Ingxelo ngentlanganiso yekhabhinethi ibibanjwe kusetyenziswa unxibelelwano lwevidiyo ngolwesiThathu, umhla wesi-9 kweyoMsintsi 2020


A. Imiba engundaba-mlonyeni

1. Ezintsha ngesifo sentsholongwane i-Corona (i-COVID-19)

1.1. IKhabhinethi iyavuyiswa kukuhla kwenani labantu abaqinisekisiweyo ukuba bane-COVID-19 kwezi veki zimbalwa zidlulileyo futhi nezinga labantu abaphilileyo kwesi sifo elinyukileyo laya kutsho kuma-87%. Kwaye lehlile nenani labantu abagulela ukuba bangade balaliswe esibhedlela kunye nelabafuna ukuhlolwa i-COVID-19.
1.2. IKhabhinethi ibamba ngazibini kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ngokudlala indima bethobela imiqathango ibimiselwe ukuphungula inani labantu abanale ntsholongwane. Sithi mathol’ anyongande kudlelana kwiingcali zezempilo zona ibizizo ebezingamajoni ebesifunza ngawo kwidabi lokulwa le ntsholongwane. 
1.3. Masakhele phezu kwezi ndaba zincumisayo siqhubeke nokusebenzisana senze izinto ezifanelekileyo, ezifana nokuziqhelanisa nokungasondelelani singabantu, sinxibe izigqubuthelo-buso xa siphakathi kwabantu, sihlambe izandla ngesepha namanzi okanye sisebenzise isibulala-ntsholongwana esinechiza le-alkhoholi.
1.4. IKhabhinethi ikhuthaza abantu ukuba bakhuphele kwizixhobo zabo zonxibelewano i-COVID Alert SA Application beyithatha ku-Apple App Store okanye ku-Google Play. ISebe lezeMpilo liqulunqe le-app njengesinye sezixhobo zokuxelela abemi boMzantsi Afrika xa bethe badibana nomntu one-COVID-19. Le-app sesinye sezixhobo esongeza kwiintonga zethu zokulwa ukunwenwa kwale ntsholongwane. 
1.5. IKhabhinethi ivumile ukuba landiswe ixesha ebelisekelwe imeko yentlekele yezwelonke liyo kutsho kumhla we-15 kweyeDwarha 2020 ngokweCandelo 27(5)(c) loMthetho woLawulo lweNtlekele, wowama-2002 (uNombl 57 wowama-57). Injongo yoku kukubethelela imigaqo esafunekayo yokulwa ukunwenwa kwe-COVID-19.
 
2. Ubundlobongela obusekelwe kwisini (i-GBV)

2.1. Isihelegu se-GBV siyaqhubeka nokuthwaxa izwe lakuthi ngobundlobongela bobundladiya nokubulawa kwamanina ngolunya. Amaxhoba akutsha nje esi sihelegu aquka umdlali weqonga uThandeka Mdeliswa (obeneminyaka engama-34) odutyulwe ekowabo e-Evander, eMpumalanga kunye nomntu wasetyhini obeneminyaka engama-28 obulewe ngumnyeni wakhe ngethuba eyokumangalela ubundlobongela basekhaya kwiSikhululo samaPolisa saseMadeira eMpuma Koloni. IKhabhinethi iyabongoza ukuba abo benze ezi zenzo zolwaphulo-mthetho kunye nezinye ezixeliweyo kwabasemagunyeni ukuba bajongane nengqumbo yomthetho. 
2.2. IKhabhinethi iphumeze imithetho emithathu kutsha nje yokufaka isandla kwidabi lokulwa i-GBV. Le nguMthetho-siHlomelo oYilwayo wobuNdlobongela basemaKhaya, uMthetho-siHlomelo oYilwayo woLwaphulo-mthetho nemiBa eNxulumene Nalo wowama-2020; kunye noMthetho-siHlomelo oYilwayo woMthetho waLwaphulo-mthetho wowama-2020 (Amatyala ezeSondo neMiba eNxulumene Nawo). Le mithetho iza kuba negalelo kumalinge okuqinisekisa ukuba amaxhoba obundlobongela basemakhaya ne-GBV afumana ukhuseleko olululo nolufanekileyo. 
 
3. Intengiso yakwa-Clicks
        
3.1. IKhabhinethi ithunakele yintengiso eyothusa kakhulu epapashwe kwiwebhusayithi yakwa-Clicks, ebangele ukunxakama nokuxokozela koluntu jikelele, futhi oku lukwenza ngakhona. IKhabhinethi iyithatha ngokuba le ntengiso isisithuko kwaye inobuhlanga. 
3.2. Inwele zabantu abaNtsundu kudala zasetyenziswa njengesixhobo sezopolitiko sokunyelisa futhi abantu bebecalulwa ngendlela engenabulungisa ngazo izolo oku. Imbali yezwe lakuthi igcwele imithetho yombuso neyasekuhlaleni eyayibona yonke into entsundu kunye neempawu ezihamba neli bala – umzekelo, ulusu olumnyama, iinwele eziphotheneyo neziqathalala - njengento engento efanele ukujongelwa phantsi. 
3.3. Ke ngoko siyawamkela la manyathelo akhawulezileyo athatyathwe ngabakwa-Clicks ukulungisa le nto. La manyathelo aquka isithembiso sokusebenzisana norhulumente ukuze kuthengiswe iimveliso zalapha ekhaya kuzo zonke iivenkile zakwa-Clicks kunye nokusebenzisana nawo onke amashishini u-Clicks athenga kuwo iimveliso ukuze kubethelelwe iinjongo ezingundoqo zomgaqo-siseko njengoko ziqulathwe kuMgaqo-siseko weRiphabhliki yoMzantsi Afrika wowe-1996. Kufuneka le nkampani iqalise nenkqubo yoqeqesho egxininisa kwiyantlukwano nokubandakanywa eza kujolisa kubo bonke abaphathi bayo kunye nabasebenzi. 
3.4. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuzo zonke iinkampani zakwa-Clicks kunye nezinye iivenkile ezizingcali zezibhengezo ukuba ziqalise iinkqubo ezibonakalayo ezigxininisa zize zikhusele amalungelo oluntu, zize zifundise uluntu ngale miba inezothe ifana nobuhlanga, ukungalingani nocalulo. 
3.5. Isizwe sonke kufuneka sixhase intsebenziswano phakathi kwamasebe karhulumente kunye namaZiko kaRhulumente aXhasa uLawulo lweNtando yesiNinzi xa kuqhutywa amaphulo okufundisa ngokuchasa nokulwa ubuhlanga nocalulo.
3.6. Kananjalo, urhulumente ukhumbuza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba libhalwe kuMgaqo-siseko ilungelo lokuchasa nayiphi na into emnxamnye nobulungisa ngaphandle kokoyika ukuba uza kuthathelwa amanyathelo oluleko. Noko kunjalo, ilungelo lokuqhankqalaza likhatshwa luxanduva lokuqinisekisa ukuba oko ukwenza ngoxolo nangaphandle kokunyhasha amalungelo abanye abantu. Urhulumente uyawugxeka umonakalo owenziwe kwiivenkile zakwa-Clicks. Izenzo ezingekho mthethweni ezifana nezi zimnxamnye namalungelo oluntu elisekelwe kuwo eli lizwe ukususela oko lalawulwa ngentando yesininzi. 
3.7. UMzantsi Afrika wenza onke amatile-tile ukuqalisa ukuzisa uhlumo kuqoqosho ke ngoko awunakuvumela nantoni na enokukhokelela ekubeni abantu baphelelwe yimisebenzi ngenxa yokuba amashishini evalile. Ulwaphulo-mthetho nokonakalisa impahla yamashishini abucala nekarhulumente kufuneka zombini ezi zinto zigxijwe njengoko zingeyondlela iluncedo nenenkathalo yokusombulula iimbambano. 

4. Ezoqoqosho

4.1. Ukuncipha kakhulu kweSambuku seMveliso yeLizwe yoNyaka kwiKota yesi-2 yaya kutsho kwiqondo elilelona liphantsi ezimbalini elingu-16.4% elithe xa libalwa njengelonyaka wonke laya kutsho ku-51.2%, ngenxa ye-COVID-19, kusenze saxhalaba ukuba kungenzeka sifikelela kwiqondo elaliqikelelwe kuHlahlo Lwabiwo-mali lokuXabangela lokuba uqoqosho lweli luza kuhluma ngo- (-7.2%) kowama-2020. 
4.2. Oku kungqina ukuba urhulumente wahlaba ekhangele ngokuqulunqa ngokukhawuleza isicwangciso sokuvuselela uqoqosho, esebenzisana nawo onke amahlakani ezentlalo ukuze kubuyiselwe uqoqosho lweli endleleni eya kuhlumo. 
4.3. Esi sicwangciso, siza kukhokelwa ngamaphulo ophuhliso lweziseko ezingundoqo, siza kuquka nokwenziwa kotshintsho olufunwa ngabomvu kwindlela olwakhiwe ngayo uqoqosho lweli. 
 
5. Ukusweleka kukaNathaniel Julius

5.1. IKhabhinethi ithi tutwini kusapho lukaNathaniel Julius, inkwenkwana ibineminyaka eli-16 ubudala ekutyholwa ngokuba yadutyulwa yaze yabulawa ngamapolisa e-Eldorado Park. 
5.2. Ukubanjwa kwamapolisa amathathu liCandelo eliziMeleyo likaKhala wamaPolisa (i-IPID) ngenxa yetyala lobulala nelokuthintela ingalo yomthetho ukuba yenze umsebenzi wayo kungqina ukuba liyinene elokuba umthetho awuthengi buso. 
5.3. IKhabhinethi icela abantu base-Eldorado Park ukuba bancedise i-IPID ukuba iqhubeke yenze umsebenzi wayo kodwa oko bakwenze besebenzisa iindlela ezisemthethweni ukuze kuqinisekiswe ukuba kugquba ubulungisa kula ndawo. 
 
6. Ingxelo yoMphicothi-zincwadi-Jikelele engentengo enxulumene ne-COVID-19

6.1. INgxelo ka-AG yakutsha nje ibhentsise ukuba bekukho unyawo lwemfene kwezinye izivumelwano nokophulwa komthetho kwezinye iintlawulo ezenziweyo kwimali ebivela kwingxowa karhulumente yokulwa i-COVID-19 ukuze kuphungulwe umonakalo ubunokwenziwa yile ntsholongwane kuqoqosho kuze kuthintelwe nokunwenwa kwayo. 
6.2. Iziphumo zophando zale ngxelo ziza kunikezelwa kwi-Fusion Centre eliziko elimele ii-arhente ezininzi elithwaliswe umsebenzi wokuphanda ubuqhophololo norhwaphilizo olunxulumente ne-COVID-19. Ezi ziphumo ziquka ukunyuswa kwamaxabiso ngokugqithisileyo, abasebenzi bakarhulumente abafaka izicelo zokuxhamla kwezi zibonelelo banganelungelo lazo, ubuqhetseba ekukrokreleka ukuba benzekile kunye nokungalandelwa kwemithetho nemigaqo elawula intengo. 
6.3. IKhabhinethi isatsho nangoku ukuba ayigungqi kwiphulo layo lokungena emkhondweni ize izingele bonke abo bafunyaniswe bethobe imali ngemilenze nokuba ngoobani na. Izityholo zobubhedengu ezithiwe pahaha luluntu kwiwebhusayithi kaNondyebo weSizwe (www.treasury.gov.za) ziza kulandelelwa ngamasebe afanelekileyo. 
 
B. Izigqibo zeKhabhinethi
 
1. Amanyathelo okungenelela esizwe kutshintsho lwemozu
lu

1.1. IKhabhinethi ivumile ukuba kusekwe iKhomishini kaMongameli yokuQuquzelela uTshintsho lweMozulu. Oku kuhambelana nesiVumelwano sesiCwangciso-sikhokelo seNgqungquthela kaMongameli yeMisebenzi esatyikitywa ngethuba kubanjwe iNgqungquthela kaMongameli yeMisebenzi ngowama-2018. Le khomishini iza kukhokela xa isizwe sakuthi sitshintshela kwixesha noqoqosho olunyamezelayo noluvelisa isisi esincinci ngowama-2050.
1.2. Le khomishini iza kwakhiwa ngabo baza kumela urhulumente, amahlakani ezentlalo, imibutho yoluntu kwakunye neengcali eziphuma kumaziko emfundo ephakamileyo nawophando-nzulu. UMzantsi Afrika lelinye lamazwe atyikitya isiVumelwano sesiCwangciso-sikhokelo soTshintsho lweMozulu seZizwe eziManyeneyo (i-UNFCCC).
1.3. IKhabhinethi ikwavumile nokuba kungeniswe isiCwangciso-qhinga soPhuhliso oluVelisa iSisi esiyiNgozi kokusiNgqongileyo esiNcinci (i-LED) kwi-Ofisi kaNobhala we-UNFCCC. Esi siCwangciso-qhinga se-LED siza kufaka isandla kumgaqo-nkqubo wesizwe wotshintsho lwemozulu nophuhliso ngendlela ecwangcisiweyo nevakalayo. Sinika namanyathelo okuthibaza umonakalo agxininisa kumacandelo angundoqo ezoqoqosho amane angala: elezaMandla; elezaMashishini; elezoLimo, elezamaHlathi nokuSetyenziswa koMhlaba; kunye neleNkunkuma. 
 
2. IsiCwangciso-qhinga seSizwe sokuQokelelwa kweNkunkuma (i-NWMS) sowama-2020

2.1. IKhabhinethi iyivumile i-NWMS yowama-2020 ukuba ingene endaweni ye-NWMS yowama-2011. Esi sicwangciso-qhinga sokuqokelelwa kwenkunkuma sizalisekisa amasolotya oMthetho weNkunkuma: uLondolozo lweNdalo lweSizwe, wowama-2008 (uMthetho uNombl 59 wowama-2008). Sinika umkhomba-ndlela kwiinkqubo zokulondoloza okusingqongileyo. Sikhokela uhlumo loqoqosho oluzinzileyo, olungenabungozi kokusingqongileyo noluza kuxhanyulwa ngumntu wonke, ngezi ntsika zintathu – ukuphungulwa kwenkunkuma, iinkonzo ezizinzileyo nezisebenzayo kunye nokufundisa ngenkunkuma nokuthotyelwa kwemithetho elawula eli candelo. 
 
3. Iikholeji zezolimo

3.1. IKhabhinethi ikuvumile ukusekwa kweekholeji zezolimo njengamaziko aphantsi kweeKholeji zeMfundo ePhakamileyo ngokoMthetho weMfundo ePhakamileyo, wowe-1997 (u-101 wowe-1997), njengoko uhlonyelwe. 
3.2. Iikholeji zezolimo – okwangoku eziphantsi kweSebe lezoLimo, ukuBuyekezwa kwemiHlaba noPhuhliso lwamaPhandle – ziqhuba izifundo ezikumgangatho omnye nezamabakala emfundo ephakamileyo eziquka uqeqesho lwezakhono nezifundo zobuchule bezandla. Ukuthathwa kwezi kholeji zibekwe phantsi kweSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho kuza kuzenza zihambelane noMthetho omiselweyo weMfundo ePhakamileyo wowe-1997 kwaye kuza kuphucula ulawulo nempatho kuzo. 
 
4. Ingxelo yowama-2017/18 yenkqubo yeSibonelelo seRhafu yoPhando noPhuhliso (i-R&D) 

4.1. Khabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente kweNgxelo yowama-2017/18 yeNkqubo yeSibonelelo seRhafu ye-R&D. Uphando luphanda indlela esisetyenziswa ngayo esi sibonelelo zinkampani ezikhokelisa phambili uphando nophuhliso kumacandelo ezisebenza kuwo. Le nkqubo yesibonelelo serhafu yaqaliswa ngeyeNkanga yowama-2006. Ngokwale ngxelo, ukususela ngeyeNkanga ngowama-2006 ukuya kweyoMdumba ngowama-2018, kwiinkampani ezili-1 091 ebezifake izicelo zokufumana esi sibonelelo, ezingama-902 zisifumene. Ingxelo egcweleyo iza kupapashwa yakuba inikezelwe ePalamente. 
 
5. IPhepha eliYilwayo lokucacisa isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo weeNkonzo zeeNkqubo zoSasazo eziManyelwayo neziBukelwayo 
5.1. IKhabhinethi ivumile ukuba lipapashwe ngeenjongo zokufakana imilomo noluntu futhi nokuba luhlomle iPhepha eliyiLwayo lokuCacisa isiCwangciso-sikhokelo soMgaqo-nkqubo weeNkonzo zeeNkqubo zoSasazo eziManyelwayo kunye neziBukelwayo: uMbono oMtsha woMzantsi Afrika wowama-2020.
5.2. Eli Phepha leNgcaciso, phakathi kwezinye izinto, liza nomgaqo-nkqubo omtsha kunye notshintsho lwemithetho nezinye izindululo ezilungiselelwe ukwenza icandelo lokusasaza iinkqubo ezibukelwayo nezimanyelwayo ukuze lilungele uhlumo nokukhuthaza utyalo-mali.
 
6. Utshintsho kwiCandelo lezaMafa

6.1. IKhabhinethi inikwe amagqaba-ntshintshi ngomsebenzi osele wenziwe liqela lokufakana imilomo elikhokelwa liSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko malunga neenguqu kwicandelo lezamafa. Eli qela belibekelwe umsebenzi wokucinga ngemeko yezamafa ngoku, nokuba kufuneka iKhabhinethi isabele njani kwimiba yangaphambili nengundoqo yoMgaqo-siseko wethu. 
6.2. Eli qela liza kunika iingcebiso ngemifanekiso eqingqiweyo/amatye ezikhumbuzo ekufuneka amele izinto osekelwe kuzo lo Mzantsi Afrika mtsha ulawulwa ngentando yesininzi. Eli qela licebisa ukuba eminye imisebenzi eqingqiweyo eyimbali isuswe isiwe kumaziko ezenkcubeko nolonwabo aza kubekwa mbombo zone zeli. Uphando ngayo yonke imifanekiso eqingqiweyo, amatye ezikhumbuzo neempawu luza kwenziwa. Iziphumo zolu phando zizo eziza kusetyenziswa xa kukhethwa la maziko ezenkcubeko okwakha isizwe. 
6.3. IKhabhinethi iyayixhasa le nkqubo, iza kuba negalelo kumaphulo okwakha isizwe nokuqinisekisa ukuba amaziko oluntu ahambelana neenjongo ezingundoqo zomgaqo-siseko wombuso wasemva kobukholoniyali nocalu-calulo olawulwa ngentando yesininzi. La maziko ezenkcubeko aza kwakha isizwe aza kugcina zonke iinkcukacha eziyimbali ezibonakalisa imisebenzi yobugcisa yezobukholoniyali nocalu-calulo kusenzelwa izizukulwana ezizayo. 
 
C. Imiyalezo

1. Amazwi okuvuyisana

Ikhabhinethi ithumela amazwi ovuyiswano neminqweno emihle:
1.1. kuMlawuli-Jikelele (u-DG) wangaphambili kwi-Ofisi kaMongameli, uGq Cassius Lubisi, njengoko emshiya urhulumente ethatha umhlala-phantsi emva kokuba esebenze njengomsebenzi karhulumente ongumzekelo omhle kwi-Ofisi kaMongameli nakwiphondo laKwaZulu-Natal. UGq Lubisi waziwa njengomsebenzi karhulumente obethembekile, eziphethe ngesimilo nesidima futhi enesibindi, nowazinikelayo kubizo lokusebenzela abantu boMzantsi Afrika.
1.2. kulowo wayeyi-DG yeSebe lezeMpilo, uGq Precious Matsoso, ngokuthi achongwe njengomnye okwiGqiza eliziMeleyo lokuLungela nokuLwa uBhubhane loMbutho wezeMpilo weHlabathi. 

2. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithumela amazwi ovelwano:
2.1. kusapho nabahlobo bembongi edumileyo netshantliziyo lezopolitiko uMnu Achmat Dangor owathi wasebenzisa usiba lwakhe ukubhentsisa amanyundululu karhulumente wocalu-calulo ngolo hlobo wangumlomo wabo bavalwe imilomo.
2.2. kusapho, abahlobo noogxa bakaNkskz Nyameka Goniwe, obenguSomlomo kaMasipala waseNxuba Yethemba eMpuma Koloni nobekwangumhlolokazi wetshantliziyo loMzabalazo, uTata uMatthew Goniwe.
2.3. kusapho nabahlobo bakaGqirha oMkhulu obesele esidla umhlala-phantsi woMkhosi wezoKhuselo weSizwe woMzantsi Afrika, uLieutenant-General Vejay Ramlakan, nowathi wanegalelo elimandla kumzabalazo wenkululeko yabo bonke abemi boMzantsi Afrika.
2.4. kusapho nabahlobo bakaMnu Petrus Meyer, obeteketiswa ngelokuba ngu-Oom Piet, waseNtshona Koloni, kunye noNozaku-zaku uKgoṧi Mohlamme Piet Mathebe kunye noMnu David Mbulaheni Malada waseLimpopo. Aba bemi boMzantsi Afrika bazibalulayo banikela ngobomi babo kumzabalazo wenkululeko nolawulo lwentando yesininzi eMzantsi Afrika. 
2.5. kusapho nabahlobo betshantliziyo lamalungelo oluntu elidume kwihlabathi liphela u-Advocate George Bizos, olandulele eli phakade sele eyingwevu eneminyaka engama-92. Ebeligqala lomzabalazo wokulwa umbuso wocalu-calulo eMzantsi Afrika. U-Adv Bizos wayeligqwetha likaNelson Mandela iminyaka emininzi kwaye wayekwiqela lamagqwetha ayemele abatyholwa kwiTyala laseRivonia. 
 
Ebeligqwetha lamalungelo oluntu ebelihlonitshwa jikelele kwaye engomnye wamagqwetha aseka i-Legal Resources Centre, umbutho wamalungelo oluntu.  

D. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala emfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kweminye imiba yezokhuseleko.
 
1. U-Lieutenant General Tebello Constance Mosikili njengeSekela leNtloko kaZwelonke yeCandelo loPhando lamaTyala aNgxamisekileyo (ooKhetshe).
2. UMnu Trevor Rammitiwa njengeGosa eliyiNtloko yesiGqeba soLawulo (i-CEO) le- National Electronic Media Institute of South Africa.
 
Imibuzo: UNks Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi
Iselula: 083 501 0139
Umhla: uLwesine, 10 eyoMsintsi 2020
Ikhutshwe: IZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS)
www.gcis.gov.za; www.gov.za
 

Share this page

Similar categories to explore