Intetho kaMongameli Cyril Ramaphosa ngendlela uMzantsi Afrika oSabela ngayo kuBhubhane wentsholongwane i-Corona

Bantu bakuthi, 

Ngoku kusisithuba esingaphezu kweentsuku ezili-100 ukususela saba nomntu wokuqala owosulelwa yintsholongwane i-corona apha eMzantsi Afrika.

Kwezi ntsuku zili-100 besihlala phantsi kwesifo esisesona sinobungozi kakhulu kwimpilo yehlabathi jikelele kwisithuba seminyaka engaphezulu kwe-100.

Esi sifo, kunye namanyathelo esiwathathileyo ukusilwa, sibangele ukuphazamiseka okukhulu kubomi babantu bakuthi, saza samisa ngxi uqoqosho lwethu futhi sabeka emingciphekweni iimpilo zezigidi zabantu.

Okwangoku, sele sibulale abantu abali-1 674 kweli lizwe lakuthi.

Embindini walo bhubhane utshabalalisa ubomi, sikhuthazwa kakhulu ziindaba ezivele kule veki zokuvela kwechiza le-COVID-19.

Uphando olwenziwe yi-Oxford University eBhritani lufumanise ukuba iyeza elibizwa ngokuba yi-dexamethasone – elikwaveliswa apha eMzantsi Afrika yenye yeenkampani zeli zamachiza futhi enalo ngokwaneleyo – linciphisa ukusweleka phakathi kwezigulane eziphefumliswa ngomatshini ngesithathu. 

ISebe lezeMpilo kunye neKomiti yaBacebisi babaPhathiswa licebise ukuba i-dexamethasone inokusetyenziswe kwizigulane eziphefumliswa ngoomatshini kunye neziphila ngomatshini ozincedisa nge-oksijini.

Sikholelwa ukuba oku kuza kuluphucula ulawulo lwesi sifo phakathi kwabo bosuleleke kakhulu. 

Ukususela ekuqaleni kolu qhambuko bangama-80 412 abantu ekuqinisekiswe ukuba bosulelwe yintsholongwane i-corona eMzantsi Afrika. Kweli nani, abantu abangama-44 331 – okanye malunga nama-55% – baphilile. Oku kuthetha ukuba okwangoku bangama-34 407 abantu abanale ntsholongwane kwizwelonke. Ukanti, njengoko sisazi, ngebebaninzi kakhulu abantu engesesibalulele ngoku.

Sithathe isigqibo ekuqaleni kokuvela kwesi sifo eMzantsi Afrika sokuthintela ukuhambela kumazwe angaphandle kunye neendibano ngesibhengezo seMeko yeNtlekele kaZwelonke nokuya kuthi emva koko kwamiselwa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwizwelonke ukuze kucothiswe ukusasazeka kwale ntsholongwane.
Ekwenzeni oku, besijolise ekunciphiseni inani labantu abosulelwa sesi sifo ukwenzela ukuba icandelo lezempilo likwazi ukukhathalela kakuhle inani elikhulu labantu abaza kudinga ukukhathalelwa.

Ngenxa yoko isigqibo esasithathayo ngoko – ingakumbi ngentsebenziswano, ukuzimisela kunye nokuncama njengesizwe - saphumelela ukulibazisa ukusasazeka kwale ntsholongwane. 

Enye yeendlela zokuvavanya isantya sokusasaza kukubala inani leentsuku ezithathayo le ntsholongwane ukuphinda-phinda kabini inani labantu abosulelekileyo.

Kwiiveki ezintathu ngaphambi kokumisela ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke, inani labantu abosulelekayo lalinyuka ngokuphindwe kabini rhoqo ngeentsuku ezimbini.

Ngexesha lenqanaba lesi-5 lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, eli xesha lokunyuka kwenani labosulelekileyo ngokuphindwe kabini landa ukuya kwiintsuku ezili-15, okuthetha ukuba kwathatha ixesha elide ukuba intsholongwane isasazeke. 

