INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wesi-7 kweyeThupha ngowama-2019

IKhabhinethi ibihlangene ngoLwesithathu, umhla wesi-7 kweyeThupha ngowama-2019 kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli 

A.  Imibandela Engundaba-mlonyeni
1.  Izithembiso zeBhunga leSizwe zoPhuhliso loQoqosho nabaSebenzi (i-NEDLAC) 

1.1.  IKhabhinethi isaxhalabile ngamazinga aphezulu entswelo-ngqesho namanani aphantsi okukhula koqoqosho elizweni lethu. Iziphumo zoPhando zeKota ngeNani labaSebenzi zekota yesibini yowama-2019 nezipapashwe liZiko lezeeNkcukacha-manani zoMzantsi Afrika (i-StatsSA), zalatha ukuba izinga elisesikweni lentswelo-ngqesho linyuke nge-1,4% ukuya kuma-29.0%i xa lithelekiswa nelekota yokuqala yowama-2019. 
1.2.  IKhabhinethi isazibophelele ekulweni neengxaki ezinzulu eziqhubekayo nokuchaphazela indlela oluqhuba ngayo uqoqosho lweli lizwe kunye nesakhono salo sokusombulula imingeni yesizwe ezineengxaki zophuhliso. 
1.3.  Isivumelwano sokuthathwa kwamanyathelo akhawulezileyo esityikitywe ngawo onke amaqela kwi-NEDLAC sizibophelela ekuhlanganeni nabalingane abamxhelo-mnye ngenyanga nganye ukuze kujongwe iindlela aqhuba ngayo amaphulo okuzalisekisa izithembiso ezingama-77 ezenziwa kwiNgqungquthela yemiSebenzi. Iintlanganiso zeenyanga ziya kuchotshelwa nguMongameli uCyril Ramaphosa ukususela kweyoMsintsi ngowama-2019.  
1.4.  Izithembiso zawo onke amahlakani ethu – aquka urhulumente, abasebenzi, abezoshishino nemibutho yoluntu – zigxininisa kwiinkqubo zokudala imisebenzi, amacebo okushenxisa imiqobo ethintela ukuzefekiswa kwezi zithembiso, ngokunjalo nezivumelwano zokunqanda ukudendwa kwabasebenzi kunye neendlela zokuthintela ukulahleka kwemisebenzi. Okunye okuqukwe kwizithembiso ngamaphulo ajoliswe kumacandelo athile ukuze kukhuliswe uqoqosho.

2.  INtsebenziswano yoMzantsi Afrika neJapan
2.1.  IKhabhinethi iyasamkela isindululo sentsebenziswano phakathi koMzantsi Afrika neJapan sokulwa ungcoliseko olubangwa ziplastikhi ngokuxhasa amacebo okuzisa utshintsho kushishino lweeplastikhi kweli lizwe luyeke ukuvelisa nokusebenzisa iiplastikhi zesiqhelo kusetyenziswe ezo zingenabungozi kokusingqongileyo.

3.  INkomfa ye-18 yoMthetho wokuKhulisa nokuNika i-Afrika amaThuba (i-AGOA)
3.1.  Kutshanje uMzantsi Afrika ube nenxaxheba kwiNkomfa ye-18 ye-AGOA ebibanjelwe eCôte d'Ivoire phantsi kwesihloko esithi: “I-AGOA neKamva: UkuQulunqwa kweNkqubo eNtsha yoRhwebo eza kuba sisiKhokelo soRhwebo noTyalomali lwe-United States (i-US) ne-Afrika”. 
3.2.  I-AGOA yinkqubo ezimeleyo yorhwebo yase-US enika isaphulelo serhafu yorhwebelwano kwiintlobo zempahla ezithile ezithengiselwa amazwe ngaphandle ezingaphezulu kwama-6 400 ezisuka kumazwe angama-40 ase-Afrika akummandla ongezantsi kweNtlango yaseSahara anelungelo lokuxhamla izibonelelo eziza ne-AGOA, aquka uMzantsi Afrika, ukuze zikwazi ukuthengiswa e-US.
3.3.  Iingxoxo zaseMzantsi Afrika ezakhayo nezinika ithemba noMmeli wezoRhwebo wase-US zicacise iindlela eli lizwe elinokukwazi ukungena ngazo lirhwebe e-US lize lifumane notyalo-mali oluvela e-US, into leyo ibaluleke kakhulu kumaphulo okudala imisebenzi nokulwa intswelo. 

4.    Ukuhlaselwa kwapolisa angamalungu eNkonzo yamaPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS) 
4.1. Ukuhlaselwa kwakutshanje kwamapolisa angamalungu e-SAPS esemsebenzini wawo kwisiXeko saseRhawutini akufanelanga kunyanyezelwa. IKhabhinethi ilugxeka kabukhali olu hlaselo kwaye iyalele amapolisa eli nezinye ii-arhente zogcino-mthetho ukuba baphande abarhanelwa ngaphandle koloyiko okanye ikhethe. 
4.2. UMgaqo-siseko weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika wonyaka we-1996 uyalela ukuba ii-arhente zogcino-mthetho, eziquka amapolisa, mazithintele, zilwe ngokunjalo ziphande ngolwaphulomthetho, zigcine ucwangco elizweni, zikhusele kwaye ziqinisekise ukhuseleko lwabemi nempahla yabo ngokunjalo ziqinisekise ukuba imithetho iyathotyelwa. 
4.3. Naluphi uhlaselo kumagosa eli ogcino-mthetho, luhlaselo kumbuso wethu kunye namagunya awo njengelizwe elizimeleyo, kwaye izenzo ezifana nezi azinakuyekwa zingohlwaywa. Sicelo bonke abantu beli ukuba bawaxhase amaqumrhu nee-arhente zikarhulumente, ingakumbi ezo zinoxanduva lokuqinisekisa ukuthotyelwa kwemithetho yeli lizwe futhi bazimanye nathi kwidabi lokulwa ezi zenzo zobugebenga nobundladiya zokuhlaselwa kwamapolisa. 
4.4.  IKhabhinethi ihlaba ikhwelo kwii-arhente zogcino-mthetho ukuba ziqhube ngokuqinisekisa ukuthotyelwa komthetho ngokunjalo ziqinisekise ukuthotyelwa komthetho ngaphandle kwamathandabuzo kwabo baphula imithetho yelizwe lethu. Imithetho yoomasipala ifanele ukuthotyelwa ngawo onke amaxesha kwaye simema bonke oomasipala beli ukuba baqinisekise ukuthotyelwa kwemithetho yoomasipala. Sililizwe elithobela umthetho eliya kuqhuba ngokuqinisekisa ukuba kukho uxolo, uzinzo nempumelelo yabemi balo. 
4.5. IKhabhinethi ilindele ukuba bonke abahlala okanye abasebenza eMzantsi Afrika basebenzisane nee-arhente zogcino-mthetho kwidabi lokulwa izenzo zolwaphulomthetho nezingekho mthethweni.
4.6. IKhabhinethi iqinisekisa isizwe ukuba ii-arhente zogcino-mthetho ziza kuthatha amanyathelo angqongqo ngendlela enganulisini  futhi zibambe abantu abaqhuba ulwaphulwa-mthetho nobundlobongela.   

5. Ukonakaliswa kwempahla karhulumente

5.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuphela kogwayimbo kwisiXeko saseTshwane. Nangona kunjalo, kukhathaza kakhulu ukuba abaqhubi beebhasi bavale imigaqo emikhulu besebenzisa iibhasi zikamasipala njengemivalo, kanti abanye abaqhankqalazi bebesonakalisa kwaye kuvakala nokuba bebegrogrisa abantu.  
5.2.  IKhabhinethi ixhalabile ziziganeko ezandayo zokonakaliswa kwempahla karhulumente ezenzeka xa kukho imingcelele yogwayimbo noqhankqalazo kweli lizwe. Ilungelo lokuqhankqalaza likhuselwe kwaye liyaphakanyiswa kuMgaqo-siseko, kanti zininzi iindlela ezinoxolo zokuvakalisa izikhalazo zoluntu ngaphandle kokutshabalalisa iinkonzo nempahla karhulumente. Ukulungisa ngokutsha iziseko zophuhliso kutya imali eninzi futhi kuphazamisa ezentlalo kuba kubangela inkxamleko eninzi ebantwini abasebenzisa ezo zibonelelo imihla ngemihla.

6. Isigqibo ngentlawulo yesifo sethayisisi (i-silicosis)

6.1. IKhabhinethi iyiqaphele intlawulo yembuyekezo eyimbali eyimali ezibhiliyoni zeerandi ezintlanu neyamkelwe yiNkundla ePhakamileyo yaseGauteng, kwaye oku kuthumela umyalezo ongqongqo kwiinkampani zemigodi wokuba zifanele ukulubeka phambili ukhuselo lwabasebenzi ukuthintela izifo ezinokubakho sekulithuba emva kokuthatha kwabo umhlalaphantsi.
6.2. Isigwebo seNkundla ePhakamileyo siya kukhokelela kwimbuyekezo yamawaka abasebenzi basemigodini bexesha langaphambili ngenxa yentlungu nembulaleko abayinyamezele emva kokufunyanwa zizifo ezinxulumene nokusebenza amathuba amade emigodini yegolide.  
6.3.  IKhabhinethi iphinde yancoma amagqwetha, aquka nequmrhu likarhulumente elibonelela ngoncedo lwezomthetho simahla, athe amela amaqela ngamaqela kwityala elithathe ithuba elide eliqosheliswe ngokuba kubuyekezwe abasebenzi basemigodini bangaphambili okanye iindlalifa ezifanelekileyo zabasebenzi basemigodini asebelandulele eli Phakade, emva kokuphathwa yithayisisi okanye ziintlobo ezithile zesifo sephepha (i-TB) abazifumana bekwimigodi ethile yegolide emva komhla we-12 kweyoKwindla ngowe-1965.
6.4.  Iinkampani ezintandathu zemigodi yegolide – i-African Rainbow Minerals, Anglo American, AngloGold Ashanti, Gold Fields, Harmony kunye neSibanye-Stillwaters – ngokuhlangana namagqwetha abafaki-bango, ziza kuseka iTshiamiso Trust, eza kuqinisekisa ukuba abasebenzi basemigodini abafanelekileyo okanye iindlalifa zabo ezifanelekileyo zifumana imbuyekezo.

7.  Isivumelwano saseMozambique 

7.1. IKhabhinethi yamkela ukusayinwa kwesiVumelwano soXolo noXolelwaniso eMozambique ngoLwesibini, umhla wesi-6 kweyeThupha ngowama-2019, njengophawo lobumbano nabantu baseMozambique, nangenxa yokuxhasa uxolo nozinzo kweliya lizwe.
7.2. Isivumelwano silandela iingxoxo zezopolitiko phakathi kukaRhulumente waseMozambique neMozambican National Resistance Movement (i-RENAMO), nezikhokelele ekutyikityweni kwesivumelwano sokubekwa phantsi kwezikhali ngomhla woku-1 kweyeThupha ngowama-2019.
7.3. UMzantsi Afrika neMozambique ngamazwe anobudlelwane bobuhlobo nentsebenziswano kwezopolitiko, kwezoqoqosho nakwezentlalo nobusekelwe kumakhonkco entsebenziswano akudala asusela kwiminyaka yomzabalazo wenkululeko. UMongameli uRamaphosa kunye nezinye iiNtloko zeMibuso ezininzi ezivela kwi-SADC ebewuzimasile lo msitho wokutyikitywa kwesivumelwano.

8. Umba kaCaster Semenya

8.1. IKhabhinethi idaniswe kukuba imbaleki yethu eyimbalasane, uCaster Semenya, ingazi kuvunyelwa ukukhusela intshinga yayo yomgama ongama-800m kuKhuphiswano lweHlabathi lweeNtshatsheli eDoha, eQatar. Oku kulandela isigwebo esiwiswe yinkundla yaseSwitzerland esixhase umthetho woMfelandawonye wemiButho yeHlabathi yezeeMbaleki (i-IAAF) onyanzelisa ukuba asele amayeza okunciphisa incindi yedlala lobudoda, i-testosterone.

8.2. IKhabhinethi imxhasa ngokupheleleyo uNksz Semenya njengoko esenza isibheno sokulwela amalungelo akhe asisiseko njengomntu. Njengazo zonke ezinye iimbaleki, unelungelo lokukhuphisana nabanye ngaphandle kokunyanzeleka ukuba aguqule umzimba wakhe ngawo nawaphi amayeza.

9.  IiMbasa zeSizwe

9.1. IKhabhinethi imema abantu baseMzantsi Afrika ukuba batyumbe abantu abababona bekufanele ukuwongwa ngeyona ntshinga iphakamileyo yelizwe, iMbasa  yeSizwe.
9.2. Ezi mbhasa zinika imbeko ebantwini baseMzantsi Afrika nakubezizwe zasemzini ababalasele ngegalelo kwidabi lokufikelela kuMzantsi Afrika okhululekileyo, omanyeneyo, ongenabuhlanga, ongacalucaluli ngokwesini, onenkqubela nolawulwa ngentando yesininzi.
9.3. Ithuba lokuphakamisa amagama abantu abafanele ukuwongwa ngeeMbasa zeSizwe zowama-2020 liza kuvalwa ngomhla wama-31 kweyeThupha ngowama-2019 kanti umsitho wokunikezelwa kwezi mbasa uya kuba kwekaTshazimpuzi ngowama-2020. Iifomu zokufaka amagama abantu aphakanyisiweyo zifumaneka kwiwebhusayithi ye-Ofisi kaMongameli ethi: www.thepresidency.gov.za. Abantu bayakhuthazwa ukuba iifomu zabo zikhatshwe yinkcazelo nengcaciso enika izizathu zokuba bacinge ukuba lo mntu bamtyumbileyo ufanelekile. 

B.  IziGqibo eziseNgundoqo
1.1 Ukuqhambuka kwesifo se-Ebola 


UMphathiswa wobuDlelwane bamaZwe ngamaZwe neNtsebenziswano, uGq Naledi Pandor kunye noMphathiswa wezeMpilo, uGq Zweli Mkhize, banike iKhabhinethi inkcazo emfutshane, ngokuqhambuka kwe-Ebola eDemocratic Republic of Congo kunye nangomngcipheko omkhulu wokuqhambuka kwesi sifo emazweni angabamelwane.

1.2. Esi sifo sisulela umntu sisuka komnye ngokuthi kudibane igazi ngqo nezinye iintlobo zencindi zomzimba zabantu abanesifo. NgokoMbutho weHlabathi wezeMpilo (i-WHO), uMzantsi Afrika uhlelwa njengelinye lamazwe e-Afrika elinamathuba amancinci kakhulu okuhlaselwa sesi sifo.
1.3. IKhabhinethi iphinde yanikwa inkcazelo ngamalungiselelo eli lizwe esele liwenzile ukulalelisela xa i-Ebola inokuqhambuka kweli lizwe. Amaphulo amathathu ophando okuhlola  aqinisekise ukuba mancinci kakhulu amathuba okuba uMzantsi Afrika uhlaselwe sesi sifo. Amanyathelo angamalungiselelo sele enziwe kwangaphambili elizweni lethu kuquka ukukhetha izibhedlele ezibekelwe oku kuwo onke amaphondo eli xa kungenzeka ukuba i-Ebola iqhambuke kweli lizwe. Ngaphandle kwezibhedlele ezichongiweyo, amanyathelo athathwayo aquka amaziko okuhlola abekelwe bucala kumazibuko namasango okungena kweli lizwe, unxibelelwano nonxulumaniso ngokunjalo neelebhu ezikhethiweyo ukulungiselela xa sinokuthi esi sifo siqhambuke kweli. 
1.4. IKhabhinethi iwamkele amalungiselelo okulalelisela enziweyo okuqinisekisa ukuba ilizwe liya kukwazi ukusilwa esi sifo xa sinokuthi siqhambuke kweli. Nangona kunjalo, sifuna ukuqinisekisa abemi beli ukuba uMzantsi Afrika ulilizwe elinamathuba amancinci kakhulu okuhlaselwa yi-Ebola. 

C. Imisitho ezayo

1.  USuku lweSizwe looMama
1.1. NgoLwesiHlanu, ngomhla we-9 kweyeThupha, ilizwe liza kuba nesikhumbuzo soSuku lweSizwe looMama, oluluphawo lomzabalazo welizwe elingenabundlobongela bunxulumene nezini, elingenacalucalulo ngobuhlanga nangesini, phantsi kwesihloko esithi: “iMinyaka engama-25 yoLawulo ngeNtando yesiNinzi: ukuKhulisa uMzantsi Afrika Sisilwela Ukukhupha ooMama emaKhamandeleni”.
1.2. UMongameli uRamaphosa uza kube esisithethi sembeko kulo msitho uza kubanjelwa eVryburg Showgrounds, kwisiThili saseDr Ruth Segomotsi Mompati, eMntla Ntshona.
1.3. INyanga yooMama seyibone amalungiselelo ajolise  ekuxhobiseni nasekukhuseleni oomama. La malungiselelo aquka ukutyumba kukaMongameli uRamaphosa amalungu kwiKhomishoni yoLingwano ngokweSini (i-CGE). I-CGE liziko likarhulumenteni elisekwe ngokomthetho wasePalamente ukukhuthaza intlonelo malunga nokuphathwa kwezini ngokufanayo nokukhuselwa, uphuhliso nempumezo yokuphathwa kwezini ngokufanayo.
1.4.  Oomama banendima ebalulekileyo abafanele ukuyidlala ekwakhiweni koqoqosho lwelizwe, ekudalweni kwemisebenzi nasekuphuculeni iintsapho ukuze ziphume kwintswelo. Ukuxhotyiswa koomama kubaluleke kakhulu kumaphulo okulwa iintlungu yoxhatshazo nempatho-mbi eyambethe eli lizwe loMzantsi Afrika. IKhabhinethi imema onke amahlakani ethu ukuba awubeke phambili umba wokuxhotyiswa koomama ngokunjalo athathe nenxaxheba kwimisebenzi namaphulo okubhiyozela usuku lwesizwe looMama ngomso.

2.  INgqungquthela yoMbutho woPhuhliso lwaMazwe e-Afrika eseMzantsi (i-SADC)

2.1. UMongameli uRamaphosa uza kukhokela igqiza loMzantsi Afrika eliza kuthatha inxaxheba kwiNgqungquthela yesihlandlo sama-39 yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente be-SADC eza kubanjelwa eTanzania ngomhla we-17 nowe-18 kweyeThupha ngowama-2019.

2.2.  Ngethuba lale ngqungquthela, uMongameli waseTanzania uJohn Magufuli uza kwamkela iwonga lokuba ngusihlalo we-SADC kuxha wakhe waseNamibia uMongameli uHage Geingob. 
2.3.  Le Ngqungquthela ye-SADC kukwalindeleke ukuba ixoxe ngemibandela ebanzi, kuquka umba wokuphunyezwa kwezicwangciso zokusebenza  neenkqubo ezisentloko zale ngingqi ye-SADC ezifana nokwakhiwa kwemizi-mveliso, urhwebo, uphuhliso lweziseko ezingundoqo, ukusekwa kwepalamente ye-SADC, kunye nokuzinziswa koxolo nokhuseleko kulo mmandla we-SADC.

D. Imiyalezo

1. Amazwi ovelwano

IKhabhinethi ithumele amazwi ovelwano:
1.1.  ebantwini beRepublic of Tunisia emva kokusweleka kukaMongameli uBeji Caid Essebsi.
1.2.  kusapho nabahlobo bakaToni Morrison, umbhali owathweswa iMbasa kaNobel (i-Nobel Prize), osweleke eneminyaka yobudala engama-88. Iincwadi zalo mbhali wodumo bezibalisa ngempilo nobomi babantu abaNtsundu base-US. Oko ukwenze isithuba esingaphezulu kweminyaka engama-50 esebenzisa iincwadi zenoveli eziquka ethi: Beloved kunye nethi: The Bluest Eye.
1.3.  ebantwini base-India emva kokusweleka kwegqala lase-India kwezopolitiko eNew Delhi, uSushma Swaraj, obeneminyaka engama-67 ubudala. USwaraj wayenguMphathiswa wezangaPhandle weliya lizwe ukususela kowama-2014 ukuya kowama-2019. Ebengumntu wasetyhini wesibini ukubamba esi sikhundla  oko ilizwe lase-India labakho.

2.  Ukuvuyisana nemiNqweno emiHle

IKhabhinethi:
2.1. incoma iqela labasebenzi abangama-45 abangabacimi bomlilo be-Working on Fire nabaphathi babo bezikhundla eziphezulu, abachithe phantse iintsuku ezingama-30 besilwa nemililo kwiPhondo laseAlberta eNtshona Canada. Eli qela belithunyelwe kweliya lizwe ukuya kuncedisa ngethuba kucinywa umlilo wamadlelo omkhulu eChuckegg Creek otshise ummandla ongaphezulu kweehektare ezingama-350 000 ukususela kwekaCanzibe ngowama-2019, emva kwesicelo seziko laseCanada, i-Inter-Agency Forest Fire Centre. 
2.2.  ivuyisana neendadi zeli abachwayitise isizwe sethu satsho saneqhayiya ngabo kuKhuphiswano lwe-FINA lweeNtshatsheli lweHlabathi lowama-2019 olubanjelwe eSouth Korea. UZane Waddell ufumene imbasa yegolide ngokuqubha isiqolo, i-backstroke, kumgama  ongama-50m, uChad le Clos wafumana iimbasa ezimbini zebronzi kwi-butterfly kumgama ongama-100m nongama-200m, waze uTatjana Schoenmaker wawongwa ngembasa yesilivere kwi-breaststroke kumgama ongama-200m.
2.3.  inqwenelela iqela loMzantsi Afrika le-basell labanemiNyaka engaPhantsi kweli-18 okuhle xa bebhabhisela iflegi yethu phezulu kwitumente yeNdebe yeHlabathi eza kubanjelwa eSouth Korea ukususela ngomhla wama-30 kweyeThupha ukuya kowesi-8 kweyoMsintsi ngowama-2019.
2.4. ivuyisana noKhanyisile Mthetwa, umbethi-mbande, ongowokuqala wase-Afrika ukukhethelwa iwonga ngowama-2019 leMyrna Brown International Scholarship (yowama-2019), enikwa yi-National Flute Association of America.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams – isiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore