INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-24 kweyeDwarha wowama- 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-24 kweyeDwarha ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba engundaba-mlonyeni

1. INtetho yoMgaqo-nkqubo woHlahlo Lwabiwo-mali lwesiGaba esiPhakathi (i-MTBPS)

1.1. IKhabhinethi iyayamkela i-MTBPS yokuqala yoMphathiswa wezeMali uTito Mboweni, esekelwe kumoya ongagungqiyo wokuba uMzantsi Afrika ungakhutshwa kule ntsunguzi.

1.2. I-MTBPS yowama-2018 igxininisa imeko enzima yezoqoqosho neyezezimali urhulumente aseza kujamelene nayo kule minyaka mithathu izayo. Izinga lohlumo loqoqosho lowama-2018 lithotyiwe lisuka kwi-1.5% laya ku-0.7%, kwaye imeko yoqoqosho lwehlabathi engentlanga isawathwaxa amazwe anoqoqosho oluhlumayo. I-MTBPS yowama-2018 izalisekisa isicwangciso sikaMongameli sokuvuselela nokuhlumisa uqoqosho, sona esisekelwe kuzinzo kwimali zombuso nakwimali-nzala. 

1.3. Urhulumente uzimisele ekuqinisekiseni ukuba kukho uzinzo kwizimali zakhe, kodwa kuye kwakhona ukuyekelela kwisandla solawulo lwezimali ukususela kuHlahlo Lwabiwo-mali lowama-2018 ngeyoMdumba kulo nyaka. Urhulumente uzimisele ukungaqhubeleki eboleka aze aliphungule netyala lakhe. Phantsi kwezi meko zezimali nezoqoqosho zimaxongo, olu lwabiwo-mali lucetywayo lisaqhubeleka nokukhokelisa phambili ukugalela imali kwinkcitho yeenkqubo zezentlalo ezixhasa imfundo esisiseko, iinkonzo zempilo, intlalontle yoluntu, iinkonzo zamanzi, ezogutyulo nothutho lwelindle kunye nombane.  

2. INgqungquthela yezeMpilo kaMongameli 

2.1. IKhabhinethi iyazamkela iziphumo zeNgqungquthela yezeMpilo kaMongameli ebilungiselelwe ukulungisa imingeni emininzi inkqubo yezempilo karhulumente ejamelene nayo. Iziphumo zale Ngqungquthela ziza kunceda kakhulu kumalungiselelo okuqalisa i-Inshorensi yezeMpilo yeSizwe (i-NHI).

3. Ukubuyiswa komhlaba

3.1. IKhabhinethi iyakwamkela ukuqhutywa ngokuthe gqolo kwenkqubo yokubuyekezwa nokubuyiswa komhlaba elungisa umonakalo ombi wangaphambili futhi nenceda kuhlumo loqoqosho. 

3.2. UMongameli Cyril Ramaphosa ebekhokela umsitho wokubuyiselwa komhlaba, apho umhlaba ozihektare ezingama-4 586 unikezelwe abantu baKwaMkhwanazi Empangeni, kwiphondo laKwaZulu-Natal. 

3.3. Abantu baKwaMkhwanazi baza kufumana isibonelelo kunye noncedo lasemva kokubuyiselwa umhlaba eliza kubanceda batsho bakwazi ukuxhamla bonke ubutyebi obukuwo. Oku kutshintsha abantu balapha ekubeni ngamafama alimela ukutya babe ngalawo alimela ukurhweba futhi babe ngabo nabantu abangabanikazi bawo onke amashishini eme ngalo mhlaba wabo.

3.4. Urhulumente uzimisele ukuxhasa amaphulo okuqinisekisa ukuba amashishini ezolimo asakhasayo awabhangi, la mashishini aquka iiprojekthi ezingama-262 ezinxulumene nokubuyekezwa komhlaba eziza kufunyanwa lulutsha nabantu basetyhini kuwo onke amaphondo eli.

4. Ukonakaliswa kwezibonelelo ezingundoqo zoluntu

4.1. IKhabhinethi ivakalise ukukhathazeka kukutshatyalaliswa kwezibonelelo ezingundoqo zezothutho. Oku kuwabuyisela emva amalinge karhulumente okusa iinkonzo kwiindawo ezizazihlelekile ngaphambili. Akukho kunganeliseki kunokusetyenziswa njengesizathu sokutshabalalisa iziseko zophuhliso loluntu. Ukonakalisa iimpahla ngolu hlobo kuhlutha iinkonzo ezifunwa kakhulu ngabantu abangathathi ntweni.

4.2. IKhabhinethi icela abantu ukuba bahlale bebeke iliso futhi basebenzisana nee-arhente zogcino-mthetho ukuze abo bakhokela le mikhuba baziswe ngaphambili. IKhabhinethi iyazi nokuba lo mba uza kuchotshelwa yiNtlanganisela yezobuLungisa, uThintelo loLwaphulo-mthetho noKhuseleko.   

5. INkqubo yokuqesha uMlawuli kaZwelonke weGunyabantu lezoTshutshiso (i-NDPP) 

5.1. IKhabhinethi iyayamkela le ndlela intsha isetyenziswayo yokuqeshwa kwe-NDPP. UMongameli Ramaphosa utyumbe iQela labaCebisi ukuze likhangele lakugqiba liqhube udliwano-ndlebe nabantu abanezakhono ezifanelekileyo zokuba babambe isikhundla sokuba yiNtloko yeGunyabantu lezoTshutshiso (i-NPA). Eli qela lidibene okokuqala kule veki kwaye kulindeleke ukuba lingenise amagama abo bantu libakhethileyo kuMongameli ngomhla wesi-7 kweyoMnga 2018.  

6. IsiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko

6.1 IKhabhinethi isigwadlile nesiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko esingokusetyenziswa, ukulinywa nokuphathwa kwentsangu ngumntu omdala kuye okanye kwindawo eyiyakhe eza kuyisebenzisa kuye buqu. Ixoxile nangeziphumo zesi sigwebo. Abantu ngokubanzi bayacelwa ukuba basifunde basiqonde esi sigwebo njengoko ukutshaywa nokusetyenziswa kwentsangu esidlangalaleni kungavumelekanga. Ukongeza, esi sigwebo asithi kusemthethweni ukuthengisa intsangu.

6.2 IKhabhinethi iyaqonda ukuba esi sigwebo kufuneka sifundwe neminye imithetho enokuchaphazela ukusetyenziswa, ukuphatha nokulima intsangu. IKhabhinethi isabonisana neengcali zomthetho ngesi sigwebo.

7. INgqungquthela yoKhuseleko eziKolweni

7.1.  IKhabhinethi iyayamkela iNgqugquthela yezoKhuseleko eziKolweni ibisandwa kubanjwa nguMphathiswa weMfundo esiSiseko u-Angie Motshekga. Le ngqungquthela ibizinyaswe ngamahlakani ezemfundo nawamanye amacandelo ukuze kukhangelwe izisombululo ngemiba yezokhuseleko ezikolweni zeli lizwe kwakunye nokuqalisa amalungiselelo okwakha izikolo ezikhuselekileyo.

7.2. Oku kulandela iziganeko zobundlobongela obenzeke kwezinye izikolo, eziquka ukubulawa kabuhlungu kwetitshala eneminyaka engama-24, uMnu Gadimang Daniel Mokolobate, emva kokuhlatywa abulawe ngumfundi eRamotshere Secondary School eZeerust, eMntla Ntshona.

7.3. Onke amahlakani ethu avumelene ukuba ubundlobongela ngokubanzi, ingakumbi ezikolweni, abamkelekanga konke konke kwaye kufuneka kusetyenziswane ukuqinisekisa ukuba izikolo zizindawo ezikhuselekileyo ebafundini nakootitshala.

8. Iimviwo zematrikhi 

8.1. IKhabhinethi inqwenelela abafundi, ingakumbi abeBanga 12, okuhle kodwa ngeli xesha lokubhalwa kweemviwo. Kulo nyaka isebe liza kuqhuba iimviwo nangoLwimi lweZandla loMzantsi Afrika (i-SASL) kuLwimi lweNkobe kubafundi abangama-58 abangeva kakuhle ngeendlebe kuzo zonke izikolo ezili-10 ezinaba bafundi. Into leyo yenzeka okokuqala ezimbalini. Iimviwo ziza kuqhuba iiveki ezintlanu ezinesiqingatha kwaye ziza kugqitywa ngomhla wama-28 kweyeNkanga.

8.2. Abafundi kulo lonke eli lizwe baza kutyikitya isifungo ngokuzithandela bezibophelela ukuba baza kulihlonipha igama nesidima seemviwo ngokungathathi inxaxheba kwizenzo ezinxamnye nomthetho. Abazali nabagcini-bantwana bayakhuthazwa ukuba babancedise abafundi ngeli thuba linzima kangaka kubomi babo besikolo. Kubalulekile nokukhuthaza abafundi ukuba bancekelele esikolweni bade bawaphumelele onke amabango esikolo. 

B. Izigqibo zeKhabhinethi

9. IKhabhinethi ikuvumile ukubhengezwa kweMimandla eKhuselweyo yaseLwandle (ii-MPA) engama-20 njengenxalenye yoLuhlu lwee-MPA oluMele yoNke iMimandla eKhuselweyo ye-Operation Phakisa: Uqoqosho lwaseLwandle.   

Uncedo lokuhlela kwakhona le mimandla luza kuvumela, phakathi kwezinye izinto, uphuhliso olumandla lokhenketho olugxininisa kwindalo kunye nokuba iinkampani ezincinci zokuloba zikwazi ukuzifumana iintlanzi ezikhuselwe ngendlela engazikuzibangela ukuba zitshabalale. Ezi ndlela zokuhlela zicetywayo zilandela emva kweengxoxo ebezibanjwe ngawo onke amahlakani afanelekileyo. Ii-MPA ziza kupapashwa kwiGazethi kaRhulumente. 

10. IKhabhineti isivumile isiCwangciso seSizwe sokuSebenza (i-NAP) seSibini esiHlaziyiweyo saLungelelaniswa sokuLwa ukuTshatyalaliswa koMhlaba Ube yiNtlango, ukuTshatyalaliswa koMhlaba kunye nokuLwa uMonakalo weziPhumo zeMbalela (sowama-2018-2030). I-NAP ineenjongo zokufaka isandla kumaphulo olondolozo-ndalo nawokusetyenziswa komhlaba nobunye ubutyebi bendalo ngenkathalo.
UMzantsi Afrika wasityikitya isiVumelwano seZizwe eziManyeneyo sokuLwa ukuTshatyalaliswa koMhlaba uBe yiNtlango ngowe-1997. Ngokuhambelana noMhlathi 9 wesi sivumelwano, amazwe asityikityayo kunyanzeleke ukuba aqulunqe, alungise aze aphumeze i-NAP njengesixhobo esingundoqo sesicwangciso-qhinga sokulwa ukutshatyalaliswa komhlaba ube yintlango kunye nokulwa umonakalo weziphumo zembalela. UMzantsi Afrika waqulunqa i-NAP yawo yokuqala ngowama-2004.

C. ImiThetho esaYilwayo

11. IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho-sihlomelo oYilwayo wezaBantwana upapashwe kwiGazethi kaRhulumete ukuze uluntu luhlomle. Lo Mthetho uYilwayo ulungiselwe ukuphucula inkqubo zokunakekela nokukhusela abantwana ngokukhuthaza intsebenziswano phakathi kwamasebe namacandelo ahlukeneyo.  

Ezi zilungiso zisabela kwisiGwebo seNkundla ePhakamileyo yoMntla Gauteng seyeNkanga ngowama-2017, apho iSebe loPhuhliso loLuntu lanyanzeliswa ukuba lilungiselele lize lifake izilungiso ezifanelekileyo kuMthetho wezaBantwana, wowama-2005 (uMthetho 38 wowama-2005) malunga nesisombululo esisemthethweni ukulungiselela ulawulo lwenkqubo apho umntu adlala indima yobuzali ngamagunya omthetho emntwaneni ongengowakhe.

12. IKhabhinethi ivumile ukuba uMthetho-sihlomelo oYilwayo weeNkonzo zePosi ungeniswe ePalamente. Lo Mthetho uYilwayo uzalisekisa iPhepha lokuCacisa uMgaqo-nkqubo weSizwe oHlanganisiweyo woBuchwepheshe boLwazi noNxibelelwano (i-ICT) owawuvunywe yiKhabhinethi ngenyanga yoMsintsi ngowama-2016. 

Iinjongo zalo Mthetho uYilwayo kukuba sibe nePosi yoMzantsi Afrika esebenzayo nekwaziyo ukumelana nokhuphiswano enceda ngazo zonke iinkonzo zeposi futhi nefikeleleka kumntu wonke kunye nekhuthaza iinguqu kwicandelo lezeposi. Lo Mthetho uYilwayo ukwacacisa nendlela ekufuneka abantu basemaphandleni nabaphantsi kweenkokeli zomthonyama banikwe ngazo iidilesi zasendlini.  
Lo Mthetho uYilwayo sele uhlalutyiwe luluntu.

D. Imisitho ezayo

13. INkomfo yeHlabathi yoMzantsi Afrika yoTyalo-mali

NgoLwesihlanu umhla wama-26 kweyeDwarha 2018, uMongameli Ramaphosa uza kuvula ngokusesikweni iNkomfa yoTyalo-mali yokuqala yoMzantsi Afrika eSandton Convention Centre eRhawutini. Le Nkomfa iyinxalenye yamalinge amaninzi okutsala utyalo-mali nokuhlumisa uqoqosho lweli.
 
Ukongeza, abathunywa bezotyalo-mali ababetyunjwe nguMongameli baza kunika ingxelo kule nkomfa ngomsebenzi esele bewenzile. 

14. INgqungquthela yamaZwe Angamashumi Amabini (i-G20)

UMongameli Ramaphosa umenywe yiNgqonyela yaseGerman, uGq Angela Merkel, ukuba athathe inxaxheba kwiNgqungquthela yoTyalo-mali ye-G20 - Amashishini aseGermany kunye nanaMazwe angamaLungu esiVumelwano ne-Afrika (i-CwA), kunye neNgxoxo zezoShishino, zombini eziza kubanjelwa eBerlin, eGermany ngomhla wama-30 kweyeDwarha 2018. 

INgqungquthela yoTyalo-mali ye-G20 iza kuzinyaswa ngamashishini aseGerman kunye namazwe angamalungu e-CwA ukuze kugwadlwe amathuba otyalo-mali kusetyenziswa isicwangciso-sikhokelo seNtsebenziswano ye-G20 ne-Afrika. Abatyali-mali baseGermany baza kunika iingcaciso ngeeprojekthi zawo ezinkulu eziqhutywayo sithetha nje naMazwe angamalungu e-CwA baze bakhangele namanye amathuba anokufumaneka kweli lizwekazi. UMongameli uza kuzimasa le ngqungquthela ngesikhundla sakhe sokuba eNgomnye woosiHlalo beQela labaCebisi lase-Afrika le-G20.

Le Ngqungquthela ye-G20 inge-CwA iza kugxininisa kwiindlela i-G20, amazwe ase-Afrika kunye namaqumrhu ophuhliso anokusebenzisana ngazo ukuze kukhuthazwe utyalo-malo ngamashishini abucala kunye nomba wokuthathwa kwenxaxheba kuqoqosho kumazwe ase-Afrika. Le Ngqungquthela iza kuqalisa nangamalungiselelo eNgqungquthela ye-G20 eza kubanjelwa eBuenos Aires, e-Argentina, kwangale miba. 

15. IVeki yeSizwe yokuGxigxinisa kwiiMbizo 

Amalungu eKhabhinethi aza kuthatha inxaxheba kumsitho we-9 weVeki kaZwelonke yokuGxininisa kwiiMbizo walo mbuso wathatha intambo zolawulo ngowama-2014, oza kubanjwa ukusuka ngomhla we-12 ukuya kowama-25 kweyeNkanga 2018. Le veki iza kubanjwa ngexesha elinye neVeki yokuNika iNgxelo yeNkqubo yokuSebenza yeKhabhinethi.  

IVeki yokuGxininisa kwiiMbizo iza kunika ithuba amalungu eKhabhinethi, ooSekela-Mphathiswa kwakunye neenkokeli zikarhulumente zamaphondo noomasipala lokuba babambe iintlanganiso zoluntu kunye neeMbizo kulo lonke eli, kule veki, ukubonisa ukuba urhulumente uyasiphumeza isiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sowama-2014-2019 kunye nokusabela kwizikhalazo nezicelo zabemi, ezichaphazela ukhuseleko, uhlumo kunye nophuhliso kwiindawo ezihlala abantu bakuthi.  

Ezi veki zimbini zokuya eluntwini ziza kubanjwa kanye emva kwemisitho yokubhiyozela iminyaka elikhulu yokuzalwa kwamagqala oMzabalazo, uMama Albertina Sisulu kunye noTata uNelson Mandela, bobabini eyayingabantu abadume ngokukhuthaza ukubonisana kunye nokufakana imilomo nabantu abanyulwe ngabo.    

E. Imiyalezo 

Amazwi okuvuyisana

16. IKhabhinethi imqhwabela izandla uMphathiswa wezeMpilo, uGr Aaron Motsoaledi, owongwe ngeembasa ezimbini ze-Kochon, kumsitho wokunikezelwa kweembasa obubanjelwe eThe Hague, The Netherlands. Imbasa yokuqala uyifumene ngengxa yemisebenzi yakhe yena buqu uMphathiswa lo ngendima yakhe kanye nobunkokeli njengenkokeli yezopolitiko kwidabi lokulwa isifo sephepha (i-TB) kwihlabathi liphela. 

Imbasa yesibini, uMphathiswa uyiwongwa kunye noHloniphekileyo uNick Hebert, iLungu lePalamente (i-MP) lase-United Kingdom, ngenxa yezikhundla zabo zokuba ngoosihlalo be-Global TB Caucus yee-MP zalo lonke ihlabathi. Ezi mbasa ze-Kochon kuwongwa ngazo minyaka le abantu okanye nemibutho ebenegalelo elikhulu kumaphulo okulwa i-TB kumazwe awo okanye kwihlabathi. 

17. IKhabhinethi iyazamkela i-World Travel Awards 2018 ezivotele uMzantsi Afrika njengelizwe eliPhambili lokuTyelelwa e-Afrika. I-Durban kwiphondo laKwaZulu-Natal nayo iye yawonga njengeSixeko esiPhambili sokuTyelelwa e-Afrika futhi iye yawongwa nge-Africa's Leading Cruise Port. IKapa, eNtshona Koloni lifumene iwonga lokuba le-Leading Festival and Event Destination e-Afrika.

18. IKhabhinethi iyalamkela iwonga lokuboniswa e-United States ngomhla wesi-2 kweyeNkanga 2018 kwefilimu yeli ethi Nommer 36 eyenziwe ngumdidiyeli weefilimu uJoshua Bradley. Le filimu ingolwaphulo-mthetho olubambis'amazinyo yenzelwe eCape Flats kwaye ixhaswe ngemali liSebe lezoRhwebo noShishino lisebenzisa i-South African Emerging Black Filmmakers Incentive Scheme. Oku kuza kuba negalelo kumaphulo okutsala utyalo-mali oluvela ngaphandle luze kwicandelo lezefilimu loMzantsi Afrika.

Amazwi ovelwano

19. IKhabhinethi nayo njengoMongameli Ramaphosa ithi tutuni kwaye iyangqukruleka: 

19.1. yintlungu yokusweleka kwabantu abangama-27, kwiingozi yezithuthi ezininzi ku-N1 North eLimpopo. Abasebenzisi beendlela bayacelwa ukuba baqaphele xa besezindleleni zeli kwaye baqinisekise nokuba bayayithobela imithetho yendlela ngalo lonke ixesha.
19.2. kukusweleka kwegqala loMzabalazo, uMama Agnes Msimang. UMama Msimanga wayelitshantliziyo elalizinikele elalwela amalungelo abasetyhini futhi wayenguSekela-Mongameli we-African National Congress (i-ANC) Women's League. Wayeyinxalenye yabantu basetyhini abaninzi abakhuthaza abantu beendawo abahlala kuzo mbombo zone zoMzantsi Afrika ukuba bawukhabe umbuso wocalu-calulo. Uza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngoLwesihlanu, umhla wama-26 kweyeDwarha. Inkonzo yomngcwabo wakhe iza kuqala ngentsimbi yesi-08:00 kusasa e-Our Lady of Cedars Catholic Church eWoodmead, eRhawutini.
19.3. kukusweleka kwegqala loMzabalazo nalowo wayewongwe ngembasa yesizwe i-National Order of Mendi for Bravery in Silver, uMnu Eric "Stalin" Mtshali.
19.4. kukusweleka kwegqala le-ANC uMoss Chikane. UMnu Chikane waba liLungu lePalamente ngowe-1994 emva kolonyulo lokuqala lweli lizwe lwentando yesininzi. Ngowama-2005, wakhethwa wanguNozakuzaku woMzantsi Afrika eGermany.
19.5. kubantu waseSweden kwakunye nosapho lukaNkskz Lisbet Palme, obeniminyaka engama-87, naye olanduleleyo eli phakade. UNksk Palme ebengumhlolokazi walowo wayeyiNkulumbuso yaseSweden u-Olof Palme, owagwintwa ngowe-1986 noMongameli Ramaphosa amchaza 'njengoMhlobo woMzantsi Afrika".

20. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.
21. IBhodi yeSENTECH SOC LIMITED: 
a. UNksz Maureen Makole Manyama (umlawuli ongekho kwisigqeba solawulo); kunye
b. noNksz Precious Nompumelelo Sibiya (umlawuli ongekho kwisigqeba solawulo).
22. Ukuqashwa kwakhona kukaNksz Gugulethu Brightness Nokukhanya (Poppy) Khoza njengoMlawuli: EzoPhapho lwaBantu weSouth Africa Civil Aviation Authority Board.
23. UGq Molefi Motuku njengoGosa eliyiNtloko yesiGqeba (i-CEO) eMintek (umbutho wesizwe woMzantsi Afrika wezophando-nzulu ngezimbiwa).
24. UMnu Terries Salani Ndove njengeSekela-Mlawuli-Jikelele: UkuBuyekezwa nokuPhuhliswa koMhlaba kwiSebe loPhuhliso lwamaPhandle noBuyekezo lwemiHlaba.

Imibuzo: Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela 
Iselula:083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore