INgxelo yeNtlanganiso eKhethekileyo yeKhabhinethi umhla we-15 kuTshazimpuzi 2020

INgxelo yeNtlanganiso eKhethekileyo yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, umhla we-15 kuTshazimpuzi 2020

INtlanganiso eKhethekileyo yeKhabhinethi ibibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano lwevidiyo ibinamhlanje umhla we-15 kuTshazimpunzi 2020 ngeenjongo zokugwadla isicwangciso sokuvuselela uqoqosho nezentlalo emva kokugqitha kweXesha lokuValeleka Phantsi kweMiqathango ethile kwiZwelonke ngenxa ye-COVID-19, (i-COVID-19 National Lockdown).

Oku kulandela isibhengezo ebesenziwa nguMongameli Cyril Ramaphosa kwiiveki ezimbini ezidlulileyo sokuba iKhabhinethi iza kubamba ingxoxo egcweleyo ize iqulunqe isicwangciso sokuvuselela uqoqosho lwelizwe.

Kule ntlanganiso kuye kwanikezelwa ngeengxelo ezintlanu ezivela kwiintlanganisela: (1) Amacandelo ezoQoqosho, uTyalo-mali, ezeNgqesho noPhuhliso lweziSeko ezinguNdoqo; (2) uLawulo, iZakhono zoMbuso noPhuhliso lwamaQumrhu; (3) iziBonelelo zezeNtlalo, uPhuhliso loluntu naBantu; (4) iNtsebenziswano naMazwe ngaMazwe, uRhwebo noKhuseleko; kunye (5) neyoBulungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho kunye noKhuseleko.

Ezi ngxelo zisisiphumo somsebenzi owenziwe zizo zonke iintlanganisela zeKhabhinethi, zigxininisa kumba wovuselelo loqoqosho lwelizwe oluthe lwadodobala ngenxa kabhubhane we-COVID-19 nokuthotywa kwendawo obekwa kuyo uMzantsi Afrika ngokwesakhono sokubhatala izikweliti zii-arhente zokuhlela u-Moody’s no-Fitch.

IKhabhinethi ivumelene kwelokuba kusafuneka ukuba ukhe ugwadlwe ngamandla lo mba kubanjwe neendibano zokubonisana phambi kokuba isicwangciso esigcweleyo siqukunjelwe size sivunywe ukuba sisiwe esizweni.

Zonke iintlanganisela zeKhabhinethi ziceliwe ukuba zisebenzisane zibhale ingxelo enye edityanisiweyo engezinto ezingundoqo ekufuneka zikhokeliswe phambili kwisicwangciso sokuvuselela uqoqosho lwelizwe, ekufuneka sigqitywe phambi kweNtlanganiso elandelayo yeKhabhinethi ekuhlelwe ukuba iza kuba ngoMvulo, umhla wama-20 kuTshazimpuzi 2020.

IKhabhinethi iye yayalela uMphathiswa wezamaShishini kaRhulumente uPravin Gordhan ukuba aze nengxelo ngezakutsha nje malunga no-South African Airways eza kuthi ishukushwe kule ntlanganiso izayo. Emva koko iKhabhinethi iza kuqukumbela isicwangciso sokuvuselela uqoqosho lwelizwe.

IKhabhinethi ibulela wonke umntu kulo lonke eli lizwe ngokuthi luhlale emakhaya ngeli xesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139
Umhla: Lwesithathu, 15 Tshazimpuzi 2020

Share this page

Similar categories to explore