INtetho kwiNtlanganiso yeKhabinethi yangomhla wama-28 kweyeKhalaa ngowama-2015

1. Izigqibo zeKhabhinethi ezingundoqo

1.1. IKhabhinethi iziphumezile izicwangciso zokumisela i-Operation Phakisa yeNgqungquthela yezeMigodi, eza kukhangela uluhlu lweengxaki ezibambekayo eziyimiqobo ekukhuleni nasekuphehleni kweli candelo. IiNgqungquthela yezeMigodi iza kuqulunqa izicwangciso isebenzisana namanye amahlakani ukuzama ukulwa imingeni. IiNgqungquthela yezeMigodi yeeveki ezine kucetywe ukuba iza kubanjwa ngeyeDwarha ngowama-2015.

1.2. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwidrafti yesiCwangciso-qhinga soQoqosho lweeNtlobontlobo zeziPhili luze uluntu luhlomle kuso. Esi sicwangciso-qhinga sihamba isithuba esiyiminyaka eli-14 esiphela ngowama-2030. Esi sicwangciso-qhinga sineenjongo zokunyusa igalelo elenziwa zizintlobo-ntlobo zeziphili kwisambuku semveliso yelizwe ngeli thuba silondoloza indalo yelizwe.

1.3. IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwesicwangciso-sikhokelo esiyidrafti neendlela yokuqulunqa iGalelo eliFunwayo loMzantsi Afrika eliGqitywe siSizwe ukuze uluntu luhlomle ngalo kunye nokuba kuboniswane namahlakani phambi koku ingeniswe kwiNgqungquthela yesiCwangciso-sikhokelo seZizwe eziManyeneyo ngokuGuqu-guquka kweMozulo (i-UNFCC)

Esi sicwangciso-sikhokelo kwakuba kuvunyelenwe ngaso siza kuba yinxalenye yesivumelwano somthetho phantsi kwe-UNFCC, esiza kwamnkelwa eParis, eFrance ngeyoMnga ngowama-2015.

2. Imithetho esayilwayo

IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa kwale Mithetho isayilwayo ilandelayo ukuze uluntu luhlomle ngayo:

2.1. UMthetho osaYilwayo we-Arhente yokuLawulwa kweMida (i-BMA) wowama-2015, oneenjongo zokuseka i-BMA eza kuzama ukuthathela ingqalelo imiba yokhuseleko xa kuhanjwa kunqunyulwa imida, yokuqhuba urhwebo kunye nokhuseleko lesizwe, ngokweziumelwano uMzantsi Afrika onazo nale ngingqi, nelizwekazi i-Afrika kunye namazwe ngamazwe.

Umbutho onegunya omnye wokugcina umthetho kwimida uza namathuba eenkonzo ezingatyi mali, kwakunye nokhuseleko olungcono nolawulo lweendawo eziyimida.

UMthetho-sihlomelo osaYilwayo weeMbacu, wowama-2015, onenjongo yokudala inkqubo esebenzayo neluncedo yokufaka izicelo zimbacu ezifuna iindawo yokukhuselwa.

IKhabhinethi ikwamnkele kwakhona ukungeniswa kwale Mithetho isaYilwayo ePalamente:

2.2. OoRhulumente baseKhaya: uMthetho-sihlomelo osaYilwayo woloNyulo looMasipala, wowama-2015, olungisa uMthetho wooRhulumente baseKhaya: uMthetho woloNyulo wooMasipala, ngowama-2000 (uMthetho uNombolo 27 wowama-2000).

Izilungiso zisabela kwimiba ethile ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba amalungiselelo kanye nolonyulo uqobo loorhulumente basekhaya ngowama-2016 azinamagingxi-gingxi.
 
2.3. UMthetho-sihlomelo osaYilwayo we-Inshorensi yabaNgaphangeliyo, wowama-2014. Esi sisilungiso sesibini kuMthetho we-Inshorensi yabaNgaphangeliyo wowama-2001 (uMthetho uNombolo 63 wowama-2001).

Wakuba lo Mthetho usaYilwayo uphunyeziwe, uza kwandisa ixesha loku lokuhlawulwa kwezimali kumntu lowo ebelilungu le-UIF lisuka kwiinyanga ezisibhozo liye kwezili-12 wandise nexesha lowo ulilungu le-UIF anokufaka ngalo ibango lisuke kwiinyanga ezintandathu linye kwezili-12.

3. Imisitho ezayo

3.1. IKhabhinethi iwuphumezile umxholo weNyanga yabaseTyhini wowama-2015: “AbaseTyhini, beManyene ekuQhubeleni uMzantsi Afrika Phambili” kunye noluhlu lwemisitho yeNyanga yabaseTyhini, oluza kuphela liyinkqubo yonyaka wonke.

Umsitho woSuku lwabaseTyhini ngomhla we-9 ngeyeThupha uza kubanjelwa eSasolburg, eFreyistatha, oza kuphawulwa nangokukhutshwa kweNgxelo yokuqala ngeMeko yabaseTyhini nguMongameli uJacob Zuma.

Unyaka wowama-2015 uza kuphawula isikhumbuzo seminyaka engama-59 yomNgcelele wabaseTyhini owawusiya kwiZakhiwo zoMdibaniso esilwela imithetho yamapasi, esiza kuba ngamalungiselelo okuqala esikhumbuzo seminyaka engama-60 ngowama-2016.
 
3.2. UMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe, uNksz Naledi Pandor, uza kuphehlelela iVeki yeSizwe yezeNzululwazi (i-NSW) eza kuqhutyelwa (ukusuka ngomhla woku-1 ukuya kowe-8 kweyeThupha ngowama-2015) kwiDyunivesiti yaseMntla Ntshona (i-NWU) kwikhampasi eseMafikeng ngomhla woku-1 kweyeThupha. Uza kube ephelekwe nguMphathiswa wezeMfundo wePhondo laseMntla Ntshona, uNksz Maphefo Matsemela, kunye neNgqonyela yase-NWU, uNjing Dan Kgwadi. Lo msitho uza kuzinyaswa ngamawaka abafundi, abafundi abasedyunivesiti, oosonzululwazi kunye noluntu ngobubanzi.

Umxholo we-NSW yowama-2015 “nguNyaka weLitha kunye nobuChwepheshe obusekelwe kwiLitha.” Ilitha kunye nokubaluleka kwalo ekuphuculeni ubomi liza kuboniswa lisebenza ngeendlela ezininzi ezifana nokusetyenziswa kwalo kwi-laser kwezempilo, utyando lokongulwa kwemehlo, ukuvelisa kwimizi-mveliso, ukutshisela iintsimbi zeemoto kunye nemitha yokukhusela esetyenziselwa ukuthintela ukuqhekeza.

ISebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe, lisebenzisa iBhunga lezoPhando lwezobuNzululwazi noShishino (i-CSIR), lityale imali kwi-photonics – inzululwazi yobuchwepheshe bezelitha bokuvelisa, ukulawula nokubona amaza elitha namasuntswana elitha. Oku kukhokelele, phakathi kwezinye, ekufunyanweni kolwazi lokuqala ebelungaziwa kubuchwepheshe be-digital laser. Olu lwazi lutsha luze ne-CSIR lumele indlela entsha yokubona nokusetyenziswa kobuchwepheshe be-laser kwaye ingaliqonga ekunokwakhelwa kulo amaphulo obuchwepheshe engomso.

4. Izikhundla

IKhabhinethi ikuvumile ukuqeshwa kwaba balandelayo kodwa okuza kuxhomekeka ekuqinisekisweni kobunyani beziqinisekiso zemfundo nobunye ubucukubhede obufuna ukuqondisiswa.

4.1. UMnu Stavros Nicolaou njengelungu elililalela leBhunga leSizwe lokuPhuhlisa uQoqosho nezabaSabenzi kwiBhodi yabaCebisi yemiMandla eYodwa yezoQoqosho.

4.2. IBhanki yezeMihlaba:

a) UMnu Bafana Patrick Mathidi –  (uqeshiwe kwakhona njengoMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo;
b) U-Adv. Sandra Julie Hester Coetzee  – (uMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo);
c) UNksz Mathane Eveline Makgatho –  (uMlawuli ongekho kwisiGqeba soLawulo); kunye
d) NoMnu Bennie van Rooy  – (IGosa eliPhezulu lezeziMali njengoMlawuli okwisiGqeba soLawulo).

4.3. IBhunga leSizwe lokuBhalisa abaKhi beziNdlu:
a) UMnu Abbey Chikane (USihlalo);
b) UNksz Julieka Bayat;
c) UNksz Xoliswa Eunice Daku;
d) UMnu Themba Thomas Cyril Dlamini;
e) UNksz Hlaleleni Kathleen Dlepu;
f) UNozakuzaku uSegogwane Samuel Kotane;
g) UMnu Phetola Nailana Solomon Makgathe;
h) UNksz Mankwana Christinah Mohale;
i) UNksz Busisiwe Nwabisa Nzo;
j) UMnu Alvin Phumudzo Rapea;
k) UMnu Goolam Hoosen Manack (umele uNondyebo yeSizwe);
l)  UMnu Obed Lucas Molotsi  (umele weSebe lemiSebenzi kaRhulumente); kunye
m) noMnu Lulama Andisa Potwana (umele iSebe lezoRhwebo noShishino).

4.4. UGq Muzamani Charles Nwaila njengoMlawuli-Jikelele (i-DG) weSebe leMicimbi yezeMveli – (Ukwandiswa ngeminyaka emithathu kwesivumelwano sengqesho.)

4.5. UGq Bongani Douglas Ngqulunga njengeSekela Mlawuli-Jikelele: se-Ofisi yabuCala kaMongameli kwiCandelo le-Ofisi kaMongameli.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams (IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela)
Inombolo yomnxeba: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore