Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani
Malunga nephepha-mvume lokufunda ukuqhuba
Ukuba uneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu, ungafaka isicelo sephepha-mvume lokufunda ukuqhuba ukuze uqhube imoto njengomntu ofundayo ngokusemthethweni. Iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba likuvumela ukuba uqhube kuphela xa kukho okubeke esweni onempephe-mvume zokuqhuba kwaye kungekho omnye umkhweli emotweni.
Iphepha-mvume lokufunda ukuqhuba yimvume engqina ukuba unolwazi olusisiseko lwemoto kunye nemithetho yendlela. Isemthethweni iminyaka emibini kwaye alikwazi kwandiswa ixesha layo.
Iimpepha-mvume ezohlukileyo zikhutshelwa iindidi ezohlukileyo zezithuthi:
- Khowudi 1: Le yeyezithuthi ezingenzyo imotwana esecaleni, iimoto ezinamavili amathathu okanye ezabakhubazekileyo. Kufuneka ube neminyaka eli-16 ubuncinane xa ufaka isicelo kuba umthamo wenjini yakho awudlulanga kwi-125cc ize ube ne-18 leminyaka ukuba idlulile kwi-125cc.
- Khowudi 2: Eli lelemoto, kuquka iminibhasi, ibhasi okanye izithuthi zempahla, ezinobunzima obungadlulanga kuma-3 500kg. Kufuneka ube ne-17 leminyaka ubuncinane xa ufaka isicelo.
- Khowudi 3: Eli lelemoto ezinobunzima obudlulileyo kwi-3500kg. Kufuneka ube ne-18 leminyaka ubudala ukuze ufake isicelo.
Ofanele kukwenza
- Xa ufake isicelo kufuneka uye ngqo kwiZiko lokuVavanyelwa iPhepha-mvume lokuqhuba ukwenza idinga.
- Kufuneka ufake oku kulandelayo:
- isazisi (ID)
- iifoto ezimbini ezimnyama namhlophe ezingangezesazisi
- umrhumo wokubhalisa.
- Zalisa uxwebhu lweSicelo sephepha-mvume lokufunda ukuqhuba (LL1).
- Uya kuvavanywa amehlo kwiziko kwiziko lokuvavanywa okanye ungavavanywa ngugqirha wamehlo oqinisekisiweyo, uze ufake uxwebhu kwiziko lokuvavanywa.
- Kufuneka ube nolwazi olusisiseko lwemoto kunye neempawu zendlela phambi kokuba uye kuvavanyo. Ngoko ke, kufuneka ufunde iimpawu zendlela, izixhobo zokulawula imoto kunye nemithetho yendlela phambi kokuba uyokuvavanywa.
- Ngomhla wovavanyo kufuneka ufake oku kulandelayo:
- iphetshana lokubhalisa eliqinisekisa idinga:
- iphetshana elisisiqinisekiso sedinga nentlawulo
- isazisi sakho.
- Ukuba uluphumelele uvavanyo kufuneka uhlawule umrhumo wokukhutshwa kwephepha-mvume lokufunda ukuqhuba.
Ingaba kubiza malini na
Qhagamshelana ne-ofisi yakho yasekuhlaleni ekhupha iimpephamvume uze ufumane amaxabiso.
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
- Uxwebhu lwesicelo sephepha-mvume lokufunda ukuqhuba (LL1)
- Ukuba ofaka isicelo uneminyaka engama-65 okanye ngaphezulu kufuneka afake uxwebhu lwesiqinisekiso sikagqirha (MC).
La maxwebhu ayafumaneka kwiziko lokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba kunye newebhusayithi ye eNatis.
- City of Johannesburg
- City of Tshwane
- City of Cape Town
- Nelson Mandela Bay
- Eastern Cape municipalities
- Free State municipalities
- Gauteng municipalities
- KwaZulu-Natal municipalities
- Limpopo municipalities
- Mpumalanga municipalities
- North West municipalities
- Northern Cape municipalities
- Western Cape municipalities