Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nokufaka isicelo sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho
Ukuba ufuna ukuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho eMzantsi Afrika, kufuneka uchwechwele i-arhente eza kukuvavanya ikuncede ikukhangelise umntwana olungele ukufumana abazali.
Ungafaka isicelo sokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho ukuba ungummi waseMzantsi Afrika ohlala eMzantsi Afrika kwaye ufuna ukuthatha umntwana waseMzantsi Afrika ongamzalanga abe ngowakho.
Ofanele kukwenza
- Yiya kuyo nayiphi na i-arhente kulo naliphi na iphondo olithandayo uyokufaka isicelo.
- I-arhenteeququzelela ukuthathwa kwabantwana iya kuqhuba uvavanyo/ ifunde ngekhaya ukufumanisa ukuba ukulungele na ukuba ngumzali.
- Ukuba i-arhente yonelisekile ziziphumo, baya kukufaka kwiRejista yabaNtwana abaNgathathwayo kunye naBazali abalungele ukuThatha abaNtwana lo gama bekuncedisa ukukhangela umntwana olungele ukufumana abazali.
- Ukuba umntwana uyafumaneka, baza kukubizela e-ofisini ukuba uzokubona umntwana bakubuze nokuba usenomdla na wokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho.
- Ukuba uyavuma, baza kuthumela ingxelo yakho kwinkundla yabantwana ukuqoshelisa ukuthathwa komntwana baze bakhuphe umyalelo wokuthathwa komntwana.
- Ingxelo yenkundla iya kuthunyelwa kwiSebe loPhuhliso loLuntu ukuze bakhangele ukuba inkqubo ilandelwe kakuhle na kunye nokubhala phantsi iinkcukacha zakho nezomntwana.
Ingaba kubiza malini na
Kufuneka uhlawule kumbutho okhusela abantwana ogunyazisiweyo malunga nokuthatha umntwana ongamzalanga abe ngowakho phakathi kwamazwe amabini.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Onke amaxwebhu ayafumaneka kwi-ofisi yeSebe loPhuhliso loLuntu ekufutshane nawe.
Ungaqhagamshela nabani