INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-7 kweyeNkanga wowama- 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wesi-7 kweyeNkanga ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba engundaba-mlonyeni

1. Ingqungquthela kaMongameli yobuNdlobongela oBujoliswe KwabeSini Esithile nokuBulawa kwabaseTyhini

1.1. IKhabhinethi iyazamkela iingxoxo eziqhube kakuhle kakhulu zeNgqungquthela kaMongameli yobuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile (i-GBV) nokuBulawa kwabaseTyhini ebibanjwe ngomhla woku-1 nowesi-2 kweyeNkanga. Le Ngqungquthela isibonisile ukuba kufuneka kuvunyelwane ngokukhawuleza ngamacebo aza kusetyenziswa ukulwa le ngxaki ixakileyo yobundlobongela obujoliswe kwabesini esithile, ukucalulwa kwabantu basetyhini kunye nomahluko okhoyo kwindlela abaphathwa ngayo abantu bezini ezahlukeneyo. 

1.2. Urhulumente uvumile ukuziqwalasela kwakhona izicwangciso zesizwe zokulwa i-GBV nokuba kuqulunqwe isiCwangciso seSizwe sokuSebenza esingomba we-GBV. Urhulumente usazimisele ukusebenzisana nawo onke amahlakani ukuze aqinisekise ukuba siyaliphungula izinga nenani leziganeko ze-GBV - size ekugqibeleni siyiphelise nya.

1.3. IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kubo bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzisane ukuze batshintshe ngokumandla izimvo, iindlela zokwenza izinto kunye namaziko ukuze kupheliswe ubundlobongela obujoliswe koomama.

2. Ezotyalo-mali

2.1. IKhabhinethi iyayamkela iNkomfa yoTyalo-mali eqhube kakuhle kakhulu ibibanjwe ngeyeDwarha eSandton eRhawutini. Le Nkomfa yoTyalo-mali incede uMzantsi Afrika wathenjiswa ngamacandelo ahlukeneyo oqoqosho ngemali engaphezulu kweebhiliyoni ezingama-290 zeerandi ezakuya kumaphulo otyalo-mali. Oku kongeza kwimali ekuthenjiswe ngayo engaphezulu kweebhiliyoni zeerandi ezingama-400 ngethuba abathunywa bezotyalo-mali beqhuba iphulo lotyalo-mali kumazwe ahlukeneyo ebebewatyelele njengezithunywa zikarhulumente.

2.2. Le Nkomfa ibizinyaswe ngabathunywa abangaphezulu kwe-1 000 abaphuma kumazwe angaphezulu kwama-35. Le nkomfa ibinomoya omhle wentsebenziswano futhi neli lizwe liye lawaveza namathuba otyalo-mali akhoyo kweli kunye nemigaqo-nkqubo eza kunceda ukwenza eli lizwe libe lelinamathuba amahle otyalo-mali.

2.3. IKhabhinethi ibaqhwabele izandla abasebenzi ebebesenza amalungiselelo ale Nkomfa kwaye inethemba lokuba iza kuzifumana iingxelo ezinika iinkcukacha ngomsebenzi owenziweyo kunye nangokuzalisekiswa kwezithembiso ezenziweyo. 

2.4. Njengoko uMzantsi Afrika kunye nawo onke amazwe ase-Afrika eqinisa amalinge okukhulisa uqoqosho lweli lizwekazi, iKhabhinethi iyayamkela iNgqungquthela yoTyalo-mali yase-Afrika, eqhubayo eRhawutini sithetha nje neza kuphela ngomhla wesi-9 kweyeNkanga. Le Ngqungquthela yoTyalo-mali yase-Afrika iququzelelwe yi-African Development Bank. Injongo yayo kukwakhela kule misebenzi mihle neyimpumelelo ikhoyo ngokudibanisa abatyali-mali becandelo labucala noorhulumente ukuze kugwadlwe amaqhinga amatsha okukhulisa eli Lizwekazi lase-Afrika. 

2.5. INkomfa ye-G20 enge-Afrika ibisanda kubanjwa kutsha nje iza kuncedisa kumaphulo okuhlumisa uqoqosho ngenxa yezithembiso ezingqingqwa ezikhuthaza utyalo-mali zinkampani zabucala kunye nokuthatha inxaxheba kwamazwe ase-Afrika kuqoqosho njengenxalenye yelinge leSivumelwano ne-Afrika (i-CwA). Usihlalo we-CwA nguMzantsi Afrika ubambisene neGermany kuba uyinxalenye yeQela labaCebisi lase-Afrika.

2.6. IKhabhinethi ikwamkele ukuvulwa ngokusesikweni kwePhuthaditjaba Industrial Park eFreyistatha etyabule imali ezizigidi zeerandi ezingama-50. Lo mmandla wemizi-mveliso uza kuphuhlisa imizi-mveliso uze unyuse namaphulo okuvula amathuba emisebenzi nohlumo kweli phondo.

2.7. IKhabhinethi inethemba lokuba la malinge okungenelela aza kunceda ekuphunguleni ingxaki yabantu abaninzi abangasebenziyo kweli lizwe ngokuthi ivuselele ithemba nomdla wabantu.  

3. Ukudala imisebenzi

3.1. Urhulumente uwenza ngqingqwa amaphulo okudala imisebenzi emininzi yabantu abatsha kunye nabemi boMzantsi Afrika ngokubanzi, ugxininisa kuqoqosho lwasezilokishini nolwasemaphandleni, kunye namashishini abantu basetyhini nolutsha abangabona bantu bathwaxwa kakhulu zezi meko zoqoqosho zingentlanga.

3.2. IKhabhinethi iqinisekile ukuba isicwangciso sokuvuselela uqoqosho, esiza kugalela imali ezibhiliyoni ezingama-50 zeerandi kumacandelo angundoqo afana nelezolimo, eleziseko zikarhulumente, elezoqoqosho lwasezilokishini nolwasemaphandleni, siza kuncedisa kumalinge okudala imisebenzi nawokuvuselela uqoqosho.

3.3. Oku kuza kongeza kwiziphumo ezibambekayo zeNgqungquthela yemiSebenzi apho urhulumente, amashishini kunye nemibutho yabasebenzi bazibophelela: ukuthenga iimveliso zeli; ukonyusa ngamandla umthamo weempahla zorhwebo ezithunyelwa kumazwe angaphandle; ukungenelela kwindlela asebenza ngayo amashishini achaphazeleka kwimisebenzi yokucolwa nokuhlelwa kweemveliso zezolimo kunye nokuxhasa amashishini amancinci naphakathi ukuze kudalwe imisebenzi.

3.4. IKhabhinethi ikholelwa ukuba la manyathelo okungenelela abaluleke kakhulu ekusabeleni kwiziphumo zoPhando lweKota lwezeMisebenzi lwekota yesithathu yowama-2018, ezibonise ukunyuka kwenani lemisebenzi nokwanda kwenani labantu abangasebenziyo. Kwisithuba seenyanga ezintathu, kudalwe imisebenzi engama-92 000. Kodwa ngenxa yabantu abangama-131 000 abebesele belahle ithemba bephinde bazicenga balinganisa abanye abantu bafuna imisebenzi kule kota, inani labantu abangasebenziyo linyuke ngo-0.3% laya kutsho ku-27.5%.  

3.5. Ngokweziko leeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-Stat SA) imisebenzi ivele kwicandelo lezenkonzo zoshishino, elezorhwebo nelezokwakha kwaze kwadendwa kwicandelo lezemigodi, elemizi-mveliso, elezothutho kunye nabasebenzi abancedisa emakhaya. Inani labantu abasebenza kwicandelo lemisebenzi ebhaliswe ngokusesikweni lehlile, laze lenyuka kwicandelo lemisebenzi engabhaliswanga ngokusesikweni.

4. Ukubhiyozela iminyaka engama-20 yoMthetho wezoKhuphiswano

4.1. IKhabhinethi iqaphele ukuba uMthetho wezoKhuphiswano ugqiba iminyaka engama-20 ukho ukususela oko waqala ukusebenza ngenyanga yeDwarha ngowe-1998. Kule minyaka ingama-20 idlulileyo, amagosa eKomishoni yezoKhuphiswano aphumelele amadabi amaninzi ebewalwa nezigqubu zamashishini apheka amaxabiso, ingxaki yamashishini amakhulu afuna ukuzenzela unothanda nokuba kuqinisekiswe ukuba iimfuno zoluntu zibekwa phambili xa kukho inkampani ethengwa okanye ethenga enye. IKomishoni yezoKhuphiswano sele ihlawulise umdliwo iinkampani ezophula uMthetho wezoKhuphiswano imali engaphezulu kweebhiliyoni ezisibhozo zeerandi njengesohlwayo. I-Ofisi yoMphathiswa wezoPhuhliso loQoqosho, isebenzisa amasolotya akuMthetho wezoKhuphiswano, yenze imali engaphezulu kwiibhiliyoni ezintlanu zeerandi kwingxowa-mali eyodwa ukuncedisa amashishini amancinci, abanikezeli-zinkonzo beli kunye nakumaphulo okutatamisa amafama antsundu akwazi ukurhweba nezinye iinkampani ezinkulu zeli.

4.2. IKhabhinethi iwaqhwabela izandla amagosa eKhomishini yezoKhuphiswano ngomsebenzi omhle awenzayo wokuqinisekisa ukuba kukho iinkampani ezintsha nazo ezithatha inxaxheba kuqoqosho lweli kunye nokukhuthaza abantu beli ukuba baziqalele awabo amashishini futhi nendlela yokhuphiswano engadleleleliyo.

5. Intlanganiso ye-18 yeBhunga labaPhathiswa le-Indian Ocean Rim Association (i-IORA)

5.1. IKhabhinethi iliqhwabela izandla iSebe lezobuDlelwano bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano ngokubamba iNtlanganiso ye-18 yeBhunga labaPhathiswa (i-COM) le-Indian Ocean Rim Association eDurban kwiphondo laKwaZulu-Natal ngomhla wesi-2 kweyeNkanga 2018 phantsi komxholo othi: "Ukumanyanisa Abantu base-Afrika, Asia, Australasia kunye naboMbindi-Mpuma ngokusebenzisana ngamandla kumaphulo oXolo, uZinzo noPhuhliso oluZinzileyo".

5.2. Ezinye zeziphumo zentlanganiso ye-18 ye-IORA sisiBhengezo esiSodwa sokuhlonipha uMongameli Nelson Mandela ongomnye wabo baseka i-IORA. Oku kukhokelele ekubeni kumiselwe "inkqubo yokuqeqesha, i-IORA Nelson Mandela: 'Yiba Ngumzekelo Wemisebenzi Yakhe’” ekulindeleke ukuba iphehlelelwe ngenyanga yeKhala ngowama-2019. Eli linge lilungiselelwe ukuxhobisa nokuqeqesha abantu abatsha be-IORA batsho bafumane amava omsebenzi kuloo makhondo bawafundelayo.

6. Ukulwa uLwaphulo-mthetho

6.1. IKhabhinethi iyalamkela iButho lokuLwa ubuGulukudu elisanda kumiselwa nguMongameli Cyril Ramaphosa eHanover Park, eNtshona Koloni. Eli nyathelo lokungenelela longeza kula malinge akhoyo karhulumente liza kunceda kakhulu ekupheliseni nya le ngxaki yolwaphulo-mthetho oluphenjelelwa yimigulukudu neziyobisi kwiindawo ezihlala abantu bakuthi.

6.2. Eli butho linamalungu aqeqeshwa kwizakhono zokukwazi ukumelana neemeko ezinobungozi kakhulu njengeko ephuma kwibutho elibukhali kwezokulwa ubundlobongela (amabharethi), kwibutho leemeko ezinzima kakhulu ezingaphaya kwamandla amapolisa esiqhelo (i-special task force) kwakunye nebutho lokungenelela xa kunzima (i-national intervention unit).  Ngelokuzama ukulwa ulwaphulo-mthetho, eli cebo likhokelwa ngurhulumente liza kuqaliswa kulo lonke eli. 

6.3. IKhabhinethi icela bonke abantu ukuba basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho ukuze kubekho ukhuselo nokhuseleko, izinto ezo zibaluleke kakhulu kuphuhliso lwesizwe. IKhabhinethi isazimisele ekuqinisekiseni ukuba abantu abaziva nje bekhuselekile koko bakhusele ngenene kwiindawo abahlala kuzo.

7. Ixesha lokungeniswa kweengxelo zerhafu

7.1. IKhabhinethi ibabulela bonke abahlawuli berhafu ngokungenisa ngokukhawuleza amaxwebhu abo eengxelo zerhafu awama-2017/18. Ixesha lokuwangenisa livalwe ngomhla wama-31 kweyeDwarhwa 2018. Imali efunywana kwiirhafu yiyo ekuthenjelwe kuyo kakhulu ukuqinisekisa ukuba urhulumente uyakwazi ukuhambisa iinkonzo ebantwini.

8. ISkimu seSizwe sokuNcedisa ngeMali yokuFunda (i-NSFAS)

8.1. IKhabhinethi ikhumbuza abafundi abafuna ukufaka izicelo zoncedo lwemali lowama-2019 ku-NSFAS ukuba ixesha lokufaka izicelo ezifakwa nge-intanethi liza kuvala ngomhla wama-30 kweyeNkanga 2018.

8.2. Ngomhla woku-1 kweyoMsintsi 2018, ixesha lokufakwa kwezicelo lavulwa kubo bonke abafundi abafanelekileyo abafuna ukuqhubeleka nezifundo zabo ngowama-2019 kwizifundo ezivumelekileyo kwidyunivesiti zikarhulumente kunye neekholeji zeMfundo noQeqesho kubuGcisa nobuChule (ii-TVET) eMzantsi Afrika.

8.3. Abafundi bayakhuthazwa ukuba bangenise izicelo zabo nge-intanethi okanye baye kumaziko e-Arhente yeSizwe yoPhuhliso loLutsha (i-NYDA) ungekafiki umhla wokuvala.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

9. IKhabhinethi isivumile isiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo ngelinge lokuzama ukukhusela izinto ezibalulekileyo zezoqoqosho ngokumayelana norhwebo, utyalo-mali kunye nophuhliso lwamashishini. Eli cebo lenzelwe ukuqinisekisa ukuba izivumelwano esinazo namazwe ehlabathi ziluncedo kwiingxaki eli lizwe elijongene nazo ezifana nokulwa indlala, intswelo-ngqesho nokungalingani.

Eli cebo ligxininisa ukuba uMzantsi Afrika kufuneka usebenzele uphuhliso oludibanisa i-Afrika iphela kusetyenziswa utyalo-mali kunye nokungena kwizivumelwano eziza kunceda kwiinjongo zeli lizwe. Sikwaqinisa nobudlelwano bezorhwebo notyalo-mali namazwe atyebileyo size sikhangele utyalo-mali oluza kungena kweli, uphuhliso lwezakhono nokufundiswa ngobuchwepheshe kunye neemveliso ezinengeniso entle.

10. IKhabhinethi ikuvumile ukunyuswa kwemivuzo yamalungu eKhomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika (i-SAHRC). UMthetho weKhomishoni yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika, wowama-2013 uthi imivuzo, izibonelelo kunye neminye imiqathango nemigaqo yokusebenza ibekwa nguMongameli emva kokuba efakene umlomo neKhabhinethi kunye noMphathiswa wezeMali.

C. Imisitho ezayo

11. UMbutho weHlabathi wezabaSebenzi (i-ILO)

IKhomishoni ePhezulu yeHlabathi yeKamva loMsebenzi yoMbutho weHlabathi wezabaSebenzi (i-ILO) iza kubamba ingqungquthela yawo yonyaka ukusuka ngomhla we-15 ukuya kowe-17 kweyeNkanga 2018. UMongameli Cyril Ramaphosa ungomnye bosihlalo bale Khomishoni obambisene nogxa wakhe waseSweden uStefan Löfven. Le Khomishoni iPhezulu yeHlabathi, eyasekwa yi-ILO ngowama-2017, inikwe umsebenzi wokuhlola iinguqu ezikhawulezayo ezenzekayo emisebenzini, ijonge izinto eziyimingeni ephambili kunye nezinto ekufuneka zenziwe ukwenza imisebenzi ibe ngcono futhi isekelwe kubulungisa. Umsebenzi wale Khomishoni yeHlabathi uhambelana namaphulo karhulumente okudala imisebenzi endilisekileyo nesisigxina kunye namalinge okuqinisekisa ukuba abantu abatsha boMzantsi Afrika banazo izikhono ezifunekayo ukuze bakwazi ukuyenza ngempumelelo imisebenzi yale mihla.

12. Umsitho womboniso i-China International Import Expo (i-CIIE)

IKhabhinethi iyakwamkela ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika njengelizwe elilindwendwe eliphezulu kumboniso i-China International Import Exp (i-CIIE) obanjelwe eShanghai. UMphathiswa wezoRhwebo noShishino uRob Davies nguye okhokela igqiza leenkampani zoMzantsi Afrika ezingama-27 eziya kulo mboniso. Eli gqiza lincediswe ngemali liSebe lezoRhwebo noShishino ngokusebenzisa i-Export Marketing and Investment Assistance (i-EMIA) Scheme

Ukuthatha inxaxheba koMzantsi Afrika kunceda eli lizwe likwazi ukubonisa ngesakhono salo kwezorhwebo notyalo-mali kwaye sikulinde ngabomvu ukubuya kwezi nkampani zithatha inxaxheba kulo mboniso ziquka ezikwicandelo lezokucolwa nokuhlelwa kweemveliso zolimo, elezezihlangu nesikhumba, elezobunjineli, elezekhemikhali zepetroli, elezentsimbi zololiwe, elezokhuselo kwakunye nelezobuchwepheshe bolwazi nonxibelelwano (i-ICT), ziphethe izicelo zokuthenga okanye izintlu zezinto ezifunwa ukuthengwa kuwo. Ngethuba kubanjwe lo Mboniso, uMzantsi Afrika ububambe nendibano yezotyalo-mali ebigxininisa kumathuba akhoyo kwicandelo lezemizi-mveliso.

13. IVeki yeSizwe yokuGxigxinisa kwiiMbizo

Ezi veki zimbini zizayo apho urhulumente eza kube emanxada-nxada ziza kuphawula umsitho obanjwa isihlandlo sesi-9 weVeki yeSizwe yokuGxininisa kwiiMbizo, oququzelelwa liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (i-GCIS). Amalungu eKhabhinethi kwakunye neenkokeli zamaphondo nezomasipala aza kubamba iintlanganiso neembizo noluntu kulo lonke eli. Uluhlu oluneenkcukacha ngenkqubo eza kuqala ngomhla we-12 iye kowama-25 kweyeNkanga 2018 luza kufakwa ku: www.gov.za.

Abemi boMzantsi Afrika bayakhuthazwa ukuba basebenzise eli thuba bafakane imilomo neenkokeli zabo ngemiba enxulumene nokuhanjiswa kweenkonzo ukuze siqinisekise ukuba siyasebenzisana kumalinge okuphuhlisa esi sizwe.

D.  Amazwi ovelwano

14. IKhabhinethi ithi akuhlanga lungehliyo kwiintsapho nezihlobo zabo bathe basweleka kwimililo ibigqugqisa kummandla weGarden Route neziphaluka, kwakunye naseMpuma Koloni. Le mililo ibulele uNico Heyns, obengumqhubi wenqwelontaka osebenzela i-Working on Fire. Futhi ukhokelele nasekuswelekeni kwabanye abantu abasithoba baze abanye abamalunga nama-2000 batshelwa ngamakhaya abo. Izindlu ezininzi kunye neendawo ezinkulu ezinohlaza ziye zatsha.  IKhabhinethi ibabulela kakhulu abacimi-mlilo kunye namagosa olawulo lweentlekele athe ashukuma ngoko nangoko, esebenzisana noMkhosi woMoya woMzantsi Afrika kunye ne-Working on Fire, abasebenze ngokuzinikela besindisa abantu futhi becima nomlilo.

15. IKhabhinethi ithi tutuni kuRhulumente nabantu base-Indonesia ngokweseleka kwabantu abali-189 abawe nenqwelo-moya ibisanda kusuka kwikomkhulu lase-Indonesia, iJakarta.

E. Amazwi okuvuyisana

16. IKhabhinethi iwuqhwabela izandla uMzantsi Afrika ngokonyulwa ngaphandle kokuphikiswa ukuba ube lilungu leBhunga loMbutho weziSeko zezoNxibelelwano weHlabathi (i-ITU) ngoMvulo, umhla wesi-5 kweyeNkanga 2018 ngethuba kubanjwe iNkomfa eNkulu ye-ITU eDubai.

IKhabhinethi iyavuyisana noMnu Mandla Mchunu weZiko lezoNxibelelwano eliziMeleyo loMzantsi Afrika (i-Icasa) owonyulwe ukuba abe lilungu leBhodi yokuLawula ooNomathathotholo ye-ITU kwakuye noNksz Doreen Bogdan-Martin ngokonyulwa kwakhe abe nguMlawuli weCandelo lezoPhuhliso leziSeko zoNxibelelwano, nokuba ngumntu wasetyhini wokuqala ukuba yinxalenye yezikhulu ze-ITU ukususela oko yasekwayo ngowe-1865.

UMzantsi Afrika awuwuvali umlomo leli wonga ulinikwe zezinye izizwe zokuba ube yinxalenye yezikhulu ze-ITU kule minyaka imine izayo. Siza kulisebenzisa eli thuba silwelwe iinkqubo ezikhokelisa phambil uphuhliso nokuba sibe lihlabathi eliqinisekisa ukuba wonke umntu uyalifumana ulwazi kule mihla siphila kuyo ixhomekeke kubuxhaka-xhaka beekhompyutha ne-intanethi.

17. IKhabinethi ithi huntshu kwi-Federal Democratic Republic of Ethiopia ngokonyula umongameli wokuqala ongumama, oHloniphekileyo uSahle-Work Zewde, nokwangumongameli ongumntu wasetyhini ekukuphela kwakhe e-Afrika. UMzantsi Afrika uza kuqhubeleka usomeleza ubudlelwano nelizwe lase-Ethiopia kwimimandla emininzi equka urhwebo, ubudlelwano bezopolitiko nobezoqoqosho.

18. IKhabhinethi ithi halala kuMongameli waseCameroon uPaul Biya, obekwe ngokusesikweni isihlandla sesixhenxe. IKhabhinethi icela abantu baseCameroon ukuba basebenzisana balungise izinto ngoxolo ngokubamba iingxoxo zothetha-thethwano eziza kuquka wonke umntu. IKhabhinethi inethemba lokuba buza kuba ngqingqwa nangakumbi ubudlelwano bezopolitiko, ezoqoqosho kunye nezorhwebo phakathi koMzantsi Afrika neCameroon.

19. IKhabhinethi iyavuyisana nabantu baseBrazil ngokubamba ulonyulo olube yimpumelelo oluza kwenza uMongameli ongekabekwa weFederative Republic of Brazil, oHloniphekileyo uJair Bolsonaro ukuba abe nguMongameli waseBrazil olandelayo.

20. IKhabhinethi ibanqwenelela okuhle kodwa abantu boMzantsi Afrika benkolo yesiHindu ababhiyozela i-Diwali okanye i-Deepavali. Lo ngumsitho wezenkolo obulela uloyiso lokuhle lusoyisa okubi, ulwazi nobulumko luphumelela phezu kobuyatha kwakunye nokudeda kobumnyama kuvele ukukhanya. Inga ubuqaqawuli bukaSombawo bungawusikelela ngoxolo, amathamsanqa, ulonwabo, impumelelo kunye nenzaliseko uMzantsi Afrika, njengoko nathi sisonke sidlala indima yethu ukukhuthaza imvisiswano nomanyano kweli lizwe lethu lineentlobo ezahlukeneyo zenkcubeko neenkolo.

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

21. Ukuqeshwa kwakhona kukaNksz Nomfundo Maseti njengeLungu elisisiGxina leQumrhu loLawulo, elijongene nemithetho elawula iGesi ehamba ngemiBhobho, eliza kusebenza kwiBhodi ye-NERSA. 

22. Aba bantu balandelayo baqeshwe kwiBhunga lobuNgcali kwezoKwakha:

a. Absalom Mosabeni Molobe (uSihlalo);
b. UNksz Maphefo K Mogodi (uSekela-Sihlalo);
c. UNksz Zandile Yvonne Mathe;
d. UGq Jenitha Badul;
e. Ngwako Edward Hutamo;
f. Noninzi Qina;
g. Gert Hendrik Meyer;
h. Jerry Leigh Magolius;
i. Hendrik Ndlovu;
j. UGq Keith Ivor Jacobs;
k. U-Adv Boitumelo Tlhakung;
l. Inge Maree Vieira;
m. Sinenhlanhla Thuleleni Mthembu;
n. UGq Prittish Dala
o. Ulandi Exner
p. UNksz Florence Rabada;
q. UNksz Noluthando Hazel Molao; kunye
r. noGq Claire Deacon.

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore