Intetho Kamongameli U-Cyril Ramaphosa Ngendlela Umzantsi Afrika Ohlangabezana Ngayo Nobhubhane Wentsholongwane I-Corona

Bemi boMzantsi Afrika,

Sele kuziveki ezisixhenxe ngqo ukususela oko kwathi kwangqinwa isehlo sokuqala sentsholongwane i-corona kwilizwe lethu.

Ukususela ngoko, bonke ubomi bethu baye batshintsha ngendlela engummangaliso.

Njengesizwe siye sanyanzeleka ukuba sithathe amanyathelo angqongqo ukulwa nolu tshaba lungabonakaliyo nolubeke ubomi bethu nobezalamane zethu emngciphekweni.

Siye sanyanzeleka ukuba samkele indlela entsha yokuphila, ngexeshana nje elingephi.

Njengokuba singena kwiveki yesihlanu yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke okungazange kwabakhona ngaphambili – nanjengokuba sijonge kwixesha elizayo – kufuneka sikhumbule ukuba bekutheni na ukuze sibe kule meko.

Le ntsholongwane i-corona ingaqhelekanga, neyabhaqwa kwisixeko sase-Wuhan e-China kwinyanga yoMnga kulo nyaka uphelileyo, iye yanwenwa ngokukhawuleza kwihlabathi jikelele.

Ukuza kuthi ga ngoku, zingaphezulu kwe-2.6 sezigidi iimeko esezingqiniwe zaze zabikwa kwihlabathi jikelele.

Elona nani lichanekileyo labantu abosulelekileyo lingaphezulu kakhulu kunelo.

Intsholongwane i-corona ibangela isifo esaziwa ngokuba yi-COVID-19, isigulo esinokwenza nokuphefumla ekungekho mntu ukhuselekileyo kuso sithetha nje nesinganyangekiyo.

Intsholongwane i-corona idluliselwa ukusuka komnye umntu ukuya komnye ngamachaphaza amancinci aphuma empumlweni nasemlonyeni anokosulela ngokudibana nawo ngqo, kwimiphezulu esithi siyithinte okanye xa umntu owosulelekileyo ekhohlela okanye ethimla ekufutshane komnye umntu.

Uninzi lwabantu abosulelekileyo babonakalisa nje iimpawu ezincinci; kanti ke abanye ababonakalisi zimpawu tu kwaphela.

Kodwa bakhona abantu abaqalisa ukuba neempawu ezingqongqo kuze kufuneke balaliswe esibhedlele.

Abo ke idla ngokuba ngabantu abasele bekhulile kunye nabo baphila benezinye izigulo ezifana nesifo sentliziyo, isifo seswekile, izigulo ezinokwenza nokuphefumla ezinganyangekiyo nesifo somhlaza.

Kwabanye baba bantu, i-COVID-19 iyabulala.

Ngabantu abangaphezulu kwama-185, 000 abathe boyisakala sesi sifo ehlabathini jikelele.

Apha eMzantsi Afrika, ngabantu abangama-75 ubuncinane abathe baphulukana nobomi babo.

Ngenxa yokuba le ntsholongwane i-corona iyakwazi ukunwenwa ngokukhawuleza kubemi, yoyisa neyona nkqubo yezonyango ixhotyiswe ngcono kungaphelanga ziveki zingaphi.

Yilo nto kanye eyenzeke kumazwe amaninzi ehlabathini jikelele, yiyo kanye lo nto, singuMzantsi Afrika, esithe sabhinqela phezulu ukuyithintela ukuba ingenzeki.

Zimbalwa kakhulu iinkqubo zezonyango ehlabathini jikelele – ukuba zikhona phofu – ezikwaziyo ukumelana nokwanda ngesiquphe kwenani labantu abadinga unyango olungqongqo lwezigulo ezinxulumene nokuphefumla.

Ngenxa yoko, le ntsholongwane inwenwa ngokukhawuleza, akukho zibhedi zaneleyo ezibhedlele, kumacandelo wabagula kakhulu, izixhobo zokungenisa nokukhupha umoya, izixhobo zokuzikhusela okanye amayeza adingwa ngumntu wonke.

Ukwenza izinto zibe mbi nangakumbi, abantu abanezinye izigulo okanye abadinga uncedo lukaxakeka abakwazi ukufumana inkathalelo abayidingayo.

Kwaye kwiimeko ezinjalo, ubomi babantu abaninzi engebusindisiwe, kuye kuphulukwane nabo. 

Ndiyawaphinda nje la manqaku angundoqo – nendicinga ukuthi xa kungoku nje uninzi lwenu sele luwazi – kuba acacisa amanyathelo esesiwathathile ukuza kutsho ngoku kwaye ngawo angunozala wala manyathelo ndiwavakalisayo ngokuhlwa nje.

Ukususela ngexesha esabhengeza ngalo ukuba ubhubhane wentsholongwane i-corona uthathwa njengemeko yentlekele yesizwe ngomhla we-15 kweyoKwindla, iinjongo zethu ibikukulibazisa ukunwenwa kwale ntsholongwane. 

Sizamile ukuthintela ukugaleleka ngobuninzi kosuleleko nokwanda okungalawulekiyo kwenani labantu abadinga inkathalelo yezempilo.

Eyethu indlela yokwenza ibigxile kummiselo wokungasondelelani kwabantu, ukuthintelwa kohambo kunye neendlela zokuziphatha ezisisiseko sezempilo ezingqongqo.

Ngokulibazisa ukunwenwa kwale ntsholongwane, sibe nalo ixesha lokulungiselela amaziko wethu ezonyango nokuvuselela ezinye zezibonelelo zezempilo ezingundoqo ezidingekayo ukumelana nokwanda kosuleleko olunganqandekiyo.  

Kwaye kungokwenza kwethu ngolu hlobo, okwenza ukuba sibe nethemba lokusindisa amashumi wamawaka emiphefumlo. 

Kukho ubungqina obucacileyo bokuba ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kusebenzile.

Kudibene kunye namanye amanyathelo esithe sawathatha – afana nokuvalwa kwemida yethu – kunye nokutshintsha kwendlela yokuziphatha athe umntu ngamnye kuthi wayenza, ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kusithomalalisile isantya sokuqhubela phambili kwalo bhubhane kwilizwe lethu.

UMbutho wezeMpilo weHlabathi uwothulela umnqwazi uMzantsi Afrika ngokuthatha amanyathelo ngokukhawuleza kunye nokulandela iingcebiso zezenzululwazi zokulibazisa ukunwenwa kwale ntsholongwane.

Kodwa, nangona ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke kusenokuba yeyona ndlela isebenza ngokubonakalayo ukuthintela ukunwenwa kwale ntsholongwane i-corona, ayinakuze igcinwe ngonaphakade.

Abantu bakuthi kufuneka batye. Bafuna ukufumana imivuzo. Iinkampani kufuneka zikwazi ukuvelisa ukuze zenze urhwebo, kufuneka zenze imali zize zigcine abasebenzi bazo emisebenzini.

Siye sathatha isigqibo sokuba emva komhla wama-30 kuTshazimpuzi, kufanele ukuba siqalise ukubuyela ngokuthe ngcembe kwiintshukumo zezoqoqosho.

Siza kufezekisa isicwangciso-qhinga esihlenga-hlengiswe ngokwemingcipheko esiza kuthi ngokuxhomekeke kuyo sithathe amanyathelo afanelekileyo nendlela yokwenza elumkileyo ukunyenyisa imiqobo yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile yangoku.   

Sigqibe okokuba sithathe le ndlela yokwenza kuba kusekuninzi okungaziwayo malunga nezinga nendlela le ntsholongwane enwenwa ngayo phakathi kwabantu bakuthi.

Amanyathelo esiwathathayo ngoku kufanele ngoko ke abe nokulinganiseka aze abe esandiswa kancinci-kancinci.

Le ndlela yokwenza ikhokelwa zingcebiso ezivela koosonzululwazi nabathe bacebisa ukuba ukuyekisa imiqathango nje ngendlela enguvula zibhuqe nengalawulwayo kungabangela ukuqhambuka kwakhona kosuleleko ngobunininzi.

Namhlanje asinakuthatha amanyathelo aza kwenza ukuba sizisole ngomso.

Kufuneka sikuthintele ukungxamela ukuvula okuza kusibeka kumngcipheko wokunwenwa, nekuza kufunisa ukuba siphinde silandelise ngokunye ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile okunzima, njengoko kube njalo kwamanye amazwe.

Kufuneka silinganise imfuno yokuqalisa ngeentshukumo zezoqoqosho kunye nokubaluleka kokuthintela ukunwenwa kwale ntsholongwane nokusindisa ubomi.

Ukuze siphumelele koku, siqulunqe indlela yokwenza emisela amanyathelo ekufanele siwamisele ngokuxhomekeke kwindlela lo bhubhane asele eyihambile kwilizwe lethu.

Njengenxalenye yale ndlela, kuza kubakho amanqanaba amahlanu entsholongwane i-corona:

Inqanaba le-5 lithetha ukuba amanyathelo angqongqo ayimfuneko ekuthinteleni ukunwenwa kwale ntsholongwane ukusindisa ubomi.

Inqanaba le-4 lithetha ukuba ezinye iintshukumo zingavunyelwa ukuba ziqhubeke kwakhona ngokuxhomekeke kwimiqathango engqongqo efunekayo ukunciphisa ulosuleleko nokuqhambuka kwayo eluntwini.

Inqanaba le-3 liquka ukunyeyiswa kweminye yemiqathango,kuquka iintshukumo zasemisebenzini nezasekuhlaleni, ukuhlangabezana nomngcipheko omkhulu wosuleleko.

Inqanaba le-2 liquka ukunyenyiswa kwemiqathango eyongezelelweyo, kodwa ukugcinwa kwesithuba kumgama ophakathi komntu nabo bamngqongileyo kunye nemiqathango kwezinye iintshukumo zokuzonwabisa nezinye zoluntu ukuthintela ukuqhambuka kwakhona kwale ntsholongwane.

Inqanaba lo-1 lithetha ukuba iintshukumo zesiqhelo ezininzi zingaqalisa, nemiqathango yokulumkela nokulandela izikhokelo zezempilo ngalo lonke ixesha.

Ukuqinisekisa ukuba indlela esihlangabezana ngayo nalo bhubhane yechanekileyo nezinze kangangoko, kuza kubakho inqanaba lesizwe namanqanaba awohlukeneyo wephondo ngalinye, awesithili nawoomasipala abambaxa kwisizwe jikelele.  

Ngoku sikwiNqanaba le-5, nelifuna ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke ngokupheleleyo ukuthintela ukunwenwa kwale ntsholongwane.

Lelona nqanaba liphezulu lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile eli kwaye lamiselwa ngexesha apho bekufuneka amanyathelo angqongqo wokuthintela usuleleko.

IBhunga leSizwe loLawulo lweNtsholongwane i-Corona liza kumisela inqanaba lokuhlala siphaphile ngokuxhomekeke kuhlolo lwezinga losuleleko nokuxhotyiswa kwenkqubo yethu yenkathalelo yezempilo ukubonelela ngenkathalelo abo bayidingayo.

Senze umsebenzi oneenkcukacha ukuhlenga-hlengisa iindawo ezahlukeneyo zoqoqosho ngokumalunga nomngcipheko wosuleleko kwela candelo, impembelelo elindelekileyo edalwe kukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, igalelo lecandelo kuqoqosho kunye nempembelelo yalo kwimpilo yoluntu. 

AbaPhathiswa abachaphazelekayo baza kunika ingcaciso ezineenkcukacha malunga nokuhlenga-hlengiswa kwamashishini nokuthi ishishini ngalinye lichaphazeleka njani kwinqanaba ngalinye. 

Siza kunika yonke imibutho yezoshishino ithuba lokuziqwalasela ezi nkcukacha kwaye, ukuba iyanqwena, ingenza iziphakamiso phambi kokuba kufakwe imimiselo emitsha kwiphepha-ndaba lombuso. 

IBhunga leSizwe loLawulo lweNtsholongwane i-Corona belihlangene apha emini laza lamisela ukuba inqanaba lokuhlala siphaphele intsholongwane i-corona lesizwe liza kuthotywa ukusuka kwinqanaba le-5 ukuya kwinqanaba le-4 ukususela ngoLwesihlanu umhla woku-1 kuCanzibe.

Oku kuthetha ukuba ezinye iintshukumo ziza kuvunyelwa ukuba ziqalise ngokuxhomekeke kwimiqathango engqongqo ukuthintela ukusasazeka nokuqhambuka kwayo eluntwini.

Amanye amashishini aza kuvunyelwa ukuba aqalise ukusebenza phantsi kwemiqathango ethile ecacileyo.

Ishishini ngalinye kuza kufuneka lithobele izivumelwano ezineenkcukacha ezicacisiweyo zezempilo nezokhuselo ukukhusela abasebenzi balo, kuze kumiselwe nezicwangciso zomsebenzi ukuvumela ukucutshwa nokuthintelwa kokunwenwa kosuleleko.

Onke amashishini avunyelweyo ukuba aqalise ukusebenza kuza kufuneka akwenze oko ngokwezigaba ngezigaba, aqale ngokulungisa indawo yokusebenza elungiselela ukubuyela ekusebenzeni, kulandelwe ngokubuyela kwabasebenzi ngamaqela angekho ngaphezulu komthamo olingana nesinye sesithathu.

Kwezinye iimeko, icandelo alisoze likwazi ukubuyela ngokupheleleyo ekuveliseni ngexesha leNqanaba le-4 ngeli xa umngcipheko wosuleleko usahleli uphezulu.

Oko kuza kuchazwa kule veki izayo emva komjikelo wokugqibela wofakano-mlomo.

Amashishini aza kukhuthazwa ukuba amkele isicwangciso sokusebenzela ekhaya apho kunokwenzeka khona.

Bonke abasebenzi abakwaziyo ukusebenza bekude nendawo yempangelo kufuneka bavunyelwe ukuba benze njalo.

AbaPhathiswa abachaphazelekayo baza kunikezela ngeenkcukacha zenkqubo yokuvulwa kwakhona kwezikolo namanye amaziko ezemfundo. 

Njengokuba sinyenyisa kancinci kancinci imiqathango, kubalulekile ukuba uninzi lwamanyathelo okuthintela ukusasazeka kwale ntsholongwane ahlale esebenza.

Xa ilizwe litshintshela kwiNqanaba le-4 ngomhla woku-1 kuCanzibe:

Imida yethu iza kuhlala ivaliwe kwiihambo zamazwe ngamazwe, ngaphandle kokuba zihambo zokubuyiselwa ekhaya kwabemi boMzantsi Afrika nabemi bamazwe angaphandle.

Akukho zihambo ziza kuvunyelwa phakathi kwamaphondo, ngaphandle kokuthuthwa kweempahla nezo zaphantsi kweemeko ezingaqhelekanga ezifana nezemingcwabo.

Izithuthi zikawonke-wonke ziza kuqhubeka zisebenza, nenani eliqingqiweyo labakhweli kunye namanyathelo angqingqwa emfuno zezempilo, kuquka nokuba bonke abakhweli banxibe izigqubuthelo-buso okanye iimaski.

Uluntu luyakhuthazwa ukuba luhlale ekhaya, ngaphandle kweehambo zokuhambela izizathu ezingundoqo, ukwenza umsebenzi ongundoqo nokusebenza kumacandelo aphantsi kokuvula okulawulwayo. Abantu banokuzivoca-voca phantsi kwemiqathango engqongqo yezempilo kawonke-wonke.

Zonke iindibano, ngaphandle kwemingcwabo nempangelo, ziza kuhlala zingavumelekanga.

Abantu abadala, kunye nabo bagula behamba ngezigulo ezinganyangekiyo, kufuneka bahlale emakhaya baze bathathe amanyathelo athe chatha okuzigcina bucala kwabanye abantu.

Ukuthengiswa kwemidiza kuza kuvumeleka.

Uluhlu lweendidi zezinto ezinokuthengiswa luza kwandiswa ukuba luquke iindidi ezithile ezongeziweyo. Oko kuza kucaciswa ngabaPhathiswa abachaphazelekayo.

Kubalulekile ukuqaphela ukuba eminye imiqathango iza kuhlala isebenza nokuba sikweliphi na inqanaba lokuba sihlale siphaphile lo gama umngcipheko wosuleleko usekhona:

Iibhari nemizi ekuthengiswa kuselelwe kuyo utywala iza kuhlala ivaliwe.

Amaziko engqungquthela, iindawo zokuzonwabisa, iindawo zemiboniso bhanya-bhanya, iindawo zemidlalo yeqonga, kunye neekonsathi ziza kuhlala zivaliwe.

Iikonsathi, iminyhadala yezemidlalo, neyezenkolo, iindibano zezenkcubeko nezolonwabo aziyi kuvunyelwa kude kubonakale kukhuselekile ukuba zingaqhubeka.

Intsholongwane i-corona isasazeka ngokudibana phakathi kwabantu.

Ukuba abantu abahambi, nentsholongwane ayihambi.

Umzekelo, siyayazi, ukuba umngcwabo nje omnye e-Port St Johns nendibano enye yezenkolo ebiseMangaung zibe negalelo kwinto efana nesikhukula sosuleleko kula maphondo ngokulandelelana kwawo.

Ngokobungqina esinabo, siyayazi ukuba ama-75 eepesenti eemeko ezingqiniweyo zentsholongwane i-corona zifumaneka nje koomasipala abambaxa abathandathu – eRhawutini, Ekurhuleni, eKapa, kwiSixeko seBhafalo, eThekwini naseMangaung.

Ngoko ke kubalulekile ukuba senze konke okusemandleni ethu ukuthintela ukuhamba kwabantu kwaye – nangona oko kuphikisana nesimo sokudalwa kwethu – ukunciphisa unxulumano esinalo phakathi kwethu omnye nomnye.

Ekugqibeleni, ngamanyathelo wethu, ngabanye-ngabanye, aza kuqinisekisa ukuba le ntshongwane isasazeka msinya kangakanani na.

Ukuba sonke siyayithobela imiyalelo size silandele isikhokelo sezempilo sikawonke-wonke, siza kuyigcina le ntsholongwane iphantsi kolawulo kwaye akuzi kubakho mfuneko yokuba sibuyisele eyona miqathango ingqongqo kakhulu.

Singakuthintela ukusasazeka kwentsholongwane i-corona ngokwenza nje izinto ezilula ezimbalwa.

Hlambani izandla zenu rhoqo ngamanzi nesepha okanye sisebenzise isibulali zintsholongwane esenziwe ngotywala.

Gcina umgama ongaphezulu kwemitha enye phakathi kwakho nomntu okufuphi kuwe, ingakumbi lowo ukhohlelayo nothimlayo.

Zama ungawuthinti umlomo wakho, iimpumlo namehlo kuba izandla zakho zisenokuba bezithinte indawo enentsholongwane i-corona.

 

Xa ukhohlela okanye uthimla gquma umlomo wakho neempumlo ngomphakathi wengqiniba yakho egotyiweyo okanye usebenzise itisu, uze uyilahle kwangoko xa ugqiba kuyisebenzisa.

 

Njengoko siqalisa ukunyenyisa imiqathango yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ekuqaleni kukaCanzibe, simema bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba banxibe izigqubuthelo zobuso nanini na xa bephuma emakhayeni abo.

 

Imizi-mveliso yethu yeempahla nempahla elukiweyo – kuquka namashishini asakhasayo amaninzi – azilungiselela ukuvelisa ezi zigqubuthelo zobuso ngobuninzi.

Amanyathelo athe chatha ngokungaqheleki esiwabekileyo ukuthintela ubhubhane wentsholongwane i-corona aye abuyekezwa ligalelo elithe chatha ngokungaqheleki elenziwe luninzi lwabantu baseMzantsi Afrika.

Siyababulela, abongikazi, oogqirha, osoonzululwazi kunye noonompilo boluntu abenza umsebenzi wokuvavanya engabo abakhokelayo ukuhlangabezana nenkonzo yezempilo yoluntu lwethu.

Sizinikele ekuqinisekiseni ukuba banayo yonke imithombo abayidingayo – kuquka izixhobo ezikhuselekileyo zokusebenza nokunye okuthenjisiweyo – ukuze benze umsebenzi abacelwe ukuba bawenze.

Njengokuba sinyenyisa kancinci imiqobo yokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, sikwandisa ngokuncomekayo nangokuphindiweyo ukuhlangabezana neenkonzo zezempilo zoluntu lwethu.

Sesikubonile ukwanda okukhulu kuvavanyo nokuhlolwa koluntu.

Ngokukhokelwa zingcebiso ezivela kuMbutho wezeMpilo weHlabathi (i-WHO) kunye naMaziko ase-Afrika oLawulo noThintelo lweZifo, siye sazibandakanya namanye amazwe ase-Afrika ngokubeka uvavanyo nohlolo njengentsika yesigaba esilandelayo sokuhlangabezana.  

Kwangoko evekini, ndiye ndazisa ngesabelo esongezelelweyo seebhiliyoni ezingama-20  eerandi  sokuhlangabezana kwethu nenkonzo yezempilo ukuqinisekisa ukuba sineebhedi, amayeza, izixhobo nabasebenzi abadingekayo xa ilizwe lethu lifikelele encotsheni yosuleleko.

Ngokuhlwa nje, ndifuna ukubulela abo basibonelela ngeenkonzo ezingundoqo neempahla – izigadla, iiteksi, abaqhubi beebhasi naboololiwe; abasebenzi basezifama, ezivenkileni, kwizikhululo zombane, kwizikhululo zokucoca amanzi, ezigaraji, ezibhankeni kunye namaziko okunceda abaxumi; amagosa onyanzeliso-mthetho nabasebenzi abangonoogada.

Kungenxa yamalinge wenu ukuba sikwazi ukwenza le nkqubela incomeka kangaka ekulweni lo bhubhane.

Njengenxalenye yokwandisa eli linge, ndiye ndaqesha abasebenzi bezokhuselo abangaphezulu kwama-70 000 ukuba bancedise kumacandelo awohluka-hlukeneyo okusabela kwikhwelo lale ntsholongwane --corona.

Kude kube ngoku, lo malungu omkhosi wezokhuselo athe atyalwa aye ancedisa iNkonzo yezobuPolisa yaseMzantsi Afrka kwimisebenzi eluxanduva lwayo.

Aza kuqhubeka ukwenza njalo, kodwa aza kubonelela ngoncedo nakweminye imisebenzi engundoqo, efana nokubonelela ngokunikezelwa kwamanzi, ukulungiswa kweziseko ezingundoqo neenkonzo zezempilo.

Eli lixesha elinzima kakhulu kumzabalazo wethu wokulwa neentsholongwane i-corona.

El ixesha lokuhlala silumkile.

Eli lixesha lokwenza ngononophelo.

Eli lixesha lokuba nomonde.

Akukho namnye umntu ongafuniyo ukubuyela emsebenzini.

Akukho nanye iinkampani engafuniyo ukuvula kwakhona.

Akukho namnye umfundi ongafuniyo ukubuyela kwizifundo zakhe.

Kodwa ke, sonke siyacelwa, ngexesha elithile ebomini bethu, ukuba sizenze idini elikhulu sisenzela ingomso lethu kunye nengomso labanye.

Kukho amaxesha apho kuye kufuneka ukuba sinyamezele inkxwaleko nobunzima, ukuze sikwazi ukonwabela inkululeko nokuphumelela kwingomso.

Kwezi veki zintlanu zidlulileyo, silibonisile ihlabathi liphela ukuba singaphumelela kangakanani ngesibindi, ukuzimisela nokuba yimbumba yamanyama.

Masingatyhafi ngoku.

Ndiyanicela ukuba nihlale nomelele.

Ndiyanicela ukuba nihlale nimanyene.

Hlalani emakhaya, nihlale nikhuselekile.

Ndiyanibulela ngako konke enikwenzileyo nenisaqhubeka nokukwenza.

Inga iNkosi ingawusikelela uMzantsi Afrika ize ikhusele nabantu bawo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore