INtetho kaMongameli u-Cyril Ramaphosa ngeNkqubela kwiiNzame zikaZwelonke zokuLwa uBhubhane we-COVID-19

Bemi boMzantsi Afrika,

Sele kuziinyanga ezintlanu ukususela oko samisela imo yentlekele kazwelonke yokulwa nobhubhane wentsholongwane i-corona.

Njengoko ndanditshilo ngaphambili, nanjengokuba ndiza kuphinda nditsho ngoku, kwimbali yolawulo lwentando yesininzi kwilizwe lethu asizange sijongane nengxaki enkulu ngolu hlobo – imeko ethe yanyanzelisa ukuba sithathe amanyathelo esingazanga sawathatha ngaphambili futhi sincame nezinto ezininzi.

Ibiziinyanga ezintlanu ebezinzima kakhulu, futhi lo bhubhane wenze umonakalo omkhulu kakhulu – kwimpilo yabantu bakuthi, kwiintsapho nakuluntu, kwinkqubo yezempilo yoluntu, kuqoqosho nakubomi babantu bemihla ngemihla.

Ngeli xesha lobu bunzima konke ebesikulangazelela thina sisonke njengabemi boMzantsi Afrika kukuba sempilweni, sibuyisele ubomi bethu futhi siphinde sakhe kwakhona uqoqosho lelizwe lakuthi.

Ndithetha nani ngobu busuku phakathi kweempawu zethemba

Senza inkqubela kwidabi lethu lokulwa ne-COVID-19.

Kwezi veki zintathu zidlulileyo, inani eliqinisekisiweyo labantu abosulelekileyo abatsha lihlile ukususela kubantu abangaphezulu kwama-12 000 ngosuku ngethuba lo bhubhane wayegqugqisa kakhulu laya kumyinge wabantu abamalunga nama-5 000 ngosuku kule veki iphelileyo.

Iqondo lokuphila kwintsholongwane i-corona linyukile ukusukela kwi-48% ukususela kwintetho yam edlulileyo kwaye ngoku limi kwi-80%.

Inani labantu bonke ababekhe bosulelwa yile ntsholongwane  kwilizwe lakuthi lihleli liphezulu kakhulu kungoku nje limi  kuma-583 653.

Nangona kunjalo, inani labantu abanale ntsholongwane sithetha nje liyehla ntsuku zonke, futhi ngoku limi malunga nama-105 000.

Le ntsholongwane kubonakala ingathi sele inyukile kumaphondo amaninzi, kuquka elaseNtshona Koloni, elaseMpuma Koloni, elase-Gauteng kwaye kusenokwenzeka nelaKwaZulu-Natala.

Bambalwa abantu ababonisa iimpawu kumaziko ethu ezempilo.

Siyafumanisa kwakhona ukuba bambalwa abantu abafuna ukulaliswa kwizibhedlele zethu futhi nenani labantu abafuna uvavanyo lwentsholongwane i-corona lehlile.

Inani lezigulane ezisesibhedlele lehle ukususela kuma-10 000 ekuqaleni kwenyanga ukuya kuma-4 000.

Oku kuhlisa ngokumandla uxinzelelo kumaziko ethu ezempilo.

Ukususela namhlanje, ngabantu abangama-11 667 eMzantsi Afrika ekuqinisekiswe ukuba babulewe yi-COVID-19.

Sizilela omnye nomnye othe wasweleka nabanye abaninzi esingekazi nto ngabo.

Ukusweleka kwabantu abaninzi ngexesha elifutshane kangaka ngenxa yentsholongwane efana nale yintlekele yoluntu enkulu esingazange sayilindela ukuba ingenzeka kwisizwe sethu ngexesha loxolo nolawulo lwentando yesininzi.

Kucacile ngoku ukuba sasingazange sithathe isigqibo ngokukhawuleza njengoko senzile – futhi ukuba besingazange siyithathele ingqalelo le ngozi njengoko senzayo – abantu abaninzi ngebabephulukene nobomi babo.

Iya kuhlala iyinkxalabo yethu kwezi veki neenyanga ezizayo ukuqhubeka nokusindisa ubomi.

Xa ndandisazisa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke ngomhla wama-23 kweyoKwindla iinjongo zam yayikukuthintela ukungalawuleki kosasazeko losulelo futhi nokulungiselela inkqubo yethu yezempilo ngokufanelekileyo.

Xa sijonga ngemva kwezi nyanga zintlanu zidlulileyo, zonke iimpawu zibonisa ukuba inani labantu abosulelwe yile ntsholongwane eMzantsi Afrika alinakuphinda lenyuke endaweni yoko liyaqalisa ukuhla ngoku.

Uninzi lwamaziko ethu ezempilo abonakalise ukomelela, ukubanakho futhi nokubanakho ukumelana nokujongana nale ndyikityha.

Ukuqikelelwa okumiselweyo kosuleleko, ukulaliswa ezibhedlele kunye nokuphulukana nobomi kwabantu bethu kuye kwafuneka ukuba kulungelelaniswe njengoko sibhalise inkqubela engcono kulawulo lwesi sifo.

Inkqubela esiyibonayo kwindlela esiyilawula ngayo i-COVID-19 ibingenakwenzeka ngaphandle kokuzinikezela kunye nezakhono ezikudidi oluphezulu zoogqirha, abongikazi kunye nabanye oonompilo beli, ekuye kwafuneka ukuba bajongane nesi sifo singenakufaniswa nanto besoloko bephantsi kweemeko ezinzima kakhulu

Sithi nangamso kubo, uninzi lwabo bathe bosuleleka baze abanye baphulukana nobomi babo ngelixa bekhathalele abanye abantu.

Oku bekungasoze kwenzeke ngaphandle kwabo bonke abasebenzi abaphambili, amapolisa angamanina namadoda, amajoni, amagosa ezendlela kunye namavolontiya ebephambili kumanyathelo ethu esizwe.

Sibamba ngazibini nakwiingcaphephe zethu zezempilo kumaziko ahlukeneyo ezempilo, afana neNkonzo yeSizwe yeLebhu yezeMpilo, iZiko leSizwe leZifo ezoSulelayo, iBhunga lezoPhando lwezoNyango kunye neKomiti yeeNgcebiso zaBaphathiswa eqhubekayo nokudlala indima ebalulekileyo kumalinge ethu okulwa i-COVID-19.

Ekugqibeleni, inkqubela esiyenzileyo ibingasoze yenzeke ngaphandle kokuzenza kwenu idini, nina bantu boMzantsi Afrika.

Nini abathe baziqhelanisa ngokulula nemigaqo yezithintelo ezimalunga nokunxiba isigqubuthelo-buso, ukungasondelelani kwabantu kunye nococeko olulungileyo kwaye kwangaxeshanye nanceda ekusindiseni ubomi

Kodwa nangona zikhona kanjalo iimpawu zethemba, asinakho futhi akufunekanga ukuba siyekelele imixakatho.

Njengoko siqhubeka nokunyenyisa imigaqo yezithintelo, ubungozi bosuleleko abunciphi.

Inyaniso kukuba, ubungozi bosuleleko buya buba bukhulu njengoko uninzi lwabantu lubuyela emisebenzini, njengoko behamba-hamba futhi maninzi amathuba okudibana.

Asinakho ke ngoko ukungakhathali okanye sizilahle izilumkiso zempilo esizaziyo ukuba kufuneka sizithathe.

Nempazamo nje encinci ngeli thuba ingakhokelela ekubeni siphinde sivumbuluke esi sifo sele sixake ngendlela esingazange siyibone.

Sikubonile oku kusenzeka kwamanye amazwe, apho imigaqo yezithintelo ezingqongqo kuye kwanyanzeleka ukuba ibuyiselwe kwakhona njengoko iqondo lolosuleleko linyuka emva kokunyenyiswa.

Sigqibe ekubeni iqondo eliphantsi losulelo esikulo ngoku kufuneka likhokelele ekunyenyisweni kwemigaqo yezithintelo esinayo ukuza kuthi ga ngoku.

Nangona kunjalo, ngoku lixesha lokuba sihlale siphaphe ngamandla futhi sinenkathalo engaphaya.

Kufuneka sonke siqhubeke nokunxiba isigqubuthelo-buso selaphu esigquma iimpumlo nemilomo yethu maxa onke sishiya amakhaya ethu.

Kufuneka sikhusele abantu abadala nabo banezigulo ezinokubenza babe semngciphekweni wokosuleleka ukuba bangosulelwa yile ntsholongwane.

Kufuneka siqhubeke nokungasondelelani kwabantu kunye nokuqinisekisa ukuba umoya ungena ngokwaneleyo endlwini.

Kufuneka siqhubeke nokunciphisa iihambo zethu, sithathe uhambo kuphela xa kukho imfuneko, siziphephe iindibano zoluntu futhi sikhumbule ukuhlamba rhoqo izandla zethu okanye sisebenzise isibulala-ntsholongwane ezandleni zethu.

Ngoku siyayazi ukuba abantu abaninzi abosulelwe yile ntsholongwane ababonisi zimpawu futhi basenokungayazi ukuba bosulelekile.

Ndisenokuba ndinayo le ntsholongwane, kungokunjalo nawe.

Ngoku kusengqondweni, omnye nomnye wethu kufuneka azithathe njengowosulelweyo yile ntsholongwane kwaye aqhubeke nokuziphatha ngendlela efanelekileyo ukwenzela ukuba angayidluliseli kwabanye abantu.

Ndiyayazi ukuba ezi nyanga zintlanu zidlulileyo bezinzima kakhulu kwisizwe sakuthi nakuthi sonke.

Kuye wonke umntu, esi sifo size nophazamiseko kubomi bethu bemihla ngemihla.

Kodwa kwizigidi zabantu, sibangele intsokolo emandla kunye nendlala.

Sibangele intlungu, ixhala kunye nokuphelelwa lithemba ekungekho namnye umntu ekufanele ukuba ayinyamezele.

Ifune ukuba sikhethe phakathi kokusindisa ubomi kunye nokukhusela iindlela zokuphila, phakathi kwendyikityha yesifo esitshabalalisayo kunye nokudodobala okunzulu koqoqosho.

Ifune sithathe amanyathelo anzima anokuchaphazela izinto ezininzi kakhulu.

Nangona la manyathelo siwathathileyo abangele ubunzima obukhulu, kodwa siyazi ukuba sasikhethe amanye endaweni yawo, oko kukuthi, ukuyeka inani labantu abosulelwa yile ntsholongwane likhule ngendlela engalawulekiyo kunye nenkqubo yezempilo engakwaziyo ukumelana noku esi sifo ngesibangele umonakalo omkhulu kakhulu.

Ngoku, phakathi kweempawu zethemba, sikulungele ukungena kwisigaba esitsha kwindlela esimlwa ngayo lo bhubhane.

Ngenxa yamanyathelo esiwathathileyo, sisonke futhi umntu ngamnye, emva kweenyanga ezimbalwa ezidlulileyo, silinciphisile iqondo losasazeko.

Siwuphungule umthwalo kwicandelo lezempilo.

Sikhokelwa zingcebiso zeengcaphephe zethu zezempilo futhi emva kokubonisana  noorhulumente bamaphondo kunye nowamakhaya, iKhabhinethi igqibe ekubeni ibeke isizwe sonke kwinqanaba lesi-2 lesilumkiso, ukususela ezinzulwini zobusuku ngoMvulo, umhla we-17 kweyeThupha 2020.

INqanaba lesi-2 lesiLumkiso ngokwesicwangciso sethu esihlenga-hlengiswe ngokokubona ubungozi kwindlela esilwa ngayo lo bhubhane lithetha ukuba kukho ukusasazeka okuthothileyo kwale ntsholongwane ye-COVID-19 okukhatshwa licandelo lezempilo eliqule laligangatha ukulungiselelo le ntsholongwane.

Ukutshintshela kwinqanaba lesi-2 kuthetha ukuba singayisusa phantse yonke imigaqo ethintela ukuvulwa kwemisebenzi kumashishini amaninzi.

Iintshukumo zoqoqosho ziza kuvunyelwa phantsi kwemigaqo yezempilo eyimfuneko nengqongqo kunye namanyathelo okhuseleko akhoyo.

Ngoko ke, utshintsho olulandelayo luya kuqala ukusebenza phantsi kwenqanaba lesi-2:

Yonke imigaqo ethintela ukutsiba imida yamaphondo iza kususwa.

Iindawo zokuhlala iindwendwe, iindawo zokutenda kunye nohambo lokhenketho ziya kuvunyelwa ngokwemigaqo evunyiweyo ukuqinisekisa ukuba kukho ukungasondelelani kwabantu.

Iirestyu, iindawo ezithengisa utywala kunye nezentselo ziza kuvunyelwa ukuba zisebenze ngokwemigaqo evunyiweyo ngokwexesha lokusebenza kunye namanani abantu avunyiweyo.

Imigaqo ebithintela ukuthengiswa kwecuba iza kususwa.

Imigaqo eyayinqumamise ukuthengiswa kotywala iza kususwa phantsi kwemiqathango ethile.

Utywala buza kuvunyelwa ukuba buselwe kwiindawo ezinephepha-mvume kuphela ukuya kwintsimbi ye-10 ebusuku.

Iindawo ezithengisa utywala ziza kuvunyelwa ukuba zithengisele abantu abaza kubuselela kwiindawo zabo ukusuka ngoMvulo ukuya ngoLwesine phakathi kwentsimbi ye-9 kusasa neyesi-5 malanga kuphela.

Imigaqo ethintela ukutyelela usapho nezihlobo nayo iza kususwa, nangona wonke umntu ecelwa ukuba alumke kakhulu kwaye atyelele kuphela xa kuyimfuneko.

Ukosuleleka kwaziwa ngokuba kwenzeka ngexesha lotyelelo losapho, ukubeka ebungozini amalungu osapho futhi ngamanye amaxesha kukhokelela ekuswelekeni kwamanye amalungu osapho

Ukungasondelelani kwabantu kufuneka kuqwalaselwe, izigqubuthelo-buso kufuneka zinxitywe rhoqo futhi unonophelo olukhethekileyo kufuneka luthathwe ukukhusela abantu abadala kunye nabantu abanezigulo ezinokubenza babe semngciphekweni wokosuleleka.

Ukuqhelana kwethu kufuneka kungavumeli ukuba siwalibale la manyathelo okhuseleko.

Njengoko sinyenyisa le migaqo yezithintelo, kuyimfuneko ukuba amanye amanyathelo ahlale ekhona ukunciphisa ukusasazeka kunye nokukhusela umthamo wethu wezempilo.

Ngoko ke,

Imigaqo ekhoyo ethintela ukutyelela amazwe angaphandle iza kuhlala ihleli.

Akukho zindibano zabantu abangaphezulu kwama-50 eziya kuvunyelwa. Phakathi kwezinye, oku kuquka imingcwabo kunye neendibano zezakwalizwi.

Ababukeli bezemidlalo abazikuvunyelwa ukuya kubukela imidlalo kumabala ezemidlalo.

Umthetho onyanzelisa ukuhlala ezindlwini uza kuhlala uhleli usebenza phakathi kwentsimbi ye-10 ebusuku neyesi-4 ekuseni

Siza kuqhubeka nokukhuthaza abantu ukuba bahlale emakhaya ukuba bayakwazi futhi, ukuba kuyenzeka, basebenzele emakhaya, ingakumbi ukuba baneminyaka yobudala engaphezulu kwengama-60 okanye abo banezigulo ezinokubenza babe semngciphekweni wokosulelwa yile ntsholongwane.

Ukwenzela ukugcina imigaqo yezithintelo ezisele zikhona futhi nokugcina ezinye izinto ezisisiseko kwimigaqo yezempilo, kubalulekile ukuba sandise imo yentlekele kazwelonke kwakhona kude kube ngumhla we-15 kweyoMsintsi 2020

Ngesi sigaba sitsha samanyathelo ethu, kufuneka sizibekele imigaqo kunye neendlela zokuziphatha ekufuneka siqhubeke ukuzisebenzisa kwixesha elizayo.

Le ntsholongwane iza kuhlala nathi iinyanga ezininzi kwaye ndiqhwabela izandla abemi abaninzi boMzantsi Afrika abathe bayitshintsha iindlela abaphila ngazo ukuze bakwazi ukumelana nale meko sikuyo.

Kwakhona kufuneka ndikhankanye, ingakumbi, igalelo leenkokheli zemveli kunye neenkokheli zakwalizwi zazo zonke iinkolo ezithe zasinika isikhokelo ngohlenga-hlengiso omalwenziwe kwiinkolo nakwinkcubeko ngexesha lentsholongwane i-corona.

Siyayamkela indima edlalwa yimibutho yasekuhlaleni elizweni eqhuba amaphulo okufundisa ngesi sifo kunye nokudibanisa abantu ukuba bathathe amanyathelo ukuthintela ukusasazeka kwale ntsholongwane.

Oku kuquka imibutho yezemidlalo, eyezopolitiko, eyezabasebenzi, imigalelo, oomasingcwabane, amaqela amanina, imibutho yamashishini amancinci, imibutho yoluntu kunye neyolutsha.

Ngulo msebenzi obangele ukuba amanyathelo ethu okulwa intsholongwane i-corona abe neziphumo ezihle kakhulu.

Songeza izakhono zecandelo lethu lezempilo ukuze sikwazi ukubona, sibakhethele ecaleni, sibavavanye size sibanyange bonke abantu abafumaniseke benale ntsholongwane size emva koko silandele umkhondo wabo bonke abantu ebebedibene nalo mntu unale ntshongwane sibavalele bodwa. Oku sikwenza sincediswa nangamanye amanyathelo alula ekufuneka sonke siwathathe.

Kwezi ntsuku zizayo, siza kwazisa isixhobo esitsha esinamandla ukuxhasa iinzame zethu zedijithali zokufumana umkhondo wabantu abathe badibana nomntu owosulelekileyo.

Ukongeza kwindlela yokulandela umkhondo ebisebenzisa iifomu ezigcwaliswa ngesandla kunye no-WhatsApp kazwelonke, kuza kusetyenziswa iminxeba yeselula ukwazisa abantu ngokukhawuleza ngelixa iinkcukacha zabo ziza kugcinwa ziyimfihlo futhi nabo bengaziwa.

UMphathiswa wezeMpilo, emele urhulumente, ucele uMlawuli-Jikelele woMbutho wezeMpilo weHlabathi, uGq Tedros Ghebreyesus, ukuba athumele iingcaphephe eMzantsi Afrika ukuza kuxhasa iinzame zethu zokulwa nale ntsholongwane i-corona.

Siyibulela ngokungazenzisiyo inkxaso esiyifumana kwi-WHO, ethumele iingcaphephe ezingama-43 eMzantsi Afrika ukuza kuncedisa iingcaphephe zethu kumsebenzi onzima wokunceda ukulwa nalo bhubhane.

Sele bebonelela ngoncedo ngokubhekiselele kuhlaziyo lwezifo, ulawulo losusuleko, ulawulo lweziganeko kunye nokubandakanywa kwabahlali.

Kufuneka siqhubeke nokunciphisa amathuba okuqhambuka kwesi sifo kwiindawo ezinabantu abampilo ibuthathaka, ingakumbi kumakhaya abantu abadala, amaziko ezempilo abantu abagula ngengqondo nakwamanye amaziko.

Siza kuziqinisa kwakhona iinzame zokunyanzelisa ukuthotyelwa kwemigaqoyezempilo kwiindawo zomsebenzi, kwiivenkile ezinkulu nakwizithuthi zikawonke-wonke kunye nokwenza indawo ekhuselekileyo yokuba amashishini asebenze.

Ngelixa le ngxaki isihlanganisile njengesizwe, simanyene ekulweni utshaba olunye sonke, iye yavusa ikakade lemikhuba emibi kubanye bethu kwesi sizwe sakuthi.

Siyibonile le mikhuba kwabanye abantu abathe bafuna ukuzenzela imali ngondlela-mnyama kulobhubhane.

Sithathe amanyathelo angqwabalala okunqanda lo mkhuba nokuzisa ngaphambili abo batyholwa ngale mikhuba, kwaye siza kuqhuba nokwazisa isizwe rhoqo ngenkqubela phambili esiyenzayo.

Siyaqhubeka nokulwa nesihelegu sobundlobongela obujolise kumanina.

Siyaqhubeka nomsebenzi wokuqinisa amanyathelo enkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho, ukubonelela ngenkxaso engcono kumaxhoba obundlobongela obujolise kumanina kunye, okubaluleke kakhulu, ukuqinisa onke amanyathelo okuthintela.

Kulandela amanyathelo esiwabekileyo njengenxalenye yemali ezizigidi ezingama-500 zeerandi yesibonelelo sezentlalo nezoqoqosho, siyaqhubeka nokuthetha namahlakani ethu ezentlalo kwezoshishino nakwezabasebenzi zokuba singayigcina size siyiphucule njani inkxaso enikwa iinkampani, abasebenzi kunye namakhaya.

Ukunyenyisa ngakumbi imigaqo yezithintelo kusinika elona thuba lihle kakhulu ukusukela oko kuqale lo bhubhane lokuvuselela nokukhwezela uqoqosho oludodobalayo lweli lizwe lakuthi.

Nangona sivula intshukumo yezoqoqosho, kuya kuthatha ixesha elide ukuba imizi-mveliso kunye namashishini abe nokuchacha, kwaye mninzi umsebenzi ekusafuneka wenziwe.

NgoLwesine, ndibize intlanganiso yawo onke amahlakani ezentlalo e-NEDLAC, oko kukuthi urhulumente, abasebenzi, amashishini kunye noluntu.

Ngoku sisebenza kunye kwinkqubo yokubuyisela ngokukhawuleza uqoqosho egxinisa kakhulu kumba wokudala imisebenzi nokukhusela ukuphela kwale ikhoyo.

Siza kwenza izibhengezo ngeziphumo zalo msebenzi kwezi veki zimbalwa zizayo. 

Siza kusebenzisa eli thuba hayi kuphela ukubuyisela uMzantsi Afrika kwindawo owawukuyo ngaphambili, koko nasekutshintsheni ilizwe lethu libe lilizwe elilinganayo, elinobulungisa ngakumbi kunye noqoqosho olunamandla.

Bemi boMzantsi Afrika,

Iintsuku ezinzima ngokwenene ziseza.

Nangona kunjalo, sikungqinile ukomelela kwethu njengesizwe kwezi nyanga zintlanu zidlulileyo.

Umsebenzi ophambi kwethu ngoku kukusebenzisa amandla afanayo esithe salwa ngawo lo bhubhane kwimizamo yokuvuselela uqoqosho.

Sijongene noqhwithela olude nolunzima.

Sinyamezele ubunzima obukhulu saze saphulukane nelahleko enganyamezelekiyo.

Kodwa siyaqhubeka nokuma nkqo sisilwa nolu hlaselo.

Sithathe amanyathelo okuzikhusela, okukhusela uluntu lwethu kunye nesizwe sethu.

Buyadeda ubumnyama ngoku, futhi siyakubona nokukhanya kuyavela.

Masiqhubeke nokubonakalisa inkathalo, unonophelo nokuphaphama.

Masiqhubeke simanyene ekuzimiseleni kwethu ukoyisa le ntsholongwane

Masiqhubekele phambili – isizwe esinye, ukuzimisela, ukuzithemba kunye nokuba nesibindi.

Morena boloka setjhaba sa heso, Setjhaba sa South Afrika.

Wanga uThixo angasikelela uMzantsi Afrika akhusele abantu bawo.

Ndiyabulela.

Share this page

Similar categories to explore