UMongameli u-Cyril Ramaphosa: INtetho engoBume beSizwe 2018

INtetho engoBume beSizwe eyenziwe nguMongameli weRiphabliki yoMzantsi Afrika uMnu Cyril Ramaphosa, ePalamente

Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe (i-NA), Nkskz Baleka Mbethe
Sihlalo weBhunga leSizwe lamaPhondo (i-NCOP), Nkskz Thandi Modise
Sekela-Somlomo we-NA noSekela-Sihlalo we-NCOP,
Owayesakuba nguMongameli uThabo Mbeki,
Owayesakuba nguSekela-Mongameli u-FW de Klerk
Jaji eyiNtloko Mogoeng Mogoeng nawo onke amalungu ahloniphekileyo eCandelo leeNkundla,
Baphathiswa nooSekela-Baphathiswa,
ZiNkulumbuso nooSomlomo beziNdlu zoWiso-mthetho zamaPhondo,
Sihlalo woMbutho wooMasipala baseMzantsi Afrika (i-SALGA), nabo bonke oosodoluphi abahloniphekileyo abakhoyo
Intloko zamaZiko karhulumente axhasa ulawulo lwentando yesininzi,
Sihlalo weNdlu yeSizwe yeeNkokheli zeMveli,
Iinkokeli zemibutho yeemvaba ngeemvaba,
Owasakuba nguSomlomo uGq Frene Ginwala,
Owasakuba nguSomlomo uMnu Max Sisulu
Iindwendwe ezimenyiweyo
Magqala omzabalazo wenkululeko,
Malungu weenkonzo zezozakuzo,
Malungu ahloniphekileyo
Bemi boMzantsi Afrika,

Mandibulele eli wonga nenyhweba yokunikwa ithuba lokuba ndenze le Ntetho ingoBume beSizwe (i-SoNA).

Le Ntetho ibifanele ukuba yenziwe kule veki iphelileyo, kodwa iya yamiswa kusenzelwa ukuba silungise ngokufanelekileyo nangobunono imiba yotshintsho kwiinkokeli zezopolitiko.

Ndifuna ukubulela amaLungu aHloniphekileyo nabantu boMzantsi Afrika ngokusinyamezela nangomonde wabo.

Ndifuna nokubamba ngazibini nakulowo wayesakuba nguMongameli uJacob Zuma ngendlela awusingathe ngayo lo msebenzi ubunzima futhi unochuku.

Ndifuna ukumbulela ngokuzinikela kwakhe esebenzela eli lizwe ngethuba enguMongameli woMzantsi Afrika izihlandlo ezibini, apho isizwe sithe senza imisebenzi emihle kakhulu kwimimandla eyahlukeneyo yophuhliso. Bendithethile noMongameli Jacob Zuma izolo kwaye uye wasinqwenelela okuhle kodwa ngethuba sibambe i-SoNA.

Bemi boMzantsi Afrika,

Kwisithutyana esingaphezulwana nje kwiintsuku ezili-150, izizwe zehlabathi ziza kubambana izandla zibhiyozele iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaNelson Rolihlahla Mandela.

Olu lusuku apho thina, njengabemi boMzantsi Afrika, siza kube sikhumbula ubomi benye yeenkokeli ezizingqanga eyimbali kweli lizwe nakweli lizwekazi – nakwihlabathi liphela.

Siza kuba nethuba lokuva ngembali neenzima uMadiba awathubeleza phantsi kwazo esilwela inkululeko yeli. Siza kufunda sive ngobunkcubachopho bale ngqanga, umoya wakhe wentobeko nentozamo, ubuntu obusekelwe kuvelwano kunye neempawu zakhe zentsulungeko.

Sibekele bucala unyaka wama-2018 egameni lakhe kwaye yonke imisebenzi nemizamo yethu nayo yonke into esiyithethayo iza kugxininisa kumalinge okufezekisa umbono wakhe wesizwe esilawulwa ngentando yesininzi, esisekelwe kubulungisa nesinolingwano.

Sikhokelwa ngumzekelo wakhe, siza kusebenzisa lo nyaka ukubethethlela ukuzibophelela kwethu kwindlela yokuziphatha esulungekileyo nengenasiphene, neyokuphatha engenasiphako.

Xa sibhoyezela iminyaka elikhulu yokuzalwa kukaNelson Mandela asipheleli nje ekubhiyozeleni izinto ezazenzeke kudala, koko sakha ikamva eliqaqambileyo ingakumbi ikamva uMandela owanembono walo.

Siyaqhubeleka nedabi lokulwela inkululeko awaliqalayo, ukwakha isizwe apho wonke umntu eza kuxhamla inkululeko, isizwe apho wonke umntu eza kulingana phambi kweenkundla zomthetho, isizwe apho sonke sixhamlayo kwizithebe nezitha zobutyebi beli lizwe lakuthi apho sonke sinobomi obungcono.

Sakha isizwe apho umntu avuzwa ngokwemisebenzi yakhe, hayi isizwe esiqala sijonge ibala, isini, indawo ubani azalelwe kuyo, ulwimi aluthethayo okanye ukufuma kweepokotho zabazali bakhe.

Oku ndifuna ukukugxininisa nangolwimi lwesi-Afrikaans:

[Ek wild it nnou mooi in Afrikaans se: Ons bou ’n land waarin ’n persoon se vooruitsigte bepaal word deur sy eie inisiatief en harde werk, en nie deur sy velkleur, geboorteplek, geslag, taal of sy ouers se inkomste nie.]

Kulo nyaka sibhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kwenye yeengangalalakazi zomzabalazo wenkululeko yethu, u-Albertina Nontsikelelo Sisulu.

Ngobomi nemisebenzi yakhe engenakulinganiswa, wayengumzekelo ophilayo nobonakalayo wale nto kuthiwa lijoni lomzabalazo, inkokeli kunye nesicaka sabantu esinesimilo nentumekelelo. Iimpawu zakhe njengenkokeli, zazibonakalisa ikhonkco elibalulekileyo phakathi kwenkululeko yesizwe nenkululeko yabantu basetyhini. Njengoko sikhumbula iminyaka elikhulu yokuzalwa kwakhe, siyaphinda siyalibethelela elokuba akukho nkululeko sinokuthi igqibelele kwaye akukho sizwe sinokuthi siphumile emakhamandeleni bengekakhululeki abantu basetyhini belo lizwe.

Kulo nyaka wotshintsho, wohlaziyo nowethemba sihlonipha sikhahlela ithole lomthomnyama, uMadib’omde, Aa! Dalibhunga! Futhi sithoba iintloko, sinika imbeko nakuMpundeshe, intombi yakwaNdlangisa, uMama u-Albertina Sisulu. Asizikubahlonipha ngomlomo nje kuphela, kodwa siza kubahlonipha ngezenzo apho siza kusebenzela umbono wethu sonke wesizwe esingcono.

Kufuneka sihloniphe uMadiba ngokuthi siphosele kwelokulibala eli xesha lesiphithi-phithi nokungavisisani nokuphambuka ekhondweni. Masigqithe kwilixa lokungathenjwa kwamaziko karhulumente kunye neenkokeli zeli lizwe. Masigqithe kulo moya mbi ugqubayo kweli lizwe lakuthi kuba kuza kudeda ubumnyama kuvele ukukhanya kufike nexesha lethemba.

Eli lixesha lethemba elisekelwe kiinkumbulo esinazo sisonke ngoNelson Mandela kunye nolu tshintsho silubonayo lwenzekayo. Njengoko siwuphosa kwelokulibala lo moya ugqubayo ungemhlanga kufuneka sizikhumbuze futhi sizibophelele kumbono othi uMzantsi Afrika ngowomntu wonke ohlala kweli lizwe.

Kuba nangona sizintlanga ezahlukeneyo, sisisizwe esinye.

Singabantu abazizigidi ezingama-57, sonke siphuma kwiindawo ezahlukenyo, sithetha iilwimi ezahlukeneyo, sineentlobo zenkcubeko ezahlukeneyo, sibubona futhi sibazi ngeendlela ezahlukeneyo ubomi kwaye sinamaphupha neminqweno eyahlukeneyo.

Kodwa mnye umsonto osidibanisayo ngowokuba singabantwana boMzantsi Afrika.

Konke oku sikuxabise futhi sikwenzela amagorha namagorhakazi angaphambili – abantu abafana nooPixley ka Seme, Charlote Maxeke neNkosi u-Albert Luthuli – ababeyazi indlela olubaluleke ngayo umanyano nokuhlalisana ngoxolo kwabo bonke abantu beli lizwe lithe lihle.

Sisisizwe esibantu banye.

Sibantu banye, sizimisele ukusebenzisana sifunele ulutsha imisebenzi; sakhe imizi-mveliso neendlela, izindlu neeklinikhi; silungiselele abantwana bethu ixesha leenguqu nenkqubela; sakhe izixeko needolophi apho iintsapho ziza kuziva zikhuselekile, zinenkqubela futhi zizinzile.

Sizimisele ukwakha isizwe esisekelwe kwintlonipho nesidima. Isizwe esingakunyamezeliyo ukusetyenziswa gwenxa kwemali karhulumente, okanye umkhuba wonyoluko nokubiwa kwemali yabantu bakuthi abayisebenzele nzima ngamasela asebenzela amashishini amakhulu.

Nangona imininzi imiba esingavaniyo ngayo, kule miba ingundoqo sithetha ngazwi nye.

Siyazi ukuba zininzi izinto ezingavaniyo ngazo.

Sisesisizwe esinomsantsa omkhulu ngokolingwano, apho intsokolo nobutyebi zisaxhomekeke kwibala nobuni bomntu.

Sinikwe uxanduva njengabemi boMzantsi Afrika lokwakha isizwe esitsha, sokulwa umonakalo ombi owashiywa ngurhulumente wangaphambili kunye nengxaki enkulu yokungalingani esijongene nayo ngoku.

Lo msebenzi mngaka siza kuwenza phantsi kweemeko ezinzima.

Imeko esiphila esikuyo sisisizwe yeyokuba nangona amazinga endlala nentsokolo ehla kakhulu emva kokuba urhulumente wentando yesininzi wathatha iintambo ngowe-1994, aphinde enyuke kule minyaka imbalwa idlulileyo.

Amazinga entsokolo anyukile ngowama-2015, inani labantu abangasebenziyo nalo linyukile kwaye nengxaki yokungalingani isaqhubeleka ukuthwaxa eli lizwe.

Ngoku sele kuyiminyaka uqoqosho lungakhuli ngesantya esilindelekileyo ukuze lukwazi ukudala imisebenzi nathi sikwazi ukonyula abantu bakuthi abasele bezizigculelo zentsokolo.

Imali karhulumente ayanalenga, ngolo hlobo ibangele ukuba kubenzima kurhulumente ukuba agalele imali kumaphulo ophuhliso loqoqosho nolwezentlalo.

Nangona kukho le mingeni, sikwazile – sisebenzisana – ukwenza imisebenzi ebonakalayo ekuphuculeni ubomi babantu bakuthi.

Naphantsi kweemeko zohlumo oludodobalayo, uqoqosho lweli lizwe ludale imisebenzi kodwa hayi ngesantya esifunekayo ukuze bonke abantu abafuna imisebenzi bafumane imisebenzi.

Oku kuthetha ukuba nangona silwela ukuba amazinga otyalo-mali noqoqosho lweli akhule ngesantya esiphezulu kufuneka sithathe amanye amanyathlo ukuphungula intsokolo sanezise nezidingo zabantu abangaphangeliyo kweli lizwe lethu.

Ukusukela oko yaqala le Palamente yabekwa ngokusesikweni ngowama-2014, iinkqubo zikarhulumente zokuqesha uluntu zidale amathuba emisebenzi azizigidi eziyi-3,2.

Kwiimeko apho amazinga entswela-ngqwesho ephezulu, la mathuba emisebenzi anceda ngokuba abantu bafumana ubugcwabalana obufuneka ngabomvu, amathuba okufumana amava okusebenza kunye nawoqeqesho.

Sithathe amanyathelo okuzama ukuphungula ubunzima obuviwa ngabantu bakuthi bamaxabiso ezinto ezifunekayo ukuze ubani akwazi ukuphila, ingakumbi abantu abangathathi ntweni. Nangona kunjalo, amaxabiso ezinto ezifunekayo ukuze ubani akwazi ukuphila ayaqhubeleka nokunyuka.

INkqubo kaRhulumente yeeNkonzo ezisisiSeko ezisiMahla sithetha nje inceda amakhaya angathathi ntweni azizigidi eziyi-3.5.

Abantu abangaphezulu kwezigidi ezili-17 bafumana imali yenkam-nkam nendodla ngenyanga nganye. Loo nto ithetha ukuba abantu abaxhamla esisibonelelo basisinye esithathwini sabantu beli bebonke. Le mali yesi sibonelelo inegalelo elikhulu kubantu bakuthi kwaye nabo bayayibulela futhi beyixabise ngokwenene.

Noko kunjalo siyazi ukuba, ukuze sikwazi ukuyisiphula neengcambu ingxaki enkulu yentsokolo, kufuneka sifundise abantwana abaphuma kumakhaya asokolayo.

Simile kwelokuba oku kufuneka kuqale abantwana beselula.

Namhlanje, abantwana abamalunga nesigidi bafunda kwiikritshi nakwizikolo-mpeleso.

Siyawubona umahluko oncumisayo kwiziphumo zemfundo yeli lizwe esisiseko.

Izinga lokuphumelela kwabantu kwiBanga 12 linyukile lisuka kuma-60,6% ngowama-2009 laya kutsho kuma-75,1% kulo nyaka uphelileyo.

Kungokunje kukho abantwana besikolo abamalunga nesigidi ababhalisele ukufunda kumaziko emfundo ephakamileyo, inani elo linyuke lisuka kuma-500 000 ngowe-1994. Nokuba awuyithanda into entle, lo ngumsebenzi omhle.

Njengoko singena kwixesha elitsha, sizimisele ukwakhela kule misebenzi mihle iyimpumelelo, silwe neengxaki esijamelene nazo siqinisekise le nkqubela yokwakha isizwe esilinganiyo nesinenkqubelo iyakhawuleza.

Silubonile uhlumo oluncumisayo kuqoqoso lweli kunye nohlumo olungephi oluzingileyo kuqoqosho lwehlabathi ngokubanzi.

Amaxabiso ezimbiwa aye ephucuka, kwaye aye esibamahle futhi nezinga lokuthengwa kweemveliso kwimizi-mveliso linyukile, ushishino ngezabelo kwiimarike zezimali lunyukile, irandi nayo iya isomelela kwaye iingxelo zibonakalisa ukuba izinga eli lizwe elithenjwe ngayo ngabatyali-zimali liyenyuka.

Sithathe amanyathelo angqinggwa ukuthomalalisa iinkxalabo ezikhoyo malunga nokungabiko kozinzo kwezopolitiko kwaye sizibophelele ekuqinisekiseni ukuba icaciswa kangako imigaqo-nkqubo engundoqo kunye neenjongo zayo.

Abantu bakuthi nabo babonakalisa umoya wethemba.

Abantu bakuthi banethemba lokuba eli lizwe linekamva eliqaqambileyo.

Izinga iinkampani zoMzantsi Afrika eziluthembe ngalo uqoqosho lweli linyukile kwaye nabatyali-mali bangaphandle bawabona ngenye indlela amathuba otyalo-mali akhoyo kweli lizwe.

Amanye amaziko ezezimali awukhethe uMzantsi Afrika njengelinye lamazwe anamathuba amaninzi amahle kumazwe anoqoqosho olusakhulayo ngowama-2018.

Umsebenzi wethu njengabemi boMzantsi Afrika kukuba silisebenzise eli xesha lethemba nokuhlaziya, futhi sisebenzisane ukuze siqinisekise ukuba eli xesha lenza umahluko obonakalayo kwiimpilo zabantu bakuthi.

Kulo nyaka, siza kuqalisa ngamanyathelo okubeka ilizwe lethu kumzila omtsha wohlumo, wokudala imisebenzi nowokuzisa iinguqu.

Siza kwenza oku ngokukhuthaza amahlakani ezentlalo kweli lizwe lethu ukuba asebenzisane aqulunqe isivumelwano sezentlalo apho siza kuseka amacandelo aza kukhokela iphulo lokuhlaziya uqoqosho.

Kufuneka sakhele kumoya omhle wokusebenzisana okhoyo nabecandelo lezoshishino kunye nemibutho yabasebenzi ukuze sibuyisele ukuthenjwa kweli size sithintele ukuthotywa kwakhona kwizinga esibekwa kulo ngokwesakhono sokukwazi ukubhatala izikweliti.

Kufuneka kuthathwe izigqibo ezingqingqwa malunga nokubhatalwa kwesikweliti sikarhulumente, siqinisekise ukuba ityala likarhulumente alide ligqithise size sibuyisele amashishini karhulumente kwimeko efanelekileyo nozinzo.  

Kwiinkqubo zethu zowama-2018 uphambili umba wokudalwa kwemisebenzi, ingakumbi idalelwa abantu abatsha.

Siza kuqalisa ngamalinge amaninzi ukuze silungise le ngxaki yentswela-misebenzi.

Elinye lamalinge liquka ukuba iNgqungquthela yezeMisebenzi kwezi nyanga zimbalwa zizayo ukuze kulungelelaniswe amalinge namacebo awo onke amacandelo namahlakani anegalelo kumba wokudalwa kwemisebenzi.

Le ngqungquthela iza kuqwalasela kwizinto ekufuneka zenziwe ukuze siqinisekise ukuba uqoqosho lweli luyakhula kwaye ludala imisebenzi, ukuba iinkampani zityala imali kumaphulo otyalo-mali amakhulu, ukuba abasebenzi baxhotyiswa ngezakhono zale mihla, nokuba uqoqosho lweli ngokubanzi luyandiswa.

Silindele ukuba le ngqungquthela ize nezisombululo eziphathekayo kunye namaphulo aza kuqaliswa ukusetyenziswa ngoko nangoko.

Siza kwenza konke esinakho kulo nyaka ukuze sikhuthaze abatyali-mali ukuba bagalele imali ethethe xhaxhe kumaphulo amatsha otyalo-mali kuqoqosho lweli lizwe.

Ngelinge lokuzama ukufezekisa oku, siza kuqalisa ngamalungiselelo okubamba inkomfa yezotyalo-mali kwezi nyanga zintathu zizayo. Le nkomfa iza kujolisa kubatyali-zimali balapha ekhaya kunye nabamazwe angaphandle, iza kwazisa abatyali-zimali ngamathuba amahle kakhulu otyalo-mali akhoyo kweli lizwe, kwaye maninzi ngenene la mathuba.

Siza kuza nezisombululo zokulwa ingxaki yokuhla kwenani lemizi-mveliso kweli, into leyo ekhokelele ekulahlekeni kwemisebenzi yaze yanciphisa nomthamo weempahla zeli ezithunyelwa kumazwe angaphandle.

 

Siza kuthatha amanyathelo okuvuselela imizi-mveliso neefektri ezinkulu kwaye oku siza kwenza ngendlela nesantya esiza kuthi sibuyisele izigidi zabantu abafuna imisebenzi emisebenzini.

Siza kukhuthaza oongxowa-nkulu ukuba batyale imali kwicandelo lezemveliso ngokusebenzisa ngobuchule izibonenelo kunye namanye amacebo amaninzi arhulumente anawo.

Ukuncedisa nangakumbi kwiphulo lokuvuselela imizi-mveliso, siza kuqhubeka nenkqubo yethu yokugxininisa ekuthengeni iimpahla neenkonzo eziveliswe kweli, apho iimveliso ezifana namalaphu, iimpahla, ifenitshala, iintsimbi zoololiwe kunye nezilinganisi-manzi (ii-meter) zithengwa kwiinkampani zalapha ekhaya.

Sele sichithe imali engaphezulu kweebhiliyoni ezingama-57 zeerandi kwiimveliso neempahla eziveliswe apha ekhaya engebezithengwe kumazwe angaphandle. Eli phulo lidala imisebenzi ngokuthi iimpahla zeli zithunyelwe kumazwe angaphandle kunye nokuba kungeniswe iimpahla zorhwebo zangaphandle kweli.

Iindawo ezikhethekileyo zezoqoqosho zisezizixhobo ezibalulekileyo esiza kuzisebenzisa ukuze sitsalele kweli utyalo-mali oluza ngqo kweli olusuka kubatyali-zimali beli nabamazwe angaphandle, sakhe imizi-mveliso kumacandelo athile size sivule namaziko emizi-mveliso kulo lonke eli.

Iinkqubo yethu yokuvuselela imizi-mveliso neefektri kufuneka isekelwe kutshintsho neenguqu.

Ngokusebenzisa iinkqubo ezifana nokuthenga ngendlela eyenzela idolo kunye neenkqubo yokuphuhlisa oosomashishini abamnyama, siphuhlisa oosomashishini basetyhini nabangamadoda abamnyama abakwaziyo ukuvula nokwakha amashishini amakhulu navelisa umthamo obonakalayo.

Siza kuphucula amalinge neenkqubo zethu zokuxhasa abasebenzi abanezakhono abantsundu, sithathele amanyathelo angqingqwa iinkampani ezingafuniyo ukuzisa iinguqu nokunika ithuba abantu abantsundu nabasetyhini, sisebenzise umgaqo-nkqubo wethu wezokhuphiswano sikhangelise oosomashishini abantsundu abasaqalayo iindawo abanokuthengisa kuzo iimveliso zabo, sityale imali kumaphulo okuvula amashishini ezilokishini nasemaphandleni.

Iinkqubo yeenguqu zezoqoqosho ezibonakalayo ifuna ukuba siphucule ngokubonakalayo imeko yabantu basetyhini abantsundu kunye nabantu abantsundu ngokubanzi kuqoqosho lweli, siqinisekise ukuba bangabanikazi, bangabaphathi abaphezulu, bangabavelisi, ekugqibeleni abanye babo nabo babengoongxawa-nkulu abaxhasa amashishini ngezimali.

Eyona ngxaki ingasilalisiyo yingxaki yokuswelwa kwemisebenzi lulutsha.

Ke ngoko ubaluleke kakhulu umba wokufunelwa kwabantu abatsha abaninzi imisebenzi nokuxhotyiswa kwabo ngezakhono ukuze bathathe inxaxheba kuqoqosho lweli.

Iingxaki zolulutsha lweli ziza kuba ngomongo weenkqubo zethu zezoqoqosho.

Abantu abatsha beli sele ingabo kakade abaninzi abasebenza kwiiprojekthi zokuphuhliswa nokwakhiwa kweziseko ezingundoqo kwaye ngabo abaxhamla kakhulu kumaphulo okufakwa kwezifudumezi-manzi ezisebenzisa isola nakwawokutywina kwemibhobho yamanzi evuzayo. Sithatha amanyathelo okuqinisekisa ukuba siyaluquka ulutsha xa sisilwa nale mingeni.

Siyaqhubeka nokuvulela abantu abatsha amathuba okuba bathathe inxaxheba kuqoqosho lweli ngokusebenzisa iinkqubo zokungenelela ezifana neRhafu yokuQesha esisiBonelelo.

Sisebenzisana namashishini, imibutho yabasebenzi kunye nabameli boluntu, sidalela abantu abatsha amathuba okuba bakhe babambe imisebenzi ngenkqubo ezifana nokusebenza uqeqeshwa, ukusebenza ufunda, ukufakwa phantsi kwesandla somnye umntu okufundisa umsebenzi kunye nenkxaso yosoomashishini abakhasayo.

Kule nyanga izayo, siza kumisela iNkqubo yeeNkonzo zokuQeshwa koLutsha, eza kunceda abantu abatsha kulo lonke eli ukuba bafumane izingxungxo kwiinkampani zeli apho beza kuqeqeshwa besebenza futhi bahlawulwe.

Thina namahlakani ethu kwicandelo lamashishini, sivumelene ukuba siza kudala izingxungxo ezisisigidi kule minyaka mithathu izayo apho abantu abatsha beza kuqeqeshwa besemsebenzini.

Ukuba sifuna ukusabela ngokubonakalayo kwiingxaki ulutsha elijamelene nazo, kubalulekile ukuba ulutsha luvunyelwe ukuba nalo luchaze izinto elizifunayo, libonisane nezikhulu zikarhulumente.

Ngelinge lokufezekisa oku, ndiza kuseka iQumrhu lokuSebenza loLutsha eliza kumela bonke abantu abatsha boMzantsi Afrika ukuze siqinisekise ukuba imigaqo-nkqubo kunye neenkqubo zethu zigxininisa kwizinto ezichaphazela ulutsha.

Utyalo-mali kwiziseko ezingundoqo lubalulekile kumalinge ethu okuhlumisa uqoqosho, okudala imisebenzi nokuxhobisa amashishini amancinci ngezakhono kunye nokunikezela ngeenkonzo kubantu bakuthi.

Sigalele imali eninzi kumaphulo okwakha izindlu ezintsha, amaziko ombane, izikolo kunye nezinye iziseko zophuhliso.

Njengoko ezinye iiprojekthi zithatha ithuba ukuqalisa futhi nokuqinisa amalinge ethu, ndiza kumisela iqela eliza kunceda ukuba iiprojekthi ezintsha ziqale ngokukhawuleza ingakumbi iiprojekthi zamanzi, zokwakhiwa kwamaziko ezempilo nezokulungiswa kweendlela. Eli qela liza kumiselwa kwaye lilo eliza kwenza umsebenzi omninzi.

Sifunde lukhulu kula maphulo angaphambili okwakha iziseko ezitsha zophuhliso, kwaye oku kuza kusinceda kula maphulo ezayo siza kuwaqalisa.

Siza kugxigxininisa kumba wokuphucula ibhajethi kunye neenkqubo zokuhlola, siphucule indlela iiprojekthi ezidityaniswa ngayo size siqulunqe nesivumelwano esibanzi seziseko zophuhliso sokusebenzisana namashishini kunye nemibutho yabasebenzi.

Imigodi ilelinye icandelo elinamathuba amahle kakhulu okukhula nokudala imisebenzi.

Kufuneka icandelo lezemigodi silibone njengecandelo elikhula ngokukhawuleza hayi esele liphelelwe lixesha.

Ngokuphucuka kwamaxabiso ezimbiwa, sizimisele ukusebenzisana neenkampani zemigodi, imibutho yabasebenzi kunye noluntu ngokubanzi ukuze sikhulise eli candelo, sitsale abatyali-zimali, sidale imisebenzi sitshintshe eli candelo libe phambili kumaphulo okunika abantu ababehlelekile ngaphambili amathuba kunye nokuqinisekisa ukuba nalo lizinzile.

Kulo nyaka, siza kubamba iindibano ezishushu zokufakana imilomo nabo bonke abachaphazelekayo sigwadle uMqulu wezeMigodo ukuze siqinisekise ukuba ngenene usisixhobo esisebenzayo nesiluncedo esiza kunceda sitshintshe icandelo lezemigodi eMzantsi Afrika.

Ngokusebenzisa ngamandla, ngendlela engaphulelaniyo, esekelwe kwintembeko kunye nombono omnye, ndiqinisekile ukuba singakwazi ukuzisombulula ezi ngxaki zisimise ndawonye kulo mqulu size sivumelane ngomqulu oluxwebhu oluzakuzisa iinguqu notshintsho likhulise neli candelo libalulekileyo kuqoqosho lweli.

UMthetho-siHlomelo oYilwayo wokuPhuhliswa kwemiThombo yeziMbiwa nePetroliyam sele uqukunjelwa zizo zombini izindlu zepalamente, kwaye ingxelo zithi iPalamente ingawuqukumbela lo Mthetho usaYilwayo kwikota yokuqala yowama-2018.

Lo Mthetho uYilwayo, emva kokuba utyikityiwe wangumthetho, uza kongeza kule mithetho ikhoyo ngoku, futhi uza kuqinisekisa ilungelo lobunini-mhlaba uze ufake igalelo elimandla kwizinto ezibalulekileyo zezentlalo nezoqoqosho kubo bonke abemi boMzantsi Afrika.

Ayisiphathi kakuhle ingxaki yokusweleka kwabasebenzi-mgodini, ingakumbi kulo nyaka uphelileyo.

Sicela zonke iinkampani zemigodi ukuba zisebenzisane nabo bonke abachaphazelekayo ukuqinisekisa ukuba liyaphunguka inani labantu abasweleka phantsi komgodi.

Akukhathaliseki nokuba mnye umntu oswelekileyo, ukusweleka komntu akwamkelekanga kwaphela.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ekugqibeleni, uhlumo loqoqosho lweli luza kuxhomekeka kumashishini amancinci, njengoko kunjalo kwamanye amazwe.

Luxanduva lwethu sisonke ukukhulisa eli candelo libalulekileyo kuqoqosho lweli.

Siza kusebenzisana namahlakani ethu ukuze siqulunqe iinkqubo zokuxhasa amashishini amancinci eziza kunceda, zikhulise zize zixhobise oosomashishini abasakhasayo.

Urhulumente uza kusifezekisa isithembiso sakhe sokubekela bucala isixa esingama-30% kwibhajethi yokuthenga ukuze isetyenziswe kumashishini amancinci, amancinane naphakathi (ii-SMME), ookopolotyeni kunye namashishini asezilokishini nawasemaphandleni.

Siza kuqhubeka sigalela imali kwiinkqubo zokuxhasa amashishini amancinci.

Sicela namashishini amakhulu ukuba nawo azeke mzekweni, agwadle amacebo okuxhasa amashishini amancini

Ukumiselwa kwengxowa-mali yamashishini amancinci kusetyenziwa i-CEO Initiative – ekungoku nje enemali eyibhiliyoni eyi-1.5 yeerandi – ngumzekelo omhle kakhulu wendima enokudlalwa licandelo labucala.

Urhulumente uqukumbela ingxowa-mali yamashishini amancinci nokuyila eza kujolisa kumashishini amancinci asaqalayo.

Siza kuyiphungula imithetho engumqobo ephazamisa ukusebenza kwamashishini amancinci. Ndiza kuqinisekisa ukuba imithetho engumqobo iyaphungulwa.

Futhi asilali sisenza konke okusemandleni ethu ukwandisa inani lezithuba zezoqoqosho zabantu abakhubazekileyo.

Phakathi kwezinye izinto, i-Arhente yokuXhasa ngeMali amaShishini amaNcinci (i-SEFA) iqalise ngesikimu esitsha sokuphuhlisa nokuxhasa ngemali oosomashishini abakhasayo abakhubazekileyo esibizwa ngokuba yi-Amavulandlela Funding Scheme.

Icandelo lezolimo linesakhono sokuncedisa kumaphulo okuhlumisa uqoqosho nokudala imisebenzi.

[Tsena tsa temo ke tsona tse bohlokwa le ho feta, ka hobane ke moo batho ba rona ba tla fumanang menyetla e metle ya hore ba kene kgwebong ena ya tsa ho lema. Ke moo re shebileng hore re ka kgona ho aha mesebetsi. Bane ba National Planning Commission ba ile ba re ho rona re ka kgona ho aha mesebetsi e lekanang milione ha re tla ho ena ya Agriculture.]

[Icandelo lezolimo lelona libaluleke kakhulu kuba lilo elinamathuba amahle okuba okuba abantu bakuthi bakwazi ukuthatha inxaxheba kwezolimo. Nathi kufuneka siyakugxininisa ukubaluleka kwalo ekudaleni amathuba emisebenzi. Iingxelo zeKhomishini yeSizwe yezoCwangciso (i-NPC) zisixelela ukuba icandelo lezolimo lingakwazi ukudala imisebenzi esisigidi.]

Icandelo lezolimo libe negalelo elikhulu, kuhlumo oluncumisayo loqoqosho lweli lizwe kwikota yesibini neyesithathu yowama-2017.

Kulo nyaka, siza kuthatha amanyathelo abonakalayo okugxininisa kwicandelo lezolimo litsho lisebenze futhi livule onke amathuba akulo.

Siza kuyikhawulezisa inkqubo yethu yokubuyiselwa komhlaba hayi nje kuba sifuna ukulungisa umonakalo owashiywa ngurhulumente wangaphambili koko kuba sifuna ukwandisa inani labavelisi kwicandelo lezolimo kunye nokuqinisekisa ukuba kukho umhlaba owaneleyo kwabo bafuna ukulima.

Siza kusebenzisa indlela ejonga futhi iqwalasele zonke iinkalo nesebenzisa zonke ezi nkqubo nemithetho esele ikhona.

Sikhokelwa zizindululo ezithathwe kwiNkomfa kaZwelonke yama-54 yeqela elilawulayo, le ndlela siza kuyisebenzisa iza kuquka nokuthathwa komhlaba ngaphandle kwentlawulo.

Sizimisele ukuba umgaqo-nkqubo wokuthathwa komhlaba ngaphandle kwembuyekezo okanye intlawulo uza kusetyenziswa ngendlela eza kwandisa iimveliso zezolimo, uqinisekise ukuba kuveliswa ukutya okwaneleyo nokuba umhlaba ubuyiselwa kwabo babehluthelwe umhlaba ngexesha lobukholoniyali nocalu-calulo.

Urhulumente uza kuqalisa iindibano zokubonisana ukuze kuxoxwe ngeendlela eziza kuphunyezwa ngazo ezi zigqibo zeNkomfa ye-ANC.

Sihlaba ikhwelo kumaziko ezimali kweli lizwe lethu ukuba asebenzisana nathi sikhangele imali eza kuncedisa ukuba le nkqubo yokubuyiselwa komhlaba ikhawuleze njengoko kufuneka utyalo-mali oluthe chatha kweli candelo.

Ukuze icandelo lezolimo silibone njengecandelo elibalulekileyo nelikhulayo kweli lizwe.

Icandelo lezokhenketho lelinye lamacandelo elinika eli ithuba lokuba ligqame kwihlabathi.

Icandelo lezokhenketho sithetha nje liqashe abantu abangama-700 000 kwaye liqhuba kakuhle kakhulu kunamanye amacandelo ancedisayo kuhlumo loqoqosho.

Ayikho into ebangela ukuba isakhono salo sokudala imisebenzi nokunceda kuhlumo loqoqosho singasiphindi kabini.

Ilizwe lethu lelona lizwe lidume ngobuhle kwihlabathi liphela kwaye nathi sithathwa njengabantu abazindlezana ngobubele. Abantu boMzantsi Afrika mabamkele abakhenkethi ngezandla ezishushu.

Kulo nyaka siza kunyusa ikawusi kwindlela esilithengisa siqhayise ngalo eli lizwe njengelizwe lezokhenketho kumazwe anabakhenkethi abaninzi abatyelela eli kwaye siza kuthatha amanye amanyathelo okususa imithetho eyimiqobo size sixhase amashishini asakhasayo akwicandelo lezokhenketho.

Sihlaba ikhwelo kubo bonke abemi beli ukuba bamkele iindwendwe nabakhenkethi behlabathi ngesisa nobubele.

Ukukhula nokuhluma kweli lizwe kuxhomekeke ekubeni siyawasebenzisa kangangoko na amathuba eza nobuchwephesha bale mihla obutshintsha ngokukhawuleza.

Oku kuthetha ukuba kufuneka siphucule izakhono zethu kwicandelo lezobunzululwazi, elezobuchwepheshe nelezokuyila okanye ukuqamba.

Kungekudala siza kumisela iKhomishini yeZiseko zobuChwepheshe bale Mihla, eza kuquka icandelo labucala nemibutho yoluntu, ukuze kuqinisekiswe ukuba ilizwe lethu likulungele ukuwaxhamla futhi liyindwebele nemingeni eza nobuchwepheshe bolwazi nezonxibelelwano obutshintsha ngokukhawuleza.

Amaphulo okuqinisekisa ukuba sililungele eli xesha lixhomekeke kubuxhaka-xhaka beekhompyutha ne-intanethi aza kuxhomekeka ekubeni sinazo na iziseko zophuhliso zobuchwepheshe.

Siza kuziqukumbela iindibano zokubonisana esizibambe necandelo leziseko zezokunxibelelana kunye namanye amahlakani ukuze siqinisekise ukuba indlela abiwa ngayo amaza okusasaza iphungula imiqobo ethintela amashishini amaninzi ukuba athathe inxaxheba kweli candelo, ikhuthaza ukuba kubekho ukhuphiswano ize iphungule neendleko zabathengi okanye abantu abasebenzisa iinkonzo ze-intanethi nobuxhaka-xhaka bayo.

UMzantsi Afrika usityikityile isivumelwano sokungaHlawulisani iRhafu yoRhwebo semiButho emiThathu (i-Tripartite Free Trade Area). Esi sivumelwano sidibanisa uMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMazantsi (i-SADC), uMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMpuma neseMazantsi (i-COMESA) kunye noMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMpuma (i-EAC).

Lo mmandla ungahlawulisani irhafu yorhwebo uza kuquka amazwe angama-26 anabantu abamalunga nezigidi ezingama-625.

Esi sivumelwano siza kunika iimveliso zoMzantsi Afrika ezithunyelwa kumazwe angaphandle ithuba lokuba zithunyelwe kula mazwe matsha, futhi siza kuba negalelo kumalinge okudala imisebenzi kunye nohlumo lwemizi-mveliso yoMzantsi Afrika.

Iingxoxo malunga nesiVumelwano seliZwekazi sokungaHlawulisani iRhafu yoRhwebo ziqhuba kakuhle kakhulu, futhi kulindeleke ukuba isivumelwano siza kuqukunjelwa kungentsuku zatywala.

UMzantsi Afrika kulo nyaka uza kuthatha isikhundla sokuba ngusihlalo wamazwe e-BRICS (i-Brazil, Russia, India, China noMzantsi Afrika). Ngethuba ukwesi sikhundla uMzantsi Afrika uza kukhokelisa umba worhwebo olulutho noluyinzuzo kweli kunye notyalo-mali phakathi kwamazwe angamalungu e-BRICS kumacandelo aphambili nanegalelo elimandla kuqoqosho.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ngomhla woku-1 kuCanzibe kulo nyaka, siza kuqalisa umthetho wowona mvuzo wesizwe mncinci umiselweyo eMzantsi Afrika.

Lo msebenzi mkhulu kangaka futhi uyimbali – uzalisekisa izithembiso ezenziwa kuMqulu weNkululeko – kulindeleke ukuba unyuse imivuzo yabemi boMzantsi Afrika abaphangelayo abangaphezulu kwizigidi ezithandathu futhi uphucule iimeko aphila phantsi kwazo amakhaya kulo lonke eli.

Ukuqaliswa kowona mvuzo mncinci umiselweyo kwenzeke ngenxa yokuzimisela kwawo onke amahlakani karhulumente ukuba kuphungulwe ukungalingani kwemivuzo ngeli thuba lungaphazanyiswayo uhlumo loqoqosho kunye namaphulo okudala imisebenzi.

Lo msebenzi mkhulu kangaka ungomnye womzekelo osibonisayo ukuba kukhulu esikwaziyo ukwenza xa, njengabemi boMzantsi Afrika, sifakana imilomo ngendlela engaphulelaniyo, sisombulula izinto esingavaniyo ngazo kunye nezinye iingxuba-kaxaka neengxaki, sijijisane nemingeni emi endleleni yethu.

Ukuze siqinisekise ukuba ukuba kukho ukunxibelelana kunye nokuhambelana kwindlela imigaqo-nkqubo yezoqoqosho ephunyezwa ngayo – kunye nokuqinisekisa ukuba sinezakhono nolwazi olufanelekileyo ukuze sikwazi ukumelana neemeko zoqoqosho ezitshintsha imihla nezolo – ndiza konyula iBhunga likaMongameli labaCebisi bezoQoqosho.

Eli Bhunga liza kukhetha iingcali neenkcuba-buchopho eziphuma kwicandelo lezabasebenzi, elezamashishini, elezimibutho yoluntu kunye neziphuma kumaziko emfundo ephakamileyo.

Eli lizwe lithwaxwa yimbalela engazange yabonwa kwisithuba esingaphezulu kweminyaka elikhulu. Le mbalela iluchaphazele ngamandla uqoqosho lweli, iinkonzo zoluntu kunye nomthamo weemveliso zolimo.

Imbalelo eNtshona Koloni, Mpuma Koloni, Mntla Koloni ibhengezwe sisizwe njengokuba yintlekele.

Oku kuthetha ukuba urhulumente kazwelonke unamagunya okuthathela kuye ulawulo akhokele amaphulo kazwelonke okusabela kule mbalela nokuxhasa onke amaphondo.

Oku kuza kuqinisekisa ukuba siqinisa amanyathelo ahlanganisiweyo aza kuthathwa ukuxhasa amaphondo athwaxwe ngamandla yile mbalela.

Siza kwenza konke okusemandleni ethu okusemthethweni ukuzama ukulwa le ngxaki nokunceda abantu bakuthi.

Ndibothulela umnqwazi abantu baseKapa kunye nephondo leNtshona Koloni liphela ngokuthobela imiqathango ebekiweyo yokonga amanzi.

Sihlaba ikhwelo kuye wonke umntu kweli lizwe ukuba asebenzise amanzi ngobunono njengokuba ngokwenyani sililizwe elinqatyelwe ngamanzi futhi nelixhomekeke kwakula manzi ukuze liphumeze okanye lifezekise amaphulo alo ophuhliso.

Malungu abekekileyo,

Ngomhla we-16 kweyoMnga kulo nyaka uphelileyo, lowo ebekuMongameli uJacob Zuma wabhengeza ukuba urhulumente uza kuqalisa inkqubo yemfundo ephakamileyo noqeqesho esimahla kubemi boMzantsi Afrika abasokolayo nabamkela imivuzo ephantsi. Le nkqubo iza kuqhuba isithuba seminyaka emihlanu.

Ukuqala kulo nyaka, imfundo ephakamileyo noqeqesho iza kuba simahla kubafundi abenza unyaka wokuqala abaphuma kumakhaya amkela umvuzo ongama-350 000 eerandi uwonke.

UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uza kukhokela iphulo lokuqalisa le nkqubo, ngelithuba uMphathiswa wezeMali yena eza kunika iinkcukacha ngokuba iza kuvela phi imali kwaye iza kuba yimalini eza kwenza lo msebenzi ngethuba esenza iNtetho yoHlahlo Lwabiwo-Mali kule veki izayo.

Ukongeza kumaphulo okukhuthaza ubulungisa bezentlalo, ukugalela imali engaka kwimfundo ephakamileyo kulindeleke ukuba kube negalelo kuhlumo loqoqosho ngokubanzi futhi kuza kunceda ukulwa indlala, kunciphise ukungalingani, kuphucule imivuzo eyamkelwa ngabantu kuze kuphucule nesakhono soqoqosho lweli sokukwazi ukumelana nokhuphiswano.

Urhulumente uza kuqhubeka nokugalela imali kumaphulo okuqinisekisa ukuba abantwana abaninzi bafumana imfundo esisiseko esemgangathweni kunye nokuphucula iziphumo zeemviwo kwizikolo zikarhulumente.

I-Funza Lushaka Bursary iceba ukukhupha iibhasari zabafundi abangama-39 500 abafundela iziQinisekiso zeMfundo esisiSeko kule minyaka mithathu izayo.

Kwiphulo eliyimbali kweli, ukusuka ekuqaleni kwalo nyaka, zonke izikolo zikarhulumente ziqalise ukufundisa ngeelwimi zesiNtu.

Enye into ebalulekileyo esiyenzileyo kukuqaliswa kweemviwo zeBanga le-12 zoLwimi lweZandla loMzantsi Afrika (i-SASL) futhi ziza kubhalwa ngabafundi abangevayo ngeendlebe ekupheleni kowama-2018.

INkqubo yokuKhawulezisa amaPhulo okwaKha iziKolo (i-ASIDI) iyaqhuba nokwakha izikolo zala maxesha emaphandleni nakwimimandla ehlelelekileyo ezidolophini mbombo zone zeli. Kangangokuba zili-187 izikolo esele zakhiwe ukuza kuthi ga ngoku.

I-ASIDI iza kugqibezela izikolo ezingekagqitywa ekupheleni kwalo nyaka-mali.

Izibonelelo-mali zezentlalo ziluncedo kakhulu kwizigidi zabantu bakuthi abathwaxwa yindlala.

Siza kuthatha amanyathelo abonakalayo ukuze siqinisekise ukuba siyayithobela yonke imiqathango nemiyalelo yeNkundla yoMgaqo-siseko.

Ndifuna ukuqinisekisa uluntu ngokwam buqu ukuba izibonelelo-mali zezentlalo azizikuphazamiseka kwaye siza kuthatha amanyathelo aza kuqinisekisa ukuba akukho namnye umntu kurhulumente oza kujika okanye adelele izigqibo ezithathwe yinkundla.

Siza kuqukumbela inkqubo entsha yokuhlawula izibonelelo-mali zezentlalo eza kukhokelwa ngurhulumente, yona eza kuvumela iinkampani zabucala norhulumente ukuba basebenzisane ukuze abantu abafumana izibonelelo-mali zezentlalo bakwazi ukusebenzisa iindawo ezininzi nezifikeleleka lula ukukhupha okanye ukwamkela imali yabo yendodla.

Kulo nyaka, siza kuthatha amanyathelo angqingqwa okulwa iNtsholongwana kaGawulayo (i-HIV) kweli lizwe.

Ngokwandisa amaphulo okuvavanya nokunyanga, siza kuqalisa abanye abantu abazizigidi ezibini amayeza okanye unyango lokuthomalalisa i-HIV (ii-ARV) ngeyoMnga ngowama-2020.

Kufuneka silwe nazo nezifo ezibangelwa yindlela esiziphethe ngayo, umzekelo, i-hayi-hayi, isifo seswekile, iintlobo ezahlukeneyo zomhlaza kunye neentlobo ezahlukeneyo zesifo sentliziyo.

Kwezi nyanga zintathu zizayo, siza kuqalisa ngephulo elikhulu lokulwa umhlaza elifana neli saliqalisayo lokucebisa nokuvavanya i-HIV.

Oku kuza kuquka necandelo labucala, njengoko kufuneka sibandakanye wonke umntu sisebenzisa onke amacebo esinawo ukulwa esi sifo.

Lifikile ngoku ixesha lokuba side siqalise ngenkqubo yezempilo elungiselelwe umntu wonke, i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI).

UMthetho oYilwayo we-NHI ngoku ukulungele ungeniswe kurhulumente awuhlalutye kwaye uza kungeniswa ePalamente kwezi veki zimbalwa zizayo.

Iiprojekthi ezithile ze-NHI ezijoliswe ebantwini abangabona basokola kakhulu kweli ziza kuqala ngenyanga kaTshazimpunzi kulo nyaka.

Ngelinge lokuzama ukuphucula umgangatho wobomi babemi boMzantsi Afrika, kufuneka siqinise amalinge ethu okulwa ulwaphulo-mthetho nokudala isizwe esikhuselekileyo.

Kulo nyaka umiyo, isiCwangciso-qhinga samaPolisa Aza Kuzinza kwiiNdawo Ezithile siza kuqaliswa, ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba uluntu luyawathemba amapolisa nokuba wonke umntu udlala eyakhe indima futhi uyasebenzisana nabomthetho kumaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho.

Ukuqaliswa kwesiCwangciso-qhinga soLutsha sokuLwa uLwaphulo-mthetho kuza kuxhobisa futhi kuxhase abantu abatsha ukuba bakwazi ukuzimela bazenzele futhi bathathe inxaxheba kumaphulo okulwa ulwaphulo-mthetho.

Umba ekuza kugxininiswa kuwo kulo nyaka kukunikwa kwezikhululo zamapolisa izixhobo ezifanelekileyo kunye nokuqeshwa kwabasebenzi.

Oku kuza kuquka abasebenzi kunye nezinye izixhobo, ukuze kuqinisekiswe ukuba inani lamapolisa libuyela esiqhelweni kanye kwezi ndawo ulwaphulo-mthetho nobundlobongela zenzeka kuzo.

Kuba siyibona futhi siyiqonda indima ebalulekileyo edlalwa yimibutho engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGO) kunye nemibutho yasekuhlaleni (ii-CBO) ekulweni indlala, ukungalingani kunye neengxaki ezifana nezi ekuhlaleni, siza kubamba ingqungquthela yecandelo lezentlalo kwalapha enyakeni.

Le ngqungquthela ifuna ukuphucula indlela umbuso asebenzisana ngayo nemibutho yoluntu futhi iza kusabela ize ilungise iingxaki ii-NGO nee-CBO ezijongene nazo, phakathi kwezinye izinto.

Bantu bakuthi,

Ukwakha uhlumo, uphuhliso kunye notshintsho zonke ezi zinto zixhomekeke kurhulumente osebenzayo nongahexiyo.

Kubalulekile ukuba amasebe namacandelo karhulumente kunye nenani lawo ahambelane nezinto ezifunwa luluntu kwaye kufuneka aqinisekise ukuba izixhobo nemali karhulumente zisetyenziswa ngobunono kangangoko.

Ke ngoku siza kuqalisa inkqubo yokuqwalasela ngokutsha inani nemisebenzi yamasebe karhulumente kazwelonke.

Uninzi lwamashishini karhulumente (ii-SOE) aneengxaki ezinkulu zezimali futhi kukho nokungahambi kakuhle kwindlela enza ngayo imisebenzi nalawulwa ngayo. Le meko ikwezi SOE iluchaphazele uqoqosho lweli kwaye yenza nokuba imali eqokelelwa ngurhulumente njengerhafu ingoneli.

Siza kungenelela ngokukhawuleza sihlaziye futhi sizise nozinzo kwezi SOE.

La manyathelo besisanda kuwathathela u-Eskom ngeenjongo zokomeleza ulawulo, sisiphule neengcambu urhwaphilizo sibuyisele imeko yakhe yezimali kweyesiqhelo isengamaqalela ezinto esiza kuzenza.

Urhulumente uza kuthatha amanye amanyathelo ukuze aqinisekise ukuba ii-SOE ziyawenza umsebenzi eziwumiselweyo wezoqoqosho nophuhliso.

Kufuneka siyingayibaleki into yokuba ezi ngxaki zikwi-SOE zisukela kwiindlela ezilawulwa ngayo – nokuba azinamali yaneleyo ukubhatalela imisebenzi eziyenzayo.

Ii-SOE azikwazi ukusuka zizibaleke ezi ngxaki zezimali zijongene nazo, ke ngoko siza kuqalisa ukubamba iindibano zokubonisana nabo bonke abachaphazelekayo ukuze siqwalasele ngokutsha indlela ezincediswa ngayo ngezimali ii-SOE sithathe namanye amanyathelo.

Siza kutshintsha indlela iibhodi ezikhethwa ngayo ukuze ibe ngabantu abanolwazi olunzulu, amava nabanenkonzo engenabatha abaza kunyulwa kwezi bhodi.

Siza kuwasusa amalungu ebhodi ekubeni athathe inxaxheba kwimisebenzi enxulumene nentengo size sisebenzisane noMphicothi-zincwadi-Jikele ukuze siqinisekise ukuba iinkqubo zokuphicotha iincwadi eziqhutywa ngamaqumrhu angaphandle azinazikroba naziphene.

Njengoko silungisa umonakalo okwinkampani ezithile, umsebenzi uza kuqhuba ukujonga imeko yee-SOE ngokubanzi ukuze kuqinisekiswe ukuba zitsalela ecaleni elinye, kubekwe iliso kumsebenzi wazo futhi zizinzile.

Lo ngunyaka esiza kutshintsha silwe ngayo urhwaphilizo kumaziko karhulumente.

Amaziko okulwa ulwaphulo-mthetho nobulungisa enza konke ukuthatha amanyathelo okusinceda ukuba silwe urhwaphilizo.

IKhomishini yoPhando yokuBanjwa ngoBhongwane koMbuso ekhokelwa liSekela leJaji eyiNtloko, uJaji uRaymond Zondo kulindeleke ukuba iqalisa umsebenzi wayo kungekudala.

Le khomishini ibaluke kakhulu ekuncedeni isizwe sazi ukuba esi sihlava sokulukuhlwa kombuso kwindlela ozithatha ngayo izigqibo sendele kangakanani na, nokuba amaziko karhulumente aphinde athenjwe nokuba abo baphula umthetho bafanele baziswe ngaphambili.

Le komishini ayizikuthatha indawo ye-arhente zogcino-mthetho kumsebenzi wazo wokuphanda nokutshutshisa bonke abo bachaphazeleka kwizenzo zorhwaphilizo.

Amasela aba imali karhulumente mawabanjwe.

Kufuneka silwe urhwaphilizo, ubuqhetseba nobuqhophololo kwicandelo labucala ngale ndlela sizilwa ngayo kurhulumente nakumaziko karhulumente.

Kufuneka sikhumbule ukuba nanini na kukho umntu ofumana imali yokunyoba ukhona oyibhatalayo le mali.

Siza kuqinisekisa ukuba bobabini aba bantu badibana nengalo yomthetho.

Siyayicela imibutho yamacandelo ahlukeneyo kunye namagosa ezomthetho ukuba bawathathela amanyathelo amalungu afunyaniswe ebandakanyeka kwizenzo ezingafanelekanga nezinxamnye nemigaqo yokuziphatha.

Oku kufuna ukuba siwomeleze amaziko ogcino-mthetho siwakhusele kumaxhalanga anokungenelela okanye awalukuhle.

Kufuneka siyilungise ngokukhawuleza iingxaki yezikhulu eziphetheyo kwiGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA) ukuze siqinisekise ukuba eli ziko libalulekileyo linozinzo kwaye liyakwazi ukwenza umsebenzi walo eliwugunyazisiweyo ngaphandle kokuphazanyiswa, futhi ngendlela ebonakalisa ukungoyiki, ukungakhethi nokungenzeleleleli.

Siza kuthatha amanyathelo okuzisa uzinzo kumaziko abalulekileyo afana neZiko leeNkonzo zeRhafu loMzantsi Afrika (i-SARS)..

Kufuneka sikuqonde ukuba ukuze abantu bahlawule irhafu ngokufanelekileyo kufuneka balazi uxanduva lwabo njengabemi nelikarhulumente njengequmrhu elinegunya nokuba imali esetyenziswa ngurhulumente ayihambi namanzi, iziphumo zayo ziyabonakala kwaye ayithotywa ngemilenze ngamatutu kwizenzo zorhwaphilizo.

Emva kwesicelo esenziwe nguMphathiswa wezeMali, ndiza kumisela iKomishini yoPhando yoLawulo nokuPhathwa kweRhafu e-SARS kungekudala, ukuze iqinisekise ukuba sibuyisela isidima negama elihle lika-SARS simncedise akwazi ukuqokelela irhafu ngokwalo myinge umiselweyo.

Urhulumente uqeshe abasebenzi bakarhulumente abasisigidi.

Uninzi lwabasebenzi bakarhulumente basebenza ngokuzinikela behambisa iinkonzo kubantu bakuthi.

Sibothulela umnqwazi ngomsebenzi wabo omhle.

Noko kunjalo, siyayazi imingeni abantu bakuthi abajongana nayo xa befuna uncedo okanye benemibuzo kurhulumente.

Kumaxa amaninzi bafumana iinkonzo ezingekho mgangathweni kwaphela okanye bangafumani kwa ezo nkonzo.

Sifuna abasebenzi bakarhulumente ukuba bayihloniphe, bayithobele baze basebenze ngokwemigaqo ye-Batho Pele, ebethelela ukukhokeliswa kwabantu phambili.

[Hi ri lava va hi tirhelaka hinkwerhu, hi lava ku ri loko va hi tirhela va tiva ku ri vanhu va lava ku ri va va tirhela kahle. Va endla swilo swa khwatsi. Swi vonaka ku ri vona vanhu lava va tirhelaka gavhumende ya hina va tirha mitirho ya kahle. Swi voniwa hi vanhu hinkwavo]

[Njengorhulumente sithi, abasebenzi bakarhulumente bafanele ukuba bahambise iinkonzo ebantwini bakuthi ngendlela ebonakalisa inkathalo. Kufuneka abantu bakuthi babanike iinkonzo ezisemgangathweni. Wonke umntu kufuneka abone iinkonzo ezihanjiswa ngabasebenzi bakarhulumente njengeenkonzo ezisemgangathweni. Wonke umnru kufuneka angqine ukuba abasebenzi bakarhulumente bazinikele ngenene.]

Sizimisele ukuqinisekisa ukuba wonke umntu osebenzela urhulumente wenza umsebenzi wakhe ngobunono, inkathalo nokuzinikela.

Sifuna ukufundisa abantu indlela entsha yokwenza umsebenzi, ukwenza izinto ngendlela eyahlukileyo, bazenze izinto gqibelele kubabikho bani onesikhala okanye isikrokro. Oku bakwenze ngexesha elimisiweyo.

Sihlaba ikhwelo kubo bonka abasebenzi bakarhulumente ukuba babe yimizekeko ekhokela inkqubo yotshintsho.

Kwezinyanga zimbalwa zizayo, ndiza kutyelela onke amasebe karhulumente wethu ndifakane imilomo nezikhulu eziphezulu kuwo amasebe karhulumente ukuze ndiqinisekise ukuba imisebenzi karhulumente ithungelana totse.

Ndiza kuzinika nethuba lokuba ndibambe iintlanganiso neenkokeli zephondo noomasipala ukuze ndiqinisekise ukuba urhulumente, ewonke, uyasabela kwizinto ezingxamisekileyo ezifunwa ngabantu bakuthi.

Bemi boMzantsi Afrika,

Ndikholelwa ekubeni ilizwe lethu lifikelele kwixesha lotshintsho.

Nangona ixesha lotshintsho lizisa inkxalabo, kanti nexhala ngamanye amaxesha, linokuba lithuba elihle lokuhlaziya nokuvuselela kunye nenkqubela.

Sisonke siza kwenza imbali kweli lizwe lethu.

Asiqali ukuyenza le nto, sasiyenzile ngaphambili futhi siza kuyiphinda kwakhona - sibotshwe ngebande lobuthandazwe, singahexi kwidabi lethu lokulwa nokoyisa le mingeni izayo kwaye siqinisekile ukuba ngokusebenzisana siza kwakha isizwe esinobulungisa, nesisulungekileyo esalwela nguNelson Mandela ubomi bakhe bonke.

Xa ndiqukumbela, ndivumeleni ndicaphule amazwi ka-Bra Hugh Masekela.

Kwingoma yakhe ethi, ‘Thuma Mina’ ingathi wayeyazi imini yovuselelo, umhla wokuzalwa ngokutsha.

Le ngoma iqhuba yenjenje:

“I wanna be there when the people start to turn it around

When they triumph over poverty

I wanna be there when the people win the battle against AIDS

I wanna lend a hand

I wanna be there for the alcoholic

I wanna be there for the drug addict

I wanna be there for the victims of violence and abuse

I wanna lend a hand

Send me.”

Sikwixesha kwimbali yeli apho abantu babhinqe omfutshane besebenzisana betshintsha imeko yeli lizwe.

Sele siliva ivumba lempumelelo yokuphelisa indlala, noloyiso lesihelegu esinguGawulayo (i-Aids) sele lumbovu.

[Vhathu vha hashu vha ri vha khou ṱoḓa shango heḽino ḽi tshi vha shango ḽiswa, ḽi tshi vha shango ḽavhuḓi. Ḽi tshi vha shango ḽine ḽa ḓo ḓisela vhathu vhoṱhe vha hashu zwavhuḓi.]

[Abantu bakuthi bathi bafuna eli lizwe ibe lilizwe elitsha, ilizwe elihle elizisa ithemba nobulungisa kubantu bakuthi.]

Lifikile ixesha lokuba sifake isandla.

Ngoku lifikile ixesha lokuba sonke sithi ‘Thuma mna’.

[Sifikile isikhathi sokuthi sisebenze soke sibeke izwe lakithi phambili.]

[Lifikile ixesha lokuba sisebenze sonke sikhokelise ilizwe lakuthi phambili.]

Lifikile ixesha lokuba sisebenze ngokubambisana, egameni likaNelson Mandela, sakhe uMzantsi Afrika omtsha nongcono oza kuxhanyulwa ngumntu wonke.

Lifikile ixesha!

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore