Malunga
Omawukwenze
Sithatha ixesha elingakanan
Kubiza malini
Iifomu ezigcwaliswayo
Ungaqhagamshelana nabani
Malunga nokubhalisa kwiziko lemfundo ephakamileyo
Ungaqhubeka nezifundo zakho kwidyunivesithi, kwidyunivesithi yobuchwepheshe okanye kwikholeji yemfundo noqeqesho lobugcisa nobuchule (i-TVET) oyithandayo, ukuba uselungelweni.
Iidyunivesithi zifundisa izifundo zemfundo nezobungcali, ngeli xesha iidyunivesithi zobuchwepheshe neekholeji ze-TVET zona zifundisa izifundo ezigxila kubuchule nezakhono zokwenza umsebenzi.
Kufanele uqinisekise ngezona zinto zifunekayo ukuze ubani akwazi ukwamkelwa kwiziko olithandayo.
Ukuba ngaba ungumfundi ophuma kumazwe angaphandle, kufuneka uqale wenze isicelo semvume yokufunda, usenze kwiziko lezozakuzo laseMzantsi Afrika elikwilizwe lakho. Iziqinisekiso zamabakala wakho ezeMfundo kufuneka zivavanywe kuqala nguGunyaziwe woQinisekiso lwamaBakala ezeMfundo waseMzantsi Afrika (i-Saqa) phambi kokuba ubhalise. Uvavanyo olo lungathatha iintsuku ezingafikelela kwi-16.
Omawukwenze
- Ngokuxhomekeke kumanqaku okwamkeleka kunye nezinto ezifunwa liziko khetha izifundo ovumelekileyo kuzo.
- Ukuba ubhalisa kwiziko labucala, khangela ukuba libhalisiwe na phantsi kweSebe lezeMfundo.
- Faka isicelo sokwamkelwa ngqo kwiziko olithandayo.
- Gcwalisa ifomu yokufaka isicelo emiselweyo yeziko elo.
- Faka ifomu yakho yokufaka isicelo nawo onke amaxwebhu afunekayo kwiziko elo.
Ukuba ngaba ungumfundi osuka kwilizwe langaphandle, faka isicelo soku kulandelayo:
Sithatha ixesha elingakanani
Amaziko awohlukeneyo athatha amaxesha awohlukeneyo.
Kubiza malini
Imali yokufunda yamaziko iyohluka.
Iifomu ezigcwaliswayo
Iifomu zokubhalisa zifumaneka kwiidyunivesithi nakwiikholeji ze-TVET.
Ungaqhagamshelana nabani
Iikholeji ze-TVET zikawonkewonke