Isicelo sokuqonda udidi lwesityalo

Malunga
Ofanele kukwenza
Ixesha elimiselweyo
Ingaba kubiza malini na
Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa
Ungaqhagamshela nabani

 

 

Malunga nokubhalisa udidi oluthile lwesityalo

Ukuthengisa imbewu okanye isetyana elisikwe (izakhi zokusasaza) kwisityalo, kufuneka kuqala usibhalise kuluhlu kweendidi.
                               
Phambi kokuba uthengise izakhi zokusasaza zeendidi ezithile zezityalo eMzantsi Afrika, kufuneka ufake isicelo kwiGosa loBhaliso lokuPhucula iziTyalo ukuze isityalo sakho sodidi olutsha samkelwe.

Ungacela iSebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba liquke udidi lwesityalo esitsha kuludwe lweendidi zezityalo ngokwemiqathango yoMthetho wokuPhuculwa kweziTyalo,1976 (ISicwangciso 2 soMthetho).

ISebe lezoLimo, amaHlathi nokuLoba lugcina uludwe lwezona ndidi zezityalo neziqhamo zibaluleke kakhulu. Eyona meko imisiweyo kukuba isityalo eso sibaluleke kangakanani  kuqoqosho lwaseMzantsi Afrika.
                                                            
Uhlobo lwesityalo lungafakwa kuludwe (lungamkelwa) ukuba ezi mfuneko zilandelayo kungahlangatyezwana nazo:                                                                                       

  • Izakhi zokusasaza kufuneka zithobele iimfuneko zokwahluka, ukufana nokuzinza (ukohluka, ukufana kunye nokuzinza):
    • kufuneka zohluke ngokucacileyo kulo naluphi na udidi lwesityalo esiluhlobo olufanayo                  
    • kufuneka sifane, oko kukuthi zonke izityalo ezityaliweyo kufuneka zikhangelelke ngokufanayo kwaye zibe neempawu ezifanayo.                              
    • kufuneka sizinze, oko kukuthi izityalo zohlobo olufanayo kufuneka, emva kokuvunwa nokulinywa okuphinda-phindiweyo zihlale zisakhangeleka njengezityalo zoqobo.                                                                              
    • kufuneka sibe negama laso elamkelekileyo.

Ofanele kukwenza

  • Faka okulandelayo kwiGosa loBhaliso lokuPhuculwa kweziTyalo:
    • Uxwebhu lwesicelo oluzaliswe ngokuzeleyo  
    • Uludwe lwemibuzo engobugcisa  
    • Umrhumo omiselweyo wesicelo kunye novavanyo 
    • Imbewu okanye izakhi zokusasaza  
    • Igunya elibhaliweyo elivela kumnikazi, ukuba awukhulisanga waphucula, ukhethe okanye uvelise uhlobo lwesityalo.
  • Ukuze ukwazi ukummisela umahluko phakathi kweendidi ezintsha, bonisa ngokucacileyo kuludwe lwemibuzo engobubugcisa zeziphi ezinye iindidi ezaziwayo eMzantsi Afrika udidi olutsha elingathelekiswa nazo.             
  • Kukho imihla emiselweyo kumaxwebhu kunye nezinto zokusasaza ekufuneka zifakwe kwiGosa lobhaliso. Le mihla, ubungakanani bezakhi zokusasaza ekufuneka zifakiwe kunye nendawo ekufuneka zisiwe kuyo, ziyafumaneka ngokucelwa esenziwe kwiGosa loBhaliso.                                                             

Ukuba ukhuselo ngokubhekiselele kumalungelo omntu okhulisa aphucule izityalo luyafunwa nalo, abafaka izicelo bayacetyiswa ukuba bafake izicelo zabo ngexesha elinye neGosa loBhaliso lwamaLungelo abaKhulisa baPhucule iziTyalo ukonga ixesha nemali.    

Ixesha elimiselweyo

Inkqubo yokubhaliswa kohlobo lwesityalo kuluhlu iya kuthatha ixesha lokulima elinye ukuya kumaxesha okulima amabini. 

Ingaba kubiza malini na

Imali ehlawulwayo yowama 2024/25

Amaxwebhu omele ukuwagcwalisa

Ungaqhagamshela nabani

 

National office

Director: Plant Production
Department of Agriculture, Forestry and Fisheries
Private bag x250
PRETORIA

Tel: 012 319 6079/6072
Fax: 027 12 319 6372
E -mail: DPP@dalrrd.gov.za

Physical address:  Harvest House, 30 Hamilton Street, Arcadia, Pretoria
 

Share this page