INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-23 kuCanzibe wama- 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-23 kuCanzibe ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa.
    
A. Imiba engundaba-mlonyeni
1. UbuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile (i-GBV)

1.1. IKhabhinethi ibugxeka kabukhali ubundlobongela obenziwa ebantwini basetyhini nabantwana. Iziganeko zobu bundlobongela zakutsha nje ziquka aba balandelayo ababe ngamaxhoba: uNonkululeko Mpanza noNompumelelo Mhlongo baseThokoza, e-Ekurhuleni, uKatlego Joja, waseMamelodi eTshwane; uPromise Mthembu kwiphondo laKwaZulu-Natal; kunye noJabulile Nhlapho, ongumfundi kwiDyunivesiti yoMzantsi Afrika (i-Unisa). Ezi ziganeko zibonisa ngokuphandle uhlobo lobundlobongela abantu basetyhini beli kunye nabantwana bethu abajongana nabo imihla nezolo. 
1.2. IKhabhinethi ithi tutuni kwiintsapho nezihlobo zaba bantu basetyhini nabantwana. Umba wobundlobongela obenziwa ebantwini basetyhini nabantwana uyingxaki efuna ukuba sonke sibambisane, siyilwe.  
1.3. IKhabhinethi iyaqhubeleka nokuxhobisa kunye nokuncedisa ii-arhente zogcino-mthetho kumaphulo azo okulwa ubundlobongela obujoliswe ebantwini basetyhini. Phakathi kweminye imithetho eyilwayo ephunyeziweyo kule ntlanganiso yekhabhinethi ibibanjiwe nguMthetho-sihlomelo osaYilwayo weeNkqubo zolwaPhulo-mthetho wowe-2018, olungisa uMthetho weeNkqubo zoLwaphulo-mthetho uNombolo 51 wowe-1977. Lo Mthetho usaYilwayo uza kulandisa uluhlu lwamatyala ezesondo ngokumalunga nendlela axoxwa ngayo futhi okunye okubalulekileyo kukuba amatyala ezesondo avunyelwe ukuba asiwe eziNkundleni nokuba sele kugqithe iminyaka engama-20 ityala lenzekayo.
1.4. La manyathelo okungenelela ongeza kula maninzi urhulumente sele ewaqalisile. Amaziko abizwa ngokuba ziThuthuzela Care Centre angama-54 avuliwe ukwenzela ukuba asebenze njengamaziko angoontozonke oncedo ukuze kuphunguke iziganeko zokunyanzelwa kwamaxhoba ukuba aphinde abalise ngentlungu yawo yokuxhatshazwa izihlandlo ngezihlandlo phantsi kweemeko nazo ezingabonakalisi velwano futhi kuphungulwe nexesha elithathwayo ukuqukumbela amatyala ezosondo.
1.5. Urhulumente uvule iiNkundla zamaTyala ezeSondo ezingama-75 ukuze zilwe nengxaki yokuxhatshazwa koomama ngokwesondo. Ukongeza apha, uMbutho wamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) uvule amaziko ali-1 047 kwizikhululo zamapolisa kulo lonke eli alungiselelwe ukunceda amaxhoba obundlobongela obujoliswe koomama (i-GBV).
1.6. IVeki yokuKhuselwa kwaBantwana iza kubanjwa ukusuka ngomhla wama-27 kuCanzibe ukuya kumhla wesi-2 kweyeSilimela ngowama-2018. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubazali nakubagcini-bantwana kunye noluntu ngokubanzi ukuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho kukhuselwe abantwana bethu. IKhabhinethi iyaliphinda elokuba ukuba umntu ukrokrela ukuba umntwana wakhe udukile kufuneka aye kuxela kwisikhululo samapolisa esikufutshane ngoko nangoko.
1.7. Kufuneka sisebenzisane njengebantu basizwe esithanda uxolo nesithobela umthetho silwe nobundlobongela obujoliswe ebantwaneni nakubantu basetyhini. IKhabhinethi icela wonke umntu owaziyo ngolwaphulo-mthetho olwenziwa ebantwaneni ukuba atselele umnxeba kwinombolo engahlawulelwayo ye-Childline ethi: 0800 055 555 okanye i-Crime Stop ku: 080 00 10111. Ukuba ungumtu wasetyhini osentlungwini yokungcungcuthekiswa okanye kukho umntu wasetyhini omaziyo okule ngxaki, inombolo engahlawulelwayo yeZiko loNcedo le-GBV ithi: 0800 428 428 okanye (0800 GBV GBV).   
1.8. IKhabhinethi iyasicela sisonke ukuba sisebenzisane senze konke okusemandleni ethu ukuthintela ubundlobongela obenziwa ebantwini basetyhini nasebantwaneni, sixhase abo baphuncuka ezandleni zokuxhatshazwa sibazise ngaphambili abenzi bobubi. Luxanduva lwethu sonke ukuba sibazise ngaphambili abo bonzakalisa, baphathe kakubi, bavuyelele baze baxhaphaze abantu basetyhini nabantwana ukuze abenzi bobubi babanjwe bagwetywe ngumthetho.

2. Imiba yezoqoqosho  

IKhabhinethi iyavuyiswa ziziphumo ezincumisayo kwicandelo lezemisebenzi apho kudaleke imisebenzi engama-260 000 ngokweengxelo zekota yokuqala yowama-2018, ezivela kuPhando lweKota lwezeMisebenzi elikhutshwe liziko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-StatsSA). Ukunyuka kwenani lemisebenzi lenziwe kukunyuka kwemisebenzi kumacandelo ali-10. Inani labantu abatsha abangaphengileyo lisephezulu, sithetha nje limi kuma-52.4%. Bali-12.2% kuphela abafumana imisebenzi. IKhabhinethi icela onke amacandelo kweli lizwe ukuba asebenzisana kuliwe le ngxaki yolutsha oluswele imisebenzi. 

Ngomoya we-Thuma Mina – Send Me, owavuselelwe nguMongameli Cyril Ramaphosa kwiNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) yakhe yokuqala ngeyoMdumba wowama-2018, iKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika, ingakumbi icandelo labucala, ukuba bafake isandla kumaphulo okudala imisebenzi batyale imali apha ekhaya ukuze abantu abaninzi boMzantsi Afrika badlale indima kuqoqosho lweli.

3. Ezamandla

IKhabhinethi iyakuvuyela ukuvulwa ngokusesikweni kwe-Xina Solar One Concentrated Solar Power Project eMntla Koloni. Le projekthi yenye yee-Concentrated Solar Power Projects ezisixhenxe eziphantsi kweNkqubo yokuThengwa kwaMandla aHlaziyekayo kubaVelisi abaziMeleyo yeSebe lezaMandla.

I-Xina Solar One iza kuthengisela u-Eskom amandla angayengozi kokusingqongileyo ngokwesivumelwano sentengo seminyaka engama-20. Esi sivumelwano siza kwenza ukuba amakhaya angama-95 000 eMzantsi Afrika akwazi ukufumana umbane ongenabungozi kokusingqongileyo, ingakumbi xa ingala maxesha okusetyenziswa kakhulu kombane (emva kwemini, ebusika, njl njl). 

4. EzaseMntla Ntshona  

4.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo yesibini yeKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) Esingethe Umba waseMntla Ntshona kwaye yanelisekile ngumsebenzi osele wenziwe wokuzisa uzinzo kweliya phondo. 
4.2. Kwintlanganiso yayo yangaphambili, iKhabhinethi yaye yavuma ukuba iphondo laseMntla Ntshona libekwe phantsi kweCandelo 100 (1) loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996. IKhabhinethi ilandisile nenani lamalungu e-IMC ngokuthi ifake noMphathiswa weMfundo esiSiseko; owezabaSebenzi bakaRhulumente noLawulo; owezukuHlaliswa koLuntu; owoPhuhliso loLuntu; owezoKhenketho; owezeNdalo kunye nowezoThutho.  
4.3. I-IMC iceliwe ukuba yenze omnye umsebenzi kweliya phondo ize ixelele iKhabhinethi amanye amasebe ephondo ekufuneka nawo afakwe phantsi kweCandelo 100 (1) (a) okanye iCandelo 100 (1) (b) loMgaqo-siseko.  
4.4. Ngenxa yalo msebenzi, iKhabhinethi ivumile ukuba amasebe amahlanu ephondo ukuba mawabekwe phantsi kweCandelo 100 (1) (b):  
(1) I-Ofisi yeNkulumbuso; 
(2) ISebe lezoKhuselo loLuntu noLawulo lwezoThutho; 
(3) ISebe leMfundo esiSiseko kunye noPhuhliso lwezeMidlalo; 
(4) ISebe lezeMpilo; kunye 
(5) neSebe lemiSebenzi kaRhulumnte neeNdlela. 

Amasebe amahlanu aza kubekwa phantsi kweCandelo 100 (1) (a):
(1) ISebe lezeziMali, uQoqosho noPhuhliso lwamaShishini; 
(2) ISebe looRhulumente beMimandla nokuHlaliswa koLuntu; 
(3) ISebe loPhuhliso lwamaPhandle, ezeNdalo nezoLimo;
(4) ISebe loPhuhliso loLuntu; kunye 
(5) neSebe lezoKhenketho.     

IKhabhinethi ivumile ukuba kufuneka kuthunyelwe imbalelwano kwiBhunga lamaPhondo leSizwe (i-NCOP), futhi amahlakani afanelekileyo eMntla Ntshona nawo kufuneka axelelwe. Luyaqhuba uphando lweNtlanganisela yezobuLungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho noKhuseleko olungayo yonke imiba efuna ukuba ii-arhente zogcino-mthetho zingenelele.

5. Ezobudlelwano bamazwe ngamazwe

5.1. IKhabhinethi ilugxeka kabukhali uhlaselo olubi oluqhutywe ngamajoni omkhosi wase-Israel kufutshane nomda waseGaza, olukhokele ekuswelekeni kwabantu abaninzi, abangengawo namajoni. Ngenxa yolu hlaselo lwakutsha nje lwe-Israeli belumanyumnyezi futhi lungakhethi, urhulumente woMzantsi Afrika uthathe isigqibo sokuba ubize uNozakuzaku uSisa Ngombane ukuba abuyele ekhaya, kude kucace ukuba izinto zibheka ngaphi na.  
5.2. IKhabhinethi icela uMkhosi wezoKhuselo wase-Israel ukuba uphume eGaza Strip futhi wohlukane nokungena ngodlame usenza umonakalo kwimimandla ephantsi kwelizwe lasePalestine. Ukuthi gqolo usenza oku kungomnye umqobo obangela ukuba oku kujamelana ngezikhondo zamehlo kungasombululeki. Isisombululo esifunekayo kule ngxubakaxaka kukuba iPalestine ne-Israel zibe ngamazwe amabini azimeleyo futhi aphilisana ngoxolo njengamazwe angabamelwane.  
5.3. IKhabhinethi iyalibethelela ikhwelo elihlatywe ngamazwe angamalungu eZizwe eziManyeneyo (i-UN) ukuba kwenziwe uphando liqumrhu elizimeleyo ngale nyhikityha yokubulawa kwabantu, ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba abo babenesandla kwesi senzo bayaphendula ngezenzo zabo.

6. Uqweqwediso nophango lweemoto ezithutha imali (i-CIT)

IKhabhinethi ixhalabile ziziganeko ezifuna ukuthatha unyawo zokuqweqwediswa kuphangwe iimoto ezithutha imali kwaye iyabugxeka obu ndladiya. Futhi sizothulela umnqwazi ii-arhente zogcino-mthetho ngokubamba abarhanelwa kwaye sibulela nabanye abantu abathe banceda ezi amapolisa ngomkhondo okhokelele ekubanjweni kwabarhanelwa.  
Abantu abanolwazi ngezenzo zolwaphulo-mthetho bayacelwa ukuba bafake isandla ngokuba baqhakamshelane nee-arhente zogcino-mthetho.

B. Izigqibo zeKhabhinethi
7. IBhunga likaMongameli lamaShishini kaRhulumente (i-PSEC)

IKhabhinethi ivumile ukuba kumiselwe i-PSEC, uMongameli Ramaphosa aza kuba ngusihlalo wayo. Imigaqo kunye neenjongo zeli Bhunga kukutshintsha amashishini karhulumente (ii-SOE) ukuba abe zizixhobo ezingundoqo zophuhliso loqoqosho.   

I-PSEC iza kudlala indima yokuba liliso kwimiba yezopolitiko futhi incede nakulawulo olunobuchule. Phakathi kwezinye izinto eza kugxininisa kuzo kukuqinisa amaqurhu olawulo ee-SOE kunye nokuqinisekisa ukuba kukho amanyathelo okungenelela athathwayo ngeenjongo zokuzisa uzinzo kwezi nkampani.

Amalungu ale PSEC aza kuquka abaPhathiswa abachaphazelekayo, iingcali, imibutho yabasebenzi kunye neyoluntu. Amagama abantu abaza kuba ngamalungu ayo aza kubhengezwa kwalapha ethubeni. Le PSEC iza kwakhela kumsebenzi owenziwe yi-IMC-ye-SOE eyasekwa ngeyoMdumba ngowama-2015, usihlalo wayo onguSekela-Mongameli.

8. IKhabhinethi iwuphumezile uMgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika wemiSebenzi yobuGcisa - isiGaba 1. Lo mgaqo-nkqubo uquke izimvo ezingeniswe ngamahlakani. Usabela ngqo kumngeni owenziwe sisiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) wokuba kugxininisiwe kubuchule bokuqamba izinto ezintsha, kuphuculwe umthamo nesantya ekuveliswa ngaso kunye nokuba kuzingwe ngamandla kuqoqosho olusekelwe kulwazi olunzulu.

UMgaqo-nkqubo we-IP wesiGaba I usekelwe kuMgaqo-siseko, i-NDP, isiCwangciso seSizwe sokuLwa iziYobisi, isiCwangciso-sikhokelo seSizwe soMgaqo-nkqubo wezoShishino kunye namanye amasolotya amaninzi esiCwangciso sezoShishino soMgaqo-nkqubo wokuSebenza (i-IPAP). 

Uza kusebenza njengomgaqo-nkqubo obalulekileyo wokukhuthaza ubuchule bokuqamba izinto ezintsha, ukusasazwa kobuchule bobuchwepheshe buxhatshazwe ngabantu abaninzi, uphando nophuhliso, imisebenzi yobugcisa, ukukhuselwa kwabathengi, uphuhliso lwamashishini kunye nohlumo loqoqosho ngokubanzi.

9. IKhabhinethi ivumile ukuba sityikitywe ngokusesikweni yiPalamente isiVumelwano sokuBhangisa iziXhobo zeNyukliya. Esi sivumelwano sisiphumo samaphulo emibutho engekho phantsi korhulumente elwela intlalontle yoluntu nehlabathi aqala ngowama-2010. Sisixhobo esingaluncedo kakhulu kwiphulo lokuphelisa izixhobo zenyukliya kunye nengxaki yamaqhina axingisa iingxoxo ngomba wokupheliswa kwezixhobo zenyukliya.

Esi siVumelwano sihambelana ngokuzeleyo nemigaqo-nkqubo yakudala yokuncitshiswa kwezixhobo nemikhosi, imithetho yalapha ekhaya kunye nezivumelwano zamazwe ehlabathi.

10. IKhabhinethi ivumile ukuba isiLungiso esenziwe kwisiVumelwano esingokuKhuselwa ngokuBonakalayo kweeMveliso zeNyukliya sithiwe thaca ePalamente.  

IsiVumelwano sokuKhuselwa ngokuBonakalayo kweeMveliso zeNyukliya siso sodwa isivumelwano sehlabathi esibophelela amazwe ngokomthetho kumba wokukhuselwa ngokubonakalayo kweemveliso zenyukliya. Esi sivumelwano sitshintshiweyo singumsebenzi obaluleke kakhulu kumalinge ehlabathi okuphucula indlela ezikhuselwa ngayo iimveliso zenyukliya kwakunye namaziko asebenza ngenyukliya ngokuthi sibeke imiqathango ekufuneka ilandelwe zizizwe zonke malunga nokukhuselwa kweemveliso zenyukliya. 

Esi sivumelwano, phakathi kwezinye izinto, sichaphazela umba wokukhuselwa ngokubonakalayo kweemveliso zenyukliya kwiindlela ezisetyenziswa ngayo apha ngaphakathi kweli lizwe, indlela ezigcinwa futhi zihanjiswe ngayo kunye nokukhuselwa kweemveliso zenyukliya kunye namaziko enyukliya ekubeni ahlaselwe ngokuzunywa. 

11. IKhabhinethi ivumile ukuba i-Ofisi kaNozikhalazo wezoMkhosi ibe lelinye lamaqumrhu aza kusingatha iNkomfa ye-10 yeHlabathi yamaZiko ooNozikhalazo beMikhosi yeMfazwe, eza kubanjwa ngeyeDwarha ngowama-2018.  
Lo msitho ubanjwa minyaka le uququzelelwa liZiko lokuLawulo ngokweNtando yeSininzi kweMikhosi yeMfazwe, elizinze eGeneva eSwitzerland, kwaye iza kubanjwa okokuqala ezimbalini apho uza kubanjwa ngokubambisana e-Afrika.

C. ImiThetho esaYilwayo

12. IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho-sihlomelo oyiLwayo weziKimu zezoNyango upapashwe kwiPhephandaba likaRhulumente ukuze uluntu luhlomle. 

Lo Mthetho uyiLwayo ulungisa uMthetho weziKimu zezoNyango wowe-1998 (uNombolo 131 wowe-1998) ukuze uhambelane nePhepha lokuCacisa i-Inshorensi yeSizwe yezoNyango (i-NHI) kunye noMthetho oyiLwayo oyiDrafti weNgxowa-mali ye-NHI. Lo Mthetho uyiLwayo ufuna, phakathi kwezinye izinto, ukuphucula imithetho elawula izikimu zezonyango kunye nokulungelelanisa imithetho yazo nolu tshintsho lwenzekileyo kule minyaka ilishumi idlulileyo kweli candelo.

Lo Mthetho uYilwayo uza kuqinisekisa ukuba abantu abangamalungu ezikimu zezonyango bafumana ukhuseleko olungcono kwaye uza kwenza kube lula ukufumana iinkonzo zezempilo kwizibhedlela zabucala. 

13. IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho-sihlomelo oYilwayo weziKweliti zoMbuso wowama-2018 ungeniswe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo ulungisa uMthetho weziKweliti zoMbuso wowe-1957. Ucacisa indlela ekufuneka ahlawulwe ngayo amabango abizwa eMbusweni eze ngenxa yokuba abantu befumene unyango olungafanelekanga kubasebenzi boMbuso. Lo Mthetho uYilwayo uza kunceda kutsho kuphunguke umonakalo owenziwa zizikroba ezishiywa kukuhlawula izimali ezizizixa ezikhulu kwizibhedlele zikarhulumente. 

Ezi zilungiso ziza kunyusa izimali zezibhedlela zamaphondo zitsho zikwazi ukubonelela ngeenkonzo zezempilo. 

14. IKhabhinethi ivumile ukuba kupapashwe uMthetho oyiLwayo weSizwe woTshintsho lweMozulu ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uvumela ukuba ihambelane imigaqo-nkqubo echaphazela indlela uMzantsi Afrika osabela ngayo kwingxaki yokutshintsha kwemozulu. Uza kuqinisekisa ukuba eli lizwe litshintshela kuqoqosho olukwaziyo ukumelana neziphumo zokutshintsha kwemozulu kunye nakwiinkqubo ezikhuthaza ukusetyenziswa kwezixhobo ezikhupha isisi esincinci esingcolisa umoya. 

Eli lilinye lamanyathelo kumalinge oMzantsi Afrika okuqalisa ngoMgaqo-nkqubo weSizwe wokuPhendula kwiMeko yokuTshintsha kweMozulu ukuze kukhuthazwe uphuhliso oluzinzileyo kuzalisekiswe nelungelo lokuphila kwindalo engenabungozi empilweni nakubomi bethu, njengoko oku kugxininiswa kuMgaqo-siseko. 

15. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho-sihlomelo oYilwayo weNkqubo yoLwaphulo-mthetho wowama-2018, olungisa uMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho wowama-1977.  

Lo Mthetho-sihlomelo uYilwayo ucetywayo uza kwandisa inani lamatyala ezesondo afanele kukusiwa ezinkundleni zamatyala futhi okubalulekileyo kukuba amatyala ezesondo avunyelwe ukuba asiwe ezinkundleni nokuba sele kugqithe isithuba seminyaka engama-20 enzekayo. Ezi zilungiso zilandela imiqathango ebekwe kwisigwebo seNkundla ePhakamileyo yaseNtshona yeGauteng setyala likaLevenstein 

Kweli tyala iCandelo 18 loMthetho weNkqubo yoLwaphulo-mthetho wowe-1977 labhengezwa ngokuba alihambelani noMgaqo-siseko kwaye alikho mthethweni kuba lithintela, kuzo zonke iimeko, ilungelo lokumangalela onke amatyala ezesondo, angengawo lawo adweliswe kwiCandelo 18 (f), (h) no-(i) lalo Mthetho emva kokuba sidlulile isithuba esiyiminyaka engama-20 ityala lenziwe.

Ezi zilungiso ziza kunika iGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) umhlaba obanzi wokuzigqibela ngokwalo ukuba limangalele amatyala ezesondo lilandela iSahluko 2 soMgaqo-siseko. 

D. Imisitho ezayo
16. IsiFundo soSuku lwe-Afrika lwemiNyaka eliKhulu kaNelson Mandela

UMongameli Ramaphosa uza kwenza intetho yesiFundo soSuku lwe-Afrika lwemiNyaka eliKhulu kaNelson Mandela kwiNkomfa yokuVuselelwa kwe-Afrika, ngomhla wama-24 kuCanzibe wama-2018 e-Inkosi Albert Luthuli International Convention Centre eDurban. 

Lo msitho uyinxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu eza kuqhuba unyaka wonke eza kubanjwa kweli lizwekazi nehlabathi liphela. Iinjongo zale mibhiyozo kukukhumbula nokuhlonipha imisebenzi kaMongameli wokuqala owanyulwa ngokwentando yesininzi, uTata Nelson Rolihlahla Mandela neyetshantliziyo loMzabalazo uMama Albertina Sisulu. 

17. USuku lwe-Afrika

USuku lwe-Afrika lubanjwa minyaka le ngomhla wama-25 kuCanzibe mbombo zone zeli lizwekazi ukuphawula umhla wokusekwa koMbutho weMbumba ye-Afrika (i-OAU) wangaphambili ngowe-1963 - ngoku osele usaziwe njengeMbumba ye-Afrika (i-AU). Olu Suku ngumsitho wokubhiyozela iintlanga nezizwe ezahlukeneyo zase-Afrika kunye nokuhlaba ikhwelo lobumbano kweli lizwekazi. 

UMzantsi Afrika ubhiyozela uSuku lwe-Afrika ngamatheko, imisitho, neminyhadala yokubhiyoza nokufundisa yeNyanga ye-Afrika eza kuthatha inyanga yonke futhi neza kuba namaqithi-qithi ezentlalo nezoqoqosho aza kuxhanyulwa ngabantu baseMzantsi Afrika nabeli Lizwekazi. Umxholo weNyanga ye-Afrika uthi: "UNyaka kaNelson Mandela - Ukwakha i-Afrika eNgcono neHlabathi eliNgcono".

E. Imiyalezo
18. Amazwi ovelwano 

IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehlanga kusapho nabahlobo bakamakhwekhwetha womfoti nongasekhoyo futhi nowawongwa ngembasa yesizwe, i-Order of Ikhamanga, uMnu Sam Nzima, owasebenzisa ikhamera yakhe ukubhentsisa amanyundululu nenkohlakalo yombuso wocalucalulo. Uya kukhunjulwa ngomfanekiso ongasoze ulibaleke kaHector Pieterson, womhla we-16 kweyeSilimela ngowe-1976, owathi wachukumisa ihlabathi latsho lawugxibha umbuso wocalucalulo. 

IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba usapho lukaGq Phillip Nchipi Tabane, olandulele eli phakade ngomhla we-18 kuCanzibe ngowama-2018 emva kwengulo ende. Njengomnye wabo baseka iqela iMalombo Jazzmen, ebelelinye lamachule kwezomculo elinesakhono esingenakulinganiswa. 

IKhabhinethi ithi kusapho nezihlobo zikaMnu Sonwabo Eddie Funde, ukufa kwadalwa kwasendalweni, ke ngoko bangaqumbi bade baqalekise. UMnu Funde wayenguNozakuzaku woMzantsi Afrika eGermany kunye noSihlalo weBhodi yeQumrhu lezoSasazo laseMzantsi Afrika (i-SABC). 

IKhabhinethi iyangqukruleka sisithwangube sokusweleka kwamantombazana amancinci amabini awelwe ludonga lwesakhiwo eDurban. IKhabhinethi ilila nezi ntsapho ziphantsi kwelifu elimnyama.

19. Amazwi okuvuyisana

IKhabhinethi imqhwabela izandla uVusumuzi Ndlovu ophume kwindawo yesixhenxe kukhuphiswano elibizwa i-S. Pellegrino Chef 2018 ebelibanjelwe eMilan kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo. Imisebenzi yakhe isenza sizive sinelunda singuMzantsi Afrika.

IKhabhinethi ithi huntshu kwintshatsheli entsha ye-International Boxing Federation (i-IBF), i-World Boxing Association (i-WBA) Super, ne-Ring Magazine kudidi lwe-junior flyweight, uHekkie "Hexecutioner" Budler. Uyimbethi-manqindi yokuqala yoMzantsi Afrika ukuba ibe yintshatsheli yehlabathi kwimibitho yezamanqindi emibini emva kokuba eyinjinga ye-IBF ne-WBA. 

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala namabanga ezemfundo nokuqinisekiswa okuvela kwicandelo lezokhuselo lelizwe.

20. UNksz Boitumelo Mosako njengeGosa lezeziMali eliPhezulu (i-CFO) kwiBhanki yezoPhuhliso yoMzantsi Afrika (i-DBSA).

21. Abalawuli abangengomalungu esigqeba solawulo kwiBhodi yeLand and Agricultural Development Bank: 
a. UMnu Mabotha Arthur Moloto (uqeshiwe kwakhona futhi nguSihlalo);
b. UNksz Dudu Hlatshwayo (uqeshiwe kwakhona futhi nguSekela-Sihlalo);
c. UNksz Susan Ann Lund (uqeshiwe kwakhona);
d. UNksz Matome Sydney Makgoba; kunye
e. noGq Steven Thomas Cornelius.

22. IBhodi yezoKhenketho yoMzantsi Afrika:
a. UGq Tanya Ethel Abrahamse (uqeshiwe kwakhona);
b. UMnu Enver Duminy (uqeshiwe kwakhona);
c. UNksz Michelle Julie Constant (uqeshiwe kwakhona);
d. UMnu Thebeetsile Ikalafeng (uqeshiwe kwakhona);
e. UMnu Yacoob Abba Omar (uqeshiwe kwakhona);
f. UMnu Monwabisi Peter Fandeso (uSihlalo);
g. UNksz Pamela Bulelwa Yako;
h. UNksz Kathleen Elizabeth Rivett-Carnac;
i. UNksz Dawn Elizabeth Robertson;
j. UMnu Ravi Nadasen;
k. UMnu Lindiwe Sangweni-Siddo;
l. UMnu Mohamed Baba; kunye
m. noNksz Nomzamo Bhengu (ummeli weSebe lezoKhenketho).

23. UMnu Dinizulu Kumalo Percival Sechemane njengoMlawuli oMkhulu wesiGqeba soLawulo (i-CEO) yeRand Water.
 
24. U-Advocate (Gq) Seswantsho Godfrey Lebeya njengeNtloko kuZwelonke yeCandelo loPhando lwamaTyala aNzima (ooKhetshe).

25. UMnu Goodman Ntandazo Vimba njengo-CEO yeQumrhu lokuXhasa uLwakhiwo lweziSeko zoPhuhliso zikaMasipala kwiSebe loLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli (i-Cogta).

26. UMnu Lindokuhle Cedric Mkhumane njengeSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): uPhuhliso lweZiko namaShishini, kwiSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci.

27. UMnu Phakamani Hadebe njengeNtloko yeSigqeba (i-CE) ka-Eskom Holdings SOC Ltd (Eskom) futhi ulilungu leBhodi ngenxa yesikhundla sakhe (unguMlawuli wesiGqeba).

28. Abalawuli abangengomalungu esigqeba solawulo kwiBhodi ye-South African Express: 
a. UNksz Mmakeaya Magoro Tryphosa Ramano (uSihlalo);
b. UMnu Ronald Ozzy Lamola;
c. UMnu Thulani Matiki Norman Kgomo;
d. UNksz Thandiwe January-McLean;
e. UMnu Kugan Harikrishna Thaver;
f. UMnu Bongisiwe Mpondo;
g. UNksz Hlengiwe Thandeka Makhathini;
h. UGq Thabi Leoka;
i. UMnu Ahmed Ismail Bassa; kunye
j. noMnu Trevor Abrahams (uqeshiwe kwakhona).

29. Abalawuli abangengomalungu esigqeba solawulo kwiBhodi kaTransnet: 
a. UMnu Popo Molefe (uSihlalo);
b. UNksz Mpho Emily Letlape;
c. UMnu Louis Leon von Zeuner;
d. UNksz Ursula Nobulali Fikelepi;
e. UNksz Dimakatso Catherine Matshoga;
f. UNksz Ramasela Joyce Ganda;
g. UNjing Edward Christian Kieswetter;
h. UMnu Aluwani Percy Ramabulana;
i. UGq Fholisani Sydney Mufamadi;
j. UMnu Vivien McMenamin;
k. U-Advocate Oupa Motaung; kunye
l. noNksz Gratitude Ramaphaka.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams
IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore