Isibonelelo se-LRAD

Malunga nokufaka isicelo sesibonelelo ngokwenkqubo yokuBuyiselwa koMhlaba woPhuhliso lwezoLimo (i-LRAD).

Inkqubo encinci yokuBuyiselwa koMhlaba woPhuhliso lwezoLimo (i-LRAD) yayilungiselelwe ukunceda abemi ababehlelelekile ngaphambili, abangabantu abaNtsundu, abeBala kunye nabangamaNdiya ukuba bafumane umhlaba wokulima, okanye bakwazi ukusebenzisa ngcono umhlaba abasele benawo.

Ukuze ube uselungelweni lokuxhamla, kufuneka:

  • ube ungomnye wabantu ababehlelelekile ngaphambili (okt, ungumntu oNtsundu, oweBala okanye oliNdiya)
  • ube uneminyaka engama-18 ubudala okanye ngaphezulu
  • ube neenjongo zokuwusebenzisela ukulima kuphela umhlaba lowo
  • ube neenjongo zokuba ngumfama oza kujongana noko kuphela
  • ungabi nasikhundla kulo naluphi na icandelo okanye isebe likarhulumente
  • ukulungele ukuthatha inxaxheba kwiinkqubo zoqeqesho emva kokuba uwufumene umhlaba
  • ube kanti ukulungele ukuba nawe uza kufaka isandla
  • nibe liqumrhu elisele libhalisiwe ukuba nifaka isicelo niliqela
  • ube une-akhawunti yebhanki.

Amafama izicelo zawo eziphumeleleyo afuna ukwandisa imisebenzi ayenzayo angafaka isicelo sesinye isibonelelo, kodwa isibonelelo se-LRAD sisonke somfama omnye asinakugqitha kwi-R430 857 100 000, oku kubizwa ngokuba kukugqithela kwinqanaba lokuba ngumfama ongumrhwebi ukuba ubungumfama osakhasayo ngaphambili.

Enye imali enokuthi ifunwe ukuqalisa okanye ukwandisa imisebenzi eyenziwa kule fama emva kokuba kuye kwabonakala ukuba isibonelelo esifunyenweyo asizaneli iingxaki zokusebenzisa loo mhlaba ingafunyanwa ebhankini. Isibonelelo se-LRAD asibuyiswa njengoko singeyomali uyibolekwayo.

Kusetyenziswa indlela ethile yokubala ukugqiba ukuba umntu uza kufumana imali engakanani na. Le yindlela ebhatalisa ngokokuxhomekeka kwizinto ezithile apho ubani eza kuncedisa ngemali encinci ephuma kwipokotho yakhe aze afumane isixa esikhulu esisibonelelo, aze ethubeni akhuphe isixa esikhulu aze afumane isibonelelo esincinci. Ukuze ube unelungelo lokufumana isibonelelo esingama-R111 152 20 000 kufuneka ukhuphe kuwe ama-R513 000. Igalelo lakho akunyanzelekanga ukuba libe yimali ezinkozo – unganikela nangezixhobo zokulima, imfuyo kunye nezinye iimpahla zezolimo, futhi ungatshintshisa nangabasebenzi.

Iifomu ezigcwaliswayo

Kwi-ofisi yephondo yeSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba okanye kwi-ofisi yezolimo encinci ekwingingqi yakho uza kunikwa ifomu oza kuyigcwalisa.

Iinkcukacha zonxibelelwano

Share this page