INgxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngonxibelelwano lwevidiyo ngoLwesithathu, umhla woku-1 kweyoMsintsi 2021 

A.    Imiba enguNdabalomnyeni

1.    Ukuqaliswa kwenkqubo yokugonyela isiFo seNtsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)

1.1.    IKhabhinethi ixelelwe liSebe lezeMpilo ngomsebenzi oselwe wenziwe malunga neNkqubo yoGonya, equka inzululwazi ngezifo (icandelo lenzululwazi ngezobugqirha eliphanda ngezifo, indlela ezinwenwa ngayo kunye nezokuzithintela kwakunye neminye imiba enxulumene nempilo) kananjalo  nokubeka phantsi kweliso elibukhali. IKhabhinethi ikuqaphele ukuhla kwenani labantu abasulelekileyo, abo balaliswa ezibhedlela kunye nababulewe sesi sifo.
1.2.    Noko kunjalo, iKhabhinethi ikuqaphele ukunyuka kwezinga umntu omnye asulela ngalo abanye abantu. ISebe lezeMpilo liyiqinisekisile iKhabhinethi ukuba mkhulu umsebenzi owenziwayo ngelinge lokuzama ukuqonda futhi nokuqinisekisa ukuba liyakuthintela ukunwenwa kakhulu kwesi sifo ngenxa yabantwana ezikolweni, ingakumbi eMpuma Koloni.
1.3.    Ngaxeshanye, iKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubazali, abafundi kunye namaqumrhu alawula izikolo ukuba baqinisekise ukuba ziyanxitywa izifonyo, kubetha umoya ezindlini, abantu abasondelelani futhi nezandla ziyahlanjwa. Ukulandela le miqathango ingengomachiza kubaluleke kakhulu kwidabi lokulwa ukunwenwa kwale ntsholongwane.
1.4.    Ngomhla wama-31 kweyeThupha 2021, bekusele kusetyenziswe amathamo echiza lokugonyela i-COVID-19 azizi-12 568 525 kwilizwe lonke. Ukongezwa kwamaziko okugonya, nokwandiswa kweentsuku zokugonya kunye nokubonelelwa kwabantu ngezithuthi simahla ngamaphondo, kuza kubangela ukuba lenyuke kakhulu inani labantu abaza kugonywa ngokugcweleyo.
1.5.    IKhabhinethi ikhuthaza abantu abangagonywanga kwilizwe lakuthi, ingakumbi abantu abadala kunye nabo basemngciphekweni omkhulu wokuhlaselwa zizifo ezinobungozi, ukuba bagonye ngokukhawuleza.
1.6.    Amachiza okugonya aluncedo kakhulu kwimpilo yakho njengoko ethintela ukugula, ukulaliswa esibhedlela kunye nokufa. Masilwe le ntsholongwane ngokubambisana ngokuthi sisasaze ulwazi oluqinisekisiweyo ngamachiza okugonya olusuka kwiSebe lezeMpilo kunye noMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO).

2.    UPhando lweKota lwezeMisebenzi (i-QLFS)

2.1.    Iziphumo ze-QLFS zakutsha nje ezikhutshwe liziko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stats SA) zekota yesibini yowama-2021 zibonisa ukuba izinga lentswela-ngqesho lenyuke ngo-1.8% lisuka ku-32.6% wekota yokuqala yowama-2021 laya kutsho ku-34.4% kwikota yesibini.
2.2.    Ezi ziphumo zibi zicacisa ngokuphandle ukuba onke amacandelo asebenzisana norhulumente kufuneka aqalisa ngokukhawuleza ukuphumeza isiCwangciso sokuVuselela nokuHlaziya uQoqosho (i-ERRP) kuliwe nalo monakalo mbi uze ne-COVID-19. I-ERRP sisicwangciso esilithemba lokuqina kumalinge karhulumente okwakha ngokutsha kunye nokwenza iinguqu kuqoqosho ukuze kudaleke imisebenzi, yabantu abatsha ikakhulu.
2.3.    IKhabhinethi iyancunyiswa ngamanye amacandelo afana nelezokwakha, elezorhwebo kunye nelezothutho wona adale imisebenzi emitsha kule kota sithetha ngayo. Isivumelwano sezentlalo sokwakha ngokutsha kunye nokwenza iinguqu kuqoqosho njengenxalenye yoxanduva lwethu sonke siza kuqinisekisa ukuba sibuyela kwimo yesiqhelo njengesizwe. 

3.    Ubundlobongelo obusekelwe kwisini nokubulawa kwamanina (i-GBVF)

3.1.    IKhabhinethi ithi tutwini, akuhlanga lungehliyo, kuzo zonke iintsapho nabahlobo bamanina abulewe ngolunya kutsha nje. La manina aquka uNks Nosicelo Mtebeni; uNks Palesa Maruping, uNks Pheliswa “Dolly” Sawutana kunye namanye amaninzi abulewe engenzanga nto angapapashwanga ngamajelo eendaba.
3.2.    Ezi zenzo zihambisa umzimba zolwaphulo-mthetho zenzeke ngethuba kubhiyozelwa iNyanga yamaNina ngeyeThupha, eyinyanga yokukhumbula imisebenzi esiyenzileyo ukuqinisekisa ukuba kukho ulingwano ngokwesini kwisizwe sakuthi.
3.3.    Ezi zenzo zolwaphulo-mthetho zisikhumbuzile sonke ukuba i-GBVF isesisihelegu esijamelene naso sisizwe. Oku kufuna ukuba sibe ngathi sonyusa iikawusi ukuze siqinisekise ukuba sikhusela abantu ababhinqileyo.
3.4.    IKhabhinethi icela ii-arhente zogcino-mthetho ziqinisekise ukuba abenzi bobubi bafumana isohlwayo esibafaneleyo ngokomthetho.
3.5.    Urhulumente ubekele bucala imali ezibhiliyoni ezingama-21 zeerandi eza kusetyenziselwa ukuphumeza isiCwangciso-qhinga seSizwe se-GBVF, esineenjongo zokuwusiphula neengcambu lo mkhuba. Maninzi amanyathelo okungenelela asele eqalisiwe licandelo lezobulungisa nogcino-mthetho. La manyathelo aquka ukwandisa inani leenkundla zengingqi ezichophela amatyala ezesondo kuphela, ukuqinisekisa ukuba imithetho yamatyala ezesondo inolwamvila kunye nokuxhobisa amapolisa ngezakhono ezifanelekileyo zokulwa kakuhle amatyala afana nala. Izakhiwo ezininzi zikarhulumente zilungisiwe zaze zenziwe iindawo zokuhlalisa amanina angamaxhoba olu lwaphulo-mthetho.
3.6.    IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuthi sonke ukuba sibambisane kumaphulo okudala iimeko ezikhuselekileyo kwizwe lakuthi ukulungiselela amanina. Ukuze ufumane uncedo noluleko-mphefumlo ngemiba enxulumene ne-GBVF, tsalela i-GBV Command Centre ku: 0800 428 428 (0800 GBV GBV). Abantu bangacela unontlalente kweli ziko ukuba babatsalele umnxeba ngokucofa u-*120*7867# (simahla) nakweyiphi na iselula.
 
4.    Iphulo lokulwa urhwaphilizo

4.1.    IKhabhinethi ivuyisiwe zindaba zokubanjwa kwabarhanelwa abasixhenxe abakrokreleka kwisiganeko sokugwinta kutsha nje kukaNks Babita Deokaran, obeliBambela loMlawuli oyiNtloko weCandelo lezoCwangciso-mali kwisebe lezempilo laseGauteng. UNks Deokaran ebengumsebenzi karhulumente ozinikeleyo, obesilwa urhwaphilizo kwaye ebelingqina eliphambili kuphando lweCandelo eliKhethekileyo loPhando (i-SIU) ngokuthengwa ngendlela enobuqhetseba kwezixhobo zokuzikhusela nakwezinye izenzo ezingekho mthethweni kweli sebe. 
4.2.    IKhabhinethi ikubethelele ukuba abo badiza izenzo zolwaphulo-mthetho babalukeke kakhulu kumalinge okukhusela urhulumente wethu wentando yesininzi kunye nolawulo olungenachaphaza, kwaye iye yabongoza abantu ukuba baqhubeleke nokubhentsisa izenzo zorhwaphilizo nolwaphulo-mthetho futhi bazixele ngaphandle koloyiko futhi bengakhethi buso.
 
B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    INgxelo yoHlolo lweQela eliJongene neeNtshukumo zeziMali
 
1.1.    IKhabhinethi iye yanikwa amagqabantshintshi ngeziphumo zokuhlola uMzantsi Afrika kumanyathelo wawo aChase ukuThutyeleziswa kweMali nokuLwa ukuXhasa ngeMali amaPhulo obuNqolobi.
1.2.    Olu hlolo luqhutywe yi-FATF, eliqumrhu loorhumente abahlukeneyo abaphantsi kombutho wamazwe ngamazwe owasekelwa ukulwa ukuthutyeleziswa kwemali nokuxhaswa ngemali kwezenzo zobunqolobi. UMzantsi Afrika waqala ukuba lilungu le-FATF ngowama-2003.
1.3.    Ingxelo egcweleyo iza kukhutshwa kwiwebhusayithi ye-FATF (www.fatf-gafi.org), futhi kuza kunikwa nengxelo egcweleyo malunga namanyathelo urhulumente aza kuwathabatha ukulungisa kwezi ndawo kuthiwa zinokuqhwalela kwiziphumo zohlolo. IKhabhinethi ikubulele ukunikwa le ngxelo.
 
2.    Ukuchithwa kweBhodi yeBhunga leSizwe lokuBhalisa abaKhi beziNdlu (i-NHBRC)

2.1.    IKhabhinethi iyasixhasa isigqibo soMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu uMmamoloko Kubayi sokuchitha iBhodi ye-NHBRC ngelithuba iSebe lezokuHlaliswa koLuntu liqukumbela inkqubo yokutyumba iBhodi egcweleyo. Ixesha lale Bhodi ikhoyo ngoku liphele ngomhla wama-31 kweyeKhala 2021 laze landiswa ukususela ngomhla woku-1 kweyeThupha 202 kude konyulwe iBhodi entsha.
2.2.    IKhabhinethi iyavumelana futhi naso nesigqibo sokutyumba uMnu Mphedziseni Alfred Radzilani njengoMlawuli we-NHBRC.
 
3.    Ukwandiswa kweXesha lesiMo seNtlekele kwiZwelonke
3.1    IKhabhinethi ivumile ukuba landiswe ixesha lesiMo seNtlekele kwiZwelonke liye kutsho kumhla we-15 kweyeDwarha 2021, ngokweCandelo 27(5)(c) loMthetho woLawulo lweeNtlekele, wowama-2002 (uNombl 57 wowama-2002).

C.    Umsitho Ozayo

1.    INyanga yezoKhenketho
1.1.    Eli lizwe liza kubhiyozela iNyanga yezoKhenketho ngeyeNkanga kunye noSuku lweHlabathi lwezoKhenketho ngoMvulo, umhla wama-27 kweyoMsintsi 2021 phantsi komxholo ithi: “uKhenketho kuHlumo oluXhanyulwa nguMntu Wonke - ukuPhuncuka kwi-COVID-19 – uKwakha Ngokutsha Ngcono”.
1.2.    Le Nyanga yezoKhenketho yalo nyaka iza kukhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba badlale eyabo indima ekuqinisekiseni ukuba ayilahleki imisebenzi ngokuzikhupha batyelele iindawo zalapha ekhaya nangokuxhasa uhlumo ngokutsha lokhenketho belandela isiCwangciso soHlumo lweCandelo lezoKhenketho, esinika ingcaciso ngamanyathelo okungenelela okuxhasa ukuhluma ngokutsha kweli candelo.
1.3.    IKhabhinethi iye yakhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba bagonye baze bazikhuphe babuke eli lizwe lakuthi lihle kodwa bakwenze oko bethobela imiqathango yezempilo, equka ukunxitywa kwezifonyo esidlangalaleni, ukuhlamba izandla rhoqo kunye nokungasondelelani.
D.    Imiyalezo

1.    Amazwi okuvuyisana
    IKhabhinethi ithumela amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle:

  • Kwiqela loMzantsi Afrika leembaleki ezineminyaka engaphantsi kwengama-20, ngendlela eliqhube ngayo kwimiDlalo yeHlabathi yeeMbaleki ibibanjelwe eNairobi, eKenya ukususela ngomhla we-17 ukuya kowama-22 kweyeThupha 2021. Eli qela loMzantsi Afrika liphumelele iimbasa ezisithoba, eziquka irekhodi lehlabathi kumdyarho we-Under-20 4x100 metres relay.
  • KwiQela loMzantsi Afrika ngokuqhuba kakuhle kwiMidlalo yee-Olimpikhi zabaKhubazekileyo ebibanjelwe eTokyo, i-Tokyo Paralympics. UNtando Mahlangu uphumelele imbasa yegolide kwicandelo lamadoda lomtsibo womhlaba, i-Men’s Long Jump, waze waphula irekhodi lomhlaba ngokuthi atsibe umgama ozimitha eziyi-7.17.  U-Anrune Weyers uphumelele igolide kumbaleko wooMama ozimitha ezingama-400. Umkhweli-bhayisekile okhubazekileyo u-Pieter du Preez naye uphumele igolide. U-Louzanne Coetzee (oberhuqwa ngu-Erasmus Badenhorst) uphumelele imbasa yesilivere yemiDlalo yee-Olimpikhi yabaKhubazekileyo kwicandelo loomama umgama ozimitha ezili-1 500.
  • Kumlinganiswa nomdlali weefilimu uThuso Mbedu, ngokuphumelela imbasa, i-TV Breakout Star ngendima kwi-Underground Railroad kumsitho wothweso-zimbasa i-2021 Hollywood Critics Association TV Awards.
  • kuMongameli osanda konyulwa weRiphabhlikhi yaseZambia, uMnu Hakainde Hichilema. Ulonyulo lukamongameli obelusanda kubanjwa lubonakalisa ukuba kuza kuqhubeleka kukho uzinzo nophuhliso eZambia, nakule ngingqi yamaZantsi e-Afrika.

2.    Amazwi ovelwano
    IKhabhinethi ithi malilale ngenxeba usapho nabahlobo:

  • bakaMnu Kebby Maphatsoe (obeneminyaka engama-59), uSekela-Mphathiswa wangaphambili wezoKhuselo namaGqala eMfazwe nobeliLungu lePalamente ngoku. WayenguSihlalo kaZwelonke wombutho uMkhonto we Sizwe (MK) Military Veterans Association. Wanikela ngobomi bakhe kuphuhliso lweli lizwe. 
  • Bemvumi kunye nelungu elaseka iMahotella Queens uNobesuthu Mbadu. Eli gqala lomculo liswelekele kwisiBhedlela seNgingqi i-Thelle Mogoerane eVosloorus, eGauteng. Ebeniminyaka engama-76 ubudala.

E.    Izikhundla
Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo. 
1.    Nks Andiswa Oyama Jass njengeGosa eliyiNtloko leziMali kwiSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nezokusiNgqongileyo (i-DFFE).
2.    Adv Dinkie Portia Dube njengoMlawuli-Jikelele (u-DG) kwi-Ofisi yeKhomishini yeeNkonzo zikaRhulumente. 
3.    UNks Devinagie Bendeman njengeSekela-DG: iCandelo lokuThotyelwa kwemiThetho nokuHlolwa kweCandelo kwi-DFFE.

Imibuzo:
Nks Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore