INtetho kwiNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-6 kweyoMnga yowama-2017

IKhabhinethi ibihleli intlanganiso yayo yokugqibela yowama-2017 kwiZakhiwo zoMdibaniso, ePitoli.

A. IZigqibo zeKhabhinethi

1. IKhabhinethi ikwamkele ukuphunyezwa kwesiCwangciso-qhinga seCandelo lezoKhenketho seSizwe (i-NTSS) sowama-2017-2026. I-NTSS izinze kwiintsika ezintlanu ezibalulekileyo, ezo ke lubhengezo-thengiso, ukuqinisekisa ukuba abakhenkethi bayakwazi ukungena nokuhamba lula kweli, ukuphucula indlela abaphathwa bantendwe ngayo abakhenkethi, ulawulo lwendawo ezityelelwa ngabakhenkethi nezibonelelo ezibanzi.
Ixwebhu elipheleleyo liyafumaneka kwiwebhusayithi yeSebe lezoKhenketho, eyile: www.tourism.gov.za.

2. IKhabhinethi iyamkele inkqubo-sikhokelo yokusekwa kweNkampani yeSizwe ye-Intanethi Ekhawulezayo. Iza kusekwa ngendibanisela kaSentech noBroadband Infraco. Oku kuza kukhawulezisa umsebenzi wokuqaliswa kwamacandelo asebenzisanayo ngendlela engenamagingxi-gingxi kuze kudalwe inkampani enkulu engumakhwekhwetha kweze-intanethi ekhawulezayo.

3. IKhabhinethi iyamkele iNgxelo yeNkqubela yokuQala yoNyaka engokuPhunyezwa koMgaqo-nkqubo ongamaLungelo waBantu abaKhubazekileyo (i-WPRPD). Le ngxelo iquka ixesha elisuka kumhla woku-1 kweyoMqungu ukuya kowama-31 kweyoMnga wama-2016.

Le ngxelo inika uvavanyo olukwizinga eliphezulu ngomgama osele uhanjiwe ngamasebe karhulumente ukufaka imigaqo-nkqubo ye-WPRPD kwizicwangciso zawo, uhlahlo lwabiwo-mali, nenkqubo yonikezelo-nkonzo neyokwenza ingxelo.

4. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kweNkqubo-sikhokelo yoMgaqo-nkqubo wabaKhubazekileyo wobuChule weNkqubo yezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho ukuze uluntu luhlomle.

5. IKhabhinethi yazisiwe ngeziphumo zokuHlaziywa kweNkqubo yokuVuselelwa kweeTeksi okwenziwe ukususela kweyeNkanga yowama-2015 ukuya kweyoMsintsi yowama-2016. Le nkqubo iyinxalenye yesiCwangciso-qhinga seziThuthi zikaWonkewonke, nesijolise ekuboneleleni ngenkqubo yezothutho edibeneyo, ekhuselekileyo nesebanzayo eMzantsi Afrika.  

IKhabhinethi ikwamkele ukuba kubanjwe ezinye iindibano zokufakana imilomo namasebe achaphazelekayo phambi kokuba iSebe lezoThutho leSizwe libe nokusebenzisa le ndlela yokusebenza ihlaziyiweyo.

6. IKhabhinethi ikwamkele ukukhutshwa koshicilelo lwe-8 lwezaLathisi zoPhuhliso (2016). INgxelo yezaLathiso zoPhuhliso igxile kuphuhliso loMzantsi Afrika ukususela oko kwangena ulawulo lwentando yesininzi ize ibeke phantsi kweliso umsebenzi wokuphunyezwa kwesiCwangciso soPhuhliso seSizwe: uMbono wama-2030.  

7. IKhabhinethi iwamkele amanyathelo okomelezwa kolawulo lwendlela yokuziphatha kwabasebenzi bakarhulumente ngokumalunga nokwenza ushishino namaqumrhu karhulumente. Iqalisa ukusebenza kweMimiselo yeNkonzo kaRhulumente yowama-2016, ethintela abasebenzi bakarhulumente ukuba bangenzi lushishino norhulumente. Ukususela ngomhla woku-1 kweyoKwindla, uNondyebo weSizwe, exhaswa liSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo (i-DPSA), iza kuhlola zonke izicelo zokubhalisa ezintsha kuLuhlu lweSizwe lwabaNikeli-zinkonzo olukwi-intanethi zize zithelekiswe neNkqubo ye-Persal.

8. IKhabhinethi iyamkele iNkqubo eNtsha yoLawulo loKwenziwa koMsebenzi noPhuhliso yeeNtloko zaMasebe, nebonakalisa ngokuchanekileyo uqhagamshelwano phakathi kokwenziwa komsebenzi ngumntu buqu kunye nokwenziwa komsebenzi liziko. Iza kuqala ukusebenza ngomhla woku-1 kuTshazimpuzi wowama-2018.

9. IKhabhinethi ikwamkele ukuveliswa nokufezekiswa kweNkqubo-sikhokelo yeSkimu sokuFumana abaThweswa-zidanga seNkonzo kaRhulumente. Oku kwenza inxalenye yenkqubo yophuhliso ngaphakathi kwiNkonzo kaRhulumente ukutsala abathweswa-zidanga bangene kwiNkonzo kaRhulumente.  

Le nkqubo-sikhokelo iquka ukubekela bucala inani elithile lezithuba ezikhoyo kwisebe ngalinye kusenzelwa ukuba kuzo kuqeshwe abathweswa-zidanga kwimisebenzi enezakhono ezinqabileyo. UMphathiswa wabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo uza kwenza ukuba le nkqubo-sikhokelo ihambelane neNkqubo yeNkonzo yokuQeshwa koLutsha.

10. IKhabhinethi ikwamkele ukupapashwa kwezi Zaziso zilandelayo kwiPhepha-ndaba loMbuso zinxulumene nokuQwalaselwa Ngokutsha koMmandla woLawulo lweeNkundla, okugxile ekwandiseni indlela ubulungisa obufikeleleka ngayo kwabo babehlelelekile ngaphambili kunye neelali ezingafumani zinkonzo ngokwaneleyo. Oku kuqwalaselwa ngokutsha kuza kwenzeka kwizithili zomantyi eFreystata naseMntla Koloni, kwakunye nokususwa kweZithili zoMantyi ezithile kwiCandelo leNkundla ePhakamileyo yaseGauteng zaze zafakwa phantsi kommandla wolawulo weCandelo leNkundla ePhakamileyo yaseMntla Ntshona.   

11. IKhabhinethi iyamkele iMimiselo yeMithetho yoLamlo ngokwemimiselo yoMthetho woKhuselo loTyalo-mali, wama-2015 (uMthetho 22 wama-2015). Le mimiselo inceda umtyali-mali onesikhalazo esimalunga namanyathelo athathwe ngurhulumente athe achaphazela utyalo-mali lwakhe, acele iSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti) ukuba lingenelele ngendlela yolamlo efanelekileyo.

12. IKhabhinethi ikwamkele ukuqhutywa nokusingathwa kwezi ngqungquthela zilandelayo:

  • INgqungquthela yeSizwe yokuCebisana yeNkqubo yaBasebenzi boPhuhliso loLuntu yowama-2018 liSebe lezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo (i-DPSA).
  • INgqungquthela yoNyaka yama-23 yoMbutho wabeTshutshisi weHlabathi, eza kusingathwa liGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) eDurban kwinyanga yoMsintsi yowama-2018.  
  • IQonga lezeNzululwazi leHlabathi lowama-2021 eMzantsi Afrika. ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe liza kuthethana neKomiti eQuquzelelayo yeQonga lezeNzululwazi leHlabathi licela ukuba le ndibano ibanjelwe kweli.
  • IiNgxoxo ezikwiZinga eliPhezulu zeMbumba yase-Afrika (AU) zowama-2017, ziza kusingathwa yi-DPSA ukususela ngomhla we-6 ukuya kowe-8 kweyoMnga yowama-2017.

13. IKhabhinethi ivumile ukuba iingqekembe ezintsha ezisikhumbuzo zabaqokeleli-zingqekembe neziza kusasazwa eluntwini zikhutshwe kowama-2018.

Ezi ngqekembe, nokwaziswa kwazo, ziza kupapashwa kwiPhephandaba loMbuso:  

  • I-Krugerrand eyi-20z yowama-2018 yegolide eneekhathi ezingama-22;
  • Iingqekembe ze-Natura zowama-2018 zegolide eneekharathi ezingama-24- (Ukuvuka kwezidla-mlilo, idaynaso – Archosauria);
  • Iingqekembe ze-R1 zowama-2018 zegolide eneekharathi ezingama-24- (Izirhubuluzi zaseMzantsi Afrika – uhlobo lwefudo olubizwa i-parrot beaked padloper);
  • Ingqekembe ye-R5 yowama-2018 eza kusasazwa kuwonke-wonke eyenziwe ngeentlobo ezimbini zesinyithi (Isikhumbuzo seminyaka elikhulu kaNelson Mandela);
  • Iingqekembe zesiQwane zowama-2018 zegolide eneekharathi ezingama-24 kunye nesilivere engxengwe kancinci (i- sterling-silver) (Ubomi beSithwalandwe -uNelson Mandela);
  • Iingqekembe ze-R2 Crown neTiki eyi-2½ zowama-2018 zesilivere engxengwe kancinci(Izinto eziQanjwe eMzantsi Afrika – i-Computed Tomography); kunye
  • neeNgqekembe zowama-2018 ezenziwe ngesilivere engxengwe kancinci (Iintaka neeNtyatyambo zoMyezo woLondolozo-ndalo wase-Waterberg).

B. Imiba engundaba-mlonyeni

14. Iziphumo zeSambuku seMveliso yeLizwe (i-GDP)

IKhabhinethi ixolile luhlumo loqoqoqsho lwaseMzantsi Afrika nolukhule ngomlinganiselo wonyaka ozi-2% kwikota yesithathu yowama-2017, ususela kumlinganiselo otshintshiweyo ophezulu oyi-2.8% kwikota yesibini. Ukusebenza okungaphezulu kunokuba kulindelekile ubukhulu becala benzeke ngenxa yohlumo oluhle oluqhubekekayo kwicandelo lezolimo, nolwenze igalelo oluyi-0.9% kuhlumo olupheleleyo emva kohlumo lwama-44.2% ikota-nekota.
    
Ukuqhuba kakuhle kakhulu kwezolimo, apho kubekho uhlumo oluhle kwiikota ezintathu zilandelelana, kwenzeke ngenxa yemveliso ephezulu yezityalo zasemasimini (ezifana nombona) kwimimandla efumana iimvula ehlotyeni nakwiimveliso zolimo ezilinywa ezigadini nasezitiyeni. Ezezimbiwa neemveliso zezinto ezenziweyo nazo zenze igalelo kolu hlumo, apha icandelo lezezimbiwa neekwari lihlume nge-6.6 % into leyo eligalelo eliyi-0.5% kuhlumo lulonke.

Icandelo lezombane ibe lelona lisileleyo, lehle nge-5.5%. Uhlumo kwizinto ezisetyenziswa emakhaya oluyi-2.6% lubangelwe ikakhulu yinkcitho kwizinto ezihlala ixesha elide, nezenze igalelo le-1.6% koku kukhula kwe-2.6%. Uhlumo olungaphezu kunokuba kulindelekile kunye nokutshintshwa komlinganiselo wohlumo unyuswe kwikota yesibini kungakhokelela ekubeni uhlumo lulonke lufikelele kwi-0.9% ngowama-2017.

Oku kungaphezulu kwi-0.7% ibithelekelelwe ngexesha loHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS). Urhulumente kufuneka aqinisekise ukuba esi santya uqoqosho luhluma ngaso asitshintshi ngokuthi aqalise ukufezekisa amanyathelo ali-14 okuphucula indlela oluthenjwe ngayo uqoqosho lweli ancedisayo ekuphuculeni indlela uqoqosho lweli oluthenjwa ngayo ngabathengi nangabezoshishino.

15. Iziko, i-InvestSA One-Stop Shop

IKhabhinethi iyakwamkela ukuvulwa ngokusesikweni kweziko elinezinto zonke, i-InvestSA One-Stop Shop, kwiphondo laKwaZulu-Natal nguMongameli uJacob Zuma njengelinye lamalinge okuphucula ukwenza kube kulula ukuqhuba ushishino eMzantsi Afrika. Eli liziko lesithathu ukuvulwa kweli. Iinjongo zalo kukudala iimeko ezifanelekileyo ngokuba la ngamaziko aluncedo kubatyali-mali abanokuya kuyo xa befuna uncedo olukhawulezayo nokunciphisa ubucukubhede bukarhulumente obusokolisayo xa umntu eqala ishishini.  

16. Ubudlelwane boMzansi Afrika ne-Angola

IKhabhinethi iyazamkela izivumelwano ezityikitywe ngexesha loTyelelo lwasebuRhulumenteni eMzantsi Afrika nguMongameli wase-Angola uJoão Manuel Gonçalves Lourenço. Kutyikitywe ezi zivumelwano zilandelayo: iSivumelwano sokuQondana (i-MoU) esingokudalwa kweKhomishini yooMongameli beZizwe eziBini, i-MoU yeNtsebenziswano kwicandelo lezokusiNgqongileyo, iMigaqo yokuPhunyezwa kweMithetho yokuNqunyanyiswa koMthetho oNyanzelisa ukuphathwa kwe-visa, isiVumelwano kwiNtsebenziswano yamaPolisa nesiVumelwano sokuNcedana kulawulo ngeMiba engeRhafu yeeMpahla eziNgenayo neziPhumayo.

17. INgqungquthela yesiHlanu yeMbumba ye-Afrika (i-AU) neManyano yaMazwe aseYurophu (i-EU)

IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zeNgqungquthela yesiHlanu yeMbumba ye-Afrika (i-AU) neManyano yaMazwe aseYurophu (i-EU). Le ngqungquthelo inike uMzantsi Afrika ithuba lokomeleza ubudlelwane bezoqoqosho nobudlelwane bezozakuzo ngokuthi ubambe iindibano ezahlukeneyo ngethuba kuqhuba le ngqungquthela. Ezi ndibano zifana neQonga lezoShishino neNgqungquthela yoLutsha, ebezigxile kakhulu kuhlumo loqoqosho oluxhanyulwa ngumntu wonke, ukuqweshwa kolutsha kunye noshishino olusakhulayo.

18. Ukuthengiswa kwembaca zase-Afrika njengemakhoboka

IKhabhinethi nayo njengehlabathi iyazigxeka iingxelo zokuthengiswa kwiifandesi kweembacu zase-Afrika njengamakhoboka eLibya. Izenzo ezikumila kunje ezingenabuntu zichasene nemithetho  ye-AU, kunye nezivumelwano ezifanelekileyo zase-Afrika nezehlabathi, kuquka noMqulu wase-Afrika ongamaLungelo Aabantu.

IKhabhinethi iyasamkela isibhengezo esenziwe ngabasemagunyeni sokuba baza kuvula iziko lokunceda iimbacu ezifuna uncedo lwemibutho yehlabathi eTripoli.

19. Ukuqhambuka kwesifo se- Listeriosis

IKhabhinethi ibongoza bonke abantu ukuba bathathe amanyathelo okhuseleko afanelekileyo – afana nokuhlamba izandla phambi kokwenza ukutya kwaye bangakusebenzisi ukutya okukrwada okanye okungaphekwanga – ukunqamla ukwanda kwesifo se-Listeriosis, ngeli xesha uphando lokukhangela eyona nto ingunobangela wale ntsholongwane lusaqhuba.

Esi sifo sibangelwa yintsholongwane efumaneka emhlabeni, emanzini, kwizityalo neemveliso zobisi ezingabiliswanga ukuze kubulawe iintsholongwane, kwaye oko kungabangela iimpawu ezifana nomkhuhlane ohambisa isisu. Singanyangeka ngokuyimpumelelo nge-antibiotics, ukuba sibhaqeke kwangethuba.

IKhabhinethi icela bonke abemi baseMzantsi Afrika ukuba baqhubeke ngokusebenzisa amanzi ngobunono njengokuba eli lizwe lisaqhubeka ukuthwaxwa yimbalela. Nakubeni zibekhona iimvula kutsha nje, umthamo wamadama elizweni jikelele usaqhubeka ukwehla. Oku kungenxa yamaqondo obushushu aphezulu kunye nento yokuba asikafumani mvula ina ngokuqhubekekayo.

IKhabhinethi iyavuya zingxoxo  eziqhuba kakuhle zokufuna isisombululo noomasipala abanamatyala amakhulu.

C. Imithetho esaYilwayo

20. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa ePalamente kwale Mithetho iYilwayo ilandelayo.

20.1. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weziBonelelo zikaRhulumente wama-2017

Lo Mthetho usaYilwayo ungokuphuculwa kwezibonelelo zabantwana abazinkedama okanye abahlelelekileyo, kuquka abo bahlala kumakhaya angenabantu badala.

20.2. UMthetho osaYilwayo wabaThengisa uMhlaba neZindlu wowama-2017

Lo Mthetho usaYilwayo uguzula uMthetho weMicimbi yabaThengisi-mihlaba neZakhiwo, wowe-1976 (uMthetho 112 wowe-1976). Udala imeko yezolawulo ekwazekayo ukomeleza imigushuzo yezoqoqosho ngaphakathi kushishino lwemihlaba nezakhiwo ngelixesha ikwahlangabezana nezidingo zokuqinisekisa ngenguqu kweli candelo.
 
20.3. UMthetho-siHlomelo oYilwayo weNkqubo-sikhokelo yokuQinisekisa ngaMabakala ezeMfundo yeSizwe yowama-2016

Lo Mthetho usaYilwayo womeleza owangoku uMthetho weNkqubo-sikhokelo wokuQinisekisa ngaMabakala ezeMfundo, wama-2008 (uMthetho 67 wama-2008). Wazisa ngamanyathelo okuhlangabezana nemiba yokujika amabakala wakho neziphumo zokuzenza umntu onawo ungenawo kubantu abajika amabakala wabo ezemfundo okanye amaziko akhupha amabakala ezemfundo angasebenziyo.  

20.4. UMthetho osaYilwayo woLwaphulo-mthetho lweHlabathi wowama-2017

Lo Mthetho usaYilwayo unika imithetho engcono yokulwa ulwaphulo-mthetho lwehlabathi olwenziwe eMzantsi Afrika nangaphaya kwemida yethu. Ukwanika ukhuseleko olungcono nobulungisa kumaxhoba olwaphulo-mthetho lwehlabathi.

D. Imiyalezo

21. IKhabhinethi ivuyisana naba:

21.1.  UMongameli Uhuru Kenyatta ekubekweni kwakhe njengoMongameli weRhiphabliki yaseKenya nokuba abekwe isihlandlo sesibini njengoMongameli kweliya lizwe. IKhabhinethi izimisele ukuqhubeka ngokwakhela kubudlelwane obuliqilima obukhoyo phakathi kwala mazwe wethu mabini.

21.2. UMongameli Emmerson Dambudzo Mnangagwa ekubekweni kwakhe njengoMongameli weRhiphabliki yaseZimbabwe. IKhabhinethi izimisele ukuqhubeka ngobudlelwane bentsebenziswano obuliqilima kunye noRhulumente waseZimbabwe.  

21.3. UNjengele Seitebatso Pearl Block ngokuphumelela iMbasa yoNyaka yokuMela amaLungelo eSini eMkhosini yeZizwe eziManyeneyo (i-UN). Le mbasa ihlonipha ukuzinikela namalinge omgcini-xolo ngamnye ekukhuliseni imigomo ngaphakathi kwisiNdululo seBhunga loKhuselo le-UN uNombolo 1325, elimema onke amaqela axabanayo ukuba akhusele abantu basetyhini namantombazana kubundlobongela obugxile kwisini nakwezesondo.

21.4. Iqela lesicathamiya, iLadysmith Black Mambazo, ethe yafumana ukuchongwa kwiiNdidi ezimbini zeeMbasa ze-Grammy. Udidi slokuqala yi-Best World Music Album ngecwecwe layo elithi: Shaka Zulu Revisited: 30th Annivesary Celebration, luze udidi lwesibini lube yi--Best Children Album: Songs of Peace & Love for Kids & Parents around the World. IiMbasa ze-Grammy zimiselewe ukuba ziza kubanjwa ngomhla wama-28 kweyoMqungu yowama-2018.

21.5. UChad Le Clos, ngokuba yindadi yokuqala eyindoda ukuphumelela kane uthotho lweetaytile zeNdebe yeHlabathi ye-FINA. Siyazingca ngempumelelo yakhe kwaye sinethemba lokuba uza kuqhubeka ukumela uMzantsi Afrika ngokuyimpumelelo egqithisileyo.  

21.6. I-SuperSport United, ngokufikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi wendebe i-Confederation Cup yeManyano yeBhola eKhatywayo yase-Afrika (i-CAF).

21.7. UNobuhle woMzantsi Afrika, Demi-Leigh Nel-Peters, ngokuthweswa isithsaba sokuba nguNobuhle kulo lonke elimiweyo, u-Miss Universe, kukhuphiswano lwama-66 olusanda kubanjwa kutsha nje, e-United States of America.

21.8. UGq Nkosazana Dlamini-Zuma, nothe wafumana iMbasa ye-Lifetime Achievement kwiQonga leeNkokheli zezoPolitiko zabaseTyhini zeHlabathi (i-Women Political Leaders Global Forum).
 
22. IKhabhinethi ivakalisa amazwi ovelwano kwaba balandelayo:

22.1. Urhulumente nabantu base-Egypt emva kohlaselo lobunqolobi kwisakhiwo secawe yamaSilamsi, i-mosque, eSinai Peninsula noluthe lwabulala abantu abangaphezulu kwama-300 kwaza kwangxwelerheka iqela labantu. IKhabhinethi iyalugxeka oluhlaselo lobundlavini ebantwini abamsulwa.

22.2. Urhulumente nabantu baseNigeria emva koqhushumbo lwesiqhushumbisi sokuzibulala ngomhla wama-21 kweyeNkanga yowama-2017 noluthe lwabulala abantu abangaphezulu kwama-50 lwaza lwangxwelerha uninzi lwabanye. IKhabhinethi isahleli imi kwimithetho-siseko yayo yokuzichasa nokuzikhaba ngawo omane izenzo zobunqolobi nobundlobongela babanxaxhi.

22.3. Usapho nezihlobo zikaGq Mochubela ‘Wesi’ Seekoe, igqala lomzabalazo nowayesakuba nguNozakuzaku woMzantsi Afrika kwilizwe lase-Russia. Ulisebenzele ngokuzinikela eli lizwe njengoNozakuzaku waseMzantsi Afrika eRussia nanjengoSihlalo weQumrhu lezaMandla eNyukliya laseMzantsi Afrika. UMongameli uZuma ubhengeze ukuba uza kukhatshwa ngomngcwabo oKhethekileyo wasebuRhulumenteni wePhondo.

22.4. Usapho nabahlobo begqala loMzabalazo nowayesakuba libanjwa esiqithini i-Robben Island, uMnu Eddie Daniels, osanda kusweleka kutsha nje. Uza kukhunjulwa ngokuzinikela nokuzidina kwakhe kunye nokusebenzela abantu baseMzantsi Afrika.

22.5. Usapho nezihlobo zoMphathiswa wezoKhuselo naMagqala eMfazwe, uNksz Nosiviwe Mapisa-Nqakula, ngokusweleka kukatata wakhe, uMnu Douglas Mapisa. Uswelekele kwisiBhedlele i-Cecilie Makiwane eMonti, eMpuma Koloni eminyaka ingama-96.

E. IMisitho eseZayo

23. Isikhumbuzo seminyaka elikhulu kaNelson Mandela

IKhabinethi nayo njengabemi baseMzantsi Afrika iza kukhumbula unyaka wesine emva kokusweleka kukaNelson Mandela ngomhla we-5 kweyoMnga yowama-2013. Ngowama-2018 eli lizwe lizakuphawula iminyaka elikhulu yobomi bukaMandela kwaye bonke abemi baseMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba bathathe inxaxheba kule mibhiyozo iza kuthatha unyaka wonke njengoko siza kube sihlonipha uMadiba omde, ithole lomthonyama elidume kulo lonke eli limiweyo. .
 
IKhabhinethi ibulela bonke abemi baseMzantsi Afrika ngokuthatha kwabo inxaxheba kwimisitho eyahlukeneyo yesikhumbuzo sika-O. R. Tambo elizweni jikelele kwaye ikwalindele izinga elifanayo lokuthatha inxaxheba njengokuba sizakuba sikhumbula isithwalandwe sethu noMongameli wokuqala woMzantsi Afrika owonyulwa ngokwentando yesininzi, uMadiba.  

24. IXesha leziYunguma zeKrisimesi

IKhabhinethi inqwenela bonke abemi baseMzantsi Afrika ixesha leeholide neziyunguma zeKrisimesi elimyoli nelikhuselekileyo. Sibongoza bonke abo baza kuhamba ngezithuthi baqinisekise ukuba izithuthi zabo zisemgangathweni olungele indlela. Bonke abasebenzisi bendlela, abaqhubi nabahambi-ngeenyawo kufuneka bathobele imithetho yezendlela.
UMphathiswa wezoThutho uJoe Maswanganyi, umisele iphulo lika-Arrive Alive (Fika uPhila) eBela-Bela, eLimpopo ngomhla we-5 kweyoMnga. INkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) ifezekisa iphulo layo lexesha leziyunguma neeholide zeKrisimesi elikhuseleke ngokuthe chatha elizweni jikelele kwaye sonke sinoxanduva lokuba sibaxhase abe-SAPS ngokuthobela umthetho nokuziphatha ngendlela esezingqondweni.

ISebe leMicimbi yezeKhaya lizakubhengeza izicwangciso zexesha leeholide neziyunguma zeKrisimesi zowama-2017/18 zemida yaseMzantsi Afrika. Oku kwenzelwa ukuba iimpahla nabantu bakwazi ukuhamba nje kakuhle benqumla imida yoMzantsi Afrika ngeli xesha lokuxakeka.
Sikwabongoza abazali nabalondolozi ukuba bangashiyi abantwana bebodwa njengoko iluxanduva lwethu ukukhathalela abantwana bethu.

IKhabhinethi ixolile kukuba iimviwo zeMatriki ziqhube ngaphandle kweziphazamisi kwaye ikwanqwenela abafundi bowama-2017 okuhle njengokuba belindele iziphumo zabo zokugqibela.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo

25. Nksz Ilise Karg njengommeli we-dti kwiBhunga leSizwe lokuCebisa kwezokuYila nokuQamba Izinto Ezintsha.

26. IBhodi leTrasti yeNgxowa-mali yeSizwe yokuXhotyiswa (i-NEF):
26.1. Nksz Nonkqubela Helen Maliza;
26.2. Nksz Lerato Cynthia Molefe;
26.3. Nksz Nthabiseng Mateboho Moleko;
26.4. Mnu Ernest Kwinda; kunye
26.5. noMnu Sipho Zikode (ummeli we-dti).

27. UMnu Sandile Mkhize, njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba (iCEO) leziko lezaManzi laseMagalies.

28. UMnu Wiseman Mkhize, njengelungu leBhodi yoMlawuli wezaMandla weSizwe waseMzantsi Afrika (i-NERSA).

29. UMnu Phakamani Buthelezi, njenge-CEO yeziko lezaManzi lase-Overberg.

30. U-Advocate Samuel Vukela, njengoMlawuli Jikelele (i-DG) weSebe lezeMisebenzi kaRhulumente.

31. UNksz Brenda Sibeko, njengeSekela loMlawuli Jikelele (i-DDG) weSibonelelo sezeNtlalo esiBanzi kwiSebe loPhuhliso loLuntu.

32. UMnu Zephania Nhleko, njenge-DDG yoCwangciso lwezoQoqosho nokuQuquzelela kwiSebe loPhuhliso lwezoQoqosho.

33. UMnu Mandla Victor Ngcobo, njenge-DDG: iGosa eliyiNtloko yoLwazi lukaRhulumente kwi-DPSA.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams – uMlawuli-Jikelele oliBambela (GCIS)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore