Ukutshintshwa kwemali yesondlo

Ukuba ufumana imali yesondlo kwaye ubona ukuba imali ehlawulwayo ayonelanga, ungacela ukuba le mali uyinikwayo mayongezwe.

Ukuba ngaba uhlawula imali yesondlo kwaye awusakwazi ukuhlawula imali ekuvunyelwene ngayo, ungenza isicelo sokuba mayehliswe.

Khangela iinkcukacha ezithe vetshe malunga nokunyusa okanye ukwehlisa imali yesondlo okanye qhagamshelana neSebe lezobuLungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko kule nombolo: 012 357 8205.

 

 

Share this page