Ingxelo engeNtlanganiso yeKhabhinethi ebibanjwe ngoLwesithathu, uMhla we-21 kweyoKwindla 2021

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso yayo yokuqala idibene ngeziqu oko kwavalwa ilizwe okokuqala ngo-2020, le yinxalenye yotshintsho olwenziwa yiKhabhinethi lokusebenza ngendlela entsha yokwenza izinto ngethuba ilizwe liqhubeka nokuzivula kwakhona.

A. Imiba kokusiNgqongileyo

1. Ukunqunyanyiswa kweNkqubo yokuGonya yeSisonke okwethutyana nesindululo sokusiphelisa isinqumamiso
1.1. IKhabhinethi ifumene ingxelo malunga nokunqunyanyiswa okwethutyana kwe-Nkqubo yokuGonya eyi-Johnson & Johnson (i-J&J) yeSisonke, ekwakulinyathelo elisisithintelo eliye lanika iinzululwazi zoMzantsi Afrika ithuba lokuba ziphonononge iinkcukacha zechiza lokugonya lakwa-J&J. Oku kuye kwalandela ukunqunyanyiswa kwenkqubo yokugonya ka-J&J eMelika (e-USA) emveni kokuba abantu abathandathu ebebefumene ichiza lokugonya lakwa-J&J beye babanohlobo olunqabileyo lwehlwili legazi. Esinye isizathu soku kunqunyanyiswa kwethutyana ibisisigqibo esithatyathwe yi-J&J sokuba ikunqumamise ngokuzikhethela ukukhutshwa kwechiza labo lokugonya kumazwe ase-Europe.
1.2. Ukunqunyanyiswa okwethutyana kweli chiza lokugonya eMzantsi Afrika bekuhambelana nokuzinikezela kukarhulumente ekuqinisekiseni ukuba amanyathelo abanzi okhuseleko ayalandelwa ngokunxulumene nokukhutshwa kwechiza lokugonya. Iinkcukacha eziphononongiweyo zingqine ukuba uMzantsi Afrika awukawaboni la mahlwili anqabileyo kwaba basebenzi bezempilo (ii-HCW) abasele begonyiwe.
1.3. IKhabhinethi isamkele isindululo seGunya-bantu loLawulo lweeMveliso zezeMpilo loMzantsi Afrika lokusiphelisa isinqumamiso seNkqubo yokuGonya eyi-J&J Sisonke.
1.4. Iinzululwazi zethu ziza kuqhubeka nokubabeka iliso bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba naxa bethe bagonywa. Kuthe kusiba phakathi kweyoKwindla 2021, kwabe sele kugonywe ngaphaya kwee-HCW ezingama-293 623 phantsi kweNkqubo yokuGonya yeSisonke.

2. Inkqubo yokugonya
2.1. IKhabhinethi iyamkele inkqubela-phambili eyenziwe kukutyikitywa kwesivumelwano ne-J&J esimalunga nokuthengwa kamachiza okugonya akwa-J&J ukuze kuzaliseke inkqubo yokukhutshwa kwawo ngokupheleleyo, yaza yothulela umnqwazi uMphathiswa wezeMpilo, uGqr Zweli Mkhize noMphathiswa wezoRhwebo, uShishino  noKhuphiswano, uMnu Ebrahim Patel, ngokusombulula imiba ebisalele ekuthengweni kwala machiza okugonya ngaphandle kokubeka uMzantsi Afrika engozini.
2.2. Ngaphaya koko, iKhabhinethi ilwamkele uthethathethwano olubeyimpumelelo obelumalunga namathamo azizigidi ezili-10 zechiza lokugonya lakwa-Pfizer, elibeka inani elipheleleyo lamathamo echiza lokugonya lakwa-Pfizer kwizigidi ezingama-30. Oku kuthetha ukuba uMzantsi Afrika uza kukwazi ukugonya abantu abazizigidi ezili-15 ngechiza lokugonya lakwa-Pfizer, endaweni yabazizigidi ezili-10.
2.3. Ukulungiselela isiGaba sesi-2 senkqubo yokugonya eza kuqala ngomhla we-17 kuCanzibe 2021, iKhabhinethi ikhuthaza abantu abaneminyaka engama-60 nangaphezulu ukuba babhalise kwiNkqubo ye-Intanethi yeeNkcukacha zokuGonya ku: https://vaccine.enroll.health.gov.za.
2.4. Abantu abangenayo i-intanethi bangabhalisa kwiindawo zokugonya ezingaphaya kwama-3 338 kwilizwe liphela. Amaqela azulayo azakuthunyelwa ukuba aye kunceda abantu abolupheleyo, abangenamakhaya kunye nabantu abahlala ezilalini.

3. Amazinga osulelo eSifo sentsholongwane ye-Corona (i-COVID-19)
3.1. IKhabhinethi ifumene iinkcukacha zakutsha nje ezimalunga nosulelo lwe-COVID-19 kwilizwe liphela yaza yancoma ebemi boMzantsi Afrika ngokuqhubeka kwabo nokulandela imithetho yezempilo engeyiyo eyobuyeza yokunxiba isigqubuthelibuso xa besesidlangalaleni nokuhlamba izandla zabo rhoqo ngamanzi nesepha okanye ukusebenzisa isibulali-ntsholongwane sesandla esisekwelwe kwi-70% ye-alcohol.
3.2. Nangona kunjalo, le ngxelo ikwabonise ukuba kukho ukonyuka okuncinci kwe-4.9% kubantu abafumaneke benale ntsholongwane kwezi ntsuku zili-14 ezigqithileyo, ngethuba ingumhla we-18 kweyoKwindla 2021. Ezi zehlo ziye zonyuka ukusuka kuma-14 113 kwiintsuku ezili-14 eziphambi koko ukuya kwezingama-14 807 kwezi ntsuku zili-14 ezigqithileyo.
3.3. Oku konyuka kuncinci kwezehlo kungenxa yokuvela kwakhona kwezicuku eFreystata nakuMntla Koloni, kwaye amaqela okuphendula ngokukhawuleza athunyelwe ukuze ayokwenza uphando lokuthintana.

4. Ukuchacha koqoqosho
4.1. IKhabhinethi ilwamkele uPhando lweZinto Zonke lwaMinyaka le lwe-Front Office Business Process Outsourcing (i-BPO) luka-2021, olubeke uMzantsi Afrika kwindawo yokuqala njengendawo yokuya xa usenza i-BPO.
4.2. Olu phando belwenziwe ngabalawuli abangaphaya kwama-600 abasuka kwiimarike ezisibhozo zemithombo, aquka i-Australia, Canada, France, Jamani, Italy, Spain, i-United Kingdom (i-UK) kunye ne-USA.
4.3. Oku kuqinisekisa umsebenzi karhulumente necandelo lokwakha amandla elizwe e-BPO, ngokukhula okomeleleyo kwamaziko eminxeba, inkxaso yobugcisa, iinkonzo zee-ofisi ezisebenza nabantu nezisebenza ekhusini ezenzelwe iinkampani ezinkulu zamazwe ngamazwe nezoMzantsi Afrika.
4.4. Amaseko eli lizwe aphucukileyo e-intanethi, abasebenzi abanezakhono, ulwazi lobuchwepheshe kunye neenkonzo zezimali, kunye nobuchule besiNgesi, ziqhubeka nokulenza indawo enomtsalane ye-BPO.

5. Ukudalwa kwemisebenzi
5.1. IKhabhinethi iyavuya kuba inani leengenelelo zikarhulumente zokukhuthaza ukuthabatha inxaxheba kwabemi boMzantsi Afrika abongezelelekileyo kuqoqosho, ingakumbi abantu abatsha, ziyaqala ukubonakalisa iziphumo.
5.2. IsiVuseleli sikaMongameli seNgqesho esasekwa ngeyeDwarha ku-2020 ukuphendula kwifuthe le-COVID-19 kuqoqosho sidale okanye sagcina imisebenzi engama-360 010 ekupheleni kweyoMdumba ku-2021, ikakhulu kulutsha obelungaqeshwanga. Ngaphaya koko, isivuseleli sengqesho sixhase iindlela zokuziphilisa zabazuzi abangama-60 539 ngokugqithisa inkxaso, kuquka ukuveliswa kweevawutsha ezinikwa abalimi bokuziphilisa.
5.3. Ngaphaya kwama-300 000 ala mathuba avele ngokwenza abantu abatsha abancedisi ezikolweni kwilizwe liphela, ngesiNyathelo seNgqesho seMfundo esisiSeko. Aba bancedisi bezikolo badlale indima ebalulekileyo ekomelezeni indawo yokufunda ezikolweni ngexesha elinzima.

6. Uphuhliso lwamaseko
6.1. IKhabhinethi income inkqubela-phambili eyenziweyo ekuphuculeni ukusebenza ngendlela nokwenza iZibuko laseThekwini libe kwizinga lehlabathi, nto leyo ethe yakhokelela ekucuthekeni okukhulu koxinano nasekwenziweni komsebenzi ngokukhawuleza.
6.2. OHloniphekileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa, undwendwele iZibuko laseThekwini ngolweSine, umhla we-15 kweyoKwindla 2021 ukuhlola inkqubela-phambili ekuphuculweni kwamaseko eli zibuko emveni kokuba wayedibene nabantu abasebenzisa izibuko nabanebango kulo ngeyeDwarha ku-2019.
6.3. Ukuphucula ukusebenza kwamazibuko oMzantsi Afrika, ingakumbi iZibuko laseThekwini, kukumbindi weenjongo zikarhulumente zokugcina indawo yoMzantsi Afrika phakathi kwawona mazibuko oshishino makhulu nasebenza ngendlela nokomeleza indawo yethu njengesango lengingqi kunye nezwekazi.
6.4. IKhabhinethi iphinde yamkela ingxelo yotyelelo lokongamela kwiZibuko loNxweme lwase-Saldanha eNtshona Koloni olwenziwe nguMphathiswa wemiSebenzi kaRhulumente naMaseko u-Patricia de Lille – kunye noSekela-Mphathiswa uNoxolo Kiviet noGqr Kgosientsho Ramokgopa, iNtloko yoTyalo-mali naMaseko kwi-Ofisi kaMongameli – ngolwesiBini, umhla we-6 kweyoMdumba 2021.
6.5. INkqubo yokuLungiswa nokuGcinwa kwamaZibuko amancinci, eyiProjekthi yeCebo eliDityanisiweyo njengenxalenye yesiCwangciso soTyalo-mali lwaMaseko eyapasiswa yiKhabhinethi ngekaCanzibe ku-2020, iphantse ibe igqityiwe kuba iku-77%. Le projekthi kulindeleke ukuba igqitywe ngeyoKwindla ka-2022.

7. Iingxelo zeNyanga zeeNkcukacha-manani
7.1. EzeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika ziyaqhubeka nokukhupha inani leengxelo zenyanga ezimalunga nendlela aqhuba ngayo amacandelo ohlukeneyo oqoqosho. Nangona amanye amacandelo esaqhubeka nokusokola ukuvuseleleka, ukomelela kwamashishini olimo, awokuvelisa nawezimbiwa kuyaqhubeka nokukhuthaza ukuba nethemba ekuvuselelekeni koqoqosho loMzantsi Afrika.
7.2. IKhabhinethi iyavuya kuba ukufezekiseka kwesiCwangciso sokwaKhiwa ngokuTsha nokuVuselelwa koQoqosho kuba nefuthe elibonakalayo ekuchacheni koMzantsi Afrika.

8.  Ukuxhatshazwa ezikolweni
8.1. IKhabhinethi ivakalise inkxalabo malunga nokuxhaphaka kokuxhatshazwana ezikolweni zethu, okuquke isehlo sakutsha nje eMbilwi Secondary School eThohoyandou, eLimpopo; eDinwiddie High School e-Germiston, eRhawuthini naseMathole High School, KwaZulu-Natal.
8.2. IKhabhinethi iziva ilusizi kukusweleka kukaLufuno Mavhunga (15) wase-Mbilwi Secondary School eThohoyandou, eLimpopo, yaza yagqithisa amazwi ovelwano kusapho lwakwa-Mavhungu kunye nakubahlobo bakhe. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kwabomthetho ukuba baphande lo mba ngokukhawuleza baze baqinisekise ubulungisa obusebenzayo.
8.3. IKhabhinethi ikhuthaze abo banebango kwezemfundo, kuquka abazali nabo bagcina abantwana, ukuba babumbane balwe ukuxhatshazwa ukuze benze indawo elungele ukufunda. Luxanduva lwethu sonke ukuba sithethe sixele izehlo zokuxhatshazwa kwabasemagunyeni, ingakumbi ezamaxhoba angakwaziyo okanye oyikayo ukwenzenjalo.

9. Ulwaphulo-mthetho lwentiyo
9.1. IKhabhinethi ikugxeke ngokumandla ukonyuka kwakutsha nje kolwaphulo-mthetho lwentiyo ye-LGBTIQ+ ekhokelele ekuswelekeni kuka-Andile Ntuthela, uSiphamandla Khoza no-Nathaniel Mbele.
9.2. UMqulu wamaLungelo oLuntu ofakwe kuMgqo-siseko woMzantsi Afrika ka-1996 uthi masihloniphe amalungelo awo onke amalungu oluntu ngaphandle kwalo naluphina uhlobo localu-calulo. Olu lwaphulo-mthetho loyikekayo nezenzo zokuxhatshazwa azinandawo kwintando yesininzi yethu, kwaye kufuneka zigxekwe ngokumandla kangangoko sithi sonke.
9.3. IKhabhinethi ihlabe ikhwelo kuye nabani na ongancedisa ukuba kubanjwe ze kutshutshiswe abenzi bolu lwaphulo-mthetho ukuba aqhakamshelane namapolisa kwinombolo yasimahla engu-10111 okanye andwendwele isitishi samapolisa esikufushane naye.

10. Umkhuhlane weHagu wase-Afrika (i-ASF) kunye nomkhuhlane weeNtaka
10.1. IKhabhinethi iphawule ukuqhambuka kwe-ASF kwifama yase-Potchefstroom eMntla Ntshona kunye noMkhuhlane weeNtaka kwifama yorhwebo kwiMpuma Randi eRhawutini.
10.2. ISebe lezoLimo, uBuyekezo lwemiHlaba noPhuhliso lwamaPhandle kunye nabanye abanebango abachaphazelekayo bakhawuleze bonyusa amanyathelo okhuseleko baza bamisela uvalelo.
10.3. I-ASF sisifo esosulelayo esichaphazela iihagu zasekhaya nezasendle kuphela. UMkhuhlane weeNtaka uchaphazela iinkukhu kwaye awunakho ukugqithiselwa ebantwini.

11. Imisebenzi yokulwa imililo
11.1. IKhabhinethi iziqhwabele izandla iinzame zabasebenzi bokuhlangula nabacimi-mlilo abasebenze ngobugorha bengaphumli ukuphelisa imililo eKapa nase-Charlotte Maxeke Academic Hospital ngokulandelelana.
11.2. Imililo yaseKapa itshabalalise izakhiwo zembali, ngethuba eyase-Charlotte Maxeke Academic Hospital inyanzelise ukuthuthelwa kwezigulana ezingaphezulu kwama-400 kwezinye izibhedlele. IKhabhinethi inqwenelele abo bathe bonzakala kule mililo ukuchacha okukhawulezileyo. Uphando lokufumanisa intsusa yale mililo sele luqalile.

12. Ungquzulwano lwase-Mozambique
12.1. IKhabhinethi izamkele iinzame zoLuntu loPhuhliso loMzantsi we-Afrika (i-SADC) zokuzisa uxolo nokhuseleko olungenasiphelo, kwakunye noxolelwaniso nophuhliso, kwiRiphablikhi yaseMozambique.
12.2. INgqungquthela eNgaqhelekanga ye-Double Troika yabaPhathi baMazwe nooRhulumente be-SADC ebibanjwe ngolweSine, umhla we-8 kweyoKwindla 2021 eMaputo ithumele uncedo lobugcisa lwangoko nangoko eMozambique.
12.3. IKhabhinethi ikwanelisekile kukuba abemi boMzantsi Afrika abaseMozambique banikwe uncedo lommeli-lizwe ngeZiko leeyure ezingama-24 loMyalelo woMmeli-lizwe leSebe lezobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano. Iqela labemi boMzantsi Afrika libuyile ngethuba abanye besiwe kwiindawo ezikhuselekileyo eMozambique.

13. Ukubulawa okungenasizathu kwabafo bakwaCoka abazalwa kunye
13.1. IKhabhinethi ikugxekile ukubulawa okungenasizathu kwakutsha nje kwabafo ababini ebebezalwa kunye, uZenzele no-Amos Coka, kwifama yaseMpumalanga. Aba bantu bazalwa kunye bebeyinxalenye yeqela labantu abahlala kwifama ebebekhangela umsebenzi njengabantu abasebenza kwiifama ngamaxesha athile.
13.2. IKhabhinethi iwancomile amapolisa ngokukhawuleza abambe abo batyholwa ngokuba ngabenzi boku nasele bevele phambi kweNkundla kaMantyi yase-Piet Retief.
13.3. IKhabhinethi icele ukuba kubekho inzolo kuluntu ukuvumela ubulungisa ukuba buhambe indlela yabo ukuze kuqinisekiswe ukuba abo bathe bafunyaniswa benetyala bajongana nengalo yomthetho ngokupheleleyo.

14. Izisombululo ngabaqhankqalazi abaseKapa
14.1. UMphathiswa wemiCimbi yezeKhaya, uGqr Aaron Motsoaledi, unike ingxelo kwiKhabhinethi malunga nenkqubela-phambili eyenziwe nguMkomishoni oPhezulu weeMbacu weZizwe eziManyeneyo (i-UNHCR) ukusombulula umba omalunga nabaqhankqalazi abaseKapa, enkoliso yabo ingabemi base-Democratic Republic of Congo.
14.2. Aba baqhankqalazi baye banikwa indawo yokusithelisa iintloko okwethutyana e-Paint City nase-Wingfield eKapa phantsi kwemimiselo yeMeko yeNtlekele yeSizwe ye-COVID-19.
14.3. I-UNHCR inike uncedo lokuncedisa abaqhankqalazi ukuba baphinde bazinze kwiindawo zokuhlala eziseKapa nakwiindawo eziyingqongileyo. UMbutho weMfuduko wamaZwe ngamaZwe (i-IMO) nawo unike abo banqwenela ukubuyela kumazwe abo okuzalwa amatikiti enqwelo-moya. IKhabhinethi isamkele esi senzo sesisa nesisengqiqweni, kwaye ikhuthaza abaqhankqalazi ukuba basamkele.

B. IziGqibo zeKhabhinethi

1. Iphepha logayo-zimvo elingemiTshato
1.1. IKhabhinethi ivume ukuba iPhepha Logayo-zimvo elingemiTshato  lingapapashwa ukuze uluntu lukwazi ukunika izimvo zalo ngayo. Leli Phepha Logayo-zimvo lizama ukusebenzela ekuphuhlisweni koMthetho omtsha osaYilwayo womTshato oMnye. Likwayamanisa ulawulo lomtshato nenqobo yomgaqo-siseko wokulingana.
1.2. Eli phepha lenza izindululo malunga nemitshato yabantu bonke noba baziqhelanisa nabani ngokwesondo, nazo zonke iindidi zenkolo nenkcubeko. Likwandulula ukuba isuswe ngokupheleleyo imitshato yabantwana kulawulo lwethu oluzayo lomtshato.

2. IsiCwangciso sokuVuselelwa kweCandelo lezoKhenketho
2.1. IKhabhinethi isipasisile isiCwangciso sokuVuselelwa kweCandelo lezoKhenketho. Esi sicwangciso simele impendulo edibeneyo karhulumente necandelo lezokhenketho kwintshabalalo ebangelwe ngubhubhane we-COVID-19. Isicwangciso esasisayilwa sasipapashwe ukuze abantu banike izimvo zabo ngaso ngeyeThupa ku-2020.
2.2. Esi sicwangciso sindulula iingenelelo zecebo ezisixhenxe, eziquka ukukhuthaza imfuneko apha ekhaya; ukusungula iinkqubo zokushukumisa utyalo-mali nezixhobo; nokudityaniswa kokhenketho lwengingqi.
2.3. Ezi ngenelelo zindululwayo zikoyamene ne-ERRP yelizwe. Injongo yesi sicwangciso ukugcina imisebenzi neendlela zabantu zokuziphilisa, nokudala amathuba amatsha emisebenzi. Esi sicwangciso siza kuphinda someleze iingenelelo zokudala inguqu kweli candela ze siqhube ukunikwa amandla kwamanina, ulutsha kunye nabantu abakhubazekileyo kweli candelo.
2.4. UMphathiswa uMamoloko Kubayi-Ngubane umisele esi siCwangciso sokuVuselelwa kwezoKhenketho kunye nabo bonke abakwishishini lokhenketho ebutsheni bentsasa yanamhlanje.

3. INgxelo engokusebenza kweNkqubo yoPhando noPhuhliso (i-R&D) lweNkuthazo yeRhafu
3.1. IKhabhinethi ikupasisile ukufakwa kweNgxelo engokuSebenza kweNkqubo ye-R&D yeNkuthazo yeRhafu ka-2018/19 ePalamente ngokufunwa liCandelo-11 D loMthetho weRhafu, ka-1962 (Mthetho-58 ka-1962).
3.2. Le nkqubo yenkuthazo yerhafu yasungulwa ukuze incedise ilizwe ukuba lifikelele kwi-1% yemveliso yelizwe yonyaka kwinkcitho ye-R&D xa kufika u-2024. Uluntu luza kukwazi ukuyifumana le ngxelo yakuba igqithe kwiinkqubo zasepalamente.

4. INgxowa-mali yeMbuyekezo yaxa ungenaTyala
4.1. IKhabhinethi ikupasisile ukusekwa kweNgxowa-mali yeMbuyekezo yaxa ungenaTyala. Ukusekwa kwale Ngxowa-mali kuhambelana nezivumelwano ekwangenwa kuzo neenkampani zoveliso-mayeza ezizakube zinika uMzantsi Afrika amachiza okugonyela i-COVID-19.
4.2. Le Ngxowa-mali ikwabalulekile kukhuseleko lwabemi boMzantsi Afrika abanokuthi bachatshazelwe ziziphumo ezizezinye zamachiza okugonya ukuze bakwazi ukufumana inkxaso nonyango olungcono.
4.3. Le Ngxowa-mali isekwe ngezilungiso zeCandelo-27 loMthetho wokuLawulwa kweeNtlekele, ka-2002 (Mthetho-57 ka-2002). Usihlalo wayo uza kuba yijaji.

5. INgxelo engeSigqeba esikwiNqanaba eliPhezulu (i-HLP) soLawulo lweziLwanyana zaseNdle
5.1. IKhabhinethi iyivumile ingxelo ye-HLP yoLawulo lweziLwanyana zaseNdle, eyasekwa bubuPhathiswa bezeNdalo amaHlathi, nezokuLoba ukuze siphonononge imigaqo-nkqubo, imithetho neendlela ekusetyenzwa ngazo kwimiba eyoyamene nolawulo, ukufuywa, ukuzingelwa, ukurhweba nokuphathwa (intlalo-ntle nokhuseleko) lwezilwanyana zasendle zelizwe ezisebungozini. Ezi ziquka iindlovu, iingonyama, iingwe kunye nemikhombe.
5.2. Obu buPhathiswa kulindeleke ukuba bupapashe izindululo zesi sigqeba ukuze ziphunyezwe futhi zigqithe kwiingxoxo eziyimfuneko.

C. UMthetho oYilwayo

1. UMthetho-sihlomelo oyilwayo ongeNkqubo yoLwaphulo-mthetho
1.1. Urhulumente uphumeze ukungeniswa koMthetho-sihlomelo oyilwayo ongeNkqubo yoLwaphulo-mthetho ePalamente. Lo Mthetho osayilwayo uhlomela iCandelo-154(3) lo Mthetho ongeNkqubo yoLwaphulo-mthetho, ka-1977 (Mthetho-51 ka-1977), ethe iNkundla yoMgaqo-siseko yafumanisa ukuba uyasilela ekukhuseleni isazisi sabantwana abangamaxhoba olwaphulo-mthetho kwiinkqubo zolwaphulo-mthetho.
1.2. Eli gatya likhoyo likhusela isazisi sabo bona abantwana, amaxhoba, namangqina ngakwiziphumo ezinobungozi zokupapashwa kokubandakanyeka kwabo kwiinkqubo zolwaphulo-mthetho de babe neminyaka eli-18.
1.3. Ezi zilungiso zindululwayo zithintela ukupapashwa kwazo naziphi na iinkcukacha eziveza okanye ezingaveza isazisi somtyholwa okanye ingqina elingaphantsi kweminyaka eli-18 ngethuba lokwehla kwesityholo. Zingapapashwa kuphela emveni kokugunyaziswa ligosa lezomthetho okanye ijaji eyongameleyo.

D. IMisitho Ezayo

1. INyanga yeNkululeko noSuku lweNkululeko
1.1. INyanga yeNkululeko yalo nyaka ibhiyozelwa phantsi komxholo othi: “UNyaka ka-Charlotte Maxeke: iNtsingiselo yeNkululeko phantsi kwe-COVID-19”.
1.2. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kuye wonke umntu ukuba asebenzise imibhiyozo yeNyanga yeNkululeko noSuku lweNkululeko ukuqhubeka nokulwa le ntsholongwane ngethuba sisebenzela ukubandakanyeka komntu wonke nobumbano lwasekuhlaleni.
1.3. Sonke sinoxanduva lokusebenzisa intando yesininzi nenkululeko ukusebenzisana nokumanyana sakhe uMzantsi Afrika omanyeneyo nophumeleleyo.
1.4. Umbhiyozo walo nyaka uzakusebenzisa indlela entlangothi mbini, wona umbhiyozo wesizwe uza kubanjelwa eFreystata.

2. USuku lweeNcwadi lweHlabathi
2.1. USuku lweeNcwadi lweHlabathi, olukwaziwa ngokuba luSuku lwamazwe ngamaZwe lweeNcwadi, luphawulwa rhoqo ngonyaka ngomhla we-23 kweyoKwindla. Olu suku lusetyenziselwa ukukhuthaza abantu ukuba bathande iincwadi nokuncedisa ukuseka isiko elingcono lokufunda.
2.2. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase isiko lokufunda nokuba bakubandakanye kwizinto abazenzayo neendlela abaphila ngazo imihla ngemihla. Ukufunda sisakhono esisisiseko ekusekelwa kuso ezinye iindlela zokufunda kwaye kudala amathuba okufumana amathuba emisebenzi.

E. Imiyalezo

1. Amazwi ovelwano
IKhabhinethi igqithise amazwi ovelwano kusapho nabahlobo baka:

  • Gqr Sindisiwe van Zyl (45), ugqirha wobuyeza obethandwa kakhulu nobenenkqubo e-Khaya FM ochukumise ubomi babantu abaninzi nobenegalelo elikhulu kwimpilo nentlalo-ntle yesizwe.
  • Vukosi Ringani, Nhlaluko Maluleke, Freedom Rihlamfu, Aubrey Chauke, Temba Nyambi, no-Thomy Masipenda abafundi abathandathu base-Jim Chavani Secondary School kwisithili saseVhembe, eLimpopo abasweleke ngethuba ibhaki ebebehamba ngayo iye yatshayisa indlu.
  • Mhlekazi wobuKumkani uNkosana u-Philip, isiDwangube sase-Edinburgh (100) e-UK.
  • Mnu Bhekizizwe Vusimuzi Mpila (43), obengumkhwenyana kaSekela-Mongameli u-David Mabuza.
  • Mongameli Idriss Déby Itno (69) weRiphablikhi yase-Chad. IKhabhinethi ibugxekile ubundlobongela obuthathe ubomi babantu abaninzi, kuquka nobo bukaMongameli Déby oye wanikezela kumonzakalo awufumane ngethuba ekhokele amaqela omkhosi besilwa uhlaselo lwabavukeli.

F. Ukuqeshwa

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo kunye nokuqinisekiswa okufanelekileyo.
1.    IBhodi yabaLawuli  beNgxowa-mali ye-Inshorensi yabangaQeshwanga:

  • Mnu Zola Luswazi (USihlalo);
  • Mnu Edward Malometje Thobejane;
  • (Nks Martle Keyter;
  • Mnu Donald Khumalo;
  • Nks Louressé Specht;
  • Nks Vuyiswa Miya;
  • Mnu Thembinkosi Josopu;
  • Nks Thandiwe Mfulo;
  • Gqr Hamilton Daluxolo Ntsinde;
  • Mnu Takalani Musekwa;
  • Nks Brenda Sibeko; kunye no-
  • Nks Ogalaletseng Gaarekwe.

2.    Ukwandiswa kwexesha lamalungu eBhodi yezoKhenketho yoMzantsi Afrika:

  • Mnu Siyabonga Dube (USihlalo);
  • Nks Mojankunyana Gumbi;
  • Mnu Aloysius Ikalafeng;
  • Mnu Enver Duminy;
  • Nks Michelle Constant;
  • Mnu Ravi Nadasen;
  • Nks Kathleen Elizabeth Rivett-Carnac;
  • Nks Lindiwe Sangweni-Siddo;
  • Mnu Mduduzi Zakwe;
  • Nks Zola Baba Tshefu;
  • Nks Gloria Serobe; kunye no
  • Nks Nomzamo Bhengu.

3.    IBhodi yabaLawuli boLawulo lweNyukliya yeSizwe:

  • Nks Vuyiswa Miya;
  • Mnu Allan Taylor;
  • Mnu Peter Becker; kunye no
  • Nks Khangela Baloyi.

4.    Amalungu eBhunga leBhodi yemiBoniso-bhanyabhanya noPapasho:

  • Nks Zamantungwa Mkosi (USihlalo);
  • Gqr Siyasanga Mhlangabezi Tyali;
  • (Nks Lungelo Nxele;
  • Nks Agalutchmi Pillay;
  • Mnu Phosa Mashangoane;
  • Nks Gloria Zanele Nkosi;
  • Nks Mpho Sedibe;
  • Gqr Andile Nontso; kunye no
  • Mmeli Lufuno Tokyo Nevondwe.

5.    IBhodi yabaPhathiswa beTrasti eziMeleyo yoPhuhliso:

  • Nks Tebogo Magogodi Malaka;
  • Mnu Krishen Sukdev;
  • Nks Lerato Kumalo;
  • Nks Karabo Siyila;
  • Nks Nthabiseng Mkhwanazi;
  • Njng Raymond Nkado;
  •  Mnu Mpilo Sakile Mbambisa;
  • Nks Zimbini Hill;
  • Mnu Tim Sukazi; kunye no
  • Gqr Michael Sutcliffe.

6.    UmThunywa oyiNtloko nomThunywa onguMncedisi beKomishoni yaManzi ye-Lesotho Highlands:

  • Mnu Teboho Nkhahle; kunye no
  • (iGqr Musa Furumele.
  • Nks Thembelihle Mbatha njengeGosa eliyiNtloko lezeziMali (i-CFO) leNkonzo yokuva iziKhalazo zeeNkqubo zoLuntu kwiSebe lezokuHlaliswa koLuntu, aManzi nokuGutyulwa kweLindle.
  • Nks Nonhlanhla Nyewula njenge-CFO yase-SENTECH.
  • Mnu Shonisani Mathews Munzhedzi njengeGosa eliyiNtloko leZiko loMzantsi Afrika leZilwanyana neziTyalo.
  • Nks Nondumiso Mandisa Tshikwatamba njengoSekela-Mlawuli-Jikelele (i-DDG): weeNkonzo zoShishino kwiSebe lezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko.
  • Nks Constance Moitse njenge-DDG: yeeNkonzo zokuMelana noRhwaphilizo kunye noKhuseleko kwiSebe lemiCimbi yezeKhaya.
  • Gqr Nicholas Gilmour Crisp njenge-DDG: ye-Inshorensi yeMpilo yeSizwe kwiSebe lezeMpilo.  
  • Mnu Allan Golden Zimbwa njenge-DDG: yeNkxaso yezobuGcisa kwi-Arhente yeNkxaso yaMaseko ooMasipala.
  • Mnu Lindokuhle Cedric Mkhumane njengoMlawuli-Jikelele kwiSebe loPhuhliso lwamaShishini amaNcinci.

Share this page

Similar categories to explore