INtetho ngeNtlanganiso yeKhabhinethi ibibanjwe kwi-Intanethi  ngoLwesithathu, umhla wama-22 kweyeSilimela 2022

A.    Imiba enguNdaba-mlonyeni

1.    Ukutshintsha kweMozulu

1.1.    IKhabhinethi ilwamkele utyelelo lukaMnu Alok Sharma, eMzantsi Afrika nongu Mongameli weNgqungquthela yeZizwe eziManyaneyo (i-UN) yama-26 yoTshintsho lweMozulu. Ukusuka ngomhla we-19 ukuya kowama-21 kweyeSilimela ngowama-2022, kananjalo lwamkelwe ngezandla ezishushu uvavanyo lwakhe oluziphumo zalo zithe uMzantsi Afrika ubonakalise ukuzinikela okungathandabuzekiyo kutshintsho lwamandla acocekileyo.
1.2.    Ngonyaka wama-2021, uMongameli Cyril Ramaphosa wazimanye nezinye iinkokeli ekubhengezeni intsebenziswano eyaba yimbali kunye norhulumente waseFransi, eJamani, e-United Kingdom nowaseMelika, kwakunye neManyano yaseYurophu, ukuxhasa utshintsho olunobulungisa kuqoqosho lwekhabhoni ephantsi kunye noluntu olukwaziyo ukumelana nemozulu.
1.3.    UMzantsi Afrika ubusebenza nzima ekulungiseleleni inguqu yokuvelisa amandla acocekileyo kunye nenyathelo lokucoca imithombo yamandla efana nehidrojeni ecocekileyo, i-biomass, amandla omoya, amandla elanga kunye nombane ophehlwa ngamanzi, nekuzezinye izinto ezinokuhlaziywa kabutsha ukuze kuveliswe amandla ombane. Le ngxubevange yamandla ivumela ulungelelwaniso phakathi kwemithombo yamandla ukuze kuqinisekiswe ukuba ilizwe lifumana amandla awoneleyo nangekho ethe-ethe nakwaziyo ukuhlangabezana neemfuno zamandla ezikhulayo zelizwe.

2.    Ukuthathwa kwesitofu sokugonyela intsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)

2.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukwehla okumandla kosulelo lwe-COVID-19 eMzantsi Afrika kwezi veki zimbalwa zidlulileyo kwaye ikhuthaze bonke abantu abafanelekileyo ukuba baqhubeleke nokugonya, kuba oku kuthintela ukugula okumandla, ukulaliswa esibhedlele kunye nokufa.
2.2.    Isiqingatha sabo bonke abantu abadala baseMzantsi Afrika ukuza kuthi ga ngoku sele befumene ithamo elinye ubuncinane lokugonyela i-COVID-19. Urhulumente ujonge ukusebenzisa imali-mboleko enenzala ephantsi esandula kuvunywa yiBhanki yeHlabathi ukuze athenge izitofu zogonyo ze-COVID-19 kunye nokuqinisekisa ukuba isizwe sikhuseleke ngokwaneleyo kusulelo olungenzeka lubekhona.
2.3.    IKhabhinethi ikwaqwalasele imiba enxulumene nophuhliso lolawulo lobhubhani we-COVID-19, ingakumbi kwinkqubela eyenziweyo ekubuyeleni ngokupheleleyo kwimisebenzi yesiqhelo yentlalo noqoqosho. UMphathiswa wezeMpilo, uGq Joe Phaahla, uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngalo mba.

3.    Usuku loLutsha lweSizwe

3.1.    IKhabhinethi ibulele bonke abemi boMzantsi Afrika ngokuzimanya kwabo kwizikhumbuzo zoSuku loLutsha lweSizwe, ebelibhiyozelwa ngoLwesine, umhla we-16 kweyeSilimela ngowama-2022 phantsi komxholo othi: “Ukukhuthaza ukuphila okuzinzileyo nokomelela kwabantu abatsha ukuze babe nengomso elingcono.” 
3.2.    Njengoko siyisonga iNyanga yoLutsha lweSizwe, masiqinise iinzame zethu zokuqinisekisa ukuba abantu abatsha bayafikelela kwiinkqubo ezininzi zenkxaso ezibonelelwa ngurhulumente kwaye siququzelele ukuthatha kwabo inxaxheba kuqoqosho.
3.3.    INkonzo kaRhulumente, njengoyena mqeshi mkhulu, isabele kulo mceli mngeni ngokunika ithuba  abafundi abaphumelele izidanga abangaphangeliyo lokufumana amava ngeNkqubo ye-Public Service Graduate Internship and Learnership Programme. Urhulumente ukwaphumeza iNgxowa-mali yeNgqesho yoLuntu (i-SEF) kunye namanyathelo okudala amathuba emisebenzi eNkonzo yoLutsha yeSizwe (i-NYS) aza kutsalela abantu abatsha abangama-50 000 kuqoqosho ngalinye.
3.4.    La manyathelo akasayi kubonelela ngamava omsebenzi afuneka kakhulu nje kuphela kodwa azokwazi nokomeleza ixabiso nokuziva ungummi obalulekileyo elizweni. I-SEF isebenzisana nemibutho engekho phantsi kukarhulumente (ii-NGO) ngelixa i-NYS yona ibhalisa ulutsha kwiinkonzo ezinceda uluntu kwilizwe liphela.

4.      Ezothutho

4.1.    IKhabhinethi isamkele isiCwangciso sokuSebenza esizakumiselwa kwiinkalo ezili-11 ezizakujongana nokuvalwa kweendlela kunye nokuqeshwa kwabemi bamazwe angaphandle njengabaqhubi beelori. Esi sicwangciso, sathi saphuhliswa yiKomiti yabaPhathiswa beNdlela noThutho (i-IMC) ngentsebenziswano nabachaphazelekayo kushishino lwendlela nothutho, sikhuthaza phakathi kwezinye izinto ukunyanzeliswa kweemfuneko ze-visa kunye nokuthotyelwa kwemithetho yezabasebenzi.
4.2.    I-IMC yasekwa ukuze ijongane nokwanda kokuvalwa kweendlela kunye noqhanqalazo lwabaqhubi belori baseMzantsi Afrika abangonwabanga. Uqhanqalazo kunye nokuvalwa kwendlela kuchaphazela kakubi ukuhambahamba kwabantu neemoto, kwale loyikisa abatyali-mali bamanye amazwe, eyona mpembelelo embi ngakumbi  ikuqoqosho kunye nokubonelela ngeenkonzo eziyimfuneko ezisebenzisa iindlela  ezichaphazelekayo.

5.    Ukunqongophala kwamanzi kuMasipala oMbhaxa we-Nelson Mandela Bay (i-NMB).

5.1.    IKhabhinethi ilwamkele ungenelelo lweSebe lezaManzi noGutyulo (i-DWS) kuMasipala oMbhaxa we-NMB eMpuma Koloni ukunqanda iimini ezoma nko (Day Zero)  njengoko eli phondo lijongene nokunqongophala okumandla kwamanzi kususela ngonyaka wama-2015. Ngoko ke i-DWS isebenzisana nephondo ukuphumeza amanyathelo exesha elifutshane, eliphakathi nelide ukulungisa nokuthomalalisa impembelelo esenokubakhona yembalela.
5.2.    IKhabhinethi iphinde yabongoza abahlali base-NMB ukuba babambelele kwizithintelo zamanzi ezibekwe ngoomasipala basekhaya ngelo kuqinisekisa ukugcinwa kwamanzi. Kukonke, ukusetyenziswa kwamanzi kufuneka kucuthwe ngezigidi zeelitha ezingama-50 ngosuku, ukusuka kwinqanaba langoku lezigidi zeelitha ezingama-280 ngosuku ukuya phantsi kwizigidi zeelitha ezingama-230 ngosuku.

6.     Ulwaphulo-mthetho norhwaphilizo

6.1.    IKhabhinethi ikwamkele ukubanjwa kwakutsha nje kwegosa leMicimbi yezeKhaya elisebenza kwi-ofisi yase-Benoni elenzele ummi wase-Bangladeshi incwadana yokundwendwela yobuqhophololo. Igosa, uNksz Sibongile Simelane, unikwe ibheyile ye-R5 000 kwinkundla kaMantyi yase-Benoni ngoLwesibini umhla wama-21 kweyeSilimela ngo-2022. Yena ke Ummi wase-Bangladeshi, uMnumzana Fahim Kazi, wabanjwa ngethuba ezama ukubaleka alishiya ilizwe ngomhla we-12  kuCanzibe ngo-2022 ebaleka enegama elithi 'Lebogang Ndlovu'.
6.2.    ISebe leMicimbi yezeKhaya (i-DHA) lisanda kubuyisela emva ekhaya umdlali we-Lithuanian, uNksz Ieva Andrejevaite, owayefuna ukusebenzisa kakubi ulawulo lweembacu lwaseMzantsi Afrika ngokuxela amampunge ebali lokufuna ukufaka isicelo se-asylum ngenxa "yemfazwe yase-Ukraine".
6.3.    IKhabhinethi ikwa wuncomile umsebenzi owenziwe lisebe i-DHA kwicandelo lalo lwedesika elwa norhwaphilizo. Iqhwabela izandla kwaye ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika ukuba baqhubeke nokuzixela izenzo zolwaphulo-mthetho ezinjalo. Izenzo ezingekho semthethweni zabemi boMzantsi Afrika abathengisa izazisi zabo zineziphumo ezimbi kakhulu kukhuseleko lwelizwe kunye nobuhle bentlalo noqoqosho.
6.4.    Urhulumente uza kuqhubeka esebenza ngqwabalala ngakuye nabani na obandakanyeka kwizenzo ezingekho mthethweni ezijongela phantsi imithetho yethu yokufudukela kwelinye ilizwe, ngaphandle koloyiko okanye ukukhetha.
6.5.    IKhabhinethi ikwamkele ukugwetywa kwa kutsha nje kukatitshala waseThekwini, uNksz Nomusa Precious Gabuza (37) – ogwetywe iminyaka emithathu phantsi kweliso loluleko kunye neminyaka emine ethothoza etrongweni, yaxhonywa yonke iminyaka emithathu, kwiNkundla yeNgingqi yaseMlazi KwaZulu-Natal – ngokutyeshela uMthetho woNyulo looMasipala kuRhulumente weNgingqi, wama-2000 (uMthetho wama-27 ka-2000). Njengomfundisi-ntsapho kwisikolo esasisetyenziswa njengesikhululo sokuvota ngexesha loNyulo lukaMasipala kweyeDwarha ngowama-2021, uNksz Gabuza ubuvumile ubuqhophololo owabenza kwiivoti ezingamashumi amabini anesine, eziquka i-12 zoNyulo looMasipala kunye ne-12 zoNyulo lweeWadi.
6.6.    Oku kugwetywa kunye nesigwebo kubonisa ngokucacileyo ukuzinikela kweKomishoni yoNyulo yaseMzantsi Afrika ukuba ingenelela kwangethuba kwaye iyakwazi nokuthatha amanyathelo anqala emva kweziphumo zophando. Kwakhona oku kukwasisiqinisekiso sokuba qatha kweenkqubo zonyulo, ezithe zaqiniswa  ngokuziswa kweSixhobo soLawulo lwabavoti i-Voter Management Device esithintela ukuvota kabini.
6.7.    IKhabhinethi iqinisekisile ukuba unyulo lusisiseko sentando yesininzi yethu kwaye kufuneka lukhuselwe nangaziphi na izindlela.

