INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yangoLwesithathu umhla we-12 kuCanzibe 2021

A.    Imiba kokusiNgqongileyo

1.    Ukuhanjiswa kwechiza lokugonyela Isifo sentsholongwane ye-corona (i-COVID-19) 

1.1.    IKhabhinethi ikuqinisekisile kwakhona ukuqala kweSigaba sesibini senkqubo yokuPhunyezwa koGonyo ngoMvulo, umhla  we-17 kuCanzibe wama-2021. Eli nqanaba liza kuqala ngokugonywa kwabantu abaneminyaka engama-60 nangaphezulu kwaye amasebe ezempilo kuzwelonke nakumaphondo aza kunxibelelana ngolwazi malunga neendawo ezingaphezulu kwamawaka amathathu (3000) ezingamaziko okugonya. 
Ukuqala kweSigaba sesibini kuya kuqhuba ngaxeshanye nokugonywa okuqhubekayo kwabasebenzi benkathalelo yempilo (ii-HCW) abagonyo lwabo lwachaphazeleka yimiba yemimiselo yolawulo eyayithintela ugonyo luka-Johnson & Johnson e-USA nase-Yurophu. Isicwangciso sokugonya seSisonke esandiswe saya kwiindawo ezingama-95 kwilizwe liphela sincede ukugonya ukuza kuthi ga ngoku kuma-434 980 abasebenzi bezempilo (ii-HCW) kwaye siyakuphela ngomhla we-14 kuCanzibe 2021. IKhabhinethi iyavuya kuba intsalela yee-HCW iza kugonywa ngesitofu sokugonya se-Pfizer kude kube kukho esinye isaziso.  
1.2.    IKhabhinethi icela abantu abaneminyaka engama-60 nangaphezulu ukuba babhalise kwiNkqubo ye-Intanethi yeeNkcukacha zokuGonya ye-COVID-19 ku-https://vaccine.enroll.health.gov.za. Abo bangenako ukufikelela kwi-Intanethi okanye kwiselula ene-intanethi bangabhalisa nge-SMS ngokucofa u- *134*832*inombolo yakho yesazisi bese ufaka u#. Ukuba awunayo inombolo yesazisi, cofa u- *134*832#. Ubhaliso lungenziwa kwakhona kwinombolo ka-Whatsapp ye-COVID-19 ngokuthumela u- "REGISTER" ku-0600 123 456. Abemi kufuneka baqinisekise ukuba bafake inombolo efanelekileyo yeselula kunye nedilesi yokuhlala ukuze bakwazi ukufumana ulwazi ngenkqubo yokugonya, xa kukho imfuneko. Abo bangenako ukufikelela kwitekhnoloji, banokubhalisa kwiindawo zabo zokugonya ezikufutshane okanye kubasebenzi bezempilo boluntu abaya kutyelela uluntu kwiindawo ngeendawo.
1.3.    Ubhaliso lubalulekile kubantu ukuba bathathe inxaxheba kwinkqubo yokugonya kwaye bavumele ukulandelwa ngeenjongo zokulandela indlela yezonyango xa oko kunofuneka kwixesha elizayo. 
1.4.    Awudingi datha okanye i-airtime ukufikelela kwi-SMS kunye ne-WhatsApp yokubhalisela iinkonzo. Abo bahlangabezana nemiceli mngeni ngelixa bebhalisa banokutsalela umnxeba kule nombolo yamahala ye-COVID-19: 0800 029 999.
1.5.    IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngemeko egqubayo enxulumene nosulelo lwe-COVID-19 e-Indiya kwaye iyasixhasa isigqibo sokunikela ngomatshini bokuphefumula e-Indiya njengenxalenye yokuzibophelela koMzantsi Afrika ukuba umlo ochasene ne-COVID-19 kwihlabathi liphela ufuna imizamo edibeneyo.
1.6.    IKhabhinethi iyazazi iinkxalabo phakathi kwabemi boMzantsi Afrika malunga nemeko ye-COVID-19 e-Indiya, kwaye inqwenela ukuqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba iSebe lezeMpilo kunye nososayensi bethu bayaqhuba nokubeka iliso kwinkqubela phambili kwelo lizwe kwaye ukuba amanyathelo afunekayo nafanelekileyo ayenziwa ukukhusela abemi boMzantsi Afrika. 
1.7.    Ukongeza, iKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi malunga nokwanda okungephi kokosulelwa yi-COVID-19 elizweni kunye nokusetyenziswa kwamanyathelo afanelekileyo okuphendula ukunqanda ukusasazeka. 
1.8.    IKhabhinethi ikhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokubambelela kwiinkqubo ezingezizo ezamayeza zokuthintela ukusasazeka kwe-COVID-19 ngokuqhubeka nokunxiba izigqubutheli-buso xa besesidlangalaleni; ukugcina umgama kwezentlalo ubuncinci 1.5 yeemitha; soloko uhlamba izandla ngamanzi kunye nesepha okanye usebenzise isibulali ntsholongwane esine-alcohol engama-70% ukutshiza izandla; nokuphepha ukuhamba ngokungeyomfuneko kwaye uhlale ekhaya.

2.    Iinkalo ezinxulumene nokhuseleko lwamaLungelo (i-IP) obuNgcaphephe (i-TRIPS) kwizitofu ze-COVID-19

2.1.    IKhabhinethi yamkele inkxaso ye-United States yokuba i-WTO ishenxise i-TRIPS kwizitofu ze-COVID-19. 
2.2.    UMzantsi Afrika kunye ne-Indiya bebekhokele eli nyathelo kuMbutho WezoRhwebo Wehlabathi (i-WTO) lokurhoxiswa kwe-TRIPS. Ukurhoxiswa kwe-TRIPS kuyakwenza ukuba kufikeleleke kubuchwephesha obuya kuthi bube negalelo kwimveliso ebanzi yezitofu ze-COVID-19. Eli nyathelo libone ngaphezulu kwamazwe ayi-100, kubandakanya ne-China, kuxhaswa iinzame zokubandakanya ukuyekiswa kwimiba ethile ye-TRIPS ze-WTO.
2.3.    Ukungafikeleli kakuhle kuzitofu ze-COVID-19 kuthintele uninzi lwamazwe asaphuhlayo ngakumbi kwilizwekazi lase-Afrika ukuba lenze inkqubela phambili ebonakalayo ekulweni ne-COVID-19. Uluvo lweKhabhinethi kukuba ukuthintela amazwe ekubeni aphuhlise izitofu zawo xa ejongene nezinga eliphezulu lokusweleka kwabantu ngenxa yesifo sentsholongwane ye-corona yinto kungukuziphatha okungacacanga. 
2.4.    Kule meko, iKhabhinethi iyakwamkela ukuzibophelela kweebhiliyoni zeerandi ezingama-R3 ukuba igqithisele ubuchwephesha bamvanje bokuvelisa izitofu zogonyo kunye nonyango lobuchwephesha olusebenzisa izinto eziphilayo eMzantsi Afrika olubhengezwe nguGqirha Patrick Soon-Shiong, ongusomashishini wobuchwephesha bezinto eziphilayo waseMzantsi Afrika – ohlala eMelika.
2.5.    IKhabhinethi iyayiqhwabela izandla inkxaso kaGqirha Soon-Shiong kunye nabanye abancedisayo ekusasazeni ngokulinganayo izitofu ze-COVID-19, ingxilongo kunye nonyango. 
2.6.    IKhabhinethi iyakubulela ukunconywa nguGqirha Soon-Shiong ngokuhambela phambili koMzantsi Afrika kwezenzululwazi, kwezabasebenzi, amandla kunye nomnqweno wokuvelisa izitofu zesizukulwana sesibini zokujongana neentsholongwana ezahlukeneyo zentsholongwana ye-corona ezinokwenza ukuba izitofu zangoku zingasebenzi kakuhle.

3.    Ukunikezelwa komhlaba kuluntu lwase-Covie 

3.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukunikezelwa kweetayitile zomhlaba nguSekela Mongameli uDavid Mabuza - kwisikhundla sakhe njengoSihlalo weKomiti yabaPhathiswa (i-IMC) yoHlengahlengiso loMhlaba - kuluntu lwase-Covie, eNtshona Koloni ngoLwesihlanu, umhla wama-30 kuTshazimpunzi 2021. 
3.2.    Ukunikezelwa komhlaba kuluntu lwase-Covie yinxalenye yomsebenzi oqhubekayo we-IMC kuHlengahlengiso loMhlaba ukukhawulezisa ukufikelela kumhlaba njengenxalenye yokulungisa ukungabikho sesikweni kwezinto ngexesha elidlulileyo loCalucalulo. 

4.    Usuku lwaBasebenzi (01 kuCanzibe)

4.1.    IKhabhinethi ikuqinisekisile ukuba abasebenzi bahlala bengumqolo kwezoqoqosho kuluntu kwaye bangundoqo ekwakheni ingomso elingcono lomntu wonke.
4.2.    IKhabhinethi iliqaphele ifuthe elibi ubhubhane we-COVID-19 abenalo kubasebenzi, uninzi lwabasebenzi lufumana ukuphulukana nemisebenzi, ukuncitshiswa kwengeniso njengoko abaqeshi bebeke phambili izixhobo zabo kumalinge okusindisa ubomi.
4.3.    Ngaphandle kobunzima bezoqoqosho, urhulumente uhlala eqinile ekuzibopheleleni kwakhe ekuqinisekiseni ukuba uMzantsi Afrika uyaqhubeka nokuxhasa nokukhusela amalungelo abasebenzi. 

5.    Usuku lwaBongikazi lwaMazwe ngaMazwe (12 kuCanzibe)

5.1 IKhabhinethi iqaphele ukuba intlanganiso yayo ibiqhubeka mhla umhlaba uphawula uSuku lwaBongikazi lwaMazwe ngaMazwe yaze yaphinda umyalezo wayo wombulelo kubongikazi eMzantsi Afrika, kwilizwekazi lase-Afrika nakwihlabathi ngokuzinikela kwabo ngokungakhethiyo bejongene ngqo ne-COVID-19 ebulalayo, engubhubhane.
5.2 Abongikazi, kunye nabanye abasebenzi bezempilo, bayaqhubeka ukuzibeka phambili kumlo wokulwa ne-COVID-19 ngokubeka emngciphekweni ubomi babo kunye nomngcipheko wokuchaphazeleka kweentsapho zabo. Urhulumente uhlala enetyala ngenxa yokuqina, ukuzincama nokuzimisela kwabongikazi boMzantsi Afrika kwidabi lokulwa ne-COVID-19. 

6.    Iminikelo yegazi

6.1.    IKhabhinethi icele abemi boMzantsi Afrika abasempilweni ukuba banikele ngegazi kwi-South African National Blood Service (i-SANBS), ekungokunje ijongene nokunqongophala kakhulu kwegazi. 
6.2.    I-SANBS yamkele amanyathelo okhuseleko aqinisekisa ukhuseleko lwabanikeli ngokujonga ngokucokisekileyo bonke abantu abafikelela kwiiklinikhi zabaxhasi. 
6.3.    Ukufumana ulwazi oluthe kratya, abo banokunikela banokunxibelelana ne-SANBS kule nombolo ingahlawulelwayo: 0800 11 9031 ukusukela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu (07:00 - 17:00).

7.    IPalestina

7.1    IKhabhinethi ikugxeke kabukhali ukuhlaselwa kwabaqhankqalazi basePalestine kwi-Al Aqsa Mosque nase-Dome on the Rock nokukhutshwa ngokungekho mthethweni kwabantu basePalestina kumakhaya abo e-Sheikh al Jarrah kwisihlomelo seMpuma Jerusalem ukuze kwenziwe indawo yokuhlala kuSirayeli. Izenzo zikaSirayeli zikukwaphula umthetho wamazwe ephela, kunye nokungahoywa ngokupheleleyo kweZigqibo zeBhunga lezoKhuseleko leZizwe eziManyeneyo, (i-UNSC) kubandakanya iZigqibo sama-446 (1979) kunye nesama-2334 (2016) ezibiza ngokucacileyo ukuba kupheliswe ukungenelela kwaSirayeli kunye nokuzalisekiswa kwamalungelo abantu basePalestina, kubandakanya ingqiniseko nokuzimela.
7.2    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuSirayeli ukuba ayeke uhlaselo olubi ngenkani kumaPalestina kwaye azibophelele kwimizamo yamazwe aphesheya ejolise ekuvuseleleni inkqubo yezopolitiko, ekhokelela ekumisweni kwelizwe lasePalestine elinamandla, baphile ngoxolo noSirayeli ngaphakathi kwemida eyamkelweyo lihlabathi, ngokusekwe kuleyo ikhoyo yowe-4 kweyeSilimela 1967, kunye neMpuma Jerusalem njengekomkhulu lasePalestine. 

8.    Amanyathelo athathwe yi-United Kingdom (i-UK) ukuxhasa iinzame zee-arhente zogcino-mthetho eMzantsi Afrika

8.1    IKhabhinethi yamkele amanyathelo athathwe yi-UK ukunceda uMzantsi Afrika kwidabi lokulwa urhwaphilizo ngokulwa nabantu ababekwa izityholo zobuqhetseba nobuqhophololo kwilizwe lethu.
8.2    Kule meko, iKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa kukaMnu. Michael Lomas e-UK ngokunxulumene netyala laseMzantsi Afrika elimalunga nomba wobuqhetseba nenkohliso laseKusile kwaye ikwamkele ukubekwa kwemiqathango engqongqo kakhulu yebheyile ziinkundla zase-UK. 
8.3    Ukongeza, iKhabhinethi ikwamkele ukohlwaywa yi-United Kingdom kwabalekelanayo uMnu Ajay, Mnu Atul kunye noMnu Rajesh Gupta, kunye noogxa babo uMnu Salim Essa ngendima zabo "ekuqhubeni kobuqhetseba eMzantsi Afrika obudale umonakalo omkhulu" kuqoqosho loMzantsi Afrika nabantu balo.

9.    Impixano e-Mozambique 

9.1.    IKhabhinethi isahleli ixhalabile yimeko yase-Mozambique kwaye iyaqhubeka nokubeka iliso kwinkqubela phambili. Ngokufanelekileyo, iKhabhinethi ivakalise inkxaso yayo epheleleyo kwiinzame zoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika ukuzisa uxolo nokhuseleko oluhlala luhleli, kunye noxolelaniso nophuhliso e-Mozambique.

10.    Inkxaso-mali ye-ACWA Power yeZiko laMandla i-Redstone 

10.1    IKhabhinethi isamkele isibhengezo sokuba i-ACWA Power ikhusele inkxaso-mali ezibhiliyoni zeerandi eziyi-R11.6 zeZiko laMandla i-Redstone eMntla Koloni. Leli ziko liyinxalenye yeeprojekthi zeziseko zophuhliso eziphambili zoMzantsi Afrika kunye nolona tyalo-mali luhlaziyiweyo lukhulu kwilizwe lethu. 
10.2    Leli ziko i-Redstone lenzelwe ukuba livelise i-100 Megawatts zamandla ohlaziyo ekulindeleke ukuba liwanikezele ekupheleni kowama-2023 kwaye lizakuhambisa ngokuthembakeleyo unikezelo lombane oluzinzileyo kumakhaya angaphezu kwama-200 000.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Inkqubo yeSikhumbuzo yeSizwe yeMinyaka engama-25 yoMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika yowe-1996

1.1.    Lo nyaka uphawula kanye iminyaka engama-25 ukususela oko uMzantsi Afrika wamkela uMgaqo-siseko wawo ngomhla we-8 kuCanzibe 1996, uMgaqo-siseko osanconywayo phakathi kweyona ibalaseleyo ehlabathini. 
1.2.    Ngokuphathelene noku, iKhabhinethi ivume iNkqubo yeSikhumbuzo yeSizwe unyaka wonke yeMinyaka engama-25 yoMgaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika yowe-1996 apho uphunyezo luya kukhokelwa liSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko. 

2.    INkomfa yesi-5 yaBaphathiswa yeHlabathi yokuSuswa kwaBasebenzi abangaBantwana

2.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNkomfa yesi-5 yaMazwe ngaMazwe engokuPheliswa kokuQeshwa kwaBantwana ukususela ngomhla wesi-2 ukuya kowesi-4 kuCanzibe wama-2022. Le nkomfa ibanjwa rhoqo emva kweminyaka emithathu phantsi kobunkokheli boMbutho wezaBasebenzi weHlabathi. Ngenxa yobhubhane we-COVID-19, yahlehliswa ukusuka ngo-2021 ukuya ku-2022.
2.2.    Le nkomfa izakuxoxa ngamalinge ehlabathi okuphelisa ingxaki yokuqeshwa kwabantwana. Amazwe angamalungu azakufumana ithuba lokucinga ngongenelelo lwabo lokumisa umsebenzi wabantwana kumazwe abo. UMzantsi Afrika uneNkqubo yokuSebenza kwaBantwana, ebonelela ngesikhokelo selizwe sokuphelisa ukuqeshwa kwabantwana. 

3.    Inkqubo yokuququzelelwa koluntu ekuphunyezweni kweeprojekthi zeziseko zophuhliso

3.1.    IKhabhinethi iyamkele indlela ecetywayo yokuLungiselela uLuntu, indlela neenkqubo zokuphumeza iiprojekthi zeziseko zophuhliso, njengoko zithiwe thaca liSebe lezeMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko (i-DPWI). Inkqubo yokuququzelela iza kuba negalelo ekuqinisekiseni inkqubo enocwangco yokubandakanya uluntu kulwakhiwo lweeprojekthi kuluntu 
3.2.    Indlela yokusebenza ibonelela ngeenkqubo zokusebenza ezisemgangathweni ezithi xa ziphunyeziwe zomeleze intsebenziswano kunye nokuthembana phakathi kukarhulumente noluntu. 

4.    Ukwandiswa kwexesha leNtlekele yoRhulumente weSizwe 

4.1.    IKhabhinethi ivume ukwandiswa kwexesha leNtlekele kuRhulumente weSizwe phantsi kwe-COVID-19 kude kube ngumhla we-15 kweyeSilimela 2021. Ulwandiso luqhutywa ngokweCandelo lama-27 (5) (c) loMthetho woLawulo lweNtlekele, 2002 (uMthetho 57 ka-2002). Ulwandiso luthathela ingqalelo isidingo sokuqhubeka nokwandiswa komthetho okhoyo kunye namalungiselelo abucala enziwe ngamacandelo karhulumente ukunciphisa ifuthe lentlekele kubomi nakwindlela yokuphila. 

5.    Ungenelelo kuMasipala waseLekwa 

5.1.    IKhabhinethi ifumene amagqabantshintshi ngoMyalelo weNkundla oyalela uRhulumente weSizwe ukuba angenelele kulawulo loMasipala weNgingqi yaseLekwa, eMpumalanga ngokuhambelana nezibonelelo zeCandelo le-139(7) loMgaqo-siseko elibonelela ngongenelelo oluhlanganyelweyo ngurhulumente wesizwe ukujongana nolawulo nokusilela kwenkqubo yemali kumasipala. 
5.2.    Lo Myalelo weNkundla ovunywe ngabo bonke ababandakanyekayo, omnye wemiba ikukuba uRhulumente weRiphabhliki yoMzantsi Afrika uyalela ukuba kungenelelwe kuMasipala weNgingqi waseLekwa ngokwemiqathango yecandelo le-139(7)  loMgaqo-siseko elifundwa kunye  necandelo le-150(1)(b) loMthetho woLawulo lweziMali zikaMasipala (i-MFMA), 2003 zingaphelanga iintsuku ezilishumi elinesine ukusuka kumhla woMyalelo weNkundla.
5.3.    IKhabhinethi ifikelele kwisisombululo kwintlanganiso yayo yangomhla we-12 kuCanzibe 2021 ukuba isicwangciso sokubuyiswa kwezimali sibe siyasekwa, iBhunga likaMasipala weNgingqi waseLekwa ukuba lichithwe ze konyulwe uMlawuli ozimeleyo ngokwemiqathango yecandelo le-139(5)(a) kunye no (b) woMgaqo-siseko, efundwa kunye necandelo le-146(3)(a) le-MFMA.
5.4.    IKhabhinethi ikuxhasile kwakhona ukuchithwa kweBhunga likaMasipala kumasipala waseLekwa. Abaphathiswa bezeMali noLawulo lweNtsebenziswano neMicimbi yezeMveli kungekudala baza kwazisa ngamalungiselelo amaziko azakuphunyezwa ukuzinzisa lo masipala nokuqinisekisa ukubuyela kunikezelo lweenkonzo.

C.    IMithetho eYilwayo

1.    Uhlengahlengiso loMthetho osaYilwayo weMipu ka-2021

1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo weMipu wowama-2021 ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo uphakamisa ulawulo olungqongqo nolawulo lwemipu kunye nokusekwa kweRejista yeSizwe yeMipu. Olu tshintsho luya kunceda ekunciphiseni inani lemipu ezandleni zabucala kwaye ngenxa yoko kuncitshiswe izehlo zolwaphulo-mthetho olunobundlobongela. Lo Mthetho uYilwayo ukwaphucula ukwenziwa, ulawulo lwemipu kunye nenkqubo yokwenza isicelo. 

2. Ukukhuselwa koMthetho- sihlomelo oLawulayo kuMgaqo-siseko oChasene noBunqolobi kunye Neminye Imisebenzi Ehambelana nawo

2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo woKhuseleko loMgaqo-siseko oChasene noBunqolobi kunye neminye imisebenzi ehambelana nawo ukuze uluntu luhlomle. Uphengululo lufuna ukuhambelana nomgaqo-sikhokelo wezomthetho woMzantsi Afrika kwimithetho yezizwe efuna ukulwa nobunqolobi. 
2.2. IBhunga lezoKhuseleko le-UNSC lamkele izigqibo ezininzi ezongezelelweyo ukomeleza amanyathelo okulwa ubunqolobi kwihlabathi liphela. Amazwe angamalungu anoxanduva lokulandela la manyathelo. 
2.3. Izilungiso zicacisa ezinye zeenkcazo kulo Mthetho kwaye zongeza amanye amatyala, ngakumbi abantu abahambayo, abadlulayo okanye abafika kulo naliphi na ilizwe ngenjongo yokujoyina okanye ukuxhasa amaqela abanqolobi. Ithintela ukupapashwa okunomxholo onxulumene nabanqolobi. Izilungiso zikwasabela kwizikhewu ezathi zaqaqanjiswa liCandelo eliLawulayo le-UN lokulwa nobunqolobi.

3. UMthetho-sihlomelo oYilwayo weMigangatho yeeMveliso zezoLimo 

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-sihlomelo oYilwayo weMigangatho yeeMveliso zezoLimo ukuze uthiwe thaca ePalamente. Umthetho wemiGangatho yeeMveliso zezoLimo, ka-1990 (uMthetho 119 ka-1990) ubonelela ngolawulo lokuthengiswa nokuthunyelwa kwemveliso ezithile zezolimo kumazwe aphesheya kunye nokukhuthaza ukhuseleko lokutya.
3.2. Ungenelelo lufuna ukukhusela abathengi. Izilungiso ezicetywayo zomeleza inkqubo-sikhokelo yolawulo kwimveliso yezolimo, impilo kunye nokukhuselwa kokutya kweemveliso ezithile zezolimo. Lo Mthetho uYilwayo uqinisa iinkqubo zolawulo kwiindawo zokufaka ibango kwiimveliso ezithengiswayo, kwaye kwaziswe ngeendlela ezahlukeneyo zokuhlola kunye neendlela zophicotho-zincwadi, phakathi kwezinye izinto. 
3.3. Lo Mthetho uYilwayo udibene noluntu ngokubanzi kwaye uza kungena kwenye inkqubo engqongqo yepalamente phambi kokuba uphunyezwe ube ngumthetho.

4. UMthetho oYilwayo weMpilo yeZityalo (i-Phytosanitary) ka-2020

4.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho oYilwayo wezeMpilo weZityalo wowama-2020 ukuba ungeniswe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukukhuthaza ukhuseleko malunga nokuhanjiswa kweemveliso zezityalo ukuze zithunyelwe kumazwe angaphandle. Ilungisa amanyathelo athintela ukungeniswa kwezinambuzane nezifo ezivela kwamanye amazwe, kwaye ilawula izinambuzane ezingabekwa zodwa. Ezi zilungiso zilungelelaniswe nezixhobo zamazwe ngamazwe athe uMzantsi Afrika wasayina kuwo. 
4.2. UMzantsi Afrika usayine isiVumelwano se-WTO malunga nokuSebenza kwesiVumelwano seMilinganiselo yoCoceko noKhuseleko lokuTya nempilo Yezilwane Nezityalo kunye neNgqungquthela yeHlabathi yokuKhuselwa kweziTyalo. 
4.3. Lo Mthetho uYilwayo uza kuwutshitshisa uMthetho okhoyo ngoku weZinambuzane zezoLimo, we-1983 (uMthetho wama-36 ka-1983) ongasithathi ngqalelo iSivumelwano se-WTO kunye neNgqungquthela yeHlabathi yokuKhuselwa kweziTyalo. Iza kukhuthaza urhwebo olukhuselekileyo lokuthumela ngaphandle nokungenisa elizweni eMzantsi Afrika. 

5. UMthetho-sihlomelo oYilwayo weSizwe oLawula iNyukliya

5.1. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo woMthetho weNyukliya kuZwelonke ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ufuna ukulungisa izikhewu ezikhoyo kuMthetho weSizwe weeNyukliya kuLawulo, we-1999 (uMthetho 47 we-1999). Yomeleza izibonelelo zokunyanzeliswa kwabahloli kunye nemingcipheko yokuvezwa kukhuseleko lwabasebenzi. Ikwafuna ukulungelelanisa imimiselo ye-Arhente yaMandla eNyukliya yeHlabathi kunye nokusebenza kwayo. UMzantsi Afrika ulilungu le-Arhente yaMazwe ngaMazwe i-International Atomic Energy Agency.

6.    Uyilo loMthetho oYilwayo oKhawulelana noPhuhliso lweZibonelelo zePetroliyam

6.1. IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho oYilwayo oKhawulelana noPhuhliso lweMithombo yePetroliyam. Lo Mthetho uYilwayo ubonelela ngomgaqo-sikhokelo wezowiso-mthetho nowokudala imeko-bume efanelekileyo yotyalo-mali, yokukhula kunye nokudala imisebenzi kwindawo ephezulu yemarike yezixhobo zepetroliyam. Ikwanika ingcaciso, phakathi kwezinye izinto, inkqubo yezicelo; imvume kunye nokukhutshwa kwamalungelo; ukutshintshwa kwamalungelo; ukuthatha inxaxheba kwabantu abamnyama; ukuthatha inxaxheba kukaRhulumente; iimfuno zotshintsho kunye neemfuno zesicwangciso-qhinga kubanini bamalungelo epetroliyam ukuthengisa ipesenti yepetroliyam ngexabiso lentengiso ekhoyo kwiNkampani KaRhulumente yePetroliyam. 

D.    Imisitho Ezayo

1.    Usuku lwe-Afrika

1.1.    UMzantsi Afrika uza kujoyina ilizwekazi ngokubanzi ukuphawula uSuku lwe-Afrika ngoLwesibini, umhla wama-25 kuCanzibe wama-2021. Olu suku lithuba lokukhuthaza umanyano lwe-Afrika, nzulu ukuhlanganiswa kwengingqi kunye nokucebisa i-Afrika kwisiphelo esifanayo.
1.2.    USuku lwe-Afrika kunye neNyanga ye-Afrika zisinceda ukuba siqondane ngcono njengama-Afrika, kwilizwekazi nakwamanye amazwe. Njengokuba sikhumbula uSuku lwe-Afrika, sikwenza oko siqonda ukuba i-COVID-19 iyaqhuba njengesoyikiso kuwo onke amazwe kwilizwekazi. Kufuneka sonke simanyane ekulweni intsholongwane kwaye siqinisekise ukhuseleko lwabo bonke abantu kwilizwekazi.

2.    Ingqungquthela yezeMpilo yeHlabathi

2.1    Ngomhla wama-21 kuCanzibe wama-2021, uMongameli Ramaphosa uza kuthatha inxaxheba ngonxibelelwano lobuchwephesha kwiNgqungquthela yezeMpilo yeHlabathi eza kubanjwa ngokubambisana Phakathi kweKhomishini yaseYurophu kunye ne-Italy njengoSihlalo we-G20.
2.2    Le Ngqungquthela ilithuba le-G20 kunye neenkokheli ezimenyiweyo, iintloko zemibutho zamazwe kunye nezeengingqi, kunye nabameli bemibutho yezempilo kwihlabathi liphela, ukuba ibelane ngezifundo ezifundwe kubhubhane we-COVID-19, kwaye baphuhlise baxhase ne 'siBhengezo saseRoma' semigaqo. 
2.3    Kulindelwe ukuba imigaqo-nkqubo izakusombulula intsebenziswano engaphezulu yamazwe amaninzi kunye namanyathelo adibeneyo okuthintela iingxaki zempilo kwihlabathi elizayo, kunye nokuzinikela ngokudibeneyo ekwakheni ilizwe elisempilweni, elikhuselekileyo, elilungileyo nelizinzileyo. 

3.    Utyelelo lukaMongameli loMsebenza e-France

3.1    UMongameli Cyril Ramaphosa uza kwenza uTyelelo loMsebenza e-Paris, e-France, ngomhla we-17 ukuya kowe-19 kuCanzibe wama-2021, ukuze athathe inxaxheba kwiNgqungquthela yezeMali yezoQoqosho lwase-Afrika eza kubanjwa nguMongameli Emmanuel Macron wase-France ngomhla we-18 kuCanzibe.
3.2    Le Ngqungquthela ivela ekuqondeni ukuba ubhubhane we-COVID-19 ukhokelele kwingxaki yezempilo nezoqoqosho engazange ibonwe ngaphambili. Nangona kunjalo, uqoqosho lwase-Afrika, ngakumbi kwi-Afrika ekwi-Sub-Saharan, luye lwachaphazeleka ngokunzulu kukudodobala kwembali ngowama-2020 emva kweminyaka engama-25 yokukhula okuqhubekayo, kunye nokubuyiselwa okulindelekileyo kowama-2021 kuhlala kubuthathaka. Kwangelo xesha, ilizwekazi linamandla amakhulu kunye nethemba lokukhula.
3.3    Le Ngqungquthela iza kuhlanganisa iinkokheli zase-Afrika nezingamaqabane, kwiintloko zamaziko ezezimali kumazwe ngamazwe, ngenjongo yokuyila amanyathelo adibeneyo aza kunceda ukukhuthaza ukubuyela kwimeko yesiqhelo nangokubandakanya wonke umntu. Olu hlaziyo luza kusekelwa kwicandelo labucala eliguqukayo kunye nokukhuthaza nokwandisa ushishino. Isicwangciso sokubuyisela kwimeko yesiqhelo siza kufuna ukukhuthaza ukuchuma nokukhawulezisa inguqu eluhlaza nakwidijithali ngokuhambelana neeNjongo zoPhuhliso oluZinzileyo kunye nesiVumelwano sase-Paris soTshintsho lweMozulu.

E.    Imiyalezo

1.    Iminqweno emihle

IKhabhinethi ithi halala: 

  • Kwiqela laseMzantsi Afrika le-4x100 leemitha zerileyi ngokuphumelela imbasa yegolide kuKhuphiswano lweHlabathi lweeNtshatsheli e-Silesia, e-Poland. 
  • Abavelisi boqobo baseMzantsi Afrika be-Netflix bomboniso wokuqala, othi My Octopus Teacher, ophumelele imbasa ye-Oscar ku-Best Documentary Feature.
  • Iqela lebhola ekhatywayo iTshakhuma Tsha Madzivhandila, ngokwenza imbali ngokubetha i-Chippa United ngo’1-0 kwiNdebe ye-Nedbank yodumo kumdlalo wokugqibela kumabala emdlalo eFreyistata, e-Bloemfontein ngoMgqibelo, umhla we-8 kuCanzibe 2021, kwisizini yabo yokuqala kwi-DStv Premiership. Eli qela ngoku liza kumela ilizwe kwi-CAF Confederation Cup kwisizini ezayo.


2.    Amazwi Ovelwano 

IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nakubahlobo baka: 

  • Mnu Abderrahmane Benkhalfa (72), ingcali yezezimali kunye nowayesakuba nguMphathiswa wezeMali e-Algeria. Ngethuba elide lonyaka likaMongameli Cyril Ramaphosa enguSihlalo we-AU, waqesha uMnu Benkhalfa njengomnye wabathunywa abahlanu abakhethekileyo be-AU COVID-19 ukuba bahlanganise ezemali kunye nenye inkxaso kumzamo welizwekazi lase-Afrika wokulwa ubhubhane we-COVID-19.
  • Nksk Nadia Goetham (46), umpapashi ogqwesayo kwikhondo lakhe lobuntatheli obushicilelweyo kwaye waqhubeka nokuseka ikhondo lomsebenzi oneziqhamo kwindawo yokupapasha, apho wenza khona ifuthe elikhulu. Wayeyintshatsheli yeencwadi kunye nokubalisa amabali, kwaye wayekuthanda kakhulu ukuphuhlisa abanye.
  • Mnu Isaac Mogase (78), owonyulwa njengoSodolophu wokuqala wentando yesininzi weSixeko saseRhawutini ukusukela ngo-1995 ukuya ku-2000. Wayeligqala lomzabalazo kwaye eligqala kwimibutho yoluntu. 
  • Ohloniphekileyo UKumkanikazi uShiyiwe Mantfombi Dlamini Zulu (65), UMlawuli weSizwe samaZulu. Wonyulwa njengoMlawuli weSizwe samaZulu emva kokusweleka komyeni wakhe, uKumkani uGoodwill Zwelithini kaBhekuzulu (73) kweyoKwindla wama-2021. 

F.    Ukuqeshwa

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo.

1.    Amalungu eBhunga leSizwe lezeNtengiso kwezoLimo 
(i)    Mnu Gerhard Schutte;
(ii)    Mnu Angelo Petersen;
(iii)    Njing Mzukisi Qobo;
(iv)    Mnu André Jooste;
(v)    Nks Thandeka Ntshangase;
(vi)    Mnu Sifiso Julius Mhlaba;
(vii)    Nks Nonie Mokose;
(viii)    Nks Shandini Naidoo;
(ix)    Nksz Fezeka Mkile; kunye no
(x)    Gqr Sharon Thembi Xaba.

2.    UNks Susan Clare Middleton njengoSekela Mlawuli-Jikelele (i-DDG): uLawulo lokuLoba kwiSebe leZamahlathi nokuLoba kunye neNdalo. 
3.    UNks Thembisa Futshane njenge-DDG:  Imfundo Yoluntu noQeqesho kwiSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho.
4.    UMnu Khumbula Ndaba njenge-DDG: Iinkonzo zeNkxaso yeQumrhu  kwiSebe Lophuhliso Loluntu. 
5.    UNks Sebolelo Mercedes Zwane njenge-DDG: UCwangciso lweZiko kunye neNkxaso  kwiSebe lezeNzululwazi noBuchule. 
6.    UGqirha Kgosientso David Ramokgopa njengeNtloko: IZiseko zoPhuhliso zoMzantsi Afrika kwi-DPWI. 

Imibuzo: Nks  Phumla Williams - ISithethi seKhabhinethi  
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore