INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla we-09 kweyoKwindla 2022


A.    Imiba enguNdabamlonyeni

1.    Ungquzulwano lwe-Russia ne-Ukraine

1.1.    IKhabhinethi isakhathazeke kakhulu lungquzulwano oluqhubekayo phakathi kwe-Russia ne-Ukraine. Ungquzulwano Iwenza ilahleko enkulu kwezentlalo nakwezoqoqosho kwaye impembelelo zalo ziya kuvakala kwihlabathi jikelele.
1.2.    IKhabhinethi icela isisombululo ngothetha-thethwano kwaye ibongoza onke lamaqela axhase kwaye akhusele amalungelo abantu, futhi athobele izibophelelo zawo ngokwemigaqo yomthetho wamazwe ngamazwe kunye nomthetho wobuntu wamazwe ngamazwe.
1.3.    Urhulumente usaqhubeka encedisa abemi boMzantsi Afrika ukuba balishiye elase-Ukraine kwaye uninzi lwabo sele lubuyele ekhaya. Sikwavakalise inkxalabo yethu ngempatho-mbi yama-Afrika azama ukuwela imida yamazwe ngamazwe ngeli xesha.
1.4.    Sikholelwa ekubeni amazwe asakhasayo kufuneka nawo abe nelizwi kunye nefuthe kumaziko olawulo lwehlabathi. Ngoko ke, uMzantsi Afrika uthethela inkqubo yehlabathi yokuba kulinganwe kwaye kuhlaziywe amaziko ahlukeneyo ukuze kukhuthazwe ukulingana.

2.    INkomfa yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika (i-SAIC)

2.1.    UMzantsi Afrika uza kusingatha i-SAIC yesine ngoLwesine, umhla wama-24 kweyoKwindla 2022 kwiZiko leNgqungquthela laseSandton eRhawutini. Le nkomfa yinxalenye yephulo likarhulumente lokutsala utyalo-mali olungange i-R1.2 yetriliyoni kwiminyaka emihlanu, kwaye itsale abathunywa abasuka eMzantsi Afrika nakwihlabathi jikelele ukuba baxoxe ngamathuba otyalo-mali.
2.2.    Ukusukela kwinkomfa yotyalo-mali yokuqala ka-2018, uMzantsi Afrika utsale iibhiliyoni zeerandi ezingama-774 kwizibophelelo ezenzeke kumacandelo amaninzi oqoqosho. Olu tyalo-mali lutsha luya kusinceda sikhulise uqoqosho, sidale imisebenzi edingeka kakhulu kwaye siphucule ubomi babantu.

3.    Ukwazisa ngeSifo sentsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)

3.1.    IKhabhinethi iyawabona amalinge eli lizwe malunga nomlo ojongene ne-COVID-19 kodwa yalumkisa ngelithi okwangoku eli dabi alikapheli, yaza yabongoza bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba bahlale bephaphile kwaye baqhubeke bezikhusela ukuze banqande ukusasazeka kwale ntsholongwane ibulalayo.
3.2.    IKhabhinethi ichulumancile kuba phantse yazizigidi ezingama-32 zezigonyo ze-COVID-19 eziye zasetyenziswa kwaye bangaphezu kwamapesenti angama-42 abantu abadala abagonywe ngokupheleleyo.
3.3.    Nangona kunjalo, abantu abangagonywanga basahleli bengakhuselekanga kwi-COVID-19 kwaye babeka iimpilo zabo kunye nabo babangqongileyo emngciphekweni. Ugonyo luyakuhlala luyeyona ndlela ilungileyo yokulwa i-COVID-19, kwaye iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke umntu oneminyaka eli-12 ubudala nangaphezulu ukuba agonye ngaphandle kokulibazisa.
3.4.    Isigonyo sokuvuselela ngoku siyafumaneka simahla kubantu abaninzi kwaye iKhabhinethi icela abo bafanelekileyo ukuba basifumane baye ngokukhawuleza. Kufuneka siqhubeke nokunxiba izigqubutheli-buso ezivala umlomo kunye neempumlo, sihlambe okanye sifake isibulali-zintsholongwane izandla rhoqo, sigcine umgama okhuselekileyo ebantwini kwaye siqinisekise ukuba kungena umoya owaneleyo ngokuthi sivule iifestile.

4.    INkomfa YezaMandla e-Afrika

4.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqukunjelwa okuyimpumelelo kweNkomfa YezaMandla e-Afrika ebibanjwe nge-intanethi nangobuqu eKapa ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowe-3 kweyoKwindla 2022 phantsi komxholo othi: “INtlanganiso yoShishino yokuKhetha iCandelo lezaMandla e-Afrika”. Le ndibano ibihlanganise abadlali abaneempembelelo kwihlabathi nasekhaya abaphuma kwicandelo lezamandla ukuze kuxoxwe ngendlela ilizwekazi lase-Afrika elingasebenzisa ngayo ezamandla njengento ekhuthaza ukukhulisa uqoqosho nokuphucula ubomi babantu.
4.2.    UMzantsi Afrika usazimisele ukuphumeza umxube wezamandla ohambelana neenjongo zawo zophuhliso kunye neenjongo zawo zokutshintsha-tshintsha kwemozulu ngelixa uqinisekisa ufikelelo.

5.    Ukuqeshwa kweQela loKhuseleko

5.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukuqeshwa kwabakwinqanaba eliphezulu kutsha nje kwiGunyabantu leSizwe lezoTshutshiso (i-NPA) kunye nakwi-Arhente yoKhuseleko loMbuso (i-SSA). UMongameli Ramaphosa wonyule u-Adv Andrea Johnson ukuba akhokhele iCandelo loPhando le-NPA kunye noNozakuzaku uThembisile Majola njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) omtsha we-SSA.
5.2.    UMongameli ukwaqeshe u-Adv Navilla Somaru njengoMlawuli woTshutshiso loLuntu (i-DPP) eFreystata; u-Adv Matodzi Rachel Makhari-Sekhaolelo njenge-DPP eMntla Ntshona kunye no-Adv Nicolette Bell njenge-DPP eNtshona Koloni.
5.3.    Oku kuqeshwa kuza komeleza amandla ethu okuphanda nokutshutshisa zonke izenzo zolwaphulo-mthetho norhwaphilizo.

6.    Utyelelo lokujonga unikezelo lwenkonzo

6.1.    IKhabhinethi ilwamkele utyelelo olube yimpumelelo lukaMphathiswa weMisebenzi kaRhulumente neziSeko zoPhuhliso, uNks Patricia de Lille kunye noMphathiswa kwi-Ofisi kaMongameli, uMnu Mondli Gungubele, kwiProjekthi ye-Nodal N2 kuMasipala i-Nelson Mandela Bay eMpuma Koloni ngoLwesibini, umhla wesi-8 kweyoKwindla 2022.
6.2.    Olu tyelelo luyinxalenye yenyathelo likarhulumente elibhekiselele kuhlolo oluthe ngqo lwenkqubela phambili eyenziweyo ekufezekiseni isiCwangciso soTyalo-mali lweziSeko zoPhuhliso ukuze kulawuleke uqoqosho kwaye kudaleke nemisebenzi.
6.3.    Le projekthi ikhethekileyo ibandakanya amathuba angama-12 100 ezindlu ezintsha aneendawo zokuthengisa ezingaphezu kwama-500 000 m², urhwebo, ii-ofisi nemizi-mveliso, kunye nothotho lwamaziko oluntu nezentlalo.

7.    Usuku lwaBasetyhini lwaMazwe-ngaMazwe 

7.1.    UMzantsi Afrika uzimanye noluntu kumazwe-ngamazwe ekubhiyozeleni uSuku lwaBasetyhini lwaMazwe ngaMazwe ngoLwesibini, umhla wesi-8 kweyoKwindla 2022. Olu suku lithuba lokubonakalisa indlela esele siyihambile ekuqhubeleni phambili ukulingana ngokwesini kunye nokuba yintoni ekufuneka yenziwe ukuze sibe sisizwe esilinganayo ngokwesini.
7.2.    IKhabhinethi ichulumancile yimpumelelo eninzi ebekufanele ukuba siyibhiyozele ukusukela oko kwasekwa ulawulo lwentando yesininzi. UMzantsi Afrika wenze inkqubela ekukhuthazeni ulingano kwabasetyhini kwimimandla efana norhulumente, imibutho yoluntu, ulawulo lobulungisa, imidlalo kunye nenkcubeko. Nangona kunjalo, iKhabhinethi iyaphinda ithi kusekuninzi ekufuneka kwenziwe ukuqinisekisa ukuthatha inxaxheba okupheleleyo nokulinganayo kwabasetyhini kuqoqosho loMzantsi Afrika.
7.3.    IKhabhinethi ikwamkele ukonyulwa koMzantsi Afrika njengoSihlalo weseshoni yamashumi amathandathu anesithandathu yeKhomishini yeZizwe eziManyeneyo engoBume babaseTyhini eza kubanjwa ukusuka ngoMvulo, umhla we-14 kweyoKwindla ukuya kutsho ngoLwesihlanu, umhla wama-25 kweyoKwindla 2022.

8.    Ukhuseleko lukaRhulumente

8.1.    IKhabhinethi ikuqaphele ukubanjwa kukaNondyebo wase-United States, abantu ekutyholwa ukuba babandakanyeka kurhwaphilizo lwemali. Siyaqhubeka nokusebenza nabalingane bethu bamazwe-ngamazwe ukunqanda ukuthutyeleziswa kwemali engekho mthethweni.
8.2.    Imikhosi yethu yokhuseleko ihleli ithe qwa kwaye inxibelelana neenkonzo zobuntlola zamazwe angaphandle, ngaphakathi eMzantsi Afrika nakumazwe angaphandle. Umsebenzi wabo uquka ukutshintshiselana ngenkcukacha malunga nezisongelo ezibangelwa lugonyamelo olugqithiseleyo olunobundlobongela kunye nobunqolobi.

9.    Ubundlobongela basesidlangalaleni

9.1.    IKhabhinethi izigxekile iziganeko zakutsha nje zobundlobongela kunye neengxwabangxwaba zoluntu ezenzeke e-Alexandra kufuphi nase-Sandton. Akukho nakuphi na ukungoneliseki okunothethelela ukunyhashwa kwamalungelo abantu elizweni.
9.2.    IKhabhinethi ilwamkele ungenelelo olukhawulezileyo olwenziwa zii-arhente zogcino-mthetho, olukhokelele ekubeni kubuyiselwe inzolo kulo mmandla kunye nokubanjwa kwabaninzi abatyholwa ngobundlobongela basesidlangalaleni.
9.3.    Uluntu luyabongozwa ukuba lusebenzise iindlela zoxolo ukusombulula iingxabano kunye nokuxela zonke izenzo ezingekho mthethweni kwii-arhente zogcino-mthetho.

10.    Uqoqosho

10.1.    IKhabhinethi iqaphele amanani engeniso yelizwe (i-GDP) akhutshwe liZiko leeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika kutsha nje abonise ukuba i-GDP yoMzantsi Afrika ikhule kangange-1.2 ekhulwini kwikota yesine yama-2021, emva kokuba yehle kangange-1.7 ekhulwini kwikota yesithathu yama-2021. Oku kuzisa izinga loMzantsi Afrika lokukhula lonyaka wama-2021 ku-4.9 pesenti. Abona banegalelo elikhulu koku kukhula ngabezolimo, abezemveliso, abeenkonzo kunye nabezothutho.
10.2.    IKhabhinethi isazimisele ekuqhubekeni nokusebenza namahlakani ayo ezentlalo ngokubhekiselele kuhlumo loqoqosho lwethu noluxhanyulwa ngumntu wonke kunye nokudala ithuba apho siza kuba nakho ukuqubisana nemingeni yentswela-ngqesho, indlala kunye nokungalingani.

11.      Ukuthengiswa kweteknoloji yezonxibelelwano esebenza ngamaza omoya nefunwa kwakhulu

11.1.    IKhabhinethi iqhwabele izandla iGunyabantu lezoNxibelelwano eliziMeleyo loMzantsi Afrika ngokuqalisa ukuthengisa iteknoloji yezonxibelelwano yamaza omoya, nangona kukho izimangalo eziqhubekayo.
11.2.    Ikwavuyisana nabafaki-zicelo abathathe inxaxheba kuthengiso lwangoLwesibini, umhla wesi-8 nangoLwesine, umhla we-10 kweyoKwindla 2022, nto leyo ebonise injongo yeshishini lezonxibelelwano lokuqhubeka nokutyala imali kwiziseko ezingundoqo zedijithali eMzantsi Afrika.
11.3.    Urhulumente usazibophelele ekudaleni ithuba elivumela ukuba kusetyenziswe amaza omoya ngokupheleleyo, kungapheli nje ngamashishini onxibelelwano kodwa nokuxhamlisa uqoqosho noluntu.
11.4.    Ukukhutshwa kweelayisenisi yamaza omoya efunwa kakhulu kuya kuphucula isakhono sabasebenzi bonxibelelwano ngocingo ukuze bakhe unxibelelwano oluqilima ngokungena kunye nokufikelela ngakumbi. Inzuzo enkulu yale nkqubo ekudala ilindelwe ibandakanya ukuncitshiswa kweendleko zedatha kunye nonxibelelwano ngezwi.
11.5.    Unxibelelwano ngamaza omoya lukwalindeleke ukuba lube negalelo kwinguqu yezoqoqosho kumacandelo ahlukeneyo kwaye ingeniso yoku kuthengiswa iza kufaka ngaphezu kwe-R8 yeebhiliyoni kwimali yesizwe.

12.    Uphando lweKhomishini ye-Lotto yeSizwe (i-NLC).

12.1.    IKhabhinethi iyiqaphele inkqubela encomekayo ephunyezwe liCandelo loPhando eliKhethekileyo kuphando lwalo olunzulu lolawulo olugwenxa kunye norhwaphilizo kwi-NLC, yaze yabongoza nezinye ii-arhente zogcino-mthetho ezijongene nalo mba ukuba zigqibezele umsebenzi wazo ngokukhawuleza. Oku kuya kuqinisekisa ukuba amanyathelo ayimfuneko ayathatyathwa ukuze kutshutshiswe abantu okanye imibutho echaphazelekayo kusetyenziso gwenxa kwemali ebekelwe ukunceda abantu abahluphekayo.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi
1.    IsiCwangciso seSizwe seziSeko ezinguNdoqo (i-NIP) yowama-2050


1.1.    IKhabhinethi iphumeze i-NIP yowama-2050. I-NIP ibonelela ngeeprojekthi ezingundoqo zoqoqosho kunye nophuhliso lwentlalo ekulindeleke ukuba zibe negalelo kwiinjongo zelizwe zexesha elide.
1.2.    Esi sicwangciso sifumene izimvo ezibhaliweyo ezininzi emva kokuba sipapashiwe ukuze uluntu luhlomle ngeyeThupha ngowama-2021. Izimvo zifunyenwe nakwiindibano zothetha-thethwano noluntu kunye nabo bachaphazelekayo abohlukeneyo abakumacandelo eziseko ezingundoqo. Olu thethwano luquke namaqumrhu ommandla kunye nawelizwekazi afana noMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika kunye neKomishoni yeZiseko ezinguNdoqo yeMbumba ye-Afrika.
1.3.    I-NIP ibonelela ngophuhliso lothungelwano lweziseko ezingundoqo zelizwe oluhambelana neNkqubo-sikhokelo yoPhuhliso lweMihlaba yeSizwe kunye neModeli yoPhuhliso lweSithili (i-DDM). Ikwagxile kulwakhiwo lweziseko ezingundoqo ezisingise kuphuhliso lwentlalo noqoqosho, kunye nokuvelisa amathuba engqesho kunye namathuba abanzi okuxhotyiswa kwabantsundu kwezoqoqosho.

2.    ISicwangciso-qhinga sokuZisa iRhasi Elulwelo (i-LPG) sowama-2022

2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesiCwangciso-qhinga sokuQaliswa kwe-LPG sowama-2022 kwiPhephandaba loMbuso ukuze uluntu luhlomle. Isicwangciso-qhinga sijonge ukufaka igxalaba ekujonganeni nemingeni yelizwe yobonelelo lwezamandla.
2.2.    Esi sicwangciso sijongene, phakathi kwezinye izinto, iimpawu zesakhiwo semarike yangoku ye-LPG, iziseko ezingundoqo ezikhoyo, ubume bamaxabiso kunye nomthamo wangoku wokwenziwa kweesilinda ze-LPG. Esi sicwangciso-qhinga sikwajongene nephulo lokhuseleko kunye nokwazisa abantu ngokuphakamisa inkangeleko yerhasi yasekhaya njengamafutha angenabungozi kokusingqongileyo.

3.    IsiCwangciso-Qhinga sokuHlola kuShishino lwezeMigodi loMzantsi Afrika
3.1.    IKhabhinethi isamkele isiCwangciso-qhinga sokuHlola kuShishino lwezeMigodi loMzantsi Afrika. Isicwangciso-qhinga, phakathi kwezinye izinto, siya kubonelela ngongenelelo olukhawulezileyo kwisicwangciso saso sokuphumeza ukwenza imephu ebanzi yenzululwazi yelizwe ukuze kuphuculwe iinkcukacha zelizwe.
3.2.    Esi sicwangciso-qhinga sikwaphakamisa intsebenziswano phakathi kweSebe leMithombo yeziMbiwa naMandla kunye neQumrhu loPhuhliso lwezoShishino ukuqinisekisa ukuba ukuhlola kubonelela ngokubandakanywa kweenkampani zokuhlola ezikhulayo. Ikwabethelela indima yophando eza kudlalwa ngamaziko ophando afana ne-MINTEK kunye neBhunga loPhando lwezeNzululwazi noShishino, kunye nenkqubo yophuhliso lwezakhono.
3.3.    Esi sicwangciso sisiphumo sothetha-thethwano olubanzi phakathi kukarhulumente, ishishini kunye namanye amahlakani asekuhlaleni. Ishishini lezemigodi lihlala lingundoqo kwezoqoqosho lesizwe.

4.    Ukusebenza kweSicwangciso-qhinga sokuVuselela i-Batho Pele sowama-2021

4.1.    IKhabhinethi ivume ukusebenza kwesiCwangciso-qhinga sokuVuselelwa kwe-Batho Pele sowama-2021. Esi sicwangciso-qhinga sisiphumo seqela lophando olwenziwe ngamaziko karhulumente kunye nalawo angekho phantsi kukarhulumente ngokusebenza koMgaqo-nkqubo we-Batho Pele we-1997.
4.2.    Esi sicwangciso-qhinga sibonelela ngeentsika ezintlanu eziza kukhokela eyona migangatho ekufuneka ithotyelwe ngawo onke amasebe. Ungenelelo olucetywayo luya kunika isiphumo kwinkqubo yonikezelo lweenkonzo zoluntu.
4.3.    Esi sicwangciso-qhinga siza kunika isiphumo ekomelezeni ilizwe elikwaziyo ukwenza izinto, elineenqobo ezisesikweni kunye neliphuhlayo, nelihleli ilingenelelo elibalulekileyo ekuncedeni abemi boMzantsi Afrika. Kananjalo iza komeleza ukuphunyezwa kwemithetho-siseko esibhozo ye-Batho Pele. Ekugqibeleni, sifuna ukuqhuba utshintsho kwindlela yokuziphatha kwiNkonzo zikaRhulumente.

5.    Ukulungiswa komgaqo-nkqubo wamaza osasazo nafuneka kakhulu kunye nesikhokelo somgaqo-nkqubo wokukhutshwa kwelayisensi yothungelwano olungenazingcingo oluvulekileyo (i-WOAN)

5.1.    IKhabhinethi ivume ukulungiswa komgaqo-nkqubo wamaza osasazo nafuneka kakhulu kunye nesikhokelo somgaqo-nkqubo wokukhutshwa kweelayisenisi ye-WOAN ukuba upapashwe ukuze uluntu luhlomle. Izilungiso ezicetywayo zisusa iimfuno zokukhutshwa kwelayisensi ye-WOAN.
5.2.    IKhabhinethi ngowama-2019 iwuphumezile lo mgaqo-nkqubo wamaza osasazo nafunekayo kunye nesikhokelo somgaqo-nkqubo wokukhutshwa kwelayisenisi ye-WOAN ukuze uqalise ukusebenza koMthetho woNxibelelwano we-Elektronikhi, wowama-2005 (uMthetho wama-36 wowama-2005). Ukukhutshwa kweelayisenisi zamaza osasazo nafuneka kakhulu kuhlala kubalulekile kwiphulo lokuvuselela uqoqosho lweli lizwe.

6.    Ingxowa-mali yoNcedo lweeTeksi (i-TRF) ukunciphisa ifuthe le-COVID-19

6.1.    IKhabhinethi ivume ukwandiswa kosuku lokuvalwa lokufakwa kwezicelo ze-TRF ye-COVID-19, ukusuka ngomhla wama-31 kweyoKwindla 2022 ukuya kowama-31 kweyoKwindla 2023. I-TRF, inoqingqo-mali olumalunga ne-R1.135 yebhiliyoni, yabelwa njengentlawulo eyenziwa kube kanye ukunciphisa ifuthe elibi lezezimali le-COVID-19 kushishino lweeteksi.
6.2.    INgxowa-mali yoPhuhliso yeSizwe inoxanduva lokuhlawula imbuyekezo kubo bonke abaqhubi beeteksi abasemthethweni abanamaphepha-mvume okusebenza asemthethweni, kubandakanywa iiteksi ezingama-minibus, iiteksi ezingama-metered taxis kunye neeteksi ezisebenza ngenkqubo ye-e-hailing.

C.    IMithetho eYilwayo
1.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo wePosi yaseMzantsi Afrika (i-SAPO) wowama-2021


1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa koMthetho-sihlomelo oYilwayo we-SAPO ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ujonge ukulungisa uMthetho we-SAPO, wowama-2011 (uMthetho wama-22 wowama-2011).
1.2.    Ezi zilungiso zicetywayo zifuna ukuba i-SAPO ikwazi ukuthatha ithuba kuphuhliso lobuchwepheshe. Iya kukwazi ukuhlaziya imisebenzi yayo kwaye yandise nesigunyaziso sayo. Iya kuba ngumnikezeli wenkonzo yeposi kunye nekhoriya; wolungiselelo oluhlanganisiweyo; wezokurhweba nge-intanethi, kwaye iya kuba yindawo yedijithali yamashishini kunye noluntu. Izilungiso ezicetywayo, ezilungelelaniswe nePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo oDityanisiweyo weSizwe we-ICT lowama-2016, nazo zenza uphuculo kumalungiselelo olawulo lwe-SAPO.

2.    UMthetho-sihlomelo oYilwayo weBhanki yePosi wowama-2021

2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho-sihlomelo oYilwayo weBhanki yePosi wowama-2021. Lo Mthetho uYilwayo ulungisa uMthetho weBhanki yePosi, wowama-2010 (uMthetho we-9 wowama-2010) ukuze uhambelane noMthetho weeBhanki, we-1990 (uMthetho wama-94 wowama-1990). Ubonelela ngokusekwa kweNkampani ePhethe iBhanki yePosi yoMzantsi Afrika ngokwemigaqo yoMthetho weeBhanki we-1990.
2.2.    UMthetho oYilwayo udlulele kudliwano ndlebe noluntu ukuwuqinisa. Wakube wamkelwe njengomthetho, iBhanki yePosi iya kukwazi ukusebenza njengeziko elizimeleyo elineenkqubo-sikhokelo zalo zolawulo ezingezizo eze-SAPO.

3.    UMthetho oYilwayo weNgxowa-mali yoLawulo lweNkunkuma eneeKhemikhali

3.1.    IKhabhinethi iphumeze ukupapashwa koMthetho oYilwayo weNgxowa-mali yoLawulo lweNkunkuma eneeKhemikhali ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ubonelela ngokwenziwa kwengxowa-mali njengoko kuyalelwe nguMgaqo-nkqubo woLawulo lweNkunkuma eneeKhemikhali.
3.2.    Iimali ziya kuqokelelwa ukuze zisetyenziselwe ukulawula inkunkuma eneekhemikhali. Iya kwenza ukuba kumiselwe iziseko ezingundoqo ukuze kuphathwe, kubonelelwe ngogcino kwaye kojongwe ukulahlwa okusisigxina kwenkunkuma eneekhemikhali. Le ngxowa-mali iya kulawulwa liZiko leSizwe lokuLahla iNkunkuma eneeKhemikhali.
3.3.    UMzantsi Afrika uyaxhamla kwezamandla ezicocekileyo eziveliswe ngeSikhululo sezaMandla seNyukliya sase-Koeberg. Kwakhona, uMzantsi Afrika ungomnye wabavelisi abakhulu beemveliso zamayeza ayikhemikhali ezixilonga kwaye zinyange umhlaza kwihlabathi.

D.    Imisitho ezayo
1.    Utyelelo oluseSikweni lukaMongameli wase-Mozambique


1.1.    UMongameli Cyril Ramaphosa uza kube esingathe ugxa wakhe wase-Mozambique, uMongameli oHloniphekileyo u-Filipe Nyusi ngoLwesihlanu, umhla we-11 kweyoKwindla 2022.
1.2.    Olu tyelelo luza kuqinisa ngakumbi intsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini. Ikwabethelela ubudlelwane kunye nentsebenziswano kwezopolitiko nakwezoqoqosho phakathi koMzantsi Afrika ne-Mozambique. 

2.    Imbizo kaMongameli eMntla Ntshona

1.1.    NgoMgqibelo, umhla we-12 kweyoKwindla 2022, uMongameli Ramaphosa uza kukhokela igqiza eliya kuMntla Ntshona ukuya kuqhuba iMbizo kaMongameli. Ngalo msitho, uMongameli kunye neenkokeli eziphuma kuwo omathathu amanqanaba karhulumente baza kusebenzisana noluntu lwaseMntla Ntshona.
1.2.    IMbizo kaMongameli yokuqala yowama-2022 inika uMongameli iqonga lokuthetha-thethana noluntu ngamava abo emihla ngemihla kunye neendlela ekunikezwa ngazo iinkonzo ngurhulumente. Abemi nabo baza kuthethana ngokuthe ngqo ngeezindululo zabo malunga neendlela ekunokukhulisa ngazo uMzantsi Afrika sisonke, kungashiywa mntu ngemva.
1.3.    Ukwakha phezu kwe-DDM, efuna intsebenziswano engamandla phakathi kwabemi kunye nabameli boluntu, iKhabhinethi ibongoza uluntu lwaseMntla Ntshona ukuba lusebenzise eli thuba lokuthetha ngqo noMongameli bavakalise okubaxhalabisayo kunye nezindululo zabo.

2.    Usuku lwamaLungelo aBantu

2.1.    IKhabhinethi iyalwamkela uthotho lweengxoxo kunye nemisitho phantsi komxholo othi: “UNyaka woManyano noHlaziyo: UkuKhuselwa kunye nokuGcinwa kwamaLungelo oLuntu” eziqhutywa njengenxalenye yokukhumbula uSuku lwamaLungelo aBantu lwalo nyaka ngoMvulo, umhla wama-21 kweyoKwindla 2022. Oku kukwafaka igalelo ekuhloleni inkqubela yeeprojekthi zomgaqo-siseko wentando yesininzi yesizwe.
2.2.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise iNyanga yamaLungelo aBantu ukukhuthaza ubambiswano eluntwini, ukwakhiwa kwesizwe kunye nokwabelana ngobuthina. Ngumsebenzi wethu njengesizwe ukusebenzela uphuhliso lwentlalo kunye noqoqosho olubandakanyayo, ngelixa siqinisekisa ukuba silwa ubuhlanga, ucalucalulo ngokobuhlanga nako konke ukunganyamezelani okunxulumene noko.

3.    IVeki yaManzi yeSizwe

3.1.    Iphulo leVeki yaManzi yeSizwe lizakuqhuba ukususela ngeCawa, umhla wama-20 ukuya kutsho ngoMgqibelo, umhla wama-26 kweyoKwindla 2022, kwaye igxininisa kwimfuneko yokukhusela nokulondoloza amanzi ethu.
3.2.    Nangona imvula inetha ngamandla kunesiqhelo kwiindawo ezininzi zelizwe kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo, uMzantsi Afrika uselilizwe elinqongophelelwe ngamanzi. Ulelinye lawona mazwe kwangama-30 awomileyo ehlabathini kwaye uninzi lwamanzi alo avela kwimvula.
3.3.    IKhabhinethi iyabaqinisekisa abemi boMzantsi Afrika ukuba amanzi aphuma kwiimpompo zethu akhuselekile ukuba angasetyenziswa ngabantu, njengoko oko kungqinwe liZiko leSizwe leZifo ezoSulelayo, kwaye iingxelo ezimalunga namanzi okusela angakhuselekanga ayanyaniswa nomkhuhlane we-typhoid zibubuxoki. Urhulumente ubeke phambili ukuhanjiswa kwamanzi eluntwini.

E.    Imiyalezo
1.    Uvuyiswano


IKhabhinethi idlulise amazwi ombulelo kunye neminqweno emihle kwaba balandelayo:

  • Iqela loMzantsi Afrika leqakamba yabaseTyhini, eliphephezela phezulu iflegi yesizwe kwiNdebe yeHlabathi yeQakamba yabaseTyhini e-ICC e-New Zealand.
  • Imbaleki u-Stephen Mokoka, eyophule irekhodi lehlabathi lamadoda leekhilomitha ezingama-50 kwisithuba seeyure ezimbini, imizuzu engama-40 nemizuzwana elishumi elinesithathu, kugqatso lwe-Nedbank Runified Breaking Barrriers obubanjelwe eGqeberha, eMpuma Koloni, ngeCawe, umhla we-6 kweyoKwindla 2022.

2.    Amazwi Ovelwano

IKhabhinethi ivakalise amazwi ovelwano kusapho nezihlobo zika:

  • UMnu Mandla Ka-Mabuza (47), igcisa, isithethi nowayesakuba nguMongameli weNkongolo yaBafundi boMzantsi Afrika i-South African Students’ Congress. Wayesakuba ngumsebenzi karhulumente kwiSebe leMisebenzi yoLuntu kunye neziSeko zoPhuhliso.

F.    Ukuqeshwa

Zonke izithuba zengqesho zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamaphepha ezemfundo kunye nokunye ukuqinisekiswa okafanelekileyo.
1.    UMnu Zane-Udien Dangor njengo-DG kwiSebe lezoBudlelwane baMazwe ngaMazwe neNtsebenziswano.
2.    UNksz Phindile Patronella Mkwanazi njengeSekela-DG: ukufunda kunye noPhuhliso lobuGcisa kwiSikolo sikaRhulumente seSizwe.
3.    UMnu David Mamphitha njengeGosa eliyiNtloko lesiGqeba seBhunga lezeMpilo noKhuseleko eMgodini.
4.    Abantu abaza kusebenza kwiBhunga leeNkonzo zoMoya zaMazwe ngaMazwe:
a)    UNks Nomveliso Ntanjana (uSihlalo);
b)    UMnu Nare Thupana (uSekela Sihlalo);
c)    UMnu Grant Reagon Son;
d)    UMnu Tumelo Chipfupa; kunye no
e)    UNks Pfumelani Dorcas Mbulayeni.

5.    Abantu abaza kusebenza kwiBhunga leeLayisenisi zeeNkonzo zoMoya
a)    UMnu Leroy Musa Nsibande (uSihlalo);
b)    UNks Raesibe Sharon Kekana (uSekela Sihlalo);
c)    UMnu Rickie Rodger Rennie;
d)    UNks Zonica Leanda Mtshali; kunye no
e)    UMnu Ramovha Emmanuel Mbuwe.

Imibuzo: UNksz Phumla Williams – iSithethi seKhabhinethi
Iselfowuni: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore