UMongameli uCyril Ramaphosa: Inkqubela kumalinge esizwe okulwa ubhubhane weNtsholongwane i-corona (i-COVID-19)

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Sekulithuba singesayibambi intlanganiso yethu yosapho yesizwe.

Sekuzinyanga eziliqela ngoku ukususela itsholongwane i-corona yaqhambukayo eMzantsi Afrika.

Lo bhubhane ubangele intlupheko enkulu kubo bonke abantu bakuthi.

Emva kwexesha elide kangaka lokungaqiniseki nokuxhalaba, sonke sinqwenela ukubuyela kubomi besiqhelo.

Ndiyayazi ukuba baninzi apha kuthi abasebekruqukile yintsholongwane i-corona.

Ingxaki yeyokuba sesiqalisile ukulibala ukuba le ntsholongwane isekhona phakathi kwethu.

Njengokuba ndithetha nani ngokuhlwa nje, ubhubhane we-COVID-19 uya uqatsela ngakumbi kwihlabathi lonke jikelele.

Ihlabathi lisanda kubhalisa elona nani lalo liphezulu lezehlo ezitsha zosuleleko lweveki neveki ukususela oko kwaqala lo bhubhane kunye nelona nani liphezulu lokusweleka leveki neveki.

Bangaphezulu kwezigidi ezingama-51 abantu abosulelekileyo ehlabathini jikelele, kunye nesigidi esinye esinamakhulu amabini wabantu (i-1.2 sezigidi) abaswelekileyo.

Amazwe amaninzi sele ephakathi kumsinga wesibini wosuleleko, nosoloko ungaphezulu ngobuzaza kunomsinga wokuqala.

Oku sikubonayo kusibonisa ubunyani obukrakra: bokuba i-COVID-19 kusekude ukuba iphele.

Ikhona kunjalo nje ihleli ayigungqi. Kwaye isezakuhlala ikunye nathi ixesha elivakalayo.

NjengoMzantsi Afrika, sesinyamezele elona qhwithelo sithemba ukuba ibilelona linzima.

Encotsheni yalo bhubhane, kwinyanga yeKhala, besibhalisa malunga ne-12 000 osuleleko olutsha ngosuku.

Isithuba esingaphezulu kweenyanga ezimbini ngoku, inani losuleleko olutsha luhleli luzinze ngokuncomekayo ngaphantsi kwama-2 000 ngosuku.

Inani lokusweleka liyehla ngokuthe nkqi, ngokufanayo nenani labantu abadinga ukulaliswa esibhedlele ukuya kufumana unyango.

Inani elipheleleyo labantu abangeniswe esibhedlele abatsha liye lehla isithuba seeveki ezili-14 zilandelelana.

Kufanele oku sikubulele kumanyathelo angqongqo esiwathathe kwasekuqaleni kwalo bhubhane, kwakunye negalelo elithe lenziwa ngumntu ngamnye waseMzantsi Afrika ekulweni le ntsholongwane.

Kufanele sibulele abasebenzi abangabona baphambili edabini abathe ngokuzenza idini nangesibindi bagcwalisa amaziko wethu wezonyango, baphuma baya eluntwini ukuya kuluhlola nokulwenza uvavanyo, nabo bathe bayokugcina uxolo nozinzo, kwakunye nabo bathe bagcina iinkonzo ezingundoqo zisebenza.

Ngokwenkqubela esiyenzileyo, ngoko sikufundileyo, ngoku siyayazi ukuba phantsi kwenqanaba lokulumka loku-1 sinazo zonke izixhobo esizidingayo ukuthintela ukuqhambuka kwakhona kwale ntsholongwane.

Ukuba ngaba nje siyayithobela yonke imimiselo yezonyango eyimfuneko kunye nezithintelo ezisaseleyo – njengomntu ngamnye kuthi, njengamashishini, njengamaziko – akuyikubakho mfuneko yokuba sibuyele kwinqanaba eliphezulu lokulumka.

Kufanele sizingce ngendlela esisabele ngayo kule meko njengesizwe, nethe yahlonitshwa ngokubanzi yaza yanconywa ngabaninzi ehlabathini jikelele.

Bendibambe intlanganiso ngothungelwano lomnathazwe izolo kunye neenkokheli eziliqela zezoshishino zamazwe-ngamazwe ezineenkampani zazo ezisebenza kumazwe amaninzi ehlabathini jikelele. Zonke ziwuqhwabele izandla uMzantsi Afrika ngendlela owulawule ngayo lo bhubhane.

Ngeli xesha le iyinkqubela eyamkelekileyo, kufanele sivume ukuba lo bhubhane ukuza kuthi ga ngoku usenzele ilahleko enkulu kwimpilo nentlalo-ntle yabantu bakuthi.

Ukuza kutsho namhlanje, uMzantsi Afrika sele ufikelele kwizehlo zentsholongwana i-corona ezingama-742 394.

Kwabo bantu, abangaphezulu kwama-92% baye bachacha.

Kodwa esona sithonga sikhulu sakhe sasehlela ukususela oko waqalayo lo bhubhane kukusweleka kwabantu okungqiniweyo abangama-20 011 ngenxa ye-COVID-19.

Ngeli xesha sinezinga eliphantsi lokusweleka xa sithelekiswa namanye amazwe, asingeke sikwazi nokuyibala ilahleko nokukhathazeka oku kusweleka okusivise kona.

Ukususela ekuqaleni kwale ntlekele, eyona njongo yethu iphambili ibikukusindisa imiphefumlo kwakunye nokukhusela indlela esiphila ngayo.

Njengokuba sisakha ilizwe lethu phakathi kulo bhubhane, oku kufanele kuhlale kuyeyona nkxalabo yethu siyinanzileyo.

Nangona usuleleko luzinzile, basebaninzi abantu abosulelekayo umhla nezolo kwaye sisahleli sisesichengeni.

Siyakubona ukuba lukhawuleza kangakanani na kwaye lubaxeka kangakanani na ukukhula kwalo usuleleko kumazwe amaninzi.

Kwakhona siyabona ukuba amaziko wezonyango agutyungelwa kangakanani na koku kunyuka kosuleleko.

Ukunyuka kwezinga losuleleko kwamanye wala mazwe kuye kwakhokelela ekumiselweni kwakhona kwemiqathango engqongqo.

Sikwabonile kwamanye amazwe ukuba ukuqhambuka kwakhona kwale ntsholongwane kungawatshabalalisa kangakanani na amathemba okubuyela ngokukhawuleza koqoqosho.

Kufuneka senze konke okusemandleni wethu ukuthintela ukuba oku kwenzeke kwilizwe lethu.

Ukuba kufanele sithintele ukuqhambuka kwakhona kosuleleko kwilizwe lethu imbalwa imiba ekufuneka siyinike ingqwalasela.

Owokuqala yimeko yaseMpuma Koloni, ebonakalisa iimpawu zokuqhambuka kwakhona.

Kule veki iphelayo, inani lezehlo ezitsha kweli phondo ibingama-50% ngaphezulu kuneveki engaphambili.

Ize inani elipheleleyo lezehlo ezitsha kwezi ntsuku zili-14 zidlulileyo libe malunga nama-145% ngaphezulu kuneentsuku ezili-14 ezidlulileyo.

Oku kwanda kuninzi kuqhutywa yinkani enkulu ngokukodwa kumasipala oMbaxa wase-Nelson Mandela nakwiSithili se-Sara Baartman.

Kule nyanga idlulileyo, kubekho ukuzinza kokwanda okunyukayo kwabantu abamkelwa ezibhedlele kweli phondo.

Ubungqina busibonisa ukuba ukwanda eMpuma Koloni kusenokuba kubangelwe kukuqhambuka okwenzeke kumaziko emfundo ephakamileyo afana needyunivesithi, izikolo nabantu abazimasa iindibano ezinabantu abaninzi.

Xa oko ukudibanisa nokungathotyelwa ncam kwemigama yokuqelelana, ukunxitywa kwezigqubuthelo zobuso nokungahlonitshwa ngokupheleleyo kweminye imimiselo yezempilo, imeko yokunyuka kosuleleko inokulindeleka.

Kube kukho abantu abaninzi abehla benyuka phakathi kweMpuma Koloni namanye amaphondo – sekusele nje kancinane oku kugaleleka ngamandla kunwenwele kweminye imimandla yeli lizwe.

Ngoko ke kufanele sithathe amanyathelo okuthintela ukunyuka kosuleleko.


Ukusabela koku kunyuka kosuleleko, sifezekisa isicwangciso sokuqhambuka kwakhona esiqulunqwe kunye neqela lokugaleleka ngamandla elibekwe eMzantsi Afrika nguMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO).

Ungenelelo oluquka amaqela enkathalelo yezonyango yokuqala okuzisa iinkonzo eluntwini ukuqinisa ukulandela umkhondo kwabo bebedibene nomntu oneempawu zokuba nale ntsholongwane, ukuvuselelwa koluntu kwemihla yonke, ukuqinisekisa ukuba amaziko ezonyango ahleli elungile, nokulungela ukusabela kuqhambuko olunokuvela kumacandelo.

Siza kusebenzisana norhulumente wephondo, oomasipala kunye namanye amaziko eMpuma Koloni kwezi ntsuku neeveki ezizayo ukuqinisekisa ukuba oku kugaleleka ngamandla kuyanqandwa kungandi kwaye kuyalawuleka.  

Oku sikubona kusenzeka eMpuma Koloni kufanele kube sisilumkiso kuthi sonke, sokuba akufuneki sihlise umxakatho kwaye akufuneki soneliseke.

Ngoko ke sikwabeke esweni okwenzeka kwimimandla efumana usuleleko olutsha olukwizinga elingaphezulu kunomyinge ophakathi.

Imimandla apho sifumana usuleleko olutsha olukwizinga elingaphezulu kunomyinge ophakathi iquka iLejweleputswa neMangaung eFreystata, i-Frances Baard ne-Pixley ka Seme eMntla Koloni, ne-Garden Route kunye nomasipala ombaxa weSixeko saseKapa eNtshona Koloni.

Ukuqinisekisa ukuba singakwazi ukugcina onke amanyathelo othintelo ayimfuneko esebenza, njengoko kulindelekile ngokoMthetho woLawulo lweNtlekele, siyabandisa uBume beNtlekele yeSizwe ngenye inyanga ukuya kutsho kumhla we-15 kweyoMnga yowama-2020

Ummandla wesibini oxhalabisayo ekufanele sijongene nawo lixesha leziyunguma elizayo, ekuthi ngalo uninzi lwabantu baseMzantsi Afrika bahambe baye kwezinye iindawo zelizwe ngalo nekuthi ngalo abantu bathande ukuba neendibano zokuzonwabisa.

Ezi ntshukumo, ukuba azenziwa ngenkathalo, zisisoyikiso esikhulu nesikhawulezileyo kumalinge wethu okulawula lo bhubhane.

Kodwa singawuphepha umsinga wesibini ukuba umntu ngamnye kuthi uyayidlala indima yakhe, ukuba siyakhumbula ukuba kokuphi esifanele ukuba sikwenze ukuzigcina thina kunye nabanye sikhuselekile.

Ukusuka kwizixeko ezikhulu noomasipala abambaxa ukuya kwezona dolophu zincinci nasezilalini, sonke sinolwazi ngale ntsholongwane.

Ukususela kumfundi weBanga-R ukuya kumntu ongumsebenzi kumzi-mveliso, ukusuka kumfundi wasedyunivesithi ukuya kutat’omkhulu nogogo ekhaya, sonke siyayazi ukuba intsholongwane i-corona inganwenwa njani na.

Ngoko ke endikucelayo kumntu ngamnye kuni ngokuhlwa nje asiyonto intsha. Ndinicela ukuba nenze oko niyaziyo ukuba kufuneka kwenziwe.

Siyayazi ukuba le ntsholongwane isasazeka xa sikufutshane nabanye abantu.

Masikhumbule ukuba isasazeka ngamasuntswana amancinci asuka ezimpumlweni nasemilonyeni yethu xa sithetha, sikhohlela, sithimla okanye nkqu xa siphefumlela phezulu.

Kwakhona sonke siyayazi ukuba sifanele ukwenza ntoni na ukuzikhusela kunye nabo bakufutshane kuthi.

Isigqubuthelo sobuso selaphu, esinxitywa sigqume impumlo nomlomo, ise sesinye sezona zikhuseli zingcono.

Ndiyayazi ukuba ngamanye amaxesha siyathukuthuzelisa.

Izigqubuthelo zobuso zenza isifuthufuthu kwaye zenza umntu angonwabi.

Zikwenza kube nzima ukuba bona abanye abantu okanye ukubeva kakuhle into abayithethayo.

Kodwa izigqubuthelo zobuso zelaphu azibizi kakhulu, ngoku zifumaneka phantse kuyo yonke indawo, kwaye ingxaki yokusinxiba ingcono kakhulu, kakhulu kunokosuleleka okanye ukosulela abanye.   

Ukunxiba isigqubuthelo sobuso ngalo lonke ixesha xa siphuma ekhaya kungcono kakhulu, kakhulu kunomsinga wesibini.

Kukwa ngcono kakhulu kunokubuyela ekuvalelekeni phantsi kwemiqathango ethile kwaye kukwangcono kunokufuneka kuvalwe uqoqosho kwakhona.

Uninzi lokuqhambuka kwaso loyanyaniswa neendibano zangaphakathi kwisakhiwo apho kungekho kungena komoya ngokwaneleyo nokungahlonitshwa komgama wokuqelelana.

Ewe ngokusondela kwexesha leziyunguma iyaqondakala into yokuba sizokufuna ukuba kunye neentsapho nabahlobo. Ibe ngunyaka onzima nobuhlungu lo. Sifuna ukonwaba sihlangane nabanye abantu.

Kodwa oku akuthethi ukuba masehlise umxakatho.

Kufuneka sikhumbule ukuba umntu ngamnye esizidibanisa naye sandisa amathuba okosuleleka.

Kufanele siziphephe iindibano ezinkulu. Kungcono sidibane singamaqela amancinci.

Ukuba ngaba kufuneka siphumile, kufanele siwanciphise amathuba okuhlangana nabanye.

Bendisoloko ndisiya ndixhalaba ngakumbi nangakumbi kwaye ndisothuswa zizinto endizibona kumaqonga onxibelelwano nkqu nakumabonakude apho abantu benza khona amatheko amakhulu, iindibano kunye nemisitho yokonwaba nabanye abantu ngokungathi intsholongwane ayisekho.

Ndiyibonile imifanekiso yemisitho eyenziwa ngaphakathi kwizakhiwo igcwele ngabantu abanganxibanga nazigqubuthelo zobuso kwaye kungekho nobungqina bomgama wokuqelelana.

Le misitho ingabasasazi abakhulu bale ntsholongwane ekufuneka iphetshiwe kuba oku kukuziphatha okuyingozi.

La mithetho ibisebenza ngela xesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kufanele kusebenze yona ngoku.

Kwaye kusehlotyeni ngoku kulula kakhulu ukudibanela ngaphandle okanye kumagumbi aneefestile ezivuliweyo.

Njengoko sasitshilo ngaphambili kufanele sisebenzise izixhobo ezahlukahlukeneyo kwibhokisi yezixhobo yethu yokulwa intsholongwane i-corona.

Singasebenzisa nobuchwepheshe ukulwa le ntsholongwane.

Ndimema umntu ngamnye kuni ukuba nizibandakanye nabantu baseMzantsi Afrika abangama-700 000 abathe bakhuphela i-app yomnxeba ophathwayo ye-COVID-19 Alert SA.

Le app ye-COVID-19 Alert iyakwazi ukwazisa ukuba ubukhe wasesichengeni sentsholongwane – nokuba kukwiteksi, kudederhu lweevenkile okanye kwindibano yolonwabo – kwaye ikwenza oko ingakuxelanga ukuba wena uphi okanye naziphi na iinkcukacha zakho.

Le app ayihlawuliswa luthungelwano lweminxeba ephathwayo, ngoko ke akuyi kuhlawuliswa nto tu ngokuzikhusela nokukhusela abanye.

Ngokukhuphela le app, uncedisa ukwenza ukuba le ntsholongwane ibonakale nokophula ikhonkco lokunwenwa kwayo.

Singathanda ukubongoza onke amaziko ukuba akhuthaze abasebenzi neendwendwe zawo ukuba ziyikhuphele le app xa zingena kulo maziko, ezivenkileni, ezikolweni, kwiidyunivesithi kunye nakwezinye iindawo ezivalelekileyo.

Ukongeza kula manyathelo kufanele ukuba sonke sithathe amanyathelo okuthintela ukuqhambuka kwakhona, someleza amangenelelo wethu wezonyango kawonkewonke.

Ukwenziwa kovavanyo kubalulekile ukuba ngaba sifuna ukukuthintela ngokuyimpumelelo ukuqhambuka kwakhona.

Ngaphandle kokuthintelwa kwethu kukungabikho ngamandla kwezakhono nezixhobo ezaneleyo kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo, ngoku sisebenzela ukwandisa ngokuncomekayo inani lovavanyo esilwenzayo ngosuku.

Zonke izibhedlele, ezikarhulumente nezabucala ngokufanayo, kufanele zivavanye izigulana ezileliswe esibhedlele ngokuhambelana nomgaqo ohlaziyiweyo.

Siza kunabisa nokuhlolwa nokuvavanywa koluntu kwimimandla apho intsholongwane ibalaseleyo khona.

Isitofu esisebenzayo nesikhuselekileyo silelona khuselo lwethu lukhulu kwi-COVID-19, kwaye ngoku kukho iqela lesitofu esikuviwo oluqhubekayo ehlabathini jikelele.

Ukufikelela ngokulinganayo kwisitofu esisebenzayo kubalulekile kwimpumelelo yokunqanda lo bhubhane.

Ekuqaleni kwale veki, ihlabathi libone ukuguquka kwezinto kwihlabathi lezenzululwazi malunga nokuqulunqwa kwesitofu.

Obu bubungqina bokuqala bokuba isitofu esisebenzayo ukulwa intsholongwane i-corona singafumaneka.

Kwaye iinkcukacha zentshayelelo ezivela kuphando-nzulu zisinika okokuba ukusebenza kwaso kunganempembelelo engaphezulu kwama-90%.

Oku kutshintsha umbono wethu ngobhubhane wentsholongwane i-corona ukuya phambili.

Le nkqubela izisa ithemba elitsha kumlo wethu wokulwa le ntsholongwane.

UMzantsi Afrika usebenzisana neenkampani zamachiza eziliqela zezizwe-ngezizwe ukufumana isitofu esikhuselekileyo nesisebenzayo ukwenzela abantu bakuthi kwaye wenza negalelo malunga nokuqinisekisa ngokubakho kwesitofu kwilizwekazi liphela.

Sisebenza neZiko lase-Afrika loLawulo noKhuseleko lweZifo ukufumana nokuxhasa ngezimali isitofu selizwekazi le-Afrika.

Kuthelekelelwa ukuba i-Afrika iza kudinga malunga neshumi elinesibini leebhiliyoni zeedola (i-$12 leebhiliyoni) kunye nama-750 ezigidi zomthamo wesitofu esisebenzayo.  

Ekuqaleni kwale veki, kwisikhundla sam njengoSihlalo weMbumba ye-Afrika, ndiye ndaseka iQela eliThwaliswe uXanduva lokuFumanela i-Afrika iSitofu se-COVID-19 ukukhokela eli linge.

UMphathiswa wethu wezeMpilo uza kusebenza kweli qela lithwaliswe uxanduva kunye nabanye abemi ababalaseleyo belizwekazi lethu.

UMzantsi Afrika ukwa onyulelwe ukuba ube ngusihlalo wesibini wephulo lehlabathi i-ACT-A eliququzelela ukufikelela kungenelelo lobuchule obutsha – kuquka izitofu – ukwenzela onke amazwe ase-Afrika.  

Amazwe kuza kufuneka afake imali ukuze akwazi ukufikelela kwizitofu ukuthintela ukunwenwa ngakumbi kwetsholongwane i-corona. 

Ukwamkela isakhono sokuvelisa kweli lizwe lethu enye yeenkampani zamachiza ephambili ehlabathini, yabakwa-Johnso & Johnson, ingene kwisivumelwano sokuqala nenkampani yalapha ekhaya, u-Aspen Pharmacare, ukuba ivelise ize ipakishe izitofu zayo ezikuviwo.

U-Aspen unesakhono sokuvelisa ama-300 ezigidi zemithamo yesitofu esikuviwo kwisikhululo sayo esise-Nelson Mandela Bay. Le yimveliso yezonyango yokusindisa ubomi eza kufuneka kwihlabathi jikelele, neza kuveliswa ngabasebenzi baseMzantsi Afrika.

Oku kongeza kwinkqubela eseyenziwe yi-Biovac, eyinkampani yalapha ekhaya yamachiza-ebanini-babini elihlakani kunye norhulumente waseMzantsi Afrika.

I-Biovac ikwingxoxo eseziphambili kunye nenkampani yezizwe-ngezizwe evelisa isitofu nezakuyivumela ukuba ivelise apha ekhaya isitofu se-COVID-19 ukuqinisekisa ukubonelelwa ngokwaneleyo kwelizwe lethu nelizwekazi. 

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Kwasekuqaleni kwale ntlekele, safuna ukusindisa imiphefumlo nokukhusela indlela ekuphilwa ngayo.

Kungoko ngenyanga kaTshazimpunzi savelisa omkhulu umqulu wokunika uncedo ukuthothisa impembelelo yalo bhubhane kwiinkampani, kubasebenzi, kwimizi nakuluntu.

Olu ngenelelo belubaluleke kakhulu ukusindisa amashishini angaziki, ukukhusela imisebenzi nokusindisa izigidi zabantu zingafi yindlala.

Ngoku, njengokuba uqoqosho lwethu luya luvula ngokuthe nkqi nezithintelo zokuhamba nezentshukumo zinyenyisiwe, sikwazile ukususa ingqwalasela yethu kule mimiselo kaxakeka sayibhekisa kwisicwangciso sokuzingca sokwakha ngokutsha uqoqosho.

Ngeendlela ezahlukeneyo zongenelelo esilwenzayo ukusebenza ngobhubhane we-COVID-19, ngoku siyatshintsha kuncedo singena ekubuphucukeni.

Njengokuba uqoqosho luqalisa ukuphucuka, uninzi lwamanyathelo kumqulu woncedo ayanyenyiswa ngokuthe nkqi.

Siyazama – ngemithombo yethu embalwa – ukuqinisekisa oku ngenguqu eyenzeka kancinci-kancinci.

Siyakuqonda ukuba amanye amashishini awakakwazi ukusebenza ngokupheleleyo kwaye kuza kuthatha ixesha phambi kokuba eminye imisebenzi ibuyele.

Kungoko silandisa ixesha leSibonelelo se-COVID-19 esiKhethekileyo isithuba sezinye iinyanga ezintathu, kude kube yeyoMqungu yowama-2021.

Oku kuza kubonelela ngengeniso edingeka kakhulu abantu abamalunga nesi-6 sezigidi abangaphangeliyo kwaye bengafumani naluphi na olunye uhlobo lwesibonelelo sikarhulumente.

Emva kweengxoxo ezibanzi kunye namahlakani wethu kwezentlalo, iNgxowa-mali ye-Inshorensi yokuPhelelwa yiNgqesho (i-UIF) ilandise ixesha leskimu sesibonelelo sabaXhamli be-UIF ngenye inyanga, ukuya kutsho kumhla we-15 kweyeDwarha yowama-2020.

Iingxoxo zisaqhuba namahlakani wethu kwezentlalo ngenkxaso yamashishini ahluphekileyo ukubheka phambili, ukhumbule kuyafuneka ukuqinisekisa ukuba i-UIF inemali eyoneleyo yokumelana nokunyuka okulindelekileyo kwamabango entswela ngqesho.

Iskimu se-UIF ye-COVID-19 sesihlawule imali ephantse yafikelela kumashumi amahlanu anesithathu seebhiliyoni zeerandi (ama-R53 eebhiliyoni) kubasebenzi abangaphezulu kwezigidi ezine ezinamakhulu asixhenxe (i-4.7 sezigidi).

La manyathelo oncedo ebeyimfuneko ukukhusela abona basesichengeni ngexesha lentlupheko enkulu, kodwa ke kuza kufuneka efikelele esiphelweni.

Lo mqulu woncedo ubeke isiseko sokubuyela koqoqosho ngokudlamkileyo, ukuthintela ukulahlekelwa yimisebenzi nokugcina lungaziki uninzi lwamashishini abenokunyanzeleka ukuba avale.

Njengokuba siguqukela kwisigaba esitsha ekusabeleni kwethu, eyona ndlela ibheka phambili kukubuyela esiqhelweni koqoqosho ngokukhawulezileyo nokuzinzileyo.

Ngoko ke sisebenzela ukuvumela zonke iinkalo zoqoqosho ukuba zibuyele ekusebenzeni ngokupheleleyo ngokukhawuleza nangokukhuseleke kangangoko.

Ummiselo wenqanaba loku-1 lokulumka siyawuhlomela ukubuyisela ubomi besiqhelo beeyure zoshishino ekuthengisweni kotywala ngamashishini athengisa ngemiyinge emincinci.

Siyazivulela nazo iihambo zezizwe-ngezizwe zawo onke amazwe ngokuxhomekeke ekulandelweni kwemimiselo yezempilo eyimfuneko nokungeniswa kwesatifiketi esichaza ukuba umntu akanayo i-COVID-19.

Ngokusebenzisa uvavanyo oluthembeke kakhulu nokubekwa phantsi kweliso elibukhali sizimisele ukukuthintela ukunwenwa kosuleleko ngongeniso oluvela kumazwe angaphandle.

Silindele ukuba la manyathelo aza kuwanceda kakhulu amashishini akwicandelo lezokhenketho nelokubuka iindwendwe.

Sijonge ngokungenalusizi ekufezekiseni isicwangciso sethu, ngokulandela imiba embalwa ephambili ngempembelelo ephezulu kakhulu nokuqinisekisa ukuba siyakufezekisa oko.

Inkqubo yethu yeziseko ezingundoqo iyaqhuba ukwandisa isantya, ngenkxaso eluqilima yecandelo labucala namaziko ezophuhliso.

Iinkqubo ezininzi ezixhaswa siSivuseleli sezeNgqesho sikaMongameli  seziqalile, kwaye ukukhangelela amanye sekuqalisile.

Phakathi kwawo, iSebe lezeMfundo esiSiseko seliyivulile inkqubo yokukhangela abancedisi bootitshala nabancedisi basesikolweni kule veki, ngokugxila kulutsha olungaphangeliyo kwiphondo ngalinye. 

Kule veki izayo, sizakube sibamba eyethu iNgqungquthela yoTyalo-mali yaseMzantsi Afrika yesithathu, neluphawu olubalulekileyo lexabiso eliqhubekayo leli lizwe njengendawo yotyalo-mali kubatyali-mali basekhaya nabamazwe angaphandle ngokufanayo.

Sizakuqhubeka ukuqhubela phambili ngesicwangciso sokwakha ngokutsha nokubuyisela kwisiqhelo, kuquka nokufezekisa uhlaziyo lweziseko zokutshintsha indlela yoqoqosho lwethu.

Ngamanyathelo wethu ngoku singaqinisekisa ukuba sihlala sisendleleni ebuyela kwisiqhelo.

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Silahlekelwe ngabantu abaninzi kulo bhubhane.

Uninzi lwethu kuye kwafuneka sithe ndlela-ntle kwabo besibathanda, kubahlobo okanye koogxa bethu.

Njengoko sijonga ngasemva kunyaka wentlungu nosizi, kubalulekile ukuba njengesizwe sihloniphe kwaye sikhumbule bonke abo bathe babhubha ngenxa yesi sifo.

Kuyakufaneleka ukuba ngelixesha leeNtsuku ezili-16 lobuTshantliziyo bokuLwa ubuNdlobongela obujoliswe kwabaseTyhini naBantwana – nelingubhubhane wesibini esijongene naye – sibonakalisa iinkumbulo zethu kubo bonke abathi banduluka ngenxa yobhubhane we-COVID-19 nobundlobongela obugxile kwezesini.

IKhabhinethi igqibe kwelokuba ukususela ngomhla wama-25 ukuya kowama-29 kweyeNkanga, isizwe kufanele siqalise iintsuku ezintlanu zokuzilela amaxhoba e-COVID-19.

Siza kuyithoba ngesiqingatha ibhanile yesizwe kwilizwe jikelele phakathi kwentsimbi yesi-6 kusasa ukuya kwintsimbi yesi-6 malanga ukususela ngoLwesithathu umhla wama-25 kweyeNkanga ukuya ngeCawa umhla wama-29 kweyeNkanga.

Simema bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba banxibe ibhanti emnyama engalweni okanye banxibe ezinye iimpawu zokuzila ukubonakalisa intlonipho yethu kwabo bathe banduluka kweli phakade.

Simema bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba babonakalise imbumba yamanyama yabo kwaye oku bekwenzela ukukhumbula amadoda nabasetyhini abangamawethu, ukwamkela intlungu esabelana ngayo njengesizwe, kwakhona njengesiqinisekiso sokuzimisela kwethu ukoyisa esi sifo sitshabalalisayo.

Bantu bakuthi baseMzantsi Afrika,

Njengokuba ndithetha nani ngokuhlwa nje, ilizwe lethu lisanda kufumana iindaba ezimbi kakhulu zokushiywa kwethu ngophumayo esikhundleni uMphicothi-zincwadi Jikelele uMnu Kimi Makwetu.

Ngexesha lakhe njengoMphicothi-zincwadi Jikelele, uMnu Makwetu ulikhonze ilizwe lakhe ngokuzinikela, ngobukhakhamela nangesidima.

Iingcamango nemithandazo yethu ikunye nosapho lwakhe ngeli xesha lentlungu enkulu kangaka. Njengesizwe, masiqhube senze oko siyaziyo ukuba kufuneka sikwenzile ukuze sizigcine sikhuselekile thina kunye nabanye.

Masiqhube sibonakalise ukuba singabantu bokomelela nesibindi.

Masizibonakalise ukuba siyakhathalelana entlungwini, ekuguleni nasekufeni.

Ngamanyathelo wethu singabanye ngabanye kwezi veki neenyanga zimbalwa zizayo aza kuthatha isigqibo ngemeko yesizwe sethu.

Amanyathelo ekufuneka siwathathile acace gca, kodwa awakho mancinane.

Ayakwazi kwaye ayayisindisa imiphefumlo.

Masiqhubekeni sisebenzisana njengosapho olukhulu lwaseMzantsi Afrika esilulo ukubuyisela, ukufumana kwakhona nokwakha ngokutsha.

Wanga uThixo angalisikelela ilizwe lethu elihle uMzantsi Afrika nabantu balo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore