IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa

  IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa
   

Nawuphina umntu
ovula le website (umsebenzisi) ukwenza oko phantsi kweemeko
nemiqathango exelwe kwesi saziso sasemthethweni, kwaye uyazivuma
iimeko nemiqathango exelwe kwesi saziso sasemthethweni. Ukubangaba
umsebenzisi akanqweneli kubopheleleka kwezi meko nakule miqathango,
umsebenzisi akanakuyivula, aveze, asebenzise okanye akhuphe futhi
kungenjalo akope okanye asasaze, okanye kungenjalo akope okanye
asasaze imiba equlathiweyo efunyenwe kule
website.

1. USetyenziso kunye neLungelo lokuKhusela uMsebenzi
owenziweyo

1.1 Abasebenzisi bangajonga, bakope, bakhuphele kumatshini
wesiqhelo, baprinte kwaye basasaze imiba equlathwe kule website
okanye nayiphina inxenye yayo, ngeenjongo zokufumana ikcazelo
okanye zokubhekisa nokucaphula kuphela, kunye nangeenjongo
ezingezizo ezorhwebo.

1.2 Abasebenzisi abanqwenela ukusebenzisa imiba equlathwe kwesi
siza (site) ngeenjongo zorhwebo, bangakwenza oko kuphela ngemvume
ebhaliweyo abaqale bayifumana kuManejala we-Web (Web Manager),
kwinombolo yomnxeba ethi: +27 12 314 2140 okanye kwi email ethi:
electronic@gcis.gov.za.
Naluphina uveliso ngokutsha kunye nokwenza ikopi, okanye ukwenza
ikopi yemiba equlathwe apha, ngeenjongo zorhwebo, kufuneka
kubandakanye esi saziso selungelo lokukhusela umsebenzi owenziweyo
(copyright), ngokupheleleyo: © GCIS2004: ALL RIGHTS RESERVED.

1.3 Onke amalungelo endlela yokuziphatha kunye nawaphina amanye
amalungelo eNkqubo yeNkcazelo noNxibelelwano lukaRhulumente,
ekuthiwa yi-Government Communications and Information System
(GCIS), okanye elinye iziko lasemthethweni ekuqulathwe imiba yalo
kwesi siza, anganikwanga pahaha, abekiwe.

2. Amalungelo eMpahla neZinto eziyiMveliso
yeNgqondo

Yonke imiba equlathiweyo, uvimba wenkcazelo, iimpawu okanye amagama
okwazisa ngempahla nezinto okanye ngeemveliso, kubandakanywa, kodwa
kungaphelelanga kuzo, izixhobo ezifakwa kwikhompiyutha,
ubuchwepheshe, iziseko zokugcina nezinguvimba wenkcazelo, ulwazi
lokwenza into ethile, umsebenzi othile obhaliweyo, ubugcisa bezinto
ezizobiweyo neziphawulwe ngokubonakala ngamehlo, iimpawu ezimele
izinto ezithile, izinxulumanisi ezigqithisela kwimiqulu ethile,
inkcazelo yabucala, uyilo, inkqubo, upapasho, imveliso, inkqubo
okanye umbono wasengqondweni, ochazwe kule website, zingaba phantsi
kwamanye amalungelo, kubandakanywa amanye amalungelo empahla
nezinto eziyimveliso yengqondo, ayimpahla ye-GCIS okanye
anelayisensi enomnikazi oyi-GCIS, okanye iziko lasemthethweni,
kwaye ngaloo ndlela ke akhuselweyo ekubeni aphulwe ngumthetho
waseMzantsi Afrika kunye nezivumelwano zamazwe ehlabathi. Phantsi
kwamalungelo anikwe umsebenzisi apha, onke amanye amalungelo kuzo
zonke impahla nezinto eziyimveliso yengqondo kule website, abekwe
pahaha, kwaye ngokuveza lo vimba wenkcazelo kule website,
umsebenzisi akanikwa ilayisensi okanye akagunyaziswa.

3. Isitetimenti sokwala uxanduva

3.1 Le nkcazelo ikule website inenjongo yokunika inkcazelo
ngokubanzi kwisihloko esithile okanye kwizihloko ezithile kwaye
ayijongani naso sonke isihloko okanye zonke izihloko
ngokugqibeleleyo.

3.2 Luxanduva lomsebenzisi kuphela ukuzanelisa phambi kokuvula le
website malunga nokuba le website iyakuzifezekisa na iimfuno
ezizezomsebenzisi, kwaye iyakufanelana na nobuxhakaxhaka kunye
nezixhobo ezifakwa kwikhompiyutha, okanye iyakufanelana na
nezixhobo ezifakwa kwikhompiyutha. Inkcazelo, imibono
yasengqondweni kunye nezimvo ezivakaliswe kwesi siza mazingathathwa
ngokuba ziingcebiso zobuchule boqeqesho okanye izimvo
ezigunyazisiweyo ze-GCIS okanye zalo naliphina iziko lasemthethweni
ekufakwe inkcazelo, imibono yasengqondweni kunye nezimvo zalo kule
website. Abasebenzisi bayakhuthazwa ukuba babonisane neengcebiso
zobuchule boqeqesho phambi kokuba bathabathe amanyathelo awayamene
nenkcazelo, imibono yasengqondweni okanye izimvo ezivakaliswe kwesi
siza.

3.3 I-GCIS ayimelanga nto okanye ayenzi zithembiso zokuqinisekisa,
eziboniswe ngokungavelanga gca okanye ngenye indlela, zokuba,
phakathi kwezinye izinto, imiba equlathwe apha kunye nobuchwepheshe
obufumaneka kwesi siza abunazimpazamo okanye izinto ezishiyiweyo,
okanye zokuba le nkonzo iyakusinda ngokupheleleyo (ngokuziipesenti
ezili 100) kuphazamiseko nakwiimpazamo, okanye iyakufezekisa
indlela ethile yokwenza umsebenzi okanye yomgangatho. Esi siza
sinikwa “njengoko sinjalo”. I-GCIS iyazala pahaha zonke izithembiso
zokuqinisekisa ezingavelanga gca, kubandakanywa, ngaphandle
kokuqingqa, izithembiso zokuqinisekisa ukurhwebiseka
nokuthengiseka, itayitile, ukulungela injongo ethile, ukungophulwa,
ukufanelana, ukhuselo kunye nokuchaneka, kwaye ayimeli okanye
ayenzi zithembiso zokuqinisekisa, ezivakaliswe pahaha okanye
ngokungavelanga gca, malunga nemiba equlathwe yile website,
namalunga nokuba i-website iqulungqelwe okanye ikhutshelwe
ukufezekisa iimfuneko ezizezomsebenzisi. Abasebenzisi bayakhuthazwa
ukuba bazixele naziphina iimpazamo ezinokuthi zibekhona,
ukungasebenzi kakuhle okanye izinto ezikhubekisayo nezimanyumnyezi,
ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo.

3.4 Ukusetyenziswa kwemiba equlathwe apha kule website
kungumngcipheko womsebenzisi. Umsebenzisi uthabatha uxanduva
olupheleleyo kunye nomngcipheko welahleko evela kusetyenziso
lwemiba equlathwe apha kwesi siza. I-GCIS okanye naliphina iziko
lasemthethweni ekufakwe inkcazelo yalo kwesi siza, okanye abaqeshwa
be-GCIS, okanye elo ziko, abayikuba noxanduva lokufaneleka ekubeni
bakhuphe intlawulo yembuyekezo yomonakalo elungiselelwe imeko
ethile, engekho nqo, evela ngokwayamana, esisiphumo okanye
esisohlwayo esogqitha imbuyekezo okanye nayiphina enye intlawulo
yembuyekezo yomonakalo nokuba kungeyiphina indlela, nokuba
kukumanyathelo ekhontrakthi, umthetho obhaliweyo owiswe yindlu
yowiso-mthetho, isenzo esingalunganga nesaphula ilungelo
(kubandakanywa, ngaphandle kokuqingqa, ukungahoyi), okanye ngenye
indlela, eyayamene nokusetyenziswa kwalo mqulu okanye kwale
nkcazelo. Ukubangaba nawuphina umba kule idlulileyo awunyanzeliseki
ngokupheleleyo ngenxa yaso nasiphina isizathu, le iseleyo imiba
yona iyakuqhubeka ukusebenziseka naxa kunjalo. Phantsi kwecandelo
43(5) necandelo 43(6) loMthetho woNxibelelwano neNtengiselwano
ngokoMatshini woMbane (Electronic Communications and Transactions
Act 25 of 2002), i-GCIS ayiyikubanoxanduva lokufaneleka kuyo
nayiphina intlawulo yembuyekezo yomonakalo, ilahleko okanye
uxanduva lokufaneleka lwalo naluphina uhlobo nokuba kuyiyo
nayiphina indlela, oluvela ekusetyenzisweni okanye ekungakwazini
ukusebenzisa le website, okanye iinkonzo okanye imiba equlathiweyo
ekhutshwa ngale website okanye enikwa ngokwale website.

3.5 Unxulumaniso oluthile kwisinikezeli seenkqubo ze-web
lukhokelela kwizinto ezisetyenziswayo ezigcinwa nezilondolozwa
ngababandakanyeki besithathu i-GCIS engenalawulo kubo. I-GCIS
ayimeli nto okanye ayenzi sithembiso sokuqinisekisa ngokumalunga
nokuchaneka kwezo zinto zisetyenziswayo okanye nawuphina omnye umba
owayamene nezo zinto zisetyenziswayo.

3.6 Imimiselo yeCandelo 2 leSahluko III soMthetho woNxibelelwano
neNtengiselwano ngokoMatshini woMbane (Electronic Communications
and Transactions Act 25 of 2002), apha iyakhutshwa kubandakanyeko
lokusebenziseka kulo naliphina unxibelelwano lombane kunye
nemiyalezo yovimba wenkcazelo umsebenzisi ayithumela kwi-GCIS
ngokwale website. Naluphina unxibelelwano okanye umyalezo wovimba
wenkcazelo othunyelwa ngumsebenzisi kwi-GCIS uyakuthathwa ngokuba
ufunyenwe yi-GCIS xa ukufunyanwa kuvunyiwe ngencwadi ebhaliweyo.
Ukubangaba umatshini womsebenzisi awuyifumani impendulo kwisithuba
sexesha elithile elinengqiqo, umsebenzisi kufanele abuzise
kwi-GCIS. I-GCIS ayiyikubanoxanduva lwemfaneleko yako nakuphina
ukungaphumeleli ukuphendula.

3.7 Ukubangaba umsebenzisi udinga nayiphina inkcazelo kwi-GCIS
malunga neenkonzo zayo okanye imiba equlathwe kule website,
kungasetyenziswa unxulumaniso lokunika inkcazelo
ngeziphumo.

4. Ukukhuseleka

4.1 Ukhuselo

I-GCIS inemigangatho yorhwebo enengqiqo yobuchwepheshe kunye
nokhuselo lokwenza imisebenzi ukuze ikhusele yonke inkcazelo enikwe
ngabasebenzisi, ekulahlekeni, kusetyenziso kakubi, kuguqulo okanye
kutshatyalaliso. Kuyakuthatyathwa wonke amanyathelo anengqiqo ukuze
kukhuselwe inkcazelo yomsebenzisi. Abasebenzi abagunyazisiweyo
abanoxanduva lokugcina nokulondoloza nawuphina uvimba wenkcazelo
enikiweyo efanele ukunonophelwa, bafuneka ukuba bagcine loo vimba
wenkcazelo eyimfihlo. Lo mgaqo usebenziseka kubo bonke abaqeshwa
be-GCIS okanye amaqumrhu oluntu angafumana loo nkcazelo kwi-GCIS.
Kuyatsoliswa ukungavumeleki kwakhe nawuphina umntu, ishishini
okanye iziko ukuba lifumane okanye lizame ukufumana ufikelelo
olungagunyaziswanga kulo naliphina iphepha kule website, okanye
lifake okanye lizame ukufaka uvimba wophawu olonakalisayo okanye
olunenjongo yokwenzakalisa kule website. Ukubangaba umntu ufaka
okanye uzama ukufaka nawuphina uvimba wophawu owonakalisayo okanye
oneenjongo zokwenzakalisa kule website, okanye uzama ukufumana
ufikelelo olungagunyaziswanga kulo naliphina iphepha kule website,
loo mntu uyakumangalelwa ngesenzo sobugebenga, kwaye, ukubangaba
i-GCIS, okanye naliphina iqumrhu loluntu lingonakalelwa okanye
lifumane ilahleko, kuyakubangwa intlawulo yembuyekezo yomonakalo
wentlalo.

4.2 UNxulumaniso kunye nokuNgqinga

Zamkelekile ii-websites zababandakanyeki besithathu ukuba
zinxulumane nenkcazelo efakwe kula maphepha. Kuyatsoliswa
ukungavumeleki kwakhe nawuphina umntu, ishishini, iziko okanye
i-website ukuba ingqinge naliphina iphepha kule website,
kubandakanywa iphepha langaphakathi, ngayo nayiphina indlela konke
konke, ngaphandle kwemvume ebhaliweyo neqale yafunyanwa
ye-GCIS.

4.3 Unxulumano nee-Websites zaBabandakanyeki beSithathu

I-GCIS inganika unxulumaniso nezinye ii-websites ukwenzela nje
kuphela ukuba kubelula futhi kubeluncedo, kwaye ukufakwa kwalo
naluphina unxulumaniso akubonisi ukuba i-GCIS iyazivuma ezo ziza.
Ii-websites ezinxulumanisiweyo okanye amaphepha anxulumanisiweyo
awekho phantsi kolawulo lwe-GCIS. I-GCIS ayinaxanduva okanye
xanduva lokufaneleka, nqo okanye ngokungekho nqo, ngayo nayiphina
indlela, kwimiba equlathiweyo, ukusetyenziswa okanye ukungakwazi
ukusebenzisa, okanye ukuveza naziphina ii-websites
ezinxulumanisiweyo okanye naluphina unxulumaniso oluqulathwe
kwi-website enxulumanisiweyo.

5. Ukubanethuba lakho wedwa
labucala

5.1
Intshayelelo

Isitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala sisebenziseka
kwi-GCIS nakulo naliphina iziko lasemthethweni, elilawula,
elingqinisisa okanye elisebenzisa inkcazelo engaqokelelwa ngokwesi
siza.
Umsebenzisi angatyelela esi siza ngaphandle kokunika inkcazelo
ngaye ubuqu. Nangona kunjalo, umsebenzisi uyaluvuma usetyenziso
lwalo vimba wenkcazelo ngokuhambisana nesi sitetimenti
sokubanethuba lakho wedwa labucala. Nceda uqaphele ukuba esi siza
singaqulatha unxulumaniso nezinye iziza ezingalawulwayo sesi
sitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala.
Ukubangaba umsebenzisi unemibuzo okanye uneenkxalabo ezithile
malunga nesi sitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala okanye
ithuba lomsebenzisi eyedwa, ngelilixa asebenzisa le Website,
kungasetyenziswa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo.

5.2 Amaqebengwane enkcazelo

I-GCIS ingasebenzisa amaqebengwane enkcazelo (iifayili
ezincinane zenkcazelo ebhaliweyo ezigcinwa kwindawo yokuhlola
yomsebenzisi) okanye iintlantsi ze-web (imifanekiso yombane eyenza
ukuba le website ibale abasebenzisi abavule iphepha elithile kunye
nokuveza amaqebengwane athile enkcazelo), ukuze iqinisekise ukuba
i-website ilawulwa kakuhle kwaye iphembelele ukuphuculwa kwesiza.
I-GCIS okanye umniki-nkonzo okanye abaniki-nkonzo bayo
bangasebenzisa amaqebengwane enkcazelo ukuze baqokelele uvimba
wenkcazelo equngeneyo. I-GCIS ingasebenzisa ezo zixhobo kumaxesha
ngamaxesha ukuze ikhangele inkcazelo kwiinkqubo zayo kwaye ichonge
amacandelo wabasebenzisi ngemiba efana ne-adresi ye-IP, indawo
egqamileyo ye-internet, uhlobo lomhloli kunye namaphepha
atyelelweyo. Le nkcazelo ixelwa kumlawuli we-web, othi ke yena
asebenzise le nkcazelo ukuze acubungule inani labasebenzisi
kwimimandla eyahlukeneyo yesiza kwaye aqinisekise ukuba esi siza
sisebenza njengomthombo wenkcazelo oluncedo nofezekisayo.
Amaqebengwane enkcazelo kunye neentlantsi ze-web zizombini,
aziyibambi inkcazelo yobuqu efana negama lomsebenzisi okanye
i-adresi ye e-mail. Umsebenzisi angawala amaqebengwane enkcazelo
njengoko uninzi lwezihlolisi zivumela ukuba umntu awale
amaqebengwane enkcazelo. Phantsi kweemeko ezithile, abasebenzisi
bangalelwa ufikelelo kwezinye iindawo zale website ukubangaba
izihlolisi zabo zilungiselelwe ukwala amaqebengwane
enkcazelo.

5.3 Usetyenziso lwenkcazelo yobuqu

Inkcazelo yobuqu isetyenziswa kuphela ngeenjongo eziqingqiweyo,
umzekelo xa umsebenzisi ebhalisa kwi-website ukuze acele
unxibelelwano lwexa elizayo malunga nemimandla yeminqweno ye-GCIS.
I-GCIS ingayisebenzisa inkcazelo enikwe ngumsebenzisi ukuze iseke
ubume bobuqu ukuze iqhelanise iindlela zayo zokusabela kwizicelo
ezizayo okanye kwizicelo zokubuzisa kunye nokuphucula i-website. Xa
umsebenzisi ekhetha ukubhalisa kwi-online ukuze afumane imiba
ekhutshwa yi-GCIS, i-GCIS iyakusebenzisa inkcazelo enikwe
ngumsebenzisi ukuze iphendule umsebenzisi. Ngaphezulu koko,
umlawuli we-web, apho kuyimfuneko, angasebenzisa inkcazelo
yomsebenzisi kwimisebenzi eyahlukeneyo eyayamene nesiza. I-GCIS
iyakuqinisekisa ukuba nayiphina imisebenzi yentengiso iyahambisana
nomthetho obandakanyekayo kwaye isetyenziswa ngemigaqo yokufumana
imvume eyimfuneko phambi kokuthumela i-e-mail yomsebenzisi equlathe
inkcazelo ngeenkonzo ze-GCIS. Naninina, umsebenzisi angacela i-GCIS
ukuba iyeke ukuthumela loo nkcazelo kumsebenzisi, ngokusebenzisa
unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo okanye lokucima
ubhaliso.

5.4 Ukuveza inkcazelo kubabandakanyeki besithathu

Nangona nje i-GCIS inganika inkcazelo yomsebenzisi
kubaniki-nkonzo abaphatha inkcazelo egameni layo, ayidli
ngokwabelana ngenkcazelo nababandakanyeki besithathu okanye amanye
amaziko oluntu ngeenjongo ezikwinqanaba lesibini okanye
ezingayamenanga, ngaphandle kokuba kuvezwe ngenye indlela kwindawo
yokuqokelela.
Inkcazelo yobuqu ingakhutshwa ngokwamazwe ehlabathi ngokwe-GCIS
okanye kubabandakanyeki besithathu ngeenjongo ezichazwe apha
ngasentla. Oku akuyi kubandakanya utshintshelo kumazwe angenamigaqo
yokukhusela uvimba wenkcazelo efana naleyo isetyenziswa kwilizwe
ekuhlala kulo umsebenzisi. Ngokunika inkcazelo kwi-GCIS ngokwale
website, umsebenzisi uyaluvuma olo tshintshelo.
Xa kufanelekile, inkcazelo ngobuqu bomntu ingavezwa kwii-arhente
zokunyanzelisa umthetho, okanye ezokugqalisela okanye ezinye
ii-arhente zikarhulumente okanye ababandakanyeki besithathu xa
kuyimfuneko okanye kunqweneleka ukuze kuhanjiswane noxanduva
lwasemthethweni okanye logqaliselo okanye nezicelo, okanye
ngeenjongo ezichazwe apha ngasentla.

5.5 Ukufikelela kwiNkcazelo yoBuqu

Ukubangaba inkcazelo yobuqu ithunyelwe kule website,
abasebenzisi abanqwenela ukuqwalasela ngokutsha inkcazelo yabo
yobuqu bangakwenza oko ngokucela olo qwalaselo ngokutsha
ngonxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo. Abasebenzisi
bayakuthi ke bakwazi ukufikelela kubume babo bobusebenzisi,
balungise kwaye bafake inkcazelo yakutshanje kwiinkcukacha zabo,
okanye bacime ubhaliso naninina. Abasebenzisi abanengxaki ngokuveza
ubume babo bobusebenzisi, okanye abangathanda ukucela ikopi
yenkcazelo yobuqu babo, kufanele banxulumane nomlawuli we-web
ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo. Kuzo
zonke iimeko, i-GCIS iyakujongana nezicelo zokuveza inkcazelo
okanye zokuguqula inkcazelo ngokuhambisana neemfuneko
ezibandakanyekayo zasemthethweni.

5.6 Akukho sivumelwano

Akukho nto equlathwe apha eseka okanye enenjongo yokuseka
ikhontrakthi okanye isivumelwano phakathi kwe-GCIS kunye nawuphina
umsebenzisi otyelela le website.

5.7 Ukhuselo lwethuba elilodwa nelabucala labantwana

I-GCIS iyakuqonda ukubaluleka kokukhusela ithuba elilodwa
nelabucala labantwana kwimiba yonxulumano
lwe-online.

6. Ukubanako ukuqhawuleka

Ezi meko nemiqathango yokusetyenziswa zibandakanya ubudlelwane
obupheleleyo bobuchule boqeqesho okanye obunye ubudlelwane phakathi
kwe-GCIS nomsebenzisi wale website. Nakuphina ukungaphumeleli
kwe-GCIS ukusebenzisa okanye ukunyanzelisa naliphina ilungelo
okanye ummiselo wezi meko nale miqathango yokusetyenziswa,
akuyikubandakanyanya nangayiphina indlela, ukubekela ecaleni
nokuyeka elo lungelo okanye loo mmiselo. Ukubanngaba nayiphina
imeko okanye umqathango wokusetyenziswa kwale website
awunyanzeliseki ngokupheleleyo okanye awusebenziseki
ngokwemfaneleko ngokupheleleyo, ngenxa yaso nasiphina isizathu, loo
meko okanye ezo meko okanye loo mqathango okanye loo miqathango
iyakuqhawuleka kwezi meko nemiqathango iseleyo. Iimeko nemiqathango
eseleyo ayiyikuchaphazeleka koko kunganyanzeliseki okanye
ukungasebenziseki ngokwemfaneleko, kwaye iyakuhlala inyanzeliseka
kwaye isebenziseka.

7. Ukunika inkcazelo yakutshanje kwezi Meko nakule
Miqathango

I-GCIS iyalibeka ilungelo lokuguqula, ukulungisa, ukongeza
okanye ukususa kwinxenye okanye kuzo zonke ezi meko nemiqathango
yokusetyenziswa, kumaxesha ngamaxesha. Iinguqu kwezi meko nakule
miqathango yokusetyenziswa ziyakuqala ukusebenza zakube ezo nguqu
zifakwe kule website. Luxanduva lomsebenzisi ukumana ekhangela ezi
meko nale miqathango yokusetyenziswa kule website ukuze ajonge
iinguqu okanye imiba yenkcazelo yezinto zakutshanje. Ukumana
kusetyenziswa le website ngumsebenzisi emva kokufakwa kweenguqu
okanye imiba yenkcazelo yakutshanje, kuyakuthathwa ngokuba sisaziso
sokwamkela komsebenzisi ukulandela kunye nokubopheleleka kwezi meko
nakule miqathango yokusetyenziswa, kubandakanywa ezo nguqu okanye
loo nkcazelo yakutshanje.

8. Inkcazelo malunga ne-website kunye
nomnikazi

8.1 Igama elipheleleyo kunye nobume basemthethweni bomnikazi
we-website lithi:

Government Communication and Information System (GCIS), iSebe
loRhulumente weLizwe leRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, njengoko
limelwe liGosa leSigqeba eliyiNtloko (Chief Executive Officer)
le-GCIS.

8.2 I-adresi ye-website yale website ithi:
http://www.services.gov.za

8.3 Iinkcukacha zonxulumano nomnikazi we-website:

I-adresi yokuPosa:
Government Communication and Information System
Private Bag X745
PRETORIA
0001

I-Adresi yeSitalato:
Government Communication and Information System
Midtown Building No. 356
Cnr Prinsloo and Vermeulen Streets
PRETORIA
South Africa

Inombolo yomnxeba: +27 12 314 2911
Inombolo yefeksi: +27 12 323 3831

E-mail:
electronic@gcis.gov.za

   

Share this page