Ixesha elithathwa linani labosulelekileyo ukuphindeka kabini belimalunga neentsuku ezili-12 ngexesha lenqanaba lesi-4 nelesi-3.

Sisebenzise ixesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ukulungiselela kunye nokwandisa inkqubo yethu yezempilo kunye nokubeka amanyathelo kwicandelo lezempilo likarhulumente ukucutha inani labantu abosulelekayo.

Umsebenzi wokuphucula icandelo lethu lezempilo – oquka ukuvulwa kwamaziko okugcinwa bucala, ukwandisa inani leendawo zabantu abagula kakhulu kunye neebhedi kwizibhedlele zethutyana kunye nokukhangela oonompilo abongezelelweyo – uqhubeke kuwo onke amaphondo.

Kodwa nangona sisebenzise ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ukuqalisa ukunciphisa ukusasazeka, lo msebenzi usekude ukugqitywa. Nokuba kusemva kweentsuku ezili-100, asikabiphi kwesi sifo kwaye sizeza kuhlala nathi iinyanga ezininzi, mhlawumbi iminyaka.

Umsebenzi wokujongana nobhubhane wentsholongwane i-corona ufana nokubaleka umdyharho womgama omde hayi owomgama omfutshane, kwaye ke ngoko kufuneka siyilolonge indlela esisabela ngayo ngokwenyani.

Ngaphaya kweeveki ezimbalwa ezidlulileyo, inani labantu abosulelekileyo linyuke ngokukhawuleza. Malunga nesithathu sabo bonke abaqinisekisiweyo ukuba banale ntsholongwane basifumene kule veki iphelileyo yodwa baze abangaphezu kwesiqingatha babo bonke abaqinisekisiweyo ukuba bosulelekile bona basifumene kwezi veki zimbini ezidlulileyo. 

INtshona Koloni okwangoku lelona phondo libethwe kakhulu sesi sifo, i-60% yabantu abosulelwe sesi sifo kwizwelonke baphuma kweli phondo.

Ngelixa inani labantu abosulelana ekuhlaleni belikade liphantsi kwiindawo ezininzi elizweni kwezi veki zili-9 zidlulileyo, ngoku likhula ngokukhawuleza kweliya phondo.

Kukho izinto ezibonisa ukuba inani labantu abosulelekayo eMpuma Kapa ngoku liyaqala ukunyuka kwaye kungaziveki nje ezimbalwa eli phondo libe kwindawo yesibini emva kweNtshona Koloni ngenani labantu abosulelekileyo. 

Kuninzi lwethu, esi sifo ebesikade sikude kuthi ngoku sisondele kakhulu.
Uninzi lwethu ngoku lunomntu elimaziyo owosulelekileyo, nokuba kusemsebenzini okanye esikolweni okanye ecaweni, e-mosque, etempileni okanye i-synagogue. Isenokuba ngomnye wabahlobo bethu okanye ilungu losapho lwethu.

Uninzi lwenu luxhalabile kukwanda kwenani labantu abosulelekayo kwaye ninexhala ngokhuseleko kunye nempilo yezihlobo nezalamane zenu.

Unexhala malunga nokunokwenzeka xa unokosuleleka, eteksini okanye ebhasini, emsebenzini okanye ezivenkileni, esikolweni okanye eyunivesithi, xa utyelele eklinikhi okanye esibhedlele. Ezi nkxalabo ziyavakala kwaye zifanelekile.

Ngenxa yokuba ilizwe livuleka kancinci kancinci, njengoko siqalisa imisebenzi emininzi, amathuba okosuleleka ngokuqinisekileyo ayanda.

Ngenxa yokuziphatha kwethu njengabantu ngabanye sinokuthi sinciphise amathuba okosuleleka okanye okosulela abanye abantu. Kwaye kungenxa yeentshukumo zethu singabanye futhi siliqela apho sinokuqhubeka neqondo losulelo kwisizwe siphela.

Uphando lubonisa ukuba ukunxiba isigqubuthelo-buso selaphu okanye ilaphu eligquma impumlo nomlomo ngawo onke amaxesha xa umntu esesidlangalaleni yenye yalo manyathelo athoba isantya sosasazeko lwale ntsholongwane.

Izigidi zabantu boMzantsi Afrika – kuquka abantwana abancinci – ngoku banxiba izigqubuthelo-buso zelaphu naninina bephuma ekhaya.

Nangona kunjalo, abanye babemi boMzantsi Afrika abayithatheli ngqalelo into yokunxiba izigqubuthelo-buso.
 
Singathanda ukukhuthaza wonke umntu welizwe lethu ukuba anxibe isigqubuthelo-buso xa esesidlangalaleni.

Masiqinisekise ukuba asabelani ngezigqubuthelo-buso kwaye siyazihlamba kakuhle ngesepha namanzi emva kokuba sizisebenzisile. 

Noko kunjalo, ukunxiba izigqubuthelo-buso akuthathi ndawo yakuhlamba izandla rhoqo ngesepha namanzi okanye yesibulala-ntsholongwane kwaye nokugcina umgama phakathi kwabantu oyimitha enesiqingatha, i-1.5m.

Masikhumbule ukungaphathi ubuso bethu ngezandla ezingahlanjwanga, kwaye size sicoce iindawo rhoqo ngesibulala-ntsholongwane.

Kufuneka kwakhona sikhumbule ukuba ukungasondelelani iseyeyona ndlela isebenza kakuhle yokunciphisa ukusasazeka kwale ntsholongwane.

Ezi zinto zisisiseko ziba zezona zibaluleke ngakumbi ngoku njengoko sinciphisa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwaye singena kwinqanaba elitsha kwindlela esisabela ngayo kwintsholongwane i-corona. 

Ezi isezezona ndlela zingcono zokunqanda ukusasazeka kwale ntsholongwane.

Iingcali zethu zezempilo zicebise ukuba amanyathelo okungenelela afana nokwakha iindlwana zokubulala iintsholongwane ngokuqhumisa kunye nokutshizwa komzimba akufuneki asetyenziswe njengoko kungekho ncedo lwaziwayo ngokwenza oku kwaye futhi kusenokuba yingozi.

Kwasekuqaleni, besisazi ukuba amanyathelo aqatha ebedingeka ukucothisa ukosulelana kwabantu ekuhlaleni.
Kodwa besisazi kwakhona ukuba ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke akusikwazi ukukugcina ngokungena siphelo.

Ngokudlulela kwinqanaba lesi-3 ukususela ngomhla woku-1 kweyeSilimela, ukusabela kwethu kuthintelo ngoku kujolise ikakhulu kwizinto ezilula zemihla ngemihla ezinokwenziwa ngumntu ngamnye kuthi ukuzikhusela yena buqu kunye nabanye abantu kwiindawo esihlala kuzo.

Kungomnye nomnye wethu ukuthatha uxanduva, nokuba siphi futhi singobani, ukunqanda ukusasazeka kwesi sifo.

Amandla okoyisa intsholongwane i-corona asezandleni zethu.

Ukusabela kwethu ngoku kugxile ikakhulu, kwiindawo ezinabantu abaninzi abosulelekileyo ezinamazinga aphezulu okosuleleka kunye nokuthumela amaqela ezempilo ahlukeneyo ukuba anqande ukuqhambuka kunye nokuqinisekisa ukuba abo bosulelekileyo bafumana ukhathalelo oluyimfuneko.

Kwangaxeshanye, sikwandise kakhulu ukuhlola iimpawu zentsholongwane i-corona kwizwelonke, kwiindawo zonke zokusebenza, esikolweni, eyunivesithi, kwiindawo zokuthenga, ezinkonzweni, kwirenki zeeteksi okanye kwindawo zikawonke-wonke apho abantu badibanela khona.

Njengakwamanye amazwe, uMzantsi Afrika uchatshazelwe kukushokoxeka kwezixhobo zokuhlola intsholongwane i-corona kunye nezinye izixhobo kwihlabathi jikelele.

Kuye kwafuneka ke ngoko ukuba sijolise ngakumbi kuvavanyo lwethu, ukubeka phambili izigulana ezisesibhedlele, oonompilo, abantu abasesichengeni njengabantu abadala kunye neendawo ezinabantu abaninzi abosulelekileyo. 

Nangona imeko iphucuka nje, siyaqhubeka nokufumana ulibaziseko kuvavanyo.
 
Oku kuneziphumo ezinzima zokuphatha ngokufanelekileyo izigulana ezosulelekileyo kunye nokulandelela unxibelelwano lwabantu abosulelekileyo. 

Ngoko ke sisebenzisa nantoni na ekhoyo ukufumana izixhobo esizidingayo kunye nokwandisa inani labantu abavavanyiweyo kunye nokuphucula ixesha lokufumana iziphumo. 

Phakathi kwamalinge esiwazamileyo kunye namanye amazwe kwizwekazi lethu i-Afrika kukuqalisa i-Africa Medical Supplies Portal. 

Le yindawo enye yokuthengisa yezwekazi apho amazwe ase-Afrika anokufumana izixhobo zonyango ezibalulekileyo, ezifana nezixhobo zovavanyo, ezisuka kubathengisi kunye nabavelisi e-Afrika kunye nakuwo onke amazwe ehlabathi ngokomlinganiselo oyimfuneko futhi ngamaxabiso afikelelekayo.

Eli qonga liza kuncedisa kumsebenzi owenziwayo ukuqinisekisa ukuba sinezixhobo zonyango, izixhobo zokuzikhusela kunye nezixhobo zezibhedlele ezongezelelweyo ukwazi ukumelana nokwanda okulindelweyo kwezigulane ezine-COVID-19.

Bantu boMzantsi Afrika,

Ubhubhane wentsholongwane i-corona akayongxaki yezempilo yehlabathi jikelele kuphela. Ukwayingxaki yezoqoqosho yehlabathi jikelele yokwanda okuhlala kukhula.

Alikho ilizwe, neshishini kunye nomntu ongachaphazelekanga.

Apha eMzantsi Afrika, lo bhubhane uphazamise kakhulu indlela yokuphila yezigidi zabantu.

Njengoko nisazi uninzi lwamashishini avala ngomhla wama-27 kweyoKwindla, ukuqalisa kokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke, kwaye akakavuli phantsi kwezithintelo zangoku.

La aquka iinkampani ezinkulu ezinabasebenzi abangamawaka amaninzi kunye namashishini amancinci amaninzi anabasebenzi abambalwa.

Oku kuthetha ukuba kukho amashishini angakhange afumane nayiphi na ingeniso kunye nabantu abangakhange bafumane nayiphi na imivuzo kwisithuba esingaphezulu kweentsuku ezingama-80.

Nangamanyathelo akhoyo okuxhasa iinkampani, abasebenzi kunye namakhaya ahluphekayo njengenxenye yenkxaso yoncedo eziibhiliyoni ezingama-500 zeerandi, kukho umda wokuba la mashishini anokuhlala evaliwe ixesha elingakanani.

Xa ndandisazisa ukuba isizwe siza kuya kwinqanaba lesi-3 lesilumkiso ukususela ngomhla woku-1 kweyeSilimela, ndathi siza kuwuqwalasela umba wokuvulwa kwamanye amacandelo oqoqosho ukuba amanyathelo okhuseleko afanelekileyo anokubekwa aze agcinwe.

Ukulandela iingxoxo ezilandelayo nabameli bamashishini ngeenkqubo zothintelo ezingqongqo, kwaye emva kwecebiso elisuka koosonzululwazi kunye nothetha-thethwano neeNkulumbuso, iKhabhinethi igqibe ukuba kunyenyiswe izithintelo kweminye imisebenzi yoqoqosho.

Le misebenzi iquka:

  • Abantu bavunyelwe ukuba baye kutya kwiirestyu. 
  • Iindawo zeendwendwe ezibhalisiweyo futhi ezinesiqinisekiso, ngaphandle kweendawo zeendwendwe eziqhutyelwa kumakhaya ezifana ne-AirBnb.
  • Iingqungquthela kunye neentlanganiso zeenjongo zoshishino kwaye ngokuhamba nezithintelo zeendibano zikawonke-wonke.
  • Iindawo zemiboniso-bhanya-bhanya kunye nemidlalo yeqonga, ukuze zihambelane nokusikelwa umda ekudibaneni kwabantu. 
  • Iindawo zokungcakaza.
  • Iinkonzo zokuzikhathalela, kuquka iindawo zokwenza iinwele kunye neenkonzo zobuhle.
  • Imidlalo ekungagilwanayo kuyo efana negalufa, umdlalo wentenetya, oweqakamba neminye. Imidlalo apho kugilwanayo kuyo iza kuvunyelwa kuphela xa abadlali beza kuzivoca-voca bezilolonga kunye nemidlalo etshintshiweyo indlela ibikade idlalwa ngayo apho kuza kusetyenziswa izixhobo zayo ezimbalwa kunesiqhelo.

 
Kwimeko nganye, iimfuno ezithile nezingqongqo zokhuseleko kuye kwavunyelwana ngazo kwaye ziya kudinga ukuba zibe khona ngaphambi kokuba ishishini livulwe kwakhona, kwaye iinkqubo kuya kudingeka ukuba zilandelwe ngokungqongqo ukuze amashishini ahlale evuliwe.

Izibhengezo ziza kwenziwa ngexesha elifanelekileyo ukuchaza la manyathelo kuze kuchazwe nomhla apho ezi ntshukumo ziza kuvunywa ngawo. 

Sithathe isigqibo ngenkathalo nangobunzulu, sibuqonda ubungozi obuhambelana nomsebenzi ngamnye kunye namanyathelo afunekayo okulawula obo bungozi.

Iyonke le mizi-mveliso ibiqeshe abantu abangaphezulu kwama-500 000 ngaphambi kokuba kuvalelekwe phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke.

Siye sacingela aba bantu kunye nabo baxhomekeke kubo ngendlela yokuphila kwabo.

Ngokunyenyisa ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile siyaqhubeka nokuzinzisa iinjongo zethu ezigqithisileyo ukusindisa ubomi kunye nokugcina indlela yokuphila kwabantu.

Kubalulekile ukukhumbula ukuba lo ngubhubhane wehlabathi jikelele kwaye uninzi lwamazwe ajongene nemingeni efana neyethu futhi kufuneka asombulule iingxaki ezifanayo nezi zethu.

Ngoko ke sisebenzana kakhulu nee-arhente zamanye amazwe kunye namanye amazwe ukusabela kwintsholongwane i-corona.

NjengoSihlalo weManyano ye-Afrika (i-African Union), sibandakanyeke kakhulu ekubambeni indlela efanayo kwilizwekazi liphela, ukuqinisekisa ukuba sidibanisa izixhobo kunye nokuphuhlisa izicwangciso zokuqinisekisa ukuba akukho lizwe lishiyekayo.

Kungokunje kukho abantu abangaphezulu kwama-250 000 ekuqinisekisiweyo ukuba bosulelekile yile ntsholongwane e-Afrika kwaye kukho abantu abangaphezulu kwama-6 700 abaswelekileyo.
 
Eli nani lingaphantsi kakhulu xa lithelekiswa nenani labantu abosulelwe yile ntsholongwane kwihlabathi jikelele – ngoku esele lidlule izigidi ezisi-8 – ubukhulu becala kukuba amazwe ase-Afrika akhawulezisa ukumisela ukuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile kwezwelonke. 

Nangona kunjalo, singalindela ukuba inani labantu abasulelekileyo e-Afrika linyuke kakhulu njengoko amazwe enyenyise izithintelo ngenxa yoxinzelelo lwezoqoqosho olumandla kwaye sisebenza kunye njengelizwekazi ukumelana nale miceli-mingeni. 

Bekubaluleke kakhulu kuthi ukuba sizivule iinkonzo zokuzikhathalela, kuba eli lishishini eliqesha ikakhulu amanina.

Ezi nyanga zintathu zidlulileyo bezinzima kakhulu kwizigidi zamanina asebenza njengabalungisi beenwele, kwii-spa, njengabanyangi kunye noochwepheshe bokwenza iinwele neenzipho zamanina.

Uninzi lwala mashishini abanikazi bawo ngamanina kwaye umthombo wengeniso ukumashishini angabhaliswanga ngokusesikweni.

Ukunika amanina inkxaso eyimfuneko ukuze azimele kwezezimali yeyona nto iphambili ngokubaluleka, ngakumbi kule minyaka siphila kuyo.

Intliziyo yam idandatheke kakhulu xa ndime phambi kwamanina namantombazana aseMzantsi Afrika ngobu busuku ndithetha ngomnye ubhubhane ogqugqisa ilizwe lethu – ukubulawa kwamanina kunye nabantwana ngamadoda elizwe lethu.

Njengendoda, umyeni kunye notata, ndikhwankqisiwe yinto efana nemfazwe eqhubeka kumanina nabantwana belizwe lethu. 

Ngexesha apho ubhubhane esishiye siziva singenamandla kwaye singaqinisekanga, ubundlobongela buvulelwe kumanina nabantwana ngobundladiya obungaziwayo intsusa yabo.

Aba badlwenguli nababulali bahamba apha phakathi kwethu. 

Sihlala nabo.

Ngootata bethu, abantakwethu, oonyana bethu kunye nabahlobo bethu; amadoda anobundlobongela angabukhathalelanga ubungcwele bobomi bomntu.

Kwezi veki zimbalwa zidlulileyo awakho ngaphantsi kwama-21 amanina nabantwana ababuleweyo.

Ababulali babo bacinga ukuba baza kubavala umlomo.

Kodwa asisoze sibalibale kwaye siza kubathethela apho bangakwaziyo ukuzithethela.

Siza kuthetha ngoTshegofatso Pule, ngoNaledi Phangindawo, ngoNompumelelo Tshaka, ngoNomfazi Gabada, ngoNwabisa Mgwandela, ngo-Altecia Kortjie kunye noLindelwa Peni, onke la manina aselula abulawa ngamadoda. 

Siza kuthetha ngomakhulu oneminyaka engama-89 ubudala owabulawa kwikhaya labantu abadala eKomani, ngomakhulu oneminyaka engama-79 ubudala owabulawa e-Brakpan kunye nenina elikhulileyo eladlwengulwa kwaSwayimane KwaZulu Natala.

Siza kuthetha ngomphefumlo ongenatyala wentombi eyayingekazalwa kaTshegofatso Pule eyayisele ithiywe igama, ngoka-Reynecia Kotjie obeneminyaka emithandathu kunye nowomntwana obeneminyaka emithandathu owafunyanwa eswelekile ethafeni kwiphondo laKwaZulu Natala.

Abangomanani nje kuphela. Banamagama kwaye baneentsapho kunye nezihlobo.

Ngokuhlwa nje, masibabeke ezintliziyweni nasemithandazweni.

Ndifuna ukuncoma iNkonzo yaMapolisa yaseMzantsi Afrika ngomsebenzi oncomekayo wokubamba phantse bonke abatyholwa.

Njengoko aba batyholwa befake izicelo zebheyile kule veki, ndinethemba elikhulu ukuba iinkundla zethu ziza kubonisa wonke umntu ukuba obu bundlobongela abunandawo kwisizwe sakuthi.

Kwindibano edibeneyo ePalamente kweyoMsintsi kulo nyaka uphelileyo, ndabhengeza isiCwangciso sokuSabela ngokuNgxamileyo ukulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kunye nokubulawa kwamanina nokuba inkxaso-mali esuka kurhulumente eyibhiliyoni e-1.6 yeerandi iza kuxulwa kwenye indawo ize isetyenziselwe ukuphunyezwa kwesi siCwangiso kude kube sekupheleni konyaka-mali.

Ngoku sinesiCwangciso esiQiqisisiweyo seSizwe ukukhokela iinzame zelizwe lethu zokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini.

Ngexesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile saqinisekisa ukuba abo bangamaxhoba obundlobongela obusekelwe kwisini baza kufumana inkxaso kunye neenkonzo, kuquka umnxeba wemibuzo we-GBV, iindawo zokhuselo kunye namaziko abonelela ngenkxaso kumaxhoba obundlobongela obuphathelele kwezesondo.

Ukususela kweyoMnga kulo nyaka uphelileyo, izakhiwo ezilishumi zikarhulumente zanikwa iSebe lezoPhuhliso loLuntu ukuba zisetyenziswe njengeendawo zokhuselo, ukujongana nomceli-mngeni omkhulu ojamelene namaxhoba afuna amaqabane awo abaphethe kakubi.

Kwezi nyanga zili-18 zidlulileyo, senze umsebenzi obonakalayo ekuqinisekiseni ukuba abantu abaninzi abangamaxhoba bafumana inkxaso noncedo.

Iinkundla zeengingqi ezilishumi elinesithathu zilungisiwe zaze zatshintshwa zaziinkundla zamatyala ezesondo. 

Ukuxhasa umsebenzi wee-arhente zogcino-mthetho, izixhobo zokuqokelela ubungqina ezingama-7 000 zithunyelwa rhoqo kuzo zonke izikhululo zamapolisa kwizwelonke kwaye kukho amagumbi ali-1 000 okunceda amaxhoba kwizikhululo zamapolisa. 

Amapolisa, abatshutshisi, oomantyi kunye neengcali zomgaqo-nkqubo ezininzi ziye kuqeqesho lokufundisa ngovelwano nolwazi, kwaye abasebenzi bakarhulumente abangama-3 000 abasebenza nabantwana nabantu abakhubazeke ngokwengqondo baye bajongwa ukuba awekho na amagama abo kwiRejista yeSizwe yezaPhuli-mthetho zamaTyala ezeSondo.

Zenziwe izilungiso kwimithetho enxulumene nelona xesha lifutshane lesigwebo kumatyala obundlobongela obusekelwe kwisini, imiqathango ebekelwa abarhanelwa xa benikwa ibheyile, kunye nokhuselo olukhulu lwamanina angamaxhoba okuphathwa gadalala ngamaqabane abo, phakathi kwezinye izinto. 

Ndibongoza bonke abenzi-mithetho ePalamente ukuba baqhubeke nokwenza ezi zilungiso ngaphandle kokulibazisa.

Iinkundla zethu bezingqongqo ngokuphathelele kumatyala obundlobongela obusekelwe kwisini nangona ibilixesha lokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile, zikhupha izigwebo zobomi kunye nezigwebo zeminyaka emininzi kubaphuli-mthetho.

Ndifuna ukuqinisekisa amanina kunye nabantwana boMzantsi Afrika ukuba iinkundla zethu zamatyala ziza kugxila kumatyala obundlobongela obusekelwe kwisini kwaye singalindela ukubanjwa kunye nokutshutshiswa ngakumbi kubenzi bobubi kulandele.

Abenzi bobundlobongela obenziwa kumanina kunye nakubantwana kufuneka bafumane izigwebo ezilingana nolu lwaphulo-mthetho loyikekayo balwenzayo.

Kuphazamisa kakhulu ukuba ukunyuka kolwaphulo-mthetho olwenziwa kumanina kunye nakubantwana lungqamane nokuhla kokuvaleleka phantsi kwemiqathango ethile ngenxa yentsholongwane i-corona.

Ngokwamapolisa, ulwaphulo-mthetho olunobundlobongela – ingakumbi ukubulala kunye nokuzama ukubulala – lunyukile ukususela oko kuqalise inqanaba lesi-3 lesilumkiso ngomhla woku-1 kweyeSilimela. 

Amatyala okuxhatshazwa kwamanina kunye nabantwana nawo anyuke ngokumangalisayo.

Kudingeka ukuba sizibuze eminye imibuzo enzima kakhulu ngokwethu njengesizwe. 

Ngokukodwa, kufuneka sikhe siqwalasele iziphumo zokusetyenziswa gwenxa kotywala hayi kuphela nje kumanqanaba obundlobongela, kodwa nakwiingozi zendlela kunye nokungaziphathi kakuhle.

Amaphulo ophando amaninzi ehlabathi nawalapho ekhaya abonisa unxibelelwano olucacileyo phakathi kokusetyenziswa gwenxa kotywala kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini.

Ewe kakade, ayibobutywala obudlwengula okanye obubulala inina okanye umntwana. 

Endaweni yoko, zizenzo zamadoda andlongondlongo.

Kodwa ukuba ukunxila butywala kunegalelo kolu lwaphulo-mthetho, ngoko ke kufuneka loo nto ilungiswe ngokukhawulezileyo.

Kufuneka sifunde isifundo kolu valeleko phantsi kwemiqathango ethile kwaye sithathe isigqibo sokuba singabakhusela njani abantu bakuthi kwingxaki yokusetyenziswa gwenxa kotywala. 

Ngokuqinisekileyo, kufuneka sibonelele ngenkxaso enkulu abantu abaneengxaki zokusela, kuquka nokuvuselela kunye nonyango.

Sidinga ukukhuthaza ukusela ngendlela efanelekileyo, ingakumbi ulutsha.

Sidinga ukuba nesandla esiqinileyo kwiindawo ezithengisa utywala ezophula imigaqo yeelayisenisi zazo kunye nabathengisela abo baneminyaka yokudala engaphantsi kule isemthethweni.
 
Kodwa kuya kufuneka sijonge nangakumbi, kumanyathelo okuphelisa ukusetyenziswa gwenxa kotywala. 

Ekugqibeleni, lakuthi ukuze liphumelele idabi lethu lokulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini siqale thina sonke sibhinqe omfutshane sixhase isizwe sethu sonke.

Ukuba siqinisekile ekugqibeni nya olu lwaphulo-mthetho, asinako ukuhlala sithe cwaka.
 
Aba baphuli-mthetho siyabazi futhi bayaziwa naluluntu.

Ngokujonga ecaleni, ngokukhuthaza amaxhoba ukuba angamangali, ngokuhlekisa ngamanina athe azikhethela iindlela ezithile zokuphila okanye ukunxiba, siyancedisa kolu lwaphulo-mthetho.

Kwakhona ndicela omnye nomnye apha eMzantsi Afrika omameleyo ngolu rhatya ukuba acinge isiphumo sokuthula kwakhe. 

Njengelizwe, sizifumana songanyelwe ngoobhubhane abanzima ababini.

Nangona bahluke kakhulu kubume kunye nonobangela, kodwa zombini zingoyiswa – ukuba nje sinokusebenzisana, ukuba thina sonke sithatha uxanduva lwezenzo zethu kwaye ukuba siyanakekelana.

Indlela eya phambili iza kuba nde kwaye ibe nzima.

Umsebenzi wokuchacha uza kuba mkhulu.

Kodwa ukuba kukho into esiyifundileyo kwezi ntsuku zili-100 zidlulileyo, kukuba singabantu abanyamezelayo, abanamacebo nabazimiseleyo.

Siza koyisa.

Wanga uThixo angawusikelela uMzantsi Afrika aze akhusele abantu bawo.

Ndiyabulela.


 

Share this page

Similar categories to explore