Faka isicelo soncedo lwezezimali kwiNgxowa-mali yoNcedo lwezeziMali yabaFundi yeSizwe (i-NSFAS)

Ingaba udinga uncedo lwezezimali ukuze ukwazi ukufunda kwiziko lezemfundo ephakamileyo? Faka isicelo sebhasari kwiNgxowa-mali yoNcedo lwezemiMali sabaFundi yeSizwe (i-NSFAS).

U-NSFAS siskimu sebhasari esixhaswa liSebe lezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho kwabo bangenayo imali yokuqhubela phambili izifundo zabo kwaye bengakwazi nokufumana inkxaso-mali ebhankini, imali-mboleko yokufunda okanye iibhasari.

Faka isicelo ku-intanethi. Ixesha lokufaka izicelo livulwa okwexesha eliqingqiweyo ekupheleni konyaka ngamnye. Ukuba ufuna uncedo, tsalela inombolo yomnxeba ongahlawulelwayo engu: 08000 67327 okanye yiya kwi-ofisi ye-NYDA ekufutshane.

Qaphela:

Inkxaso yezezimali ye-NSFAS ibikade iyimali-mboleko ebekufanele uyibuyisile xa uphangela emva kokugqiba izifundo zakho. Ukuba uye waziphumelela zonke izifundo zakho, ama-40% enkxaso-mali ye-NSFAS yalo nyaka/isiqingatha sonyaka wemfundo ebeguqulwa abe yibhasari. Oko bekuthetha ukuba uyakuhlawula kuphela ama-60% emali ye-NSFAS xa uqala ukuphangela.

Ngolwazi oluthe vetshe qhagamshelana ne: iNgxowa-mali yoNcedo lwezeziMali yabaFundi yeSizwe.

 

Share this page