INgxelo yeNtlanganiso yeKhabhinethi yomhla we-13 kweyoMdumba yowama-2019

IKhabinethi ibidibene ngoLwesithathu, umhla we-13 kweyoMdumba yowama-2019 eTuynhuis eKapa.

A. IMiba enguNdabamlonyeni
1.  INtetho engoBume beSizwe (i-SoNA)


1.1. IKhabhinethi iyayamkela iNtetho engoBume beSizwe (i-SoNA) kaMongameli uCyril Ramaphosa, nephawula iminyaka engama-25 ukususela iNdibano yeziNdlu eziDibeneyo zePalamente yokuqala kuMzantsi Afrika omtsha wolawulo lwentando yesininzi. Isininzi sabantu baseMzantsi Afrika naso siyamkele le ntetho, neqhubekekayo ukunika ithemba nohlaziyo.

1.2. UMongameli uRamaphosa ugxininise kwinkqubela eyenziwe kunyaka odlulileyo. Ukwakhela kwezi zinto zibe yimpumelelo, uMongameli unike amagqabantshintshi ezinto ekufanele kugxilwe kuzo kulo nyaka. Ezo zinto ziquka ukuqhubeka kwamanyathelo okungenelela ukukhawulezisa uhlumo lwezoqoqosho oluza kuxhanyulwa ngumntu wonke nokudala imisebenzi; ukuphucula inkqubo yethu yezemfundo nokuphuhlisa izakhono ukulungiselela ixesha elizayo nokunyusa izinga lokulwa norhwaphilizo nokubanjwa ngobhongwane kukarhulumente.

1.3. Kule veki izayo, uMphathiswa wezeMali, uTito Mboweni uza kuba ecacisa isicwangciso sezezimali xa esenza iNtetho yoHlahlo Lwabiwo-mali. AbaPhathiswa ngokusebenzisa uHlahlo Lwabiwo-mali lwamasebe abo, baza kucacisa izicwangciso zabo zomsebenzi eziza kucacisa uluhlu lwezithembiso ebezenziwe kwi-SoNA kaMongameli.

1.4.  IKhabhinethi isazibophelele ekuqhubeleni ilizwe lethu ekufezekisweni koMbono wowama-2030 wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe (i-NDP), esisicwangciso esisisikhokelo sokulwa indlala nokunciphisa ukungalingani nentswela-ngqesho kweli lizwe ngowama-2030.

2. INdibano yase-Afrika yezeMigodi

2.1. UMzantsi Afrika usingathe ngokuyimpumelelo iNdibano yama-25 yezeMigodi engoTyalo-mali e-Afrika ebanjwa qho ngonyaka, neyiyeyona ndibano inkulu yabadlali-ndima ababalulekileyo nabathathi-zigqibo kwezemigodi ehlabathini. Ngelinge lokutsala utyalo-mali kwezemigodi, le Ndibano yalo nyaka ibanjwe phantsi komxholo othi: “UkuQhubela Phambili uPhuhliso lwezoQoqosho oluZinzileyo lwe-Afrika”.

2.2. IKhabhinethi iyakwamkela ukutyikitywa kwesivumelwano sabadlali-ndima ababalulekileyo kwezemigodi. Esi sivumelwano siza kudlala indima ebalulekileyo ekukhuthazeni utyalo-mali oluthe ngqo lwamazwe angaphandle kumacandelo awohlukeneyo oshishino lwezemigodi.

2.3. URhulumente, ngesiCwangciso sokuSebenza soMgaqo-nkqubo wezoShishino (i-IPAP) seSebe lezoRhwebo noShishino (i-dti), uchonge icandelo lezokuxhamlisa kwezemigodi njengecandelo elinenqwaba yamathuba anokusetyenziswa ngabatyali-zimali ukukhulisa icandelo lezemigodi. Oku kunika amathuba amahle okwenza igalelo ekukhuliseni uqoqosho lweli lizwe, ukudala imisebenzi, ukuzisa iinguqu nokulwa indlala.  

3. U-Eskom

3.1. UMphathiswa wamaShishini kaRhulumente uPravin Gordan wazise iKhabhinethi ngezigano zokuqhawuka nokucima kombane kwakutsha nje okuchaphazele uqoqsho kweli lizwe jikelele. Oku kuphazamiseka kube nempembelelo embi kakhulu kumakhaya aseMzantsi Afrika noqoqosho.

3.2. Ubonelelo lwezamandla lwaseMzantsi Afrika luhleli lubaluleke ngokukodwa kwaye le meko yakwa-Eskom ibeka eli lizwe emngciphekweni omkhulu . Le ngxaki yakwa-Eskom ingaphazamisa uzinzo lwezezimali noqoqosho lweli lizwe. Ukohlulwa ngobuchule kuka-Eskom abe ngamacandelo amathathu awohlukeneyo angamaShishini kaRhulumente apheleleyo – elokuphehlwa kombane; elokuthunyelwa kombane kwizikhululo; nelokunikezelwa kombane eluntwini – kuyafuneka kuzinzo lwethuba elide lweli ziko lobonelelo-mbane nakwilizwe.

3.3. Ukuhlangabezana nale meko yakutsha nje, uMongameli uRamaphosa uchonge iKomiti eKhethekileyo yeKhabhinethi emalunga no-Eskom ekhokelwa nguSekela-Mongameli neyenziwa ngaba baPhathiswa: owamaShishini kaRhulumente; owezaMandla; owezeMmali; owezoThutho; owoKhuseleko lweLizwe nowezobuPolisa. Le komiti iza kusebenza ngemiba ka-Eskom mihla le ize inikezele iingxelo zemihla ngemihla kuMongameli malunga namanyathelo adinga ukuthathwa ukuqinisekisa ukuba akukho zingxaki zokucinywa kombane.

3.4. Eli qela kulindeleke ukuba lidibane nabo bonke abadlali-ndima ababalulekileyo ukunceda ukubuyisela uzinzo kweli ziko lobonelelo-mbane nokuqulunqa umkhomba-ndlela ngeli xesha liqinisekisa ukuba kukho iindleko ezincinci zezoqoqosho kubathengi nabahlawuli berhafu.

4. Ilungelo lokuvota

4.1. IKhabhinethi ivuyisana nabo bonke abantu baseMzantsi Afrika, ingakumbi ulutsha kunye nabo baza kuvota okokuqala, abathe bathatha inxaxheba kwiveki yokugqibela yokubhalisela ukuvota ngomhla wama-26 nowama-27 kweyoMqungu yowama-2019 phambi kokuba ilizwe lethu libambe unyulo lwesithandathu lwentando yesininzi lwesizwe nolwamaphondo ngomhla we-8 kuCanzibe wowama-2019.

4.2. IKhabhinethi imema bonke abavoti abafanelekileyo ukuba balisebenzise ngokufanelekileyo ilungelo labo kwaye ikwabongoza abantu baseMzantsi Afrika abangekabhaliseli kuvota, ukuba babhalise kwii-ofisi zeKhomishini yezoNyulo eziMeleyo (i-IEC) ezivulwe kweli lizwe jikelele. Kanti unakho nokuzijonga ukuba ukubhalisele na ukuvota ngokuthumela i-SMS kunye nenombolo yakho yesazisi kwa-32810 (yi-R1.00 i-SMS) okanye fakela i-app yasimahla ye-IEC yomnxeba ophathwayo eyenzelwe abavoti uze uyisebenzisele ukukhangela iinkcukhacha zakho zokubhalisa.  

4.3. Ukususela mhla eli lizwe lafumana inkululekolaze lalawulwa ngokwentando yesininzi, siye sakha ulawulo lwentando yesininzi olusekelwe kumgaqo-siseko oluqhuba kakuhle kakhulu ngamaziko aqinisekisa ngamalungelo wethu angundoqo. Ukongeza apho, kufezekiswe iinkqubo zokuguqula ngendlela ethile uqoqosho nokuhlangabezana nemingeni yethu emininzi yezentlalo noqoqosho. Unyulo oluzayo lithuba kwisizukulwana esitsha sabantu abatsha baseMzantsi Afrika ukuba basebenzise ilungelo labo lokuvota, baze babe nelizwi kwingomso labo nakwelelizwe lethu.

5. Ukubhaqwa kwe-oli negesi ngabakwaTotal

5.1. Njengenxalenye yelinge lesizwe lokukhulisa uqoqosho nokudala imisebenzi, urhulumente – ngephulo i-Operation Phakisa loQoqosho lwaseLwandle – uza kubaphambili kumalinge okuvula amathuba kwicandelo le-oli negesi leli lizwe ukwenzela uhlumo notyalo-mali. UMzantsi Afrika unemithombo enokuthwala imiphanda ezibhiliyoni ezilithoba ze-oli nama-60 e-tcf (i-trillion cubic feet) okanye igesi eselwandle elingana neebhiliyoni ezili-11 zemiphanda ye-oli. 
      
5.2. IKhabhinethi iyakubulela ukufunyanwa kwegesi elwandle yinkampani ye-oli yakwa-Total enokuba yimiphanda eyibhiliyoni, nezakukhulisa kakhulu  umthamo we-oli negesi kweli lizwe.

5.3. Le gesi ibhaqwe yile nkampani emva kokugrumba kummandla wase-Brulpadda e-Outeniqua basin, ekumgama ozikhilomitha ezimalunga ne-175 kunxweme lwaseMzantsi Afrika.

6. ISeshoni eQhelekileyo yama-32 yeMbumba ye-Afrika (i-AU)

6.1. IKhabhinethi iyavuyisana nokuchongwa kukaMongameli uRamaphosa njengoSihlalo we-AU ngowama-2020. Uza kuthatha iintambo kuMongameli wase-Egypt u-Abdel Fattah el-Sisi, osebenzela ixesha lakhe lonyaka wama-2019 ngoku.

6.2. UMongameli uRamaphosa ebekhokela igqiza loMzantsi Afrika eliya kwiSeshoni yama-32 eQhelekileyo yeNdibano yeeNtloko zemiBuso nooRhulumente ze-AU, ebibanjelwe e-Addis Ababa, eFederal Democratic Republic of Ethiopia ukususela ngomhla we-15 kweyoMqungu ukuya kweye-11 kweyoMdumba yowama-2019, phantsi komxholo othi, “iiMbacu, abaBuyayo kunye naBantu abangemaKhaya abangaPhakati Emazweni: Sifuna iziSombululo zeXesha eliDe kwiNgxaki yokuFuduswa kwaBantu ngokuNyanzelisa e-Afrika”. Oku kunike ithuba lokuba kugwadlwe kuze kulungiswe ezo zinto zinguyena nobangela wengxaki yokufuduswa kwabantu benziwe iimbacu e-Afrika. 
   
6.3. UMzantsi Afrika ungenise iLeta yokuGunyaziswa ngokuseMthethweni kweSivumelwano soMmandla woRhwebo oKhululekileyo weLizwekazi le-Afrika (i-AfCFTA) kule ngqungquthela. Imiba ekuxoxwe ngayo iquka ukuhlaziywa kweziko nokuxhaswa ngezimali kwalo mbutho welizwekazi; uXolo noKhuseleko kweli lizwekazi; uphuhliso olunxulumene ne-(AfCFTA); neengxoxo ngesivumelwano esitsha sentsebenziswano phakathi kwamazwe aphuhlayo ase-Afrika, e-Caribbean ne-Pacific kunye neManyano yamaZwe aseYurophu (i-EU) emva kowama-2020.

6.4. Apha ekuhambeni kwalo nyaka, uMongameli uRamaphosa ukwalindeleke ukuba athathe isikhundla sokuba ngusihlalo weKomiti yeeNtloko zoMbuso nezoRhulumente base-Afrika malunga nokuGuquka kweSimo seZulu (i-CAHOSCC). I- CAHOSCC yasekwa ngowama-2009 yiNdibano Enkulu ye-AU yeeNtloko zemiBuso nezoRhulumente ukuba ikhokele uMbono oFanayo we-Afrika malunga nokuGuquka kweSimo seZulu kwiingxoxo ezingokuguquka kwesimo sezulu kwihlabathi jikelele.

6.5. Xa uMongameli uRamaphosa ebamba iintambo zokuba ngusihlalo, uza kusebenza nezinye iintloko zemibuso ukuqinisekisa ukufezekiswa okuyimpumelelo kweSivumelwano sase-Paris esiyimbali ukuthomalalisa nokuziqhelanisa neemeko zeli xesha lokuguquka kwesimo sezulu. Nge-CAHOSCC, i-Afrika iza kwenza igalelo elincomekayo kumalinge ehlabathi okwehlisa izinga lokukhupha umoya ongcolileyo kunye nophuhliso oluza kukwazi ukumelana nokuguquka kwesimo sezulu.

7. IMfundo ePhakamileyo

7.1. IKhabhinethi ithi tutwini kusapho nabahlobo bomfundi weDyunivesithi yobuChwephetshe yaseThekwini (i-DUT), uMlungisi Madonsela. Ukuphazanyiswa kokufunda nokuvalwa kwamaziko emfundo ephakamileyo, ingakumbi kwiphondo laKwaZulu-Natal, nokuthe kwakhokelela ekuswelekeni kalusizi kwalo mfundi, kuxhalabisa kakhulu.

7.2. IKhabhinethi ibongoza bonke abadlali-ndima ukuba bayisombulule ngoxolo imiba edinga ukusonjululwa. Ilizwe lethu lidinga ulutsha olufundileyo ukuba lwenze igalelo kuphuhliso lwethu.

7.3. Urhulumente, ngeSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho, uncedisa amaziko emfundo ephakamileyo apho kukho imingeni khona. UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho uNaledi Pandor uyalele abalawuli beSkimu soNcedo lwezeZimali saBafundi seSizwe (i-NSFAS) ukuba bakukhawulezise ukuphendula zonke izikhalazo nemibuzo yabafundi.

8. Ukunqanda ukwanda kwesifo sochwane nenyebethu (FMD)

8.1. Ukukhusela impilo yesizwe, iKhabhinethi ixolile ngamanyathelo namaphulo okungenelela athathiweyo ukunqanda ukunwenwa kwesifo sochwane nenyebethu (i-FMD) kwisiThili saseVhembe, eLimpopo. ISebe lezoLimo, amaHlathi nezokuLoba, ndawonye kunye noMbutho weNyama eBomvu kunye nabanye abadlali-ndima ababalulekileyo, basebenza kunye ukusombulula lo mba ngendlela edibeneyo.

8.2. Utofo luqale ngomhla we-14 kweyoMqungu yowama-2019, kwiinkomo zeelali ezichaphazelekayo, kwakunye neenkomo ezikummandla wama-20 eekhilomitha ezingqonge iilali ezichaphazelekayo. Ukuza kutsho ngoku, inani leenkomo esezitofiweyo liphelele lingaphezulu kwama-10 000; ziyaphawulwa ukuzahlula kwezinye.

9.  Ngqungquthela yezemiBboniso-bhanyabhanya yaseMzantsi Afrika

9.1. Icandelo lezemiboniso-bhanyabhanya laseMzantsi Afrika libonwa njengelinegalelo kuhlumo lwezoqoqosho nokudala imisebenzi eMzantsi Afrika. Icandelo lsiphiwo sokuyila nezenkcubeko, ingakumbi icandelo lemiboniso-bhanyabhanya, likwadlala indima enkulu ekuphuhliseni ibali elimyoli loMzantsi Afrika nokwenza igalelo kumalinge okwakha isizwe nokukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo koluntu.

9.2. Ngokuhambelana nale ndlela, iKhabhinethi iyayamkela iNgqungquthela yokuqala yezemiBoniso-bhanyabhanya yaseMzantsi Afrika, ebibanjelwe eRhawutini ukususela ngomhla we-4 ukuya kowe-5 kweyoMdumba yowama-2019 phantsi komxholo othi: “Inguqu nobuchule bokuyila kwiCandelo lezemiBoniso-bhanyabhanya waseMzantsi Afrika/iCandelo lokuBonwayo nokuManyelwayo kunye nobuXhaka-xha bobuChwepheshe Bale Mihla(i-4IR). Ingaba silulungele na olu tshintsho?”

9.3. Iziphumo zale ngqungquthela kulindeleke ukuba zenze igalelo ekudaleni imeko eyenza ukuba kube lula ukuba eli candelo libe nempumelelo. Urhulumente usazibophelele ekuxhaseni ngemali iiprojekthi ngokusebenzisa iQumrhu loPhuhliso lwezoShishino (i-IDC) kunye ne-dti.

B. Izigqibo zeKhabhinethi
10. Uhlalisana ngoxolo nokwakha isizwe

10.1. Nangona umninzi umsebenzi owenziwe sesiI sizwe sethu  ukususela ngowe-1994, imiqobo engasekelwanga kwingqiqo ebubuhlanga, umahluko phakathi kwabantu ngokofumana kweepokoto nangokwenkcubeko isaqhubeka nokusiphazamisa kumalinge esiwenzayo. Kule meko, iKhabhinethi iwuvumile uMbono wePolitiki, onika ingcaciso ngemithetho kunye nomgaqo-nkqubo ukuxhasa ngokubanzi amaphulo akhuthaza ukuhlalisana ngoxolo nokwakha isizwe.
 
10.2. Le nkqubo-sikhokelo iza kuba negalelo elimandla ekufezekisweni kweenjongo ze-NDP eziquka oku: “isizwe esimanyeneyo nesinabantu abahlalisana ngoxolo ayizonjongo zesizwe kuphela; zikwa yindlela yokuncothula indlala.”.

10.3. Onke amacandelo esizwe ayakhuthazwa ukuba axhase lo mgaqo-nkqubo ngokuzisebenzisa ngempumelelo ezo ndawo sahlukene ngazo nokwakha isizwe esilungisa umonakalo owenziwa ngumbuso wobukoloniyali nocalucalulo.

10.4. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko liza kubamba iNgqungquthela yeSivumelwano sezeNtlalo ekupheleni kweyoKwindla yowama-2019 eRhawutini apho amacandelo awohlukeneyo esizwe – aquka imibutho yoluntu, imibutho yabasebenzi, icandelo lezoshishino, izifundiswa neengqondi, icandelo lezenkolo nelamajelo eendaba – aza kuzibophelela kwiphulo lokukhuthaza ukuhlalisana ngoxolo nokwakha isizwe. Iindibano zokufakana imilomo namacandelo ahlukeneyo  ziza kubanjwa kweyoMdumba naphakathi kweyoKwindla yowama-2019.

C. ImiThetho esaYilwayo
11. UmThetho-siHlomelo oYilwayo wezaBantwana wowama-2019

11.1. IKhabhinethi ikwamkele ukungeniswa koMthetho-siHlomelo oYilwayo wezaBantwana wowama-2019 ePalamente ukomeleza umsebenzi wesizwe sethu wokukhusela amalungelo wabantwana.

11.2. Ngowama-2017 iCentre for Child Law  yamangalela ezinkundleni iSebe loPhuhliso loluNtu ngenxa yezicelo ezininzi zabantu abafuna ukuthatha abantwana babakhathelele ngegunya lenkundla.

11.3. INkundla ePhakamileyo iyalele uMphathiswa woPhuhliso loLuntu ukuba, phakathi kokunye, alungiselele kwaye avelise phambi kwePalamente izihlomelo ezifunekayo zoMthetho wezaBantwana, wowama-2005 (uMthetho onguNombolo 38 wowama-2005) kunye okanye noMthetho weziBonelelo zikaRhulumente, wowama-2004 (uMthetho onguNombolo 13 wowama-2004) uze necebo elisemthethweni ukuze kulungiswe le ngxaki yezicelo ezininzi ezingekathathelwa ingqalelo.

11.4. Bonke abantwana kufanele baxhamle iinkonzo ezinjongo zazo ikukuqinisekisa ukuba bakhuselekile, bayakhathalelwa futhi bayakhuselwa; kunye nenkqubo yezibonelelo zikarhulumente esebenza kakuhle. Kukho iindawo ezininzi eqhwalela ngazo le nkqubo ikhoyo yokukhathalelwa nokukhusela abantwana. Lo Mthetho usaYilwayo phakathi kokunye, ulungisa, imingeni emalunga nokubonelela nolawulo lwenkathalelo enikezwa ngegunya lenkundla, neminye imiba emalunga nenkathalelo yabantwana neyokhuselo.

D. Imisitho esezayo
12. INgqungquthela yoQoqosho oluQhutywa nge-Intanethi


12.1. Ukutshintshela kwehlabathi kubuchwepheshe obusekwelwe kubuxhaka-xhaka bobuchwepheshe bale mihla (i-4IR)kuza namathuba amatsha okwakha isizwe sethu noqoqosho lwalo. Ukuze eli lizwe lihlale lihamba phambili kwizinto ezenzekayo kwicandelo lezobuchwepheshe bale mihla, liza kusingatha iNgqungquthela yoQoqosho oluQhutywa nge-Intanethi kweyoKwindla yowama-2019.

12.2. Le ngqungquthela iququzelelwe  yi-4IR South Africa (i-4IRRSA), ngentsebenziswanoneSebe leziSeko zoNxibelelwano neeNkonzo zePosi, u-Telkom, iDyunivesithi yase-Witwatersrand, iDyunivesithi yaseRhawutini neDyunivesithi iFort Hare.

12.3. I-#4IRSA ineenjongo zokulungisa imingeni uMzantsi Afrika ojongene nayo ngeXesha lobuXhaka-xhaka bobuChwepheshe Bale Mihla khona ukuze eli lizwe ligwadle amacebo avakalayo nangawomntu wonke okumelena nale mingeni sijongene nayo.

13. IiMbasa zamaJelo eeNdaba zoMbutho woPhuhliso lwaMazwe aseMazantsi e-Afrika (SADC) zowama-2019

13.1. Njengenxalenye yokukhuthaza ukudibana, intsebenziswano nokuhlonipha ukugqwesa kumsebenzi wokucholachola nokupapasha iindaba kulo mmandla, amajelo eendaba aseMzantsi Afrika amenyiwe ukuba afake izicelo zabo ezinamagama oonondaba abafuna ukuba babesethubeni elihle lokuphumelela imbasa kukhuphiswano  lweeMbasa zamaJelo eeNdaba e-SADC zowama-2019 ngomhla wama-28 kweyoMdumba 2019. Ezi mbasa zikwimacandelo la maphepha-ndaba abhaliweyo ephepheni,  elikanomathotholo, elikamabona-kude kunye nelokuthathwa nokupapashwa kwemifanekiso.

E. Imiyalezo
14. Uvelwano


14.1. IKhabhinet nayo njengoMongameli uRamaphosa nabantu baseMzantsi Afrika idlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho nabahlobo babafundi abaye basweleka emva kokuwelwa yibhulorho eyindlela yokuhamba kwisikolo i-Hoërskool Driehoek e-Vanderbijlpark ngoLwesihlanu, umhla woku-1 kweyoMdumba yowama-2019. IKhabhinethi ikwanqwenela abo bonzakeleyo ukuba baphile ngokukhawuleza.

15. Ukuvuyisana

15.1. IKhabhinethi iye yavuyisana:

  • neSoweto Gospel Choir ngokwenza uMzantsi Afrika ukuba uzingce kwakhona emva kokuphumelela imbasa ye-Grammy ngelona cwecwe lomculo ligqwesileyo ehlabathini. Eli qela liphumelele ngecwecwe lalo elithi, Freedom – renditions of well-known liberation struggle songs. Le yiMbasa ye-Grammy yesithathu yale kwayara.
  • neBhanki yoPhuhliso yaseMaZantsi e-Afrika (DBSA) ngokuphumelela iMbasa yeNkqubo yezaMandla aHlaziyiweyo yase-Afrika kwiziko elizinze e-London, i-Project Finance International. I-DBSA ihlonitshwa ngobuchule bokuxhasa ngezezimali iiprojekthi zezamandla ahlaziyiweyo ezili-14 kwiNkqubo yezaMandla aHlaziyiweyo yabaBoneleli-mbane abaZimeleyo beli lizwe.
  • noosonzululwazi ababini abaphumelele iimbasa ehlonitshwa jikelele i-AU Kwame Nkrumah ngokuGqwesa kwezeNzululwazi ngowama-2018 e-Addis Ababa, e-Ethiopia ngomhla we-11 kweyoMdumba yowama-2019:

noNjing Aletta Schutte ngokuphumelela ibhaso lommandla eliyimali eyi-US$20 000 looSonzululwazi baseTyhini kwicandelo lweNzululwazi ngoMhlaba. UnguNjingalwazi weNzululwazi yokuSebenza kwaMalungu oMzimba (i-Physiology) kwiiDyunivesithi yoMntla Ntshona. UNjing Schutte wenze izifundo ze-SARChI ezingokuBhaqwa nokuThintelwa kwangeThuba kweSifo seNtliziyo e-Afrika, ekwangusihlalo wophando-nzulu oluxhaswa ngezimali liSebe lezeNzululwazi nobuChwepheshe (i-DST). Uphando-nzulu lwakhe lugxile kwihayihayi nendlela engena ize ikhule ngayo kubantu base-Afrika.    
   
noNjing uDavid Mark Richardson ophumelele imbasa yelizwekazi ezi-US$100 000 yodidi lweNzululwazi ngoMhlaba. UnguNjingalwazi oyiNgcali eGqibeleleyo nge-Ecology kwiDyunivesithi yaseStellenbosch, ekwanguMlawuli we-DST-National Research Foundation Centre of Excellence for Invasion Biology. Uphando-nzulu lwakhe lungokuqonda imiba emalunga nokungenelela kwezityalo ezingezonkulelane.

  • neqela lebhola ekhatywayo laseMzantsi Afrika labaminyaka ingaphantsi kwama-20, Amajita, ngokuphumelela ilungelo lokuya kuthatha inxaxheba kwiNdebe yeHlabathi ye-FIFA yabangaPhantsi kwama-20 eminyaka (FIFA Under-20 World Cup), neza kubanjelwa ePoland kwekaCanzibe yowama-2019. Amajita azibekele indawo emva kokudlulela kumdlalo ophambi kowamagqibela kankqoyi weNdebe yoMbutho weBhola eKhatywayo yase-Afrika yabangaPhantsi kwama-20 eminyaka (Confederation of African Football Under-20 Africa Cup of Nations) eqhubeka e-Niger ngoku.  

Imibuzo:
Phumla Williams – iBambela leSithethi seKhabhinethi (GCIS)
Iselula: 083 501 0139

Share this page

Similar categories to explore