Ingxelo ngeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-18 kweyeDwarha ngowama-2017

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla we-18 kweyeDwarha ngowama-2017, eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba enguNdaba-mlonyeni

1. USuku lweNkululeko yamaJelo eeNdaba

1.1. IKhabhinethi nayo njengabemi boMzantsi Afrika ibhiyozela isikhumbuzo soSuku lweNkululeko yamaJelo eeNdaba ngoLwesine, umhla we-19 kweyeDwarha ngowama-2017.
1.2. Amajelo eendaba adlala indima ebalulekileyo kwidabi lokulwa ucalu-calulo, ukubhentsisa izenzo zenkohlakalo ezazisenziwa ngurhulumente wocalu-calulo. Kulo nyaka siphawula iminyaka engama-40 ukusukela oko urhulumente wocalu-calulo wavala umlomo amaphephandaba ayegxininisa inkqubela nobulungisa afana ne-World, i-Weekend World kunye ne-Voice.
1.3. Namhlanje, inkululeko yamajelo eendaba ibethelelwa nangakumbi kuMgaqo-nkqubo woMzantsi Afrika kwaye ibaluleke kakhulu kweli lizwe lethu likhulayo.
1.4. IKhabhinethi ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokukhuthaza ukufumaneka kolwazi kunye nokusebenzisa inkululeko yamajelo eendaba ngenkathalo ukuze sikwazi ukwakha uMzantsi Afrika wethu sonke omanyeneyo, ongenabuhlanga, ongacaluli ngokwesini, olawulwa ngokwentando yesininzi nonekamva elihle kuye wonke umntu.

2. UQoqosho lwaseLwandle

2.1. IKhabhinethi imqhwabela izandla uMongameli Jacob Zuma ngokunika amahlakani ekubanjiswene nawo ingxelo ngomsebenzi oselwe wenziwe malunga nokuqaliswa kwe-Operation Phakisa yoQoqosho lwaseLwandle kwaye icela onke amahlakani ukuba aqhubeleke nokusebenzisana norhulumente ukuze kuvulwe amathuba ezoqoqosho kwiilwandle zethu.
2.2. UQoqosho lwaseLwandle sele ligalele i-4.4.% kwiMveliso yoNyaka yoMzantsi Afrika (i-GDP) kwaye ingxelo kaMongameli ebeyinika amahlakani ibonakalisa amalinge kunye nenkxaso enikwa amahlakani axhamla obu butyebi.
2.3. Iiprojekthi zezoQoqosho lwaseLwandle ukuza kuthi ga ngoku zezivulele utyalo-mali oluxabisa imali ezibhiliyoni ezingama-24.6 zeerandi kurhulumente nakwicandelo labucala, kwaye zidale imisebenzi engaphezulu kwama-6 500.
2.4. Olona tyalo-mali lukhulu kuQoqosho lwaseLwandle, olwenzeke ngenxa yezibonelelo zikarhulumente, beluye kuphuhliso lweziseko ezingundoqo, ikakhulu amazibuko, icandelo lezemizi-mveliso, ukwenziwa kweenqanawa, ezolimo zaselwandle kunye nemisebenzi yophando-nzulu kwicandelo leze-oli nelezegesi.
2.5. Urhulumente uceba ukuvula iziko elinye lokwenza iinqanawa elilelona likhulu kumazantsi Afrika. Iziko Lokwenziwa kweeNqanawa laKwaZulu-Natal kwiZibuko laseDurban liza kuzuza kolu tyalo-mali lutsha, kwiimpahla ezithunyelwa kumazwe angaphandle nasekudaleni imisebenzi.

3. UTyelelo lwasebuRhulumenteni eZambia

3.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zoTyelelo lwasebuRhulumenteni lukaMongameli Zuma eRiphablikhi yaseZambia ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowe-13 kweyeDwarha ngowama-2017.
3.2. Iintlanganiso phakathi kukaMongameli Zuma nogxa wakhe waseZambia uMongameli Edgar Lungu ziqinise ubudlelwano obuhle bezopolitiko, bezoqoqosho kunye nobezenkcubeko phakathi kwala mazwe mabini, asukela kumoya wentsebenziswano wakudala osuka kwiminyaka yomzabalazo wenkululeko.
3.3. Aba Mongameli babini bavule ngokusesikweni i-OR Tambo National Heritage Site eChelstone, eLusaka, ehlonipha igalelo lika-OR Tambo kwidabi lomzalabo emazantsi e-Afrika.
3.4. IZambia iselelinye lamazwe aphambili arhweba noMzantsi Afrika kulo mmandla nakweli lizwekazi. Urhwebo lwezoqoqosho phakathi koMzantsi Afrika neZambia buyaqhuba nokukhula, kangangokuba iimpahla zorhwebo ezithunyelwa nguMzantsi Afrika eZambia bezixabisa imali emalunga neebhiliyoni zeerandi ezingama-30 ngowe-2016. La mazwe mabini ayasebenzisana kumacandelo ahlukeneyo, kuquka elezorhwebo notyalo-mali, elezenzululwazi nobuchwepheshe, elezokhuselo, elezolimo, elezokusingqongileyo, elezamandla kunye nelezempilo.

4. UTyelelo lwasebuRhulumenteni oluya eNigeria

4.1. IKhabhinethi imqhwabela izandla uMongameli Zuma ngokuwongwa ngokuba kwakhiwe umfanekiso oqingqiweyo wakhe futhi kuthiywe nesitalato ngegama lakhe, ngethuba ekutyelelo lokuqinisa ubudlelwano bezentlalo nobezoqoqsho kunye nezinye iintlobo zokusebenzisana.
4.2. IRhuluneli yePhondo lase-Imo, uRochas Okorocha, uwonge Mongameli Zuma ngembasa yokugqwesa, i-Imor Merit Award, eyiyeyona mbasa iphezulu kweliya Phondo enikwa umntu owenze umahluko omkhulu kuphuhliso lwabantu belizwe lakhe.

5. INtlanganiso ye-17 yeBhunga labaPhathiswa le-Indian Ocean Rim Association (i-IORA)

5.1. UMzantsi Afrika uthathe isikhundla sokuba nguSihlalo we-IORA ngethuba lentlanganiso ye-17 ebibanjelwe eDurban ukusuka ngomhla we-14 ukuya kowe-18 kweyeDwarha ngowe-2017.
5.2. Umxholo woMzantsi Afrika ngethuba inguwo uSihlalo uthi: Ukumanyanisa Abantu base-Afrika, e-Asiya, e-Australasia nabaseMbindi-Mpuma ngeNtsebenziswano eMandla yoXolo, uZinzo noPhuhliso oluZinzileyo”.
5.3. IKhabhinethi iphinde yakugxininisa ukuzibophelela kwayo ngokusebenzisa esi sikhundla ukuba iza kuqinisa amakhonco entsebenziswano kulo mmandla kwimiba efana noqoqosho lwaselwandle, ukuphuhliswa kwabasetyhini ngezoqoqosho; ukuphuhlisa amashishini amancinci, aphakathi namancinane; uphuhliso lolutsha, kunye nentsebenziswano phakathi kweengqondi zamaziko emfundo ephakamileyo, nakwinzululwazi nobuchwepheshe.

6. Intlanganiso yonyaka yeNgxowa-mali yeziMali yeHlabathi (i-IMF) kunye neyeBhanki yeHlabathi

6.1. IKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi nguMphathiswa wezeMali, uMnu Malusi Gigaba, kulandela ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwintlanganiso yonyaka yowama-2017 ye-IMF neyeBhanki yeHlabathi, ebezibanjwe phakathi komhla we-13 nowe-15 kweyeDwarha ngowama-2017.
6.2. Ezi ntlanganiso zinike ithuba lokuba kuvavanywe umgama osele uhanjwe lihlabathi malunga nemiba yophuhliso kuze oku kusetyenziswe kumaphulo oMzantsi Afrika ophuhliso lwezentlalo nezoqoqosho, uhlumo oluxhanyulwa ngumntu wonke, ukudalwa kwemisebenzi kunye nokuliwa kwendlala.
6.3. IKhabhinethi inikwe namanye amagqabantshintshi ngeziphumo zentlanganiso uMphathiswa uGigaba ebezibambe nee-arhente zokuhlela isakhono samazwe sokukwazi ukuhlawula izikweliti kunye nabatyali-mali apho ebecacisa le migaqo-nkqubo yoMzantsi Afrika ikhoyo kunye nendlela eli lizwe elizilawula ngayo izimali.
6.4. IKhabhinethi yanelisekile yingxelo eqinisekisayo enikwe abatyali-mali ngezicwangciso zikarhulumente zokukhulisa uqoqosho kunye nokuzimisela kukarhulumente ekulungiseni iingxakana ezikhoyo ngezolawulo kumaqumrhu karhulumente.  
6.5. INgxelo yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS) iza kuthiwa thaca ePalamente, eKapa ngomhla wama-25 kweyeDwarha kwaye iza kunika inkcukacha ngezincwangciso zenkcitho karhulumente kule minyaka mithathu izayo.

7. Ukuphuhliswa kweziseko ezingundoqo

7.1. IKhabhinethi iwuqhwabela izandla umsebenzi owenze igalelo elimandla kumaphulo karhulumente ophuhliso lweziseko ezingundoqo wokunikezelwa ngokusesikweni kweebhulorho ezintathu eBotlokwa eLimpopo nguMongameli Zuma ngomhla we-17 kweyeDwarha ngowama-2017.
7.2. I-Arhente yoMzantsi Afrika yeeNdlela zeSizwe (i-Sanral) yakhe ezi bhuloro zaseBotlokwa, eziyibhulorho enye yeemoto kunye nezimbini zeenyawo kuhola wendlela u-N1 phakathi kwePolokwane neMakhado.
7.3. IKhabhinethi inethemba lokuba le projekthi iza kuluphucula ukhuseleko kunye neemeko abahamba phantsi kwazo bonke abo basebenzisa iindlela kulo mmandla.

8. Amashishini amancinci naphakathi

8.1. IKhabhinethi iliqhwabela izandla iSebe lezoPhuhliso lwamaShishini Amancinci ngokuba lelinye lamaqumrhu asingethe uMboniso walo nyaka waseChina wamaShishini amaNcinci naPhakathi (i-SME), njengoko ivulela amashishini amancinci nookopolotyeni baseMzantsi Afrika amathuba okurhweba eChina. Lo Mboniso wee-SME uyaqhuba eGuangzhou, eChina. Uqale ngomhla we-10 kwaye uza kuphela ngomhla wama-27 kweyeDwarha ngowama-2017.
8.2. Amashishini amancinci abaluleke kakhulu kuqoqosho lweli lizwe kwaye ngawo aqhuba uhlumo loqoqsho naphambili kumaphulo okudala imisebenzi eMzantsi Afrika, kwaye ukuthatha kwethu inxaxheba kulo mboniso worhwebo kusinike iqonga lokuba sibone iindawo nabantu esinokubathengisela iimveliso zethu kunye namathuba okukhulisa amashishini ethu.
8.3. IKhabhinethi iqinisekile ukuba oku kubonakalisa ukuba urhulumente uzimisele ukukhulisa amashishini amancinci angazikutshona. Ukutyala imali kumashishini amancinci kuza kunceda eli lizwe likwazi ukumelana nezi ngxaki zidl’umzi ngoku zezentlalo nezoqoqoqsho.

9. Ezokhenketho

9.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphehlelelwa kweNkqubo yeSizwe yabaHloli bezoKhenketho, eSoweto, ngoLwesibini, umhla we-17 kweyeDwarha. Le Nkqubo ilungiselelwe ukuntenda abakhenkethi kangangoko kwakunye nokuphucula ukhuseleko lwabo xa bekweli.
9.2. ISebe lezoKhenketho, lisebenzisana ne-Arhente yezoKhenketho yaseGauteng, liphehlelele le nkqubo eVilakazi Street, esisitrato ekukuphela kwaso kwihlabathi liphela esinezindlu zabantu abaphumelela iMbasa kaNobel – abo bantu ngulowo wayenguMongameli uNelson Mandela kunye noBhishophu oMkhulu oSele Esidla uMhlalaphantsi uDesmond Tutu.  
9.3. Le nkqubo ihambelana neenjongo zesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP) kwaye ilungiselelwe ukudalela abantu abatsha abangama-200 imisebenzi. Abo bantu batsha baza kuqeqeshwa ukuba babe ngabahloli bezokhenketho kwiindawo ezithandwa ngabakhenkethi isithuba esizinyanga ezingama-36.
9.4. IKhabhinethi ikhuthaza abanikazi bamashishini kunye nabantu baseGauteng ukuba basebenzisane nabahloli bezokhenketho ukuze baphucule ukhuseleko lwabakhenkethi baze baqinisekise nokuba eli candelo liyaqhubeleka nokwenza umahluko wezoqoqosho kangangoko.

10. EzeNzululwazi nezobuChwepheshe

10.1. IKhabhinethi iyazibulela futhi iziqhwabela izandla iingcali zezenzululwazi ngeenkwenkwezi ezithathe inxaxheba kuphando obelusenziwa ngezibonakude (iitheleskophu) zeZiko loMzantsi Afrika lezobuNzululwazi ngeeNkwenkwezi (i-SAAO) kunye nesiBonakude esiKhulu se-Afrika eseMazantsi (i-SALT). Oku kukhokelele kuphando olukhulu lokuqala ebeliqhutywa ngamazwe ehlabathi ukuphanda ngokuba aqala aviwa phi na amaza ombizelane enzeka xa kungqubana iinkwenkwezi ezincinci ezimbini. Oku kungqubana kweenkwenkwezi kubangela uqhashumbo-dubulo kuphahlake ukhanyo olubizwa ngokuba yi-kilonova. I-kilonova luqhashumbo-dubulo olukhulu olwenzeka emajukujukwini apho iinkwenkwezi ezincinci kakhulu ezimbini zijikelezanayo okanye inkwenkwezi encinci iginywa yi-black hole.
10.2. Ukufunyanwa kolu hlobo lwamaza lutsha kubaluleke kakhulu kwinzululwazi ngeenkwenkwezi, kusisiganeko sokuqala ukwenzeka kumaza ombizelane nokhanyo. I-SALT nezinye izibonakude ze-SAAO zinike iziphumo zokuqala ngesi siganeko kungoku nje ekungathi sisesona sihlalutywa nesiphandwa kakhulu ezimbalini ngenzululwazi ngeenkwenkwezi.
10.3. I-SALT kunye ne-SAAO ziphakathi kwamaziko anezibonakude ezisemhlabeni nezisemajukujukwini eziye zabona olu qhushumbo-dubulo lokungqubana kweenkwenkwezi ezincinci ezimbini, okwenzeke nje emva kokuba amaza ombizelane azo ethe aviwa yi-Laser Interferometer Gravitational-Wave Observatory ese-United States kunye ne-Virgo ese-Europe.

11. UMnyhadala weHlabathi woLutsha nabaFundi

11.1. Ilizwe laseRussia liza kusingatha uMnyhadala wama-2017 weHlabathi woLutsha nabaFundi ukusuka ngomhla we-14 ukuya kowama-22 kweyeDwarha, oza kuzinyaswa ngabantu abatsha abangaphezulu kwama-20 000 abaphuma kumazwe ali-150.
11.2. Injongo yalo mnyhadala kukudibanisa abantu abatsha abaphuma mbombo zone zeli limiweyo apho baza kugwadla imiba yezobulungisa, ukuqinisa ubudlelwana phakathi kwamazwe ehlabathi, ukwakhiwa kobudlelwano phakathi kweentlobo zenkcubeko kunye neentlanga ezahlukeneyo.

12. Ukukhuselwa kwabantwana

12.1. IKhabhinethi ixhalabile zingxelo ezibuhlungu zolwaphulo-mthetho olwenziwa ebantwaneni, olwakutsha nje olungesityholo sokuxhatshazwa ngokwesondo kwabafundi abangaphezulu kwama-80 kwisikolo i-AB Xuma Primary e-Orlando, eSoweto ngunogada wesikolo. Isebe lephondo liyanconywa ngokuthatha amanyathelo ngokukhawuleza lakube live ngoku ligxothe ngoko nangoko abalawuli besi sikolo, lithumele oonontlalontle laze laqalisa uphando oluqhutywa liqumrhu elizimeleyo.
12.2. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisana ukuze bakhusele abantwana kulo naluphi na uhlobo lwengozi nokuxhatshazwa, futhi basebenzisane namapolisa ukuze kuqinisekiswe ukuba iindawo esihlala kuzo zikhuselekile.

13. Iimviwo

13.1. IKhabhinethi iqinisekile ukuba iimviwo zokuphela konyaka ziza kuqhuba ngaphandle kwamagingxi-gingxi kulandela uqhankqalazo lombutho weetitshala, iSouth African Democratic Teachers’ Union (i-SADTU).
13.2. I-SADTU inike uMphathiswa wezeMfundo, uNksz Angie Motshekga, uluhlu lwezikhalazo, othe yena wathembisa ukuba uza kuziphendula ngokukhawuleza. Kubalulekile ukuba onke amahlakani asebenzisana ukuze kudaleke iimeko zokusebenza ezifanelekileyo neziza kuthi zincede abafundi bakwazi ukujongana neencwadi zabo futhi balungiselele neemviwo kakuhle.

14. Izikhukhula

14.1. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kwizalamane zabo bathi basutywa kukufa kwizikhukhula ezithwaxe iindawo ezithile zeli lizwe kwezi ntsuku zidlulileyo.
14.2. IKhabhinethi ibamba ngazibini kuwo onke amavolontiya, imibutho yoluntu, abantu, abasebenzi bemibutho yohlangulo neyesisa kunye namaqela oLawulo lweeNtlekele ngokuthi bancede abo babe ngamaxhoba oku.
14.3. UMphathiswa wezoLawulo lweNtsebenziswa nezeMicimbi yeMveli, uMnu Des van Rooyen, kwisikhundla sakhe sokuba yintloko yeZiko leSizwe loLawulo lweeNtlekele eMzantsi Afrika, utyelele iindawo ezihlaselwe zizikhukhula nezantyala-ntyala zemvula kuMasipala oMbaxa wase-eThekwini kwiphondo laKwaZulu-Natal ngomhla we-13 kweyeDwarha ngowama-2017 kunye noMasipala woMmandla waseMogale City eGauteng ngomhla we-16 kweyeDwarha ngowama-2017.

Ngenxa yezandyondyo zemvula kunye nezichotho ezithwaxwe iindawo ezininzi kweli lizwe, abantu abali-19 baye basweleka baze abangaphezulu kwama-20 bafumana ukonzakala. UMphathiswa uvan Rooyen uye watyelela nasePhillip eNtshona Koloni apho bekukho iziganeko ezibi kutsha nje nalapho kuye kwasweleka abantu abathandathu, abaquka abantwana abathathu. Aba bantu babulewe ngumlimo otshise amatyotyombe amathathu kunye nevenkile esisikroxo.

15. Malunga ne-Life Esidimeni

15.1. IKhabhinethi iyavuma ukuba ukuqala kwenkqubo yokulamla nokunika ubungqina ngomba waseLife Esidimeni ungalinyathelo lokuqala lokuxolisa iintliziyo zamakhaya anezigulane ezaswelekayo.
15.2. IKhabhinethi ilixhasa ngako konke iSekela leJaji eliyiNtloko leNkundla yoMgaqo-siseko esele lisidla umhlalaphantsi, elichophele lo mba kwaye linqwenelela amalungu eentsapho ukuba aqine njengoko beza kube bebalise ngodandatheko lwabo ngale ntlungu.
15.3. Olu phando alizikunceda nje ukuba lithuthuzele zixole iintliziyo zamakhaya entsapho ezachatshazelwa yile ntlungu koko luza kuba sisifundo kurhulumente ngokubanzi. Urhulumente uzimisele ukunika bonke abemi boMzantsi Afrika iinkonzo ezisemgangathweni.

16. Isifo i-Avian Influenza

16.1. IKhabhinethi iqinisekisiwe liSebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba (i-DAFF) ukuba lizibeke phantsi kweliso elibukhali iifama kulo lonke li ngelinge lokuzama ukuthintela ukunwenwa kwesifo i-Avian Influenza (HPAI) H5N8.
16.2. Isifo i-avian influenza sibonwe kwizilwanyana ezibuntaka, ezifana neenkukhu, iinciniba, amarhanisi, njl njl. IKhabhinethi icela uluntu ukuba lungazami ukuzinyanga okanye ukusondela kuzo xa zifile ezi zilwanyana zibuntaka kwaye abantu bayakhunjuzwa nokuba bangazami ukuzipha ukutya iintaka koko bazixele kwabasemagunyeni ezo bakrokrela ukuba ziyagula.

17. Ukuhlaselwa kwamapolisa

17.1. IKhabhinethi iyakugxea ukuhlaselwa kwamapolisa amathandathu eVanderbijlpark eGauteng ngomhla we-10 kweyeDwarha luluntu.
17.2. Ii-arhente zogcino-xolo zinoxanduva eligunyazisiweyo lokukhusela uluntu kulo naluphi na uhlobo lolwaphulo-mthetho. Ke ngoko akukho msindo unokusetyenziswa nguye nabani na njengesizathu sokuhlasela ii-arhente zogcino-mthetho.  
17.3. IKhabhinethi iyalucela uluntu ukuba lusebenzisana namapolisa ukuze kubanjwe izaphuli-mthetho ngolo hlobo kwenziwe uMzantsi Afrika ukuba ube lilizwe elikhuselekileyo kumntu wonke.
 
B. Izigqibo zeKhabhinethi

18. INkqubo yeziNdlu ezisisiBonelelo

18.1. IKhabhinethi ixelelwe ngeziphumo kunye neziphakamiso zokuHlolwa kweziPhumo nokuPhunyezwa kweNkqubo yeziNdlu eziziziBonelelo kunye nesicwangciso sokuphucula le nkqubo, ngeenjongo zokutshintsha iindlela abantu ababehlaliswa ngayo ngexesha localu-calulo ngokuthi iphuculwe indlela abantu abahlaliswa ngayo futhi kutshintshwe neendawo ezakhiwe kuzo izindlu ezidolophini kwakhiwe izindlu ezizintlobo ezahlukeneyo endaweni enye.
18.2. Ngale nkqubo kwakhiwa izindlu eziqeshisayo ezingabizi kakhulu zamakhaya amkela imivuzo ephantsi nephakathi kwiindawo apho ukuba olu hlobo lwezi zindlu bezingakhiwanga, la makhaya ebengenakukwazi ukuhlala kuzo ngenxa yamaxabiso oninzi lwezindlu kwezi ndawo, okanye bebezakwakhelwa izindlu ezikumgangatho ongafanelekanga.
18.3. Le yinkqubo ekukuphela kwayo ebala ityala ilithelekise nesakhono sokukwazi ukuhlawula isikweliti; ijonga ukuba iiprojekthi azizikubhanga esithubeni na ngenxa yokunqongophala kwezimali; ithi isebenzise icebo apho ityala libhatalwa ngokwabelana, apho abantu abahlala ezindlini bebhatala imali yokuqesha (ukurenta) aze amaziko ezindlu zezibonelelo wona abhatale imali yeenkonzo  neerhafu zikamasipala.
18.4. Le ngxelo inceda amasebe afanelekileyo ukuba aphucule izicwangciso zawo zokusebenza. Ingxelo epheleleyo iza kufakwa kwiwebhusayithi yeSebe lezokuCwangcisa, ukuHlola nokuVavanya, ethi: i-www.dpme.gov.za.

19. INkonzo yoLutsha yeSizwe (i-NYS)

19.1. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-sikhokelo seNkqubo ye-NYS esihlaziyiweyo njengenxalenye yokuphuhlisa abantu abatsha babe ngabemi abadlali indima ebonakalayo eMzantsi Afrika.
19.2. I-NYS liqumrhu eliza kunceda abantu abatsha eMzantsi Afrika  ukuba babe ngabemi abadlala indima ebonakalayo kuphuhliso lweli lizwe ngelithuba bakhulayo bona buqu futhi befumana namava nezakhono kwiindawo abasebenza kuzo. Oku kuza kuquka amaphulo apho abantu abatsha beza kuthatha inxaxheba kwizinto ezilulutho neziza kuxhamlisa uluntu ngelithuba nabo bafumana amava ngokunikezela iinkonzo nokufunda ukuze abe mahle amathuba abo okuba bafumane imisebenzi abanye babe ngoosomashishini.

20. IVeki yesiThathu ye-Afrika Yonke yokuNabisa ezoLimo

20.1. IKhabhinethi ikuvumile ukubanjwa kweVeki yesiThathu ye-Afrika Yonke yokuNabisa ezoLimo, eza kubanjelwa kwiphondo laKwaZulu-Natal ukusuka ngomhla wama-30 kweyeDwarha ukuya kumhla wesi-3 kweyeNkanga ngowama-2017.
20.2. Lo msitho uhambelana ne-NDP kwaye ukhethe umba wokuveliswa kokutya okwaneleyo njengesixhobo esinokusetyenziswa ukulwa lo mngeni untlantlu-ntathu: intswelo-misebenzi, indlala kunye nokungalingani.
20.3. Umxholo uthi: “Ukutshintshela kwiintlobo zolimo ezikwazi ukumelana nemozulu: ukudibanisa ulutsha, abasetyhini kunye nobuxhaka-xhaka bale mihla beekhompyutha”, kwaye lo msitho uza kukhokelwa yi-DAFF, isebenzisana neQumrhu loMzantsi Afrika lokuNabisa ezoLimo kunye neQumrhu le-Afrika leeNkonzo zeNgcebiso ngezoLimo.
20.4. Iqumrhu leli lizwekazi lokuNabisa ezoLimo kunye neeNkonzo zeNgcebiso (i-AEAS) e-Afrika linika iqonga kumaqumrhu anikela ngee-AEAS kwi-Afrika nehlabathi liphela ukuba afundisana futhi ayile izinto ezitsha ngokubambisana.
20.5. I-NDP ibethethelela nomba wokubaluleka kokuphucula izakhono kunye noqeqesho kwicandelo lezolimo, kuquka nokuqeqeshwa kwaba bantu batsha basebenza kwicandelo lokunabisa ezolimo bona baza kukwazi ukusabela kwiingxaki ezijamelene namafama alimela ukuzondla.

21. Amazwe eHlabathi aRhweba ngeWayini (i-WWTG)

21.1. Ngelinge lokuncedisa kumalinge okususa imiqobo yezorhwebo, iKhabhinethi inikwe amagqabantshintshi ngesikhundla soMzantsi Afrika sokuba nguSihlalo woMbutho waMazwe eHlabathi aRhweba ngeWayini (i-WWTG) ukusuka ngoTshazimpunzi wowama-2017 ukuya kuCanzibe wowama-2018. Njengosihlalo, uMzantsi Afrika uza kubamba intlanganiso yonyaka ye-WWTG eKapa ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowesi-3 kweyeNkanga ngowama-2017.
21.2. Lo mbutho uneenjongo zokuba phambili kurhwebo lwehlabathi lwewayini ngokuthi ubambe iindibano zokwabelana ngolwazi, zokugwadla imithetho elawula urhwebo lwewayini kunye nokuba  amalungu abambisane kumaphulo okususa izinto eziyimiqobo kurhwebo. Abavelisi baseMzantsi Afrika bewayini abasakhasayo kunye namashishini asakhasayo aseMzantsi Afrika arhweba ngewayini namazwe angaphandle azuza lukhulu ngokuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kwi-WWTG.
21.3. Oku kunegalelo elihle kwisiCwangciso esinaManqaku aliThoba kunye ne-NDP, ezifuna ukuvuselela ezolimo kunye namashishini abandakanyeka kwimisebenzi yokucola nokulungisa iimveliso zolimo. Kwicandelo lezewayini, injongo kukwandisa umhlaba osetyenziselwa ukuvelisa iwayini, kuxhaswe abavelisi abasakhasayo bewayini kuze kukhethwe amazwe athile ekunokusetyenziswana nawo kuze kwandiswe umthamo wewayini ethunyelwa kumazwe angaphandle.

22. INtlanganiso yoNyaka yesi-5 ye-ID4AFRICA Movement

22.1. IKhabhinethi ivumile ukuba uMzantsi Afrika usingathe iNtlanganiso yesi-5 ye-ID4Africa Movement ngowama-2019.
22.2. I-ID4Africa ngumbutho wamahlakani awahlukeneyo okhuthaza ukuba kusetyenziswe ubuxhaka-xhaka bobuchwepheshe ngendlela eselubala nekhathalayo kulungiselelwa uphuhliso lwezoqoqosho nezentlalo e-Afrika.
22.3. Iingxoxo ziza kufuna amacebo okuphucula indlela ekubhaliswa ngayo uluntu kunye nekuqokelelwa, kuhlelwe, kuhlalutywe iinkcukacha-lwazi, ukuze abantu abaqulunqa imithetho babe nolwazi oluneenkcukacha ezithembakeleyo.
22.4. Ukusingatha le nkomfa kuza kunceda uMzantsi Afrika uzalisekise ezinye iinjongo ze-NDP futhi kuza kufundisa nabantu ngokubaluleka kwamaxwebhu amele igama loMzantsi Afrika noMzantsi Afrika uqobo, amaxwebhu afana nenkqubo yokufaka isicelo sepaspoti nekhadi-sazisi usebenzisa i-intanethi. Futhi iza kunceda nokukhuthaza amanye amazwe akulo mmandla nawo azibone izinto ezintle nenzuzo yokusebenzisa uhlobo lwesazisi olulikhadi (ikhadi-sazisi).

23. Iinkcukacha-manani zikazwelonke zolwaphulo-mthetho

23.1. IKhabhinethi ixelelwe ngeenkcukacha-manani zikazwelonke zolwaphulo-mthetho zexesha eliphakathi komhla woku-1 kuTshazimpunzi ngowama-2016 nomhla wama-31 kweyoKwindla ngowama-2017.
23.2. Iinkcukacha-manani zonyaka zolwaphulo-mthetho zinceda urhulumente ukuba abeke phantsi kweliso iinjongo ezingundoqo ajolise kuzo zamaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho, njengoko zicacisiwe kwisiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sowama-2014-2019. Iinkcukacha-mani zolwaphulo-mthetho zisetyenziswa njengesikhokelo esilumkisa isizwe kwangaphambili ukuze kuqiniswe amaphulo namaqhinga okuthintela ulwaphulo-mthetho amasebe awahlukeneyo.
23.3. IKhabhinethi ikuvumile ukukhutshwa kwale ngxelo nguMphathiswa wezamaPolisa uMnu Fikile Mbalula.

C. Imisitho Ezayo

24. Umsitho wokuBhiyozela imiNyaka eliKhulu yokuZalwa kuka-OR Tambo

24.1. IKhabhinethi ichulumancile kukuva ukuba amalungiselelo omsitho wokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kuka-OR Tambo sele ekufutshane kwinqanaba lokuqukunjelwa kwaye ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke nokufunda ngemisesebenzi yesithwalandwe sethu soMzabalazo, indima awayidlalayo kumzabalazo wethu kunye neempawu zakhe zentsulungeko nokuchubeka esisazisebenzisa njengesikhokelo nanamhlanje.
24.2. UMongameli Zuma wabhengeza unyaka wama-2017 njengoNyaka ka-OR Tambo phantsi komxholo othi: “Ubomi nemiSebenzi ka-OR Tambo” kwaye ngoLwesine, umhla we-19 kweyeDwarha ngowama-2017, uza kutyhila ngokusesikweni umfanekiso oqingqiweyo omkhulu ka-OR Tambo kwisiKhululo seeNqwelo-moya saMazwe ngamazwe, i-OR Tambo, e-Ekurhuleni, eGauteng.
24.3. Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba babe yinxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu yokuzalwa kuka-OR Tambo , eza kufikela kuvuthondaba ngomhla wama-27 kweyeDwarha apho kuza kubanjelwa umsitho omkhulu eMbizana, eMpuma Koloni, apho eli gqala loMzabalazo lazalelwa khona kwiminyaka eli-100 eyadlulayo.
24.4. Urhulumente uyaqhubeleka ukwakhela kwimisebenzi ka-OR Tambo ukusukela ngowe-1994, futhi zonke izinto eziyimpumelelo esizizuzileyo kufuneka zihlonitshwe futhi zikhuselwe.
24.5. IKomiti yabaPhathiswa enikwe umsebenzi wokwenza amalungiselelo omsitho wokubhiyozela iminyaka elikhulu, enosihlalo wayo onguMphathiswa uJeff Radebe, iza kubamba indibano noondaba ngoLwesihlanu, umhla wama-20 kweyeDwarha ngowama-2017, apho iza kunika ingxelo ngendlela ahamba ngayo amalungiselelo.

D. Imiyalezo

25. Uhlaselo lwaseSomalia
25.1. IKhabhinethi ilugxeka kabukhali uhlaselo olwenziwe ngesiqhushumbisi ngaphandle kwehotele eMogadishu, eSomalia.  Ingxelo zithi abantu abamalunga nama-300 baye basweleka aze amakhulu abanye abantu angxwelerheka. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kwizihlobo nezalamane zabo bathe basweleka kolu hlaselo lobundladiya lwenziwe ebantwini abangenzanga nto.

26. Amazwi ovelwano kwikhaya lakwaLubisi

26.1. IKhabhinethi ithi tutwini kuMlawuli-Jikelele kwi-Ofisi kaMongameli, uGq Cassius Lubisi, emva kokusweleka kwenkosikazi yakhe, uNksz Lumka Lubisi, ekuqaleni kule nyanga. IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba olu sapho luphantsi kwelifu elimnyama.

E. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
(a) ISekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): ULawulo noNikezelo loQeqesho, kwiNational School of Government, uMnu S Manana;
(b) IGosa eliyiNtloko leziMali (i-CFO), iSebe lemiSebenzi kaRhulumente (i-DPW), uNksz R Sadiki;
(c) INtloko yeCandelo: uLawulo lwezoKwakha kwi-DPW, uMnu B Mokhothu;
(d) I-DDG: Izimali zikaRhulumente kwiSebe likaNondyebo weSizwe, uGq MP Modise;
(e) I-DDG: IiNkonzo zeMpilo zeziBhedlela ezineeNgcali noPhuhliso lwabaSebenzi, iSebe lezeMpilo, uGq WW Chitha;
(f) UMlawuli wesiGqeba weZiko lezokuYila likaRhulumente, uNksz TE Rabebe;
(g) Ibhodi yeThutyana ye-Arhente yoMzantsi Afrika yooLoliwe abaKhwelisa Abantu (i-PRASA):

  • U-Advocate Tintswalo Annah Nana Makhubele (SC) – (uSihlalo);
  • uGq Natalie Skeepers;
  • UNjing John Maluleke; kunye
  • noNksz Magdelene Cheryl Reddy.

(h)    IBhodi yeNkampani yoMzantsi Afrika yezoPhapho (i-SAA):

  • UMnu JB Magwaza – (uSihlalo);
  • uNksz Nolitha Fakude – (USekela-sihlalo);
  • uMni Geoff Rothschild;
  • uNksz Tinyiko Mhlari;
  • uMnu Ahmed Bassa; kunye
  • noMnu Martin Kingston.

Imibuzo:
UNksz Phumla Williams – uMlawuli-Jikelele oliBambela (we-GCIS)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore