INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla wama-21 kweyeNkanga wowama- 2018

IKhabhinethi ibibambe intlanganiso ngoLwesithathu, umhla wama-21 kweyeNkanga ngowama-2018 eTuynhuys, eKapa.

A. Imiba engundaba-mlonyeni

1. Utyalo-mali

1.1. IKhabhinethi iyayamkela iNkomfa yoTyalo-mali yokuqala e-Afrika eqhube kakuhle kakhulu ibibanjwe ngomhla wesi-7 ukuya kowesi-9 ngeyeNkanga 2018 eSandton Convention Centre eGauteng. Oorhulumente kunye namashishini ase-Afrika, amaqumrhu ezimali ehlabathi kunye namanye amahlakani ezophuhliso agxininise kumba wokwenza i-Afrika ilizwekazi elilandelayo kwihlabathi eliza kuhamba phambili kwezotyalo-mali.

1.2. Ekupheleni kwale nkomfa kutyikitywe izivumelwano ezingama-45, ezixabisa imali ezidola zaseMelika (i-US$) ezizibhiliyoni ezingama-32, eziza kuxhanyulwa leli lizwekazi. Kule mali, uMzantsi Afrika uza kufumana imali ezidola zaseMelika ezizibhiliyoni eziyi-6.8 eza kusebenza kumaphulo otyalo-mali.

2. INgqungquthela yeMbumba ye-Afrika (i-AU)

2.1. IKhabhinethi iyancunyiswa zingxoxo eziqhube kwiNgqungquthela ye-AU ebibanjelwe e-Addis Ababa, e-Ethiopia ngomhla we-17 nowe-18 kweyeNkanga 2018 apho uMongameli Ramaphosa ebethatha inxaxheba. Le Seshoni iYodwa igwadle la maphulo aqhubayo okuzisa iinguqu ezineenjongo yokutshintsha i-AU ibe yesebenzayo, enempumelelo nekhawulezayo, ekwaziyo ukufezekisa imiba neenjongo eziphambili zeli lizwekazi ekwisiCwangciso sowama-20163 (i-Agenda 2063), sona esisisicwangciso-sikhokelo esiqiqisisiweyo sokuzisa iinguqu kwezentlalo nezeqoqosho e-Afrika kule minyaka ingama-50 izayo.

2.2. Umba wokuzisa iinguqu kwi-AU ungumba oqhubayo, futhi ezinye zezindululo zale nkqubo sele ziqalisiwe, ingakumbi ngokumayelana nesithembiso sokuba amazwe angamalungu e-AU ibe ngawo axhasa lo mbutho ngezimali. Amazwe amaninzi ayaqhubeleka nokutyitya isiVumelwano sase-Afrika sokungaHlawulisani iRhafu yokuRhwebelana ukuze kuqinisekiswe ukuba eli lizwekazi liba nesivumelwano sorhwebo olukhululekileyo esityikitywe ngawo onke amazwe alo.

3. Ubudlelwano obuKhethekileyo neMbumba yaseYurophu (i-EU)

3.1. IKhabhinethi iyavuyiswa ziziphumo ezincumisayo zeNgqungquthela yesi-7 yoMzantsi Afrika ne-EU ibibanjwe ngomhla we-15 kweyeNkanga eBelgium. Iziphumo nezithembiso ezenziwe kule ngqungquthela zincedisa kweli phulo lokukhokelisa phambili umba wohlumo loqoqosho nokudalwa kwemisebenzi kwizicwangciso zoMzantsi Afrika.

3.2. UMzantsi Afrika kukuphela kwelizwe lase-Afrika futhi ulelinye lalishumi kwihlabathi anoBudlelwano obuKhethekileyo ne-EU I-EU lelona hlakani likhulu lezorhwebo loMzantsi Afrika kwaye lingummandla wangaphandle ogalela elona tyalo-mali luninzi kweli, igalelo layo kuTyalo-mali lwangaPhandle oluza Ngqo kweli lizwe ngama-73.7% lilonke.

3.3. UMongameli Ramaphosa kule veki ebendwendwelwe nguMongameli waseFederal Republic of Germany, uMnu Frank-Walter Steinmeier, ngethuba ekuTyelelo lwasebuRhulumenteni eMzantsi Afrika. I-Germany lelilinye lamazwe angaphandle atyala imali eninzi eMzantsi Afrika. Iinkampani zaseGermany ezingaphezulu kwama-600 zinamasebe okanye amaziko okuvelisa kweli lizwe, futhi ziqeshe abantu abangama-100 000.

3.4. Olu Tyelelo lwasebuRhulumenteni lukhokelele ekutyikityweni kwezivumelwano zorhwebo nezotyalo-mali phakathi kwala mazwe mabini, laze lanika ezi nkokeli zimbini ithuba lokuxoxa imiba echaphazela la mazwe omabini kunye nokusebenzisana ngamandla njengamazwe angengomalungu asisigxina eBhunga lezoKhuselo leziZwe eziManyeneyo (i-UN) kweli xesha lithatha iminyaka emibini liqala ngowama-2019 liye kutsho kowama-2020.

4. Ukubuyiswa komhlaba

4.1. IKhabhinethi iqaphele ukuba iKomiti eHlangeneyo yokuHlaziya uMgaqo-siseko yasePalamente iyamkele ingxelo exhasa ukuba litshintshwe iCandelo 25 loMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wowe-1996. Ukutshintshwa kweli Candelo kuza kwenza uMbuso ukwazi ukuthatha umhlaba ngaphandle kwentlawulo usenzela uluntu. Le ngxelo yekomiti kulindeleke ukuba ithiwe thaca kwiNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ukuze ixoxwe.

4.2. Ngethuba kuvulelwe uluntu ukuba luhlomle kuwo imibutho emininzi izingenisile izimvo nemibono yayo ngalo Mthetho usaYilwayo futhi neendibano zokunika uluntu ukuba nalo luhlomle bezibanjiwe kuwo olithoba amaphondo. Ukuza kuthi ga ngoku, uMgaqo-siseko sele utshintshwe izihlandlo ezili-17 kusetyenziswa inkqubo yokufakana imilomo nebandakanya wonke umntu. 

4.3. Urhulumente usazimisele ekubeni iinguqu kwezomhlaba ziqhutywe ngendlela esemthethweni eza kunceda umntu wonke. IKhabhinethi iyakubethelela ukuba urhulumente uyawuhlonipha umthetho kwaye, ngamaxesha athile, uza kwenza izinto elandela imiqathango yoMgaqo-siseko. 

5. IsiGwebo seNkundla yoMgaqo-siseko

5.1. IKhabhinethi iyasamkela isigwebo soMgaqo-siseko seNkundla esithe uMthetho woPhuhliso lweZimbiwa nobuTyebi bePetroliyamu, wowama-2002 (uMthetho uNombolo 28 wowama-2002, olawula indlela akhutshwa ngayo amaphepha-mvume amalungelo okuqalisa umgodi wokomba izimbiwa, kuba kufuneka ufundwe kunye noMthetho wokuKhuselwa kweThutyana kwamaLungelo oMhlaba angaBhaliswanga ngokuSesikweni, wowe-1996 (uMthetho uNombolo 31 wowe-1996), wona okhusela amalungelo omhlaba abantu abangathathi ntweni.

5.2. Esi sigwebo sixhase icala labantu baseLetetlheng eMntla Ntshona sibonisa ukuqala kokuhlonitshwa kwamalungelo omhlaba abantu ababecinezelwe ngaphambili bengenalungelo lokuwuxhamla iminyaka emininzi. Apho ukuvulwa komgodi kuza kuchaphazela iindawo ezihlala abantu, iintsapho kunye noluntu, abantu abaza kuchatshazelwa ngqo kukuvulwa kwaloo mgodi kufuneka banike imvume phambi kokuba kwenziwe naluphina utshintsho kumhlaba wabo.

6. Iziphumo zophicotho-zincwadi

6.1. IKhabhinethi iyawamkela futhi iwaqhwabela izandla amasebe namaqumrhu karhulumente afumene iziphumo zophicotho-zincwadi ezingenachaphaza iminyaka ilandelelana. Oku kulandela ukukhutshwa nguMphicothi-zincwadi Jikelele kweNgxelo yoPhicotho-zincwadi loLawulo lweziMali zikaRhulumente yonyaka-mali wowama-2017/18.

6.2. IKhabhinethi iyaxhalatyiswa yile ngxelo ibonisa ukuhla kumgangatho weziphumo zophicotho-zincwadi kumanye amasebe esizwe nawamaphondo kunye namaqumrhu awo. Ukutyikitywa koMthetho-sihlomelo oyiLwayo woPhicotho-zincwadi lukaRhulumente ube ngumthetho nguMongameli Ramaphosa, oza kunika amagunya athe xhaxhe kwi-Ofisi yoMphicothi-zincwadi (i-AG), kuza kunceda ukuba abo baqhubekayo nokungayiseli so imigaqo yolawulo baphendule ngolawulo lwabo olugwenxa.

6.3. IKhabhinethi ikhuthaza onke amasebe namaqumrhu ukuba aqalise ngamanyathelo okulungisa umonakalo okhonjwe ngu-AG futhi bayibeke esweni indlela aqhuba ngayo amanyathelo athathiweyo okulungisa lo monakalo uboniweyo lingekafiki ixesha lophicotho-zincwadi elilandelayo. 

7. Ezokhuselo nokhuseleko

7.1. IKhabhinethi iyathembisa ukuba iza kulixhasa iPhulo leSizwe loKhuseleko ngaMandla kwiiHolide zeKrismesi eliphehlelelwe nguMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele phantsi komxholo othi: "Operation Queit Storm". 

7.2. Eli phulo lilungiselelwe ukwenza uMzantsi Afrika ilizwe elikhuselekileyo njengoko singena kwixesha leeholide zokuphela konyaka. UMbutho wezamaPolisa oMzantsi Afrika (i-SAPS) uza kuqhuba iphulo kulo lonke eli, kuzo zonke iidolophu, iilali neelokishi kude kufikelele ekupheleni kwenyanga yoMqungu ngowama-2019. Baza kugxininisa kumba wokuba amapolisa abonakale phakathi koluntu, ngeli thuba baza kube beqhuba amaphulo okufundisa nokuthintela iintlobo zolwaphulo-mthetho ezizodwa.

7.3. IKhabhinethi ibongoza bonke abantu eMzantsi Afrika ukuba baqhubeleke besebenzisana namapolisa ekuqinisekiseni ukuba iindawo ezihlala uluntu zikhuselekile. Abazali nabagcini-bantwana nabo bayacetyiswa ukuba bahlale bebeke abantwana babo esweni ngezi holide zokuphela konyaka zizayo.   

7.4. IKhabhinethi iyathembisa ukuba iza kulixhasa iphulo lowama-2018 loKhuseleko eziNdleleni ngeeHolide zeKrisimesi, eliphehlelelwe nguMphathiswa wezoThutho, uGq Blade Nzimande, eLimpopo ngale mpelaveki sivela kuyo.

7.5. Ukuphehlelelwa kweli phulo kwenzeke ngethuba kubanjwe iNgqungquthela yoKhuseleko eziNdleleni entsuku-mbini kunye noSuku lwe-UN lweHlabathi lwesiKhumbuzo samaxhoba eengozi zendlela. Kuza kuba luncedo kuthi ukuba sidlale indima ekuqinisekiseni ukuba eli xesha leeholide zokuphela konyaka likhuselekile ngokuthi siqhube ngenkathalo futhi sithobele imithetho yendlela.

8. IBhulorho edibanisa i-Maputo neCatembe

8.1. IKhabhinethi iziqhwabele izandla iinjineli zoMzantsi Afrika ezithathe inxaxheba ngethuba kusakhiwa ibhulorho eyimbali engeyiyo le iluhlobo olusekelwe ngeentsika zesamente koko eyiyona inde e-Afrika eluhlobo oluxhonywa ngeentambo zentsimbi. Le Bhulorho idibanisa iMaputo neCatembe yakhiwa yiChina Road and Bride Corporation kwaye idibanisa iMaputo eseMozambique nephondo laKwaZulu-Natal.

8.2. UMongameli waseMozambique, uMnu Filipe Nyusi, wavula ngokusesikweni iMaputo-Catembe Bridge ezikhilomitha ezintathu ubude, ethathe iminyaka emine ukuyakha, isakhiwa ngemali ezidola zaseMelika ezizigidi ezingama-785.

8.3. Ukwakhiwa kwale bhulorho kuza kuvuselela urhwebo nokhenketho phakathi kweMozambique noMzantsi Afrika kuba ixesha eliza kuthathwa ukusuka eMaputo ukuya eKosi Bay kwizibuko loNxweme eliseMpuma lephondo laKwaZulu-Natal liza kuhla lisuke kwiiyure ezintandathu liye kwimizuzu nje engama-90.

B. Izigqibo zeKhabhinethi

9. IVeki yokwaZisa ngeNkqubo yokuSebenza

9.1. IKhabhinethi ixelelwe ngeengxelo zenkqubo kwiziphumo ezikhokeliswe phambili zesithuba esiqale ngomhla woku-1 kuTshazimpunzi 2018 ukuya kutsho kowama-30 kweyoMsintsi 2018. Amasebe asebenza kwiintlanganisela zokuphumeza iinjongo eziphambili ezili-14 ayaqhubeleka nokuzizalisekisa iinjongo ayezibekele zona. Ezi njongo zisukela kwisiCwangciso-sikhokelo esiQiqisisiweyo sesiGaba esiPhakathi (i-MTSF) sowama-2014-2029 nakuMbono wowama-2030 wesiCwangciso seSizwe soPhuhliso (i-NDP).

9.2. IKhabhinethi ilivumile inyathelo elifunekayo lokulungisa le miqobo ibambezela ukuphunyezwa nokuzalisekiswa kweeprojekthi. Ezi ngxelo zipapashwe kwiwebhusayithi ye-DPME (i-www.dpme.gov.za).

10. INkqubo yokuVeliswa noKwenziwa kweeMoto (i-APDP)

10.1. IKhabhinethi ikuvumile ukwandiswa kwexesha lokuphelelwa kwe-APDP ingabi ngowama-2011 ibe ngowama-2035 kufakelwe nezilungiso eziza kuxhasa isiCwangciso esiKhulu sezeMoto saseMzantsi Afrika (i-SAAM).

10.2. I-SAAM igxininisa kwimimandla emithandathu: Ukuphucula icandelo lezeemoto lalapha ekhaya; Ukukhulisa icandelo lezeemoto kule ngingqi; ukuthengwa kweentsimbi nezixhobo zalapha ekhaya; ukuphuhliswa kweziseko ezingundoqo; ukuqalisa iinguqu kweli candelo, kunye nobuChwepheshe kunye nokuphuhliswa kwezakhono ezifanelekileyo.

10.3. Ezi zilungiso zineenjongo zokukhuthaza ukuba kunyuswe ingeniso eyenziwa zimveliso zalapha ekhaya ukuze kudaleke imisebenzi, phakathi kwezinye izinto. Inkqubo yokuhlola nokuvavanya kunye nezinye izinto ezibalulekileyo kweli candelo ziphuculwe ukwenzela ukuba sibe sendleleni yokufezekisa umbono neenjongo ze-SAAM. 

10.4. UMphathiswa wezoRhwebo noShishino, uGq Rob Davies, uza kubamba iintlanganiso noonondaba ngoLwesihlanu umhla wama-23 kweyeNkanga 2018 apho eza kunika ingxelo ngezi zilungiso,.

C. ImiThetho esaYilwayo

11. IKhabhinethi ivumile ukuba ungeniswe ePalamente uMthetho oYilwayo weNtlawulo yokoNgezelela yoPhicotho-zincwadi lukaRhulumente wowe-2018. Lo Mthetho uYilwayo uza kunika uMphicothi-zincwadi-Jikelele igunya lokuthatha amanyathelo okulungisa umonakalo ukuqinisekisa ukuba imali yoMbuso ethotywe nemilenze iyabuyiswa, ukuba kuyenzeka, aze ayalele ukuba izinto ezikrokrelekayo ukuba zibe nomgunyathi ziphandwe. Lo Mthetho uYilwayo unika i-AG igunya lokuqhuba uphicotho-zicwadi kwihlabathi nokuhlola indlela umsebenzi oqhutywe ngayo futhi alungelelanisa imigaqo yolawulo lwe-AG kunye neendlela zokusebenza ezisemgangathweni ophezulu.

D. Imisitho ezayo

12. I-100 #WomenOfFortitude

Kulandela ixesha lokuphakanyiswa kwamagama, i-100#WomenOfFortitude iza kuvulwa ngokusesikweni kwiZakhiwo zoMdibaniso ePitoli ngomhla wama-22 kweyeNkanga 2018. IKomiti yabaPhathiswa yoMsitho weKhulu leMinyaka kaNelson Mandela kunye noweKhulu leMinyaka ka-Albertina Sisulu iye yabhengeza ngomhla we-11 kweyeDwarha i-#WomenOfFortitude njengelinye lemisitho yombhiyozo weMinyaka eliKhulu kaMama Sisulu.

Iphulo i-#WomenOfFortitude liphulo loomama abali-100 lokuqhuba iindibano ngeendlela oomama namhlanje abangayiqhubela phambili ngayo imisebenzi kaMama Sisulu

13. 16 IiNtsuku ezili-16 zokuLwa ubuNdlobongela obuJoliswe kwabeSini Esithile (i-GBV)

ISebe looMama liphambili kumalungiselelo enkqubo karhulumente eza kulandelwa ngethuba kubanjwe iPhulo leeNtsuku ezili-16 zokuLwa i-GBV eliza kuqala ngomhla wama-25 kweyeNkanga liphele ngomhla we-10 kweyoMnga 2018. Amalungu eKhabhinethi nooSekela-baPhathiswa kunye neenkokeli zikarhulumente zephondo noomasipala baza kubamba iindibano ezinxulumene namacandelo abo kulo lonke eli ngokubamba iindibano noluntu. Inkqubo karhulumente eneenkcukacha ezizeleyo iyafumaneka ku: www.gov.za/16DaysofActivism2018

IKhabhinethi icela bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba basebenzise eli thuba bathathe inxaxheba kumsitho karhulumenete okufutshane nabo. Imibutho yoluntu kunye neminye imibutho yoomama bayacelwa ukuba bangayilibali imisitho eza kubanjwa ngezi ntsuku zili-16.

Bonke abemi boMzantsi Afrika bayacelwa ukuba basebenzisane basabele ikhwelo elihlatywe ngo-#HearMeToo, ngokuthi bamamele intlungu abantu abangoomama abaphila phantsi kwayo, baze bathathe amanyathelo okulwa nokuphelisa umkhuba wobundlobongela obujoliswe koomama.

E. Amazwi okuvuyisana

14. IKhabhinethi iwaqhwabela izandla amagorha aphakamisela igama loMzantsi Afrika phezulu. Imisebenzi yabo babaleseleyo kwezemidlalo iye yavuzwa ngethuba kubanjwe kutshanje umsitho wowama-2018 weeMbasa zeMidlalo.

14.1. Intandane yoMzantsi Afrika uCaster Semenya ufumene iimbasa zegolide ezimbini ngokuthi awongwe ngembasa ezifunwa ngabomvu i-Sports Star of the Year Award kunye ne-Sportswoman of the Year Award.

14.2. Indadi edumileyo yoMzantsi Afrika u-Chad le Clos yena uwongwe nge-Sportsman of the Year Award.

14.3. UNdodomzi Ntutu uphumelele i-Sportsman of the Year with Disability Award.

14.4. U-Anrune Liebenberg uphumelele i-Sportswoman of the Year with Disability Award. 

14.5. Iqela iBanyana Banyana liphumelele imbasa ephezulu i-Team of the Year Award. IBanyana Banyana iphumelele umdlalo wayo wokuqala kuKhuphiswano lwabaseTyhini lweNdebe yeZizwe zase-Afrika (i-AFCON) ibetha i-Nigeria.

14.6. IBafana Bafana idlale ngokulingana ngo-1-1 neNigeria kumdlalo wokuhlela amaqela aza kuya kudlala kukhuphiswano lwe-AFCON lwamadoda.

14.7. Iqela loMbhoxo loMzantsi Afrika (Amabhokobhoko) linconywa kakhulu ngokudlala kakuhle kwaye linqwenelelwa impumelelo kumdlalo walo ozayo neWales. Lo mdlalo uza kuba ngomhla wama-24 kweyeNkanga 2018.

IKhabhinethi ibongoza bonke abemi boMzantsi Afrika ukuba baxhase abadlali beli abangabantu ababhinqileyo nabangamadoda.

15. IKhabhinethi iqhwabela izandla:

15.1. UMphathiswa wezeNzululwazi nobuChwepheshe uMmamoloko Kubayi-Ngubane, ochongwe ukuba abe yinxalenye yeBhunga leQumrhu lezoQoqosho leHlabathi leXesha eliXhomekeke kubuChwepheshe be-Intanethi Bale Mihla, elakhiwe ngoorhulumente, imibutho yoluntu kunye nezifundiswa zamaziko emfundo ephakamileyo. Oku kuza kunceda amazwe ehlabathi ukuba asabele futhi asabenzise amathuba eza neli Xesha liXhomekeke kubuChwepheshwe be-Intanethi.

15.2. UMphathiswa wezeMali uTito Mboweni ngokuqeshwa abe kwiBhodi yamaLungu eTrasti yeNgxowa-mali yoXolo ye-AU, exhasa ngemali amaphulo okungenelela nawokuthintela ujamelwano phakathi kwezizwe, ukuncedisa ngokuxhobisa ngezakhono amaziko kunye namaphulo okulwelwa uxolo e-Afrika. Njengelungu leBhodi yamaLungu eTrasti, uMphathiswa uMboweni uza kuncedisa kumalinge okuqinisekisa ukuba zicacile iinjongo, kukho ulawulo olululo, nokudlala indima yokuba liliso elijonde ezolawulo nezimali zeNgxowa-mali yoXolo ye-AU. Ukuqeshwa kwamalungu etrasti eNgxowa-mali yoXolo ye-AU linyathelo elikhulu ekuqaliseni inkqubo yokuxhasa ngemali iinkqubo neeprojekti ze-AU, into leyo iyinxalenye yale nkqubo iqhubayo yokuzisa utshintsho neenguqu kwi-AU.

15.3. UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uNaledi Pandor, oza kuthweswa nge-French National Order of the Legion of Honour Award ngoLwesihlanu, umhla wama-20 kweyeNkanga 2018. Le mbasa uyifumene ngenxa yemisebenzi yakhe emihle namalinge akhe okukhuthaza intsebenziswano emandla phakathi kwe-France noMzantsi Afrika kwicandelo lezeNzululwazi nobuChwepheshe. Lo msitho uza kubanjelwa ePitoli kwikhaya likaNozakuzaku waseFrance eMzantsi Afrika

F. Izikhundla

Zonke izikhundla zixhomekeke ekuqinisekisweni kwamabakala ezemfundo nokuqinisekiswa okufanelekileyo kwezokhuselo.

16. Iintloko zamaPhondo zeCandelo loPhando loLwaphulo-mthetho oluNgxamisekileyo (ooKhetshe):

16.1. EFreysitatha: Brigadier Kubandran Moodley; 

16.2. EMntla Ntshona: Major General Dumisani Patrick Mbotho.

17. Ukuqeshwa kwakhona ku-Adv Makhosini Solomon Msibi njengeGosa eliPhezulu lesiGqeba soLawulo (i-CEO) leRoad Traffic Management Corporation (i-RTMC).

18. Ukuqeshwa kwakhona kukaMnu Thulani Matiki Norman Kgomo njengelungu elingekho kwisigqeba solawulo kwiBhodi ye-RTMC.

19. Ukuqeshwa kwakhona kukaNksk Daphline Harridene Charlotte-Ann Ewertse njengelungu elingekho kwisigqeba solawulo kwiBhodi ye-RTMC.

20. Ukuqeshwa kuka-Adv Sandile Nogxina njengoMlawuli Ongekho kwisiGqeba soLawulo kunye noSihlalo weBhodi ye-Airport Company South Africa (i-Acsa).

Imibuzo:
Nksz Phumla Williams - IsiThethi seKhabhinethi esiliBambela
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore