neGalelo lika-O. R. Tambo”. Inkqubo iza kuqhuba unyaka wonke elizweni jikelele eza kuba neendibano zokunika ulwazi, ukufundisa, ukuwonga kunye nokuhlonipha eza kuthi iphethwe kwimibhiyozo eluvuthondaba yeminyaka elikhulu ngomhla wama-27 kweyeDwarha yowama-2017, ize iqukunjelwe ekuqaleni kweyoMnga yowama-2017 ngomnyhadala womculo eMbizana, e-Wild Coast Casino. Le mibhiyozo yesizwe iza kuqhuba  unyaka ibethelela nangakumbi ukubaluleka  kwendima edlalwe ngu-O. R. Tambo kumzabalazo wenkululeko nokufumaneka kweNkululeko noLawulo lweNtando yesiNinzi.

Zonke iintsuku zeSizwe nezeziKhumbuzo zowama-2017 ziza kusetyenziswa njengamaqonga eMibhiyozo yemiNyaka eliKhulu ka-O. R. Tambo. IKhabhinethi ibongoza onke amacandelo ukuba alungelelanise iinkqubo nemixholo yawo ukuba ihambelane nomxholo neenjongo zeMibhiyozo yemiNyaka eliKhulu ka-O. R. Tambo.     

4. Ukuvuyisana

4.1. IKhabhinethi ivuyisana noMphathiswa wezeNdalo, u-Edna Molewa‚ nozakubekwa njengeNgqonyela yokuqala yeDyunivesithi yeNzululwazi ngezeMpilo iSefako Makgatho.

4.2. IKhabhinethi yothulela umnqwazi oosonzulu-lwazi abaselula abahlanu baseMzantsi Afrika abachongwe liZiko lezeNzulu-lwazi laseMzantsi Afrika (i-Academy of Science of South Africa), abaza kuthatha inxaxheba njengabanye oosonzulu-lwazi abaselula abangama-400 abavela kumazwe angama-76 nabakhethelwe ukuba bathathe inxaxheba kwiNdibano yaseLindau yabo Bawongwa ngeMbasa  yeNobel eLindau, kwelaseGermany. Abo ke nguGq Hlamulo Makelane, weDyunivesithi yaseNtshona Koloni; uFrederick Malan, weDyunivesithi yasePitoli; uFuneka Nkosi, weDyunivesithi yaseWitwatersrand; uRetha Peach, weDyunivesithi yaseMntla Ntshona, noGq Mark Williams-Wynn, weDyunivesithi yaKwaZulu-Natal. Le ndibano iza kuqhubeka ukususela kumhla wama-25 ukuya kowama-30 kweyeSilimela yowama-2017 apho kuya kulindeleka ukuba kuthathe inxaxheba abangama-31 abawongwa ngembasa yeNobel.  

4.3. IKhabhinethi iqhwabela izandla iqela labasetyhini bodwa labaphandi-nzulu beDyunivesithi yaseKapa, ekukho phakathi kwalo u-Gasnat Shaboodien no-Sarah Krause, nabaphandi-nzulu abasuka e-Italy nabafumanise ngoko kufunyanwa kwiseli elawula imo yohlaselo lwentliziyo. Ukufunyaniswa kwale seli kubaluleke kakhulu kwihlabathi kwaye kunokhokelela ekuthintelweni ukusweleka kwamakhulu-khulu abantu bebulawa sisifo esinxulumene nentliziyo rhoqo ngonyaka.

4.4. ISebe lezeMidlalo noloNwabo kunye neNkonzo yezeRhafu yaseMzantsi Afrika (i-SARS) zithe zawongwa ngokudibeneyo ngeMbasa yokuThethwa kweeLwimi eziNinzi yeBhodi yeeLwimi Zonke zaseMzantsi Afrika (i-PanSALB) kudidi lukaRhulumente/leCandelo likaRhulumente. Afumene oku kunconywa ngokuhlonipha iphulo lawo lokukhuthaza ukusetyenziswa kweelwimi ezininzi eMzantsi Afrika.   

4.5. Ukunikezelwa ngokuyimpumelelo ngeentambo zokuba ngusihlalo wekhomishini yeMbumba yamaZwe ase-Afrika (i-AU) nguGq Nkosazana Dlamini-Zuma ku-Moussa Faki Mahamat wase-Chad. IKhabhinethi imnqwenela iimpumelelo yodwa.

4.6. IKhabhinethi iyavuyisana naMajita ngendlela adlale ngayo kwimidlalo yabangaPhantsi kwemiNyaka engama-20 weNdebe yeZizwe zase-Afrika (i-African Cup of Nations), eZambia. Afikelele kumdlalo ongaphambi kowamagqibela kankqoyi kwaye ngokwenza njalo afumanele uMzantsi Afrika indawo kwiNdebe yeHlabathi yabangaPhantsi kwemiNyaka engama-20 ye-FIFA yowama-2017 neza kusingathwa eSouth Korea.

5. Imiyalezo yovelwano neminqwenno emihle

5.1. IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano kwiintsapho nabahlobo babo bathe bashiywa ngabantu babo kwimililo ethe yagubungela amatyotyombe aseKapa yashiya amawaka-waka abantu bengenamakhaya.

Urhulumente umise iintente ezinkulu ezimbini ukuze ancede  ukubhaliswa kwabo bathe balahlekelwa ngamaxwebhu abalulekileyo (iincwadi-zazisi, izatififeki zokuzalwa, njl njl) aze amaholo amane ibe ngawo ahlalisa abo bangenamakhaya, apho babonelelwa khona ngezinto ezibalulekileyo ezifana namanzi nokutya.

Amasebe karhulumente awohlukeneyo angenelele encedisa ngenkxaso neenkonzo ukunciphisa umonakalo odalwe yile ntlungu ebantwini.

IKhabhinethi iyayibulela imibutho yoNcedo namavolontiya ancedisa ngemisebenzi yoncedo oludingekayo kulo mmandla.

5.2. IKhabhinethi ikwanqwenela igqala elalichasene nocalucalulo uWinnie Madikizela-Mandela impilo entle ngeli xesha esesibhedlele, kwaye ibongoza ukuba sonke isizwe simbeke yena nosapho lwakhe ezingcingeni nasemithandazweni ngeli xesha.

5.3. IKhabhinethi njengoMongameli uJacob Zuma nayo inqwenelela igorha lomzabalazo u-Ahmed Kathrada ukuba achache ngokukhawuleza kwimpilo yakhe enkene-nkene kwezi ntsuku. Ungomnye wabathathu ekukuphela kwabo abasaphilayo kwababeXoxa kwiTyala laseRivonia kwaye sibongoza ukuba sonke isizwe masimbeke yena nosapho lwakhe ezingcingeni nasemithandazweni ngeli xesha.

Imibuzo:
Mnu Donald Liphoko
Inombolo yomnxeba: 082 901 0766

Share this page

Similar categories to explore