7.    INkomfa ye-12 yabaPhathiswa (i-MC12) yoMbutho woRhwebo weHlabathi (i-WTO) 

7.1.    IKhabhinethi izamkele iziphumo ze-WTO MC12 ebibanjelwe e-Geneva, e-Switzerland ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowe-17 kweyeSilimela ngowama-2022, ingakumbi isigqibo sokuba amazwe afanelekileyo angalisebenzisa igunya lawo lokurhoxisa  ilayisenisi eziwathintela ekuziveliseleni isitofu se-COVID-19 de kube ngowama-2027. Isigqibo esimalunga nokwandisa oku kunyango lwe-COVID-19 kunye noxilongo salibaziseka kangange sithuba seenyanga ezintandathu.
7.2.    UMzantsi Afrika ubukhokela ikhwelo lokuba i-WTO iwarhoxise amalungelo obunini obubodwa abotshelelwe kwizitofu zokugonya ze-COVID-19 oku kuza kuqinisekisa ukufikelela ngokulinganayo kumayeza okugonya kunye nokuvumela amazwe anamandla okuvelisa izitofu ukuba akwenze oko.
7.3.    Le nkomfa izibophelele kwinkqubo evulelekileyo nebandakanyayo yokuguqula yonke imisebenzi yayo kwaye ivumelene nomqulu wezivumelwano zorhwebo ezijongana namacandelo afana nezempilo, ukumisela imida kwinkxaso-mali yokuloba, ukumiselwa korhwebo nge-intanethi kunye nokuqinisekisa ubukho bokutya.

B.    Izigqibo zeKhabhinethi

1.    Inkqubela-phambili kwiNkqubo yokuFudukela kuSasazo lobuxhaka-xhaka beDijithali (i-BDM)

1.1.    IKhabhinethi ifumene uhlaziyo ngeNkqubo ye-BDM yaze yayiqaphela nenkqubela-phambili esele yenziweyo ngokufakela iibhokisi ezixhunywayo njengenxalenye yokufudukela kusasazo lwe-analogu ukuya kwidijithali.
1.2.    IKhabhinethi iphinde yagxininisa ukungxamiseka kokuba kuqukunjelwe i-BDM yokukhulula inkqubo efunekayo kuthungelwano losasazo, kunye nezinye iinjongo ezinxulumene nobuchwephesha bonxibelelwano.
1.3.    UMphathiswa wezoNxibelelwano nobuChwepheshe beDijithali uKhumbudzo Ntshavheni uza kunika iinkcukacha ezithe vetshe ngomso (uLwesihlanu, umhla wama-24 kweyeSilimela). 

2.    INgxelo yoNyaka yeSimo seSizwe saMalungelo oMntwana

2.1.    IKhabhinethi ivumile ukuba ipapashwe iNgxelo yoNyaka yesibini engeSimo seSizwe kumaLungelo abaNtwana. Le ngxelo ibonelela ngohlaziyo ngokufezekiswa kwesiCwangciso seSizwe  saBantwana kwisithuba esiphakathi kweminyaka yama-2019-2024.
2.2.    Le ngxelo iqaqambisa impumelelo ebhalwe phantsi yexesha eliphakathi kweminyaka yama-2020-2021. Ikwaqaqambisa iinkalo ezisathe gqolo zingumceli mngeni, kubandakanywa ukhuseleko lwabantwana kunye nokuqhubekeka kokungalingani phakathi kwabahlwempu nezinhanha ngokubhekiselele ebantwaneni. Le ngxelo ikwabonisa indlela ubhubhani we-COVID-19 ochaphazele ngayo abantwana ngeli xesha.
2.3.    Amanyathelo okungenelela aphunyezwa ngurhulumente ajolise ekufezekiseni amalungelo abantwana, njengoko kucacisiwe kuMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996. Lama nyathelo akwaxhasa izibophelelo zelizwe kwiiNgqungquthela ze-UN malunga namaLungelo oMntwana (i-UNCRC) kunye noMqulu wase-Afrika wamaLungelo kunye neNtlalontle yoMntwana (i-ACRWC). UMzantsi Afrika watyikitya  kwi-UNCRC kunye ne-ACRWC.
2.4.    Ingxelo yaqulunqwa ngokubonisana namasebe karhulumente kunye neqela labathathi-nxaxheba abafanelekileyo kwinqanaba lesizwe nelephondo. Ingxelo epheleleyo iza kufakwa kwiwebhusayithi yeSebe loPhuhliso loLuntu: www.dsd.gov.za.

3.    Ingxelo yeXeshana eDityanisiweyo yoMzantsi Afrika yesithathu ukuya kweyesithandathu kwi-UNCRC

3.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukunikezelwa kweNgxelo yeXeshana lesithathu ukuya kwelesithandathu kwi-UNCRC. Le ngxelo ilandela iNgxelo yexeshana yesibini eyayithiwe thaca kwi-UNCRC ngowama-2014.
3.2.    Ingxelo iqulunqwe ngokungqinelana neSiqendu 44 se-UNCRC, kwaye ikwabandakanya imigqaliselo kunye nezindululo ezenziwe kwingxelo yokugqibela. I-UNCRC yayithumele imigqaliselo kunye neengcebiso zayo kweli lizwe ngo-2016.
3.3.    Olu qulunqo lwenziwe ngodliwano-ndlebe nawo onke amasebe afanelekileyo nabachaphazelekayo kwilizwe liphela. Ingxelo epheleleyo iza kwaziswa eluntwini emva kokuba yondlelwe kwi-UNCRC.

4.    Ingxelo yeSizwe emalunga nokuphunyezwa kweNkqubo eNtsha yoPhuhliso lweDolophu

4.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa kwengxelo yokuqala yesizwe yoMzantsi Afrika emalunga nokuPhunyezwa kweNkqubo eNtsha yoPhuhliso lweDolophu kwiNkqubo yokuHlaliswa koLuntu ye-UN (i-UN-Habitat). I-UN-Habitat yamkele iNkqubo eNtsha yoPhuhliso lweDolophu kwiNkomfa yayo yeZindlu kunye noPhuhliso oluZinzileyo lweDolophu kweyeDwarha  ngonyaka wama-2016. Amazwe angamalungu kwakulindeleke ukuba angenise iingxelo zenkqubela-phambili ngokuzithandela.
4.2.    UMzantsi Afrika uxhase ukwamkelwa kweNkqubo eNtsha yoPhuhliso lweDolophu waza emva koko wayizalisekisa ngeNkqubo-sikhokelo yelizwe eDityanisiweyo yoPhuhliso lweDolophu (i-IUDF). I-IUDF ijolise ekukhokeleni uphuhliso lweendawo zokuhlala ezisezidolophini ezibandakanyayo, ezikwaziyo ukuzimela nekuhlalekayo kuzo. 
4.3.    Ingxelo yenkqubela-phambili yaqulunqwa ngokubonisana norhulumente wesizwe, wephondo nowengingqi, kunye neeNGO ezifanelekileyo.

5.    ISicwangciso esiHlangeneyo soPhuhliso loLutsha (i-IYDS)

5.1.    IKhabhinethi iyamkele i-IYDS ukuba iphunyezwe. Esi sicwangciso-qhinga siphumeza uMgaqo-nkqubo woLutsha weSizwe wowama-2020-2030. Ichaza amanyathelo, iiprojekthi kunye neenkqubo eziza kwenziwa ngabathathi-nxaxheba abohlukeneyo abavela kumaqumrhu olutsha.
5.2.    Ikwajongene nokuncitshiswa kokuphindwa kongenelelo lukarhulumente kwaye ikhokele indlela uluntu kunye necandelo labucala abanokuxhasa ngayo abantu abatsha ekufikeleleni kumathuba. Ukuqulunqwa kwesi sicwangciso kubandakanye amagalelo ahlukeneyo avela kumacandelo ngamacandelo oluntu.

6.    IPhepha leNgcaciso eYilwayo yoLondolozo kunye noSetyenziso oluZinzileyo lweZityalo eZiphilayo zaseMzantsi Afrika

6.1.    IKhabhinethi iluvumile uyilo lwePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo ngoLondolozo kunye noSetyenziso oluZinzileyo lweZityalo eZiphilayo zaseMzantsi Afrika ukuze uluntu luhlomle. Iintlobo-ntlobo zezityalo nezilwanyana zaseMzantsi Afrika zibonelela ngesiseko esibalulekileyo sokukhula koqoqosho nophuhliso, kwaye zikwa balulekile nakubomi babantu.
6.2.    Eli Phepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo lenza ukuba zisebenze izindululo ezenziwe liGqiza leeNgcali elikwiNqanaba eliPhezulu elalonyulwe ngowama-2019 ukuba lihlole imigaqo-nkqubo yethu yeli xesha, imithetho kunye nezenzo kwimiba enxulumene neentlobo zezilwanyana ezidumileyo.
6.3.    Le ngxelo icebise ngokuqulunqwa komgaqo-nkqubo obanzi wolondolozo nokusetyenziswa ngokuzinzileyo kwezityalo nezilwanyana zelizwe. Lo mgaqo-nkqubo uza kuphunyezwa kuwo onke amanqanaba karhulumente. Ulondolozo lubalulekile kwiphulo lelizwe lokukhawulezisa ukukhula koqoqosho nokudala imisebenzi.

7.     Isicwangciso-qhinga esimalunga nenyama yenyamakazi

7.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukupapashwa  kwesiCwangciso-qhinga esisayilwayo seNyama yenyamakazi ukuze uluntu luhlomle. Esi sicwangciso-qhinga sijonge ukuvumela ngokusesikweni kunye nokuguqula ishishini lenyama yenyamakazi. Sikwafuna ukufaka isandla ekuqinisekeni kokuba khona kokutya ngendlela ezinzileyo.
7.2.    Ishishini lenyama yenyamakazi ubukhulu becala lishishini elingekho sikweni elisebenza ngendlela engafaniyo. Esi sicwangciso-qhinga sicetywayo sibonelela ngesicwangciso somiliselo esiza kumisela ngokusesikweni kwaye someleze eli candelo njengababoneleli bokutya kunye necandelo lohlumo loqoqosho elinokunceda ekudaleni amathuba emisebenzi.

C.    Umthetho osayilwayo

1.    UMthetho osaYilwayo oLungisiweyo weMicimbi yezeMveli wowama-2022

1.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa koMthetho-siHlomelo oYilwayo weMicimbi yezeMveli  wowama-2022 ePalamente ukuze uqhubeke nokuqhutywa. Ezi zihlomelo zifuna ukuhlaziya uMthetho wobuNkokheli beMveli nobu-Khoi-San, wowama-2019 (uMthetho wesi-3 wama-2019), oqale ukusebenza ngomhla woku-1 kuTshazimpuzi ngowama-2021.

2.    Umthetho osaYilwayo Wokukhuselwa kweNtando yesininzi yoMgaqo-siseko ngokuchasene nabanqolobi kunye neMisebenzi eNxulumene nabo wama-2022.

2.1.    IKhabhinethi ikuvumile ukungeniswa ePalamente koMthetho osaYilwayo wokuKhuselwa kweNtando yesininzi yoMgaqo-siseko ngokuchasene nabanqolobi kunye neMisebenzi eNxulumeneyo nabo wama-2022 ukuba iqhutywelwe phambili. Wakuba wamkelwe, lo Mthetho uYilwayo uza kuhlomela uMthetho okhoyo ngoku woKhuseleko lweNtando yesininzi yoMgaqo-siseko ekuchasene nabanqolobi neMisebenzi eNxulumeneyo nabo, wama-2004 (uMthetho wama-33 wama-2004).
2.2.    Emveni  kokuba uvunyiwe lo mthetho usayilwayo yiKhabhinethi kuCanzibe wama-2021, uye waba kwinkqubo yokubonisana noluntu ngokubanzi. Ezi zihlomelo zifuna ukulungelelanisa iindlela zokusebenza zeli lizwe zokulwa nobunqolobi kunye nemilinganiselo yehlabathi esele ibekiwe. Kwakhona kuphinde kwajongwana  namagatya ayethe athathwa njenga magatya angekho kumgaqo-siseko yiNkundla yoMgaqo-siseko.
2.3.    Nanjenge lizwe elityikitye kwiBhunga loKhuseleko le-UN, uMzantsi Afrika ubophelelekile ukuba ube nemithetho yamazwe ngamazwe ezama ukomeleza amanyathelo okulwa nobunqolobi behlabathi.

D.    Imisitho Ezayo

1.    INkomfa ye-14 yase-Brazil, i-Russia, i-India, i-China noMzantsi Afrika (i-BRICS)

1.1.    UMongameli Ramaphosa uza kukhokela uMzantsi Afrika ekuthatheni inxaxheba kwiNkomfa ye-14 yeeNkokheli ze-BRICS ebanjwe yiRiphablikhi yase-China ukusuka ngoLwesine, umhla wama-23 ukuya kuLwesihlanu, umhla wama-24 kweyeSilimela ngowama-2022.
1.2.    Ubulungu bethu be-BRICS busaqhubeka bunceda ilizwe. Kulo nyaka uphelileyo ngaphezulu kwe-17% yempahla ethunyelwa ngaphandle yaseMzantsi Afrika ithunyelwe kwamanye amazwe e-BRICS, kwaye ngaphezulu kwama-29% empahla engene kweli lizwe isuka kula mazwe. Ixabiso lolu rhwebo liyaqhubeleka nokukhula, urhwebo loMzantsi Afrika lulonke namanye amazwe e-BRICS lufikelele kwiibhiliyoni zeerandi ezingama-R702 ngowama-2021, lusuka kwiibhiliyoni zeerandi ezingama- R487 zonyaka wama-2017. Ukusebenzisana phakathi kwamalungu e-BRICS kwiinkalo ezahlukeneyo ezifana nezempilo kunye norhwebo olwandisiweyo kukhulise ishishini lethu lasekhaya, kwaye kwanceda onke amalungu e-BRICS. Utyalo-mali lwethu kwiiprojekthi zophuhliso lweziseko ezingundoqo kunye neenzame zokunciphisa imiqathango esetyenziswayo xa sisenza ushishino lujolise ekwandiseni ukuthunyelwa kwempahla kumazwe angaphandle angamahlakani ethu e-BRICS.

2.    ISikolo esiqhutywa ngexesha laseBusika soLawulo loQoqosho

2.1.    ISikolo sikaRhulumente seSizwe (i-NSG) siza kubamba iNkqubo yaso yesithathu yaseBusika yoLawulo lwezoQoqosho yaBaphathi bezoPolitiko eRhawutini ukusuka ngomhla wama-27 kweyeSilimela ukuya kowoku-1 kweyeKhala kulo nyaka wama-2022. Iza kube izinyaswe ngabaPhathiswa abavela e-Côte d'Ivoire; i-South Sudan noMzantsi Afrika; kunye nabaLawuli-Jikelele abavela e-Lesotho, e-Zambia, e-Democratic Republic of Congo, e-Tanzania nase-Ghana. Oosodolophu boMzantsi Afrika, kwakunye namalungu eekomiti zosodolophu namabhunga alawulayo, nabo baza kuba yinxalenye yesi sikolo. 
2.2.    Abaphathi bezopolitiko abavela kumazwe ahlukeneyo kulindeleke ukuba babelane ngezimvo kunye nezifundo kwiimeko ezahlukeneyo abazifumanayo kwimisebenzi yabo yemihla ngemihla.
2.3.    I-NSG iyile inkqubo yonyaka yamalungu esigqeba ngo-2020, njengenxalenye yenkxaso yayo ekuzinikeleni  kukarhulumente ekwakheni urhulumente okwaziyo ukusebenza. Phakathi kwezinye izinto, ijonge ukuxhobisa abalawuli abakumanqanaba amathathu karhulumente ngobunkokeli nobuchule bokubeka iliso ukuze bakwazi ukuphonononga  imingeni yolawulo ethintela ubandakanyo kunye nohlumo kwezoqoqosho oluzinzileyo.

3.    USuku luka-Nelson Mandela lweHlabathi

3.1.    Kulo unyaka uSuku luka-Nelson Mandela lweHlabathi  oluzakube lungoMvulo, umhla we-18 kweyeKhala ngowama-2022 luza kubhiyozelwa phantsi komxholo wehlabathi jikelele othi: “Yenza onako, ukwenza ngoko onako, naphi na apho ukhoyo”.
3.2.    Likhwelo elicacileyo lokuba abantu baxhase kwaye bathathe inxaxheba kwiphulo ngokufaka igalelo kungenelelo oluzinzileyo olunefuthe elizakuhlala lihleli.
3.3.    Olunye ungenelelo oluzinzileyo yiNkqubo yaminyaka le yeNgxoxo yoLutsha kunye neNkqubo yobuNkokheli bokuziphatha egxile kwimiba engumxholo ephathelene nolutsha eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela.

4.    Ixesha leRhafu

4.1.    Ixesha lokufakwa kwerhafu yama-2022 liya kuvulwa ukususela ngomhla woku-1 kweyeKhala ukuya kowama-24 kweyeDwarha 2022. Abahlawuli berhafu bayakhuthazwa ukuba bafake imbuyekezo yabo yerhafu apha ku-eFiling (www.sarsefiling.co.za) okanye  kwi-MobiApp yeNkonzo yeRhafu yoMzantsi Afrika (i-SARS).
4.2.    Kulo nyaka i-SARS iza kuqhubeka nenkqubo yovavanyo oluzenzekelayo lomrhafi ngamnye, olu vavanyo luyimbuyekezo yengeniso esele ibekwe ngaphambili  oku kwenzelwa ukunceda ukwenza lula inkqubo yokungeniswa. Ngowama-2021 babangaphezulu kwezigidi ezithathu abahlawuli berhafu abathi bavavanywa  ngale nkqubo yokuzenzekela.
4.3.    Ukungeniswa kwangethuba nangokuchanekileyo kweengxelo zerhafu akuqinisekisi nje kuphela ukuba abahlawuli berhafu bahlala bethobela umthetho, kodwa kukwanceda urhulumente ukuba akwazi ukunikezele ngeenkonzo kubemi boMzantsi Afrika abazidinga kakhulu.

E.    Imiyalezo

1.    Ukuvuyisana

Ikhabhinethi igqithisa amazwi okuvuyisana kunye neminqweno emihle: 

  • KwiJaji u-Owen Lloyd Rogers emva kokuchongwa kwakhe njenge Jaji leNkundla  yaseMzantsi Afrika yoMthethosisekelo. 
  • Ikhabhinethi idibane noMongameli ivuyisana nalowo wayesakuba ngumongameli u- Thabo Mbeki imnqwenelela imini yokubhiyozela ukuzalwa kwakhe, ebhiyozela iminyaka engama-80 esatya amazimba ngomhla wama-18 kweyeSilimela 2022. U-Mnu Thabo Mbeki wabeka abemi beli loMzantsi Afrika kwikamva eliqaqambileyo nelinempumelelo. 

F.    Izithuba zengqesho 

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

1.    Abalawuli abangengabo abesigqeba seBhodi yoGunyaziwe woPhapho loLuntu loMzantsi Afrika:
a.    UMnu Ernest Khosa;
b.    Nksz Bulelwa Koyana;
c.    Mnu Surendra Sooklal; kunye
d.    Nksz Rejoice Edith Phewa.

2.    Amalungu e-Ofisi yokuBhengeza iMali-mboleko yeKhaya:
a.    Nksz. Kenosi Pearl Louisa Selane (Usihlalo);
b.    Nksz. Catharina Maria Van der Sandt;
c.    UMnu.Errol Vincent Magerman;
d.    Igqwetha Mandla Dludlu;
e.    UMnu. Matsobane Gabriel Mello;
f.    Nksz. Palesa Mawasha;
g.    Nksz. Penelope Anne Beck-Paxton;
h.    Nksz. Sphiwe Dorris Mayinga;
i.    Nksz. Tshifhiwa Victor Mphigalale; kunye
j.    Mnu. Zuko Ncemane.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – IsiThethi seKhabhinethi 
Umnxeba: 083 501 0139
 

Share this page

Similar categories to explore